11.Hud

  1. Alif-Lâm-Râ. INcwadi, eVesi zayo zifezekisiweyo, zaza zacaciswa ngokwengcombolo zivela kuYe uSobulumko, Onolwazwi
  2. (Othi): “Ninganquli bani ngaphandle koAllâh”. Inene mna (ndinguMuhammad) kuni, ndivela kuYe, ndinguMlumkisi nomzisi weendaba ezivuyisayo (kuni)
  3. Ke nina celani itarhu eNkosini yenu, nibuyele kuYo ngenguquko, ukuze Ininike ulonwabo olulungileyo, kude kube lixesha elimisiweyo, Inibonelele kananjalo ngobuBele baYo obuphuphumela nakubani na onobubele. Kodwa ukuba niye nakreqa, ndiyanoyikisela kwisohlwayo seMinikazi eNkulu
  4. KukuAllâh apho niza kubuyela khona, yaye Yena Uyakwazi ukwenza izinto zonke
  5. Yeha! Bafinga izifuba zabo, besenzela ukuzizimelisa kuYe. Enyanisweni, nokuba bangazigquma ngeengubo zabo, Yena Uyakwazi abakufihlayo noko bakuvezayo. Inene Yena nguMazi wokusezifubeni
  6. Akukho sidalwa sinyakazayo emhlabeni esinomfunzelo waso ongaveli kuAllâh. Kwaye Wazi indawo yaso yokuhlala nalapho siye sibekwe khona (esibelekweni okanye engcwabeni). Konke kubhaliwe eNcwadini ecacileyo
  7. Kananjalo nguYe Owadala amazulu nomhlaba ngeentsuku ezintandathu, yaye iTrone yaKhe yayiphezu kwamanzi, khon’ukuze Anivavanye, (kucace) okokuba nguwuphi na kuni oyena unezenzo ezilungileyo. Kodwa ukuba ungathi kubo: “Niza kuvuswa emva kokufa,” abangakholwayo (kubo) abasokuze bangathi: “Oku akunto yimbi ngaphandle kokuba ngumlingo ocacileyo.”
  8. Ke kaloku ukuba Siyasilibazisa isohlwayo kude kufike ixesha elimisiweyo, ngokuqinisekileyo baza kuthi: “Yintoni esibambileyo?” Inene ngeMini esiya kubafumana, akukho nto iya kusibuyisela umva kubo, yaye baza kugutyungelwa koko babedla ngokukugculela
  9. Kananjalo Sithi Sisakunika umntu incasa yeNceba yeThu, Size Siphinde Siyithabathe kuye, asuke aphelelwe lithemba, angabi nambulelo
  10. Sithi kananjalo Sisakumvisa ubumnandi emva kokuba ebekhe wachikwa bububi, akasokuze angathi: “Ububi bumkile kum.” Inene, usuka akhukhumale, aqhayise
  11. Ngaphandle kwabo baye babonakalise ukuba nomonde, benze izenzo zobulungisa; abo okwabo iya kuba kukuxolelwa kwezono nomvuzo omkhulu
  12. Kungenzeka wena (Muhammad) uncame inxalenye yoko kutyhilwe kuwe, nentliziyo yakho ive ubunzima ngenxa yako oko ngokuba bathi: “Kutheni kaloku engathunyelelwa uvimba wobutyebi nje, okanye kuze ingelosi kuthi ihamba naye?” Kodwa wena (Muhammad) unguMlumkisi kuphela, Yena uAllâh nguMlondolozi wezinto zonke
  13. Okanye bathi (UMuhammad) uyiqambe ngokwakhe (i’Kur`ân)? Yithi: “Yizani nezahluko ezilishumi eziqanjwe njengayo, nize nibize nokuba kukubani na eninokubiza kuye ngaphandle koAllâh, ukuba ninenyaniso!”
