26.The Poets

  1. Tâ-Sîn-Mîm
  2. Ezi ziiVesi zeNcwadi ecacileyo
  3. Mhlawumbi wena (Muhammad) ungazibulala ngenxa yobuhlungu bokuba bangangabi ngawo amakholwa
  4. Ukuba beSithanda beSingabathumelela umqondiso ovela esibhakabhakeni obuza kubenza iintamo zabo zihlale zithobekile
  5. Kananjalo akukho siTyhilelo sitsha esifika kubo sivela eNkosini yabo abangasitshikileliyo
  6. Ke kaloku bona baphikile, kodwa kuza kufika iindaba kubo zoko babedla ngokukugxeka
  7. Kanti abawujongi na umhlaba (babone) ukuba Sihlumise kangakanani na kuhlobo ngalunye (izinto) zodidi oluxabisekileyo
  8. Inene, kuko oku kukho umqondiso, kodwa uninzi lwabo abangomakholwa
  9. Yaye inene, iNkosi yakho nguSobunganga, uSozinceba
  10. Kananjalo xa iNkosi yakho yabiza uMûsâ (Isithi): “Hamba uye kubantu abenza ububi
  11. Abantu bakwaFir’awn. Ingaba abayi kumoyika na uAllâh?”
  12. Wathi yena: “Nkosi yam ndinoloyiko lokuba hleze bandiphikise
  13. Size nesifuba sam sicutheke1, nolwimi lwam lungabi nakukhululeka, ngoko ke thumela (umyalezo) kuHârûn (ukuba aze kuncedisana nam kulo msebenzi)
  14. Yaye bona banebango letyala2 kum, ngoko ke mna ndinoloyiko lokuba hleze bandibulale.”
  15. UAllâh Wathi: “Nakanye! Hambani nina nobabini nemiqondiso yeThu. Inene Thina Siya kuba kunye nani, Siphulaphule
  16. Hambani niye kuFir’awn, nithi kuye: ‘Thina singabaThunywa beNkosi yamaphakade
  17. Ke, vumela aBantwana bakwaSirayeli bahambe nathi.’”
  18. (UFir’awn) wathi: “Asizanga sikukhulise phakathi kwethu ungumtwana na wena (Mûsâ), wahlala nathi iminyaka ngeminyaka yobomi bakho
  19. Waza wena wenza isenzo sakho owasenzayo, waba ngomnye wabangenambulelo.”
  20. (UMûsâ) wathi: “Ndayenza loo nto ngoko, ngethuba ndandisengomnye wabalahlekileyo (ndingazi)
  21. Ndabaleka ndemka kuni, ndinoyika. Yaza iNkosi yam Yandinika (ulwazi) lokugweba, Yandenza ndaba ngoMnye wabaThunywa
  22. Olu luBabalo ondikhumbuza ngalo okokuba wena ukhoboza aBantwana bakwaSirayeli na?”
  23. UFir’awn wathi: “Kanti ngubani na iNkosi yamaphakade?”
  24. (UMûsâ) wathi: “YiNkosi yamazulu nomhlaba noko kuphakathikwawo, ukubaufunaukuqinisekiswangenyaniso.”
  25. (UFir’awn) wathi kwabo babemngqongile: “Aniva na?”
  26. (UMûsâ) wathi:YiNkosiyakhoekwayiNkosiyooyihlomkhulu bokuqala.”
  27. (UFir’awn) wathi: “Inene uMthunywa wenu othunywe kuni uphambene.”
  28. (UMûsâ) wathi: “YiNkosi yeMpumalanga neNtshonalanga noko kuphakathi kwazo, ukuba ubuqiqa.”
  29. (UFir’awn) wathi: “Ukuba ukhe wathabatha thixo (wumbi) ngaphandle kwam, Inene mna ndiya kukubeka phakathi kwabo bangamabanjwa.”
  30. (UMûsâ) wathi: Nokuba ndingakuzela nento ebonakalayo na (engumqondiso)?”
  31. UFir’awn wathi: Yiza nayo kaloku ukuba unenyaniso.”
  32. Waza (uMûsâ) wajula umsimelelo wakhe, ngokukhawuleza waba yinyoka ebonakalayo
  33. Waza warhola isandla sakhe saba mhlophe kwababesibukele
  34. (UFir’awn) wathi kwiinkosi zakhe ezazimngqongile: “Inene! Lo ngumenzi wemilingo oyincutshe
