19.Mary
- Kâf-Hâ-Yâ-’Aîn-Sâd
- Oku kukukhankanywa kwenceba yeNkosi yakho kwisiCaka sayo (uZakariyyâ)
- Xa wakhalayo eNkosini yakhe (uAllâh) isikhalo sasemfihlakalweni
- Wathi: “Nkosi yam! Inene amathambo am aluphele, neenwele ezingwevu (zandile entlokweni yam), yaye andizanga ndiphoxeke emthandazweni wam kuWe Nkosi yam
- Inene ndoyika abaya kulandela emva kwam, ukanti umfazi wam ludlolo, ngoko ke ndiphe indlalifa evela kuWe
- Eza kuba yindlalifa yam, ibe yindlalifa yekhaya lam, indlu kaYa’kûb. Umenze athandeke (kuWe) Nkosi yam.”
- (Kwathiwa kuye): “Hini na Zakariyyâ, Inene wena Sikunika iindaba ezivuyisayo zomntwana oyinkwenkwe ogama lakhe liya kuba nguYahyâ (uYohane). ESingazanga salinika nabani na ngaphambili kunaye (eli) gama.”
- Wathi yena, “Nkosi yam, ndingaba nomntwana oyinkwenkwe njani na umfazi wam eludlolo nje, ndibe mna ndifikelele ekwaluphaleni okungaka?”
- (Ingelosi) yathi: “Kuya kuba njalo; Itsho iNkosi yakho, (Ithi): “Kulula kum, ngokuba Ndakudala wena ngaphambili, wabe ungento yanto.”
- (UZakariyyâ) wathi, “Nkosi yam, Ndenzele umqondiso.” Wathi Yena (uAllâh), “Umqondiso wakho kukuba wena akuyi kuthetha ebantwini iintsuku ezintathu, (ngoku) uphilileyo, (ungaguli)
- Waphuma ke waya kubantu bakubo esuka egumbini lakhe lokuthandazela wathetha ngezandla kubo ebaxelela ukuba mabadumise (uAllâh) ekuseni nangokuhlwa
- (UAllâh Wathi): “Hini na Yahyâ, thabatha isiBhalo ngenyameko.” Saza Samnika (amandla) okugweba eseyinkwenkwana
- Wathandeka (ebantwini) evela kuThi enobunyulu, emoyika uAllâh
- Wayenenkathalongabazalibakhe,yayewayengengomgabadeli oyinjubaqa
- Uxolo malube phezu kwakhe ukususela mhla wazalwa nangomhla wokubhubha kwakhe nangomhla aya kuvuswa abuyele ebomini ngawo
- Khankanya kananjalo, (Muhammad), eNcwadini [i’Kur’ân (ibali lika)] Maryam xa wamkayo kowabo waya kwindawo engaseMpuma
- Ke kaloku, wathabatha umkhusane wazahlula kubo. Saza Thina Sathumela ingelosi yeThu kuye, yafika kuye ingesimo somntu oyindoda osulungekileyo
- Wathi yena: “Inene mna ndicela ukhuseleko ngoSozinceba kuwe, (hamba umke kum) ukuba uyaMoyika (ngenene) uAllâh.”
- Yathi yona (ingelosi): “Mna ndisiSithunywa esivela eNkosini yakho ukuza kukunika iindaba ezivuyisayo zomntwana oyinkwenkwe, onyulu.”
- Wathi yena, “Ndingaba nomntwana oyinkwenkwe njani na kungekho ndoda indichukumisileyo, yaye mna andizanga ndiziphathe kakubi.”
- Yathi yona, “Kuza kuba njalo; iNkosi yakho ithi: “Kulula oko kuM, yaye Siya kumenza umqondiso ebantwini nenceba evela kuThi. Yaye (lo) ngumcimbi osele umiselwe (kwangaphambili).”
- Wakhawulwa, ke waza wamka waya kwindawo ekude
- Ke kaloku iintlungu zenimba zamqhubela kwisiqu somthi wesundu. Wathi, “Yeha ke kum akwaba bendifile phambi kwako oku ndalityalwa.”
