20.Taa-Haa

  1. Tâ-Hâ
  2. ASikuthumelelanga i’Kur’ân (Muhammad) ukukuvisa ubuhlungu (emphefumlweni wakho)
  3. Koko (Siyithumelele) ukuba ibe yinkumbuzo kwabo baMoyikayo (uAllâh)
  4. IsiTyhilelo esivela kuYe (uAllâh) Owadala umhlaba namazulu aphakamileyo
  5. USolubabalo (uAllâh) Waphakamela ngentla kweTrone yaKhe
  6. KokwaKhe konke okusemazulwini nako konke okusemhlabeni, nako konke okuphantsi komhlaba
  7. Kananjalo ukuba wena (Muhammad) uthetha ngokukhwaza (xa uthandazayo), inene Yena Wazi imfihlelo noko kufihlakele ngakumbi
  8. UAllâh, akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe ngawaKhe awona magama alungileyo
  9. Ingaba ibali likaMûsâ lifikile na kuwe
  10. Ukubona kwakhe umlilo, wathi kusapho lwakhe: “Lindani (apha)! Inene mna ndibone umlilo; mhlawumbi ndinganizela nesikhuni esivuthayo esiphuma kuwo, kungenjalo ndifumane isiKhokelo esithile emlilweni apho.”
  11. Wathi ke akufika kuwo, Wabizwa ngegama: “Hini na Mûsâ
  12. Inene Mna ndiyiNkosi yakho! Ngoko ke khulula iimbadada zakho, usentilini engcwele, iTuwâ
  13. Kananjalo Ndikunyule wena, phulaphula ke ngoko oko kuza kutyhilwa (kuwe)
  14. Inene! Mna ndinguAllâh. Akukho thixo wumbi ngaphandle kwaM, Khonza Mna ke, wenze iSalâh ukwenzela inkumbulo yaM
  15. Inene iYure iyeza yaye Ndiphantse Ndiyifihle kwisiqu saM khon’ukuze umntu ngamnye avuzwe ngoko akusebenzelayo
  16. Ngoko ke lowo ungakholwayo kuyo koko elandela iinkanuko zakhe makangakuphambukisi wena kuyo, kuba hleze utshabalale
  17. Yintoni na leyo isesandleni sakho sokunene wena Mûsâ?”
  18. Wathi yena (uMûsâ), “Yintonga yam, endisimelela ngayo, nendivuthululela izimvu zam amahlahla ngayo, ndenza neminye imisebenzi ngayo.”
  19. UAllâh Wathi: “Yijule phantsi ke Mûsâ!”
  20. Wayijula phantsi, yaza ngoko nangoko yaba yinyoka, irhubuluza ngokukhawuleza
  21. (UAllâh) Wathi, “Yibambe ungoyiki; Siya kuyibuyisela kwimo yayo yangaphambili
  22. Beka isandla sakho sokunene kwicala lakho lokhohlo: siya kubuya simhlophe, singenasifo (oko kuya) kuba ngomnye umqondiso
