25.The Criterion

  1. Usikelelekile loWo Wathumela iFur’kân1 (yokwahlula phakathi kokulungileyo nokungalunganga) kwisiCaka saKhe (uMuhammad) khon’ukuze abe nguMlumkisi kwindalo (yonke)
  2. Yena loWo ubukumkani bamazulu nomhlaba ibobaKhe, Ongazelanga nyana Engazanga waba nahlakani kubumkani baKhe. Odale into nganye Wayilinganisela ngomlinganiselo oyifaneleyo
  3. Kodwa bazithabathele thixo bambi ngaphandle kwaKhe abangadalanga nto, lo gama kwabona bedaliwe, bengenabo nobunjani ubungozi nenzuzo eziqwini zabo okanye amandla okwenza ukufa okanye ubomi novuko
  4. Kananjalo abo bangakholwayo bathi, “Le (‘Kur’ân) Ayinto yimbi ngaphandle kokuba bubuxoki yena uyiqambile, yaye abanye abantu bamncedisile kuyo.” (Batsho) besenza ubuxoki obuyintswela bulungisa
  5. Kananjalo bathi: “Ziintsomi zabantu bakudala azibhale phantsi, yaye (abalandeli bakhe) bazinikele kuye ekuseni nasemini.”
  6. Yithi (Muhammad), “Ityhilwe nguYe Owazi (zonke) iimfihlelo ezisemazulwini nasemhlabeni. Inene Yena nguMxoleli, uSozinceba.”
  7. Kananjalo bathi: “NguMthunywa onjani lo utya ukutya ahamba hambe ezimarikeni? Kutheni kungathunyelwa ngelosi kuye ukuze ibe nguMlumkisi kunye naye?”
  8. Kungenjalo (kutheni kungekho) vimba amnikiweyo (ovela emazulwini), ingaba mhlawumbi unaso isitiya (amana) ukudla kuso?” Kananjalo abangakholwayo bathi: “Nina (maMuslim) anilandeli nto ngaphandle kokulandela indoda ethakathiweyo
  9. Khawubone ke (Muhammad) izinto abakufanisa nazo; kodwa bona balahlekile, yaye angekhe bayifumane iNdlela
  10. Usikelekile Yena loWo ukuba Ebethanda Ebengakwenzela okuhle ngaphezulu kunoko iMiyezo ekumpompoza imilambo phantsi kwayo Ongakwenzela amabhotwe
  11. Kodwa bayayiphika iYure, yaye Silungiselele abo baphika iYure idangatya (loMlilo)
  12. Yabona xa (uMlilo) ubabona besekwindawo ekude, baya kuwuva umsindo wawo nomgqumo wawo
  13. Ke kaloku besakujulelwa kwindawo emxinwa, bebotshwe ngamatyathanga, baya kukhala isijwili apho bekhalela intshabalalo
  14. (Kuya kuthiwa kubo): “Musani ukukhalela intshabalalo enye namhlanje, koko khalelani intshabalalo engaphezulu (kunale).”
  15. Yithi: “Ingaba kokona kulungileyo oko na okanye nguMyezo wanaphakade ekuthenjiswe ngawo abo bamoyikayo uAllâh?” Uya kuba ngowabo ke njengomvuzo nesiphelo sohambo lwabo
  16. Okwabo iya kuba koko bakunqwenelayo, baphile ngonaphakade. KuseNkosini yakho apho isicelo sesithembiso sinokwenziwa khona
  17. NgeMini apho Aya kubaqokelela ndawonye kunye nezo nto babezinqula ngaphandle koAllâh. Uya kuthi kuzo: “Nini na aba balahlekisa ezi zicaka zam okanye zizo ngokwazo na ezaziphambukelayo eNdleleni ethe Tye?”
