17.The Night Journey

  1. Makazukiswelowo WathabathaisiCakasaKhe(uMuhammad) Esithabathela uhambo ngobusuku ukusuka eMasjid-al- Harâm1 ukuya eMasjid-al-A’ksâ2 khon’ukuze Simbonise (uMuhammad) imiqondiso yeThu. Inene Yena (uAllâh) nguSokuva, uSokubona
  2. Kananjalo Thina Sanika uMûsâ isiBhalo Sasenza ukuba sibe sisiKhokelo kuBantwana bakwaSirayeli. (Sathi kubo): “Ningathabathi bani ngaphandle kwaM abe ngumkhuseli (wenu).”
  3. “Hini na nzalandini yabo sabakhwelisa enqanaweni noNûh (uNowa)! Inene, yena (uNûh) wayesisicaka esinombulelo.”
  4. Kananjalo Samisela kuBantwana bakwaSrayeli esiBhalweni (sabo, Sathi): “Inene nina niya kwenza ubutshinga emhlabeni kube kabini, yaye niya kuba ngabacinezeli, nikhukhumale gqitha
  5. Kwathi ke ukufika kwesithembiso sokuqala kwezo zibini, Sathumela ngokuchasene nani izicaka zeThu ezazingabalwi beemfazwe ezinzima. Zangena zaya kum’entla emizini yenu. Eso ke yayisisithembiso esazaliseka ngokupheleleyo
  6. Saza Saninika ukuba nibuye ninoloyiso ngokuchasene nazo. Saphinda Saninceda ngobutyebi nabantwana, Sanenza naba ngabantu abaninzi
  7. (Sathi kuni): “Ukuba nenza ubulungisa, niya kuba niyazenzela kanti ukuba nenza okungcolileyo, nikwenzela iziqu zenu. Ke kaloku sisakufika esesibini isithembiso, (Savumela) iintshaba zenu ukuba zihlazise ubuso benu nokuba zingene emasjid (eYerusalem) njengoko zazingenile ngaphambili, kwanokuba zitshabalalise nya yonke into ewele ezandleni zazo
  8. (Ke kaloku uAllâh wathi: “Kulindelekile ukuba niguquke ukuba niye naguquka ke) INkosi yenu Isengaba nenceba kuni, kodwa ukuba niphindile (Naqhubeka nokona) NaThi oku kweThu Siya kuphinda Sibuyele kwakhona (ekunohlwayeni). Ukanti Senze isiHogo ukuba sibe yintolongo yabangakholwayo
  9. Inene, le ‘Kur’ân ikhokelela ebulungiseni nakokulungileyo, yaye inika iindaba ezivuyisayo kwabakholwayo, benze izenzo ezilungileyo, bona baya kuba nomvuzo omkhulu
  10. Ke bona abo bangakholwayo kuBomi oBuzayo, bona Sibalungiselele isohlwayo esibuhlungu
  11. Kananjalo umntu uye athandazele okungcolileyo (kuAllâh) njengoko edla ngokuthandazela okulungileyo yaye umntu unamangxamo
  12. Thina Sibeke ubusuku nemini ukuba zibe yimiqondiso emibini, Saza kananjalo Sawenza waba mnyama umqondiso wobusuku lo gama Senze umqondiso wemini waba kukukhanya, khon’ukuze nikwazi ukufuna iziBele eNkosini yenu, kwanokuba nikwazi ukubala inani leminyaka nokuba nomqaphela (wezinto). Ke kaloku Sinichazele yonke into ngengcaciso egcweleyo
  13. Kananjalo Sibophelele izenzo zomntu ngamnye entanyeni yakhe, yaye ngoMhla woVuko, Siza kumvezela iNcwadi aza kuyifumana ivuliwe
  14. (Kuya kuthiwa kuye): “Funda iNcwadi yakho. Wena uwedwa nje wanele ukuba ube ngumgwebi ngokuchasene nesiqu sakho namhlanje.”