- Kodwa yena wambiza ngaphantsi kwakhe (wathi), “Musa ukuxhalaba; iNkosi yakho ikubonelele ngomlambo ezantsi kwakho
- Vuthululela ngakuwe isiqu somthi wesundu; uya kukuwisela iidatilisi ezintsha ezivuthiweyo phambi kwakho
- Ngoko ke yitya, usele waneliseke. Ke kaloku ukuba ubonene naye nokuba ngubani na kubantu, uya kuthi: “Inene mna ndithabathe isifungo kuSozinceba sokuzila, ke andiyi kuthetha namntu namhlanje.’”
- Waza weza naye (umntwana) kubantu bakubo, emphethe. Bathi bona, “Hini na Maryam, (Mariya) inene wenze into engenakufaniswa nanto
- Hini na dade boHârûn, utata wakho wayengeyondoda yakungcola, nomama wakho wayengengomntu uziphethe kakubi.”
- Yena wabakhombisa kuye (umntwana). Bathi bona, “Siza kuthetha njani na nosana olukwi’cradle1?’”
- U’Isâ, (uYesu)] wathi, “Mna ndisisiCaka sika-Allâh. Undinike isiBhalo, Wandenza uMprofeti
- Kananjalo Undenze ndasikeleleka naphi na apho ndikhoyo Waza Wayalela umthandazo kum namalizo (ebomini bam) ndisaphila
- Undenze ndanenkathalo kumama wam, yaye Akandenzanga ndaba sisingcoli somgabadeli
- Uxolo luphezu kwam mhla ndazalwa namhla ndifayo namhla ndiya kuvuselwa ebomini.”
- Lowo ngu’Isâ (uYesu) unyana kaMaryam lilizwi lenyaniso elo baphikisana ngalo
- Ayikokuka-Allâh ukuba Athabathe (Azale) unyana, Makazukiswe Yena. Xa emisela into Usuka Athi kuyo, “Yibakho”, ibekho
- (U’Isâ wathi), “Inene, uAllâh yiNkosi yam ekwayiNkosi yenu, ngoko ke khonzani Yena. Leyo yiNdlela ethe Tye
- Zaza iimvaba zahlukana phakathi kwazo (ngokunxulumene no’Isâ), Yeha ke kwabo bangakholwayo kwindibano yeMini eNkulu
- Baya kuva babone ngokucace gca. Mini baya kuza kuThi, kodwa abenzi bobugwenxa namhlanje basekulahlekeni ngokucacileyo
- Balumkise ke ngoko (Muhammad) ngeMini yonxunguphalo nokuzisola, usakuba umcimbi sele kugqityiwe ngawo, okwakaloku nje basekwimo yokungakhathali yaye abakholwa
- Inene Thina Siya kuwudla ilifa umhlaba nako konke okuphezu kwawo Yaye kukuThi apho baza kubuyela khona bonke
- Khankanya eNcwadini (i’Kur’ân) uIbrâhîm (uAbraham). Inene yena waye eyindoda enenyaniso, enguMprofeti
- Xa wathi kutata wakhe, “Hini na tata wam! Kungani na ukuba ukhonze into engevayo, engaboniyo nakubona
- Hini na tata wam, inene kufike ulwazi kum olungafikanga kuwe, ngoko ke landela mna; Mna ndiya kukukhokelela eNdleleni ethe Tye
- Hini na tata wam, musa ukunqula (ukuthobela) uShaytân (uSathana). Inene uShaytân wahlala kuSozinceba engongathobeliyo
- Hini na tata wam, inene ndinoloyiko lokuba ngahle isohlwayo esivela kuSozinceba sikufumane, ukuze ube ngumhlobo kaShaytân (eMlilweni wesiHogo).”
- (Uyise) wathi, “Ingaba uyabala na oothixo bam, Hini na Ibrâhîm? Ukuba awuyiyeki loo nto, inene mna ndiya kukuxuluba ngamatye, ngoko ke hamba umke kum usasindile (ndingekade ndikohlwaye).”
- UIbrâhîm wathi, “Uxolo malube nawe! Ndiya kukucelela itarhu eNkosini yam. Inene Yona kum Ihlala InguSozinceba
- Kananjalo ndiya kumka kuwe nakwabo ubanqulayo ngaphandle koAllâh. Yaye ndiya kuthandaza eNkosini yam ndithemba kananjalo okokuba andiyi kuphoxakala kwisicelo sam eNkosini yam.”
