10.Jonas

  1. Alif-Lâm-Râ Ezi ziiVesi zeNcwadi yobulumko
  2. Ingaba ngumnqa na ebantwini into yokuba Sithumele isiTyhilelo seThu kwindoda ephuma phakathi kwabo?2 (Sithi kuyo): “Lumkisa abantu (ngoMlilo ozayo), unike iindaba ezivuyisayo kwabo bakholwayo, zokuba baza kuyifumana imivuzo yabo eNkosini yabo yezenzo zabo ezilungileyo!” Kodwa abangakholwayo bathi: “Inene Lo (uMuhammad) ngumenzi wemilingo ocacileyo.”
  3. Inene iNkosi yenu nguAllâh Owadala amazulu nomhlaba ngeentsuku ezintandathu Wabuya Wanyusela iTrone yaKhe ngentla3. Elungelelanisa imeko yezinto zonke. Akukho mthetheleli (unokuMcenga) ngaphandle kokuba Uvumile Yena. NguAllâh ke loWo, iNkosi yenu; nina nqulani Yena (Yedwa), ngoku ke ingaba aniyi kukhumbula
  4. KuYe kulapho niza kubuyela khona nonke. Isithembiso sika-Allâh siyinyaniso. NguYe Oqalela indalo ukanti Uza kuphinda Ayiphinde khon’ukuze Anike umvuzo ngobulungisa kwabo bakholwayo benza izenzo ezilungileyo. Ke bona abo bangakholwayo baya kufumana ulwelo4 olubilayo lube sisiselo sabo ngenxa yokuba bengakholwa
  5. NguYe Owenze ilanga laba sisikhanyisi nenyanga yaba kukukhazimla Waza Wayiqingqela amaxesha khon’ukuze nazi inani leminyaka noqikelelo. Yena Ucacisa iiVesi ngengcombolo kubantu abanolwazi
  6. Inene, ekubolekisaneni kobusuku nemini nakuko konke oko uAllâh Akudalileyo emazulwini nasemhlabeni kukho imiqondiso kwabo balugcinayo uxanduva lwabo kuAllâh, baMoyike kakhulu
  7. Inene, abo bangenathemba lokudibana naThi, kodwa babe bonwabile, banelisekile bubomi beli hlabathi, nabo bangazithabatheli ngqalelo iiVesi zeThu
  8. Abo ke ikhaya labo liya kuba nguMlilo, ngenxa yoko (kungendawo) bakusebenzelayo
  9. Inene abo bakholwayo, benze imisebenzi yobulungisa, iNkosi yabo Iya kubakhokelela ngokholo lwabo; ezantsi kwabo kuya kumpompoza imilambo kwiMiyezo eyonwabisayo (ePaladesi)
  10. Indlela yabo yokucela apho iya kuba nguSubhanaka Allâhumma (uZuko malube kuWe O Allâh) nokuthi: Salâm (makube luxolo nokhuseleko ebubini), iya kuba ngumbuliso wabo apho (ePaladesi)! Ize ukuqukumbela kwabo isicelo sabo ibe nguAlhamdulillâhi rabbil’âlamîm (Iindumiso nemibulelo yonke mayibe kuAllâh iNkosi, uMlondolozi wamazwe)
  11. Kananjalo ukuba uAllâh Ebe nokukhawuleza (ukuhlisa) ububi ebantwini njengoko Ekhawuleza ukuhlisa okulungileyo phezu kwabo, ngesele batshabalalayo. Ke kaloku Siyabayeka abo bangalindelanga kuhlangana naThi, bafathule ngobumfama ekulahlekeni (kwabo)
  12. Kananjalo uthi umntu esakufunyanwa bububi, (aqale) abize kuThi, engqengqe ngecala, ehleli phantsi okanye emi (ngeenyawo). Kodwa Sithi Sisakubususa ububi obo kuye, asuke abe ngathi akhanga abize kuThi ngobubi obe bumfumene! Ke kaloku kwenziwe kwabonakala kukuhle kubenzi bobubi oko bakwenzayo
