23.The Believers

  1. Abaphumeleleyo ngokwenene ngamakholwa
  2. Abo benza iSalâh yabo ngokuzithobileyo
  3. Nabo bazikhwebulayo kwintetho ekukungcola
  4. Nabo bahlawula iZakâh (rhoqo)
  5. Nabo balondoloza iindawo zabo ezinqabileyo ekungcoleni
  6. Ngaphandle kwakubafazi babo okanye kwabo izandla zabo zokunene zibabambileyo, kuba ngenene bona abayi kubekwa tyala
  7. Kodwa lowo ufuna okungaphaya kunoko, abanjalo ke ngabagabadeli
  8. Ke bona abo bathembakalayo kwizithembiso zabo nakoko bakugcinisiweyo
  9. Nabo balondoloza iiSalâh zabo (ngononophelo olungqongqo)
  10. Aba ke ngabona zindlalifa zokwenyani
  11. Abaza kuyidla ilifa iFirdaws (iPaladesi). Bona baya kuhlala apho ngonaphakade
  12. Kananjalo inene Thina Samdala umntu ngengcucu yodongwe
  13. Emva koko Sambeka eliqabaza lembewu yomntu kwindawo ekhuselekileyo (isibeleko somfazi)
  14. Saza emva koko Senza iqabaza (elo) lembewu yomntu laba lihlwili elinamathelayo. Saphinda Senza iqabaza lembewu yomntu laba ligaqa (lesihlunu), Saza Senza egaqeni (elo) amathambo; Saza Sawagquma amathambo ngenyama; Saphinda Samphuhlisa waba sesinye isidalwa. Ngoko ke Usikelelekile uAllâh, Ongoyena Mdali Ugqibeleleyo kubadali
  15. Ukanti inene emva koko nisaza kufa
  16. Kananjalo inene nina, ngoMhla woVuko, niza kuvuswa
  17. Yaye Sidale phezu kwenu amazulu asixhenxe, ukanti aSizanga Thina Singabi nalwazi ngendalo (yeThu)
  18. Ke kaloku Sithumele imvula phantsi isuka esibhakabhakeni ingomlinganiselo ometiweyo, ize ihlale emhlabeni. Kanti ke Siyakwazi nokuyithabatha imke
  19. Kananjalo Sinenzele ngayo imiyezo yemithi yesundu nezidiliya ezineziqhamo ezininzi enizityayo
  20. Kananjalo (Sinihlumisele) umthi ophuma kwintaba yeSinayi ovelisa ioli nokudla (umnquma) enikutyayo
  21. Inene kuni ezilwanyaneni zemfuyo kukho isifundo (kuzo). Sinipha ukuba nisele koko kuvela eziswini zazo, yaye okwenu kuzo apho zizinto ezininzi eziyinzuzo kuni ukanti kwakuzo apho niyadla
  22. Ke kaloku apho ngazo nangeenqanawa niyathwalwa
  23. Inene Thina Sathumela uNûh kubantu bakubo, yaye wathi: “Hini na bantu bakuthi! Khonzani uAllâh! Aninaye omnye uthixo ngaphandle kwaKhe. Ingaba animoyiki na
  24. Kodwa iinkosi zabantu bakubo azanga zikholwe, zasuka zathi: “(UNûh) Akayonto yimbi ngaphandle kokuba ngumntu njengani, (koko) yena ufuna ukuzenza mkhulu kuni. Ukuba uAllâh Ebethandile, Ebeza kuthumela iingelosi. Asizanga khe siyive into enje koobawo mkhulu bethu bamandulo
  25. Yena yindoda ethwaxwe yimpambano, khanikhe nimlinde ithutyana.”
  26. UNûh wathi: “O Nkosi yam! Ndincede kuba bayandiphika mna.”
  27. Ke kaloku Satyhila kuye (Sathi): “Yakha inqanawa phantsi kwaMehlo eThu naphantsi kwesityhilelo seThu, Usakufika umyalelo weThu ke ngoko namanzi sele edyudyuza kwioven, wothabatha, ungenise kuyo (inqanawa) uhlobo ngalunye (ezidalweni), inkunzi nemazi nosapho lwakho, ngaphandle kwabo ilizwi seliphumile ngokuchasene nabo. Kananjalo uze ungathethi naM ngabo benza ubugwenxa; inene bona baza kurhaxiswa ngamanzi
  28. Usakuba ukhwele enqanaweni, wena nabo bakunye nawe, uze uthi: “Iindumiso zonke mazibe kuAllâh Osisindisileyo kubantu abenza ubugwenxa.”
  29. Uthi kananjalo: “Nkosi yam! Ndenze ndizinze endaweni esikelelekileyo yokuzinza, kuba Wena UngoYena Ulungileyo kwabazinzisa emhlabeni.”
