19.Mary

  1. Kâf-Hâ-Yâ-’Aîn-Sâd
  2. Oku kukukhankanywa kwenceba yeNkosi yakho kwisiCaka sayo (uZakariyyâ)
  3. Xa wakhalayo eNkosini yakhe (uAllâh) isikhalo sasemfihlakalweni
  4. Wathi: “Nkosi yam! Inene amathambo am aluphele, neenwele ezingwevu (zandile entlokweni yam), yaye andizanga ndiphoxeke emthandazweni wam kuWe Nkosi yam
  5. Inene ndoyika abaya kulandela emva kwam, ukanti umfazi wam ludlolo, ngoko ke ndiphe indlalifa evela kuWe
  6. Eza kuba yindlalifa yam, ibe yindlalifa yekhaya lam, indlu kaYa’kûb. Umenze athandeke (kuWe) Nkosi yam.”
  7. (Kwathiwa kuye): “Hini na Zakariyyâ, Inene wena Sikunika iindaba ezivuyisayo zomntwana oyinkwenkwe ogama lakhe liya kuba nguYahyâ (uYohane). ESingazanga salinika nabani na ngaphambili kunaye (eli) gama.”
  8. Wathi yena, “Nkosi yam, ndingaba nomntwana oyinkwenkwe njani na umfazi wam eludlolo nje, ndibe mna ndifikelele ekwaluphaleni okungaka?”
  9. (Ingelosi) yathi: “Kuya kuba njalo; Itsho iNkosi yakho, (Ithi): “Kulula kum, ngokuba Ndakudala wena ngaphambili, wabe ungento yanto.”
  10. (UZakariyyâ) wathi, “Nkosi yam, Ndenzele umqondiso.” Wathi Yena (uAllâh), “Umqondiso wakho kukuba wena akuyi kuthetha ebantwini iintsuku ezintathu, (ngoku) uphilileyo, (ungaguli)
  11. Waphuma ke waya kubantu bakubo esuka egumbini lakhe lokuthandazela wathetha ngezandla kubo ebaxelela ukuba mabadumise (uAllâh) ekuseni nangokuhlwa
  12. (UAllâh Wathi): “Hini na Yahyâ, thabatha isiBhalo ngenyameko.” Saza Samnika (amandla) okugweba eseyinkwenkwana
  13. Wathandeka (ebantwini) evela kuThi enobunyulu, emoyika uAllâh
  14. Wayenenkathalongabazalibakhe,yayewayengengomgabadeli oyinjubaqa
  15. Uxolo malube phezu kwakhe ukususela mhla wazalwa nangomhla wokubhubha kwakhe nangomhla aya kuvuswa abuyele ebomini ngawo
  16. Khankanya kananjalo, (Muhammad), eNcwadini [i’Kur’ân (ibali lika)] Maryam xa wamkayo kowabo waya kwindawo engaseMpuma
  17. Ke kaloku, wathabatha umkhusane wazahlula kubo. Saza Thina Sathumela ingelosi yeThu kuye, yafika kuye ingesimo somntu oyindoda osulungekileyo
  18. Wathi yena: “Inene mna ndicela ukhuseleko ngoSozinceba kuwe, (hamba umke kum) ukuba uyaMoyika (ngenene) uAllâh.”
  19. Yathi yona (ingelosi): “Mna ndisiSithunywa esivela eNkosini yakho ukuza kukunika iindaba ezivuyisayo zomntwana oyinkwenkwe, onyulu.”
  20. Wathi yena, “Ndingaba nomntwana oyinkwenkwe njani na kungekho ndoda indichukumisileyo, yaye mna andizanga ndiziphathe kakubi.”
  21. Yathi yona, “Kuza kuba njalo; iNkosi yakho ithi: “Kulula oko kuM, yaye Siya kumenza umqondiso ebantwini nenceba evela kuThi. Yaye (lo) ngumcimbi osele umiselwe (kwangaphambili).”
  22. Wakhawulwa, ke waza wamka waya kwindawo ekude
  23. Ke kaloku iintlungu zenimba zamqhubela kwisiqu somthi wesundu. Wathi, “Yeha ke kum akwaba bendifile phambi kwako oku ndalityalwa.”
