21.The Prophets

  1. Sele kusondele kubantu ukuba baphendule (ngezenzo zabo), lo gama bona betshikila bengakhathali
  2. Akukho nkumbuzo intsha (isiTyhilelo) efikayo kubo esuka eNkosini yabo koko bona bayiphulaphula ngendlalo
  3. Ngeentliziyo zabo eziphambukileyo. Abo benza ububi bayazifihla iintetho zabo zasekhusini, (besithi): “Ingaba (lo Mprofeti) uyenye into engaphezulu kunokuba ngumntu njengani? Niza kuzinikela emilingweni nijongile na?”
  4. Yena (uMuhammad) wathi: “INkosi yam Iyakwazi okuthethwa ngamazulu nomhlaba, yaye Yona nguSokuva uSokubona.”
  5. Kodwa bathi: “(isiTyhilelo se’Kur’ân) yingxubevange yamaphupha obuxoki. Unotshe, uyiqambile! Nakanye yimbongi! Makeze nomqondiso njengabamandulo kaloku ababethunyiwe (benemiqondiso).”
  6. Akukho nasinye isixeko kwezo Sazitshabalalisayo, esakholwayo ngaphambili kunabo, Ngoku ke baza kukholwa bona
  7. ASizanga ngaphambili kunawe Sithumele (nto yimbi) koko yayingamadoda eSawatyhilelayo. Ngoko ke buza abantu benkumbuzo (isiBhalo iTorah, iVangeli) ukuba akwazi
  8. Kananjalo aSizanga Sibadale (abaProfeti) ngemizimba engadli kudla bengazanga babe ngabantu abangafiyo
  9. Ukanti Sasizalisekisa kubo isithembiso. Sabasindisa bona ndawonye nabo Sathandayo (ukubasindisa), kodwa Sabatshabalalisa abenzi bobubi
  10. Inene Thina Sithumele iNcwadi (i’Kur’ân) kuni enenkumbuzo yenu. Ingaba aniyi kuqonda na
  11. Zingaphikhonaizixekoezazinogabadelo,eSazitshabalalisayo, Savelisa abanye abantu emveni kwazo
  12. Ke kaloku (abantu bazo) bathi besakuva iSohlwayo seThu, (bazama) ukusibaleka ngoko nangoko
  13. (Iingelosi zathi): “Sanukubaleka kaloku koko buyelani kobo bomi benu bobunewunewu (benibuphila), nasemizini yenu khon’ukuze nibuzwe.”
  14. Bathi bona: “Yeha kuthi! Inene, thina besingabenzi bobubi.”
  15. Eso sikhalo sabo asizanga siphele, Sada Sabenza banjengentsimi evuniweyo, batshabalala nya
  16. ASiwadalanga amazulu nomhlaba nako konke okuphakathi kuwo ukuba kube yindlalo
  17. Ukuba ngaba SaSifune ukuthabatha ukonwaba1, ngeSakuthabatha oko Sikukhupha kuThi, Ukuba SaSizimisele ukukwenza oko
  18. Ukusuka apho Sigibisela inyaniso ngokuchasene nobuxoki, ize ibutshabalalise, ke kaloku bona (ubuxoki) bunyamalale. Yeha kuni (ngobuxoki) enibubalela (kuAllâh)
  19. NgowaKhe nabani na osemazulwini nasemhlabeni. Yaye abo bakufuphi kuYe (iingelosi) abathintelwa yinkukhumalo ekuMnquleni Yena, bengadinwa nakudinwa (kukuMkhonza)
  20. BaMzukisa ubusuku nemini yaye abayekeleli
  21. Makube bazithabathele thixo bambi na emhlabeni (abakwaziyo) ukuvusa abafileyo
  22. Ukuba ngaba (emazulwini nasemhlabeni) bekukho oothixo ngaphandle koAllâh, bebeya kutshabalala. Ngoko ke makazukiswe uAllâh, iNkosi yeTrone mayela noko bakubalela kuYe
  23. Yena Akabuzwa ngoko Akwenzayo, kodwa bona baza kubuzwa
  24. Okanye mhlawumbi bazithabathele thixo bambi na ngaphandle kwaKhe? Yithi (Muhammad): “Velisani ubungqina kaloku. Le (‘Kur’ân) yinkumbuzo kwabo bakunye nam ikwayinkumbuzo kwabo bangaphambili kunam. Kodwa abaninzi kubo abayazi inyaniso, ngoko ke ngabachasi
  25. Kananjalo aSizanga Sithumele Mthunywa ngaphambi kwakho (Muhammad) koko Samtyhilela ukuba: akukho thixo wumbi ngaphandle kwaM, Khonzani Mna ke