  13. Ukanti eneneni Thina Sizitshabalalisile izizukulwana ezingaphambili kunani, ngenxa yobugwenxa ezabenzayo, lo gama abaThunywa bazo beza kuzo nemiqondiso ecacileyo, kodwa zona (izizukulwana ezo) azabi ngabo abakholwayo! Sibabuyekeza kanjalo ke abantu abangabenzi bobubi
  14. Saza Senzaninaukubaniveleemvakwabo, yabazizizukulwana emva kwezizukulwana emhlabeni, khon’ukuze Sijonge okokuba niza kusebenza njani na nina
  15. Yabonani xa iiVesi zeThu zicengcelezwa kubo abo bangenathemba lakudibana naThi (ngeNye iMini), bathi: “Sizele ne’Kur’ân engasiyiyo le, kungenjalo tshintsha le.” Yithi wena (Muhammad), “Ayikokwam ukuyitshintsha ngokwendlela endithanda ngayo, kuphela mna ndilandela oko kutyhiliweyo kum. Inene mna ndoyika isohlwayo seMini eNkulu xa ndinokungayithobeli iNkosi yam.”
  16. Yithi (Muhammad): “Ukuba uAllâh Ebethande njalo ngendingakhanga ndayicengceleza kuni, Ebengazi kuyenza yazeke nokwazeka kuni. Inene, mna ndiphile ubomi obude nani ngaphambili ukuza kuthi ga ngoku. Ingaba aninangqiqo na?”
  17. Ngubani na owenza ubugwenxa obugqithe obalowo uqamba ubuxoki ngoAllâh okanye aphike iiVesi zaKhe? Inene abenzi bobubi abasokuze baphumelele
  18. Kananjalo banqula nto zimbi ngaphandle koAllâh ezingenakubenza bubi, zingekhe zibazuzise nto, baze bathi: “Ezi (zithixo, okanye, ezi zinyanya) zethu ngabathetheleli bethu kuAllâh.” Yithi (kubo): “Ingaba nixelela uAllâh ngezinto Angenalwazi ngazo emazulwini nasemhlabeni kusini na? Makazukiswe, Yena Uphakamile, Ungentla kwazo zonke (ezo zinto) bazayamanisa naYe.”
  19. Abantu babeluluntu olunye baza (kamva) baba nezahlukano ukanti ukuba kwakungekho ngenxa yelizwi elaphumayo livela eNkosini yakho, ngesele kwagwetywa phakathi kwabo mayela noko babephikisana ngako
  20. Kananjalo bathi: “Kutheni na ukuba kungabikho mqondiso othunyelwayo kuye (uMuhammad) ovela eNkosini yaKhe?” Yithi wena: “Okungabonwayo kokuka-Allâh, ke lindani nam ndilindile phakathi kwabo balindileyo5.”
  21. Kananjalo Sithi Sisakwenza abantu ukuba bangcamle uBabalo emva kobunzima obebubathwaxile, basuke baqulunqe ngokuchasene nemiqondiso yeThu, yithi ke wena (kubo): “UAllâh Ukhawuleza ngakumbi ekuqulunqeni!” Inene, izithunywa zeThu zikubhala phantsi konke oko nikuqulunqayo
  22. Nguye Onenza nibe nako ukuhambahamba emhlabeni nangolwandle, de nibe sezinqanaweni, ziwize6 ngomoya oba luncedo, baze bavuye phakathi kuzo apho kude kufike umoya oyinkanyamba namaza, eze kubo macala onke, bade bacinge ukuba bagubungelekile. Babize kuAllâh benze ukholo lwabo lusulungeke kuYe Yedwa, (besithi): “Ukuba Wena Wedwa Ungasihlangula kule (meko), inene thina siya kuba ngabanombulelo.”
