22.The Pilgrimage
- Hini na nina bantu! Yoyikani iNkosi yenu. Inene ukunyikima kweYure yeyona nto imbi
- NgeMini eniya kuyibona ngayo, wonke umama oncancisayo uya kulibala ngokuncancisa kwakhe, yaye wonke omithiyo (ngaloo Mini) uya kuwisa phantsi (loo) mthwalo wakhe, uze ubone abantu bekwimo yokunxila, benganxilanga, kodwa siya kuba buhlungu isohlwayo sika-Allâh
- Ke kaloku phakathi kwabantu kukho lowo unamaphike ngokuphathelele kuAllâh, engenalwazi, elandela wonke uShaytân onobuvukeli
- Sele kumiselwe ngaye okokuba nabani na lowo ulandela yena uya kumlahlekisa yena yaye uya kumkhokelela kwisohlwayo seDangatya (loMlilo)
- Hini na bantu! Ukuba ningaba neentandabuzo mayela noVuko, yazini okokuba Sanidala ngothuli, emva koko ngeqabaza lembewu yomntu, emva koko ngehlwili, nangesihlunu senyama, esinxalenye yaso ibumbekileyo, enye yaso ingabumbekanga khon’ukuze Sinibonise. Kananjalo Sihlalisa esibelekweni lowo Sithandileyo ixesha elithile, Size Sinikhuphe ngaphandle niziintsana, Siphinde sinikhulise khon’ukuze nifikelele exesheni lenu lokuvuthwa. Kananjalo phakathi kwenu kukho lowo uye athatyathwe kukufa (eselula) ukanti phakathi kwenu kukho lowo uye abuyiselwe ekwaluphaleni okuyimbandezelo, khon’ukuze angazi nento le. Ke kaloku niyawubona umhlaba uludlolo, kodwa uthi SiSakuthulula imvula phezu kwawo uvuseleleke udumbe uhlume zonke (izinto) ezintle (zohlaza)
- Oko kungenxa yokuba uAllâh: UyiNyaniso, yaye nguYe Onika ubomi kwabafileyo, ikwanguYe Onamandla ngaphezulu kwezinto zonke
- Inene yona iYure iyeza, akukho kuthandabuza ngayo; yaye inene, uAllâh Uza kubavusa abo basemangcwabeni
- Ke kaloku phakathi kwabantu kukho lowo uxoxayo ngoAllâh engenalo nolwazi okanye isiKhokelo, okanye iNcwadi emnika ukukhanya (evela kuAllâh)
- Ejika intamo yakhe (ngekratshi) elahlekisa (abantu) eNdleleni ka-Allâh. Okwakhe kweli hlabathi lihlazo, yaye Siya kumenza angcamle isohlwayo soMlilo otshisayo ngoMhla woVuko
- (Kuya kuthiwa kuye): “Oku koko kwenziwa zizandla zakho ngokuba uAllâh Akazanga Wangabi nabulungisa kwizicaka (zaKhe).”
- Kananjalo phakathi kwabantu kukho lowo unqula uAllâh emngciphekweni. Ukuba uthe wachukunyiswa kokulungileyo, uyaqiniseka (ukuMthemba uAllâh) kodwa athi esakufunyanwa yintshutshiso, bujike ubuso bakhe (ayilahle i-Islam). Yena ulahlekelwe kweli hlabathi nakuBomi oBuzayo. Oko ke yiyona lahleko icacileyo
- Yena ubiza koko kungekhe kumzuzise nto kungekhe kumonzakalise ngaphandle koAllâh, oko kukulahleka okugqithisileyo
- Yena ubiza kulowo ukonzakala kwakhe kusondeleyo kunenzuzo yakhe: hayi ukungcola komkhuseli (wakhe), hayi ukungcola kukagxa wakhe
- Inene uAllâh Uza kubangenisa abo bakholwayo benza izenzo ezilungileyo eMiyezweni ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwayo. Inene, uAllâh Wenza oko Akuthandileyo
- Nabani na lowo ucinga ukuba uAllâh Akanakumxhasa (uMuhammad) kweli hlabathi nakuBomi oBuzayo makolule intambo ibe nde iye kutsho emqadini, anqamle (umphefumlo wakhe), makajonge ke ukuba: ingaba loo nzame yakhe iza kukususa na oko kugqwagqwazela kwakhe (ngumsindo)
- Ngoko ke Siyithumele kanjalo (le ‘Kur’ân) ukuba ibe ngumqondiso ocacileyo, Inene uAllâh Ukhokela lowo Athandileyo (ukumkhokela)
