2.The Cow
- Alif-Lâm-Mîm
- Esi sisiBhalo ekungekho ntandabuzo kuso, sisiKhokelo kwabo bamoyikayo uAllâh
- Abakholwa kongabonwayo (uThixo), bamisele iSalâh1 bachithe2 (kumalizo) oko Sibaphe kona
- Nabo bakholwa koko kutyhilwe kuwe3 nakoko kwatyhilwa ngaphambilikunaweyayebonabakholwangokunyanisekileyo kuBomi oBuzayo
- Aba ngabona bakwisiKhokelo (sokwenene) esivela eNkosini yabo yaye ngabo abaya kuphumelela
- Inene bona abangakholwayo kuyafana kubo, nokuba ungabalumkisa okanye ungabalumkisi, abayi kukholwa
- UAllâh Uzitywinile iintliziyo zabo. Ekuveni kwabo nasekuboneni kwabo kukho isigqubuthelo. Siya kuba sikhulu isohlwayo sabo
- Ebantwini kukho abathi: “Siyakholwa kuAllâh nakwiMini yokuGqibela,” kodwa bengakholwa
- Bacinga ukuba bakhohlisa uAllâh kunye nabo bakholwayo kanti bazikhohlisa kwabona koko abaqondi
- Ezintliziyweni zabo kukho isifo kwaye, uAllâh, Usongezelele isifo sabo kananjalo siya kuba sikhulu isohlwayo sabo ngokuba bexoka
- Xa kusithiwa kubo: “Musani ukwenza ubutshinga emhlabeni.” Bathi bona: “Thina singabenzi boxolo.”
- Ayingabo ngenene na abenzi bobutshinga? Kodwa abaqiqi
- Naxa kusithiwa kubo: “Kholwani njengoko abantu4 bekholwa,” bathi bona: “Thina sikholwe njengoko izidenge zikholwa?” Ayingabo na abona bazizidenge? Kodwa abazi
- Naxa bekunye nabo bakholwayo, bathi: “Siyakholwa”, kodwa bathi besakuba bedibene nooSathana babo, bathi: “Thina enyanisweni sikunye nani, eneneni besigculela nje.”
- UAllâh ngokwaKhe Ugculela ngabo, Aze Abayekele ekugabadeleni kwabo, bayabule ngobumfama
- Aba ngabo bathenga ukulahleka ngexabiso lesikhokelo, ngenxa yoko ke urhwebo lwabo alunanzuzo, kwaye abanaso nesiKhokelo
- Imfano yabo inqwa neyomntu owaphemba umlilo, wathi ilitha lawo lisakuba limrhangqile, uAllâh Wabahlutha ilitha labo,Wabashiya ebumnyameni abakwazi ukubona
- Isithulu, isimumu, nemfama azibuyeli (eNdleleni)
- Kungenjalo banje ngesiphango esisesibhakabhakeni, esinobumnyama kuso nokubaneka, (abaye bathi) ngenxa yezithonga zendudumo bavingce iindlebe zabo ngeminwe yabo besoyika ukufa.UAllâh Ubarhangqele abangakholwayo
- Ukubaneka kuphantse kubahluthe ukubona kwabo, ngalo lonkeixeshaukubanekakulanyazaphambikwabobayahamba, kuze kuthi kusakubacimela, bame ngxishi.Ukuba uAllâh Ebethanda Ebengasuka Abatshabalalisele ukubona nokuva kwabo. Inene uAllâh Unamandla ngaphezulu kwezinto zonke
- Hini na bantu! Nqulani iNkosi5, uMlondolozi wenu, Owanidalayo, Wadala nina nabangaphambili kunani, ukuze nibe nokuzuza ubulungisa
- Owanenzela umhlaba wandlaleka nesibhakabhaka saba luphahla lwenu, Wahlisa amanzi esibhakabhakeni, Waza ngawo Wavelisa iziqhamo zaba kukutya kuni. Musani ukuzenza abavukeli kuAllâh, niyazi (inyaniso)
- Ke kaloku ukuba niyasithandabuza isiTyhilelo eSisityhile kwisiCaka6 seThu, (UMuhammad), vezani i Sûrah (isahluko) efana nayo nize nibize amangqina enu ngaphandle koAllâh, ukuba ninenyaniso
- Ukuba anikwazi ukukwenza oko kwaye anisokuze nikwazi, zilumkeleni ke ngoko kuMlilo (wesiHogo) osivuthisi sawo singabantu namatye, ulungiselelwe abangakholwayo
- Vakalisa iindaba zovuyo kwabo bakholwayo, benza izenzo zobulungisa, inene okwabo iya kuba yiMiyezo ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwayo. Maxa onke bephiwa ukutya apho, baya kuthi: “Oku koko sasidla ngokukuphiwa mandulo7”, kuba kaloku baphiwa izinto ngokwemfano. Kananjalo apho baya kuba nabalingane abanyulu baze bahlale apho ngonaphakade
- Inene uAllâh Akumenzi ntloni ukuzekelisa nangengcongconi, ngokukodwa xa loo nto iyinto enkulu kunayo. Ke bona abakholwayo bayazi ukuba le yinyaniso evela eNkosini yabo, kodwa bona abangakholwayo, bathi: “Ingaba Uthetha ukuthini uAllâh ngalo mzekeliso?” UAllâh Ulahlekisa abaninzi Ngawo, Aphinde Akhokelele eNdleni abaninzi ngawo. Phofu ngawo Ulahlekisa kuphela abo bazizingcoli
- Abo baphula uMnqophiso ka-Allâh emveni kokuba sele uqinisekisiwe, bahlukanise noko uAllâh Ayalele ukuba kudityaniswe, baphinde futhi benze ubutshinga emhlabeni: Abo ngabo kanye abangabalahlekelwa
- Ningathini na ukuba nale ukukholwa kuAllâh? Ekubeni nina nanifile Waza Yena Waninika ubomi! Kwaye Esaya kuninika ukufa: Aze Aphinde Aninike ubomi. Nibe kwakhona nisaya kuphinda nibuyele kwakuYe
- Yena nguloWo Wadala nina nokusehlabathini konke. Waphinda Waphethukela ezulwini,Walibumba langamazulu asixhenxe, kwaye Yena nguMazi weento zonke
- Ke kaloku Yathi iNkosi Yakho Isakuthi kwiingelosi: “Yabonani! Ndiza kwenza ummeli ehlabathini”, zathi zona: “Uza kwenza apho umntu oza kuthi enze ubutshinga, aphalaze negazi lo gama thina siya kuba siKuzukisa ngeendumiso zaKho, siKungcwalisa nokuKungcwalisa?” Wathi Yena, “Inene Mna Ndazi eningakwaziyo nina.”
- Wamfundisa (uAllâh) uAdam amagama8 azo zonke (izinto) Wazibeka phambi kweengelosi, Wathi kuzo: “Ndixeleleni ke amagama azo ezi (zinto) ukuba ninenyaniso.”
- Zathi zona: “Uzuko malube kuWe, asinalwazi thina ngaphandle koko sakufundiswa nguWe. Inene Wena UnguSolwazi, uSobulumko.”
- Wathi Yena: “Wena Adam, zixelele amagama azo, wathi esakuzixelela amagama azo, Wathi Yena: Andinixelelanga na Mna ukuba Ndazi iimfihlelo zamazulu nomhlaba? Yaye futhi Ndazi enikuvezayo nenikufihlayo?”
- Kananjalo Sathi9 Sisakuthi kwiingelosi: “Qubudani kuAdam.” Zawa, zaqubuda zonke, kwashiyeka uIblîs. Wakhukhumala waba nekratshi, waba ngomnye wabangakholwayo
- Sathi: “Wena Adam hlala, wena nomfazi wakho eMyezweni, nidle apho kuwo iziqhamo naphi na apho nithande khona; kodwa ningasondeli kuwo lo umthi, kungenjalo niya kuba ngabenzi bobubi
- Kodwa uShaytân (uSathana) wabaphambukisa koko, wabakhupha kwimeko yolonwabo ababekuyo, Sathi: “Yihlani phantsi10, omnye abe lutshaba lomnye! Kuya kuthi ke apho emhlabeni kubekho indawo yokuhlala kwenu nembonelelo okwethutyana”
- Waza uAdam wazuza amazwi11 esiTyhilelo eNkosini yakhe, wathi kananjalo wabuyela kuYo ngenguquko. Inene Yona nguMxoleli, uSozinceba
- Sathi: “Yihlani ninonke phantsi, (nimke) apha12; kodwa kuya kuza apho kuni isiKhokelo, sivela kuM; ke abo baya kusilandela isiKhokelo saM; kubo akuyi kubakho koyika, bengayi kuxhalaba”
- Ke bona abo bangakholwayo, baphika imiqondiso13 yeThu, abo ngamadlelane oMlilo, baya kuhlala apho ngonaphakade
- Hini na Bantwana bakwaSirayeli! Khumbulani uBabalo lwaM eNdaluthoba phezu kwenu, nizalisekise uMnqophiso wenu kuM njengoko Mna Ndawuzalisekisayo uMnqophiso waM kuni nize noyike Mna
- Kholwani koko Ndikuthobileyo kungqina oko kukuni. Musani ukuba ngabokuqala ekungakholweni kuko oko; kananjalo musani ukuthengisa ngeMiqondiso yaM ngexabiso elincinane. Yaye futhi yoyikani Mna
- Musani ukugqumelela inyaniso ngobuxoki, kananjalo ningayifihli inyaniso niyazi
- Yenzani iSalâh ninikele ngomrhumo weZakâh14 niqubude kunye nabo baqubudayo
- Nina niyalela abantu ngokulungileyo nize nina nizilibale kodwa ningabafundi besiBhalo! Kanti aniqiqi na
- Funani uncedo (kuAllâh) ngomonde nangeSalâh, inene kunzima oko kodwa hayi kwabo bantliziyo zithobekileyo
- Bona bakholelwayo ekubeni ngenene baya kudibana neNkosi, uMlondozi wabo nasekubeni baya kubuyela kuYo ngenene
- Hini na! Bantwana bakwaSirayeli! Khumbulani ubabalo lwaM eNdanibabala ngalo kunye noBubele baM eNdanenzela bona ngaphezu kwendalo yonke
- Yoyikani ke ngoko iMini apho kungayi kubakho mphefumlo uya kuzuzisa nto omnye, kungekho ntethelelo iya kwamkelwa kuwo, kungekho nambuyekezo iya kwamkelwa kuwo, bengesayikuncediswa nakuncediswa
- Khumbulani okokuba Sanikhupha kubantu bakwaFir’awn15 ababeningcungcuthekisa ngesohlwayo esibuhlungu, begwinta oonyana benu basindise iintombi zenu. Olo yayiluvavanyo olukhulu oluvela eNkosini Yenu
- Yabonani! Sanicandela ulwandle Sanisindisa, Satshonisa abantu bakwaFir’awn nijongile
- Sathi Sisakumisela uMûsâ16 iintsuku ezimashumi mane, nasuka nina emveni kwakhe nashiyeka nizithabathela ithole (nalinqula), naba ngabagabadeli
- Kanti nasemva koko Sanixolela ukwenzela ukuba nifunde ukuba nombulelo
- Khumbulani kananjalo okokuba Sanika uMûsâ isiBhalo kunye nenqobo (yokwahlula okulungileyo kokubi) khon’ukuze nibe nokukhokeleleka
- Yabonani! UMûsâ wathi kubantu bakubo: “Hini na bantu bakuthi! Niyenze gwenxa imiphefumlo yenu ngokuthabatha ithole (nilinqule), ngoko ke guqukani, nicele itarhu kuMdali wenu, nize nizibulale17, Oko konilungela kuMenzi wenu.” Waza (uAllâh) Wabuyela kuni Wanixolela kuba Yena nguMxoleli, uSozinceba
- Khumbulani kananjalo okokuba nathi nina: “Hini na Mûsâ! Asisokuze sikholelwe kuwe thina de sibone uAllâh ngeNkqu.” Kodwa nasuka nadengiswa ziindudumo nokubaneka nisajongile
- Saphinda Sanivusa emva kokufa kwenu, khon’ukuze nibe nokubulela
- Sanikhusa ngethunzi lamafu Sanihlisela imana nezagwityi (Sathi): “Yidlani koko kulungileyo Sinipha kona”, (kodwa bagwilika) abazanga baSenze bubi ke Thina koko ngabo abazenza ububi
- Yabonani! Sathi: “Ngenani kwesi sixeko nidle ngokokuthanda kwenu enithe nakufumana apho kuso, ningene esangweni,. niqubude, nithi: ‘Hittah’ (Sixolele), Sonixolela izono zenu, Siwandisele amalungisa umvuzo wawo.”