  23. Kodwa Esakubahlangula basuke batsho ukuba ngabavukeli emhlabeni, babe nobugwenxa. Hini na nina luntu (obo) buvukeli benu (nibenzayo, nibenza) ngokuchasene nani kuphela, lulonwatyana olufutshane lobomi beli hlabathi, kodwa (isiphetho) kukuThi apho niza kubuyela khona yaye Siza kunazisa ngoko nakwenzayo
  24. Inene, imfano yobomi beli hlabathi inje ngamanzi (emvula) eSiwathoba phantsi esuka esibhakabhakeni; ukuze ngawo kuhlume imveliso eyingxubevange yomhlaba, leyo abantu neenkomo bayidlayo: de umhlaba ugqunywe ngemihombiso yawo, wenziwe mhle nabantu bawo bade bacinge ukuba banawo onke amandla okuwulawula, Umyalelo weThu uwufikele ngobusuku okanye emini, Size Siwenze ukhuthuke khuthukiyane ube ngathi uchetywe wavunwa, ube ngathi akhanga uchume izolo! Sizichaza zicace kanjalo ke iiVesi zeThu kubantu abacingisisayo
  25. UAllâh Umemela kwikhaya loxolo (iPaladesi), Akhokelele lowo Athande ukumkhokelela eNdleleni ethe Tye
  26. Kwabo benze okulungileyo iya kuba ngumvuzo ongowona mhle nangaphezulu. Akuyi kubakho bumnyama, naluthuli, nahlazo liya kugquma ubuso babo. Bona bangabahlali basePaladesi baya kuhlala apho ngonaphakade
  27. Ke bona abo basebenzele izenzo ezingcolileyo, imbuyekezo yesenzo esingcolileyo yinto ekwafana naso, nehlazo elonyelisayo eliya kugquma (ubuso) babo, Akukho mkhuseli baya kumfumana kuAllâh. Ubuso babo buya kugqunywa bube ngathi zizicuku ngezicuku eziphuma kwinzulu yobumnyama yobusuku, ngabahlali baseMlilweni, (ke abo) abaya kuhlala apho ngonaphakade
  28. Kananjalo ngeMini leyo Siya kubaqundanisa ndaweninye bonke, Siya kuthi kwabo bayamanisa amahlulelane kuThi: “Yimani njalo ezindaweni zenu! Nina ndawonye namahlulelane enu (enaniwanqula)”. Size Sibahlukanise, aze amahlulelane abo athi: “Yayingesithi aba nanibanqula
  29. Ke kaloku uAllâh UliNgqina ngokwaneleyo phakathi kwethu nani, lokuba inene thina asazi nto ngokunqulwa kwethu nini.”
  30. Apho! Umntu ngamnye uya kuyazi into awayisebenzelayo ngaphambili, kananjalo (bonke) baza kumiswa phambi koAllâh, OyiNkosi yabo yokwenene, oothixo babo bobuxoki abaziyilela bona baya kunyamalala bangabikho phambi kwabo
  31. Yithi (Muhammad): “Ngubani na oninika umfunzelo ovela esibhakabhakeni nasemhlabeni? Ingubani uMnini kuva nokubona? Kanti ngubani Oveza abafileyo kwabaphilileyo? Ize ibe ngubani uMlungelelanisi wemicimbi?” Baza kuthi: “NguAllâh.” Yithi: “Ke ngoku anisoyiki (ngokuba nitheni na) isohlwayo sika-Allâh?”
  32. Lowo nguAllâh, iNkosi yenu yenyaniso, ke ngoku emveni kwenyaniso ingaba yintoni enye ngaphandle kokulahleka? Yintoni kanye ebaphambukisileyo
  33. Elo ke liLizwi leNkosi yakho eligwetyelwa ngakhona ngokuchasene nabo bangabagwiliki abangakholwayo
  34. Yithi: “Ingaba kuloo mahlulelane enu likhona na elikwaziyo ukuyila indalo lize liyiphinda-phinde?” Yithi: UAllâh Uyila indalo Aze Ayiphinda-phinde. Ke ngoku niphambukiswe yintoni (eNdleleni ethe Tye)?”