  23. Khon’ukuze Sikubonise eminye yemqondiso emikhulu yeThu
  24. Hamba uye kuFir’awn (uFaro). Inene yena sele egabadele.”
  25. UMûsâ wathi: “O Nkosi yam! Ndandisele isifuba sam (ndibe nokuzithemba)
  26. Undenzele lula umsebenzi wam
  27. Ukhulule iqhina elwimini lwam
  28. Ukuze bayiqonde intetho yam
  29. Ndinyulele kananjalo umncedisi ovela kusapho lwasekhaya
  30. UHârûn (uAron), umntakwethu
  31. “Undongezelele amandla kunye naye
  32. Makahlulelane nam ngomsebenzi wokuvakalisa (umyalezo ka-Allâh)
  33. Ukuze siKuzukise kakhulu Wena
  34. SiKukhumbule kakhulu kananjalo
  35. Inene Wena Wahlala Usibona thina.”
  36. (UAllâh) Wathi: “Usinikiwe isicelo sakho, wena Mûsâ
  37. Kananjalo inene Thina SaSikhe Sakwenzela inceba kwelinye ilixa (elingaphambili kuneli)
  38. Xa Satyhilela umama wakho ngoko Samtyhilela kona
  39. Sathi (kuye): ‘Mfake (umntwana) etyesini, uze uyijule emlanjeni, umlambo wona uyakuyityekezela elunxwemeni; apho ke utshaba lwaM notshaba lwakhe luza kumchola khona.’ Kananjalo wena Ndakunika uthando oluvela kuM lokuba ukhuliswe phantsi kweLiso laM
  40. Ke kaloku udade wenu ukuhamba kwakhe wathi: ‘Ndinganikhombisa na umntu onokunigcinela yena (umntwana)?’ Sakubuyisela kanjalo ke kumama wakho, khon’ukuze apholise amehlo akhe angakhathazeki. Wena ke wabulala umntu, kodwa Sakusindisa Thina kwimbandezelo enkulu Sakuvavanya ngovavanyo olukhulu. Wena wahlala iqela leminyaka nabantu bakwaMidiyan waza weza apha ngexesha elimisiweyo eNdalimisela wena Mûsâ
  41. Ndikukhethele (ukuba usebenzele) Mna wena (Mûsâ)
  42. Hamba ke wena nomntakwenu neMiqondiso yaM, ningaze niyekelele nityhafe ekuNdikhumbuleni Mna
  43. Hambani ke nobabini niye kuFir’awn, inene yena sele egabadele
  44. Nithethe naye ngentetho enobulali ukuze mhlawumbi akhumbuzeke oyike uAllâh
  45. Bathi bona: “Nkosi yethu, inene thina soyika ukuba hleze asuke angxame asohlwaye kungenjalo asuke agabadele (ngakumbi ngokuchasene nathi).”
  46. (UAllâh) Wathi: “Musani ukoyika, inene Mna Ndiya kuba nani, Ndiya kuniva Ndinibone nokunibona.”
  47. Ngoko ke hambani nobabini niye kuye, nithi: ‘Inene, thina singabathunywa beNkosi yakho, ngoko ke khulula aBantwana bakwaSirayeli bahambe nathi, ungabangcungcuthekisi; inene thina, size nomqondiso ovela eNkosini yakho! Kananjalo uxolo luya kuba kwabo balandela isiKhokelo
  48. Inene, kutyhiliwe kuthi okokuba isohlwayo siya kuba phezu kwalowo uphikayo atshikile.”
  49. UFir’awn wathi: “Ngubani na ke ngoko Mûsâ iNkosi yenu nobabini?”
  50. UMûsâ wathi: “INkosi yethu nguloWo Wanika into nganye isimo sayo nendalo yayo, Waza Wayikhokela ngokuthe tye.”
  51. UFir’awnwathi:“Nithininakengezizukulwanazamandulo?”
  52. (UMûsâ) wathi: “Ulwazi loko luseNkosini yam, eNcwadini (yaYo). INkosiyamayiyenziimpazamo Ingalibalinakulibala.”
  53. (Yena) nguloWo Wanenzela umhlaba wangathi ngumandlalo Wanivulela iindlela kuwo apho, Wanithumelela amanzi (imvula) evela esibhakabhakeni. Kananjalo Sivelisa ngawo (amanzi) iintlobontlobo zezityalo
  54. Yidlani nidlise nemfuyo yenu inene kuko oku kukho umqondiso kubantu bengqiqo
  55. Kuwo lowo (umhlaba) Sadala nina, yaye kuwo apho Siza kunibuyisela, Size Siphinde Sinikhuphe kwakhona
  56. Inene Thina Sambonisa (uFir’awn) yonke imiqondiso yethu, kodwa waphika, wala
  57. Yena (uFir’awn) wathi: “Ingaba wena uze kusikhupha elizweni lethu ngemilingo yakho kusini na Mûsâ
  58. Inene thina siya kukuvezela imilingo efana naleyo; Ngoko ke tyumbani usuku lwendibano phakathi kwenu nathi, olo kungekho namnye kuthi okanye nina oza kusilela ukulugcina, kube kwindawo ephangaleleyo apho omabini (amacala) aza kuba namathuba alinganayo (nabantu babone kakuhle bonke)
  59. (UMûsâ) wathi: “Indibano yenu iya kuba yimini yomsitho, abantu mababuthelane ndawonye ke ukuphuma kwelanga.”