  26. Ukanti bathi: “USolubabalo Uzele unyana.” Makazukiswe Yena, ukusuka apho bona abo kuthiwa ngoonyana baKhe, zizicaka zaKhe ezihloniphekileyo
  27. Bona (abo bazizicaka zaKhe) abathethi kuqala kunaYe de kuthethe Yena yaye benza ngokomyalelo waKhe
  28. Uyakwazi okungaphambili kubo, nokungasemva kwabo, ukanti angekhe bacengele nabani na ngaphandle kwalowo Akholisekileyo nguye. Kananjalo bema phambi kwaKhe ngentlonipho ngenxa yokuMoyika Yena
  29. Ke kaloku nabani na kubo ongathi: “Inene mna ndinguthixo ngaphandle kwaKhe (uAllâh),” Lowo Singambuyekeza ngesiHogo. Sibabuyekeza kanjalo ke abagabadeli
  30. Ingaba abo bangakholwayo abaqondi na ukuba amazulu nomhlaba ayedityanisiwe eyinto enye. Saza Thina Sawahlukanisa, Senza yonke into ephilayo ngamanzi, kanti abakholwa na
  31. Kananjalo Sibeke emhlabeni iintaba eziqinileyo, kuba hleze (umhlaba) uphephuke nabo. Saza Sabeka apho iindlela ezinkulu ekugqithwa ngazo khon’ukuze bakhokeleleke
  32. Ke kaloku Senza isibhakabhaka saba luphahla olukhuselekileyo, kodwa bona, kwimiqondiso yaso bayatshikila bafulathele
  33. Yaye nguYe Odale ubusuku nemini, nelanga nenyanga, nganye kuzo ijikeleza kwisijikelezisi sayo
  34. Kananjalo aSizanga senze namnye kubantu ukuba angafi ngaphambili kunawe (wena Muhammad). Ingaba usakufa wena baza kuphila ngonaphakade bona
  35. Wonke umntu uza kukungcamla ukufa, kananjalo Siya kwenza uvavanyo kuni ngokungendawo nangokulungileyo. Ukanti kuThi kulapho (niza) kubuyela khona
  36. Ke bona abo bangakholwayo xa bekubona, (Muhammad) abakuthatheli ntweni ngaphandle kokukugxeka, (besithi): “Ingaba lo ngulowo ukhankanya oothixo benu?” Ukanti bona xa kukhankanywa uSozinceba, abakholwa
  37. Umntu wadalwa waba sisingxami, (wangabi namonde). Ndiza kunibonisa ke imiqondiso yaM (impindezelo), ningaNdiceli ngokungxama
  38. Kananjalo bathi: “Siya kuba nini na esi sithembiso, ukuba nithetha inyaniso?”
  39. Akwaba abo bangakholwayo bebelazi ixesha abangayi kukwazi ngalo ukubuyisa umva uMlilo ebusweni babo okanye emiqolo yabo kwanokuba abayi kuncedwa nakuncedwa
  40. Ukusuka apho liya kubafikela bengalindelanga libamangalise, yaye abayi kukwazi ukulishenxisa, bengayi kumelwa nakumelwa
  41. Inene abaThunywa (abaninzi) bagculelwa ngaphambi kwakho (wena Muhammad) kodwa abagculeli (abo) baye barhangqelwa ngoko kugculela kwabo
  42. Yithi: “Ngubani na onganikhusela ebusuku okanye emini kuSozinceba?” kodwa bona bayayifulathela inkumbulo yeNkosi yabo
  43. Ingaba banabanye oothixo abanokubakhusela kuThi? Abanawo nje amandla okubakhusela, bengekhe (kwabona) bakhuseleke kuThi
  44. Nakanye, Thina Sinike ubunewunewu bobomi beli hlabathi kula madoda noyise bawo lada ixesha laya liba lide kubo. Ababoni na bona ukuba siya siwucutha ngokuwucutha umhlaba ngokwemida yawo? Ingaba ngabo na abaza kuba noloyiso
  45. Yithi (Muhammad): “Mna ndilumkisa kuphela ngesiTyhilelo (esivela kuAllâh) kodwa izithulu aziluva ubizo xa zilunyukiswa
  46. Ke kaloku xa umfutho (nje) wesohlwayo seNkosi yakho unokubarheca, angekhe bangathi, “Yeha kuthi! Inene, thina besingabenzi bobubi.”