  14. Ukuba abakuphendulanga ke uya kwazi ngoko ukuba (Le ‘Kur`ân) ithunyelwe (emhlabeni) ngolwazi luka-Allâh nokuba akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe. Niya kuba ngawo amaMuslim ke ngoku
  15. Nabaninalowounqwenelaubomibelihlabathinobunewunewu balo, kwabo (banjalo), Siya kubahlawula umvuzo wezenzo zabo ngokupheleleyo kwalapho, (ehlabathini) yaye abayi kuba nasinciphiso apho kulo
  16. Bona bangabo bangenanto kuBomi oBuzayo ngaphandle koMlilo, balahlekelwe kwabakwenzayo yaye ngamampunge imisebenzi abayenzayo apho (emhlabeni)
  17. Ingaba wona amaMuslim axhomekeke kubungqina obucacileyo (i’Kur`ân) obuvela eNkosini yawo, (bungqina) obo ingqina (uJibrîl) elabucengceleza buvela kuYe (uAllâh), kanti nangaphambili kunabo, kwakufike iNcwadi kaMûsâ, isisiKhokelo nenceba, ayakholwa kuyo (amaMuslim)? Kodwa abo beemvaba ngeemvaba, bangayamkeliyo (i’Kur’ân), uMlilo uya kuba yindawo yabo yokuhlangana yedinga, musa ukuthandabuza ke wena ngayo. Inene yona yinyaniso evela eNkosini yakho, kodwa uninzi lwabantu alukholwa
  18. Ngubani na ogwenxa ukugqitha lowo uqamba ubuxoki ngoAllâh. Abanjalo baza kuziswa phambi kweNkosi yabo, yaye ingqina liza kuthi, “Aba ngabo baxokayo ngeNkosi yabo!” Ngokungathandabuzekiyo! Isiqalekiso sika-Allâh siphezu kwabagabadeli
  19. Abo baba sisithintelo eNdleleni ka-Allâh, bakhangele ubugosogoso kuyo lo gama bangakholwayo kuBomi oBuzayo
  20. Nakanye ukuba bangaphuncuka (kwisohlwayo sika-Allâh) emhlabeni bengenabo nokuba nabo abakhuseli ngaphandle koAllâh! Isohlwayo sabo siya kuphindwa kabini, Azanga babe nako ukunyamezela (intshumayelo) yaye babengaboni nokubona
  21. Bona bangabo balahlekelwa yimiphefumlo yabo, kananjalo (oothixo babo bobuxoki) ababaqambayo, baya kunyamalala babashiye
  22. Inene bona bangabona baya kuba ngabalahlekelwa kuBomi oBuzayo
  23. Ke bona abo bakholwayo benze izenzo zobulungisa, bazithobe phambi kweNkosi yabo, baya kuba ngabahlali basePaladesi, bahlale apho ngonaphakade
  24. Umzekeliso wala maqela mabini unje ngemfama nesithulu nobonayo novayo. Ingaba bayafana na xa bethelekiswa? Ngoku ke anizi kuthabatha ngqalelo nina
  25. Kananjalo inene Sathumela uNûh kubantu bakubo (wathi kubo): “Mna ndize kuni njengoMlumkisi ocacileyo
  26. Nina musani ukunqula bani ngaphandle koAllâh; Inene Mna ndiyanoyikisela kwisohlwayo seMini ebuHlungu.”
  27. Iinkosi zabo bangakholwayo phakathi kwabantu bakubo zathi: “Thina sikubona ngathi ungumntu ngokufana nathi, yaye asiboni bani okulandelayo ngaphandle kwabona kungekho nto yabo phakathi kwethu yaye nabo abo bakulandela ngaphandle kokuqiqa. Kananjalo thina asiboni nto ilungileyo nigqithise ngayo kunathi, enyanisweni thina sicinga ukuba ningamaxoki (qha).”
  28. Wathi yena: “Hini na bantu bakuthi! Khanindixeleleni, ukuba ndinobungqina obucacileyo obuvela eNkosini yam, neNceba sele ifikile kum, kodwa (iNceba) leyo isithelisiwe emehlweni enu. Siza kuninyanzela na ukuba namkele (i-Islam) lo gama niyichase kangaka
  29. Hini na bantu bakuthi!Andiniceli butyebi ngayo, umvuzo wam awuphumi kubani ongomnye ngaphandle koAllâh. Andiyi kubagxotha abo bakholiweyo. Inene baza kudibana neNkosi yabo, kodwa ndibona ngathi ningabantu abanobudenge
  30. Hini na bantu bakuthi! Ngubani na oya kundincedisa ngokuchasene noAllâh, ukuba ndinokubagxotha, anicingisisi na
  31. Kananjalo andithi kuni, mna ndinoovimba baka-Allâh, yaye futhi mna andinalwazi ngokungabonwayo, ndingakhanga nditsho nokutsho ukuba mna ndiyingelosi, kananjalo andithi abo amehlo enu abajongela phantsi uAllâh Akazi kubapha nantoni na elungileyo. UAllâh Uyakwazi okungaphakathi kubo. Ukuba bendinokwenza njalo bendiya kuba ngomnye wabagabadeli
  32. Bathi bona: “Hini na Nûh, uphikisene nathi kakhulu, yaye uyenze nde kakhulu impikiswano phakathi kwethu nawe. Ngoko ke khawude uhlise oko usigrogrisa ngako, ukuba uthetha inyaniso.”