- Basuka baliguqula bona abenzi bobubi ilizwi18 ababexelelwe lona, bathetha zwi limbi. Sahlisa ingqumbo ezulwini phezu kwabenzi bobubi ngobubi ababenzayo
- Yabonani! UMûsâ wacelela abantu bakubo imvula, Sathi kuye: “Betha iliwa ngomsimelelo wakho,” kwampompoza imithombo apho elishumi elinambini, sizwe ngasinye sayazi indawo yaso yokusela. (Wathi uMûsâ) “Yidlani nisele kwimbonelelo ka-Allâh, ningaziphathi kakubi nenze ubutshinga emhlabeni.”
- Khumbulani nathi nina: “Hini na Mûsâ! Asinako thina ukunyamezela uhlobo olunye lokudla; ke ngoko sicelele eNkosini yakho ukuba Isivelisele okuhluma emhlabeni, imifuno, iinkonkomire, neekonofile, iilentile namatswele.” Wathi yena: “Ingaba niguqukela kokungento yanto na kunoko kulungileyo? Hambani ke niye esixekweni, inene niya kukufumana oko nikufunayo!” Bathwaxwa kukuhlazeka nembandezelo; bazitsalela ingqumbo ka-Allâh. Oku kwaba ngenxa yokuba basuka bangakholwa kwimiqondiso ka-Allâh, bebulala abaProfeti baka-Allâh ngokungekho lungelweni oko kwaba ngenxa yokugwilika nokugabadela kwabo
- Ke bona abo bakholwayo nabo bangamaYuda namaKhristu, namaSabhiya19, nabani na okholwa kuAllâh nakwiMini yokuGqibela, aze enze ubulungisa baya kuwuzuza umvuzo wabo eNkosini yabo. Akuyi kubakho koyika kubo kungayi kubakho kukhathazeka
- Yabonani! Sathabatha uMnqophiso wenu, Saphakamisa intaba (yeSinayi) yaqonga phezu kwenu, (Sathi): Bambelelani nkqi koko Sininike kona (nihlale) nikhumbula okungaphakathi apho, khon’ukuze nikwazi ukuqiqa nibe nobulungisa.”
- Naphinda nina emva koko nakreqa. Ukuba kwakungekho ngenxa yenceba ka-Allâh kuni, ngenanibe ngabanye babalahlekelwa
- Niyabazi abanye benu abaya baphula iSabatha21, eSathi kubo: “Yibani ziinkawu, nideleke, nichaswe.”
- Yaye oko Sakwenza kwaba ngumzekelo kubantu bakubo nakwizizukulwana ezilandelayo nesilumkiso kwabo bahlonele uAllâh
- Yabonani! UMûsâ wathi kubantu. bakubo: “UAllâh Uyalela ukuba nixhele ithokazi lenkomo. Bathi bona: “Ingaba wenza intlekisa na ngathi?” Wathi yena: “Ndicela ukhuseleko ngoAllâh ukuba ndingabi ngomnye wabazizidenge.”
- Bathi bona: “Khawusicelele eNkosini yakho ukuba Yenze kucace kuthi ukuba mayibe lithokazi lini na!” Wathi yena: “Uthi (uAllâh), mayibe lithokazi elingenathole, ingabi lothokazi elingekavuthwa koko libe phakathi kwezi meko zimbini, ngoko ke yenzani oko nikuyalelweyo.”
- Bathi: “Khawusicelele eNkosini yakho ukuba Yenze kucace kuthi umbala walo.” Wathi yena, “Uthi, mayibe lithokazi elilubhelu, elimbala uqaqambileyo, libukeke kwabalijongileyo.”
- Bathi bona: “Khawusicelele eNkosini yakho ukuba Yenze kucace kuthi ukuba malibe yintoni na. Kuba eneneni kuthi, onke amathokazi eenkomo ayafana. Yaye inene ukuba uAllâh Uyathanda sakusifumana isiKhokelo.”
- Wathi yena, “Uthi, ‘Mayibe lithokazi elingazanga liqeqeshelwe22 kulima mhlaba, elingazanga linkcenkceshele masimi, libe lihle, lingabi nambala wumbi ngaphandle kolubhelu oqaqambileyo.” Bathi bona, “(Kulungile), Ngoku usizele nenyaniso.” Balixhela ke nangona babeyenza loo nto benga abangeyenzi
- Nikhumbule ukuba nabulala umntu emva koko naphikisana ngokuphathelene netyala elo. Kodwa Yena uAllâh Wakuveza elubala oko nanikufihla nina
- Ke kaloku Sathi Thina: “Mbetheni (umfi lowo) ngeqatha lenyama yalo (ithokazi elo).” Wamvusa (ekufeni) ngolo hlobo uAllâh, Wanibonisa imiqondiso yaKhe khon’ ukuze niqiqe
- Emva koko, iintliziyo zenu zaba lukhuni zanga zingamatye okanye ngaphezulu nasematyeni. Kuba eneneni akhona amatye ekumpompoza imithombo kuwo.Kanti akhona namanye kuwo aye ahlukane kubini khon’ukuze kumpompoze amanzi kuwo, kanti ngenene akhona namanye aye awe phantsi ngenxa yokoyika uAllâh. Yaye sanukucinga ukuba uAllâh Akakwazi oko nikwenzayo
- Ingaba xa nijongile nina (bakholwayo) nicinga okokuba bangaze bakholwe kwiNkolo yenu ekubeni abanye beqela labo balivayo ilizwi lika-Allâh kodwa baligqwetha ngabom, emva kokuba beliqondile
- Yabonani! Xa bekunye nabo bakholwayo bathi, “Siyakholwa” kodwa xa behlangene bodwa bucala bathi: “Ingaba nina (maYuda) niza kubaxelela24 abakholwayo (amaMuslim) oko uAllâh Akutyhilileyo25 kuni ukuze banifake engxoxweni Ngaloo nto phambi kweNkosi Yenu, ingaba aniqondi na (maYuda)?”
- Abazi na (amaYuda) ukuba uAllâh Uyakwazi abakufihlayo nabakuvezayo
- Yaye phakathi kwabo (amaYuda) kukho abangafundanga abangayaziyo iNcwadi, koko babambelele kwiminqweno yabo, akukho nto bayaziyo ngaphandle kokuqikelela (nokuqashisela)
- Yeha, ke kwabo babhala incwadi ngezandla zabo baze bathi: ivela kuAllâh ukuze bathengise ngayo ngexabiso elincinane! Yeha, kubo ngoko kubhalwe zizandla zabo! Yeha, kubo ngaloo nzuzo bayifumanayo
- Kananjalo bathi: “UMlilo26 awuyi kusichukumisa thina koko iya kuba ziintsukwana nje ezimbalwa. “Yithi: “Ingaba nifumene isithembiso, (esinjalo) na kuAllâh, ngokuba uAllâh Akasaphuli isithembiso (saKhe). Okanye nithetha eningakwaziyo ngoAllâh kusini na?”
- Ewe! Lowo uzuza ingeniso (kwizinto) ezingcolileyo, azirhangqele ngezono zakhe, abanjalo baya kuba ngabahlali baseMlilweni; baya kuhlala apho ngonaphakade
- Ke bona abo bakholwayo, benza ubulungisa, baya kuba ngabahlali basePaladesi. Baya kuhlala apho ngonaphakade
- Khumbulani okokuba Sathabatha uMnqophiso naBantwana bakwaSirayeli (wokuba): Ningakhonzi bani ngaphandle koAllâh. Yibani nenkathalo ngabazali benu nangezizalwana zenu nangeenkedama namahlwempu, nithethe kakuhle ebantwini, miselani, iSalâh, nihlawule umrhumo wamahlwempu, kodwa najibilika nina emva koko nabuya umva ngaphandle kwabambalwa kuni, kwaye nisajibilikile nangoku
- Khumbulani okokuba Sathabatha uMnqophiso kuni wokuba: Ningaphalazani igazi phakathi kwenu, ningagxothi abantu bakuni komawenu, kananjalo oku nakumisela, yaye ningamangqina ako
- Emvakokoyabakwaniniababulalaabantubakuni, nabagxotha abanye benu emakhayeni abo; nincedisana neentshaba zabo ngokuchasene nabo, ngokugabadela nangenzondo. Bathi xa befika kuni bengabathinjwa nina nibakhulule ngentlawuliso, nangona kwakungekho lungelweni ukubagxotha kwenu. Makube nina nikholwa kwinxalenye yesiBhalo ningayamkeli na enye? Ingaba iyintoni imbuyekezo kwabo benza oku phakathi kwenu ngaphandle kokuhlazeka kweli hlabathi nokuba phantsi kwentuthumbo enkulu ngoMhla woVuko? Ayingaba Akakwazi uAllâh oko Nikwenzayo
- Abo ngabo bathenga ubomi beli hlabathi ngexabiso loBomi oBuzayo. Isohlwayo sabo asiyi kwenziwa lula, kwaye abayi kuncedwa
- Sanika uMûsâ iNcwadi, Saza Samlandelisa ngothotho lwabaProfeti, kananjalo Sanika u’Isâ27 unyana kaMaryam28 imiqondiso ecacileyo, samxhasa ngoMoya oyiNgcwele29. Ingaba nakusoloko qho xa kufike uMprofeti kuni ephethe oko nina ningakuthandiyo niba nenkukhumalo? Abanye nala ukukholwa kubo bambi nababulala
- Bathi: “Iintliziyo zethu zisongelwe.30” Nakanye, uAllâh Ubaqalekisile ngenxa yokungakholwa kwabo, kuncinane abakholelwa kuko
- Bathi kwakufika isiBhalo31 kubo, sivela kuAllâh, singqina eso sikubo nangona kwakumathuba angaphambili babehleli becela kuAllâh ukuba Abanike uloyiso32 phezu kwabo bangakholwayo, kodwakwathi kwakufika oko bakwaziyo basuka bala ukukholwa kuko. Ke kaloku isiqalekiso sika- Allâh masibe phezu kwabangakholwayo
- Akusangcole ngako oko bathengisa ngemiphefulo yabo kuko, ngokuthi bale ukukholwa koko kutyhilwe nguAllâh, bebangwa ngumona wokuba uAllâh ngoBabalo lwaKhe Ethe Wathumela uMyalezo waKhe kuye nabani na Amthandileyo kwiziCaka zaKhe. Ngokwenza oko bazibizele ingqumbo phezu kwengqumbo. Siya kuba lihlazo (elibi) isohlwayo sabo bangakholwayo
- Xa kusithiwa kubo, “Kholwani koko uAllâh Akutyhilileyo,” bathi bona, “Thina sikholwa koko kwatyhilwa kuthi.” Kodwa abakholwa koko kwatyhilwa emva kwako. Nangona kuyinyaniso engqina oko kukubo. Yithi kubo: “Nababulalelani ke abaProfeti baka-Allâh ukuba ngenene niyakholwa?”
- Inene uMûsâ wafika kuni nemiqondiso ecacileyo; kodwa phezu kwako konke oko nina nanqula ithole emva kwakhe naba ngabagabadeli
- Yabonani! Sathabatha uMnqophiso wenu, Saphakamisa intaba yaqonga phezu kwenu (Sathi): “Bambelelani nkqi koko Sininike kona niphulaphule (kuThi).” Bathi bona, “Sivile asathobela”, neentliziyo zabo zabe zizele kukunqula ithole ngenxa yokungabi nalukholo kwabo. Yithi: “Ikukungcola into eniyiyalelwa lukholo lwenu ukuba niyakholwa.”
- Yithi: “Ukuba ngaba ikhaya lasemva kobu bomi elikuAllâh lelenu ngokukodwa, alinakufunyanwa ngabanye abantu, langazelelani ukufa ke ukuba ninyanisile.”
