24.The Light

  1. (Esi) sisahluko se’Kur’ân eSisithumele phantsi Saza Senza (okuphakathi kuso) kwaba sisinyanzelo Saza kananjalo Satyhila phakathi apho iiVesi eziyimiqondiso ecacileyo ukuze nikhumbule
  2. Owasetyhini (ongatshatanga) okanye oyindoda (ongatshanga). Ofunyenwe enetyala lokwabelana ngesondo, mtywatyusheni ngamnye kubo bobabini imivumbo elikhulu, kananjalo ningathatyathwa lusizi ngabo enkolweni ka- Allâh ukuba ngaba phofu niyakholwa kuAllâh nakwiMini yokuGqibela. Kananjalo makubekho iqela lamakholwa aza kuba ngamangqina ngesohlwayo sabo
  3. Umkrexezi akamtshati (omnye umntu) ngaphandle kongumkrexezikazi okanye umkhonzikazi wezithixo, kanti (naye) umkrexezikazi akatshatwa mntu ngaphandle komkrexezi okanye umkhonzi wezithixo. Ke kaloku (ukutshata abanjalo) akuvumelekanga kwabakholwayo
  4. Abo batyhola abafazi abanyulu (ngokukrexeza bexoka) baze bangezi namangqina amane batywatyusheni ngemivumbo engamashumi asibhozo ningaphindi namkele bungqina kubo nanini na emva koko. Yaye abo ngabaqaqadeki abangenantobeko
  5. Ngaphandle kwabo baguqukayo emva koko baze baphucule isimilo sabo, kuba ngenene, uAllâh nguMxoleli, nguSozinceba
  6. Abo batyhola abafazi babo (ngokukrexeza) babe bengenamangqina ngaphandle kweziqu zabo ke kaloku ingqina lakhe ngamnye kubo (iya kuba) kukungqina kane (befunga) ngoAllâh okokuba, ngenene, yena lowo (ufungayo) ungothetha inyaniso
  7. Isifungo sesihlanu sona (iya kuba) kukuba isiqalekiso sika-Allâh sibe phezu kwakhe ukuba ngaba ufumaniseke engomnye wamaxoki
  8. Kodwa ke oko kuya kuthintela isohlwayo kuye (owasetyhini) ukuba uthe wanika ubungqina kwaba kane (efunga) ngoAllâh ukuba ngenene yena (oyindoda yakhe) ungothetha ubuxoki
  9. Esesihlanu (isifungo) iya kuba kukuba ingqumbo ka-Allâh ibe phezu kwakhe (umfazi lowo) ukuba yena (oyindoda) uthetha inyaniso
  10. Ukuba bekungekho ngenxa yobabalo luka-Allâh kuni nenceba yaKhe (UAllâh Ebeza kungxama ukuthoba isohlwayo phezu kwenu kodwa ke akunjalo) kuba kakade (eneneni) uAllâh UnguMamkeli, wenguquko nguSobulumko
  11. Inene, abo beza nobuxoki baliqela eliphakathi kwenu. Musani ukucinga ukuba kubi oko kuni; ukusuka apho kulungile kuni kuba wonke umntu kubo uya kuzuza oko akusebenzeleyo kusisono, ke yena othe wathabathela kuye isahlulo esikhulu saso okwakhe sisohlwayo esikhulu (nguMlilo wesiHogo)
  12. Kwakutheni na ukuyiva kwenu (into enje) amakholwa namakholwakazi angacingi kakuhle ngeziqu zawo (oko kukuthi, omnye ngomnye) athi, “Obu bubuxoki obuzicaceleyo?”
  13. Kwakungani na ukuba (abo babehambisa iindaba zokunyelisa) bangavelisi amangqina amane ngayo (le nto)? Ke kaloku ukuba ngaba abavelisi mangqina, ngabo kanye phambi koAllâh abangamaxoki
  14. Kananjalo ukuba bekungekho ngenxa yoBabalo luka-Allâh kuni nenceba yaKhe kweli hlabathi nakuBomi oBuzayo, beniya kurhecwa sisohlwayo esikhulu ngenxa yabo obo (buxoki) enanibandakanyeka kubo
  15. Ekubamkeleni kwenu (obo buxoki) ngamalwimi enu naza nathetha ngemilomo yenu eningenalwazi ngako, nicinga ukuba yinto engengakanani leyo lo gama phambi koAllâh yayiyinto enkulu
  16. Kananjalo kwakutheni ukuyiva kwenu ningathi, “Ayikokwethu ukuthetha ngale nto. Umkhulu Wena (Allâh); le yintlebendwane enkulu?”