- Wathi ke esakuba emkile kubo nakwabo babebanqula ngaphandle koAllâh, Samnika uIs-hâ’k (uIsake) noYa’kûb (uYakobi) yaye ngamnye kubo simenze waba nguMprofeti
- Kananjalo sabenzela inceba yeThu, Sabapha intlonipheko ezilwimini (zabantu bonke)
- Ukhankanye kananjalo eNcwadini, uMûsâ (uMoses), inene yena wayonyuliwe, yaye waye enguMthunywa enguMprofeti
- Ke kaloku yena Sambiza kwicala elingasekunene lentaba, Samsondezela, kufutshane kuThi ukuze Sithethe naye
- Kananjalo Samnika ngenceba yeThu umntakwabo uHârûn (uAron) ukuba abe nguMprofeti
- Ukhankanye kananjalo eNcwadini (i’Kur’ân), uIsmâ’îl. Inene yena wayenyaniseka kwisithembiso sakhe, kanti wayenguMthunywa enguye noMprofeti
- Wayedla ngokuyalela umthandazo kubantu bakubo neZakâh ukanti wayethandeka eNkosini yakhe
- Khankanya kananjalo eNcwadini (i’Kur’ân) uIdrîs (uEnoki), inene yena waye eyindoda enenyaniso, enguMprofeti
- Ke kaloku Samphakamisela kumgangatho ophakamileyo
- Abo ke ngabo uAllâh Wathululela phezu kwabo uBabalo lwaKhe phakathi kwabaProfeti abayinzala ka-Adam nabo bathwalwa yinqanawa bekunye noNûh (uNowa) nabayinzala kaIbrâhîm (uAbraham) noSirayeli (UYa’kûb), neyabo Sabakhokelayo Sabakhetha. Zazisithi iiVesi zikaSozinceba zisakucengcelezwa kubo, bawe baqubude balile
- Kodwa kwavela emva kwabo abalandeli (izizukulwana zamva) abaye abayinonophela iSalâh basuka balandela iinkanuko (zabo) ngenxa yoko ke baza kugagana nokungcola
- Ngaphandle kwabo baguqukayo, bakholwe, benze izenzo zobulungisa; okwabo iya kuba kukungeniswa ePaladesi yaye abayi kwenziwa bugwenxa konke- konke
- (Apho kukho) iMiyezo yokuhlala ngonaphakade leyo ingabonakaliyo uSozinceba Athembise ngayo izicaka zaKhe. Inene esaKhe isithembiso kunyanzelekile sizaliseke
- Abayi kuva ntetho yakungcola apho ngaphandle (kombuliso) woxolo yaye baza kufumana isixhaso sabo apho, ekuseni nasemva kwemini
- Leyo ke yiPaladesi, eSiphisa ngayo njengelifa kwabo bazizicaka zeThu abaMoyikayo uAllâh
- (UJibrîl wathi): “Ke thina asihli (size emhlabeni) ngaphandle kwemvume yeNkosi yakho. OkwaYo koko kuphambi kwethu noko kungemva kwethu nokuphakathi apho. Ukanti iNkosi yakho Ayikhe Ilibale
- INkosi yamazulu nomhlaba noko kungaphakathi kwawo Ke ngoko nqula Yona ube nomonde kunqulo lwaYo. Ingaba ikhona into oyaziyo efana naYo kusini na?”
- Ke kaloku umntu (ongakholwayo) uthi, “Ndisakuba ndifile, ingaba ndiza kuphinda ndibuyiselwe ebomini?”