  15. Nabani na lowo uhamba ngokulungileyo, uhamba ngokulungileyo esenzela ukunceda isiqu sakhe. Ukanti lowo uphambukayo, uphambukela ilahleko yakhe. Akukho bani unokuthi ethweliswe umthwalo athwale umthwalo womnye. Yaye Asizanga Sohlwaye (luntu) Singakhanga Sithumele Mprofeti (kuqala ukuba aze kulumkisa)
  16. Kananjalo xa Sigqibe ekubeni Siyitshabalalise idolophu, (Siqala) Sithumele umyalelo ocacileyo (wokuthotyelwa kuka-Allâh) kwabo Sibaphe izinto ezilungileyo zobu bomi kodwa bona bagabadele; khon’ukuze ilizwi lingqineleke ngokuchasene nabo: Size Sibatshabalalise ke baphele nya
  17. Zingaphi izizukulwana eSazitshabalalisayo emva koNûh (uNowa)! Yaye iNkosi yakho Yanele Iyodwa ukuba Ibe nguSolwazi, uSokubona wezono zezicaka zaYo
  18. Nabani na lowo unqwenela okudlula ngephanyazo3 Simnika lula eSithande ukumnika kona lowo Sithe Sathanda ukumnika. Emveni koko Simbekele isiHogo; uya kutsha apho ehlazekile, achaswe nokuchaswa
  19. Nabani na ke lowo unqwenela uBomi beLizayo, aze abuzabalazele, ngemizamo eyimfuneko, abe elikholwa, abanjalo ngabona ukuzabalaza kwabo kuya kwamkelwa (ngombulelo, bavuzwe nguAllâh)
  20. Kuye ngamnye kwaba, ndawonye nabo Sibaphe iziBele zeNkosi yakho. IziBele zeNkosi yakho azingekhe zibe sisalelo
  21. Khawubone indlela eSikhetha omnye kunomnye (kweli hlabathi) ukanti inene uBomi beLizayo buya kuba bukhulu ngokomgangatho, bube bukhulu nangokukhethwa
  22. Uze ungayamanisi thixo kuAllâh, kungenjalo uya kuhlaliswa phantsi, ungcikivwe, ushiywe (eMlilweni wesiHogo)
  23. Kananjalo iNkosi yakho Imisele okokuba wena unganquli nto ngaphandle kwaYo. Kwanokuba unonophele abazali bakho, ukuba omnye kubo okanye bobabini bathe bafumana ukwaluphala wena usaphila, ungathethi igama lendelelo (kubo), ungabangxolisi koko thetha nabo ngendlela enentlonipho
  24. Uze uthobe iphiko lokuzinikela nentobeko ngenceba kubo, uthi: “Nkosi yam! Benzele iNceba yaKho njengoko bandikhulisa ndisemncinane.”
  25. INkosi yenu Iyakwazi okungaphakathi ezintliziyweni zenu. Ukuba ningamalungisa, inene Yona Ihlala Inenceba kwabo babuyela kuYo rhoqo ngentobeko nangenguquko
  26. Nikaisizalwana(sakho) okuziimfanelosazo, nakumahlwempu nongumhambi, kodwa ungachithi (ubutyebi bakho) ngokudyakraza
  27. Inene, abadyakrazi ngabazalwana bamashayâtîn (ooSathana) yaye uShaytân uhlala engenambulelo eNkosini yakhe
  28. Ke wena (Muhammad) xa ubafulathela (abazizizalwana zakho, amahlwempu nabahambi eSikuyalele ukuba ubanike iimfanelo zabo, kodwa ube ungenayo imali ngexesha bekucela yona wena) ube wena ulindele inceba evela eNkosini yakho onethemba layo wena, thetha ke kubo ilizwi elinobulali
  29. Ke kaloku isandla sakho masingabopheki entanyeni yakho (sibe ngathi sesegqolo), singoluleki kananjalo sibe side, sitsaleke side siphele (njengesomdyakrazi), ukuze ube ngogxekwayo uhlwempuzeke kanobom
  30. Inene iNkosi yakho Yandisa imbonelelo yalowo Ithande ukumandisela, Incitshe (lowo Ithande ukumncitsha). Inene Yona nguSolwazi, uMboneleli wezicaka zaYo
  31. Ningababulali abantwana benu ngenxa yokoyika ubuhlwempu. Thina Siza kubabonelela ndawonye nani. Inene ukubabulala kusisono esikhulu
