16.The Bee

  1. IsiGaneko1 esimiselwenguAllâhsizakufika, ningasingxameli. Makazukiswe, Adunyiswe Yena ngaphezulu kwazo zonke izinto abazayamanisa naYe bazenze amahlulelane aKhe
  2. Yena Uthumela iingelosi zihle noMoya (oyiNgcwele) ngokoMyalelo waKhe phezu kwalowoAthandileyo kwizicaka zaKhe. (Athi kuye): “Lumkisa abantu okokuba akukho thixo wumbi ngaphandle kwaM. Noyike Mna futhi
  3. Yena Udale amazulu nomhlaba ngenyaniso. Uphakamile Yena, Ungentla kwazo zonke ezo zinto bazayamanisa, bazenze amahlulelane aKhe
  4. Yena Udale umntu ngeNutfah2 kodwa yabona! Kwayena lo (mntu) uphinda abe ngumphikisi oselubala (ka-Allâh)
  5. Ukanti Yena Unidalele impahla (efuywayo); kuyo leyo nifumana ukufudumala nezinye izinto ezininzi eziyinzuzo, kanti kwazona niyazitya
  6. Kananjalo kuzo apho nifumana umfaneleko xa nizibuyisela ekhaya ngenjikalanga, naxa nizikhokelela emadlelweni kusasa
  7. Zinithwalela imithwalo yenu ziyise ezindaweni ebeningekhe nifike kuzo ningathanga nifumane ubunzima. Inene, iNkosi yenu Inemfesane, nguSozinceba
  8. Yena Unidalele amahashe, ama-esile neembongolo ukuba niziqabele kwanokuba zibe ngumfaneleko kuni, ukanti Udale nezinye izinto nina eningenalwazi ngazo
  9. Loluka-Allâh uxanduva lokucacisa iNdlela ethe Tye. Kodwa kukho iindlela eziphambukela ecaleni kwaye Yena ukuba Ebethanda Ebenganikhokela nonke
  10. NguYe Othumela amanzi (emvula) avela esibhakabhakeni; kuwo lawo niyasela kuze kwangawo lawo kukhule uhlaza enithi nithumele iinkomo zenu ziye kuludla
  11. Ngamanzi lawo Unihlumisela izityalo, iminquma, iidatilisi, imidiliya, nazo zonke ezinye iintlobo-ntlobo zeziqhamo. Inene! Kuko oku kukho ubungqina nomqondiso ocacileyo kubantu abacingisisayo
  12. Kananjalo Yena Unilawulela ubusuku nemini, nelanga nenyanga; neenkwenkwezi ziphantsi kolawulo lwaKhe. Inene kuko oku kukho ubungqina kubantu abaqondayo
  13. Nantoni na Anidalele zona emhlabeni eziyimibala ngemibala, inene! Kuko oku kukho umqondiso kwabanekumbulo
  14. NguYe Onilawulela ulwandle khon’ukuze nitye iinyama ezintsha, ezithambileyo, nithi kananjalo nikhuphe kulo apho izihombiso zokunxiba. Niyazibona iinqanawa ziwiza kulo khon’ukuze nifumane ubuBele baKhe (ngokuthi nithumele iimpahla zenu kwiindawo ngeendawo) khon’ukuze nibe nombulelo
  15. Yena Umilisele iintaba emhlabeni zema nkqo. Ukuze (umhlaba lowo) ungahexa-hexi nani, kanti (Unenzele) imilambo neendlela khon’ukuze nizikhokele ngazo (xa niseluhambeni)
  16. Nangeebhakana nangeenkwenkwezi (abaye abantu) bazikhokele ngazo
  17. Ingaba Odalayo Uyafana na nongadaliyo? Kanti anisayi kuqaphela na
  18. Ke kaloku ukuba nina ninokubala izibabalo zika-Allâh beningekhe nikwazi ukuzibala. Inene uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
  19. Kwaye Yena Uyakwazi enikufihlayo nenikuvezayo
  20. Abo (thixo) babiza kubo ngaphandle koAllâh akukho nto bayidalileyo koko kwabona badaliwe
  21. (Bona) bafile, abanabomi, yaye abazi nokuba baza kuvuswa nini na
  22. UThixo wenu nguThixo Omnye, kodwa abo bangakholwayo kuBomi oBuzayo, iintliziyo zabo ziya kuphika oku yaye banenkukhumalo
