15.The Rock

  1. Alif-Lâm-Râ. Ezi ziiVesi zeNcwadi yaye ziyi’Kur’ân ecacileyo
  2. Kuya kuba kangakanani na kwabo bangakholwayo ukunqwenela ukuba akwaba babengamaMuslim (ngoMhla woVuko)
  3. Bayeke ke batye, bonwabe, bazilibazise ngamathemba (obuxoki). Kungekudala baza kwazi
  4. ASizanga Sitshabalalise nasiphi na isixeko kungekho mmiselo waso waziwayo
  5. Akukho sizwe sinokwenza ixesha laso esilibekelweyo likhawuleze okanye libuyiselwe umva
  6. Kananjalo bathi: “Hini na (Muhammad) iDthikr2 ithunyelwe kubani na? Inene wena ushiywa ziingqondo
  7. Kutheni kaloku ungakhe uze neengelosi kuthi ukuba uthetha inyaniso?”
  8. Thina Asizithumeli iingelosi zihle phantsi ngaphandle kokuba zizise inyaniso (isohlwayo) Yaye Sisakwenza njalo) akuyi kubakho kurhoxiswa kwasohlwayo (kubantu abangakholwayo)
  9. Inene Sithi kanye abathumele iDthikr (i’Kur’ân kwaye Siza kuyilondoloza ngokwenene (ekoniweni)
  10. Inene Thina Sathumela (abaProfeti) ngaphambili kunawe (Muhammad) kubantu ngabantu bamandulo
  11. Ke kaloku akukho Mprofeti abakha bangamgculeli akufika kubo
  12. Sibenza bungene kanjalo ke (ubuhedeni) ezintliziyweni zabenzi bobubi
  13. Abakholwa kuyo (i’Kur’ân) kanti ke umzekelo (woko kwenziwa kwabamandulo sele ufikelele (elwazini lwabo)
  14. Kanti nokuba beSingade Sibavulele isango ezulwini emabangene ngalo, baze bamane ukungena ngalo (imini yonke)
  15. Ngokungathandabuzekiyo (ukutshona kwelanga) bebeza kuthi: “Amehlo ethu (anokuba) ebephanyakile (besingaboni zingelosi okanye izulu thina) koko besithakathiwe.”
  16. Inene Thina Sibeke iinkwenkwezi ezinkulu ezulwini, Salihombisa kwabalibukeleyo
  17. Yaye Sililondolozile kuye nawuphi na uShaytân owaqalekiswayo
  18. Ngaphandle kwaloo (Shaytân) uye aye kubisa, aphulaphule aze aleqwe ngedangatya lomlilo ovuthayo
  19. Kanti wona umhlaba Siwandlalile, Sabeka apho kuwo iintaba, Senza ukuba kuhlume zonke iitlobo-ntlobo zezinto zaba ngomlinganiselo oqingqiweyo
  20. Kananjalo apho Sinike iimbonelelo ngendlela yokuphila kwenu nezo zinto zingabonelelwa nini (izilwanyana eziphilayo, iinkomo izinambuzane njl-njl)
  21. Yaye akukho nanye into engenawo umsindleko wayo kuThi, kananjalo aSiwuthumeli kuyo ngaphandle komlinganiselo owaziwayo
  22. Ke kaloku Thina Sithumela imimoya echumisayo, Size Senze amanzi (emvula) ehle esibhakabhakeni, Siwanike nina nisele, ayinini ke abanini vimba bawo
  23. Kananjalo inene SiThi kanye abanika ubomi, Senze nokufa, yaye Thina Siziindlalifa
  24. Inene Thina Siyazazi izizukulwana zokuqala zenu ezadlulayo, Siyasazi kananjalo esi sizukulwana senu sikhoyo, ukanti Siyazazi nezisezayo, emva kwenu
  25. Inene iNkosi yakho Iza kubaqokelela ndaweninye bonke. Inene Yona nguSobulumko, uSolwazi
  26. Kananjalo Samdala umntu ngodongwe olomileyo olwajikwa lwaba ludaka
  27. Zona iiJinni, Sazidala ngaphambili (kunomntu) ngomlilo ongenamsi
  28. Yabona! INkosi yakho Yathi kwiingelosi: “Ndiza kudala umntu ngodongwe olomileyo olwenziwe udaka
  29. Ndakuba Ndimgqibile ngokupheleleyo, Ndamphefumlela ngomoya eNdiwudalele yena, nina niya kuguqa phantsi niqubude kuye.”