  60. Ke kaloku uFir’awn wemka waqulunqa icebo waphinda wabuya
  61. (UMûsâ) wathi kubo: “Yeha kuni! Ningaqambi buxoki ngoAllâh, hleze Anitshabalalise nya ngesohlwayo. Yaye inene, lowo uqamba ubuxoki (ngoAllâh), akayi kuphumelela, tu.”
  62. Emva koko baxoxa phakathi kwabo mayela nabaza kukwenza, baza bayigcina loo ncoko yabo iyimfihlo
  63. Bathi:“Ineneaba(uMûsânomntakwabo) ngabenzibemilingo. Injongo yabo kukunikhupha ezweni lenu ngemilingo, boyise iinkosi zenu nabahlonitshwa benu.”
  64. Ngoko ke qulunqani icebo lenu, nibuthelane ndawonye nikrele ngokomgca. Ke kaloku owoyisileyo namhlanje inene yena uya kuba uphumelele.”
  65. Bathi bona: “Hini na Mûsâ! Mayibe nguwe na oza kuqala ajule okanye ibe sithi abajula kuqala kusini na?”
  66. UMûsâ wathi: “Nakanye, qalani nina nijule!” Emva koko; nazo iintambo zabo neentonga zabo, ngomlingo, zibonakala kuye (uMoses) ngathi ziyanyakaza ngokukhawuleza
  67. Ke kaloku waziva enoloyiko uMûsâ phakathi kuye
  68. Thina (Allâh) Sathi: “Musa ukoyika! Inene wena uza kuba ngentla kunabo
  69. Jula ke loo nto isesandleni sakho sokunene! Iza kukuginya (konke) oko bakwenzileyo. Inene oko bakwenzileyo bona yintonga yomenzi wemilingo kuphela, ukanti umenzi wemilingo akasokuze aphumelele naphi na apho akhoyo.”
  70. Ke kaloku abenzi bemilingo bawa baqubuda. Bathi: “Sikholiwe thina kwiNkosi kaHârûn noMûsâ.”
  71. (UFir’awn) wathi: “Nikholwa kuye (uMûsâ) ndinganinikanga mvume. Inene yena yinkokeli yenu enifundise imilingo. Ngoko ke ndiya kuninqumla izandla zenu neenyawo zenu ngokwahlukana kwamacala (isandla sokhohlo nonyawo lokunene), yaye ndiya kunibethelela emithini yesundu. Yaye niya kwazi ngokwenene okokuba ngubani na apha kuthi (uFir’awn) neNkosi kaMûsâ (uAllâh) onokunika uncedo nesohlwayo sanaphakade.”
  72. Bathi bona: “Asingekhe sikhethe wena ngaphezulu kunoko kufike kuthi kuyimiqondiso ecacileyo nangaphezulu kuloWo Wasidalayo. Ngoko ke wena wisa okuwisayo. Wena ungawisa (isigwebo) kobu bomi balo mhlaba (kuphela)
  73. Inene thina sikholiwe eNkosini yethu, (ukwenzela) ukuba Isixolele iziphoso zethu, nakwimilingo obusinyanzela yona (ukuba siyenze). Kwaye uAllâh nguYena Ulungileyo nongapheliyo”
  74. Inene lowo uya kuza eNkosini yakhe (uAllâh) esisaphula- mthetho inene okwakhe iya kuba sisiHogo; akayi kufa engayi kuphila apho
  75. Kodwa yena lowo uya kuza kuYe (uAllâh) elikholwa, enze imisebenzi elungileyo okwabanjalo iya kuba sisikhudla esiphezulu
  76. IMiyezo ekuya kuhlalwa kuyo ngonaphakade, ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwayo, apho baza kuhlala khona ngonaphakade. Lowo ke ngumvuzo walowo uzihlambululayo
  77. Kananjalo Satyhilela uMûsâ, “Hamba ngobusuku nezicaka zaM, uzibethele indlela eyomileyo enqumla elwandle; akuyi koyika kufunyanwa (nguFir’awn, ungayi koyika kutshona.)”