  47. Ke kaloku Siza kumisela umthetho wokulingana wobulungisa ngoMhla woVuko, yaye akukho bani uza kuphathwa ngokungenabulungisa nangantoni na. Ke kaloku ukuba kuthe kwakho ubunzima (bezenzo ezilungileyo nokuba zezingalunganga) obungangobekhozo lwemostadi. Siya kubuzisa (obo bunzima ngaphambili). Sanele Thina Sisedwa ukufaka embuzweni
  48. Inene Thina Sanika uMûsâ noHârûn inqobo (yokwahlula phakathi kokulungileyo nokungalunganga), nokukhanya okukhazimlayo nenkumbuzo kumalungisa
  49. Abo bayoyikayo iNkosi yabo bengaYiboni nokuYibona, bona bayayoyika neYure
  50. Le ‘Kur’ân ngumyalezo osikelelekileyo eSiwuthumele phantsi (emhlabeni). Ingaba niza kuyiphika
  51. Kananjalo inene Thina Sanika uIbrâhîm ugwebo olulungileyo mandulo, yaye Thina Sasisazi kakhulu ngaye
  52. Yabona wathi kutata wakhe nakubantu bakubo: “Yeyantoni na le mifanekiso iqingqiweyo nizinikele kangaka kuyo?”
  53. Bathi bona: “Thina safumana oobawo bethu bekhonza yona.”
  54. Wathi yena: “Inene nina noobawo benu nanisekulahlekeni okucacileyo.”
  55. Bathi bona: “Ingaba wena usizele nenyaniso na, okanye ungomnye wabo bagculelayo kusini na?”
  56. Wathi yena: “Nakanye ukusuka apho, iNkosi yenu yiNkosi yamazulu nomhlaba, Eyadala bona, mna ke mayela noko ndingomye wamangqina.”
  57. Ke kaloku (mna ndifunga) ngoAllâh, ndiya kuqulunqa icebo ngokuchasene nemifanekiso eqingqiweyo yenu nisakuba nimkile nina
  58. Wayaphula ke (loo mifanekiso iqingqiweyo) yaba ziingceba (yonke) kwashiyeka owona mkhulu kuyo, khona ukuze babuyele kuwo (ngemibuzo)
  59. Bathi bona: Ngubani owenze le nto koothixo bethu? Inene yena ngomnye wabagabadeli.”
  60. Bathi: “Sikhe seva enye indodana ithetha ngokuchasene nabo, ebizwa ngokuba nguIbrâhîm.”
  61. Bathi: “Mziseni phambi kwamehlo wabantu, ukuze babe nobungqina.”
  62. Bathi: “Ingaba wena ungulo wenze le nto (imbi kangaka) koothixo bethu, hini na wena Ibrâhîm?”
  63. Wathi yena: “Nakanye, ingasuka nje ibe ngulo umkhulu kunabo owenze loo nto, ngoko ke buzani kubo ukuba (bayakwazi) ukuthetha
  64. Ke kaloku bajongana bathi omnye komnye: “Inene nina ningabenzi bobubi.”
  65. Baphinda barhoxa (besithi) “Uyayazi nje (nawe) into yokuba ezi (zithixo) azithethi!”
  66. Wathi yena: “Ke ngoku nina niyikhonza (njani) endaweni ka-Allâh into engenaluncedo ingekhe inenze bungozi konke- konke?”