  18. Ziya kuthi zona: “Uzuko malube kuWe Wena! Yayingekokwethu ukuba sithabathe abakhuseli ngaphandle kwaKho, koko Wena Wanika bona nooyise babo ulonwabo bada balibala ngesilumkiso, baza baba ngabantu abatshabalalayo
  19. Ngoko ke (abo thixo benu bobuxoki) baza kuniphika, kuloo nto niyithethayo, Yaye anisokuze nisibuyisele umva (isohlwayo) okanye (nifumane) luncedo. Ke kaloku nabani na owenza intswela bulungisa phakathi kwenu Thina Siya kumenza angcamle isohlwayo esikhulu
  20. Ke kaloku aSizanga Sithumele ngaphambili kunawe nabani na kubaThunywa owayengatyi kutya, ahamba- hambe ezimarikeni, kananjalo Senze abanye kuni ukuba babe luvavanyo kwabanye. Ingaba niya kuba nako na ukunyamezela nina? Ukanti iNkosi yenu Ihlala Ibona
  21. Abo bangalindelanga kudibana naThi bathi: “Kwakutheni na ukuba kungathunyelwa iingelosi kuthi, okanye singayiboni iNkosi yethu?” Bona ngokwenene baye baba nenkukhumalo ngeziqu zabo baza badelela ngendelelo enkulu
  22. NgeMini abaya kuzibona ngayo iingelosi akuyi kubakho ndaba zivuyisayo ngaloo Mini kuzo izaphula-mthetho, yaye iingelosi ziya kuthi: “(Makubekho) isithintelo nokuvaleleka3.”
  23. Ke kaloku Siya kukuthabatha oko bakwenzayo kuzizenzo zabo Size Sikwenze kube njengothuli kuphaphatheke (kuthi shwaka)
  24. Amadlelane asePaladesi wona ngaloo Mini, aya kuba sentlalweni elungileyo nendawo elungileyo yokuphumla
  25. NgeMini apho izulu liya kwahlukaniswa livuleke linamafu, zize iingelosi zithunyelwe phantsi ngokulandelelana (kwazo ngokwezikhundla)
  26. Ulongamelo lokwenene ngaloo Mini luya kuba lolukaSozinceba. Yaye kwabangakholwayo iya kuba yiMini yobunzima
  27. NgeMini apho Umenzi wobubi aya kuluma izandla zakhe. Uya kuthi: “O, (Madoda) akwaba ndandizithabathele iNdlela (eNgqalileyo) noMthunywa
  28. Yeha kum! Akwaba ndandingamthathanga ubanibani ukuba abe ngumhlobo wam osenyongweni
  29. Inene yena undilahlekisile kwinkumbulo (i’Kurân) emveni kokuba ifikile kum. Kwaye uShaytân ngumtyesheli womntu ngeyure yokuxakeka
  30. Ke yena uMthunywa wathi: “Nkosi yethu! Inene, abantu bam bayityeshele le ‘Kur’ân
  31. Ke kaloku Senzele umProfeti ngamnye utshaba oluphuma phakathi kwezaphula-mthetho. Kodwa Yanele iNkosi yakho iyodwa ukuba ibe nguMncedi
  32. Abo bangakholwayo bathi: “Kutheni na i’Kur’ân ingatyhilwayo kuye yonke ngaxeshalinye?” (oko kunjalo) khon’ukuze Someleze intliziyo yakho ngayo (Muhammad) yaye Siyityhile kuwe iziziqendu ngeziqendu
  33. Akukho mzekelo okanye umzekeliso abeza nawo kuwe Singakuziseli nyaniso nengcaciso epheleleyo (ngawo)
  34. Abo baza kuqokelelwa ngobuso babo basiwe esiHogweni abo ngabona bakwimo emaxongo ngakumbi yaye balahleke kakhulu eNdleleni
  35. Kananjalo Sanika uMûsâ isiBhalo Samnyulela umntakwabo uHârûn ukuba abe ngumncedisi wakhe
  36. Sathi (kubo): “Hambani nobabini niye kubantu abaphike imiqondiso yeThu.” Saza Sabatshabalalisa ngentshabalalo ebhubhisayo