  78. Ke kaloku uFir’awn wabaleqa ngemikhosi yakhe, kodwa wona amanzi olwandle abagqumelela
  79. UFir’awn wakhokelela abantu bakhe ekulahlekeni yaye akazanga abanike siKhokelo (silungileyo)
  80. Hini na Bantwana bakwaSirayeli! Sanisindisa elutshabeni lwenu, Saza Senza uMnqophiso nani kwicala langasekunene lentaba. Sanithobela imana nezagwityi
  81. (Sisithi): “Yidlani kwizinto ezilungileyo, eSinibonelela ngazo ningagabadeli apho, kuba hleze umsindo waM uhle phezu kwenu. Ke lowo uhlelwe yingqumbo yaM phezu kwakhe utshabalele ngenene yena
  82. Ukanti inene Mna Ndiyaxolela kulowo uguqukayo, akholwe, enze imisebenzi elungileyo aqhubeke (nokuba phantsi) kwesiKhokelo.”
  83. (Ke kaloku ukufika kukaMûsâ kwintaba yeSinayi ebaleka eshiya abantu bakubo nomntakwabo uHârûn, uAllâh Wathi): “Yintoni na ekwenze ukuba ungxame ukumka kubantu bakuni wena Mûsâ?”
  84. Wathi yena: “Basondele kumzila weenyawo zam: Ke mna ndiye ndabalekela kuWe, Wena Nkosi yam, ukuze Wena Ukholiseke (ndim).”
  85. UAllâh Wathi: “Kodwa inene, Sibavavanyile abantu bakuni emva (kokumka) kwakho, ke kaloku uSâmirî ubakhokelele ekulahlekeni
  86. Wabuyela ke uMûsâ kubantu bakubo, enomsindo, ekhathazekile. Wathi: “Hini na bantu bakuthi, ingaba iNkosi yenu Ayinenzelanga isithembiso esilungileyo na? Ingaba ke ngoku ixesha (lokuzalisekiswa kwaso) besele likude kangako na kuni, okanye niye nanqwenela ukuba ingqumbo ka-Allâh ihle phezu kwenu, kangokuba nide naphule isithembiso senu (sokundithobela) mna?”
  87. Bathi bona: “Asisaphulanga isithembiso sethu kuwe, kodwa siye senzelwa ubunzima kukuthwaliswa imithwalo yezihombiso zabantu (bakwaFir’awn), siye sazijulela emlilweni waza ngolo hlobo noSâmirî1 wazijula ke
  88. Keyenauyewakhuphakuzoitholeebelinesandiesigxwalayo”, baza bathi: “Lo nguthixo wenu onguthixo kaMûsâ, kodwa yena (uMûsâ) ulibele (akabuyi).”
  89. Babengaboni na bona ukuba lalingakwazi kubuyisa nto entethweni (lalingaphenduli), kwanokuba lalingenabo nabungozi lingenalo nancedo kubo
  90. NoHârûn wayesele ebaxelele ngaphambili (wathi): “Hini na bantu bakuthi, niyalingwa ngalo (ithole), kananjalo iNkosi yenu nguSozinceba, ngoko ke landelani mna nithobele umyalelo wam.”
  91. Bathi bona: “Asisokuze siyeke ukuzinikela kulo (eli thole) ade uMûsâ abuye eze kuthi.”
  92. UMûsâ wathi: “Hini na Hârûn, yintoni na ekuthinteleyo ngelixa ububabona bephambuka
  93. Ekundilandeleni? Ingaba nawe akuwuthobelanga na umyalelo wam?”
  94. (UHârûn) wathi: “Hini na mntwana kamama, musa ukunditsala ngeendevu zam okanye ngentloko yam. Inene mna ndiye ndoyikisela ukuba hleze uthi wena (kum), wena udale iyantlukwano phakathi kwaBantwana bakwaSirayeli, awukhanga uligcine ilizwi lam. ‘”
  95. (UMûsâ) wathi: “Kuye kwathini kuwe wena Sâmirî?”
  96. Wathi yena, “Ndiye ndabona oko mna bebengakuboni bona, ndaza ndakha isandla esigcweleyo (sothuli) kumzila weenyawo zesiThunywa2 ndaza ndasijula walukuhleka kanjalo ke umphefumlo wam.”