  24. Kodwa yena wambiza ngaphantsi kwakhe (wathi), “Musa ukuxhalaba; iNkosi yakho ikubonelele ngomlambo ezantsi kwakho
  25. Vuthululela ngakuwe isiqu somthi wesundu; uya kukuwisela iidatilisi ezintsha ezivuthiweyo phambi kwakho
  26. Ngoko ke yitya, usele waneliseke. Ke kaloku ukuba ubonene naye nokuba ngubani na kubantu, uya kuthi: “Inene mna ndithabathe isifungo kuSozinceba sokuzila, ke andiyi kuthetha namntu namhlanje.’”
  27. Waza weza naye (umntwana) kubantu bakubo, emphethe. Bathi bona, “Hini na Maryam, (Mariya) inene wenze into engenakufaniswa nanto
  28. Hini na dade boHârûn, utata wakho wayengeyondoda yakungcola, nomama wakho wayengengomntu uziphethe kakubi.”
  29. Yena wabakhombisa kuye (umntwana). Bathi bona, “Siza kuthetha njani na nosana olukwi’cradle1?’”
  30. U’Isâ, (uYesu)] wathi, “Mna ndisisiCaka sika-Allâh. Undinike isiBhalo, Wandenza uMprofeti
  31. Kananjalo Undenze ndasikeleleka naphi na apho ndikhoyo Waza Wayalela umthandazo kum namalizo (ebomini bam) ndisaphila
  32. Undenze ndanenkathalo kumama wam, yaye Akandenzanga ndaba sisingcoli somgabadeli
  33. Uxolo luphezu kwam mhla ndazalwa namhla ndifayo namhla ndiya kuvuselwa ebomini.”
  34. Lowo ngu’Isâ (uYesu) unyana kaMaryam lilizwi lenyaniso elo baphikisana ngalo
  35. Ayikokuka-Allâh ukuba Athabathe (Azale) unyana, Makazukiswe Yena. Xa emisela into Usuka Athi kuyo, “Yibakho”, ibekho
  36. (U’Isâ wathi), “Inene, uAllâh yiNkosi yam ekwayiNkosi yenu, ngoko ke khonzani Yena. Leyo yiNdlela ethe Tye
  37. Zaza iimvaba zahlukana phakathi kwazo (ngokunxulumene no’Isâ), Yeha ke kwabo bangakholwayo kwindibano yeMini eNkulu
  38. Baya kuva babone ngokucace gca. Mini baya kuza kuThi, kodwa abenzi bobugwenxa namhlanje basekulahlekeni ngokucacileyo
  39. Balumkise ke ngoko (Muhammad) ngeMini yonxunguphalo nokuzisola, usakuba umcimbi sele kugqityiwe ngawo, okwakaloku nje basekwimo yokungakhathali yaye abakholwa
  40. Inene Thina Siya kuwudla ilifa umhlaba nako konke okuphezu kwawo Yaye kukuThi apho baza kubuyela khona bonke
  41. Khankanya eNcwadini (i’Kur’ân) uIbrâhîm (uAbraham). Inene yena waye eyindoda enenyaniso, enguMprofeti
  42. Xa wathi kutata wakhe, “Hini na tata wam! Kungani na ukuba ukhonze into engevayo, engaboniyo nakubona
  43. Hini na tata wam, inene kufike ulwazi kum olungafikanga kuwe, ngoko ke landela mna; Mna ndiya kukukhokelela eNdleleni ethe Tye
  44. Hini na tata wam, musa ukunqula (ukuthobela) uShaytân (uSathana). Inene uShaytân wahlala kuSozinceba engongathobeliyo
  45. Hini na tata wam, inene ndinoloyiko lokuba ngahle isohlwayo esivela kuSozinceba sikufumane, ukuze ube ngumhlobo kaShaytân (eMlilweni wesiHogo).”
  46. (Uyise) wathi, “Ingaba uyabala na oothixo bam, Hini na Ibrâhîm? Ukuba awuyiyeki loo nto, inene mna ndiya kukuxuluba ngamatye, ngoko ke hamba umke kum usasindile (ndingekade ndikohlwaye).”
  47. UIbrâhîm wathi, “Uxolo malube nawe! Ndiya kukucelela itarhu eNkosini yam. Inene Yona kum Ihlala InguSozinceba
  48. Kananjalo ndiya kumka kuwe nakwabo ubanqulayo ngaphandle koAllâh. Yaye ndiya kuthandaza eNkosini yam ndithemba kananjalo okokuba andiyi kuphoxakala kwisicelo sam eNkosini yam.”