  37. Nabantu bakwaNûh, ukuphika kwabo abaThunywa, Sabatshonisa emanzini, Sabenza umzekelo eluntwini. Yaye Silungiselele abenzi bobubi isohlwayo esibuhlungu
  38. Kanti nabakwa’Ad nabakwaThamûd, nabanini bequla nezizukulwana ezininzi phakathi kwabo
  39. Kananjalo (kwisizukulwana) ngasinye Senza imizekelo (ukuba ibe zizilumkiso), yaye ngasinye kuzo Sasitshabalisa (safa) nya
  40. Ke kaloku babesele begqithagqithile ngakwidolophu (yoMprofeti uLût) ekwathululwa phezu kwayo imvula engcolileyo4. Ingaba abangakholwayo babengaboni na? Yeha kubo! Kaloku babengalindelanga luvuko
  41. Ke kaloku xa bekubona wena (Muhammad) bakuthabatha njengento yokuhlekisa (besithi): “Ingaba lo ngulowo uAllâh amthumele njengoMthunywa
  42. Ebeza kuphantsela ukusilahlekisa koothixo bethu, ukuba ngaba ibingeyiyo into yokuba sinomonde sithe rhoqo (ukubakhonza).” Kodwa baza kwazi xa bebona isohlwayo, ukuba ngubani na olahleke kakhulu eNdleleni
  43. Ingaba umbonile na lowo uzithabathele iminqweno yakhe ukuba ibe nguthixo wakhe? Ungaze ube nguye umnoneleli wakhe wena
  44. Okanye ucinga okokuba uninzi lwabo luyeva okanye luyaqiqa? Bona banjengeenkomo yeha, bona balahleke nangakumbi (kuneenkomo) eNdleleni
  45. Ingaba ubonile na ukuba iNkosi yakho Isolule njani na isithunzi. Ukuba Ibithanda, Ibingasuka isenze sime ngxishi Kodwa Senze ilanga laba ngumkhokeli waso
  46. Size Silibambe kuThi ngokubamba okulula
  47. Kananjalo nguYe Onenzela ubusuku bube sisigqumathelo, nokulala ibe kukuphumla Aze Enze imini ibe kukuvuka (kwenu)
  48. NguYe Othumela imimoya ibe zizanduleli zeendaba ezilungileyo, ihamba phambi kwenceba yaKhe (imvula); yaye Sithoba amanzi ahlambulukileyo esuka esibhakabhakeni
  49. Khon’ukuze ngawo Sinike ubomi emhlabeni ofileyo, Size Sinike iinkomo nabantu abaninzi eSabadalayo basele kuwo
  50. Kananjalo inene Thina Siwachakachakile (amanzi emvula) phakathi kwabo khon’ukuze bakhumbuzeke, kodwa abaninzi kubo akukho nto bayamkelayo ngaphandle kokungakholwa
  51. Kanti ke ukuba SaSithandile ngeSathumela uMlumkisi5 kwidolophu nganye
  52. Ngoko ke ungabathobeli abangakholwayo, zabalaza kananjalo ngokuchasene nabo ngayo (i’Kur’ân), ibe ngumzabalazo omkhulu
  53. Kananjalo nguYe Okhulule ngaxeshalinye iilwandle ezimbini (iintlobo zamanzi ezimbini) olunye (lunamanzi) amnandi olunye (lunamanzi) anetyuwa nakrakra, Waza phakathi kwawo Wafaka umsantsa ongagqithekiyo
  54. Kananjalo NguYe Owadala umntu ngamanzi, Waza Wamnyulela izizalwana ngokomlibo nomtshato. Yaye iNkosi yakho Inamandla okwenza oko Ithande ukukwenza
  55. Kodwa bakhonza ezinye izinto enzingengoAllâh ezingekhe zibazuzise nto okanye zibenze bungozi, yaye umhedeni wasoloko echasene neNkosi yakhe encedisana noShayâtin
  56. Kananjalo aSikuthumelelanga nto yimbi ngaphandle kokuba, ube ngumzisi weendaba ezilungileyo noMlumkisi
  57. Yithi: “Andiniceli ntlawulo ngayo (i’Kur’ân), kuphela (endikufunayo) kukuba othandayo akwazi ukuthabatha iNdlela eya eNkosini yakhe.”