  33. Wathi yena: “NguAllâh kuphela Oza kuza noko kuphezu kwenu ukuba Uthandile, yaye aniyi kuphuncula tu
  34. Yaye necebiso lam aliyi kuninceda nto nokuba ndingada ndininike iingcebiso ezilungileyo, ukuba iNtando ka-Allâh kukuba Anigcine ekulahlekeni. Yena yiNkosi yenu! Yaye kukuYe apho niza kubuyela khona
  35. Okanye bathi: “(UMuhammad) uyiqambe ngokwakhe (i’Kur`ân).” Yithi (Muhammad): “Ukuba ndiyiqambe ngokwam, amatyala am makabe phezu kwam, kodwa ndimsulwa mna kumatyala eniwenzayo.”
  36. Kananjalo kwatyhilwa kuNûh (kwathiwa): “Akukho namnye kubantu bakuni oza kukholwa ngaphandle kwabo sele bekholiwe kakade. Ke uze ungabi buhlungu ngenxa yoko bakwenzayo
  37. Wena ke yakha inqanawa phantsi kwamehlo eThu ngesiTyhilelo seThu, uze ungathethi kuM (ungaNdicengi) ngabo benza ubugwenxa. Bona inene baza kurhaxiswa (ngamanzi).”
  38. Ke kaloku esayakha njalo inqanawa leyo, maxa onke iinkosi zabantu bakubo zidlula ngakuye zazimgculela, wathi yena: “Ukuba nigculela thina, nathi ngokukwanjalo siyanigculela ngokugculela kwenu
  39. Kwaye niza kwazi okokuba ngubani na esiza kuhla phezu kwakhe isohlwayo esiza kumgqumelela ngehlazo, lowo uza kuhlelwa sisohlwayo sanaphakade.”
  40. (Kwaba njalo ke) de kwaba lilixa lokufika komyalelo weThu, i-oven yathulula amanzi, Sathi: “Ngenisa (enqanaweni) uhlobo ngalunye lwezidalwa, ngambini (inkunzi nemazi), nosapho lwakho ngaphandle kwalowo iliZwi sele liphumile ngokuchasene naye (ungenise) nabo bakholwayo. Akukho mntu wakholwayo kuye (uNûh) ngaphandle kwabambalwa
  41. Waza yena (uNûh) wathi: “Khwelani (enqanaweni): eGameni lika-Allâh iya kuba yindlela eya kuhamba ngayo nendawo eya kuphumla kuyo. Inene, iNkosi yam nguMxoleli, uSozinceba
  42. Yahamba nabo ke phakathi kwamaza ayengathi ziintaba, uNûh wakhwaza unyana wakhe ngaphandle, owayezikhethile yena: “Hini na nyana wam! Khwela nathi ungabi kunye nabangakholwayo.”
  43. Wathi yena: “Mna ndiya kubalekela kwenye yeentaba; yona iya kundisindisa emanzini.” Wathi uNûh: “Namhlanje akuyi kubakho msindisi kummiselo ka-Allâh ngaphandle kwalowo Aye Waba nenceba kuye.” Ke kaloku amaza afika phakathi kwabo Waza (unyana lowo) waba phakathi kwabarhaxwayo
  44. Kwaza kwathiwa: “Hina na mhlaba! Ginya amanzi wakho. Hini na sibhakabhaka! Bamba (imvula yakho).” Athonyalaliswa ke amanzi wazaliseka ummiselo (ka-Allâh), ke yona (inqanawa) yaphumla kwintaba iJûdi, kwathiwa: “Kude lee ngabantu abangabagabadeli!”