- Inene, abo bakholwayo nabo babengamaYuda namaSabhiya namaKhristu neZazi (ZaseMpumalanga) nabo bayamanisa amahlulelane kuAllâh, uAllâh Uza kugweba phakathi kwabo ngoMhla woVuko. Inene uAllâh UliNgqina ngaphezulu kwezinto zonke
- Akuboni na okokuba kuAllâh kuqubuda wonke ubani osemazulwini nasemhlabeni, ilanga, inyanga, iinkwenkwezi, iintaba, imithi, izidalwa ezinyakazayo nabantu abaninzi? Kodwa ke kwabaninzi isohlwayo siya kufaneleka. Kananjalo lowo uya kuhlaziswa nguAllâh akuyi kubakho bani uya kumnika intlonipheko. Inene uAllâh Wenza Akuthandileyo
- Aba ke ngabachasi ababini abaphikisanayo ngeNkosi yabo. Kodwa abo bangakholwayo baya kuba sele bezisikele izambatho zoMlilo. Okuya kugalelwa ezintlokweni zabo iya kuba ngamanzi abuxulayo
- Ekuya kunyityilikiswa ngawo oko kuseziswini zabo ndawonye nezikhumba zabo
- Kananjalo baya kuba nezinti zeentsimbi abaza kubethwa ngazo
- Maxa onke bezama ukuphuncula apho entuthumbeni, baya kubuyiselwa kwakuyo, yaye (kuya kuthiwa): “Ngcamlani ke isohlwayo soMlilo oTshisayo!”
- Inene uAllâh Uya kubangenisa abo bakholwayo benza izenzo ezilungileyo, eMiyezweni ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwayo. Baya kuhonjiswa apho ngezacholo zegolide nezeperile, kananjalo izambatho zabo apho ziya kuba yisilika
- Kaloku bona (ehlabathini) babekhokelwa ziintetho ezilungileyo yaye bona babekhokelwa kwindlela (ka-Allâh) Wokudunyiswa
- Inene abo bangakholwayo baze bathintele abantu (bangangeni) eNdleleni ka-Allâh naseMasjid al-Harâm, (iKa’bha) eSayenzela abantu (bonke) ngokulinganayo, abahlala kuyo nongowangaphandle. Ke kaloku lowo uthe wazimisela ukuphambuka (enkolweni yeIslam) ngaphakathi apho okanye enze ubugwenxa Thina Siya kumenza angcamle isohlwayo esibuhlungu
- Khumbula ukuba Sabonisa uIbrâhîm isiza seNdlu eNgcwele (iKa’bha) (SiSithi kuye): “Ungayamanisi nantoni na kuM (uyinqule naM), kananjalo hlambulula iNdlu yaM (uyihlambululele) abo benza iTawâf1 ndawonye nabo bema ngeenyawo (bathandaze) nabo bagobayo baqubude kuyo
- Vakalisa ebantwini iHajji (uHambo oluNgcwele; baya kuza kuwe ngeenyawo bekhwele zonke iinkamela ezinqinileyo yaye baya kuza bevela kuzo zonke iinyoba)
- Khona ukuze bangqine ngeenzuzo ezizezabo ukhankanye kananjalo igama lika-Allâh ngeentsuku ezaziwayo ngoko Ababonelele ngako kuzizilwanyana (zeminikelo) Yidlani ke kuzo nondle nabaxhwalekileyo nabangamahlwempu
- Ke kaloku mabafezekise amaxanduva abo (eHajji) benze izifungo zabo, bajikeleze umzi wakudala iKa’bha
- Loo (maxanduva eHajji kunyanzelekile enzelwe ukukholisa uAllâh), kanti nabani na oxabisa izenzo (zonqulo) ezingcwele zika-Allâh kulunge kakhulu oko kuye emehlweni eNkosi yakhe. Kananjalo okuvumelekileyo kuni zizilwanyana ezitya ingca, ngaphandle kwezo zicengceleziweyo kuni2. Ngoko ke kuphepheni ukungcola kwezithixo niyiphephe nentetho ebubuxoki
- Tyekelani ngakuAllâh ningayamanisi nto kuYe. Lowo wayamanisa (izithixo) kuAllâh ufana nokuba uwe esibhakabhakeni waza waxhwilwa ziintaka okanye ngumoya wamthwala waya kumbeka ezantsi kwindawo ekude
- Ngoko ke lowo uxabisa imifuziselo (izenzo zonqulo) ka- Allâh inene, oko kusuka ebunyulwini beentliziyo