  17. UAllâh Uyanilumkisa ngokuchasene nokubuyela kwisimilo esifana nesi, nanini na ukuba ningamakholwa
  18. Kananjalo uAllâh Wenza zicace kuni iiVesi (zaKhe), kananjalo uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
  19. Inene abo bathanda ukuba ukuziphatha ngokungcolileyo kunwenwe (okanye kuthiwe pahaha) phakathi kwabo bakholwayo, baya kufumana isohlwayo esibuhlungu kweli hlabathi nakuBomi oBuzayo. Yaye uAllâh Uyazi, nina ke anazi
  20. Kwaye ukuba bekungekho ngenxa yoBabalo luka-Allâh kuni, (uAllâh ngekhawulezise ngesohlwayo kuni). Yaye uAllâh nguSobubele, nguSozinceba
  21. Hini na nina bakholwayo! Ningalandeli ikhondo likaShaytân. Nabani na ke kuni olandela ikhondo likaShaytân, inene yena (uShaytân) uyalela ukungcola nokwenziwa kobugwenxa. Kananjalo ukuba bekungekho ngenxa yoBabalo luka-Allâh nenceba yaKhe kuni, bekungayi kubakho namnye kuni obeza kuba nyulu, kodwa Yena uAllâh uhlambulula lowo Athande (ukumhlambulula), yaye uAllâh nguSokuva, nguSolwazi
  22. Kananjalo abo phakathi kwenu bababalwe ngobutyebi mabangafungeli ukuba abanakunika (luncedo) kwizizalwana zabo, amahlwempu, nabo bashiya amakhaya abo ngenxa ka- Allâh mababaxolele balibale. Anithandi na ukuba uAllâh Anixolele nina? Yena ke uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
  23. Inene abo batyhola abafazi abanyulu, abangacingi nokucinga ngokuchukumisa ubunyulu babo bekwangawo namakholwa baqalekisiwe kobu bomi nakuBomi oBuzayo, yaye okwabo iya kuba sisohlwayo esikhulu
  24. NgeMini apho amalwimi abo, izandla zabo neenyawo zabo ziya kungqina ngokuchasene nabo ngoko bakwenzayo
  25. Ngayo loo Mini, uAllâh Uya kubahlawula ngokugcweleyo umvuzo wabo (obafaneleyo), yaye baza kwazi okokuba nguAllâh OyiNyaniso ecacileyo
  26. Intetho engcolileyo yeyabantu abangcolileyo, abantu abangcolileyo ngabentetho engcolileyo. Ukanti intetho enyulu yeyabantu abanyulu, nabantu abanyulu ngabentetho enyulu. Abo bantu banyulu baziswa njengabamsulwa mayela noko kutshiwoyo ngabo (ziintlebi). Okwabo luxolelo lwezono neembonelelo ezixabisekileyo
  27. Hini na nina bakholwayo, Musani ukungena ezindlwini ezingezizo ezenu ngaphandle kokuba niqinisekile ngokwamkeleka (kuzo), kananjalo bulisani abangaphakathi (apho). Kokona kulungileyo oko kuni; mhlawumbi niya kukhumbuzeka
  28. Ke kaloku ukuba anifumani mntu ngaphakathi apho, musani ukungena nide ninikwe imvume. Ukanti ukuba kuthiwe kuni, buyelani apho benivela, buyelani ke apho benivela. Bobona bunyulu obo kuni. Yaye uAllâh nguMazi woko nikwenzayo
  29. Akukho sono kuni ngokungena ezindlwini ezingahlelwanga ngabantu ekukho kuzo apho inzuzo kuni. Kananjalo uAllâh Uyakwazi oko nikuvezayo noko nikufihlayo
  30. Xelela amakholwa namakholwakazi ukuba ehlise ukujonga kwawo (izinto ezithile)2, anonophele kananjalo iindawo zawo ezinqabileyo. Obo bobona bunyulu kubo. Inene uAllâh Uyakwazi oko bakwenzayo