  45. Ke kaloku uNûh wabiza eNkosini yakhe wathi: “O Nkosi yam! Inene unyana wam ngowosapho lwam! Kananjalo isithembiso saKho siyinyaniso, yaye Wena UngoYena Mgwebi Ulungileyo kubagwebi.”
  46. Wathi Yena (uAllâh): “Hina na Nûh! Inene yena akanguye omnye wosapho lwakho; (kuba) inene izenzo zakhe azibobulungisa, ke musa ukuNdicela into ongenalwazi ngayo! Ndiya kuyala ngokuba hleze ube ngomnye wabasweli kuqonda”
  47. UNûh wathi: “O Nkosi yam! Ndicela ukhuseleko ngaWe ekukuceleni oko mna ndingenalwazi ngako, yaye ukuba Akunakundixolela Wena, ube neNceba kum, inene mna ndiya kuba ngomnye wabalahlekelwa
  48. Kwathiwa: “Hini na Nûh! Phuma (enqanaweni) ngoxolo oluvela kuThi, iintsikelelo mazibe phezu kwakho, naphezu kwabantu abakunye nawe, kodwa (kuza kuhamba- kuhambe kubekho) abantu eSiya kubanika oovimba babo (okwethutyana), kodwa ekugqibeleni, isohlwayo esibuhlungu siya kubafumana, sivela kuThi.”
  49. Oku kokweendaba zokungabonwayo eSizityhila kuwe (Muhammad) Inguwe nabantu bakuni naningazazi ngaphambili kunoku. Yiba nomonde ke wena. Inene, isiphelo esihle sesabaMoyikayo uAllâh
  50. Ke kaloku kubantu bakwa’Ad, (Sathumela) umntakwabo uHûd. Wathi kubo, “Hini na bantu bakuthi! Nqulani uAllâh! Aninathixo wumbi ngaphandle kwaKhe. Inene nina akukho nto niyenzayo ngaphandle kokuqamba ubuxoki
  51. “Hini na bantu bakuthi andiceli mvuzo kuni ngawo (lo myalezo). Umvuzo wam ukuloWo Wandidalayo, aniyi kuqonda na?”
  52. “Hini na bantu bakuthi! Celani itarhu eNkosini yenu nize niguqukele kuYo, Yona Iya kunithumelela imvula eninzi, Inongezelele amandla phezu kwamandla enu, ke kaloku musani ukujibilika nibe ngabenzi bobubi.”
  53. Bathi bona: “Hina na Hûd! Akukho bungqina usizele nabo yaye asiyi kubashiya oothixo bethu ngenxa yoko ukuthethayo kananjalo asingabo abakholwayo kuwe thina.”
  54. “Esikuthethayo thina kukuba abanye oothixo bethu bakuhlasele wena ngokungendawo (ngempambano).” Wathi yena: “Ndicela uAllâh ukuba Abe liNgqina, nani ngokwenu ngqinani okokuba mna ndimsulwa koko nikwayamanisa njengamahlulelane (ka-Allâh) elunqulweni lwenu
  55. Ngaphandle kwaKhe (uAllâh). Qulunqani ke ngokuchasene nam, nonke, ningandimeli nokundimela
  56. “Mna ndibeka ithemba lam kuAllâh, iNkosi yam, EkwayiNkosi yenu! Akukho sidalwa sinyakazayo Angekhe Angasibambi ngesihlwitha esiphezu kwebunzi laso. Inene iNkosi yam iseNdleleni ethe Tye
  57. Ukuba niyatshikila nimke, ke mna ndiwuvakalisile uMyalezo ebendithunywe wona kuni. INkosi yam Iza kwenza abanye abantu abaza kuphila emva kwenu, kwaye anisokuze nenze bubi kuYo nakancinane, inene iNkosi yam nguMlondolozi wezinto zonke.”