- Kodwa abasokuze bakulangazelele (ukufa) ngenxa yoko bakwenze ngezandla zabo yaye uAllâh Unolwazi ngabakwenzayo
- Inene uya kuwafumana (amaYuda) ingawona abunyolukele kakhulu ubomi beli hlabathi kwaye abunyolukele ngaphezulu nakubakhonzi bezithixo. Ngamnye kubo unga anganikwa iwaka leminyaka lobomi. Kodwa ukuphila ithuba elide kangako akuyi kumsindisa nakancinane kwisohlwayo. Yaye uAllâh Ukubona konke oko bakwenzayo
- Yithi: “Nabani na olutshaba kuJibrîl kuba uzise isiTyhilelo entliziyweni yakho ngemvume ka-Allâh singqina oko kwatyhilwa ngaphambili kunaso, sikwasisiKhokelo neendaba zovuyo kumakholwa
- Nabani na olutshaba luka-Allâh, iingelosi zaKhe, abaProfeti baKhe, uJibrîl noMikâla33 inene, uAllâh Ulutshaba kwabangakholwayo.”
- Kananjalo Sityhile iiVesi ezicacileyo (ze’Kur’ân) kuwe yaye akukho namnye ongakholwayo kuzo ngaphandle kwabenzi bobubi
- Asiyonto yabo yesiqhelo na (into yokuba) qho xa benze uMnqophiso; iqela elithile apha kubo liwujule phaya? Ewe! Inyaniso kukuba uninzi lwabo abakholwa
- Kananjalo kuthe kwakufika uMthunywa34 evela kuAllâh, engqina oko kukubo, iqela labo babenikwe isiBhalo basijula kude emva kwabo isiBhalo sika-Allâh, benza ngathi abasazi
- Balandela okwakusenziwa ngenkohliso zizingcoli ngokuchasene nobukumkani bukaSulaymân35: Abachasi bokholo yayingengoSulaymân koko yayizizingcoli, ezafundisa abantu ukwenza imilingo nezinye izinto (zobugqi) ezikwanjalo ezehla eBhabheli kwiingelosi ezimbini, uHârût noMârût. Akukho nanye kuzo eyafundisa mntu (ezi zinto) ingakhanga ithi: “Thina siluvavanyo (kuni); ke Musani ukwenza izenzo zokungakholwa”. Bafunda (abantu), kuzo apho iindlela zokuhlwayela impixano phakathi kwendoda nomfazi wayo kodwa ke babengekhe bonzakalise mntu kungengamvume ka-Allâh kwaye bafunda okwaba yingozi kubo, hayi okwaba yinzuzo kubo. Kananjalo babesazi okokuba abathengi (bemilingo36) abayi kuba nasabelo kulonwabo loBomi oBuzayo. Akusangcole oko bathengisa ngemiphefumlo yabo kuko ukuba babesazi
- Kanti ukuba babevele bakholwa (kuAllâh), bazilondoza ekwenzeni izono, bagcina (inkonzo) yabo (isulungekile) kuAllâh, ubuya kubamhle ube ngaphaya kokuqonda umvuzo wabo eNkosini yabo ukuba bebesazi
- Hini na nina bakholwayo! Musani ukuthi kuMprofeti: “Râ’inâ37”, koko yithani: “Undzhurnâ,” (Khawusijonge). Mphulaphuleni (yena) kananjalo. Kuba kwabangakholwayo iya kuba sisohlwayo esibuhlungu
- Ayingomnqweno wabo bangakholwayo kuBantu beNcwadi38 nakubakhonzi bezithixo ukuba nantoni na elungileyo evela eNkosini yenu ihle phezu kwenu! Kodwa Yena uAllâh Uyazikhethela ngoBabalo lwaKhe lowo Amthandileyo. Kuba uAllâh nguSobubele oMkhulu
- Nayiphi na iVesi eSiyitshitshisayo okanye Siyenze ilityalwe, (endaweni yayo) Sibeka engcono okanye efana kwanayo. Akwazi na wena okokuba uAllâh Uyakwazi ukwenza izinto zonke
- Akwazi na wena okokuba ulongamelo lwamazulu nomhlaba loluka-Allâh? Kwanokuba ngaphandle koAllâh aninamhlobo ningenaye namncedi
- Makube mhlawumbi nifuna ukumbuza uMprofeti wenu njengoko uMûsâ wayebuzwa mandulo? Kodwa nabani na olahla ukholo athabathe ukungakholwa, inene lowo ulahlekile eMendweni othe Tye
- Uninzi lwaBantu beNcwadi lunqwenela ukuba akwaba belunokunilukuhla nijike nibe ngabangakholwayo emva kokuba nikholiwe ngenxa yomona osezintliziyweni zabo nangona sele beyibonile inyaniso39. Kodwa xolelani ningengathi aniboni de uAllâh Athobe uMyalelo40 waKhe. Inene uAllâh Uyakwazi ukwenza izinto zonke
- Yenzani iSalâh, ninikele ngeZakâh41 (kuba) nasiphi na isenzo esilungileyo enithe nakhokelisa ngaso phambi kwenu niya kusifumana kuAllâh. Inene uAllâh Ukubona konke enikwenzayo
- Kananjalo bathi: “Akukho mntu uza kungena ePaladesi engathanga abe ngumYuda okanye abe ngumKhristu”. Leyo yiminqweno njee yabo engento yanto, yithi (kubo): “Vezani ubungqina kaloku ukuba nithetha inyaniso.”
- Inene! Nabani na othe wazinikela kuAllâh aze abe yiMuhsin42, lowo umvuzo wakhe useNkosini yakhe (uAllâh); kwabanjalo akuyi kubakho koyika, bengayi kuxhalaba
- AmaYuda athi amaKhristu akakho ntweni43 namaKhristu athi amaYuda akakho ntweni kodwa bacengceleza isiBhalo (esinye) ngokwentetho yabo, batsho (abakhonzi bezithixo) abangenalwazi. UAllâh Uza kugweba phakathi kwabo ngoMhla womGwebo mayela noko bangangqinelaniyo ngako
- Ngubani na intswelabulungisa egqitha abo bathintela ukuba iGama lika-Allâh lidunyiswe, likhankanywe kakhulu ezimasjid44 zika-Allâh, bade kananjalo bazame ukuzitshabalalisa? Bekungekho lungelweni kakade kubo ukuba bangene kuzo (ezi masjid) bengangeni ngentlonipho. Okwabo iya kuba kukuhlazeka kweli hlabathi, nesohlwayo esikhulu abaya kusifumana kuBomi oBuzayo
- Kananjalo zezika-Allâh iMpumalanga neNtshonalanga, ngoko ke naphi na apho nijika nijongise khona, uBuso45 buka-Allâh busoloko bukhona, inene uAllâh nguMlondolozi Owaneleyo ukuba Azalisekise iimfuno zezidalwa zaKhe, EkwanguMazi wezinto zonke
- Kananjalo bathi: “UAllâh Uzele unyana46”, Uzuko malube kuYe, (Yena Uphakamile, Ukude lee kwezo nto bazayamanisa naYe). Ukanti (konke) okusemazulwini nasemhlabeni kokwaKhe yaye konke kuzithoba kuYe
- (Yena) nguMbumbi wamazulu nomhlaba. Xa Emisela into Usuka Athi kuyo; “Yibakho!” ibekho
- Ke kaloku abo bangenalwazi bathi: “Utheni na uAllâh Engathethi nathi nje, okanye kutheni na ukuba kungabikho mqondiso uzayo kuthi?” Nabantu bamandulo phambi kwabo batsho amazwi afana kwanalawo. Iintliziyo zabo ziyafana. Thina ngenene Senze imiqondiso yacaca kubantu abakholwa ngokunyanisekileyo
- Inene wena Sikuthumele ngenyaniso, ungumvakalisi weendaba ezivuyisayo, ukwanguMlumkisi. Kwaye wena akuyi kubuzwa (nto) ngokunxulumene nabahlali basesiHogweni
- Kananjalo amaYuda namaKhristu angekhe aneliseke ngawe wena de ulandele indlela yawo, yithi ke wena (kuwo): “Inene isiKhokelo sika-Allâh siso kuphela isiKhokelo.” Ukanti ukuba ubunokuthi ulandele iminqweno yawo emva kokuba ulwazi lufikile kuwe ubungayi kufumana mkhuseli namncedi ngokuchasene noAllâh
- Abo Sibanike isiBhalo, baze basifunde, ngendlela elungileyo Abo ngabakholwayo kuso. Ke bona abo bangakholwayo kuso ngabo kanye abaya kulahlekelwa
- Hini na Bantwana bakwaSirayeli khumbulani uBabalo lwaM eNdanibabala ngalo nokuba Ndakhetha nina kwindalo yonke
- Kananjalo yoyikani iMini apho kungayi kubakho mntu uya kunceda omnye, kungayi kubakho mbuyekezo iya kwamkeleka kuye, kungayi kubakho ntethelelo iya kuba yinzuzo kuye, bengayi kuncedwa nakuncedwa
- Khumbulani nokokuba iNkosi kaIbrâhîm47 Yamvavanya ngemiyalelo ethile, nawathi wayizalisekisa. Waza (uAllâh) Wathi: “Wena Ndikunyule ukuba ube yi-Imâm48 yabantu. “Waphendula yena wathi: “Nakwinzala yam.” Wathi (uAllâh), uMnqophiso waM awubandakanyi nabenzi bobubi.”
- Nikhumbule kananjalo okokuba Senza iNdlu49 ukuba ibe yindawo yokuhlanganela kwabantu kwanokuba ibe yindawo yokhuseleko. Ke kaloku thabathani indawo50 awema kuyo uIbrâhîm ukuba ibe yindawo yokuthandazela. Kananjalo Samyalela, uIbrâhîm noIsmâ’îl ukuba bayenze ngcwele iNdlu yaM, bayingcwalisele abo bayijikelezayo nabahlala baphumle kuyo okanye baqubude kuyo
- Khumbulani okokuba uIbrâhîm wathi: “Nkosi yethu yenza esi sixeko ibe sisixeko sokhuseleko. Unike abantu baso iziqhamo (ingakumbi) abakholwayo kuAllâh nakwiMini yokuGqibela.” UAllâh Waphendula: “Lowo ungakholwayo Ndiya kumyeka ahlale enelisekile okwethutyana, Ndize Ndimnyanzelise ukuba angene eMlilweni wokumngcungcuthekisa. Hayi ububi besiphelo solo hambo.”
- Kananjalo uIbrâhîm noIsmâ’îl benyusa isiseko seNdlu (iKa’bha) besithi, “Nkosi yethu! Yamkela (lo msebenzi) kuthi, inene Wena Uva konke, UnguMazi weento zonke
- Nkosi yethu! Senze sibe ngabazithobayo kuWe (thina) nenzala yethu ibe sisizwe esikuthobelayo Wena, Usibonise kananjalo imiqathango yeHajji51, Wamkele kananjalo inguquko yethu kuba kakade nguWe Owamkela inguquko, UnguSozinceba
- Nkosi yethu! Bathumelele uMthunywa ongowabo52, oza kubacengcelezela iiVesi, abayalele ngokweNcwadi (i’Kur’ân) nangobulumko, Ubahlambulule, inene Wena, UnguSomandla, uSobulumko.”
- Ngubani na lowo ulahla inkolo kaIbrâhîm (uAbraham) ngaphandle kwalowo uzenza isidenge? Inene yena uIbrâhîm Samkhetha kweli hlabathi, yaye kuBomi oBuzayo uya kuba phakathi kwamalungisa
- Yabonani!Yathi iNkosiyakhe Isakuthikuye:“Zinikele(kuM)” Wathi yena, “Ndiyazinikela kwiNkosi yamaphakade”
- Ke kaloku oko kuzinikela kwakhe kwayalelwa nguIbrâhîm koonyana bakhe nanguYa’kûb53 (esithi), “Hini na bantwana bam! UAllâh Unikhethele inkolo (yokwenene), Ke ngoko ningaze nife ningasengawo amaMuslim”
- Ingaba nanikhona na ngethuba ukufa kufikela uYa’kûb? Yabonani! Wathi koonyana bakhe, “Niya kunqula bani na ndakuba ndibhubhile? Bathi bona: “Siya kunqula uThixo wakho (uAllâh), UThixo, wookhokho bakho, kaIbrâhîm, uIsmâ’îl, noIs-hâ’k,54 uThixo Omnye kwaye siya kuzinikela kuYe sibe ngamaMuslim.”