  31. Kananjalo xelela amakholwakazi ukuba ekhlise ukujonga kwawo izinto (ezithile), anonophele iindawo zawo ezinqabileyo, angaqhayisi ngezihombiso zawo ngaphandle koko kufanele ukuba kuvele kuwo, kananjalo makabeke izigqubuthelo zawo ziwathi wambu ukuya kutsho ezifubeni zawo, angaqhayisi ngezihombiso zawo (ubuhle bawo) ngaphandle kwakubayeni bawo, ooyise bawo, oobawozala bawo, oonyana bawo, oonyana babayeni bawo, kubanakwawo, oonyana babanakwawo, oonyana boodade bawo, nakubafazi bawo abo izandla zawo zokunene zibabambileyo (amakhoboka), nabo baqeshwa babo bangamadoda angenazinkanuko zasondo (amathenwa), nabantwana abangekabi nalwazi ngeendawo ezinqabileyo zabasetyhini, kananjalo mabangabethi unyawo (xa behamba) besenzela ukuba kubonwe oko bakufihlileyo kuzizihombiso zabo. Kananjalo nibuyele kuAllâh ngenguquko, ninonke, hini na nina makholwa, khon’ukuze niphumelele
  32. Kananjalo tshatani abangatshatanga phakathi kwenu nabangamalungisa kumakhoboka namakhobokazana. Ukuba ngaba bangamahlwempu, uAllâh Uza kubatyebisa ngokuphuma kubuBele baKhe, yaye uAllâh Ubanzi Unolwazi
  33. Abo bangafumani ndlela ngokwasezimalini yokutshata mabazigcine benyulu, Ade uAllâh Abanike kubuBele baKhe. Nabo bangamakhoboka enu bafuna ukutyikitya (amaxwebhu okukhululeka ebukhobokeni); bavumeleni batyikitye abo izandla zenu zokunene zibabambileyo. Ke kaloku yenzani isibhambathiso nabo ukuba niyayazi into yokuba kukho okulungileyo kubo nibaphe kananjalo kubutyebi buka-Allâh Aniphe bona. Kananjalo ningawanyanzeli amakhobokazana enuenzeubuhenyu(athengisengomzimba),xaefunaubunyulu, (nibe nina) nifuna iinzuzwana zokwexeshana zobomi balo mhlaba. Ke kaloku ukuba ubani uye wawanyanzela (amakhobokazana lawo), inene uAllâh, (kuwo)3 emva kokunyanzelwa kwawo, nguMxoleli, nguSozinceba
  34. Kananjalo ngenene Thina Sithumele kuwe iiVesi ezicacileyo nemizekelo yabo bagqithayo ngaphambili kunawe nesilumkiso kwabo bamoyikayo uAllâh
  35. UAllâh kukukhanya kwamazulu nomhlaba. Umzekelo wokukhanya kwaKhe unjengegolonxa ekukho phakathi kwalo isibane; isibane sona siphakathi eglasini, iglasi engathi yinkwenkwezi emhlophe buperile elunyekwe (kwi-oli) yomthi womnquma osikelelekileyo, ongengowaseMpuma ingengowaseNtshona, o-oli yawo ephantsela ukukhanyisa nokuba ayilunyekwanga ngomlilo. Ukukhanya phezu kokukhanya. UAllâh Ukhokelela ekukhanyeni kwaKhe lowo Athande (ukumkhokelela). Yaye uAllâh Wenza imizekelo ebantwini, kwaye uAllâh nguMazi wezinto zonke
  36. Ezindlwini(zonquloiimasajid) uAllâhAyalele ukubazakhiwe, apho kuzo igama laKhe liyakhunjulwa, Uyadunyiswa apho ngeentseni nangeemvakweemini okanye ngamarhatya
  37. (IGama lika-Allâh likhunjulwa lidunyiswe) ngamadoda angarhwebiyo, angaphambukiswayo nakukushishina kwinkumbulo ka-Allâh nokwenza iSalâh nokunikela ngeZakâh. Bona boyika iMini iintliziyo namehlo ziya kubhedululwa. (ngenxa yokoyika)
  38. Ke kaloku uAllâh Uza kuwavuza kangangezona zenzo zawo zilungileyo, Aze abongeze nangaphezulu kunoko ngokuvela kuBabalo lwaKhe. Yaye uAllâh Upha lowo Athandileyo ngaphezulu kunomlinganiselo
  39. Ke bona abangakholwayo izenzo zabo zinjengenkohliso kummandla ophantsi athi umntu onxaniweyo acinge ukuba ngamanzi, athi akufika kuwo, angafumani nto koko afumane uAllâh phambi kwakhe, yaye Uza kumhlawula ngokugcweleyo ngoko kumfaneleyo