  23. Eneneni uAllâh Uyakwazi abakufihlayo nabakuvezayo. Inene Yena Akabathandi abakhukhumalayo
  24. Xa kusithiwa kubo: “Yintoni na oko kutyhilwe yiNkosi yenu (i’Kur’ân) bathi bona: “Ziintsomi zabantu bakudala!”
  25. Bona baza kuthwala imithwalo (yezono) zabo ngokugcweleyo ngoMhla woVuko, baze bathwaliswe nemithwalo yabo babalahlekisayo bengazi. Kungcole kanobom oko baza kukuthwaliswa
  26. Ababandulelayo nabo baqulunqa kodwa uAllâh Wabetha kwisiseko sesakhiwo sabo, lwawa uphahla phezu kwabo lusuka phezulu, saza isohlwayo sabafumana sivela kumacala abangawacingelanga
  27. Ukanti ngoMhla woVuko, Usaza kubahlaza, Athi kubo: “Aphi na kaloku amahlulelane aM enanidla ngokuphikisana (nabakholwayo) ngawo. Ke bona abo banikwe ulwazi (lwe’Kur’ân) baya kuthi: “Inene, ihlazo nembandezelo ziphezu kwabangakholwayo naMhlanje.”
  28. Abo ubomi babo buthatyathwa ziingelosi lo gama besesebugwenxeni, baza kwenza ukuzinikela okungeyonyani (bathi): “Thina sasingenzi kungcola.” (iingelosi ziza kuphendula): “Ewe! Inene nguAllâh uSolwazi woko nanikwenza
  29. Ngoko ke ngenani emasangweni esiHogo, nihlale phakathi apho, inene, hayi ububi bekhaya (lokugqibela) lezikhukhumali.”
  30. Ke kaloku xa kusithiwa kwabo bamoyikayo uAllâh: “Yintoni na leyo ithunyelwe yiNkosi yenu?” Bathi bona: “Koko kulungileyo.” Kuba kwabo benza okulungileyo kweli hlabathi okwabo kokulungileyo, yaye ikhaya loBomi oBuzayo lilona lilungileyo. Hayi ukuba lihle kwekhaya labamoyikayo uAllâh
  31. YiPaladesi iEden abaza kungena kuyo, ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwayo, yaye baya kufumana kuyo apho konke abakunqwenelayo, Ubavuza kanjalo ke uAllâh abanyulu
  32. Abo ubomi babo buthatyathwa ziingelosi babe bona bekwimo yobunyulu ziya kuthi (kubo): “Salâmun ‘alykum (uxolo malube nani), ngenani ePaladesi, ngenxa yoko (kulungileyo) nakwenza (ehlabathini).”