  58. Wakufika uMyalelo weThu Samsindisa uHûd ndawonye nabo babekholwa kunye naye ngeNceba evela kuThi, Sabasindisa kwisohlwayo esibuhlungu
  59. Abo ke yayingama’Ad, bazala iiVesi zeNkosi yabo, ababathobela abaThunywa baYo, balandela imiyalelo yabo bonke abanekratshi, abaqaqadekileyo
  60. Ke kaloku bona balandeliswa ngesiqalekiso kulo mhlaba nangeMini yoVuko. Ngokungathandabuzekiyo! Inene, ama’Ad, ala ukukholwa eNkosini yawo, ngoko ke kude lee ngama’Ad nangabantu bakuloHûd
  61. Kanti nakubantu bakwaThamûd Sathumela umzalwana wabo, uSâlih1. Wathi kubo: “Hini na bantu bakuthi! Nqulani uAllâh, aninathixo wumbi ngaphandle kwaKhe. Yena Wanikhupha emhlabeni Wanizinzisa kwakuwo, ke ngoko celani itarhu kuYe nibuyele kuYe ngenguquko. Inene iNkosi yam Ikufutshane, yaye Iyaphendula.”
  62. Bathi bona: “Hini na Sâlih! Ubuhleli (uphila) phakathi kwethu njengomntu ekunokuthenjelwa ngaye kwada kwayile nto (uyithethayo)! (Ngoku) wena uyasivala ekunquleni oko kwakunqulwa ngoobawo bethu? Ke thina sinentandabuzo kakhulu ngoko usimemela kuko (i-Islam).”
  63. Wathiyena:“Hininabantubakuthi! Ndixelelenike, ukubamna ndinobungqina obucacileyo obuvela eNkosini yam, kananjalo neNceba ifikile kum ivela kuYo, ngubani ongandinceda ngokuchasene noAllâh, xa ndinokungaMthobeli? (Enyanisweni) nina akukho nto nindongezelela yona ngaphandle kwelahleko
  64. Hini na bantu bakuthi! Le mazi yenkamela ka-Allâh ingumqondiso kuni, yiyekeni ke izidlele (ingca) emhlabeni ka-Allâh ningayichukumisi ngobubi, kuba hleze isohlwayo esele sikufuphi sinihlasele.”
  65. Kodwa bayibulala. Wathi ke yena: “Yonwabani emizini yenu iintsuku ezintathu. Esi sisithembiso esingayi kuphikwa.”
  66. Wathi wakufika uMyalelo weThu, Samsindisa uSâlih ndawonye nabo babekholwa kunye naye ngeNceba evela kuThi, (Sabasindisa) nakwihlazo laloo Mini. Inene iNkosi yakho Inamandla, nguSobunganga
  67. Wabafumana ke uSâlih abenzi bobubi, balala waca (befile) emizini yabo
  68. Babangathi azanga baba ngabemi balapho. Ngokungathandabuzekiyo! Inene amaThamûd ala ukukholwa eNkosini yawo. Kude lee ke ngoko ngamaThamûd
  69. Ke kaloku kwafika iziThunywa zeThu kuIbrâhîm neendaba ezivuyisayo. Zathi: “Salâm” (uxolo).” Waphendula yena: “Salâm.” Wakhawuleza ukuya kuzonwabisa ngokuzojela ithole
  70. Kodwa wathi akubona zingazoluleli izandla zazo (ngasesidlweni) akazithemba, wasuka wazoyika. Zathi zona: “Musa ukoyika, thina sithunyelwe kubantu bakwaLût
  71. Umfazi wakhe wayemi apho, ehleka2. Kodwa Samnika iindaba ezivuyisayo ezingoIs-hâ’k nezika Ya’kûb
  72. (Wothuka) wathi: “Yeha kum! Ndiza kuba nomntwana ekubeni ndingumfazi owalupheleyo nendoda yam iyile yalupheleyo oku kwayo? Inene! Ngummangaliso lo.”
  73. Zathi zona: “Umangazwa ngummiselo ka-Allâh kusini na? INceba ka-Allâh neentsikelelo zaKhe mazibe phezu kwakho, hini na lusapho lukaIbrâhîm, inene Yena (uAllâh) ngowokudunyiswa, nokuzukiswa.”