- Eso sisizwe esadlulayo. Baza kuvuna umvuzo woko bakusebenzelayo, nani nakuvuzwa ngoko nikwenzileyo. Aniyi kubuzwa (nto) ngoko bakwenzayo
- Kodwa bathi: “Yibani ngamaYuda okanye amaKhristu khon’ukuze nibe seNdleleni (ethe Tye)”. Yithi (kubo): “Nakanye, inkolo kaIbrâhîm yiyo kuphela inkolo, yaye yena akazanga abe ngumnquli zithixo”
- Yithani, “Thina sikholwa kuAllâh, nakoko kuthunyelwe kuthi nakoko kwathunyelwa kuIbrâhîm, kuIsmâ’îl, kuIs- hâ’k, kuYa’kûb nakwizizwe55 nakoko kwatyhilwa kuMûsâ naku’Isâ nakoko kwanikwa abaProfeti kuvela eNkosini yabo. Asenzi mahluko phakathi komnye nomnye kubo. Kananjalo thina sizinikela kuYe [uAllâh (singamaMuslim]
- Ke kaloku ukuba bayakholwa koko nina nikholwa kuko baya kuba baphantsi kwesiKhokelo kodwa ukuba bathe bakreqa, baya kuba (bakwicala) labaphikisi, ke ngoko uAllâh Wanele kuwe Eyedwa ngokuchasene nabo, kwaye yena nguSokuva, uSolwazi
- (Inkolo yethu) lubhaptizo luka-Allâh, ngubani na (omnye) onobhaptizo olungcono kunolo luka-Allâh? Yaye nguYe esiMnqulayo
- Yithi (kumaYuda nakumaKhristu): “Niphikisana nathi na nina ngoAllâh, lo gama Yena eyiNkosi yethu, EkwayiNkosi yenu? Sibe kananjalo siza kuvuzwa ngezenzo zethu nani nivuzwe ngezenu. Sibe thina sinyanisekile kuYe?”
- Okanye nithi uIbrâhîm, uIsmâ’îl, uIs-hâ’k, uYa’kûb nezizwe babengamaYuda okanye amaKhristu? Yithi (kubo) “Ingaba nini na abanolwazi okanye nguAllâh Onolwazi (ngaphezu kwenu)?” Ngubani na oyintswela bulungisa ogqitha umntu ofihla ubungqina56 abufumene kuAllâh? Yaye uAllâh ayingaba Akakuboni oko nikwenzayo
- Eso sisizwe esadlulayo. Baza kuvuna umvuzo woko bakusebenzelayo, nani nakuvuzwa ngoko nikwenzileyo. Aniyi kubuzwa (nto) ngoko bakwenzayo
- Iziyatha phakathi kwabantu ziza kuthi, “Yini na ebajikileyo kwi’Kiblah yabo leyo bebekade bejongisa kuyo emthandazweni?” Yithi: “IMpuma neNtshona zezika-Allâh zombini yaye (uAllâh) Ukhokelela eNdleleni eNgqalileyo lowo Amthandileyo
- Ke ngoko Sinenze nasisizwe esiphakathi (esilungeleleneyo, esizinzileyo) khon’ukuze nibe ngamangqina phezu koluntu, yena uMthunywa abe lingqina phezu kwenu. Kananjalo i’Kiblah57 ebenikade nijongisa kuyo Siyenzele ukuvavanya abo balandela uMthunywa58 (babonakale) kwabo bajibilikayo. Inene (olo vavanyo) lube nzima ngaphandle kwabo uAllâh Abakhokelele eNdleleni. Kwaye uAllâh Asokuze Enze izenzo zenu zingabi nto yanto. Inene uAllâh Unobubele, nguSozinceba woluntu
- Inene Sikubonile ukubhekisa kwakho ubuso bakho ezulwini, Ngenene Siya kukubhekisa kwi’Kiblah eza kukukholisa, Ngoko ke bhekisa ubuso bakho kwicala leMasjid eNgcwele. Naphi na apho nina bantu nikhoyo, bhekisani ubuso benu kwelo cala. Inene abantu ababenikwe isiBhalo bakwazi ngcono okokuba ukujongisa ngakwiKa’bha eseMakkah emthandazweni yinyaniso leyo evela eNkosini yabo. Yaye UAllâh Ayingaba Akanalwazi ngoko bakwenzayo
- Enokuba ubunokuveza yonke imiqondiso kuBantu beNcwadi bebengekhe bakulandele kwi’Kiblah yakho, ube nawe ungenakulandela i’Kiblah yabo. Kanti nabo abangekhe balandele i’Kiblah yomnye nomnye phakathi kwabo. Inene ukuba ungalandela iminqweno yabo engendawo, emva kokuba oko kululwazi sele kufikile kuwe ubuya kuba ngomnye wabagabadeli
- Abo Sibanike isiBhalo bayamazi yena (uMuhammad) kanye njengoko besazi oonyana babo. Kodwa iqela elithile kubo liyayifihla inyaniso ngoku liyazi
- Le yinyaniso evela eNkosini yakho ke ngoko musa ukuba ngomnye wabo bathandabuzayo
- Kuba nasiphi na isizwe sinecala esijongisa kulo (xa sithandazayo), ke ngoko khawulezisani ukwenza konke okulungileyo. Nokuba niphi na apho nikhoyo. UAllâh Uya Kunidibanisa ndawonye nonke (ngoMhla wokuGqibela). Inene uAllâh Unamandla okwenza izinto zonke
- Nokuba niphi na apho nikhoyo xa niza kuthandaza jongisani ubuso benu ngakwicala leMasjid eNgcwele (eMakkah). Leyo yinyaniso evela eNkosini yakho. UAllâh Ayingaba Akakwazi oko nikwenzayo
- Naphi na apho nikhoyo (xa) niqalisa ukuthandaza, jongisani ubuso benu kwicala leMasjid eNgcwele, kananjalo nokuba sele niphi na, bhekisani ubuso benu ngakuyo, ukuze nabantu bangenzi ngxoxo nani ngaphandle kwabo bazizingcoli phakathi kwabo, ningankwantyiswa ngabo ke nina koko yoyikani Mna! Ukuze Ndifezekise uBabalo lwaM kuni, khona ukuze nikhokeleleke
- Kananjalo Sithume uMthunywa kuni ongowenu ecengceleza iiVesi zeThu (ze’Kur`ân), enihlambulula, enifundisa isiBhalo (i’Kur`ân) nobulumko, enifundisa noko benikade ningakwazi
- Ke kaloku (Hlalani) niNdikhumbula (naM) Ndiya (kuhlala) Ndinikhumbula, yibani nombulelo kuM ningaze nibe ngabangakholwayo kuM
- Ke nina bakholwayo! Funani uncedo ngomonde nangeSalâh inene uAllâh Unabo banomonde
- Musani ukuthi abo babulewe eNdleleni ka-Allâh, “bafile”, Nakanye, bayaphila, koko anikuqondi nina oko
- Kwaye ngokwenene Siya kunivavanya ngento eya kuthi inenze nibe noloyiko, indlala, ilahleko yobutyebi, ukufa, (ilahleko) yeziqhamo, (izityalo) kodwa ke vakalisa iindaba zovuyo kwabo banomonde
- Abo bathi xa behlelwe lishwangusha, bathi: “Inene sivela kuAllâh kananjalo siya kubuyela kwakuYe.”
- Aba ngabo iintsikelelo ezivela eNkosini yabo ziya kuba phezu kwabo, ikwangabo Eya kubenzela inceba yaye kananjalo ngabo abaphantsi kwesiKhokelo
- Inene iSafâ59 ne Marwah ziyeminye yemiqondiso ka-Allâh. Akusosono kulowo wenza iHajji ne’Umrah eNdlwini (iKa’bha) ukuba enze iTawâf60 phakathi kwazo (iSafâ neMarwah). Lowo wenza okulungileyo ngokuzithandela kwakhe, inene uAllâh Unombulelo, Unobulumko
- Inene abo bafihla ubungqina, nesiKhokelo, eSisithumeleyo emveni kokuba Senze kwacaca ebantwini eNcwadini, abo ngabo kanye abaqalekisiweyo nguAllâh baza baqalekiswa nangabo (bonke) abaqalekisi
- Ngaphandle kwabo baguqukayo, benze izenzo zobulungisa, bathethe (inyani) bengafihlisi. Aba Ndiya kuyamkela inguquko yabo. Kwaye Ndim kanye Owamkela inguquko, uSozinceba
- Inene abo bangakholwayo, bade bafe bengekakholwa, ngabo isiqalekiso sika-Allâh neseengelosi nabantu bonke siphezu kwabo
- Baya kuhlala apho ngonaphakade, yaye isohlwayo sabo asiyi kuncitshiswa, bengayi kuphunyuzwa nakuphunyuzwa (kuso)
- Ke kaloku uThixo wenu nguThixo Omnye, uSolubabalo, uSozinceba
- Inene ekudalweni kwamazulu nomhlaba, nasekuguqulweni kobusuku bube yimini, neenqanawa ezihamba, zinqumle iilwandle ziqulethe oko kubalulekileyo eluntwini, namanzi (emvula) uAllâh Awathumela phantsi esuka esibhakabhakeni, Avuselele umhlaba ngawo emva kokuba ubufile nezidalwa ezinyakazelayo zeendidi zonke Azithe saa (emhlabeni) nasekuvuthuzenikomoyanamafuaphakathikwesibhakabhaka nomhlaba, (konke oko) kuyimiqondiso kubantu ukuba baqiqe
- Kananjalo ebantwini kukho abo bazithabathela abanye (oothixo) ngaphandle koAllâh babe ngabaphikisi, babathande njengoko bethanda uAllâh kodwa abo bakholwayo bona bathanda uAllâh ngaphezulu (kwento yonke). Akwaba abo benza ubugwenxa bebenokukhe bajonge, babone xa beza kujongana nesohlwayo (ngaloo) Mini, baza kubona okokuba onke amandla (namagunya) ngaka-Allâh, (babone kananjalo) nokuba uAllâh Wohlwaya kabuhlungu (kangakanani na)
- Xa abo babelandelwa (bekhonzwa) bephika abo babe landelwa ngabo, babe besibona isohlwayo, ngeloo xesha, ukuzalana (nokuhlobana) kuza kunqanyulwa (kungabikho phakathi) kwabo
- Abo babengabalandeli baza kuthi: “Akwaba besinokuphinda sinikwe (elinye) ithuba lokubuyela (kubomi basemhlabeni), besiya kubaphika njengoko nathi besiphikile”. Ngoko ke uAllâh Uya kubabonisa izenzo zabo abaya kuzisola ngazo. Yaye abasokuze (bakwazi) ukuphuma eMlilweni
- Hini na nina bantu! Yityani oko kuvumelekileyo kulungileyo emhlabeni, ningalandeli ikhondo likaShaytân, inene yena ulutshaba oluselubala kuni
- Yena (uShaytân) uniyalela kuphela ukuba nenze okungcolileyo nokuziintloni nokuba nithethe okuchasene noAllâh eningenalwazi ngako
- Xa kusithiwa kubo: “Landelani oko uAllâh Akutyhilileyo”. Bathi bona: “Nakanye! Thina silandela oko sakubona kulandelwa ngoobawo bethu”. Nangona oobawo babo babengaqiqi bengekho naphantsi kwesiKhokelo
- Umzekelo wabo bangakholwayo unje ngomntu okhwaza umhlambi wezimvu ongavi nento le ngaphandle kwenkwaza nezikhalo. Bazizithulu, izimumu neemfama. Abaqiqi
- Hini na nina bakholwayo yityani izinto ezivumelekileyo eSininike zona, nibe nombulelo kuAllâh, Ukuba ngaba ngenene nguYe eniMnqulayo
- Yena Unalele ukuba (nitye) isilwanyana esizifeleyo, igazi, nenyama yehagu, nento exhelelwe ukwenziwa idini kwenye into engengoAllâh. Kodwa ukuba ubani uthe wanyanzeliswa engazithandelanga, engaqhutywa lugabadelo, kulowo akukho sono. Inene uAllâh nguMxoleli Onenceba