- Kanti umntu lo akakhumbuli na ukuba Samdala ngaphambili, lo gama wayengeyonto
- Ngoko (Ndifunga) ngeNkosi yakho, ngokuqinisekileyo Siya kubaqokelela nooSathana, Size sibenze babekhona bajikeleze isiHogo ngamadolo abo
- Ke kaloku Siya kukhupha kwimvaba nganye abo yayingabona babengcole kakhulu ngokuchasene noSozinceba benendelelo
- Inene SiThi ababazi kakhulu abo bafanelwe kukutsha apho
- Yaye akukho namnye kuni (ongumenzi wobubi) ongazi kudlula kuwo (uMlilo)4 Oku kuxhomekeke eNkosini yakho yaye sele kumiselwe kungenakubuya kujike
- Kekaloku SiyakubasindisaabobaMoyikayouAllâh, Sibayeke abenzi bobubi apho phakathi kuwo, beguqe ngamadolo
- Xa iivesi zeThu zicengcelezwa kubo njengobungqina obucacileyo, abo bangakholwayo, (basuke bathi): “Liliphi kula maqela (ethu) mabini elilelona linezinto (ubutyebi) nelilelona likhulu ngokwabalandeli
- Kanti zingaphi izizukulwana eSazitshabalisayo ngaphambili kunabo ezazinezinto ngcono kunabo (nezazingcono kunabo) ngembonakalo
- Yithi (Muhammad) Nabani na lowo uphambukileyo, uSozincebamakamolulele(ngokumandiselaubutyebinexesha lokuphila) bade bakubone oko babesoloko bethenjiswa ngako okungaba sisohlwayo okanye ibe yiYure, baza kwazi okokuba ngubani na okwimeko emaxongo, ingubani na ekungekho yakhe ngokwemikhosi
- Ke Yena uAllâh Wandisela isiKhokelo abo bahamba ngokulungileyo. Ke kaloku imisebenzi yobulungisa engaphelelwayo ingcono eNkosini yakho, ngokomvuzo yaye kungcono ukubhenela (kuYo)
- Umbonile na lowo ungakholwayo kwiiVesi zeThu, xa esithi, “Inene mna ndiya kunikwa ubutyebi nabantwana (kuBomi oBuzayo)?”
- Ingaba ebekhe wakroba kokungabonwayo na, okanye uthabathe isithembiso kuSozinceba
- Nakanye! Siya kukubhala oko akuthethayo Size Simongezelele isohlwayo eside
- Yaye Siya kumaba (okwelifa ukubhubha kwakhe) [uza kushiya] konke oko athetha ngako (ubutyebi nabantwana eSimnike bona kweli hlabathi), aze afike eyedwa (jwi) kuThi
- Kananjalo bazithabathele (oothixo bobuxoki) ngaphandle koAllâh ukwenzela ukuba oko kubanike intlonipheko
- Nakanye! (abo thixo babo) baza kuluphika unqulo lwabo baze bachasane nabo (ngoMhla wokuGqibela)
- Akuboni na ukuba Sithumele amaShayâtini (ooSathana) kwabangakholwayo, ababaphembelela ukwenza ukungcola ngempembelelo (eyenzeka rhoqo)
- Ke wena musa ukungxama ngabo. Thina Sibabalela inani (elingephi leminyaka yokuphela kobomi babo kweli hlabathi)
- NgeMini esiya kuqokelela amalungisa kuSozinceba abe ligqiza
- Ke kaloku Siya kuqhubela abaphuli-mthetho esiHogweni benxaniwe (okweenkomo ezindilelwa emanzini ukuba ziye kusela)
- Akukho namnye oya kuba (namandla) akucenga ngaphandle kwalowo uthabathe umnqophiso kuSozinceba
- Kananjalo bathi, “USozinceba Uthabathe (uzele) unyana.”
- Inene, nenze eyona nto imbi
- Amazulu anga angakrazuka, nomhlaba unga ungahlukana neentaba zidilike ziphasalake
- Into yokuba babalele unyana kuSozinceba (uAllâh)
- Kodwa asinto ifanelekileyo kuSozinceba ukuba Abe nonyana
- Akukho namnye emazulwini nasemhlabeni ongazi kuSozinceba ukuba abe sisicaka (saKhe)
- Inene (uAllâh) Wazi umntu ngamnye kubo, yaye Ubabalile ngobalo olupheleleyo
- Yaye ngamnye kubo uya kuza kuYe (uAllâh ) eyedwa ngoMhla woVuko
- Inene, abo bakholwayo benze izenzo zobulungisa, uSolubabalo Uya kubanika uthando
- Ke ngoko Thina Senze le (‘Kur’ân) yaba lula elwimini lwakho khon’ukuze unike iindaba ezivuyisayo kwabo bamoyikayo uAllâh, ulumkise kananjalo ngayo abachasi
- Kanti zingaphi izizukulwana phambi kwabo eSazitshabalalisayo! Ingaba ungafumana nokuba mnye kuzo okanye uve nokuba kukusebeza kwabo (izizukulwana ezatshatyalaliswayo)