- Kuzo(izilwanyanazeminikelo)kukhoiinzuzozenuokwexesha elimisiweyo, emva koko ziye ziziselwe ukunikelwa eNdlwini yakudala (iHarâm, ummandla oNgcwele eMakkah)
- Ke kaloku kwisizwe ngasinye Simisele amasiko enkolo, khon’ukuze apho kuwo bakhankanye igama lika-Allâh phezu kwesilwanyana (Yena uAllâh) Abanikele ukuba sibe kukudla kubo. Kananjalo uThixo wenu nguThixo oMnye, ngoko ke zinikeleni kuYe, kananjalo wena (Muhammad) nika iindaba ezivuyisayo kwabathobekileyo
- Abantliziyo zabo zizala luloyiko xa kukhankanywa uAllâh, bazebabenomondengokokubathwaxayo, babebengabamiseli beSalâh, nabo bachitha (kumalizo) oko Sibaphe kona
- Ke kaloku iinkamela neenkomo Sizonyulele nina njengeminye yemiqondiso ka-Allâh; kuzo apho kukho okulungileyo. Ngoko ke khankanyani igama lika-Allâh phezu kwazo xa zidweliselwe (ukunikezelwa); naxa sele zifile zilele ngamacala azo, yidlani ke kuzo, nondle nabasweleyo nongqibayo. Ngolo hlobo ke Sizenze zaba phantsi kwenu khona ukuze nibe nombulelo
- Asiyonyama yazo, ingelogazi lazo elifikelela kuAllâh, koko bubunyulu obuvela kuni obufikelelayo kuYe. Ngolo hlobo ke Sizenze zaphantsi kwenu ukuze niMenze Mkhulu uAllâh ngokunikhokela kwaKhe. Nika iindaba ezivuyisayo ke (Muhammad) kubenzi bokulungileyo
- Inene, uAllâh Uyabakhusela abo bakholwayo. Inene, uAllâh Akathandi namnye kwabanobungcatshi abangenambulelo kuAllâh
- Ilungelo lokulwa (ngokuchasene nabangakholwayo) Linikiwe kwabo balwa ngenxa yokuba benziwe ubugwenxa; yaye inene, uAllâh Uyakwazi ukubanika uloyiso
- (Bona)ngabobayabakhutshwakumawabokungengabulungisa kodwa ngenxa yokuba besithi: “INkosi yethu nguAllâh.” Kananjalo ukuba ngaba uAllâh Ebengaphenyi abantu ngabanye, bekuya kudilika imizi yokuhlala oonongendi, iicawa, iitempile zamaYuda, neemasjid apho igama lika-Allâh likhankanywa khona kakhulu (lidunyiswe). Kwaye uAllâh Uza kubaxhasa ngenene abo baMxhasayo. Inene uAllâh Unamandla yaye Mkhulu, Unobunganga
- Abo bathi xa Sibanike igunya emhlabeni, bamisele iSalâh, banikele ngeZakâh bayalele ukwenziwa kokulungileyo, balele okungalunganga. Kananjalo isiphumo sezinto (zonke) sesika-Allâh
- Kanti ke ukuba bayakuphikisa wena (Muhammad) benza njalo nabantu bakwaNûh, abakwa’Ad nabakwaThamûd ababengaphambili kunabo
- Nabantu bakwaIbrâhîm nabantu bakwaLût
- Nabemi bakwaMidiyani. Kananjalo uMûsâ waye waphikwa, Ndaza ke Mna Ndalolula ulonwabo lwabangakholwayo; Ndabuya Ndabahlasela. Kwaba njani ukuba kubi ke ukubohlwaya kwaM
- Zingaphi izixeko eSazitshabalalisayo lo gama zazisenza ububi ke kaloku (kungoku nje) zawa zatshabalala. Kanti mangaphi) amaqula ashiywayo? (emangaphi) wona amabhotwe aphakamileyo awayo
- Abahamba-hambi na ehlabathini (babone), ingaba banazo iintliziyo zokuqiqa neendlebe zokuva? Inene ayingomehlo aye abe nobumfama, koko ziintliziyo ezisezifubeni eziye zibe nobumfama
- Kananjalo bakucela ukuba ukhawulezise ngesohlwayo! Ke Yena uAllâh Akasileli kwesaKhe isithembiso. Kananjalo inene imini (enye) eNkosini yakho injengeminyaka eliwaka yaleyo niyibalayo
- Ke kaloku zininzi izixeko eNdazimelayo (aNdazitshabalalisa) lo gama zazizinikele ebugwenxeni. Kodwa ekugqibeleni Ndazihlasela, Ukanti kukuM apho kuza kubuyelwa khona
- Yithi: “Hini na bantu, Mna ndinguMlumkisi ocacileyo kuphela kuni.”