  74. Lwathi lusakudamba uvalo (entliziyweni) kaIbrâhîm neendaba ezivuyisayo zifikile kuye, waqalisa ukuSicenga ngabantu bakwaLût
  75. Inene ngokungathandabuzekiyo uIbrâhîm, wayenokunyamezela, ebiza rhoqo kuAllâh ngokuzithobileyo, kananjalo wayenenguquko yena
  76. “Hini na Ibrâhîm! Kuyeke oku3, inene, uMyalelo weNkosi yakho sele uphumile, inene baza kufikelwa sisohlwayo esingekhe sibuyiselwe umva
  77. Zathi zisakufika iziThunywa zeThu kuLût waba buhlungu ngenxa yabo (abantu bakubo4), waziva onakele emphefumlweni wakhe. Wathi: “Le yimini ebuhlungu.”
  78. Ke kaloku abantu bakubo beza begxalathelana kuye, njengoko kwangaphambili babedla ngokwenza izenzo zokungcola, wathi yena: “Hini na bantu bakuthi! Nazi iintombi zam zona zihlambulukile kuni (ukuba niyazitshata). Ke ngoko yoyikani uAllâh ningandihlazi ngokuphathelene neendwendwe zam! Ingaba akusekho namnye na apha kuni onengqondo?”
  79. Bathi bona: “Ngokuqinisekileyo wazi kakuhle wena okokuba thina asinamdla, singenawo nomnqweno weentombi zakho, eneneni ukwazi kakuhle esikufunayo thina wena.”
  80. Wathi yena: “Akwaba bendinamandla okunoyisa okanye ndibalekele kumxhasi onamandla.”
  81. Zathi (iziThunywa) zona: “Hini na (Lût)! Inene, thina siziziThunywa ezivela eNkosini yakho! Abayi kufikelela kuwe! Ke kaloku wena hamba nosapho lwakho kwisahlulo sobusuku, kungabikho namnye kuni unyeka ngasemva; ngaphandle komfazi wakho, inene, isohlwayo esiza kuthwaxa bona siza kuthwaxa yena, inene, ekuseni iya kuba lixesha labo elimisiweyo. Ayikho kufuphi na intsasa?”
  82. Ke kaloku wakufika uMyalelo weThu, Sayibhedulula (iSodom ne Gomora), Sanisa imvula yamatye odongwe olutshisiweyo, ngendlela ecwangciswe kakuhle, (ilitye) ngalinye (lisiwa) emva kwelinye
  83. Bona baphawulwe ngophawu oluvela eNkosini yakho yaye bona baya kuhlala bengekho kude kubenzi bobubi
  84. Ke kaloku kubantu bakwa Midiyane Sathumela umzalwana wabo uShu’aybh. Wathi kubo: “Hini na bantu bakuthi! Nqulani uAllâh, aninathixo wumbi ngaphandle kwaKhe kananjalo musani ukunika (abantu) umlinganiselo onganeno kunoyimfanelo, Ndinibona nisendyebeni yaye ndiyanoyikisela kwiMini egubungelayo
  85. “Hini na bantu bakuthi! Nikani umlinganiselo onguwo nimete ngobulungisa ningazinciphisi izinto ekufuneka nizinike abantu, ningenzi ubutshinga emhlabeni, nidale ububi.”
  86. Oko nikushiyelwe nguAllâh (emva kokuba ninike abantu amalungelo abo) kulungile kuni, ukuba niyakholwa. Ke mna andingomlondolozi wenu.”
  87. Bathi bona: “Hini na Shu’aybh! Ingaba iSalâh yakho ikuyalela ukuba silahle oko kwakunqulwa ngoobawo bethu, nokuba siyeke ukwenza esikuthandayo ngezinto zethu? Inene wena ungumnyamezeli, uyingqondi (batsho bephoxisa)!”
  88. Wathi yena: “Hini na bantu bakuthi! Ndixeleleni, ukuba ngaba ndinobungqina obucacileyo obuvela eNkosini yam, yaye Indinike isixhaso esilungileyo esivela kuYo (eso sixhaso ndiya kusingcolisa na ngokusixuba nezinto endizifumene ngokungemthetho?) Andinqweni njalo, nto leyo ingangqinelaniyo (noko nikwenzayo) nina, andinako ukwenza oko ndiniyalela ukuba ningakwenzi nina. Kuphela mna ndinqwenela ukuphucula (isimilo sabantu) kangangoko ndinako. Kananjalo isiKhokelo sam asingekhe sifike ngaphandle kokuba sivela kuAllâh. Mna ndibeka ithemba lam kuYe, yaye ndiguqukela kuYe
  89. Hini na bantu bakuthi! Ningenzi ukuzahlula kwam kuni kube ngunobangela wokuba nifumane okwafunyanwa ngabantu bakwaNûh okanye abakwaHûd okanye abakwaSâlih, yaye nabantu bakwaLût abakudanga (ngezenzo) kuni