  35. Yithi: “Ingaba kuloo mahlulelane enu (nithi ngaka-Allâh) likhona elikhokelela enyanisweni?” Yithi: “NguAllâh Okhokelela enyanisweni. Ingaba Ofanelwe kukunqulwa ngulowo ukhokelela enyanisweni na nokuba ngulowo ungafumani siKhokelo ngaphandle kokokuba yena akhokelwe? Kanti kwenzeka ntoni na kuni? Nigweba kanjani na?”
  36. Ke kaloku uninzi lwabo akukho nto luyilandelayo ngaphandle koqash-qash. Inene, uqash-qash akayi kunceda nto ngokuchasene nenyaniso. Inene uAllâh Ukwazi konke oko bakwenzayo
  37. Kananjalo le’Kur’ân asinto enokufane ivezwe nguye nabani na ongengoAllâh, koko isisingqino (seziTyhilelo) ezatyhilwa phambi kwayo, yaye iyingcaciso efezekileyo ekungekho ntandabuzo kuyo, ivela kwiNkosi yamaphakade
  38. Okanye mhlawumbi bathi, Uyiqambe (ngokwakhe uMuhammad)? Yithi: “Vezani iSûrah efana nayo kaloku, nize nibize nakubani na lowo eninokubiza kuye ngaphandle koAllâh, ukuba ninenyaniso.”
  39. Yeha, baluphikile ulwazi ngayo, ababanganako ukuqulatha elwazini lwabo oko kungekazalisekiswa (okusisohlwayo sabo). Ukanti nabo bangaphambili kunabo baphika. Khawubone ke ukuba saba yintoni na isiphelo sabagabadeli
  40. Kananjalo phakathi kwabo kukho abo bakholwayo kuyo kuze phakathi kwabo kubekho abangakholwayo kuyo, ukanti iNkosi yakho Ibazi kakuhle abenzi bobubi
  41. Ke kaloku ukuba bayakuphikisa, yithi wena: “Mna ndinezenzo zam, ukanti nani ninezenzo zenu! Nina nimsulwa koko ndikwenzayo mna, kanti nam ndimsulwa koko nikwenzayo nina!”
  42. Phakathi kwabo bakhona abakuphulaphulayo, kodwa ungazenza izithulu zive na nokuba aziqiqi
  43. Ukanti phakathi kwabo kukho abaye bakujonge (ndla ngamehlo), kodwa ungaze ukwazi ukukhokela iimfama na nokuba aziboni
  44. Inene uAllâh Akaboni abantu nangantoni na, koko ngabantu ngokwabo abazonayo
  45. NgeMini Aza kubahlanganisela ndawonye bonke, iya kuba ngathi azanga bakhe bahlale (kweli hlabathi) iya kuba ngathi baphile iyure enye yemini. Baya kwazana. Abaya kutshabalala ngokwenyani ngabo babephika indibano yabo noAllâh, bengengabo nabakhokelelekileyo
  46. Enokuba Singakubonisa na (ngoku usaphilayo Muhammad) okuthile koko Sibathembise ngako (kusisohlwayo), okanye Sikwenze ufe (ungakubonanga), kuya kuhlala kukuThi apho baza kubuyela khona, ngapha koko uAllâh UliNgqina loko bakwenzayo
  47. Isizwe ngasinye sinoMthunywa (waso), uya kuthi akufika umthunywa (lowo esizweni sakhe) umcimbi ugwetywe phakathi kwabo ngobulungisa, yaye abazi koniwa
  48. Ke kaloku bathi: “Siya kufika nini na esi sithembiso (sesohlwayo), ukuba ngaba nithetha inyaniso?”
  49. Yithi (Muhammad): “Mna andinamandla akwenza bubi esiqwini sam, kungekho nzuzo ndinokuzizuzisa yona ngaphandle koko uAllâh Athande (ukundenza kona).” Sizwe ngasinye sinexesha esilibekelweyo, lisakufika ixesha (elo) labo abangekhe balilibazise bengekhe balikhawulezise nangeyure (enye)
  50. Yithi: “Khanindixeleleni ke, ukuba isohlwayo eso saKhe sinokunihlela ngobusuku okanye emini, yiyiphi inxalenye yaso abenzi bobubi abanokuyingxamela.”