  33. Ingaba (abangakholwayo) balindele ukuba kufike iingelosi kubo okanye kufike uMyalezo weNkosi yakho? Benza njalo ke nabangaphambili kunabo. UAllâh Azanga Abenze bubi koko ngabo ngokwabo abazenza ububi
  34. Ke kaloku iziphumo ezibi zezenzo zabo zabafumana, noko babekugculela kwabagubungela
  35. Abo bayamanisa abanye kunqulo luka-Allâh bathi: “Ukuba uAllâh Wayethandile sasingekhe thina noobawo bethu sinqule enye into ngaphandle kwaKhe, kananjalo sasingekhe salele ukwenziwa kwayo nayiphi na into kungekho (ngokoMyalelo) waKhe.” Benza njalo ke nabo bangaphambili kunabo. Ingaba abaProfeti babenoxanduva olwalulolunye na ngaphandle kokuvakalisa uMyalezo ngokucacileyo
  36. Inene Thina kwisizwe ngasinye Sithumele uMprofeti (Ofika avakalise okokuba); “Nqulani uAllâh (Yedwa) niyeke ugabadelo.” Ke kaloku abanye phakathi kwabo baba nokukhokelwa nguAllâh, abanye phakathi kwabo bafanelwa kukulahleka. Ke kaloku khanikhe nihamba-hambeni ehlabathini nibone okokuba saba njani na isiphelo sabo babephika (inyaniso)
  37. Ukuba ngaba (Muhammad) ubanqwenelela isiKhokelo, Yena ke uAllâh Akabakhokeli abo Abenze ukuba balahleke yaye abayi kufumana namncedi
  38. Ke kaloku bafunga ngoAllâh izifungo zabo ezimandla okokuba uAllâh Akayi kumvusa ofileyo. Ewe nje (Uza kubavusa) (eso) sisithembiso sesibophelelo kuYe ngenyaniso, kodwa uninzi lwabantu alwazi nto
  39. Ukuze Enze kucace kubo inyaniso yoko bangangqinelaniyo ngako kwanokuba abo bangakholwayo babe nokwazi okokuba babengamaxoki
  40. Inene eleThu iLizwi nento eSithande ukuba Siyenze Sisuka nje Sithi kuyo: “Yibakho!” Ibekho
  41. Abo bafudukayo ngenxa yokukholisa uAllâh, emva kokuba babenziwe ubugwenxa, Siya kubanika ngokwenene indawo yokuhlala elungileyo kweli hlabathi, kodwa wona umvuzo welizayo uya kuba mkhulu ngakumbi ukuba bebesazi
  42. (Abo ke) ngabo baba nomonde, babeka ithemba labo eNkosini yabo
  43. Kananjalo ASizanga Sithumele ngaphambili kunawe nantoni na ngaphandle kwamadoda, eSawathumelela isiTyhilelo. Ke kaloku buzani kubantu abanolwazi lwesiBhalo, ukuba anazi
  44. Ngemiqondiso ecacileyo neNcwadi (Sathumela abaProfeti) Sathumela kananjalo kuwe (Muhammad) iDthikr (i’Kur’ân), khon’ukuze uchazele abantu ngokucacileyo oko kuthunyelwe kubo, kwanokuba bacingisise
  45. Ingaba abo baqulunqa amayelenqe angcolileyo baziva bekhuselekile na okokuba uAllâh Akayi kubatshonisa bazike emhlabeni, okanye isohlwayo asiyi kubahlasela kumacala abangawalindelanga
  46. Okanye Ababambe phakathi besaya okanye bebuya (emisebenzini yabo), ukuze bangabi nakuphuncula (esohlwayweni sika-Allâh)
  47. Okanye Ababambe ngokuya bemosha ngokumosha (ubutyebi babo). Inene! INkosi yenu InobuBele, nguSozinceba
  48. Kanti abaziqwalaseli na izinto ezidalwe nguAllâh: (indlela) eziba ngasekunene ngayo nasekhohlo ngayo izithunzi zazo, ziqubude kuAllâh, zibe zithobekile
  49. Ke kaloku kuAllâh kuqubuda zonke izinto ezisezulwini nasemhlabeni. Ezizizidalwa ezinyakazayo neengelosi, yaye azikhukhumali