  32. Kananjalo ningasondeli ekwabelaneni ngesondo okungekho mthethweni [ngokwenkolo yeIslam (ningakrexezi, ningajoli, ningathandani)] kuba inene kona kusisono nendlela engcolileyo (ekhokelela esiHogweni)
  33. Nize ningabulali nabani na okubulawa kwakhe uAllâh Akwaleleyo, ngaphandle kwesizathu esisebulungiseni. Ke kaloku nabani na obulewe ngendlela engalunganga, Thina Sinike indlalifa yakhe igunya lokuba inkqange umthetho wokulingana ngesohlwayo okanye ixolele, ithabathe idiyah5. Kodwa ke (indlalifa leyo) mayingatsibi imida ebekiweyo kumbandela wokuthabatha ubomi. Ngokwenene yona incedisiwe (ngumthetho)
  34. Ningasondeli ezimpahleni zenkedama ngapahandle kokuba nifuna ukuziphucula, de ikhule yomelele ngokupheleleyo. Zalisekisani yonke iminqophiso, Inene iminqophiso niza kubuzwa ngayo
  35. Kananjalo nikani umlinganiselo opheleleyo xa nimeta, nimete ngesikali esichanekileyo. Oko kokulungileyo kukwangcono ekugqibeleni
  36. Kananjalo ningazisukeli (izinto) eningenalwazi ngazo (kuba) inene ukuva (ngeendlebe), nokubona (ngamehlo), nentliziyo yomntu ngamnye kubo abo (benza oko) ziza kubuzwa (nguAllâh)
  37. Kananjalo uze ungahambi emhlabeni ngekratshi nangenkukhumalo. (ngokuba) awusokuze uwucande (phakathi), ungekhe uwugqobhoze, ungasokuze futhi ube nokuphakama okulingana nokweentaba
  38. Konke oko kubi, kuchasekile eNkosini yakho
  39. Ke kaloku oko kuyinxalenye yobulumko obutyhilwe yiNkosi yakho kuwe (Muhammad) uze ungayamanisi thixo wumbi kuAllâh kuba hleze uphoswe esihogweni, ugxekwe, ulahlwe (nguAllâh)
  40. Ingaba iNkosi yenu (nina bahedeni baseMakkah) Ikhethe ukunika nina oonyana Yaza Yona Yathabatha iintombi kwiingelosi? Inene! Nina nithetha intetho elisikizi kakhulu
  41. Sele Sisicacisile (isithembiso nesilumkiso seThu) kule ‘Kur’ân sokokuba (abangakholwayo) bathabathe ingqalelo, kodwa oko akukho nto kuyandisayo kubo ngaphandle kwenkcaso (yomyalezo weThu)
  42. Yithi (Muhammad kubo): “Ukuba ngaba bebekhona abanye oothixo abakunye naYe njengoko besitsho, Inene bebeza kukhangela indlela eya kwiNkosi yeTrone (bafune ukwenza intando Yayo bazisondeze nokuzisondeza kuYo)
  43. Uzuko (lonke) malube kuYe, Yena Uphakamileyo. Bubuxoki obukhulu obo babuthethayo
  44. Amazulu osixhenxe nomhlaba nako konke okulapho, kuyaMzukisa Yena, yaye akukho nanye into engaMzukisiyo ngendumiso yaKhe, koko nina anikuqondi ukuMzukisa kwazo. Inene Yena nguMnyamezeli, nguMxoleli
  45. Kananjalo wena (Muhammad) xa ucengceleza i’Kur’ân Sibeka umkhusane ongabonakaliyo phakathi kwakho nabo bangakholwayo kuBomi oBubuzayo (ukuze bangayiva)
  46. Kananjalo Sifakaizigqubutheloezintliziywenizabokubahleze bayive (i’Kur’ân) nasezindlebeni zabo (Sifaka) ubuthulu. Naxa wena ukhankanya iNkosi yakho Yodwa kwi’Kur’ân (usithi: ‘Akukho thixo wumbi ngaphandle koAllâh’) bajika bakuzele ngomva babaleke ngenkcaso enkulu
  47. Sikwazi kakuhle okona bakuphulaphulayo xa bephulaphule wena (uthetha), naxa besenza amabhunga abo emfihlakalweni, ke kaloku abagabadeli bathi: “Inene nina anilandeli nto ngaphandle kwendoda ethakathiweyo6. “