  30. Inene kuko oku, kukho imiqondiso, Yaye inene Thina Siyazivavanya (izicaka zeThu)
  31. Emva kwabo savelisa isizukulwana sabanye (abantu)
  32. Ke kaloku Sathumela uMthunywa phakathi kwabo ophuma phakathi kwabo. Esithi: “Khonzani uAllâh; aninathixo wumbi ngaphandle kwaKhe; ingaba aniyi kuMoyika na?”
  33. abahloniphekileyo phakathi kwabantu bakubo ababengakholwa, bephika indibano yakuBomi oBuzayo lo gama Sasibaphe ubutyebi kubomi basemhlabeni bathi: “Lo akayonto ngaphandle kokuba yindoda efanayo nani. Udla oko nikudlayo nani ukanti usela oko nikuselayo nani
  34. Ke ngoko ukuba nikhe nathobela indoda efana nani, inene niya kuba ningabalahlekelwa
  35. Ingaba unithembisa ngokuba nisakuba nifile sele niluthuli namathambo niza kubuyiswa (niphile kwakhona)
  36. Kuxa iphi, kuxa iphi loo nto nithenjiswe ngayo (iMini yoMgwebo)
  37. Akukho nto (injalo) ngaphandle kobomi bethu beli hlabathi! Siyafa, siphile! Yaye asizi kuvuswa
  38. Kuphela yena yindoda eziqambele ubuxoki ngoAllâh, yaye asiyi kukholwa kuye thina.”
  39. Wathi yena: “O Nkosi yam! Ndincede kuba bayandiphika mna.”
  40. (UAllâh) Wathi: “Kungekudala baza kuzisola ngokuqinisekileyo.”
  41. Ngoko ke isohlwayo sababamba ngenyaniso, Saza Sabenza bangathi yinkunkuma yezityalo. Ngoko ke kude lee nabantu abenza ubugwenxa
  42. Emva kwabo Savelisa ezinye izizukulwana
  43. Akukho Sizwe singadlulisela ixesha laso phambili kunexesha laso (esilibekelweyo) singekhe sililibazise nokulilibazisa
  44. Ke kaloku Sathumela abathunywa beThu ngokulandelelana. Maxa onke kufika esizweni umThunywa waso babemphika, ke ngoko Sabenza ukuba balandelelane (kwintshabalalo), kananjalo Sabenza imbali. Ngoko ke kude lee nabantu abangakholwayo
  45. Emva koko Sathumela uMûsâ nomntakwabo uHârûn, nemiqondiso yeThu negunya elicacileyo
  46. kuFir’awn neenkosi zakhe, kodwa babekhukhumele bengabantu abanekratshi
  47. Bathi: “Singakholelwa abantu ababini abafana nathi lo gama abantu bakubo bezizicaka eziphantsi kwethu?”
  48. Babaphika ke ngoko baza baba ngabo batshatyalaliswayo
  49. Inene Thina SamnikauMûsâisiBhalokhon’ukuzemhlawumbi bakhokeleleke (ngaso)
  50. Kananjalo Senza (u’Isâ), unyana kaMaryam nomama wakhe baba ngumqondiso. Sabenzela umnquba okumhlaba ophakamileyo owenziwe wathi tyaba namanzi ampompozayo
  51. Hini na nina baThuynywa, yidlani izinto ezilungileyo uAllâh Azenze zavumeleka (kuni), nenze izenzo ezilungileyo. Inene, Mna Ndiyakwazi enikwenzayo