  50. Zona zoyika iNkosi yazo phezu kwazo yaye zenza loo nto ziyalelwe yona
  51. (Kananjalo uAllâh Wathi: “Hini na bantu), musani ukuthabatha oothixo ababini. Inene uAllâh nguYe kuphela OnguThixo,yoyikani Mna ke nina ngamandla
  52. KokwaKhe konke okusemazulwini nasemhlabeni neNkolo yokwenene ngonaphakade. Ingaba ke ngoku niya koyika thixo bambi na ngaphandle koAllâh
  53. Kananjalo nantoni na eziintsikelelo nelungileyo eninayo, ivela kuAllâh. Kwaye xa okubi kunichukumisa, nikhala kuYe kakhulu nikhalela uncedo
  54. Athi Esakubususa ububi obo kuni, khangela ke! Abanye3 benu bayamanise abanye kunqulo lweNkosi yabo (uAllâh)
  55. Ngoko ke bayakuphika oko bakuphiwe siThi. Vuyani ke okwakaloku nje kodwa kungekudala niza kwazi (nizisole)
  56. Kananjalo babalela inxalenye yoko Sibaphe kona kwizinto abangenalwazi ngazo. (Ndifunga) ngoAllâh, niza kubuzwa ngokwenene ngako konke enanikuqamba (emhlabeni)
  57. Kananjalo babalela iintombi4 kuAllâh! Makazukiswe Yena (Uphakamile Ukude le) Ungentla kwazo zonke izinto abazibalela kuYe! Nakoko kunqwenelwa ngabo buqu
  58. Xa iindaba (zokuzalwa) komntwana oyintombazana zisaziswa nawuphi na kubo, ubuso bakhe buyafiphala, izale (intliziyo) yakhe bubuhlungu ngaphakathi kwakhe
  59. Azifihle ebantwini ngenxa yobubi axelelwe ngabo. Uza kumgcina (loo mntwana uyintombazana) elihlazo elinjalo okanye uza kumngcwaba ephila emhlabeni? Inene singcolile isigqibo (abasithabathayo)
  60. (UBomi oBuzayo) kwabo bangakholwayo kuBomi oBuzayo buyinkcazo engcolileyo (kubo). KuAllâh yinkcazo ephakamileyo yaye Yena nguSomandla, uSobulumko
  61. Ukuba uAllah Ebengabahlasela abantu ngenxa yezono zabo ezigwenxa, Ebengayi kushiya nasinye (emhlabeni) isidalwa esinyakazayo, kodwa Ukurhoxisile oko kubo, Ekurhoxisela ixesha elimisiweyo, lisakufika ke elo xesha, abayi kulilibazisa, bengayi kulihambisa ngokukhawuleza nangeyure enye
  62. Babalela kuAllâh oko nabo bangakuthandiyo, namalwimi abo amisela ubuxoki bokuba ezona zinto zilungileyo zezabo. Ngokungathandabuzekiyo, okwabo nguMlilo, kunjalo nje baya kuba ngabokuqala ukugxagxanyiselwa kuwo, baze bashiywe apho kuwo bengahoywanga (mntu)
  63. NdifungangoAllâh, inene Thina SathumaabaProfetikwizizwe ezingaphambili kuwe (Muhammad), kodwa uShaytân wenze izenzo zabo zabonakala zintle kubo, ngoko ke uShaytân (lowo) ngumhlobo wabo namhlanje, ukanti okwabo iya kuba sisohlwayo esibuhlungu
  64. Kananjalo aSithumelanga Ncwadi kuwe (Muhammad) Siyithumelela nto yimbi ngaphandle kokuba ucacisele abantu ngezinto abangangqinelaniyo ngazo, kwanokuba ibe sisiKhokelo neNceba kubantu abakholwayo
  65. Kwaye uAllâh Uthumela amanzi (emvula) evela esibhakabhakeni, Aze Avuselele umhlaba ngawo emveni kokuba ubufile. Inene kuko oku kukho umqondiso kubantu abaphulaphulayo
  66. Kananjalo ezinkomeni kukho isifundo senu. Sinipha ukuba nisele koko kuphuma eziswini zazo, kuphuma phakathi kwelindle lazo negazi, ubisi oluhlambulukileyo; olumnandi kwabaliselayo