  48. Uyayibona na imizekelo abayenzayo ngawe. Balahlekile, yaye asokuze bayifumane iNdlela
  49. Kananjalo bathi: “Xa siya kube singamathambo nezicwibi (sifile), siza (kuphinda) sivuswe nyani sibe yindalo entsha?”
  50. Yithi wena: “Yibani ngamatye neentsimbi (kaloku)
  51. Okanye (nibe) yiyo nantoni na edaliweyo (eqine ngakumbi) ezintliziyweni (ngokweengcinga) zenu,” Baza kuphinda bathi kwakhona: “Ngubani oza kuphinda asibuyisele (ebomini)?” Yithi: “NguYe Owanidalayo ekuqaleni!” Emva koko baza kuhlunguzela iintloko zabo kuwe bathi: “Iza kuba nini loo nto?” Yithi wena: “Mhlawumbi seyikufuphi!”
  52. Ngaloo Mini xa Eya kuba Enibiza nize nina nisabele ngendumiso yaKhe nangentobeko, ke kaloku niya kucinga okokuba nihleli ithutyana elincinane (kweli hlabathi)
  53. Yithi kwizicaka zaM mazithethe awona mazwi alungileyo (ngokuba) uShaytân inene, uhlwayele imeko yempixano nokungavumelani phakathi kwabo. Inene, uShaytân emntwini ulutshaba olucacileyo
  54. INkosi yenu Inazi kakuhle; ukuba Ithandile Iya kuba nenceba kuni, okanye ukuba Ithandile, Inohlwaye. Yaye aSikuthumelanga ukuba ube ngumlondolozi wabo wena (Muhammad)
  55. Kananjalo iNkosi yakho Ibazi ngcono bonke abasezulwini nasemhlabeni. Yaye inene, Siye Sakhetha abanye abaProfeti kunabanye. UDâwûd Samnika iZabûr (iNcwadi yendumiso kaDavide)
  56. Yithi (Muhammad): “Bizani kaloku kwabo bangaphandle kwaKhe enibenza ngathi (ngoothixo). Bona abanawo amandla okususa ububi kuni bengekhe babushenxise nokubushenxisa kuni babuse komnye umntu
  57. Abo babiza kubo kwabona buqu bathembele eNkosini yakho, yaye boyika isohlwayo saYo. Inene, isohlwayo seNkosi yakho siyoyikeka
  58. Kananjalo akukho dolophu eSingayi kuyitshabalalisa phambi kweMini yoVuko, okanye Siyohlwaye ngesohlwayo esibuhlungu. Oko kubhaliwe eNcwadini
  59. Kwaye akukho nto iSithintelayo ukuba Singathumeli umqondiso kodwa abantu bamandulo bayiphikisa (imiqondiso leyo). Sathumela imazi yenkamela kwaThamûd ukuba ibe ngumqondiso ocacileyo (kubo), kodwa bayenza ububi. Kananjalo aSizanga Sithumele mqondiso Singawuthumeleli ukubalumkisa nokubenza boyike (intshabalalo)
  60. Yabona! Sakuxelela (okokuba) “Inene iNkosi yakho Ibarhangqele abantu.” Kananjalo aSiwenzelanga nto yimbi umbono (wohambo lwakho ngobusuku oluya emazulwini) koko (Siwenzele ukuba) ube luvavanyo loluntu, nomthi weZa’kkûn, okhankanywe) kwi’Kur’ân. Siyabalumkisa Siboyikise kodwa akukho nto kubongezelela yona (oko) ngaphandle kobuhedeni, ingcinezelo nokungathobeli uAllâh
  61. Yabona! Sathi kwiingelosi: “Qubudani kuAdam.” Zaqubuda (zonke) ngaphandle koIblîs (uSathana). Wathi: “Mna ndiqubude komnye Omdale ngodongwe?”