  30. Ke kaloku iingelosi zaqubuda zonke kuye
  31. Kwasala uIblîs (uSathana)! Yena wala ukuba ngomnye wabo baqubudayo
  32. (UAllâh) Wathi: “Hini na Iblîs! Kungani na wena ukuba ungabi ngomnye wabo baqubudayo?”
  33. (UIblîs) wathi: “Mna andinguye onokuqubuda emntwini, Omdale ngodongwe olomileyo olwenziwe udaka.”
  34. Wathi (uAllâh): “Phuma umke apha kuba inene wena , ungoqalekisiweyo
  35. Kwaye inene wena isiqalekiso siya kuba phezu kwakho kude kube yiMini yoVuko (lwabafileyo).”
  36. (UIblîs) wathi: “O Nkosi yam! Ndirhoxisele isohlwayo kude kube yiMini yoVuko (lwabafileyo).”
  37. Wathi uAllâh: “Ngoko ke ungomnye wabo barhoxiselweyo isohlwayo sabo
  38. Kude kube yiMini etyunjiweyo,”
  39. Wathi: (uIblîs: “O Nkosi yam! Ngenxa yokuba Undibeke ekulahlekeni, inene mna ndiya kuyihombisa indlela eya ekulahlekeni kubo (abantu) emhlabeni, yaye ndiya kubalahlekisa bonke
  40. Ngaphandle kwezicaka zakho ezinyanisekileyo kubo.”
  41. (UAllâh) wathi: “Le yiNdlela engqale kuM Ngqo
  42. Inene wena awuyi kuba nagunya phezu kwezicaka zaM, ngaphandle kwabo balandela wena bazii-Ghrâwûn
  43. Yaye isiHogo likhaya labo lesithembiso bonke
  44. Sona (isiHogo) sinamasango asixhenxe, ngalinye kuloo masango kukho udidi (olulodwa lwaboni) olugcinwe apho
  45. Inene bona abaMoyikayo uAllâh baya kuba phakathi eMiyezweni enemithombo yamanzi (ePaladesi)
  46. (Kuya kuthiwa kubo): “Ngenani phakathi ngoxolo, nikhuselekile
  47. Yaye Thina Siya kususa nasiphi na isixhiba abanaso ezintliziyweni zabo omnye komnye. Baya kuba ngabazalwana, bajongane, ubuso ngobuso, besezihlalweni eziphakamileyo
  48. Akukho kudinwa kuya kubafumana bona apho, bengayi kugxothwa nakugxothwa apho
  49. Vakalisa ke wena (Muhammad) ezicakeni zaM okokuba inene Mna NdinguMxoleli, uSozinceba
  50. (Ubazise) nokokuba isohlwayo saM sibuhlungu kanobom
  51. Ke kaloku baxelele ngamandwendwe kaIbrâhîm (aye eziingelosi)
  52. Athi akungena kwakhe, athi: “Salâm” (uxolo). UIbrâhîm wathi: “Inene thina siyanoyika.”
  53. Athi wona: “Musa ukoyika! “Sikuphathele iindaba ezivuyisayo zomntwana oyinkwenkwe, onolwazi oluninzi nobulumko.”
  54. UIbrâhîm wathi: “Nindiphathele iindaba ezivuyisayo ekubeni ukwaluphala sele kundifumene (kangaka)? Ziyintoni ezo ndaba zenu?”
  55. Athi wona (amandwendwe lawo): “Sikuphathele iindaba ezivuyisayo ngenyaniso, musa ukuba ngomnye wabo bangenathemba.”
  56. UIbrâhîm wathi: “Ngubani na olahla ithemba lenceba yeNkosi yakhe ngaphandle kwalowo ulahlekileyo?”
  57. (UIbrâhîm wathi): “Kanti uyintoni umbandela enize ngawo kanye kanye nina ziThunywa?”
  58. Zathi zona: “Thina sithunyelwe kubantu abangabenzi bobubi
  59. “Bangcole bonke ngaphandle kosapho lukaLût, lona ke ngokuqinisekileyo siya kulusindisa ekutshatyalalisweni
  60. Ngaphandle komkakhe, yena lowo sele simisele okokuba uya kuba ngomnye wabo baza kushiyeka ngemva.”
  61. Ke kaloku izithunywa ezo zisakufika kusapho lukaLût
  62. Wathi yena: “Inene ningabantu endingabaziyo mna.”
  63. Zathi zona: “Yeha! Size kuwe ngeso sohlwayo bebesoloko besithandabuza
  64. Kananjalo sikuzisele inyaniso yaye sithetha inyaniso
  65. Ke wena hamba ngenxalenye yobusuku nosapho lwakho, uze wena uhambe ngemva kwalo, maze kungabikho namnye kuni unyeka ngemva koko hambani niye apho niyalelwe ukuba niye khona.”