  67. Naseziqhameni zedatilisi nemidiliya, nifumana iziselo ezinxilisayo nembonelelo elungileyo. Inene kuloo nto kukho umqondiso olungileyo kubantu abanobulumko
  68. Kananjalo iNkosi yakho yaTyhilela iinyosi Yathi: “Thabathani iindawo zokuhlala kwenu ezintabeni nasemithini nakoko bakwakhayo (abantu)
  69. “Ke kaloku, yidlani kuzo zonke iziqhamo, nilandele iindlela zeNkosi yenu enizenzelwe lula.” Nako ke kuphuma isiselo esinemibala ngemibala eziswini zazo esilunyango kubantu, inene kuko oku kukho umqondiso kwabo bacingayo
  70. Kananjalo uAllâh Unidalile kwaye Usaya kunenza nife; ukanti abanye benu babuyiselwa ebuthathakeni bokwaluphala, khon’ukuze bangazi nto emveni kokuba bebesazi. Inene uAllâh nguSolwazi uSomandla
  71. Kananjalo uAllâh Ubonelela abanye benu ngobutyebi nangokuba nezinto ngaphezulu kunabanye. Ke kaloku abo babonelelwe ngaphezulu kunabanye abangekhe nakanye banikise ngobutyebi nezinto zabo kwabo basezandleni zabo zokunene (amakhoboka), ukuze balingane ngokumayela (nobutyebi) obo. Ingaba bayaluphika uBabalo luka-Allâh kusini na
  72. Yaye futhi Unenzele abalingane bohlobo lwenu, kananjalo kubafazi benu abantwana nabazukulwana, wanibonelela ngesixhaso esilungileyo. Ingaba emva (kwako konke) oku bakholwa koothixo bobuxoki, baphike iziBhalo zika-Allâh
  73. Bona banqula abanye ngaphandle koAllâh abangekhe bababonelele ngasixhaso esivela emazulwini nasemhlabeni
  74. Ke kaloku musani ukwenza izifaniso ngoAllâh kuba inene uAllâh Uyazi ukanti nina anazi
  75. UAllâh Wenza umzekelo [wamadoda amabini, (enye kuwo)] likhoboka elingenagunya lakulawula nto, ukanti (enye kuwo) ngumntu eSimnike iimbonelelo ezilungileyo ezivela kuThi, aze azichithe ezo mbonelelo (kumalizo) emfihlakalweni nasekuhleni, ingaba bayafana na? Indumiso mazibe kuAllâh! Kodwa abaninzi kubo abazi nto
  76. Kananjalo uAllâh Wenza (omnye) umzekeliso wamadoda amabini, enye kuwo isisimumu, ayinagunya phezu kwayo nantoni na, yaye ingumthwalo nakumgcini wayo; nantoni na ayikhombisa yona (ukuba iyenze), akukho nto intle iza nayo. Ingaba indoda enjalo iyafana (nendoda) eyalela ukwenziwa kobulungisa, ibe kwayona iseNdleleni ethe Tye
  77. Zezika-Allâh (izinto) ezingabonwayo emazulwini nezasemhlabeni. Kananjalo umbandela weYure5 awunto yimbi ngaphandle kokuba kukuqhwanyaza kweliso
  78. Kananjalo uAllâh Unikhuphe ezibelekweni zoomama benu, kungekho nto niyaziyo nina. Ukanti Uninike ukuva, ukubona nentliziyo khon’ukuze nibe nombulelo (kuYe)
  79. Kanti abaziboni na iintaka ezibambeka6 (ziphaphazele) esazulwini sesibhakabhaka? Akukho bani uzibambayo7 ngaphandle koAllâh Inene koku kukho imiqondiso ecacileyo kubantu abakholwayo
  80. KananjalouAllâh Unenzeleamakhayaenuukubaabeziindawo zokuhlala (kwenu). Waza kanajalo Wanenzela iintente ngeemfele zeenkomo ukuba zibe ziindawo zokuhlala kwenu enizifumana zilula ukuziphatha xa niseluhambeni naxa sele nihleli (eluhambeni apho), kanti noboya bazo buzizihombiso nezixhobo eziluncedo (umzekelo, iingubo iijezi nezinye izinto ezenziwa ngabo). Zibubumyoli okwethutyana