  62. UIbîs wathi: “Uyambona lo mntu Umenze wahlonipheka ngaphezulu kunam, ukuba ungandirhoxisela [(isohlwayo) Unganditshabalalisi] kude kube yiMini yoVuko, ndiya kuyihlasela, ndiyilahlekise ngokwenene inzala yakhe yonke ngaphandle kwabambalwa (kubo)!”
  63. UAllâh Wathi: “Hamba ke, nabani na kubo othe walandela wena, inene isiHogo siya kuba yimbuyekezo yenu (nonke) (siya kuba) yimbuyekezo yaneleyo
  64. (Uya kumana) ubabhanxa ngokubabhanxa ke abo unako (ukubabhanxa) ngezwi lakho phakathi kwabo, ubahlasele ngomkhosi wakho ohamba ngamahashe nohamba ngeenyawo.Wabelane nabo ngobutyebi nangabantwana. Wenze izithembiso kubo.” Kodwa uShaytân akukho nto athembisa yona ngaphandle kwenkohliso.”
  65. Inene ezaM izicaka akuyi kuba namandla phezu kwazo yaye iNkosi Yakho yanele Iyodwa ukuba ibe nguMkhuseli (kuzo)
  66. INkosi yenu yiYo Eniqhubela iinqanawa zenu elwandle, khon’ukuze nifune iziBele zaYo. Inene Yona Isoloko Inenceba kuni
  67. Kananjalo xa ingozi inichukumisa elwandle, abo nibiza kubo bayanyamalala kuni kushiyeke Yena (uAllâh Yedwa) kodwa Athi Esakunibuyisela ngaphandle elwandle, niMfulathele Yena. Umntu uhlala engenambulelo
  68. Ingaba niziva nikhuselekile na kwinto yokuba (uAllâh) Akanakuze Enze icala lomhlaba ukuba liniginye (nonke) kungenjalo Athumele isaqhwithe esiqhumisa uthuli lwentlabathi ngokuchasene nani? Ke kaloku aniyi kufumana mncedi (wokunikhusela esohlwayweni)
  69. Okanye niziva nikhuselekile kwinto yokuba Akangekhe Aniphindisele elwandle okwesibini, Aze Athumele inkanyamba yomoya Anitshonise ngenxa yokungakholwa kwenu? Kananjalo aniyi kufumana mphindezeli apho ngokuchasene naThi
  70. Ke kaloku inene Thina Siye Sabaxabisa abantwana baka- Adam, Sabathwala emhlabeni naselwandle, kananjalo Sababonelela nangezinto ezilungileyo, Sakhetha bona kunezinto ezininzi eSazidalayo ngoBabalo oluphawulekayo
  71. NgeMini apho Siya kubizela abantu bonke kunye neeImâm zabo. Lowo uya kunikwa incwadi yakhe esandleni sakhe sokunene, abanjalo baya kuyifunda incwadi yabo yaye abayi kuphathwa nangencinane intswela bulungisa
  72. Nabani na oyimfama kweli hlabathi, uya kuba yimfama nakuBomi Obuzayo, elahleke ngakumbi endleleni
  73. Inene bebesele beza kukuhenda bakukhuphe koko Sikutyhile kuwe (Muhammad) baqambe enye into engasiyiyo (i’Kur’ân) ngokuchasene naThi, yaye ngokuqinisekileyo bebeza kukuthatha ukuba ube ngumhlobo wabo osenyongweni
  74. Kananjalo ukuba beSingakwenzanga womelela wena, ubuya kuphantse utyekele ngakubo kancinane
  75. Ukuba bekunokuba njalo ke beSiza kukwenza ungcamle (isohlwayo) ngokuphindwe kabini kobu bomi (nesohlwayo) esiphindwe kabini kuBomi basemva kokufa yaye ubungazi kufumana namnye oza kukunceda ngokuchasene naThi
  76. Kananjalo bebesele beza kukoyikisa kangangokuba bade bakugxothe umke ezweni. Kodwa ke (nabo) bebengazi kuhlala apho kulo emveni kwakho, ngaphandle nje kwethutyana elincinane
  77. (Esi) sisithetheseThukubaThunywaeSabathumangaphambili kunawe, yaye akuyi kufumana kuguquka esithetheni seThu
  78. Yenza iSalâh emini emaqanda, kude kurhatyele ubusuku, ucengceleze i’Kur’ân kwasekuseni ngoms’obomvu. Inene ucengcelezo lwe’Kur’ân ekuseni lusoloko lumameleka
  79. Kanti naphakathi kwezinye iziqendu zobusuku yenza itahajud ibe ngumthandazo wesongezelelo wakho (wena Muhammad). Kunokwenzeka ukuba iNkosi yakho Ikunyusele kumgangatho wokuzukiswa
  80. Ke kaloku yithi (Muhammad): “Nkosi yam yenza ukungena kwam (esixekweni) kube (yinto) elungileyo nokuphuma kwam (kuso) kube (yinto) elungileyo. Undiphe igunya elivela kuWe lokuncedwa (nguWe).”