  51. Makube ke ngoko niya kuthi xa sithe sehla ngokwenene, nikholwe kuso? (kuze kuthiwe kuni): “Nithini na ke ngoku? Kudala kakade nisingxamele!”
  52. Kekalokukuyakuthiwakuboabobazonayoimiphefumloyabo: “Ngcamlani ke isohlwayo sanaphakade? Ingaba nibuyekezwe ngakumbi na ngaphandle koko nakusebenzelayo?”
  53. Bayakucela (Muhammad) ukuba ubaxelele ukuba: “Ingaba iyinyani na (into yokuba isohlwayo neMini yokuGqibela siza kwenzeka)?” Yithi: “Ewe! Ndifunga ngeNkosi yam! Iyinyani ngokwenene yaye anisayi kuphuncula kuzo!”
  54. Yaye ukuba umntu ngamnye owenze ububi ebengaba nabo bonke ubutyebi beli hlabathi aze afune ukuzisindisa kuAllâh ngokuzihlawulela ngabo (bebungazi kwamkelwa kuye) baya kuba lusizi ezintliziyweni zabo xa besibona isohlwayo, yaye baza kugwetywa ngobulungisa akukho bugwenxa buya kwenziwa kubo
  55. Ngokungathandabuzekiyo, inene, konke okusemazulwini nasemhlabeni kokuka-Allâh. Akuthandabuzeki, inene, isithembiso sika-Allâh siyinyaniso kodwa uninzi lwabo alwazi
  56. NguYe Onika ubomi, Enze ukufa, yaye (nonke) niza kubuyela kuYe
  57. Hini na bantu! Icebiso elilungileyo elivela eNkosini yenu lifikile kuni (i’Kur`ân) liyalela (ukwenziwa) kwako konke okulungileyo lisalela ukwenziwa kwako konke okungendawo likwanyanga oko kusezintliziyweni zenu liyinkumbuzo nenceba kumakholwa
  58. Yithi: “KubuBele buka-Allâh, nakuBabalo lwaKhe (abantu) mabagcobe.” Oko kokona kulungileyo (endaweni yobutyebi) abanabo
  59. Yithi: “Khanindixeleleni, kungani na ukuba imbonelelo uAllâh Ayithumele kuni niyenza ivumeleke okanye ibe yinqambi nje!” Yithi: “NguAllâh kusini na Onivumele (ukuba nenze loo nto), okanye niziqambela ubuxoki ngoAllâh kusini na?”