  49. Wathi ke esakuba emkile kubo nakwabo babebanqula ngaphandle koAllâh, Samnika uIs-hâ’k (uIsake) noYa’kûb (uYakobi) yaye ngamnye kubo simenze waba nguMprofeti
  50. Kananjalo sabenzela inceba yeThu, Sabapha intlonipheko ezilwimini (zabantu bonke)
  51. Ukhankanye kananjalo eNcwadini, uMûsâ (uMoses), inene yena wayonyuliwe, yaye waye enguMthunywa enguMprofeti
  52. Ke kaloku yena Sambiza kwicala elingasekunene lentaba, Samsondezela, kufutshane kuThi ukuze Sithethe naye
  53. Kananjalo Samnika ngenceba yeThu umntakwabo uHârûn (uAron) ukuba abe nguMprofeti
  54. Ukhankanye kananjalo eNcwadini (i’Kur’ân), uIsmâ’îl. Inene yena wayenyaniseka kwisithembiso sakhe, kanti wayenguMthunywa enguye noMprofeti
  55. Wayedla ngokuyalela umthandazo kubantu bakubo neZakâh ukanti wayethandeka eNkosini yakhe
  56. Khankanya kananjalo eNcwadini (i’Kur’ân) uIdrîs (uEnoki), inene yena waye eyindoda enenyaniso, enguMprofeti
  57. Ke kaloku Samphakamisela kumgangatho ophakamileyo
  58. Abo ke ngabo uAllâh Wathululela phezu kwabo uBabalo lwaKhe phakathi kwabaProfeti abayinzala ka-Adam nabo bathwalwa yinqanawa bekunye noNûh (uNowa) nabayinzala kaIbrâhîm (uAbraham) noSirayeli (UYa’kûb), neyabo Sabakhokelayo Sabakhetha. Zazisithi iiVesi zikaSozinceba zisakucengcelezwa kubo, bawe baqubude balile
  59. Kodwa kwavela emva kwabo abalandeli (izizukulwana zamva) abaye abayinonophela iSalâh basuka balandela iinkanuko (zabo) ngenxa yoko ke baza kugagana nokungcola
  60. Ngaphandle kwabo baguqukayo, bakholwe, benze izenzo zobulungisa; okwabo iya kuba kukungeniswa ePaladesi yaye abayi kwenziwa bugwenxa konke- konke
  61. (Apho kukho) iMiyezo yokuhlala ngonaphakade leyo ingabonakaliyo uSozinceba Athembise ngayo izicaka zaKhe. Inene esaKhe isithembiso kunyanzelekile sizaliseke
  62. Abayi kuva ntetho yakungcola apho ngaphandle (kombuliso) woxolo yaye baza kufumana isixhaso sabo apho, ekuseni nasemva kwemini
  63. Leyo ke yiPaladesi, eSiphisa ngayo njengelifa kwabo bazizicaka zeThu abaMoyikayo uAllâh
  64. (UJibrîl wathi): “Ke thina asihli (size emhlabeni) ngaphandle kwemvume yeNkosi yakho. OkwaYo koko kuphambi kwethu noko kungemva kwethu nokuphakathi apho. Ukanti iNkosi yakho Ayikhe Ilibale
  65. INkosi yamazulu nomhlaba noko kungaphakathi kwawo Ke ngoko nqula Yona ube nomonde kunqulo lwaYo. Ingaba ikhona into oyaziyo efana naYo kusini na?”