  97. (UMûsâ) wathi: “Hamba umke. Inene isohlwayo sakho kulo mhlaba siya kuba kukuba wena uthi: “Ungandichukumisi”3 kananjalo, inene wena unesithembiso (soBomi oBuzayo) ongayi kusilela ukusigcina. Khawujonge ‘kuthixo’ wakho lowo ubukade uzinikele kuye. Siya kumtshisa Size Simvuthelele (eluthuthu) elwandle ngesithonga
  98. UThixo wakho nguAllâh kuphela, akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe. Yena ke (uAllâh) Ugubungele zonke izinto ngolwazi.”
  99. Ngolo hlobo ke wena (Muhammad), Siyakubalisela kwiindaba zoko kwaqhubekayo ngaphambili. Kananjalo wena Sikunikile inkumbuzo (i’Kur’ân) evela kuThi
  100. Lowo uyitshikilelayo (le ‘Kur’ân), inene yena ngoMhla woVuko uya kuthwala umthwalo (omkhulu wezono)
  101. Baya kuhlala apho ngonaphakade, awumbi ngako umthwalo wabo ngoMhla woVuko
  102. NgeMini iXilongo liya kuvuthelwa: ngaloo Mini, Siya kubaqokelela abenzi bobubi betsho ngamehlo azuba
  103. Baya kuthetha ngamazwi aphantsi omnye komnye (besithi): “Anihlelanga ngaphezulu kuneshumi leentsuku (emhlabeni).”
  104. Sikwazi kakuhle abaza kukuthetha, xa oyena unolwazi kubo aya kuthi: “Anihlelanga ngaphezulu kunosuku olunye!”
  105. Ke kaloku bakubuza ngeentaba: Yithi, “INkosi yam Iza kuziqhushumbisa, Izichithe zibe ngamasuntswana othuli
  106. Ize Izishiye zilele tyaba (zingamathafa)
  107. “Akuyi kubona nto igoso apho okanye egobileyo.”
  108. Ngayo loo Mini abantu baya kulandela ngqongqo (ilizwi) lomkhwazi ka-Allâh, akukho bugoso-goso baya kuMbonisa bona. Kananjalo zonke (izandi) zamazwi ziya kuthobeka phambi koSolubabalo (uAllâh), yaye akukho nto uya kuyiva ngaphandle kwamazwi aphantsi ezingqi zeenyawo zabo
  109. Ngayo loo Mini akukho ntethelelo iya kunceda, ngaphandle kweyalowo uSolubabalo (uAllâh) Amnike imvume nelizwi lakhe liya kwamkeleka kuYe
  110. Yena (uAllâh) Uyakwazi okwenzekayo kuzo (izidalwa zaKhe) kweli hlabathi, noko kuza kwenzeka (kwilixa elisezayo) kodwa zona angekhe zibe nako ukuqulatha olo lwazi lwaKhe
  111. Kananjalo ubuso (babantu bonke) buya kuthotywa phambi (koAllâh), Ophila ngonaphakade, loWo Wondla, Akhusele konke okukhoyo. Akayi kuphumelela lowo uye wazithwalisa intswela bulungisa
  112. Kodwa yena lowo usebenza imisebenzi elungileyo, abe elikholwa akayi koyika (kwenzelwa) ntswela bulungisa nambandezelo
  113. Ngolo hlobo ke (umyalezo weThu) Siwuthumele phantsi uyi’Kur’ân yesiArabhu, Saza Sachaza ngengcaciso izilumkiso, khon’ukuze boyike uAllâh, okanye (ezizi lumkiso) zibe yinkumbuzo kubo
  114. Ngoko ke Uphakamile Yena ngaphezulu kuneento zonke uAllâh, uKumkani woKwenene. Ke kaloku musa ukungxama nge’Kur’ân ingekatyhilwa ngokupheleleyo isiTyhilelo sayo kuwe (Muhammad), yaye futhi wena yithi: “Nkosi yam! Ndongezelele ulwazi.”
  115. Ke kaloku Senza uMnqophiso noAdam ngaphambili, kodwa walibala yena, Samfumanisa engenako ukuzimisela
  116. Yabona Sathi kwiingelosi: “Qubudani kuAdam.” Zaqubuda (zonke) ngaphandle koIblîs (uSathana), wala
  117. Saza Sathi: “Hini na Adam! Inene lo lutshaba lwakho ndawonye nomkakho. Ngoko ke uze ungamvumeli anikhuphe ePaladesi, ukuze nibe sentluphekweni
  118. Ke kaloku inene wena (uthenjisiwe phakathi apho) ukuba akuyi kulamba ungayi kuba ze (udinge nto yakunxiba)
  119. Kananjalo inene akuyi kunxanwa ungayi kutsha lilanga.”
  120. Waza uShaytân wamsebezela; wathi: “Hini na Adam, ndingakukhombisa na mna kumthi wokuphila naphakade nakubukumkani obungayi kuphela?”