- Inene abo bafihla oko uAllâh Akutyhilileyo kuseNcwadini, bathenge inzuzwana encinane ngako oko. Abatyi nto yimbi eziswini zabo ngaphandle koMlilo, uAllâh Akayi kuthetha nokuthetha nabo ngoMhla woVuko, Engayi kubahlambulula, yaye okwabo iya kuba sisohlwayo esibuhlungu
- Abo ngabo bathenga ukulahleka ngexabiso lesiKhokelo, nesohlwayo ngexabiso lokuxolelwa. Hayi ukuzithemba abanako ngokubhekiselele eMlilweni
- Oko kungenxa yokuba uAllâh Uthumele iNcwadi (i’Kur`ân) ngenyaniso. Inene Abo baphikayo ngokumayela neNcwadi (baphambuke) bakude lee ngokuphikisa (kwabo)
- Ayibobulungisa okokuba nijongise ubuso benu eMpumalanga okanye eNtshonalanga (emthandazweni) koko ilungisa ngulowo ukholwa kuAllâh, kwiMini yokuGqibela, kwiingelosi, kwiiNcwadi, kubaProfeti aze anikele ngobutyebi bakhe, nangona ebuthanda, abunike izizalwana, anike iinkedama, namahlwempu, nabaseluhambeni, nabo bacelayo, nokukhululaamakhoboka, enze iSalâh anikele ngeZakâh, nabazalisekisa izithembiso zabo xa bethe bazenza, nabanyamezelayo xa bethwaxwe yintlupheko enkulu nabakwiintlungu zokugula, nangethuba lokulwa (iimfazwe). Abo ngabona bantu benyaniso yaye bona banyulu
- Hini na nina bakholwayo! Umthetho wokulingana umiselwe kuni ngokubhekiselele ekubulaleni: okhululekileyo ngokhululekileyo, ikhoboka ngekhoboka, owasetyhini ngowasetyhini, kodwa ke ukuba umbulali uyaxolelwa ngumntakobomfi lowo ukuba angahlawuli imali yegazi, oko makwenziwe ngesihle. Intlawulo yemali yegazi kwindlalifa mayenziwe ngesihle nayo leyo. Olu luthomalaliso (lobubi) nenceba evela eNkosini yenu. Ke emva koku lowo uthe wagabadela watsiba imida uya kufumana isohlwayo esibuhlungu
- Kananjalo kukho usindiso lomphefumlo kuni kumthetho wokulingana. Hini na nina bantu banengqiqo, khon’ukuze nibe ngabanyulu
- Kungummiselo kuni okokuba xa ukufa kuthe kwasuba nawuphi na kuni, ukuba (loo mntu) ushiya ubutyebi ngemva kwakhe makenze umyolelo kubazali bakhe nezalamane zakhe ngendlela elungileyo oku kuluxanduva (lwenu) nina banyulu
- Lowo uguqula umyolelo emva kokuba ewuvile, isono siya kuba phezu kwabo benze inguqu. Inene uAllâh nguSokuva, uSolwazi
- Ke lowo uthe waba noloyiko lokuba elinye lamangqina lenze intswela-bulungisa okanye ubugwenxa, aze apho enze uxolelwaniso phakathi kwabo banembambano akuyi kubakho sono kuye. Inene uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
- Hini na nina bakholwayo! Ukuzila kumiselwe kuni njengoko kwakumiselwe kwabo bangaphambili kunani khon’ukuze nibe ngamalungisa
- Kugcineni ukuzila ixesha eliziintsuku eziliqela ezimiselweyo, kodwa ukuba ubani kuni uye wagula okanye abe seluhambeni, ezo ntsuku aziphosileyo kofuneka aphinde azizile kwakhona. Ke kwabo bathi bazile phantsi kobunzima61 kukubo ukuba bakhethe ukuzila okanye bondle amahlwempu. Ke lowo wenza ubulungisa ngokuzithandela, kolunga kakhulu kuye. Ukuzila yeyona nto ilungileyo kuni ukuba benisazi
- Inyanga yeRamadhân yinyanga ekwatyhilwa ngayo i’Kur’ân ukubaibesisiKhokelosoluntunemiqondisoecacileyonenqobo yokwahlula (phakathi kokulungileyo nokungalunganga). Nabani na kuni othe wayibona inyanga, makazile ukutya ngaloo nyanga, Ke yena ogulayo kungenjalo oseluhambeni, iintsuku ezilingana nezo (zokuzila) angazizilanga yena makazizile kwakhona. UAllâh Ufuna ukunenzela lula, Akafuni ukunenzela ubunzima. (Akufunayo kukuba) nizalisekise iintsuku ezilingana nezo kwanokuba niMenze Mkhulu (igama laKhe) ngokuba Enikhokele khon’ukuze nibe nombulelo kuYe
- Ke kaloku xa izicaka zaM zikubuza ngaM yithi kuzo Mna Ndikufuphi kuzo yaye Ndiyaziphendula izicelo zalowo ucelayo xa ecela kuM. Ke ngoko mabaNdithobele, bakholwe kuM, khon’ukuze bakhokeleleke eNdleleni ethe Tye
- Kuvumelekile kuni ukuba nidibane ngesondo nabafazi benu ebusuku ngeentsuku zokuzila. Bona baziingubo zenu kanti nani nikwanjalo kubo. UAllâh Uyazi okokuba benisoloko niziqhatha, kodwa Yena Wabuya ngenceba kuni, Wanixolela. Ke ngoku yabelanani nabo ngesondo, nize nifune oko uAllâh Anibekele kona (abantwana), nitye ukutya kude kuvele umgca omhlophe woms’obomvu ubonakale, ucace, wohluke kumgca omnyama, nize nigqibezele ukuzila kwenu kude kuwe ubusuku. Ke kaloku musani ukwabelana ngesondo nabo xa nikwi-i’tikâf62 ezimasjid. Le yimiqathango (emiselwe) nguAllâh, ke ngoko musani ukusondela kubo. Wenza njalo ke uAllâh ukucacisa iiVesi zaKhe eluntwini khon’ukuze babe ngamalungisa
- Ningatyelani iingqwebo zenu ngendlela yentswela-bulungisa, ningabaniki iminyobo abasemagunyeni nisenzela ukuba nitye inxalenye yengqwebo yabanye ngabom nisona
- Bayakubuza wena (Muhammad) ngokuthwasa kweenyanga. Yithi: “Le yimiqondiso yokuphawula amaxesha amiselwe uluntu neHajji”. Ayibobungcwele ukungena emizini yenu ngasemva kodwa ongcwele ngulowo woyika uAllâh. Ke ngoko ngenani ezindlwini zenu ngeminyango yokwenene, noyike uAllâh khon’ukuze nibe nempumelelo
- Balweni eNdleleni ka-Allâh abo banilwayo, kodwa ningagabadeli. Inene uAllâh Akabathandi abagabadelayo
- Nibabulale naphi na apho nibafumana khona, nibagxothe, nibakhuphe apho banigxotha banikhupha khona. Kuba iFitnah63 imbi kunokubulala. Ke kaloku musani ukubalwa eMasjid eNgcwele ngaphandle kokuba bona (baqale) banilwa khona apho, kodwa ukuba bayanihlasela, babulaleni, oko kuya kuba ngumvuzo wabangakholwayo
- Kodwa ukuba bayayeka (ukunilwa), uAllâh nguMxoleli uSozinceba
- Balweni kude kuphele Ingcinezelo64 nonqulo lube loluka- Allâh (yedwa) kodwa ukuba bayayeka, makungabikho lugabadelo (kwelenu icala) ngaphandle kokuchasene nabenzi bobubi
- INyanga eNgcwele yeyeNyanga eNgcwele, nezinto ezalelweyo. Kukho umthetho wokulingana (omiselweyo). Lowo utsiba ngaphaya kwesalelo achasane nani, yenzani ugabadelo olukwanjalo nani kuye. Noyike uAllâh, nisazi kananjalo okokuba uAllâh Ungakumalungisa
- Ukunikela ngamalizo kwenzeni eNdleleni ka-Allâh ningazigaxelekisi entshabalalweni ngezandla zenu, nina yenzani okulungileyo. Inene uAllâh Uyabathanda abenzi bokulungileyo
- Yenzeni kakuhle iHajji ne’Umrah niyenzela uAllâh. Kodwa ukuba nithe nathinteleka ekuyenzeni (ngokupheleleyo), xhelani iminikelo yamadini eninokuba nako ukunikela ngawo. Ningazichebi iintloko zenu zide izilwanyana zenu zomnikelo zifike kwindawo yeminikelo. Nabani na lowo kuni ugulayo okanye onesifo entlonzeni yentloko yakhe (esimnyanzelisa ukuba achebe phambi kwexesha) makahlawule ifidya65 ngokuthi azile ukutya (iintsuku ezintathu) kungenjalo anikele ngeSada’kah okanye anikele ngokuxhela (igusha) yedini. Ke kaloku xa nithe naba kwindawo ekhuselekileyo kanti nabani na owenze i’Umrah ngenyanga yeHajji, ingekaqalisi iHajji, makanikele ngokuxhela isilwanyana anokuba nako ukusithenga, kodwa ukuba uthe akabi nako, makazile ukutya iintsuku ezintathu ngeentsuku zeHajji, alandelise ngokuzila iintsuku ezisixhenxe esakubuyela kowabo, nto leyo yenza ishumi leentsuku. Oku kwenziwa ngulowo usapho lwakhe lungekho eMasjid eNgcwele (ongengommi waseMakkah). Yoyikani uAllâh ngamandla, nazi kananjalo okokuba uAllâh Wohlwaya kabuhlungu
- IHajji ikwiinyanga ezaziwayo nabani na ke ngoko ozimisele ukwenza iHajji makangabelani ngesondo, angenzi sono, angaxambulisani (namntu) ngokungeyomfuneko ngexesha ekwiHajji. Ke kaloku nayiphi na into elungileyo enithi niyenze, uAllâh Uyayazi. Ziphatheleni umphako wohambo, kodwa owona mphako ulungileyo bubunyulu ngoko ke yoyikani Mna, Hini na nina bantu baziingqondi
- Akukho sono kuni ngokuthi nifune iimbonelelo zeNkosi yenu (ngexesha leHajji ngokuthi ninaniselane). Xa niphuma e’Arafah Mkhumbuleni uAllâh (ngendumiso zaKhe) e’Mash’ar il-Harâm66, Mkhumbuleni kananjalo Yena njengoko Eninike isiKhokelo. Inene nina ningabanye babo babesekulahlekeni ngaphambili
- Phumani nimke (ke ngoko) endaweni leyo abantu baphuma bamke kuyo, nicele itarhu kuAllâh. Inene uAllâh nguMxoleli, Ohlala Enenceba
- Nakugqiba ke ukwenza yonke imimiselo yeHajji, mkhumbuleni uAllâh njengoko nikhumbula ooyihlomkhulu benu kungenjalo (Mkhumbuleni uAllâh) ngenkumbulo ethe chatha. Kodwa ebantwini (apha) kukho abo bathi: “O Nkosi yethu! Siphe (izipho zaKho) kweli hlabathi!” Abanjalo abayi kuba nasabelo kuBomi oBuzayo
- Ukanti phakathi kwabo kukho abo bathi: “O Nkosi yethu! Siphe oko kulungileyo kweli hlabathi, nakuBomi, oBuzayo (Usiphe) okulungileyo. Usisindise kwisohlwayo soMlilo.”