  66. Ke kaloku Thina Sawenza wazeka kuye lo mmiselo wokuba iingcambu zabo bangaboni ziza kuncothulwa ekuseni ngonyezi (kusemyama)
  67. Abemi besixeko (iSodom neGomora) beza bevuya (besakuva ukuba kukho amadodana amahle afikileyo kwaLût, phofu benenjongo ezikukungcola ngawo)
  68. ULût wathi: “Inene ezi ziindwendwe zam. Musani ukundihlaza kuzo
  69. Kananjalo yoyikani uAllâh.”
  70. Bathi bona: “Asizanga sikwalele na ukuba wena ungonwabisi okanye ukhusele nabani na endalweni?”
  71. ULût wathi: “Izizo ezi iintombi zam nje (eninokuzitshata), ukuba kunyanzelekile nenze le nto (nifuna ukuyenza)?”
  72. Inene Ndifunga6 ngobomi bakho (Muhammad) ekunxileni kwabo bubundlobongela babo, babefathula ngobumfama
  73. Kanye njengoko (abakwaSâlih) bafunyanwa (sisohlwayo) ukuphuma kwelanga
  74. Sayiphethula (iSodom) yajonga ezantsi Sathulula imvula yamatye odongwe olutshisiweyo phezu kwabo
  75. Inene! Kulo eli (bali) kukho imiqondiso kwabo babonayo
  76. Kananjalo izixeko ezo zazimi kuhola wendlela (ophakathi kweMakkah neSiriya, ndawo leyo namhlanje yaziwa ngokuba yiDead Sea)
  77. Inene, kwesi sehlo kukho umqondiso kwabakholwayo
  78. Ke kaloku nabemi basezinkunini7 babekwangabagabadeli
  79. Thina ke Sathabatha impindezelo kubo. Bona (nabaseSodom) ababesendleleni enguhola ukuba babonwe, (bacace) gca
  80. Kananjalo nabemi basemaweni babaphika abaProfeti
  81. Ke kaloku Sabanika Thina imiqondiso yeThu kodwa abakholwa kuyo
  82. Bona babesakha imizi yabo ezintabeni
  83. Kodwa sona isohlwayo sabafumana ekuseni ngesifingo
  84. Ke kaloku konke ababekusebenzele akuzanga kubancede nganto
  85. Thina ke ASizanga Sidale amazulu nomhlaba nako konke okuphakathi apho ngaphandle kokuwadalela inyaniso. Kananjalo iYure yona iyeza ngokwenene, ke (wena Muhammad) yiba ngathi awuziboni iziphoso zabo ubuye ngenceba nemfesane (kubo)
  86. Inene iNkosi yakho nguMdali, uSolwazi
  87. Inene Thina Sikuphe iSab’an minal mathâni8 ne’Kur’ân yonke
  88. Ke kaloku wena maze amehlo akho angajameli izinto eSiziphe abathile kubo (abangakholwayo), ungabi buhlungu nokuba buhlungu ngazo. Yiba nenceba kwabakholwayo (amaMuslim)
  89. Yithi kubo (Muhammad): “Mna ndinguMlumkisi ngokusekuhleni
  90. Njengoko Sithumele kubahlula-hluli
  91. Abenza i’Kur’ân ibe zizahlulo ngezahlulo (bakholwe kwinxalenye yayo bangakholwa kwenye)
  92. Inene (Ndifunga) ngeNkosi yakho (Muhammad), Siza kubabiza bonke beze embuzweni (ngezenzo zabo)
  93. Ngako konke oko bakwenzayo
  94. Wena ke vakalisa ngaphandle [ungawufihli (uMyalezo ka- Allâh)] lowo uyalelwe ngawo. Uzikhwebule kubakhonzi bezithixo
  95. Inene Thina Siya kukwenza wanele uwedwa ngokuchasene nabagculeli
  96. Abayamanisa omnye uthixo kuAllâh, kodwa baza kwazi kungekudala
  97. Inene, Thina Siyazi okokuba intliziyo yakho icinezelekile ngenxa yoko bakuthethayo
  98. Ke wena zukisa ngendumiso iNkosi yakho, ube ngomnye wabo baqubudayo kuYo
  99. Uyinqule iNkosi yakho kananjalo kude kufike isiqinisekiso esiyinyani (ukufa)