  90. Ke kaloku celani itarhu kwiNkosi yenu, nibuyele kuYo ngenguquko. Inene iNkosi yam IneNceba, InoThando.”
  91. Bathi bona: “Hini na Shu’aybh! Asikuva kakuhle konke oko 00ukuthethayo, ukanti sikubona ngathi wena ubuthathaka phakathi kwethu, (kangangokuba) ukuba bekungekho ngenxa yosapho lwakho ngesele sikuxulube ngamatye, yaye awunamandla ngokuchasene nathi.”
  92. Wathi yena: “Hini na bantu bakuthi! Ingaba usapho lwam lubaluleke ngaphezulu kunoAllâh kusini na? Izibe sele naMjula ngemva (kwelokulibala). Inene iNkosi yam Ikugubungele konke oko nikwenzayo
  93. Kananjalo hini na bantu bakuthi! Yenzani (izinto) ngokohlobo namandla enu, nam ngokwam ndenza (njalo) niza kwazi okokuba kuphezu kukabani na apho kuza kuhla isohlwayo esiza kumgquma ngehlazo, (kuza kucaca) kananjalo okokuba ngubani na olixoki! Niqwalasele ke nam ndiqwalasele kunye nani.”
  94. Ke kaloku wakufika uMyalelo wethu, Samsindisa uShu’aybh ndawonye nabo babekholwa kunye naye, ngeNceba evela kuThi. Saza isohlwayo esibuhlungu sababamba abenzi bobubi, balala waca (bafa) bedunduluzile emizini yabo
  95. Babangathi azanga babe ngabemi balapho! Kude lee ke ngoko ngabantu bakwaMidiyane njengabakwaThamûd
  96. Kananjalo inene, Sathuma uMûsâ nemiqondiso yeThu namagunya acacileyo
  97. KuFir’awn namaphakathi akhe, kodwa wona alandela umyalelo kaFir’awn, kodwa umyalelo kaFir’awn wawungesosikhokelo silungileyo
  98. Yena (uFir’awn) uya kuhamba ngaphambili kubantu bakowabo ngoMhla wovuko, abakhokelele eMlilweni, hayi ukubambi kwendawo abaza kukhokelelwa kuyo
  99. Balandeliswa ngesiqalekiso kobu (bomi) kanti nangeMini yoVuko. Hayi ukuba sibi kwesipho (abaya) kusiphiwa
  100. Ezo zezinye zeendaba (zabemi) bezixeko eSikubalisela ngazo (Muhammad), ezinye zazo zisemi nangoku, ezinye sele zawa (kudala)
  101. Asizanga Sibenze bubi Thina koko ngabo ngokwabo abazenza ububi. Oothixo babo abangaphandle koAllâh ababebiza kubo, abazanga babancede nto ukufika koMyalelo weNkosi yakho, kungekho nto babongezelela ngayo ngaphandle kwentshabalalo
  102. Olo ke luhlaselo lweNkosi yakho, Yona ihlasela izixeko ezenza ubugwenxa. Inene uhlaselo lwaYo lubuhlungu kanobom
  103. Inene kuko oko kukho isifundo kwabo basoyikayo isohlwayo soBomi oBuzayo, Leyo iya kuba yiMini apho abantu baya kuqokelelwa ndawonye, yaye yiMini leyo kuza kubakho zonke (izinto)
  104. Ke kaloku Siyibambezelele ixesha (layo) elimisiweyo
  105. NgeMini eya kufika ngayo akukho mntu uya kuthetha ngaphandle kwemvume yaKhe (uAllâh). Abanye kubo ngaloo Mini baya kuba lusizana abanye basikeleleke
  106. Abo balusizana baya kuba seMlilweni batsho ngesingqala ngelizwi eliphezulu nelisezantsi
  107. Baya kuhlala apho ixesha lonke eliya kunyanyezelwa ngamazulu nomhlaba, ngaphandle kokuba iNkosi yakho Ithandile. Inene, iNkosi yakho nguMenzi wentando yaYo