  121. Baza batya emthini, zaza iindawo zabo ezinqabileyo zabonakala kubo, baqalisa ukuzigquma ngamagqabi asePaladesi okubagquma. Waya wangayithobeli ngolo hlobo ke uAdam iNkosi yakhe, walahleka ke
  122. Emva koko iNkosi yakhe Yamkhetha, Yabuyela kuye ngenceba,Yamnika isiKhokelo
  123. Wathi (uAllâh): “Yihlani (niphume) kuyo (iPaladesi) nonke (nina nenzala yenu) niziintshaba omnye komnye. Ukuba kuthe kwafika kuni isiKhokelo sivela kuM lowo uthe walandela isikhokelo saM akayi kulahleka, engayi kuxhalaba
  124. Kodwa yena lowo uya kuyifulathela inkumbulo yaM inene lowo uya kubandezeleka, Size Simvuse eyimfama ngoMhla woVuko.”
  125. Uya kuthi: “O Nkosi yam! Yini na ukuba Undivuse ndiyimfama, lo gama ndandibona.”
  126. (UAllâh) Uya kuthi: “Kanye kanje ke: iiVesi zeThu zafika kuwe, wazilibala wena (akwazihoya); ngokukwanjalo ke nawe namahlanje uya kulityalwa (ungahoywa).”
  127. Sibavuza ngolo hlobo ke abagabadelayo bangakholwa kwiiVesi zeNkosi yabo. Yaye isohlwayo soBomi oBuzayo sibuhlungu ngakumbi yaye sithatha ixesha elide
  128. Ingaba akukacaci na kubo ukuba zingaphi na izizukulwana eSazitshabalalisayo ngaphambili kunabo, besahamba hamba phakathi kwemizi yabo? Inene kuko oko kukho imiqondiso kwabo banengqiqo
  129. Ke kaloku ukuba bekungekho ngenxa yeLizwi elanduleleyo livela eNkosini yakho, nexesha esele limisiwe, (ngesele isohlwayo sabo) safikayo (kweli hlabathi)
  130. Ke kaloku yiba nomonde ngoko bakuthethayo, wenze Mkhulu uAllâh ngendumiso yeNkosi yakho lingekaphumi ilanga, naphambi kokuba litshone; nangamaxesha asebusuku nasekupheleni kwemini, khon’ukuze ukholiseke (ngumvuzo Aza kukunika wona uAllâh)
  131. Kananjalo musa ukutsala amehlo akho ekunqweneleni izinto eSizinike amaqela athile phakathi kwabo (abangakholwayo nabanqula izithixo), (obo) bubunewunewu bobomi beli hlabathi, esibavavanya ngabo. Kodwa yona imbonelelo yeNkosi yakho yeyona ilungileyo neyona ithatha ixesha elide
  132. Ke kaloku yalela iSalâh kusapho lwakho uqiniseke kuyo. Yaye aSiceli mbonelelo kuwe, SiThi ababonelela wena, ukanti iziphumo (ezilungileyo) zobomi obuzayo zezabenza izenzo ezilungileyo
  133. Ke kaloku bathi: “Kutheni na engasizeli nomqondiso nje ovela eNkosini yakhe?” Ingaba abuzanga bufike na kubo ubungqina boko babukwiziBhalo zamandulo
  134. Ukanti ukuba SaSibatshabalalisile ngesohlwayo ngaphambili kunaye yena5 babeza kuthi: “Nkosi yethu, kwakutheni na ukuba ungasithumeleli uMthunywa ukuze sikwazi ukulandela iiVesi (iimfundiso) zaKho phambi kokuba sihlaziswe, sinyeliswe nokunyeliswa?”
  135. Yithi: “Ngamnye kuthi ulindile; lindani ke ngoko kuba niza kwazi ukuba ngoobani na abaseNdleleni elungileyo ingoobani na abakhokelelekileyo.”