  81. Yithi kananjalo: “Inyaniso ifikile, ubuxoki butshabalele. Inene ubuxoki buya kuhlala (buyinto) etshabalalayo.”
  82. Thina Sithumele kule ‘Kur’ân okuphilisayo nenceba kwabo bakholwayo (kuyo), ukanti ayongezi nto kubenzi bobubi ngaphandle kwelahleko
  83. Kananjalo Sithi Sisakuthulula uBabalo lweThu emntwini (ongakholwayo), asuke atshikile, abe nenkukhumalo, (kodwa) esakuchukunyiswa bububi (aqale) athi khulubembe (aphelelwe lithemba)
  84. Yithi (Muhammad): Umntu ngamnye wenza ngokokubona kwakhe kodwa iNkosi yenu Imazi kakuhle okhokelelekileyo eNdleleni (ethe Tye)
  85. Kananjalo bayakubuza ngomphefumlo yithi: “Umphefumlo ngumcimbi (onxulumene) neNkosi yam. Ke nina (bantu) anilunikwanga ulwazi ngaphandle koluncinane.”
  86. Kanti ukuba beSithanda beSingasuka Sikuyeke oko Sikutyhile kuwe, ke wena ubungazi kufumana mmeli mayela noko ngokuchasene naThi
  87. Kuphela nje [Siye Sakuyeka kwakuwe] njengenceba evela eNkosini yakho, Inene ububele baYo kuwe buhlala bubuninzi
  88. Yithi: “Ukuba abantu neejinn bebenokuhlangana kunye ukuvelisa i’Kur’ân efana nale, bebengenakuyivelisa, efana nayo, enokuba bebenokuncedisana na.”
  89. Kananjalo Siye Sacacisa eluntwini, kule ‘Kur’ân zonke iintlobo zemizekeliso, kodwa uninzi lwabantu luyalile ngaphandle (kokwamkela) ukungakholwa
  90. Yaye bathi: “Asiyi kukholwa kuwe wena ngaphandle kokuba wenze kutsawule umthombo emhlabeni
  91. Kungenjalo wena ube nomyezo weedatilisi, wenze imilambo itsawule phakathi kuyo apho
  92. Okanye wenze isibhakabhaka siwe phezu kwethu singamaqhekeza njengoko usitsho okanye uze noAllâh neengelosi phambi kwethu
  93. Okanye ube nomzi (owenziwe) ngezihombiso (igolide nesilivere) okanye unyuke uye esibhakabhakeni, kanti nangoko asiyi kukholelwa kunyuko lwakho ude usihlele neNcwadi esiza kuyifunda.” Yithi: “Uzuko malube seNkosini yam (uAllâh) ingaba ndiyinto yimbi na mna ngaphandle kokuba ngumntu, othunyelwe njengoMthunywa (kuni)?”
  94. Kananjalo akukho nto eyathintela abantu ekukholweni kwakufika isiKhokelo kubo, ngaphandle kokuba bathi: “Ingaba uAllâh Uthumele umtu ukuba abe nguMthunywa (kusini na”)
  95. Yithi: “Ukuba emhlabeni apha bekukho iingelosi ezihamba- hambayo ngoxolo nokhuseleko, (nakuzo) beSiza kuthumela ingelosi ize kuzo ivela ezulwini ibe nguMthunywa.”
  96. Yithi: Wanele uAllâh Eyedwa ukuba abe liNgqina phakathi kwam nani, inene Yena Uhlala EnguSolwazi, uSokubona wezicaka zaKhe.”