  81. Ukanti uAllâh Unenzele imithunzi ngoko Akudalileyo, Wanenzela neendawo zokufumana ukhuseleko ezintabeni, Wanenzela nezambatho zokunikhusela ebushushwini (nasengqeleni) nezinxibo zentsimbi zokunikhusela kuhlaselwano lwenu. Uzifezekise kanjalo ke izibabalo zaKhe kuni, khon’ukuze nizinikele eNtandweni yaKhe (i-Islam)
  82. Ke kaloku ukuba bayafulathela, (wena Muhammad) owakho umsebenzi kukuvakalisa (uMyalezo weIslam) ngendlela ecacileyo
  83. Bayaluqonda ubabalo luka-Allâh kodwa basuke baluphike yaye uninzi lwabo ngabahedeni
  84. Nikhumbule ke iMini eSiya kuvelisa ngayo ingqina (elinguMprofeti) kwisizwe ngasinye, ke ngoko abo bangazanga bakholwe abayi kunikwa mvume (yakubeka zizathu zokungakholwa kwabo) bengayi kuvunyelwa nokuvunyelwa (ukuba babuyele ehlabathini) bazokuguquka bacele itarhu kuAllâh (ngezenzo zabo ezigwenxa)
  85. Yaye futhi abo benza ubugwenxa baza kusibona isohlwayo, yaye asiyi kwenziwa lula kubo, bengayi kusirhoxiselwa nokusirhoxiselwa
  86. Kananjalo xa abo babesayamanisa amahlulelane kuAllâh bewabona (loo) mahlulelane abo, baya kuthi: “Nkosi yethu la ngamahlulelane ethu esasidla ngokubiza kuwo ngaphandle kwaKho.” Kodwa wona asuke aphindisele (loo) ntetho yabo kubo (athi): “Inene! Nina ningamaxoki okwenene!”
  87. Yaye ngaloo Mini baya kuzinikela ngokupheleleyo kuAllâh (Yedwa) baze oothixo babo bobuxoki banyamalale phambi kwabo
  88. Abo baye bala ukukholwa, bathintela (abantu) eNdleleni ka- Allâh. Kubo Siya kongezelela isohlwayo kuba babesasaza ukungcola
  89. Ke kaloku ngaloo Mini Siya kuvelisa iNgqina kwisizwe ngasinye (eliya kunika) ubungqina ngokuchasene nabo. Size Sivelise wena (Muhammad) ukuba ube liNgqina ngokuchasene naba (Bantu). Ukanti Sithumele iNcwadi (i’Kur’ân) kuwe ukuba ibe ngumcacisi wezinto zonke, ibe sisikhokelo, ibe yinceba neendaba ezivuyisayo kwabo bazinikeleyo, (kuAllâh bangamaMuslim)
  90. Inene uAllâh Uyalela ukwenziwa kobulungisa nokuhle nokunikela kwizizalwana8 nezihlobo. Nokwalela ukwenziwa kokungcola nobutshinga nayo yonke ingcinezelo. Uniyalela kananjalo ukuba nithabathe ingqalelo
  91. Ke kaloku zalisekisani iminqophiso xa nithe nanqophisa, ningazaphuli izifungo emva kokuba sele nizimisele, nibeke uAllâh ukuba Abe sisimiso senu. Inene uAllâh Uyakwazi enikwenzayo
  92. Kananjalo ningabi nje ngomfazi okhulula umsonto asele ewolukile emveni kokuba ubusele uqinile, ngokuthabatha izifungo zenu zibe yindlela yokukhohlisa phakathi kwenu, kuba hleze uhlanga oluthile lube luninzi kakhulu kunolunye uhlanga. UAllâh Uyanivavanya kuphela ngako oku. Ukanti ngoMhla wovuko Uza kunenza nicacelwe koko naningavumelani ngako
  93. Yaye ukuba uAllâh Ebethanda, Ebenganenza nibe luhlanga olunye (nonke) kodwa Yena Uthumela ekulahlekeni lowo Athande ukumthumela, Akhokelele lowo Athande ukumkhokelela kodwa ngokuqinisekileyo niza kubuzwa ngoko nakwenzayo