- Abo bakholiweyo benza izenzo zobulungisa okwabo luxolelo nembonelelo exabisekileyo
- Kodwa bona abo baya bazabalaza ngokuchasene neeVesi zeThu, (befuna) ukuzenza zingaphumeleli abo ngamadlelane oMlilo wesiHogo
- Kananjalo aSizanga Sithumele nawuphi na uMthunywa okanye umprofeti ngaphambili kunawe Singamthumeleli ukuba athi xa ethetha (okanye ecengceleza) uShaytân ajule (ukungaqondakali kwento ayithethayo). Kodwa uAllâh Uyakutshabalalisa oko kujulwa nguShaytân. Ke kaloku uAllâh Wenza iiVesi zaKhe zithi Ngqo. Yaye uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
- Khon’ukuzeYena (uAllâh) EnzeokokujulwanguShaytânkube luvavanyo kwabo bantliziyo zabo zinesifo (sobuhanahanisi) nabantliziyo zabo ziqaqadekileyo. Kananjalo, abenzi bobubi basekuphambukeni okukude (kakhulu)
- Khon’ ukuze abo banikwe ulwazi bazi okokuba (le ‘Kur’ân) iyinyaniso evela eNkosini yakho, baze bakholwe kuyo, neentliziyo zabo zizinikele kuyo ngokuzithobileyo. Kananjalo inene, uAllâh nguMkhokeli wabo bakholwayo, (yaye) Ubakhokelela eNdleleni ethe Tye
- Abo bangakholwayo asokuze bayeke ukuba neentandabuzo ngayo (i’Kur’ân) kude kufike iYure ngequbuliso phezu kwabo, kungenjalo bafikelwe sisohlwayo seMini ekungayi kuphinda kubekho busuku emva kwayo (uMhla woMgwebo)
- Ulongamelo ngayo loo Mini luya kuba loluka-Allâh. Yena ke Uya kugweba phakathi kwabo. Abo bakholwayo benza izenzo ezilungileyo baya kuba seMiyezweni yolonwabo
- Ke bona abo bangakholwayo baphika nemiqondiso yeThu okwabo iya kuba sisohlwayo esinyelisayo
- Abo bafudukayo ngenxa ka-Allâh baza emva koko babulawa okanye babhubha, inene, uAllâh Uza kubabonelela ngembonelelo elungileyo. Yaye nguAllâh eneneni OngoYena Ulungileyo ukunika iimbonenelelo
- Inene,Yena Uyakubangenisangesangoabayakukholisekalilo, yaye inene, uAllâh ngenene nguSolwazi, uSokunyamezela
- Oko (kunjalo). Yaye lowo uthe waphindisa ngokufana noko waviswa ubuhlungu ngako, aze aphinde kwakhona enziwe ububi, uAllâh Uya kumnceda ngenene yena. Inene uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
- Oko kungenxa yokuba uAllâh Uguqula ubusuku bube yimini, Aguqule imini ibe bubusuku. Inene, uAllâh nguSokuva, uSokubona
- Oko kungenxa yokuba uAllâh Yena yiNyaniso, ukanti oko babiza kuko ngaphandle kwaKhe bubuxoki, ngenxa yokuba uAllâh Uphakamile Mkhulu
- Akuboni na ukuba uAllâh Uthumela imvula ivela esibhakabhakeni uze umhlaba ube luhlaza? Inene uAllâh UnobuBele Unolwazi
- KokwaKhe (konke) okusemazulwini nasemhlabeni, inene uAllâh sisiTyebi, (akukho nto Ayisweleyo) Ufanelwe kukudunyiswa