  52. Kananjalo le nkolo yenu, yinkolo enye, yaye Mna NdiyiNkosi yenu, Yoyikani Mna ke.”
  53. Kodwa bona (abantu) bayahlulahlula inkolo yabo phakathi kwabo yaba ziimvaba ngeemvaba, imvaba nganye ivuyela oko inako
  54. Bayeke ekudidekeni kwabo njalo okwexeshana
  55. Ingaba bacinga ukuba oko Sibongezelele ngako ebutyebini nabantwana
  56. Kungenxa yokuba Thina siyabangxamela (Sibantantazelele) ngezinto ezilungileyo? Eneneni bona abaqondi
  57. Inene bona abo banoloyiko lweNkosi yabo
  58. Nabo bakholwayo kwimiqondiso yeNkosi yabo
  59. Nabo bangayamanisi mahlulelane eNkosini yabo
  60. Nabo banikela ngoko banikela ngako, iintliziyo zabo zinoloyiko lokuba baza kubuyela eNkosini yabo
  61. Ngabo ke abangxamayo ngezenzo ezilungileyo, yaye bayagqwesa kunabanye apho (ekwenzeni izenzo ezilungileyo)
  62. Thina ke aSithwalisi (mthwalo) emntwini ngaphandle kwalowo anokumelana nawo ukanti kuThi kukho iNcwadi ethetha inyaniso; abayi kwenziwa bugwenxa
  63. Kodwa iintliziyo zabo (abangakholwayo) zigqunywe kukudideka mayela nako oku, yaye banezenzo (ezingcolileyo) abazenzayo (ngaphaya kokungakholwa kwabo)
  64. Side Sibahlasele abazizityebi phakathi kwabo ngesohlwayo, kuya kuba kanye bakhale (kuAllâh bekhalela) uncedo
  65. (Kuya kuthiwa kubo): “Musani ukukhala namhlanje. Inene aniyi kuncedwa SiThi
  66. IiVesi zaM zazisele zicengceleziwe kuni, kodwa nina nazifulathela nazizela ngezithende zenu
  67. Nazikhukhumalela zona, nincokola ngobusuku, nithetha ukungcola
  68. Ingaba abacamngcisisanga na ngelizwi (i’Kur’ân), okanye kufike kubo oko kungazanga kufike koyisemkhulu babo
  69. Okanye babengamazi na uMthunywa? Ke ngoko bona ngokubhekiselele kuye abamamkeli
  70. Okanye bathi: “Kukho impambano kuye? Nakanye, ukusuka apho yena wabazela nenyaniso, kodwa uninzi lwabo inyaniso luyichasile
  71. Kodwa ukuba inyaniso ibinokungqamana neminqweno yabo, inene amazulu nomhlaba naye wonke ubani olapho ebeya konakala. Ukusuka apho Thina Sibazisele umyalezo wabo, kodwa bona bayawutshikilela umyalezo wabo
  72. Okanye wena (Muhammad), ubabiza intlawulo na? Kodwa umvuzo weNkosi yakho nguwona ulungileyo, yaye Yena (uAllâh) nguYena Mniki ulungileyo kubaniki
  73. Ke kaloku wena inene ubamemela eNdleleni ethe Tye
  74. Kodwa inene abo bangakholwayo kuBomi oBuzayo balahlekile eNdleleni
  75. Kananjalo enokuba beSinokubenzela iNceba Sibasusele oko kwakuphezu kwabo kusisohlwayo, bebeza kuthi gqolo ukugabadela, befathula ngobumfama
  76. Ke kaloku Sibathe xhakamfu ngentlupheko (ukuba ibe sisilumkiso), kodwa abazanga bayigobele iNkosi yabo (uAllâh), bengazanga bazithoba nakuzithoba, bacele ngomthandazo, (baya kuhlala benjalo ke)
  77. Side Sivule isango phambi kwabo lesohlwayo esibuhlungu, Yeha! Baya kuphoswa kuso benokuzisola okunzulu, bexhwalekile, bengenathemba
  78. NguYe Onidalele ukuva nokubona neentliziyo (zokuqiqa); kuncinane eninombulelo ngako
  79. NguYe Onandisileyoemhlabeniwonkeyayeniyakuqokelelwa phambi kwaKhe nonke
  80. Kananjalo nguYe Onika ubomi Enze ukufa, ikwanguYe Ojika ubusuku bube yimini. Ingaba aniyi kuqonda ke
  81. Nakanye, bona batsho izinto ezifana nezo zazisitshiwo ngabamandulo
  82. Bona bathi: “Ingaba xa sele sifile, sele singumhlaba namathambo, siza kuphinda sivuswe ngenyaniso
  83. Sakuthenjiswa oko thina noobawo mkhulu bethu ngaphambili; oku akuyonto ngaphandle kokuba ziintsomi zabantu bakudala”
  84. Yithi: (Muhammad), “Ngokabani na umhlaba noko kuphakathi kuwo, ukuba nini abaziyo
  85. Baza kuthi bona: “Ngoka-Allâh.” Yithi wena: “Ingaba ke ngoku aniyi kukhumbula?”
  86. Yithi: “Ngubani iNkosi yamazulu asixhenxe noyiNkosi yeTrone eNkulu?”
  87. Baza kuthi bona: “Zezika-Allâh.” Yithi wena: “Ingaba ke nina anizi kuMoyika uAllâh
  88. Yithi: “Lukwesikabani iSandla ulongamelo lwezinto zonke inguYe nje Okhuselayo lo gama kungekho bani unokukhuselwa ngokuchasene naYe xa ngaba phofu niyazi?”