  94. Kananjalo musani ukwenza izifungo zenu zibe yindlela yokukhohlisa phakathi kwenu, kuba unyawo lutyibilika emva kokuba besele lume ngokuqinileyo, nize nibe nokungcamla isohlwayo esibi sokuthintela (abantu) eNdleleni ka-Allâh, yaye okwenu iya kuba sisohlwayo esikhulu
  95. Yaye futhi ningathengi inzuzwana encinane ngexabiso lomnqophiso ka-Allâh. Inene okukuAllâh kokona kulungileyo kuni ukuba benisazi
  96. Nantoni na eninayo, iza kushokoxeka, ukanti okuka- Allâh kuya kuhlala kukhona, yaye abo banomonde, Siya kubahlawula umvuzo wabo ngokulingana nokona kuhle abakwenzayo
  97. Nabani na owenza ubulungisa, nokuba ungoyindoda okanye ungowasetyhini olikholwa lokwenene yena Siya kumnika ubomi obulungileyo, yaye Siya kubanika (abanjalo) umvuzo wabo ngokomlinganiselo olingana nokuhle abakwenzayo
  98. Ke kaloku xa ufuna ukucengceleza i’Kur’ân, funa ukhuseleko ngoAllâh kuShaytân owaqalekiswayo
  99. Inene! Yena akanamandla phezu kwabo bakholwayo babeka ithemba labo eNkosini yabo (uAllâh)
  100. Amandla akhe (uShaytân) aphezu kwabo bathobela yena bamlandele, ndawonye nabo bayamanisa amahlulelane kuYe (uAllâh)
  101. Kananjalo xa Sitshintsha iVesi (ye’Kur’ân) endaweni yenye uAllâh Ukwazi ngcono Akuthumela emhlabeni bona (abangakholwayo) bathi:“Wena(Muhammad) ungumqambi,” Nakanye, uninzi lwabo alwazi nto
  102. Yithi ke wena: “URûhul ‘Kudus10 uze nayo emhlabeni evela nayo eNkosini yakho inenyaniso, khon’ukuze iqinise, yomeleze abo bakholwayo, ibe sisiKhokelo kananjalo neendaba ezivuyisayo kwabo bazinikeleyo (kuAllâh ukuba babe ngamaMuslim)”
  103. Inene! Thina Siyazi okokuba bathi: “Ngubani na omfundisayo (uMuhammad).” Ulwimi lwalowo bathi ufundiswa nguye lolwasemzini lo gama le ‘Kur’ân ingolwimi olucacileyo lwesiArabhu
  104. Inene! Abo bangakhlowayo kwiiVesi zika-Allâh, uAllâh Akayi kubakhokela yaye futhi okwabo iya kuba sisohlwayo esibuhlungu
  105. Kuphela ngabo bangakholwayo kwiiVesi zika-Allâh abaqamba ubuxoki, yaye ngabo abangamaxoki
  106. Nawuphi na (umntu) oye wangakholwa kuAllâh emva kokukholwa, ngaphandle kwalowo uye wanyanzelwa ukuba enze njalo ibe intliziyo yakhe isahleli elukholweni, kodwa bona abo bavula iintliziyo zabo bazivulele ukungakholwa, phezu kwabo yingqumbo ka-Allâh yaye okwabo iya kuba sisohlwayo esikhulu
  107. Oko kungenxa yokuba bathanda bekwakhetha ubomi beli hlabathi kunoBomi oBuzayo. Ke Yena uAllâh Akabakhokeli abantu abangakholwayo
  108. Bona bangabo bantliziyo zabo, nokuva kwabo, nokubona kwabo uAllâh Afake itywina yaye bangabangaqiqiyo
  109. Ngokungathandabuzekiyo, kuBomi oBuzayo, baya kuba ngabalahlekelwa
  110. Ke kaloku inene iNkosi yakho kwabo bafudukayo emva kokuba befakwe intshutshiso baza bazabalazamva koko balwa (eNdleleni ka-Allâh) baba nomonde, inene, iNkosi yakho nguMxoleli, uSozinceba
  111. ngeMini apho umntu ngamnye aya kuza ezicengela isiqu sakhe, aze umtu ngamnye ahlawulwe ngokupheleleyo ngoko wakwenzayo, yaye abayi kuphathwa ngokungenabulungisa