  97. Ke kaloku lowo ukhokelwe nguAllâh lowo ungokhokelelekileyo, ke lowo Amyekele ekulahlekeni abanjalo akuyi kubafumanela bakhuseli ngaphandle kwaKhe, Yaye Siya kubaqokelela ndawonye ngomhla woVuko (bawe) ngobuso beziimfama, bezizimumu nezithulu. Ikhaya labo iya kuba sisiHogo, maxa onke sisiya siyekelela8 (ukutshisa) Siya kubongezela isivuthisi soMlilo odwanguzayo
  98. Leyo iya kuba yimbuyekezo yabo kuba bala ukukholwa kwiVesi zeThu, bathi: “Sisakuba sifile sele singamathambo nezicwibi ezicolekileyo, siza kuvuswa ngokwenene sibe kwindalo entsha na
  99. Ingaba ababoni na ukuba uAllâh, Owadala amazulu nomhlaba, Uyakwazi ukudala abakwanjengabo? Yaye Ubabekele ixesha ekungekho ntandabuzo ngalo. Kodwa abenzi bobubi abamkeli nto ngaphandle kokungakholwa
  100. Yithi: “Ukuba nina beninokuba noovimba beNkosi yam, beniya kubankonya ngenxa yokoyika ukunikela ngabo.” Yaye umntu wahlala eligogotya
  101. Ukanti Sanika uMûsâ ubungqina bemiqondiso elithoba. Ke kaloku buza abaNtwana bakwaSirayeli (ngokumayela nokuba) wathi akufika kubo, wathi uFir’awn kuye, “Inene mna ndicinga ukuba wena Mûsâ uchatshazelwe bubuthi.”
  102. (UMûsâ) wathi: “Sele usazi okokuba akukho bani (ungomnye) othumele le (miqondiso) ngaphandle kweNkosi yamazulu nomhlaba ukuba zibe ngumqondiso ocacileyo, yaye inene ndicinga ukuba wena Fir’awn, uyatshabalala.”
  103. Ngoko ke waye wagqiba ekubeni abagxothe ezweni, lakubo (eYiputa) kodwa Samrhaxisa ndawonye nabo bonke ababekwicala lakhe
  104. Sathi emva kwakhe (uFir’awn) kuBantwana bakwaSirayeli: “Hlalani elizweni, kodwa ke kusakufika isithembiso soBomi oBuzayo, Siya kunibuyisa ngendibano enye (jwi).”
  105. Yaye ngenyaniso Siyithumele (i’Kur’ân) ukanti ngenyaniso Siyithobile kananjalo aSikuthumelanga (nto yimbi) wena ngaphandle kokuba ube ngumvakalisi weendaba ezilungileyo noMlumkisi
  106. Kananjalo (le) yi’Kur’ân eSiyahlulahlulileyo khona ukuze uyicengceleze ebantwini kwisithuba eside yaye Siyithumele phantsi amathuba ngamathuba
  107. Yithi: “Kholwani ke kuyo okanye ningakholwa, inene abo babenikwe ulwazi ngaphambili kunayo, xa icengcelezwa kubo, bawa ngobuso babo baqubude
  108. Ke kaloku bathi, Iphakamile iNkosi yethu inene, isithembiso seNkosi yethu sizalisekile.”
  109. Baze bawe ngobuso belila, kwaye yona (i’Kur’ân) ibongezelela intobeko
  110. Yithi: “Bizani kuAllâh okanye kuRahmân (uSolubabalo). Naliphi na (igama) eniMbiza ngalo Yena ngawaKhe (onke) amagama angawona alungileyo.” Ke kaloku ungacengcelezi ngokukhwazakakhuluemthandazweniwakhookanyeuthethele phantsi kakhulu koko funa indlela ephakathi kwezo (zimbini)
  111. Yithi kwakhona: “Makadunyiswe uAllâh, Ongazanga Wathabatha nyana Engazanga Waba nahlulelane ebukumkanini baKhe, Engenaye namkhuseli wokuMkhusela ebuthathakeni, Mphakamiseni niMenze Mkhulu Yena