  89. Baza kuthi bona: “Lukwesika-Allâh.” Yithi: “Ke ngoku nikhohliseke njani nina?”
  90. Ukusuka apho Thina Sibazele nenyaniso, yaye inene bona ngamaxoki
  91. UAllâh Akazelanga nyana, kungazanga kwabakho omnye uthixo okunye naYe Yena. (ukuba bekukho omnye uthixo kunye naYe) uthixo ngamnye ebeza kuthabatha okudalwe nguye, ukanti abanye kubo bebeza kufuna ukongamela abanye. Uzuko malube kuYe Yena Uphakamile koko bakubalela (kuYe)
  92. (Yena) nguMazi wokungabonwayo nokubonwayo, ngoko ke Yena Uphakamele phezulu koko bakwayamanisa (naYe)
  93. Yithi: “Nkosi yam ukuba Ungandibonisa oko bathejiswe ngako
  94. Nkosi yam Ungandenzi ndibe kunye nabantu abenza ubugwenxa
  95. Kananjalo inene, Thina Siyakwazi ukukubonisa oko Sibathembise ngako
  96. Susa (ububi) ngokulungileyo, Thina Sizazi kakuhle izinto (ezingcolileyo) abazithethayo
  97. Kananjalo yithi: “Nkosi yam! Ndifuna ukhuseleko ngaWe ekungcoleni kokusetyezwa ngamaShayâtîn (ooSathana)
  98. Ndifuna ukhuseleko kananjalo ngaWe, Nkosi yam! Kuba hleze basondele kum
  99. De ukufa kufikele omnye wabo (abo bayamanisa amahlulane kuAllâh), aze (aqale) athi: “Nkosi yam! Ndibuyisele emva (ebomini)
  100. Khon’ukuze ndiye kwenza okulungileyo koko ndakushiya ngasemva!” Unotshe! Lilizwi nje elo alithethayo; kwaye emva kwabo (abafileyo) kukho iBharzarh (umsantsa) kude kube yiMini abaya kuvuswa ngayo
  101. Ke kaloku lisakuvuthelwa iXilongo, akuyi kubakho kuzalana phakathi kwabo ngaloo Mini, bengayi kubuzana omnye ngomnye
  102. Abo ke izenzo zabo (ezilungileyo) ziya kubanzima esikalini, ngabaphumeleleyo
  103. Ke bona abo izenzo zabo ezilungileyo ziya kufumaniseka zilula, ngabo abaya kulahlekelwa yimiphefumlo yabo, esiHogweni kulapho baya kuhlala khona
  104. UMlilo uya kubatshisa ubuso babo, babe zintlini-ntlini (ezitwezeke imilomo)
  105. (Kuya kuthiwa kubo), “Azanga zicengcelezwe na iiVesi zaM kuni naza nina naziphika?”
  106. Baya kuthi bona: “Nkosi yethu ukungcola kwethu kwasongamela, inene thina sasingabenzi bobugwenxa
  107. Nkosi yethu Sikhuphe apha. Ukuba sikhe saphinda sabuyela (ekungcoleni), siya kuba ngokwenene singabenzi bobubi.”
  108. UAllâh Uya kuthi: “Hlalani apho, nidelekile, ningathethi naM
  109. Inene kwakukho iqela lezicaka zaM ezaye zathi: ‘Nkosi yethu, thina sikholiwe, sixolele ke ngoko ube nenceba kuthi, yaye Wena Ungoyena Unenceba kwabo banenceba.”
  110. Kodwa nina nabathatha ngokubagculela nada nafikelela kwinqanaba lokuba banenze nilibale ngenkumbulo yaM, yaye nanidla ngokubahleka nina
  111. Inene Mna Ndibabuyekezile naMhlanje ngokunyamezela kwabo: inene bona bangabona baphumeleleyo
  112. Yena (uAllâh) Uya kuthi: “Mingaphi iminyaka enayihlala emhlabeni?”
  113. Baya kuthi bona: “Sahlala imini enye okanye inxalenye yemini. Buza kwabo babhala phantsi (bagcina iziganeko)
  114. Yena (uAllâh) Uya kuthi: “Anihlalanga, koko ibe ilixeshana elincinane, ukuba benisazi
  115. Nanicinga ukuba Sanidalela imfeketho na [Singenanjongo, (nicinga)] nokuba anizi kuphinda nibuyiselwe kwakuThi?”
  116. Ngoko ke makaphakanyiswe uAllâh, uKumkani wokwenyani: Akakho omnye uthixo ngaphandle kwaKhe, iNkosi yeTrone eNkulu
  117. Nabani na ke obiza komnye uthixo ngaphandle koAllâh angenabungqina ngaye ityala lakhe lowo liseNkosini yakhe. Inene abangakholwayo abayi kuphumelela
  118. Ke wena (Muhammad) yithi: “Nkosi yam, ndixolele Ube nenceba (kum), yaye Wena Ungoyena Unenceba kwabanenceba.”