  108. Ke bona abo basikelelekileyo baya kuba sePaladesi bahlale apho ixesha lonke eliya kunyanyezelwa ngamazulu nomhlaba, ngaphandle kokuba iNkosi yakho Ithandile, (eso iya kuba) sisipho esingenasiphelo
  109. Wena ke (Muhammad) ungabi nantandabuzo ngezinto ezinqulwa ngaba bantu. Akukho nto bayikhonzayo ngaphandle koko kwakukhonzwa ngooyise mandulo. Yaye inene, siza kubahlawula ngokupheleleyo umvuzo wabo ngaphandle kwesinciphiso
  110. Inene Sanika uMûsâ iNcwadi kodwa kwavela iyantlukwano apho kuyo, ukuba kwakungekho ngenxa yelizwi elalisele liphumile livela eNkosini yakho, umcimbi ngowusele wagwetywa phakathi kwabo, kananjalo inene bona baneentandabuzo kanobom ngayo (le ‘Kurân)
  111. Kananjalo umntu ngamye kubo iNkosi yakho Iza kumhlawula imisebenzi yakhe ngokuzeleyo. Inene Yona Ikwazi konke oko bakwenzayo
  112. Ke wena yima nkqo uqine njengoko uyalelwe ndawonye nabo (bangabafundi bakho) baguqukayo (babuyele kuAllâh), bangagabadeliyo batsibe imida, (ka-Allâh). Inene Yena Uyakubona oko nikwenzayo
  113. Ke wena ungatyekeli ngakwabo benza ubugwenxa, hleze uMlilo ukurhece, yaye akunabakhuseli ngaphandle koAllâh, ungayi kuncedwa nakuncedwa
  114. Kananjalo wena yenza iSalâh ngazo zozibini iziphelo zemini nangeeyure ezithile zobusuku. Inene izenzo ezilungileyo ziyazisusa izenzo ezingcolileyo kwabo banenkathalo
  115. Uze ube nomonde, inene, uAllâh akawulahli umvuzo wabenzi bokulungileyo
  116. Akwaba phambi kwenu kwakukho abantu ababenobulumko, bethintela abanye ukuba bangenzi ukungcola emhlabeni (Kodwa akuzanga kubekho namnye) ngaphandle kwabambalwa babo eSabasindisayo phakathi kwabo! Abo babengabenzi bobubi babeleqeka emva kolonwabo lwezinto eziyolisayo zobomi beli hlabathi baza baba zizingcoli
  117. Ke kaloku iNkosi yakho yayingekhe Isuke Itshabalalise izixeko ngobugwenxa, abantu bazo bengamalungisa
  118. Ukanti ukuba iNkosi yakho Yayithandile ngeYayisuke Yabenza abantubabasisizweesinye. Kodwababengazukuyeka ukuphikisana
  119. Ngaphandle kwalowo iNkosi yakho Imenzele iNceba yayo, kananjalo Yabadalela loo nto ke. Kananjalo iLizwi leNkosi yakho sele lizalisekisiwe, elithi: “Inene Mna Ndiya kuzalisa isiHogo ngeejinni nabantu ndaweninye”
  120. Ke kaloku konke oko Sikubalisela kona wena (Muhammad) kweendaba ezilungileyo zabaThunywa kungenxa yokuba Senzela ukuba intliziyo yakho yomelezeke iqine ngazo. Kananjalo ngaso esi (sahluko) kufike inyaniso kuwe, ndawonye nesilumkiso nenkumbuzo kwabakholwayo
  121. Yithi ke kwabo bangakholwayo: “Yenzani ngokwamandla enu, nathi ngokwethu siya kwenza (ngeyethu indlela)
  122. Kananjalo lindani! Nathi oku kwethu silindile.”
  123. Yaye kokuka-Allâh okungabonwayo emazulwini nasemhlabeni, kananjalo kukuYe apho yonke imicimbi ibuyela khona. Khonza Yena ke wena, ubeke ithemba lakho kuYe. iNkosi yakho Ayingaba Ayikwazi oko nikwenzayo