  58. (Wena ke Muhammad) beka ithemba lakho kuloWo Uphila ngonaphakade, Ungafiyo, uMzukise ngendumiso yaKhe. Yaye Wanele Yena Eyedwa ukuba Abe nguMazi wezono zezicaka zaKhe
  59. Yena loWo Wadala amazulu nomhlaba nako konke okuphakathi kwawo ngeentsuku ezintandathu. Waza Waphakamela ngentla kweTrone (yaKhe) uSozinceba, ngoko ke buza Yena Owaziyo (Muhammad)
  60. Ke kaloku xa kusithiwa kubo: “Qubudani kuSozinceba,” bathi bona, “Yintoni uSozinceba? Thina siqubude kuloWo usiyalela ngaYe?” Kuze oko kubongezelele inkcaso
  61. Usikelelekile loWo Wabeka esibhakabhakeni iinkwenkwezi ezinkulu Waza Wabeka kananjalo apho isibane nenyanga ekhazimlayo
  62. Kananjalo nguYe Owenze ubusuku nemini ukuba zilandelelane Esenzela nabani na onqwenela ukukhumbula (akhumbule) okanye onqwenela ukuba nombulelo (abulele)
  63. Ke kaloku izicaka zikaSozinceba ngabo bahamba phezu komhlaba ngokuzithobileyo, ze bathi xa bethethiswa ngqwabalala ngabasweli kuqonda batsho amazwi oxolo bona
  64. Nabo bachitha inxalenye yobusuku kunqulo lweNkosi yabo bequbudile, bemi nangeenyawo
  65. Nabo bathi: “Nkosi yethu, shenxisa isohlwayo sesiHogo kuthi. Inene isohlwayo saso sinamathela umphelo.”
  66. Inene sona singcolile ukuba sibe yindawo yokuhlala
  67. Abo bathi xa benikela kumalizo bangadyakrazi bengenabugqolo, koko babe phakathi kwezo (meko zimbini)
  68. Nabo bangabizi nakuwuphi na omnye uthixo bamdibanise noAllâh, bangabulali abantu uAllâh Angavumelanga ukuba babulawe, ngaphandle kokuselungelweni, abangakrexeziyo, (abangajoliyo) nabani na ke owenza le nto uza kusifumana isohlwayo
  69. Isohlwayo siya kuphindwa kabini ngoMhla woVuko yaye uya kuhlala apho ehlazekile
  70. Ngaphandle kwabo, baguqukayo bakholwe, benze izenzo zobulungisa; okwabo kukuba uAllâh Aguqule izono zabo zibe zizenzo ezilungileyo, kananjalo uAllâh nguMxoleli, USozinceba
  71. Lowo uguqukayo, enze izenzo ezilungileyo, inene yena uguqukele kuAllâh ngenguquko (eyamkelekileyo)
  72. Abo ngabo bangangqineli ubungqina bobuxoki, naxa begqitha ngakwintetho engcolileyo, bagqitha kuyo ngesidima
  73. Nabo bathi xa bekhunjuzwa ngeeVesi zeNkosi yabo, (ezo Vesi) zingawi phezu kwabo benobuthulu nobumfama
  74. Nabo bathi: “Nkosi yethu, siphe kubafazi bethu nakwinzala yethu ukukholiseka emehlweni ethu, Usenze sibe ziinkokeli zabanyulu
  75. Abo baya kuvuzwa ngeendawo eziphakamileyo (ePaladesi) ngenxa yokunyamezela kwabo. Phakathi apho baya kuhlangatyezwa ngemibuliso nelizwi loxolo nentlonipheko
  76. Bahlale apho (ePaladesi) hayi ukubalihle (kweloo) khaya, eliyindawo yokuphumla
  77. Yithi (Muhammad): “ INkosi yam Yayinihoye kuphela ngenxa yokuba nanithandaza kuYo. Kodwa ngoku niyaYiphika. Ke ngoko isohlwayo siya kunamathela nca kuni