  67. Mkani nina nezo nto nizinqulayo ngaphandle koAllâh! Kanti aninangqondo na?”
  68. Bathi bona: “Mtshiseni nincedise oothixo benu ukuba kukho into ekufuneka niyenzile
  69. Thina (SinguAllâh) Sathi: “Phola wena mlilo, usindise uIbrâhîm!”
  70. Ke kaloku babefuna ukumonzakalisa, kodwa Thina Sabenza baba ngabona balahlekelwa kakhulu
  71. Samhlangula ke yena (uIbrâhîm) noLût Sabasa kwilizwe eSalithamsanqelisela indalo yonke
  72. Ke kaloku Sampha uIs-hâ’k (uIsake) nomzukulwana uYa’kûb (uYakobi) ngamnye kubo Samenza waba ngcwele
  73. Kananjalo Sabenza iinkokeli, bakhokela (uluntu) ngomyalelo weThu, yaye Satyhila kubo ukwenziwa kwemisebenzi elungileyo, ukumiselwa kweSalâh nokunikelwa kweZakâh yaye babengabanquli beThu
  74. Ukanti uLût, Samnika ukugweba nolwazi, Samsindisa esixekweni esasisenza izenzo ezingcolileyo. Inene, bona babengabantu bokungcola, bengathobeli konke-konke
  75. Ke kaloku Samngenisa encebeni yeThu. Inene, yena wayengomnye wamalungisa
  76. Yabona wathi uNûh esakukhala (kuAllâh) mandulo Samphendula, Samsindisa yena nosapho lwakhe kwisibetho esikhulu (unogumbe)
  77. Kananjalo Samncedayena(ukumkhupha) kubantuababephika imiqondiso yeThu. Inene bona yayingabantu ababengcolile, ngoko ke Sabarhaxisa bonke
  78. NoDâwûd (uDavide) noSulaymân (uSolomon) xa babenika isigwebo kwityala lentsimi eyadliwa zizimvu zabantu abathile ngobusuku; Thina ke SaSikho ekugwebeni kwabo
  79. Ke kaloku Samenza uSulaymân ukuba aliqonde ityala; ukanti ngamnye kubo Samnika ugwebo nolwazi. Kananjalo Senza iintaba ukuba (ziSidumise) kunye noDâwûd ndawonye neentaka. Kanti Sakwenza (oko)
  80. Thina ke Samfundisa ukwenziwa kwezigcina-sifuba (impahla yokulwa) khona ukuze nizikhusele kutshaba lwenu emfazweni. Ngoko ke ingaba niza kubulela
  81. Ukanti kuSulaymân Senza umoya ovuthuza ngamandla ukuba uhambe ngokomyalelo wakhe ukuya ngasemhlabeni esasiwusikelele. Yaye Thina Sazi zonke izinto
  82. Kanti kumashayâtîn (ooSathana) kwakukho lawo ayemntywilela3 esenza neminye imisebenzi engaphandle kwalowo. Ke kaloku Thina SaSingabakhuseli bawo
  83. Kanti ke uAyyûbh (uYobhi), ukukhala kwakhe eNkosini yakhe (esithi), “Imbandezelo indifumene Wena ke UnguSozinceba wabo banenceba.”
  84. Ke Thina Samphendula Sakususa oko kwakumthwaxa kuyimbandezelo. Sambuyisela kwakhona usapho lwakhe kunye nezinye izinto ezinjengezo, oko kwaba yinceba evela kuThi nenkumbuzo kubo bonke abo bakhonza Thina
  85. Kananjalo uIsmâ’îl (uIshmayeli), noIdrîs (uEnoki) noDthul- kifl (uIsaya): bonke be babengabanye ababenomonde, (benyamezela)
  86. Ke kaloku Sabangenisa encebeni yeThu. Inene bona babengabakumalungisa
  87. Nendoda yentlanzi (uYûnus), ukuhamba kwakhe enomsindo, ecinga ukuba aSinakummisela nantoni na. Ke kaloku yena wakhala esithokothokweni sobunyama, (wathi): “Akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKho; uzuko lolwaKho. Inene mna ndibe ngomnye wabenzi bobubi.”
  88. Samphulaphula ke Samsindisa embandezelweni. Siwasindisa kanjalo ke amakholwa
  89. NoZakariyyâ (uZakariya) ukukhala kwakhe eNkosini yakhe: “O Nkosi yam! Ungandiyeki ndindedwa (ndingenamntwana) Ekubeni ukuba Wena Uyeyona Ndlamafa Ilungileyo kwiindlamafa.”