  66. Ke kaloku umntu (ongakholwayo) uthi, “Ndisakuba ndifile, ingaba ndiza kuphinda ndibuyiselwe ebomini?”
  67. Kanti umntu lo akakhumbuli na ukuba Samdala ngaphambili, lo gama wayengeyonto
  68. Ngoko (Ndifunga) ngeNkosi yakho, ngokuqinisekileyo Siya kubaqokelela nooSathana, Size sibenze babekhona bajikeleze isiHogo ngamadolo abo
  69. Ke kaloku Siya kukhupha kwimvaba nganye abo yayingabona babengcole kakhulu ngokuchasene noSozinceba benendelelo
  70. Inene SiThi ababazi kakhulu abo bafanelwe kukutsha apho
  71. Yaye akukho namnye kuni (ongumenzi wobubi) ongazi kudlula kuwo (uMlilo)4 Oku kuxhomekeke eNkosini yakho yaye sele kumiselwe kungenakubuya kujike
  72. Kekaloku SiyakubasindisaabobaMoyikayouAllâh, Sibayeke abenzi bobubi apho phakathi kuwo, beguqe ngamadolo
  73. Xa iivesi zeThu zicengcelezwa kubo njengobungqina obucacileyo, abo bangakholwayo, (basuke bathi): “Liliphi kula maqela (ethu) mabini elilelona linezinto (ubutyebi) nelilelona likhulu ngokwabalandeli
  74. Kanti zingaphi izizukulwana eSazitshabalisayo ngaphambili kunabo ezazinezinto ngcono kunabo (nezazingcono kunabo) ngembonakalo
  75. Yithi (Muhammad) Nabani na lowo uphambukileyo, uSozincebamakamolulele(ngokumandiselaubutyebinexesha lokuphila) bade bakubone oko babesoloko bethenjiswa ngako okungaba sisohlwayo okanye ibe yiYure, baza kwazi okokuba ngubani na okwimeko emaxongo, ingubani na ekungekho yakhe ngokwemikhosi
  76. Ke Yena uAllâh Wandisela isiKhokelo abo bahamba ngokulungileyo. Ke kaloku imisebenzi yobulungisa engaphelelwayo ingcono eNkosini yakho, ngokomvuzo yaye kungcono ukubhenela (kuYo)
  77. Umbonile na lowo ungakholwayo kwiiVesi zeThu, xa esithi, “Inene mna ndiya kunikwa ubutyebi nabantwana (kuBomi oBuzayo)?”
  78. Ingaba ebekhe wakroba kokungabonwayo na, okanye uthabathe isithembiso kuSozinceba
  79. Nakanye! Siya kukubhala oko akuthethayo Size Simongezelele isohlwayo eside
  80. Yaye Siya kumaba (okwelifa ukubhubha kwakhe) [uza kushiya] konke oko athetha ngako (ubutyebi nabantwana eSimnike bona kweli hlabathi), aze afike eyedwa (jwi) kuThi
  81. Kananjalo bazithabathele (oothixo bobuxoki) ngaphandle koAllâh ukwenzela ukuba oko kubanike intlonipheko
  82. Nakanye! (abo thixo babo) baza kuluphika unqulo lwabo baze bachasane nabo (ngoMhla wokuGqibela)
  83. Akuboni na ukuba Sithumele amaShayâtini (ooSathana) kwabangakholwayo, ababaphembelela ukwenza ukungcola ngempembelelo (eyenzeka rhoqo)
  84. Ke wena musa ukungxama ngabo. Thina Sibabalela inani (elingephi leminyaka yokuphela kobomi babo kweli hlabathi)
  85. NgeMini esiya kuqokelela amalungisa kuSozinceba abe ligqiza
  86. Ke kaloku Siya kuqhubela abaphuli-mthetho esiHogweni benxaniwe (okweenkomo ezindilelwa emanzini ukuba ziye kusela)
  87. Akukho namnye oya kuba (namandla) akucenga ngaphandle kwalowo uthabathe umnqophiso kuSozinceba
  88. Kananjalo bathi, “USozinceba Uthabathe (uzele) unyana.”
  89. Inene, nenze eyona nto imbi
  90. Amazulu anga angakrazuka, nomhlaba unga ungahlukana neentaba zidilike ziphasalake
  91. Into yokuba babalele unyana kuSozinceba (uAllâh)
  92. Kodwa asinto ifanelekileyo kuSozinceba ukuba Abe nonyana
  93. Akukho namnye emazulwini nasemhlabeni ongazi kuSozinceba ukuba abe sisicaka (saKhe)
  94. Inene (uAllâh) Wazi umntu ngamnye kubo, yaye Ubabalile ngobalo olupheleleyo
  95. Yaye ngamnye kubo uya kuza kuYe (uAllâh ) eyedwa ngoMhla woVuko
  96. Inene, abo bakholwayo benze izenzo zobulungisa, uSolubabalo Uya kubanika uthando
  97. Ke ngoko Thina Senze le (‘Kur’ân) yaba lula elwimini lwakho khon’ukuze unike iindaba ezivuyisayo kwabo bamoyikayo uAllâh, ulumkise kananjalo ngayo abachasi
  98. Kanti zingaphi izizukulwana phambi kwabo eSazitshabalalisayo! Ingaba ungafumana nokuba mnye kuzo okanye uve nokuba kukusebeza kwabo (izizukulwana ezatshatyalaliswayo)