  60. Yintoni kanye ecingwa ngabo baqamba ubuxoki ngoAllâh, ngeMini yoVuko, Inene, uAllâh UnobuBele ebantwini, kodwa uninzi lwabo alunambulelo
  61. Akukho bani, nawe na (Muhammad) owenza nasiphi na isenzo esilungileyo okanye ucengceleze nasiphi na isahluko se’Kur`ân okanye nina (bantu) benza nokuba sesiphi na isenzo Size Thina Singabi ngomaNgqina aso xa nisenza. Kwaye akukho nto ifihlakeleyo eNkosini yakho nokuba ilisuntswana na emhlabeni okanye ezulwini, akukho nto incinane kunoko nenkulu kunoko (engabhalwanga eNcwadini ecacileyo)
  62. Yabonani! Inene, kwii-Awliyâ7 zika-Allâh akuyi kubakho koyika kuzo kungayi kubakho kuxhalaba
  63. Abo bakholwayo babedla ngokoyika uAllâh kakhulu
  64. Okwabo zindaba ezivuyisayo kubomi beli hlabathi, nakuBomi oBuzayo. Akuyi kubakho kuguquka eMazwini ka-Allâh. Le iya kuba yimpumelelo enkulu
  65. Kananjalo musa ukuvumela iintetho zabo zikukhubekise wena (Muhammad) kuba onke amandla nentlonipheko zezika-Allâh. Yena nguSokuva, uSolwazi
  66. Ewe nje! Inene kokuka-Allâh konke okusemazulwini nasemhlabeni, naye nabani na osemhlabeni. Ke bona abo banqula, babize kubambi ngaphandle koAllâh, enyanisweni abalandeli mahlulelane (abathi ngaka-Allâh), koko balandela uqash-qash yaye baqamba ubuxoki
  67. NguYe Owanikhethela ubusuku ukuba niphumle ngabo, nemini ukuba nenze izinto ezibonakalayo ngayo. Inene koku kukho imiqondiso kubantu abaphulaphulayo
  68. Bathi: “UAllâh Uzele unyana.” Makazukiswe Yena, Yena UsisiTyebi, okwaKhe kuko konke okusemazulwini nako konke okusemhlabeni. Akukho gunya ninalo mayela noku. Kanti nithetha eningakwaziyo na ngoAllâh
  69. Yithi: “Inene, abo baqamba ubuxoki ngoAllâh asokuze babe nempumelelo.”
  70. Lulonwabo lwexeshana olwalo mhlaba! Ukanti kuThi kulapho baza kubuyela khona, Size Sibenze bangcamle isohlwayo sesingcungcuthekiso esibuhlungu kuba baye bala ukukholwa (kuAllâh)
  71. Ke kaloku bacengcelezele iindaba zikaNûh xa wathi kubantu bakubo: “Hini na bantu bakuthi, ukuba ngaba ukuhlala kwam (nani), nokunikhumbuza kwam ngeeVesi zika-Allâh kuyaninzimela, mna ke ndibeka ithemba lam kuAllâh. Qulunqani icebo lenu ke, nina ndawonye namahlulelane enu, nize nenze elo cebo lenu lingabi nakuthandabuzeka kuni, nize kananjalo niwise isigwebo senu kum, ningandimeli nokundimela
  72. “Kodwa ukuba niyajibilika (ekukholweni), mna ke akukho ntlawulo ndikhe ndayibiza kuni; umvuzo wam ukuAllâh kuphela, yaye mna ndiyalelwe ukuba ndibe ngomnye wamaMuslim.”
  73. Bamphikisa bona, kodwa Samsindisa yena nabo babekunye naye enqanaweni, Saza Senza ukuba izizukulwana zifike emva kwezinye, lo gama Sabatshonisa (emanzini) abo babephika iiVesi zeThu. Khangela ke ukuba saba njani na isiphelo sabo babelunyukisiwe
  74. Emva kwakhe Sathumela abaProfeti kubantu bakubo. Beza nemiqondiso ecacileyo kubo, kodwa abakholwa koko babesele bekwalile kwangaphambili. Sizitywina ngolo hlobo ke iintliziyo zabagabadeli
  75. Emva kwabo Sathumela uMûsâ noHârûm nemiqondiso yeThu kuFir’awn neenkosi zakhe kodwa basuka bakhukhumala baba ngabenzi bobubi
  76. Ke kaloku yathi isakufika inyaniso kubo ivela kuthi, bathi: “Oku inene ngumlingo.”
  77. UMûsâ wathi: “Nithetha (loo nto na) ngenyaniso ekubeni ukuba ifikile kuni? (Nithi) ngumlingo lo? Kodwa abenzi bemilingo abasokuze baphumelele.”
  78. Bathi bona: “Wena uze kuthi ukuba usijike enkolweni esafumana oobawo belandela yona, khon’ukuze nina nobabini nibe nobukhulu ezweni? Asiyi kunikholelwa ke thina!”