  90. Samphendula ke kwisikhalo sakhe, Sampha uYahyâ (uYohane), Samphilisa umkakhe (wakwazi ukufumana umntwana) wakhe. Inene, bona babengxama ukwenza izenzo ezilungileyo, bethandaza kuThi benethemba noloyiko yaye kuThi babezinikele ngokuzithobileyo
  91. (Khankanya) nalowo wabugcinayo ubunyulu bakhe (uMaryam), Thina ke Savuthela okomoya wethu kuye4 Saza Samenza yena nonyana wakhe baba ngumqondiso endalweni
  92. Inene esi sizwe senu yinkolo enye yaye Mna ndiyiNkosi yenu, khonzani Mna ke
  93. Kodwa baqhekeka bahlukana phakathi kwabo ngokuphathelene nenkolo yabo. (Kanti) baza kubuyela kuThi bonke
  94. Ke kaloku lowo wenza izenzo ezilungileyo lo gama ekholwa, imizamo yakhe ayiyi kuphikwa, yaye inene Thina SingabaBhali bayo
  95. Akuvumelekanga nasiphi na isixeko kwesazitshabalalisayo ukuba zingaphinda zibuyele (ebomini) kwakhona
  96. De uYa’jûj (uGogi) noMa’jûj (uMagogi) bakhululwe baze behle kuzo zonke iinduli
  97. Ke kaloku isithembiso senene siza kuya sisondela, kananjalo niya kuwabona amehlo abangakholwayo ejamile ndlaa ngoloyiko (besithi): “Yeha kuthi! Inene thina zanga sikunanze oku nakanye thina sasingabenzi bobubi.”
  98. Inene nina bangakholwayo noko nikunqulayo ngaphandle koAllâh, niya kuba ziinkuni (zoMlilo) wesiHogo yaye niya kungeniswa kuso
  99. Ukuba ngaba ezi zithixo bezingoothixo (bokwenyani) bebengazi kungeniswa kuso (isiHogo), yaye bonke baya kuhlala apho kuso (ngonaphakade)
  100. Kuso, apho baya kuphefumla ngesingqala nomgqumo ukanti phakathi apho abayi kuva nto (ngeendlebe)
  101. Inene bona abo umvuzo wabo olungileyo uya kuba uphumile kuThi. Ke bona kuwo (uMlilo wesiHogo) baya kususwa babe kude lee
  102. Abayi kuva nesincinane isandi sawo (uMlilo wesiHogo), lo gama baya kuba behleli apho imiphefulo yabo inqwenela ukuhlala khona
  103. Uloyiko olukhulu (loMhla wokugqibela) aluyi kubaxhalabisa bona, yaye iingelosi ziya kudibana nabo, (zisithi): “Le yiloo Mini yenu enanithenjiswe ngayo”
  104. IMini apho Siya kulisonga izulu libe ngathi liphepha lokubhala elisongwayo. Njengoko Saqala indalo yokuqala, Siya kuyiphinda kwakhona. Sisithembiso esisisibophelelo kuThi (eso). Inene, Thina Siya kukwenza oko
  105. Ke kaloku Sele Sibhalile eNcwadini (yeeNdumiso) emva kokuba sele kukhankanyiwe okokuba ilizwe (lasePaladesi) liya kudliwa ilifa zizicaka zaM ezingamalungisa
  106. Inene kule (‘Kur’ân) kukho umyalezo kubantu bonqulo
  107. Kananjalo wena (Muhammad) aSikuthumelelanga nto yimbi ngaphandle kokuba ube yinceba kwi-’Alamin (ebantwini bonke nakwindalo ngokubanzi)
  108. Yithi, “Kutyhiliwe kum okokuba uThixo wenu nguThixo Omnye (jwi); ingaba ke nina niza kuba ngawo amaMuslim?”
  109. Kodwa ke ukuba bayatshikila bafulathele, yithi wena, “Mna ndivakalisile kuni nonke ngokulinganayo. Kananjalo andazi nokuba kusekude okanye sele kukufutshane na oko nithenjiswe ngako. (kusisohlwayo)
  110. Inene Yena Uyakwazi okuthethwayo, Ekwazi noko nikufihlayo
  111. Yaye andazi mna, mhlawumbi kusenokwenzeka ukuba kuthi kanti luvavanyo lwenu (olu) nolonwabo lwethutyana.”
  112. (UMprofeti) wathi yena: “Nkosi yam, gweba (phakathi kwethu) ngenyaniso. Kananjalo iNkosi yethu nguSolubabalo, lolwaKhe uncedo olufunwayo ngokuchasene noko nikuchazayo6.”