- Bona baya kubekelwa (bucala) isabelo soko bakusebenzelayo yaye uAllâh Uyakhawuleza ukufaka embuzweni
- Mkhumbuleni uAllâh ngeentsuku ezityunjiweyo67 kodwa lowo uthe wangxamela ukugoduka iintsuku zisembini, akukho sono kuye nalowo uthe wahlala, akukho sono kuye, ukuba iinjongo zakhe kukwenza okulungileyo nokuthobela uAllâh. Nazi kananjalo okokuba niya kuqokelelwa nonke nimiswe phambi kwaKhe
- Ebantwini (apha) kukho lowo untetho yakhe ingakwenza ukholwe nguye kobu bomi balo mhlaba, ade abize uAllâh ukuba Abe liNgqina mayela noko kusentliziyweni yakhe, kodwa ungoyena uthanda ingxwabangxwaba
- Naxa emka (kuwe wena Muhammad) imizamo yakhe kukwenza ubutshinga emhlabeni, nokutshabalalisa izityalo nemfuyo kanti uAllâh Akabuthandi ubutshinga
- Kuthikusakuthiwakuye:“Yoyika uAllâh”, isukeinkukhumalo imtsalele kulwaphulo-mthetho ngakumbi. Okumfanele ngokwaneleyo yena sisiHogo, enjani yona ukubambi indawo yokuphumla
- Ebantwini (apha) kukho lowo ungada athengise ngobomi bakhe, ngenxa yokukholisa uAllâh kwaye uAllâh UnoBubele kwizicaka (zaKhe)
- Hini na nina bakholwayo! Ngenani kwi-Islam ngokupheleleyo ningalandeli ikhondo likaShaytân. Inene yena ulutshaba ngokuselubala kuni
- Ukuba nithe nakreqa emva kokuba imiqondiso ecacileyo ifikile kuni, yazini ke ngoko okokuba uAllâh nguSomandla, uSobulumko
- Ingaba balindele nto yimbi na ngaphandle kwale yokuba uAllâh Eza kusuka Abafikele Ekumathunzi amafu neengelosi? Xa kunjalo ke makube ityala sele ligwetyiwe yaye yonke imicimbi ibuyela kuAllâh
- Buza aBantwana bakwaSirayeli okokuba mingaphi na imiqondiso ecacileyo eSabanika yona. Ke lowo uguqula uBabalo luka-Allâh emva kokuba sele lufikile kuye, Inene uAllâh Ubuhlungu esohlwayweni
- Buhonjiswe babuhle ubomi balo mhlaba kwabo bangakholwayo, bade bagculele abo bakholwayo. Kodwa bona abo bathobela imiyalelo ka-Allâh bazigcine kude koko Akwaleleyo (ukuba kwenziwe) baya kuba ngentla kwabo ngoMhla woVuko. Yaye uAllâh Wenzela ubuBele lowo Amthandileyo ngaphandle komlinganiselo
- Abantu babekade beluluntu olunye, uAllâh Wathumela abaProfeti baKhe neendaba ezivuyisayo kubo zokubalumkisa. Wathumela isiBhalo senyaniso sokugweba phakathi kwabantu kwimicimbi ababengavisisani ngayo. Kananjalo ngabo babenikwe (isiBhalo) kuphela abaya baba neyantlukano ngokuphathelene naso emva kokuba imiqondiso ecacileyo yayisele ifikile kubo ngenxa yentiyano ababenayo omnye komnye. Ke kaloku uAllâh ngentando yaKhe Wakhokelela abo bakholwayo enyanisweni yoko babephikisana ngako. UAllâh Ukhokelela eNdleleni ethe Tye lowo Amthandileyo
- Okanye nicinga ukuba niza kungena ePaladesi ningakhanga nivavanywe ngocikido olufana nolo lwabo banandulelayo na? Bathwaxwa ngobuhlwempu obukhulu nezigulo, bacikideka kangangokuba nomProfeti ndawonye nabo babekholwa kunye naye bathi, “Kazi luya kufika nini na uncedo luka- Allâh”! Ewe! Nangoku, uncedo luka-Allâh lukufuphi
- Bayakubuza okokuba yintoni na kwingqwebo yabo abanokunikela ngayo.Yithi: “Nantoni na elungileyo enithi ninikele ngayo makube kubazali neenkedama namahlwempu nabaseluhambeni. Kanti nantoni na eniyenzayo ezizenzo ezilungileyo, inene, uAllâh Uyazi kakuhle
- IJihâd68 ingummiselo kuni (maMuslim) nangona niyichasile nje nina, kanti kunokwenzeka okokuba nichase into eyiyeyona ilungileyo kuni nize nithande eyona nto imbi kuni. UAllâh Uyazi kodwa nina anazi
- Bayakubuza mayela nokulwa kwiiNyanga eziNgcwele69 Yithi: “Ukulwa kuzo kulugabadelo olukhulu kodwa olona (lugabadelo) lugqithileyo ngokuka-Allâh kukuthintela abantu ukuba bangalandeli iNdlela ka-Allâh, ukungakholwa kuYe, ukuthintela (abantu ukuba bangabi) nakungena kwiMasjid eNgcwele nokugxotha abahlali bayo nonqulo zithixo. Oko kubi ngakumbi kunokubulala. Kananjalo abasokuze bayeke ukunilwa de banikhuphe enkolweni yenu ukuba bebenako. Nabani na kuni othe wakreqa enkolweni yakhe aze afe esengongakholwayo, lowo izenzo zakhe ziya kulahleka kobu bomi nakuBomi oBuzayo, kwaye baya kuba ngabahlali baseMlilweni, Baze bahlale apho ngonaphakade
- Inene abo bathe bakholwa, nabo baya bafuduka (ngenxa yenkolo ka-Allâh), bazabalaza ngamandla eNdleleni ka- Allâh, bonke aba bona banethemba leeNceba zika-Allâh, Yaye uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
- Bayakubuza ngeziselo ezinxilisayo nokungcakaza. Yithi kubo: “Kuzo ezo zinto kukho isono esikhulu nengeniso (ethile) kubantu, kodwa isono sezo zinto sikhulu kakhulu kunengeniso (yazo)”. Kananjalo bayakubuza okokuba yintoni na abanokunikela ngayo (kumalizo) Yithi: “ Yiloo nto ingaphaya kweemfuno zakho”. UAllâh Uyenza icace kanjalo ke iMithetho yaKhe khon’ukuze nizikise ukucinga
- Kweli hlabathi nakuBomi oBuzayo. Ke kaloku bakubuza ngeenkedama. Yithi: “Into elunge kakhulu kukusebenza ngentembeko kwizinto ezizezazo. Ukuba nithe naxuba izinto zenu nezazo, zingabantakwenu ke; Kodwa UAllâh Uyamazi umntu ozimisele ukwenza ubuthsinga nozimisele ukwenza okulungileyo. Ukuba uAllâh Ebethanda, Ebengasuka Anibeke ebunzimeni. Inene uAllâh nguSomandla, uSobulumko
- Ke kaloku ningabatshati abakhonzi bezithixo de bakholwe (kuAllâh bakhonze Yena Yedwa). Inene umfazi olikhobokazana okholwayo ungcono kunomkhonzikazi wezithixo okhululekileyo enokuba nibathanda kangakanani na. Kananjalo ningendiseli iintombi zenu kubakhonzi bezithixo de bakholwe kuAllâh Yedwa). Inene indoda elikhoboka ingcono kunomkhonzi wezithixo okhululekileyo enokuba nibathanda kangakanani na. Abo bakhonzi bezithixo banimemela eMlilweni, kodwa Yena uAllâh Unimemela ePaladesi nakuxolelo lwezono ngokokuthanda kwaKhe kwaye Wenza imiqondiso yaKhe icace ebantwini khon’ukuze bakhumbule
- Bayakubuza ngabafazi abasexesheni Yithi: “Leyo yinto eyingozi. Ngoko ke musani ukusondela kubo lo gama besesexesheni ningangeni kubo de bahlambuluke70 exesheni.”
- Abafazi benu bangamasimi enu, ke ngoko ngenani emasimini enu, nanini na nakanjani na loo ndlela nithande ngayo. Nizenzele izenzo zobulungisa kwangaphambili. Nimoyike uAllâh, nazi kananjalo okokuba nisaza kudibana naYe (kuBomi Obuzayo). Ngoko ke nika iindaba zovuyo kwabo bakholwayo
- Musani ukwenza (igama) lika-Allâh into yokusithela kwizifungo zenu ezichasene nokungenzi kwenu izenzo zobulungisa nokuziphatha ngobunyulu, nokwenza uxolo phakathi kwabantu. UAllâh nguSokuva, uMazi weento zonke
- UAllâh Akayi kunibeka tyala ngoko nikwenze kungenganjongo ezifungweni zenu, kodwa Uya kunibeka ityala ngoko nikwenze kusuka ezintliziyweni zenu. UAllâh, nguMxoleli, uSozinceba
- Abo bathabatha isifungo sokuba bangabelani ngesondo nabafazi babo mabalinde iinyanga ezine, ukuba bayajika (kweso sifungo) uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
- Ukanti ukuba bagqibe ekubeni baqhawule umtshato, uAllâh nguSokuva, nguSolwazi
- Ke kaloku abafazi abaqhawule umtshato baya kulinda (bangatshati) iinyanga ezintathu besiya exesheni, kananjalo akukho mthethweni ukuba bakufihle okudalwe nguAllâh ezibelekweni zabo, ukuba bayakholwa kuAllâh nakwiMini yokuGqibela. Amadoda abo anelungelo lokuphinda abathathe kwakhona phakathi nexesha71 elo, ukuba bafuna uxolelwaniso. Kwaye (abafazi) bona banamalungelo afanayo nalawo amadoda abo (kuko konke) oko kunembadla (bakwenzayo), kodwa amadoda wona anoxanduva oluthe chatha ngokuphathelene nabo (abafazi) yaye uAllâh nguSomandla, uSobulumko
- Uqhawulo mtshato lwenziwa kabini, emva koko, ungamgcina (uhlale naye) ngendlela enemvisiswano okanye umkhulule ngesihle. Kodwa akuvumelekanga (kumadoda) ukuba ahluthe nayiphi na inxalenye yeMahr72 enibanike yona ngaphandle kokuba amacala omabini oyikisela ukungayithobeli imiqathango ebekwe nguAllâh, akuyi kubakho sono nakuwuphi na kubo bobabini, ukuba lo wasetyhini uyayibuyisela (kwakumniniyo iMahr (okanye inxalenye yayo). Le yimiqathango ebekwe nguAllâh, ke musani ukuyitsiba. Nawuphi na otsiba imiqathango ebekwe nguAllâh, abanjalo ngabenzi bobubi
- Xa ke indoda iqhawule umtshato (izihlandlo ezithathu), akuyi kuba lilungelo ukuba abe ngumfazi wakhe kwakhona de atshatele kwenye indoda. Ukuba ke loo ndoda iye yaqhawula umtshato naye, akuyi kuba sisono kubo bobabini ukuba baphinde babuyelane (nendoda yakhe yokuqala), ukuba phofu baziva benokukwazi ukugcina imiqathango ebekwe nguAllâh. Le yimiqathango ebekwe nguAllâh, Ayenze yacaca kubantu abanolwazi
- Xa niwuqhawule umtshato nabafazi (benu), beligqibile nexesha labo (lokulinda) elibekiweyo; ningaphinda nibathathe kwakhona ngemvisiswano okanye nibakhulule ngesihle. Kodwa ke ningabathathi kwakhona nibathathela ukubangcungcuthekisa, nabani na owenze loo nto, uya kuba uwonile umphefumlo wakhe. Kananjalo ningathabathi (imithetho) ka-Allâh njengento yokudlala, koko khumbulani iziBele zika-Allâh Anenzele zona noko Anithumelele kona kwisiBhalo (i’Kur`ân) nobulumko Anifundisa ngabo. Yaye Moyikeni uAllâh nazi kananjalo okokuba uAllâh Wazi zonke izinto
- Nisakuba nahlukene nabafazi (benu), nabo bewaqgqibile amaxesha okuba balinde, musani ukubathintela ukuba batshatele kwakumadoda abebetshate nawo (ngaphambili) xa bevisisana bona ngendlela enovelwano. Le mfundiso sisiyalo kuye nabani na kuni okholwa kuAllâh nakwiMini yokuGqibela. Oko bubungcwele nobunyulu kuni. UAllâh Uyazi kanti nina anazi