  79. Waza uFir’awn wathi: Ndiziseleni abenzi bemilingo abaziincutshe ekwenzeni ubugqi.”
  80. Ekufikeni kwabenzi bemilingo, uMûsâ wathi kubo: “Julani phantsi ke oko nifuna ukukujula”
  81. Besakuba bejulile, uMûsâ wathi: “Oku nize nako nina yimilingo, uAllâh Uza kuyenza ingabi nto yanto. Inene uAllâh Akayenzi mihle imisebenzi yabangcolileyo
  82. Kananjalo uAllâh Uza kumisela, Enze ibonakale inyaniso ngaMazwi aKhe enokuba abenzi bobubi bakuchase kangakanani na oko.”
  83. Kodwa akuzanga kubekho namnye kubo owakholwayo kuMûsâ ngaphandle kwenzala yabantu bakubo, ngenxa yokoyikauFir’awnneenkosizakhe, ukubahlezeabatshutshise, yaye inene uFir’awn wayesisikhukhumali somcinezeli ehlabathini, Yena waye engumenzi wobubi wokwenene
  84. UMûsâ wathi: “Hini na bantu bakuthi! Ukuba niyakholwa kuAllâh bekani ithemba lenu kuYe ukuba ningamaMuslim.”
  85. Bathi bona! “Ithemba lethu silibeka kuAllâh. Nkosi yethu! Senze singatshutshiswa (ngaba) bantu bangabacinezeli
  86. Usisindise ngeNceba yaKho (kwaba) bantu bangakholwayo.”
  87. Satyhila kuMûsâ nomntakwabo okokuba: “Bonelelani abantu benu eYiphutha ngeendawo zokuhlala, nizenze iindawo ezo zenu zokuhlala zibe zizindlu zokunqulela kwenu, nenze iSâlah, nivakalise iindaba ezivuyisayo kumakholwa.”
  88. Wathi uMûsâ: O Nkosi! Wena Uphe uFir’awn neenkosi zakhe ubunewunewu nobutyebi bobomi beli hlabathi, Nkosi yethu! Ngabo obo (butyebi babo) balahlekise abantu eNdleleni yaKho. Nkosi yethu! Butshabalalise ubutyebi babo, Uqaqadekise iintliziyo zabo, khona ukuze bangakholwa de babone isohlwayo esibuhlungu.”
  89. UAllâh Wathi: “Inene isicelo senu nobabini samkelekile. Ke nina nobabini hlalani niseNdleleni ethe Tye, ningalandeli indlela yabo bangazi nto
  90. Saza sabathabatha aBantwana bakwaSirayeli Sabaweza ulwandle, UFir’awn nomkhosi wakhe wabalandela nengcinezelo nobutshaba, de wafunyanwa kukurhaxwa, (waqala) wathi: “Ndiyakholwa okokuba akakho omnye ofanelwe kukunqulwa ngaphandle kwaKhe (uAllâh) loWo aBantwana bakwaSirayeli bakholwa kuYe, yaye mna ndingomnye wamaMuslim.”
  91. (Kwathiwa kuye) “Ngoku (kungona ukholwayo) lo gama ubusele walile ukukholwa ngaphambili, ungumenzi wobubi
  92. Ke namhlanje Siya kusikhuphela ngaphandle kolwandle isidumbu sakho khon’ukuze ube ngumqondiso kwabo baza kulandela emva kwakho!” Kananjalo inene baninzi ebantwini abangayinanziyo imiqondiso yeThu.”