  40. Okanye (izenzo ezo zabo) zinjengobumnyama obukulwandle olukhulu nanzulu, olonganyelwe ngamaza, alekwe ngamanye amaza, alekwa nangamafu amnyama, yaba bubumnyama phezu kobumnyama: (athi) ukuba umntu wolula isandla sakhe, kube nzima ukuba angasibona! Ke kaloku lowo uAllâh angamenzelanga kukhanya akanakukhanya
  41. Awuboni na wena (Muhammad) okokuba uAllâh, Uzukiswa nguye wonke osemazulwini nasemhlabeni naziintaka ngamaphiko eziwavulayo? Nganye kuzo uAllâh Uyazi ngeSalâh yayo nangokuMzukisa kwayo yaye uAllâh Wazi konke ezikwenzayo
  42. Kananjalo loluka-Allâh ulongamelo lwamazulu nomhlaba, yaye kuAllâh kulapho kuza kubuyelwa khona
  43. Akuboni na ukuba uAllâh Uqhuba amafu ngobunono, Aze awahlanganise, Aphinde Awenze imfumba eyalekeneyo, uze ubone imvula iphuma ivela kuwo. Yaye Yena Uthoba esibhakabhakeni, iintaba (zamafu) ekukho kuzo isichotho, Abethe ngaso lowo Athande (ukumbetha) Asishenxise kuye nabani na lowo Athande (ukusishenxisa) kuye. Ukulanyaza kombane aso kuphantse kuthabathe ukubona kwamehlo (abo)
  44. UAllâh Uguqula ubusuku nemini. Inene kuloo nto kukho isifundo kwabo babonayo
  45. UAllâh Udale yonke into ephilayo ngamanzi. Yaye kuzo apho kukho ezo zirhubuluza ngezisu zazo, kuze kwakuzo apho kubekho ezo zihamba ngeenyawo zazo ezimbini, kanti nezo zihamba ngamanqina amane. UAllâh Udala oko Akuthandileyo. Inene yena uAllâh Uyakwazi ukwenza izinto zonke
  46. nene Thina Sithumele (kule ‘Kur’ân) iiVesi ezicacileyo. Yaye uAllâh Ukhokelela lowo Athandileyo (ukumkhokela) eNdleleni ethe Tye
  47. Kodwa bona (abahanahanisi) bathi: “Sikholiwe kuAllâh nakuMthunywa, yaye siyathobela”; lize iqela labo ligwilike emva koko. Abanjalo ke abangawo amakholwa
  48. Kananjalo xa bebizelwa kumazwi ka-Allâh noMthunywa waKhe ukuba kugwetywe phakathi kwabo, ngoko nangoko iqela elithile kubo liyatshikila (lale)
  49. Kodwa ukuba ngawabo amalungelo (ekuza kuthethwa ngawo), beza kuye ngentobeko engummangaliso
  50. Ingaba banesifo ezintliziyweni zabo na? Okanye baneentandabuzo? Okanye boyikisela ukuba uAllâh hleze Abe nentswelabulungisa kubo okanye uMthunywa waKhe? Ingabo nje abangabenzi bobubi (neentswela bulungisa)
  51. Intetho ekukuphela kwayo yamakholwa (okwenene) xa ebizelwa kuAllâh nakuMthunywa waKhe ukuba kugwetywe phakathi kwawo iba kukuba athi: “Siyeva, sithobele.” Abo ke ngabona bangabaphumeleleyo
  52. Ke kaloku lowo uthobela uAllâh noMthunywa waKhe, amoyike uAllâh abe kwakhona ehleli ecinga ngaYe abanjalo ngabona baphumeleleyo
  53. Kananjalo bafunga ngoAllâh izifungo ezimandla zokuba ukuba ungabayalela, bangaya phambili (edabini). Yithi wena: “Musani ukufunga. (Intobeko) enjalo ayizanga ibonwe (kuni). Inene uAllâh Ukwazi kakuhle oko nikwenzayo.”
  54. Yithi: “Thobelani uAllâh noMthunywa; kodwa ukuba nithe najibilika ke kaloku kowenze loo nto iya kuba lolo xanduva ebebekelwe lona, kanti nakuni iya kuba lolo xanduva lwenu benilubekelwe. Kanti ke ukuba niyaMthobela Yena, niya kukhokeleleka (eNdleleni engqalileyo) Yaye akukho mthwalo (wumbi) kuMthunywa ngaphandle (koxanduva) lokwazisa ngokucacilelyo (umyalezo ka-Allâh.”)