- Akuboni na ukuba uAllâh Wenze yaba ngaphantsi kwenu yonke into esemhlabeni neenqanawa zibaleka zinqumle ulwandle ngomyalelo waKhe? Kwanokuba Ubamba isibhakabhaka ukuba singawi phezu komhlaba, ngaphandle kwemvume yaKhe. Inene, uAllâh kubantu, Unobubele, nguSozinceba
- NguYe, Owaninika ubomi, noza kunenza nife, kwaye Usaya kuphinda Aninike ubomi kwakhona. Inene, umntu akanambulelo
- Kwisizwe ngasinye Siyalele iinkonzo zenkolo amabazenze. Ngoko ke (wena Muhammad) bona (abangakholwayo) mabangaphikisani nawe ngombandela (lowo weenkonzo) koko bamemele eNkosini yakho. Inene wena useNdleleni ethe Tye
- Ukuba bayaphikisana nawe ke, yithi: “UAllâh Wazi ngcono ngoko nikwenzayo.”
- UAllâh Uza kugweba phakathi kwenu ngoMhla woVuko ngoko naniphikisana ngako
- Akwazi na ukuba uAllâh Uyakwazi konke okusemazulwini nasemhlabeni? Inene, (konke) kuseNcwadini. Inene kulula oko kuAllâh
- Banqula ngaphandle koAllâh oko Angabathobelanga gunya ngako, noko bangenalwazi ngako; yaye kubenzi bobubi akuyi kubakho mncedi
- Ke kaloku xa iiVesi zeThu ezicacileyo zicengcelezwa kubo, uya kuphawula ukuziphika ebusweni babo bangakholwayo! Bona kukancinane nje ukuba basuke bahlasele ngobubhovubhovu babo abo bacengceleza iiVesi zeThu kubo. Yithi ke “Ndinganixelela ngeyona nto imbi kunene kunaleyo? NguMlilo (wesiHogo) lowo uAllâh Athembise ngawo kwabo bangakholwayo, asisesibi ngako eso siphelo sohambo.”
- Hini na nina bantu! Umzekeliso sele wenziwe, phulaphulani kuwo ke ngoko. Inene abo nibathandazayo ngaphandle koAllâh abasokuze badale (nento encinane engangayo) nempukane, enokuba bebengade bayihlanganele bonke. Kanti ukuba impukane ingeba intwanana encinane kubo, abangekhe bayifumane kuyo. Abanto yanto abo kuleqekwa emva kwabo nabo baleqa emvakwabo
- AbaMxabisanga uAllâh ngexabiso elilungileyo. Inene uAllâh Uqinile, Unamandla
- UAllâh Ukhetha izithunywa kwiingelosi. Nakubantu. Inene uAllâh nguSokuva, uSokubona
- Uyakwazi okungaphambili kubo, nokungemva kubo. Kananjalo kuAllâh kubuyela zonke izinto
- Hini na nina bakholwayo! Qubudani phantsi nikhonze iNkosi yenu, nenze okulungileyo khon’ukuze niphumelele
- Zabalazani kananjalo eNdleleni ka-Allâh njengoko nifanele ukuzabalaza. Yena Unikhethile yaye yena Akanenzelanga bunzima enkolweni. (Ngapha koko le) yinkolo katata wenu, uIbrâhîm. Yena wanithiya ukuba ningama”Muslim” kwamandulo (kwiziBhalo zamandulo) nakwesi (siTyhilelo) khon’ukuze Mthunywa abe liNgqina phezu kwenu, nize nina nibe ngamagqina phezu kwabantu. Ngoko ke yenzani iSalâh. Ninikele ngeZakâh nibambelele nkqi kuAllâh. Yena nguMlondolozi wenu; kananjalo Yena nguMkhuseli Omkhulu noMncedi Ogqibeleleyo