  93. Ke kaloku Thina Sazinzisa aBantwana bakwaSirayeli kwiindawo ezihloniphekileyo zokuhlala, Sabapha izinto ezilungileyo
  94. Ke ukuba uyathandabuza wena (Muhammad) malunga noko Sikutyhile kuwe, buza kwabo bafunda iNcwadi (iTorah neVangeli) ngaphambili kunawe. Inene inyaniso ifikile kuwe ivela eNkosini yakho, musa ukuba ngomnye wabo bayithandabuzayo
  95. Uze kananjalo ungabi ngomnye wabo baphika iiVesi zika- Allâh, kuba uya kuba ngomnye wabalahlekelwa
  96. Inene abo iLizwi leNkosi yakho (uAllâh) ligwetyelwa ngakhona, abayi kukholwa
  97. Enokuba imiqondiso yonke ibinokuza yonke kubo, de babone isohlwayo esibuhlungu
  98. Ingaba sasikhe sakho isixeko esasikhe sakholwa lwaza ukholo lwaso lwasisindisa ngaphandle kwabantu bakuloYûnus, abakholwayo, Saza Sasirhoxisa isohlwayo esingcungcuthekisayo phezu kwabo, esilihlazo kobu bomi beli hlabathi, eSabavumela ukuba babonwabele okwethutyana
  99. Ukanti ukuba iNkosi yakho Yayithandile, abo basemhlabeni ngesele bakholwa bonke, ingaba wena (Muhammad) uza kubanyanzela na abantu, bakholwe ngetshova
  100. Ayikokwamntu ukukholwa ngaphandle kwemvume ka- Allâh, yaye Yena Uza kuthoba ingqumbo yaKhe kwabo bangakhathaliyo
  101. Yithi: “Yabonani! Konke okusemazulwini nasemhlabeni (kokuka-Allâh)”. Kodwa akukho Vesi naMlumkisi ungaba luncedo kwabo bangakholwayo
  102. Ke kaloku ingaba kusekho nto abasayilindileyo iyenye ngaphandle (kwentshabalalo) enjengeemini zabantu abadlulayo ngaphambi kwabo? Yithi ke wena: “ Lindani kaloku nam oku kwam ndilindile kunye nabo balindileyo.”
  103. Ke kaloku (ekugqibeleni) Samsindisa uMthunywa weThu kunye nabo bakholwayo! Kuyimfanelo enjalo ke kuThi ukusindisa amakholwa
  104. Yithi (Muhammad): “Hini na bantu! Ukuba nineentandabuzo mayela neNkolo yam [i-Islam, (kwazini kakuhle)] ke okokuba mna andisokuze ndizinqule ezo zinto nizinqulayo nina ngaphandle koAllâh, kodwa mna ndiya kunqula uAllah ekunguYe Onenza nife, yaye mna ndiyalelwe ukuba ndibe ngomnye wamakholwa
  105. Ke kaloku wena (Muhammad) bhekisa ubuso bakho ngqo kwinkolo yobuHanîfa, ungaze ube ngomnye wabakhonzi bezithixo
  106. Ungabizi kwenye into ngaphandle koAllâh engayi kukunceda, ingazi kukonzakalisa nokonzakalisa kodwa ukuba ukhe wayenza into enjalo, inene wena uya kuba ngomnye wabalahlekelwa
  107. Xa uAllâh Enokukuchika, ngobuhlungu akukho bani onokubususa (kuwe) ngaphandle kwaKhe, kananjalo ukuba Yena Uthe Wathanda ukukwenzela okulungileyo wena, akukho bani unokususa uBabalo lwaKhe Alwenze lwafikelela kulowo wezicaka zaKhe Athande (ukuba lufikelele kuye). Yaye Yena nguMxoleli, uSozinceba
  108. Yithi: “Hini na bantu! Ngoku inyaniso ifikile kuni ivela eNkosini yenu. Nabani na ke lowo uzuze isiKhokelo, oko ukwenzela isiqu sakhe, nalowo ulahlekayo, oko ukwenzela ilahleko yesiqu sakhe; ke mna andimanga phezu kwenu njengomlondolozi wenu”
  109. Kananjalo wena (Muhammad) landela isiTyhilelo esityhilwe kuwe, ube nomonde, Ade uAllâh Awise uMgwebo yaye Yena ngoYena Mgwebi Ulungileyo kubagwebi