  55. UAllâh Ubathembisile abo bakholwayo phakathi kwenu, benza nezenzo ezilungileyo okokuba Yena ngokwenene Uza kubanika ukungena esikhundleni (ngolawulo) emhlabeni njengoko wabanikayo abo bangaphambili kubo. Kwanokuba ngenene Uza kubamisela inkolo yabo Ayikhethele bona yaye ngokwenene Uza kubafakela ukhuseleko emva koloyiko lwabo ngenxa yokuba bona banqula Mna, abayamanisi mahlulelane kuM. Kodwa lowo ungakholwayo emva koko abo ngabadeleli abangenantobeko bokwenene
  56. Yenzani iSalâh ninikele ngeZakâh nithobele uMthunywa khon’ukuze nizuze ukwenzelwa inceba
  57. Ningaze nicinge ukuba abangakholwayo babangela ukungaphumeleli kuAllâh emhlabeni. Ikhaya labo liya kuba nguMlilo asisesibi ngako isiphelo (sabo) sohambo
  58. Hini na nina bakholwayo, abo izandla zenu zokunene zibabambileyo nabo bangekafikeleli exabisweni lobudala phakathi kwenu mabacele imvume yenu [phambi kokuba bangene kumagumbi wenu (okulala) Mabankqonkqoze] kube kathathu: phambi komthandazo wasekuseni naxa nikhulule iimpahla zenu niza kulala emva kwemini nasemva komthandazo wangokuhlwa. (La) ngamaxesha amathathu enu okuba umntu abe yedwa bucala. Akuyi kubakho sono kuni nakubo (kumaxesha) angaphaya kwala, kuba kakade bona baqhele ukuhamba-hamba phakathi kwenu ngokusebenzisana kwenu nabo. Wenza njalo ke uAllâh ukucacisa kwaKhe iiVesi zaKhe kuni yaye uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
  59. Xa abantwana benu befikelela exabisweni lokuba ngabantu mabacele imvume (maxa onke) njengoko abo bangaphambili kunabo babesenza. Wenza njalo ke uAllâh ukucacisa iiVesi zaKhe kuni; yaye uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
  60. Ke kaloku kubafazi abasele begqithile kwixabiso lokuya exesheni abangasenamdla wakutshata akukho gxeke kubo ngokubeka bucala iingubo zabo abazithi wambu ngaphezulu xa [bephuma ngaphandle kwemizi yabo (kodwa)] mabangabonisi ngezihombiso zabo. Ngenxa yokuzihlonipha mabangakwenzi oko. kokona kulungileyo oko kubo. Yaye uAllâh Uyeva, Uyazi
  61. Akukho tyala koyimfama kungekho tyala nakosisilima kungekho tyala nakogulayo kanti nakuni buqu (akukho tyala) ukuba nidla ezindlwini zenu okanye kwizindlu zootata benu okanye kwizindlu zoomama benu okanye kwizindlu zabantakwenu, okanye kwizindlu zoodadewenu okanye kwizindluzoobawokazibenu,okanyekwizindluzoodadobawo benu, okanye kwizindlu zoomalume benu, okanye kwizindlu zoomakazi benu, okanye kwizindlu izitshixo zazo zikuni (okanye kwizindlu) zabahlobo benu. Akukho sono kuni nokuba nidla kunye na okanye ngokwahlukeneyo na. Kodwa xa ningena ezindlwini, bulisanani ngombuliso woxolo4 umbuliso ovela kuAllâh, osikelelekileyo nolungileyo. Wenza njalo ke uAllâh ukucacisa iiVesi zaKhe kuni khon’ukuze niqonde
  62. AmakholwaokwenenengabobakholwakuAllâhnoMthunywa waKhe kuphela, naxa bedibana naye ngemicimbi eyinzuzo kuye nakubo, bangahambi bengacelanga imvume kuye kuqala. Inene, abo bacela imvume yakho, wena (Muhammad) abo ngabo bakholwa (ngokwenene) kuAllâh nakuMthunywa waKhe. Ke kaloku xa becela imvume kuwe yemicimbi eyiyeyabo, banike. Nika imvume kulowo uthande ukumnika kubo uze ubacelele itarhu kuAllâh. Inene uAllâh nguMxoleli yaye Unenceba
  63. Musani ukwenza ukubiza kwenu uMthunywa kube njengokubizanakwenu.UAllâhseleEbaziabobaphambukayo, befihlwa ngabanye. Kananjalo mabalumke abo bakreqayo kumyalelo wakhe (uMprofeti), hleze ishwangusha libabethe kungenjalo (bafunyanwe) sisohlwayo esibuhlungu
  64. Inene, kokuka-Allah (konke) okusemazulwini nasemhlabeni. Uyakwazi oko nime phezu kwako, Eyazi neMini abaza kubuyiselwa ngayo, yaye Uza kubaxelela ngoko bakwenzayo. Yaye uAllâh nguMazi wezinto zonke