  112. Kananjalo uAllâh Wenza umzekelo wedolophu (iMakkah) eyayihleli ikhuselekile yanelisekile nokwaneliseka: iimbonelelo zayo zisiza ziyindyebo kuyo zivela kuyo yonke indawo, kodwa (abantu bayo) baziphika izibabalo zika- Allâh (ngokungabi nambulelo). Ke kaloku uAllâh Wayenza ukuba ikhe ingcamle indlala kanobom noloyiko ngenxa yoko bakwenzayo (abantu bayo)
  113. Ke kaloku inene, kwafika uMprofeti (uMuhammad) kubo, ephuma phakathi kwabo, kodwa bamphika, saza ke isohlwayo sabafumana besengabagabadeli njalo
  114. Yidlani ke ngoko kwizinto ezivumelekileyo nezilungileyo Anibonelele ngazo uAllâh, nibe nombulelo kananjalo ngobuBele buka-Allâh, ukuba ngaba nguYe eniMnqulayo
  115. Yena Unalele kuphela ukuba nidle into ezifeleyo, igazi, inyama yehagu, nasiphi na isilwanyana esixhelelwe ukuba lidini lomnikelo kwenye into engenguYe uAllâh. Kodwa ke ukuba ubani uye wanyanzeliswa yimeko enganyamezelekiyo, engenziwa yindelelo, engaqhutywa lugabadelo ke kaloku uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
  116. Kananjalo musani ukuthetha ngezinto ezitshiwo ngobuxoki ngamalwimi enu nithi: “Oku kuHalâl11, oku kuHarâm12,” nitsho niqamba ubuxoki ngoAllâh. Eneneni abo baqamba ubuxoki ngoAllâh asokuze baphumelele
  117. Bathabathekile lulonwabo lomzuzwana oludlulayo kanti baza kuba nesohlwayo esibuhlungu
  118. Ke kaloku kwabo bangamaYuda, Salela izinto ezinjengezo sele Sizikhankanye kuwe (Muhammad) kwantlandlolo. Kananjalo aSizanga Sibone Thina koko ngabo ngokwabo abazonayo
  119. Ke kaloku inene! INkosi yakho kwabo benza ukungcola bengazi baze baguquke emva koko, benze izenzo ezilungileyo, inene iNkosi yakho emva koko nguMxoleli, uSozinceba
  120. Inene uIbrâhîm wayesisizwe esinentobeko kuAllâh, engumHanîfa yaye yena wayengengomnye wabakhonzi bezithixo
  121. Wayenombulelo ngeeNtsikelelo zaKhe (uAllâh) Waza Yena Wamkhetha, Wamkhokelela kwiNdlela ethe Tye
  122. Kananjalo Samnika okulungileyo kweli hlabathi, ukanti kwelizayo usaya kuba ngomnye wabangamalungisa
  123. Thina ke Sithumele isiTyhilelo kuwe (Muhammad): Landela inkolo kaIbrâhîm umHanîfa yaye yena waye ngenguye omnye wabakhonzi bezithixo
  124. ISabatha yayimiselwe kuphela abo babephikisana ngayo, yaye futhi iNkosi yakho Iza kugweba phakathi kwabo ngeMini yoVuko mayela noko babephikisana ngako
  125. Memela eNdleleni yeNkosi yakho ngobulumko nentshumayelo entle, uxoxe nabo ngendlela eyiyeyona ilungileyo. Inene iNkosi yakho Yazi kakuhle okokuba ngubani na olahlekileyo eNdleleni yaYo, yaye futhi Ibazi kakuhle abangabona bakhokelelekileyo
  126. Ke kaloku xa nisohlwaya (utshaba lwenu) lohlwayeni ngohlobo enanithuthunjiswe ngalo nani. Kodwa ukuba (nikhetha) ukunyamezela ngomonde, inene, kokona kulungileyo oko kuni (ukuba nibe) ngabanomonde
  127. Nyamezela ke wena (Muhammad) ngomonde, ukunyamezela kwakho akuveli kubani ngaphandle kwakuAllâh. Kananjalo ungazikhathazingabo(abanqulizithixo),unganxunguphaliswa nangoko bakuqulunqayo
  128. Inene, uAllâh Unabo baMoyikayo, (baMhlonele) nabo bangabenzi bokulungileyo