- Oomama baya kuncancisa abantwana babo iminyaka emibini epheleleyo, (oku) kokwabo (bazali) banqwenela ukuzalisekisa ixesha lokuncancisa. Kodwa ke uyise womntwana uya kuthwala uxanduva lokuhlawula ukutya konina (womntwana) neempahla (zakhe) zokunxiba ngendlela enovelwano.Akukho mntu uza kuthwala mthwalo kuye angenako ukuwuthwala, kungekho tata uza kuphathwa kakubi ngenxa yomntwana wakhe. Kwindlalifa kuziimfanelo okufana nook (kwakuziimfanelo kuyise) ukuba (indoda nomfazi) baye bavumelana ukumlumla umntwana emva kokubonisana akuyi kuba sisono kubo (ukwenza oko). Ukuba ke nithe nagqiba ekubeni nifunele abantwana benu umama73 wokuncancisa, akuyi kuba sisono oko kuni, ukuba phofu niya kumhlawula (umama lowo) loo nto niya kube nivumelene ngayo ngemvisiswano yenu. Kananjalo moyikeni uAllâh nazi nokuba UAllâh Ukubona konke oko nikwenzayo
- Abo bathi bafe kuni beshiya abafazi ngemva, bona (abafazi) abo baya kuzila iinyanga ezine ezineentsuku ezilishumi, besakuligqiba elo xesha akuyi kubakho sono kuni ngokuthi bazibonakalise ngendlela enobulungisa nenesidima (ukuba batshate) yaye uAllâh Ukwazi konke enikwenzayo
- Kananjalo akuyi kuba sisono kuni ukwenza uncwaso lokutshata okanye nilufihle ngaphakathi kuni, uAllâh Uyazi okokuba niya kubaqaphela (abo bafazi) kodwa ningenzi isithembiso sesivumelwano nabo emfihlakalweni ngaphandle kokuba nitsho amazwi anentlonipheko ngokoMthetho weIslam74. Ningadibani ngesondo lingekapheli ixesha elibekiweyo lokuzila. Yazini kananjalo okokuba uAllâh Uyakwazi okusezingqondweni zenu, Moyikeni ke ngoko. Nazi kananjalo okokuba uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
- Akuyi kubakho sono kuni, ukuba nithe nahlukana nabafazi benu ningekabachukumisi (ngokwesondo) ningekalibeki ixabiso lemahr. Kodwa ke banikeni (izipho eziyimfanelo), osisityebi ngokwendlela emfaneleyo, olihlwempu ngokwendlela emfaneleyo. Isipho sexabiso lemvisiswano siluxanduva lwabenzi bokulungileyo
- Ukuba nithe nahlukana nabo ningakhanga nada nabachukumisa (ngokwesondo) nibe sele niwubekile (umlinganiselo) wemahr, nohlawula isiqingatha sayo, ngaphandle kokuba bona bayavuma ukuyiyeka okanye yona (indoda) umtshato lowo usezandleni zayo, iyavuma ukuyiyeka imnike ixabiso elipheleleyo lemahr ebekuvunyelwene ngayo. Kwaye ukuyiyeka amnike ixabiso elipheleleyo kusondele kubunyulu. Kananjalo ningakulibali ukuba nesisa phakathi kwenu. Inene uAllâh Ukubona konke oko nikwenzayo
- Londolozani ngqongqo iiSalâh, ingakumbi ephakathi75. Nime phambi koAllâh ngokuzithobileyo (nazolileyo)
- Ukuba ngaba ninoloyiko (lotshaba) yenzani iSalâh nihamba ngeenyawo okanye nikhwele (kumahashe, okanye izithuthi). Nithi nisakuba kwindawo ekhuselekileyo, niMkhumbule Allâh nithandaze iSalâh Ngendlela Anifundise ngayo, enaningayazi (ngaphambili)
- Ke abo bathi bafe beshiya abafazi babo ngasemva mababenzele abafazi babo umyolelo wesondlo nendawo yokuhlala unyaka wonke bengagxothwanga, kodwa ukuba abafazi abo bayazihambela ngokwabo akuyi kuba sisono oko kuni ngoko bazenzele ngokwabo, ukuba phofu (kwenziwa) ngesidima, UAllâh nguSomandla, uSobulumko
- Kubafazi abaqhawule umtshato ukondliwa mabakufumane ngemvisiswano, oku kuluxanduva lwamalungisa
- Wenza njalo ke uAllâh ukucacisa imiqondiso yaKhe kuni khon’ukuze niqiqe
- Awukhumbuli na ngabo baya baphuma bemka bashiya amakhaya abo bengamawaka, besoyika ukufa? UAllâh Wathi kubo: “Yifani”, Wabuya, Wabavusa kwakhona. Inene uAllâh UnobuBele ebantwini kodwa uninzi lwabantu alunambulelo
- Yilwani endleleni ka-Allâh, nazi kananjalo okokuba uAllâh nguSokuva, uSolwazi
- Ngubani na oza kuboleka uAllâh imboleko elungileyo khon’ukuze Yena (Ayibuyise) ngokuphindaphindwe kaninzi? NguAllâh Onciphisayo nowandisayo yaye nina niza kubuyela kuYe
- Ingaba awukhumbuli na ngeqela laBantwana bakwaSirayeli emva kwexesha likaMûsâ? Abathi kuMprofeti wabo: “Sinyulele ikumkani size silwe eNdleleni ka-Allâh”. Wathi yena ingaba: “Aniyi kulwa na nokuba sele ukulwa kungummiselo kuni?” Bathi bona: “Singathini na ukungalwi eNdleleni ka-Allâh ekubeni sagxothwayo sakhutshwa emizini yethu nasebantwaneni bethu?” Kodwa bathi besakuyalelwa ukuba balwe, bajika abafuna bonke ngaphandle kweqaqobana labo. UAllâh Ubazi (kakuhle) abenzi bobubi
- NoMprofeti wabo (uSamweli) wathi kubo: “Inene uAllâh Uninyulele uTâlût (uSawule) ukuba abe yikumkani yenu”. Bathi bona: “Kungathini na ukuba ibe nguye ikumkani kuthi ekubeni isithi nje ababulungeleyo ubukumkani kunaye, yaye yena akanikwanga butyebi baneleyo”. Wathi: (uSamweli) “Inene,uAllâh Ukhethe yena kunani Wamandisela ulwazi ngakumbi nesidima. Ke kaloku uAllâh Unika ubukumkani baKhe kulowo Athande ukumnika yaye uAllâh (nguMlondolozi) Owaneleyo weemfuno zezicaka zaKhe. UAllâh Ubanzi, nguSolwazi
- Ke kaloku uMprofeti wabo wathi kubo: “Inene umqondiso wobukumkani bakhe kukuba kuza kufika kuni ityesi (ityeya) ekukho kuyo ulwaneliseko oluvela eNkosini yenu nentsalela yoko kwashiywa nguMûsâ noHârûn76, okwathwalwa ziingelosi. Inene kuko oko kukho umqondiso kuni ukuba ngenene ningamakholwa”
- Uthe uTâlût akuphuma nomkhosi, wathi: “Inene uAllâh Uza kunivavanya emlanjeni. Ke lowo uthe wasela apho akayi kuba kunye nam. Othe akawangcamla kwa-ukuwangcamla (amanzi), lowo ukunye nam, ngaphandle kwalowo uwasele ngokuwakhongozela ngesandla”. Kodwa basela apho bonke ngaphandle kwabambalwa kubo. Ekuwuweleni kwakhe (umlambo lowo), yena nabo babekholwa kunye naye bathi: “Asinamandla namhlanje ngokuchasene noJâlût (uGoliyati) nemikhosi yakhe”. Kodwa abo babesazi ngokuqinisekileyo okokuba baza kuhlangana neNkosi yabo, bathi: “Kukangaphi na iqela elincinane lisoyisa umkhosi omkhulu onamandla ngemvume ka-Allâh?” UAllâh Ukunye nabo banomonde
- Bathi besakuya phambili ukuya kuqubisana noJâlût nomkhosi wakhe, bacela (kuAllâh): O Nkosi yethu! Thulula (amandla) phezu kwethu okuba nomonde, Womeleze iinyawo zethu, Usenze sibe noloyiso phezu kwabangakholwayo
- Ke kaloku babothula kwiimandlalo zabo ngamandla ka-Allâh, waza uDâwûd77 wambulala uJâlût, uAllâh Wanika uDâwûd ubukumkani nobulumko (ubuProfeti). Wamfundisa noko Wathanda ukumfundisa kona. Ukuba uAllâh Ebengenakuphenya elinye iqela labantu ngelinye, inene ihlabathi beliya kuzala bubutshinga, kodwa uAllâh nguSobulali kwindalo yaKhe
- Ezi ziiVesi zika-Allâh, Sizicengceleza kuwe ngenyaniso, inene wena (Muhammad) ungomnye wabaProfeti
- Abo baProfeti! Sakhetha abanye babo kunabanye, Kwabanye uAllâh Wathetha nabo (ngqo); abanye Wabanyusa baba kumabakala (entlonipheko); kanti u’Isâ (uYesu) unyana kaMaryam (uMariya), Samnika imiqondiso nobungqina, Samxhasa ngoMoya oyiNgcwele. Ukuba uAllâh Wayethandile, izizukulwana ezalandela emva (koko) ngekuba azizanga zilwe zodwa, emva kokuba iiVesi ezicacileyo zika- Allâh zazisele zifikile kubo, kodwa baya baba nezahlukano Abanye babo bakholwa abanye babo abakholwa. Ukuba uAllâh Wayethandile ngebengazanga balwe kodwa uAllâh Wenza oko Athande ukwenza
- Hini na nina bakholwayo! Nikelani (kumalizo) ngoko Sininike kona, ingekafiki iMini apho kungasayi kubakho mboniswano, kungayi kubakho butshomi, kungayi kubakho kuthethelelana, (kuba inene) ngabangakholwayo abenzi bobubi
- UAllâh! Akukho thixo (wumbi) ngaphandle kwaKhe, Uphila ngonaphakade, UnguMondli noMlondolozi wako konke okukhoyo. Akukho kozela nakulala kuMfumanayo Yena. Konke okusemazulwini nasemhlabeni kokwaKhe. Ngubani na onokuMcenga kungengamvume yaKhe? Uyakwazi okuqhubekayo phambi [kwezidalwa zaKhe (kweli hlabathi)] nokuza kuqhubeka emva kwazo (kuBomi Obuzayo). Akukho nto abanokuyiqulatha elulwazi lwaKhe ngaphandle koko Athande (ukuba bakwazi). IsiHlalo78 SaKhe songamele amazulu nomhlaba, kwaye Akava kudinwa ekuwagcineni (amazulu nomhlaba) nasekuwalondolozeni, Yaye Uphakamile Yena, Mkhulu
- Akukho sinyanzelo enkolweni, Inene iNdlela ethe Tye, iyazicacela yahluke kwegwenxa. Ongakholwayo kwizithixo akholwe kuAllâh, lowo usibambile iSandla esithembekileyo, esingasokuze siqhawuke. Yaye uAllâh nguSokuva, uSolwazi
- UAllâh nguMkhuseli wabo bakholwayo. Ubakhupha ebumnyameni Abase ekukhanyeni, kodwa kwabo bangakholwayo, abakhuseli babo zizithixo (izinyanya), zibakhupha ekukhanyeni zibafake ebumnyameni. Abo baya kuba ngabahlali baseMlilweni, kwaye baya kuhlala apho ngonaphakade
- Awuzanga umbone na lowo waphikisana noIbrâhîm ngeNkosi yakhe (uAllâh) kuba uAllâh Wayemphe ubukumkani? Wathi (uIbrâhîm) esakuthi (kuye) “INkosi yam (uAllâh) nguYe Onika ubomi, Anike nokufa”. Wathi yena “Ndim onika ubomi ndenze nokufa”. UIbrâhîm wathi, “Inene! UAllâh Wenze ilanga laphuma empuma, khawulenze ke wena liphume entshona”. Waba ngaloo ndlela uyoyisakala lowo ungakholwayo. UAllâh Akabakhokeli abagabadeli
- Okanye njengalowo (wayehamba) wadlula ngakwenye idolophu, yabe iwile, ilele, amaphahla (ezakhiwo zayo) ephantsi.Wathi yena: “O bethu! Ingaba uAllâh Uza kuyivusa kanjani emveni kokuba idilike (yanje)”? Waza uAllâh Wenza yena ukuba afe iminyaka elikhulu, Waphinda Wamvusa (kwakhona). Wathi kuye: “Lingakanani na ithuba (ufile)”? Yaphendula (le ndoda): “Mhlawumbi ibe yimini (enye) okanye inxalenye yemini”. Wathi Yena: “Nakanye, wena ube (ufile) iminyaka elikhulu, jonga ukutya kwakho nesiselo sakho azibonakalisi nguqu; ujonge ne-esile lakho! Ngoko ke Senze umqondiso ngawe ebantwini, jonga amathambo, okokuba Siwahlanganisa kanjani na Siwambese isikhumba.” Kwathi oko kusakuba kubonakalisiwe ngokucacileyo kuye, wathi yena: “Ndiyazi (ngoku) okokuba uAllâh Uyakwazi ukwenza izinto zonke.”
- Yabonani uIbrâhîmwathi:“Nkosiyamkhawundiboniseindlela Ovusa ngayo abafileyo”. Wathi (uAllâh): “Ingaba awukholwa na?” Wathi yena: “Ewe (ndiyakholwa) kodwa ndifuna ukuba ndomelele elukholweni”. Wathi Yena: “Thabatha iintaka zibe ne, uzibizele kuwe (uze uzixhele, uzinqunqe zibe zizicwibi) wakugqiba ubeke izicwibi zazo kwiinduli zonke, wakugqiba uzibize, ziya kuza kuwe zingxamile, uya kwazi ke wena okokuba uAllâh nguSomandla, uSobulumko
- Imfano yabo banikela ngobutyebi babo kwiNdlela ka- Allâh, injengokhozo lombona ekukhula kulo izikhwebu ezisixhenxe, isikhwebu ngasinye kuso sibe neenkozo ezilikhulu. UAllâh Upha, Andise ngokuphinda-phindaneyo kulowo Amthandileyo. Kwaye uAllâh Wanele (eYedwa) ukuba Abonelele izidalwa zaKhe ngeemfuno zazo, (Yena) nguSolwazi
- Abo banikela ngobutyebi babo eNdleleni ka-Allâh, bangalandelisi izipho zabo ngokumana bekhumbuza (abantu) ngobubele babo okanye (ngenjongo) yokulimaza, umvuzo wabo useNkosini yabo. Akuyi kubakho koyika kubo bengayi kuxhalaba
- Amazwi obulali nokuxolela iziphoso angcono kuneSada’ka (amalizo) elandeliswa ngezikhubekiso. UAllâh sisiTyebi (Akukho nto Ayisweleyo) kananjalo Yena Unobulali
- Hini na nina bakholwayo! Musani ukwenza amalizo enu abe yinto engento ngokuthi nikhumbuze abantu ngobubele benu okanye ngokukhubekisa, njengalowo unikela ngobutyebi bakhe kuba efuna ukubonwa ngabantu, engakholwa nokukholwa kuAllâh neMini yokuGqibela. Imfano yakhe injengelitye elimsulwa elinothulana oluncinane; kuze kufike imvula enkulu lishiyeke limpuluswa. Abakwazi kwenza nento le ngoko bakusebenzeleyo. UAllâh Akabakhokeli abantu abangakholwayo
- Ke kaloku imfano yabo banikela ngobutyebi babo befuna ukukholisa uAllâh babe nabo ezintliziyweni zabo beqinisekile okokuba uAllâh Uza kubavuza, injengesitiya esisendulini, ekuthi kwakuna imvula enkulu kuso sivelise isivuno esiphindwe kabini. Zesithi xa singayifumenanga imvula enkulu, nencinane yanele kuso. UAllâh Ukubona (konke) oko nikwenzayo
- Ingabaukhonanaaphakuniongaangabanesitiyaesineedatilisi zesundu, nezidiliya ekumpompoza amanzi phantsi kwazo, nazo zonke iintlobo zeziqhamo ezizezakhe apho kuso, abe yena efunyenwe kukwaluphala lo gama abantwana bakhe bebuthathaka (bengakwazi kuzenzela nto), sisuke (esi sitiya sakhe) sifikelwe ngumoya wesitshingitshane, size sitshe? Wenza njalo ke uAllâh ukucacisa imiqondiso yaKhe kuni khon’ukuze niqiqe
- Hini na nina bakholwayo! Nikelani ngezinto ezilungileyo enizisebenzeleyo, noko Sinivelisele kona kuhluma emhlabeni, ningajongi ukunikela ngezo zingalunganga (zingekho mgangathweni) kuzo, eningekhe kwanina nizamkele ngaphandle kokuba nigqunywe amehlo nifane ninyanzeleke (nizamkele). UAllâh sisiTyebi, Efanelwe zizo zonke iindumiso
- UShaytân unigrogrisa ngobuhlwempu aniyalele ukuba nenze izinto ezikukungcola lo gama uAllâh Enithembisa Ngoxolelo lwezono oluvela kuYe nobuBele, kananjalo uAllâh Wanele Eyedwa ukuzalisekisa iimfuno zezidalwa zaKhe, nguSolwazi
- Unika ubulumko kulowo Athande ukumnika, ke lowo unikwe ubulumko, uphiwe eyona nto ilunge kakhulu, kodwa akukho namnye unomqaphela wako oko ngaphandle kwabantu abanengqiqo
- Nantoni na enithe nanikela ngayo kumalizo okanye nantoni na enithe nayifungela yenzeni, niqiniseke kananjalo okokuba uAllâh Uyazi yonke. Ke kaloku kubenzi bobubi akuyi kubakho mncedi
- Ukuba niyawaveza elubala amalizo enu, kolunga oko; kodwa ukuba niyawafihla niwanike amahlwempu kokona kungcono oko kuni. (UAllâh) Uya kunihlambulula kwezinye izono zenu. UAllâh Ukwazi konke oko nikwenzayo
- IsiKhokelo asikho phezu kwamagxa akho, koko nguAllâh Onika isiKhokelo kulowo Athande ukumnika, nantoni na elungileyo enithi ninikele ngayo, niya kuba nenzela iziqu zenu xa ngaba phofu aninikeli ngayo nje ngaphandle kokukholisa uAllâh. Nantoni na enithe nanikela ngayo kokulungileyo, iya kuhlawulwa ngokugcweleyo kuni, kwaye akukho bubi niya kubenziwa nina
- (Amalizo) ngawamahlwempu athintelekileyo ukuba angahamba-hamba elizweni. Umntu ongawaziyo angacinga ukuba azizityebi ngenxa yokuzihlonipha kwawo. Uya kuwazi ngophawu lwawo, akaceli nto mntwini wona. Ke kaloku nantoni na enithe nanikela ngayo kokulungileyo, uAllâh Uyazi kakuhle
- Abo banikela ngobutyebi babo eNdleleni ka-Allâh ebusuku, nasemini, emfihlakalweni nasesidlangalaleni, baza kuwufumana umvuzo wabo eNkosini yabo. Kubo akuyi kubakho koyika bengayi kuxhalaba
- Abo badla iribâ79 abayi kuma (ngoMhla wokuGqibela) ngaphandle kokuma njengomntu obethwa nguShaytân emkhokelela ekuphambukeni, oko kungenxa yokuba bathi: “Ushishino luyafana neribâ,” kodwa uAllâh Ukuvumele ukushishina Wakwalela ukwenziwa kweribâ. Lowo usamkelayo isiyalo seNkosi yakhe, ayeke ukudla iribâ, akayi kohlwaywa ngoko akwenze kwilixa elingaphambili, umcimbi wakhe uya kubonwa nguAllâh; ke lowo ubuyela (kwiribâ), abanjalo ngabahlali baseMlilweni baya kuhlala apho ngonaphakade
- UAllâh Uza kuyitshabalalisa iribâ Aze anike (iintsikelelo) ezandisiweyo ngamalizo. UAllâh Akabathandi abangakholwayo
- Inene abo bakholwayo, benze izenzo zobulungisa benze iSalâh banikele ngeZakâh, baya kuwufumana umvuzo wabo eNkosini yabo. Akuyi kubakho koyika kubo bengayi kuxhalaba
- Hini na nina bakholwayo: Moyikeni uAllâh nilahle konke okuyintsalela (okungekahlawulwa kuni) kuvela kwiribâ (ukususela ngoku ukuya phambili) ukuba ningamakholwa (ngokwenene)
- Ukuba anikwenzi oko, lindelani ke ngoko imfazwe evela kuAllâh noMthunywa waKhe. Kodwa ukuba niyaguquka, niya kufumana intlawulo ngemilinganiselo emikhulu. Musani ukuziphatha ngokungenabulungisa (ngokuthi nihlawulise abantu ngaphezulu kunoko benibanike kona), nani ke aniyi kuphathwa ngokuyintswela bulungisa (nivuzwe nganeno kunoko nikusebenzeleyo)
- Ke kaloku onetyala kuwe, osemi kakubi (engekabi namali), mnike ixesha kude kube lula kuye ukuhlawula, kodwa ke ukuba niyayincama ngokwendlela yamalizo, kolunga kakhulu oko kuni ukuba benisazi
- Yoyikani iMini apho niya kubuyiselwa kuAllâh. Umntu uya kuhlawulelwa oko akusebenzeleyo, yaye abayi kuphathwa ngentswela bulungisa
- Hini na nina bakholwayo! Xa nisenza isivumelwano setyala lexesha elimisiweyo, kubhaleni phantsi oko. Umbhali makalibhale phantsi ngobulungisa phakathi kwenu. Umbhali makangali ukubhala njengoko uAllâh Emfundisile, ke ngoko makabhale. Umnini tyala oza kuhlawula makatsho makubhalwe, naye makoyike uAllâh, iNkosi yakhe anganciphisi nto kwityala alibambayo. Kodwa ke ukuba umnini tyala lowo ungumntu ongqondo ithatha kade okanye obuthathaka, okanye akanakukwazi ukuzitsholo ngokwakhe omakubhalwe, lowo ungumgcini wakhe makatsho omakubhalwe ngobulungisa. Kananjalo fumanani amangqina amabini aphuma kumadoda akuni. Ukuba ke akakho amadoda amabini, mayibe yindoda enye nabafazi ababini, enithe navumelana ngabo ukuba babe ngamangqina khon’ukuze kuthi ukuba omnye (kwaba bafazi babini) uyaphazama omnye amkhumbuze. Ke kaloku amangqina akufuneki ale xa ebizelwa ukuba aze (kungqina). Ningadinwa kukulibhala (ityala elo) enokuba lincinane na okanye likhulu, kwixesha elo lalo limisiweyo, oko bubulungisa ngakumbi kuAllâh; bubungqina obuluqilima. Kukwalunge ngamandla ukuthintela iintandabuzo phakathi kwenu, ngaphandle kokuba yintengiselwano yokuhlawulana ngoko nangoko eniyenza niyigqibe ngelo xesha phakathi kwenu. Akuyi kubakho sono ngokungayibhali phantsi. Kodwa ke thabathani amangqina qho xa nisenza isivumelwano sentengiselwano. Ke kaloku umbhali nengqina mabangalinyazwa, kodwa ukuba nithe nakwenza oko (kulimaza), loo nto iya kuba kukungcola (phezu kweentloko) zenu, ke kaloku Moyikeni uAllâh; yaye uAllâh Uyanifundisa. UAllâh nguMazi wezinto zonke
- Kananjalo xa niseluhambeni nize ningamfumani umbhali makuthathwe isibambiso; ke lowo ugcinisiweyo makakugcine oko (ngentembeko), oyike uAllâh, iNkosi yakhe. Kananjalo ningabufihli ubungqina kuba lowo, ubufihlayo, inene intliziyo yakhe izele sisono, kwaye uAllâh Uyakwazi konke oko nikwenzayo
- Okusemazulwini nokusemhlabeni kokuka-Allâh. Nokuba niyakuveza na oko kukuni okanye nikufihle, uAllâh Uza kunibuza ngako. Yena Uxolela lowo Athande (ukumxolela), Ohlwaye lowo Athande (ukumohlwaya). UAllâh Uyakwazi ukwenza izinto zonke
- UMthunywa ukholwa koko kutyhilwe kuye kuvela eNkosini yakhe, benza njalo nabakholwayo. Ngamnye kubo ukholwa kuAllâh, kwiiNgelosi zaKhe kwiiNcwadi zaKhe nakubaThunywa baKhe. (Bathi asenzi mahluko phakathi kwaba baProfeti, bathi kananjalo: “Siyeva, sithobele). (Sicela) uxolelo lwezono kuWe, Nkosi yethu, kananjalo sikuWe isiphelo sethu (sonke)”
- UAllâh Akamthwalisi umntu umthwalo ongaphezulu kunamandla akhe, (umntu) uya kufumana umvuzo woko akusebenzeleyo, uya kohlwaywa ngako oko (kungendawo) akwenzileyo. (Thandazani nithi): “O Nkosi yethu! Ungasohlwayi ngokulibala nangoko sikwenze ngempazamo. Nkosi yethu! Ungasithwalisi umthwalo onjengalowo Wawuthwalisa abangaphambili kunathi, Ungabeki mthwalo kuthi esingenamandla okumelana nawo. Usixolele, Ube nofefe kuthi. Wena UnguMkhuseli wethu. Sinike uloyiso phezu kwabangakholwayo.”