  35. Yena ufuna ukunikhupha ezweni lenu ngemilingo yakhe: uyintoni na ke umyalelo wenu, (makathiweni na)?”
  36. Bathi bona: “Rhoxisa (umcimbi) wakhe nomntakwabo okwethutyana, uthumele abamemezi ezixekweni
  37. Ukuba beze nazo zonke iincutshe zabenzi bemilingo.”
  38. Ke kaloku abenzi bemilingo baqokelelana ngemini eyayikhethiwe
  39. Kwathiwa ebantwini: “Ingaba nani niza kuqokelelana ndawonye na
  40. Khon’ukuze sibe nokulandela abenzi bemilingo ukuba ibe ngabo ababe noloyiso?”
  41. Ukufika kwabenzi bemilingo, bathi kuFir’awn: “Ingaba ngenene uya kubakhona na umvuzo kuthi xa sinokuphumelela
  42. Wathi yena: “Ewe, yaye kananjalo nina niya kuba ngabanye babo basondeleyo kum (ngokwesikhundla).”
  43. Umûsâ wathi: kubo: “Julani ke oko niza kukujula!”
  44. Bazijula ke iintambo zabo neentonga zabo, bathi: “Ngamandla kaFir’awn, sithi abaza kuphumelela ngenene!”
  45. Waza uMûsâ wajula eyakhe intonga, khangela ke! Yakuginya konke oko babekubonisa ngobuxoki
  46. Abenzi bemilingo bawa ngobuso baqubuda
  47. Besithi: “Sikholiwe thina kwiNkosi yamaphakade
  48. INkosi kaMûsâ noHârûn.”
  49. Wathi uFir’awn: “Nikholwa kuye ndinganinikanga mvume na? Inene, yena yinkosi yenu enifundise imilingo! Inene, niza kwazi. Inene mna ndiya kuninqumla izandla zenu neenyawo zenu ngokwahlukana kwamacala3, yaye ndiya kunibethelela emnqamlezweni nonke.”
  50. Bathi bona: Akuyi kubakho ngozi kuba isiphelo sethu kukubuyela eNkosini yethu (kakade)
  51. “Inene thina sithemba okokuba iNkosi yethu Iya kusixolela izono zethu, njengoko singabokuqala kumakholwa.”
  52. Kananjalo Satyhilela uMûsâ, (okokuba) “Hamba ngobusuku nezicaka zaM; inene, nina niya kuleqwa.”
  53. Waza uFir’awn wathumela ezixekweni abaqokeleli
  54. (Wathi), Inene, bona aba baliqelana elincinane
  55. Inene bona basenza umsindo
  56. Kanti thina siluluntu olunobubele.”
  57. Sabasusa ke ezitiyeni nasemithonjeni
  58. Nakoovimba nezikhundla ezihloniphekileyo
  59. Ngolo hlobo ke Senza aBantwana bakwaSirayeli ukuba babe ziindlalifa
  60. Babaleqa ke ukuphuma kwelanga
  61. Kwathi imikhosi leyo mibini ukubonana kwayo, abalandeli bakaMûsâ bathi: “Inene thina siza kufunyanwa.”
  62. (UMûsâ) wathi: “Nakanye! Inene, iNkosi yam Ikunye nam. Iya kundikhokela Yona.”
  63. Satyhila kuMûsâ (Sathi): “Betha ulwandle ngomsimelelo wakho,” Lwahlukana kubini, icala ngalinye laba ngathi yintaba ephakamileyo
  64. Saza Sabasondeza kufutshane abanye (umkhosi kaFir’awn)
  65. Samsindisa ke uMûsâ ndawonye nabo babekunye naye
  66. Sabatshonisa abanye (umkhosi kaFir’awn)
  67. Inene kule nto kwakungumqondiso kodwa uninzi lwabo babengazi kuba ngamakholwa
  68. Kananjalo iNkosi yakho NguSobunganga, uSobulumko
  69. Kananjalo bacengcelezele ibali likaIbrâhîm (uAbraham)
  70. Xa wathi kutata wakhe nakubantu bakowabo: “Ninqula ntoni na?”
  71. Bathi bona: “Sinqula izithixo, yaye thina sizinikele ngamandla kuzo.”
  72. Wathi yena: “Ziyaniva ke xa nibhekisa kuzo
  73. Okanye zininike inzuzo okanye zinonzakalise?”
  74. Bathi bona: “Hayi, kodwa ke safumana oobawo bethu besenza njalo (bezinqula).”
  75. Wathi yena: “Ingaba nikuqaphele phofu oko nihleli nikunqula
  76. Nina nookhokho benu bamandulo
  77. Inene bona baziintshaba kum, kodwa Ayinjalo Yona iNkosi yamaphakade
  78. Eyandidalayo, yaye yiYo Endikhokelayo
  79. IkwayiYo Endondlayo nendisezayo (Indiqabule unxano)
  80. Kanti naxa ndigulayo, yiYo Endiphilisayo
  81. IkwayiYo Eza kundenza ndife, Ize Indibuyisele ebomini (kwakhona)
  82. YiYo nendinqwenela ukuba Indixolele iziphoso zam ngoMhla wemivuzo.”
  83. (Waza uIbrâhîm wathi): “Nkosi yam ndiphe (amandla namagunya) okugweba, Undimanye nabangamalungisa
  84. Ndiphe ukukhankanywa ngenkumbulo ebekekileyo zizizukulwana ezizayo
  85. Undibeke phakathi kwabaziindlalifa zePaladesi yolonwabo
  86. Uxolele utata wam. Inene yena ngomnye wabo balahlekayo
  87. Ungandenzi ndibe ngomnye wabo bahlazekileyo ngoMhla lowo baya kuvuswa ngawo (bonke)
  88. Mini leyo ubutyebi nabantwana bungayi kunceda nto
  89. Ngaphandle kwalowo uya kuza kuAllâh enentliziyo ecocekileyo.”
  90. Ke kaloku iPaladesi iya kuziswa kufutshane kwabangamalungisa
  91. NoMlilo wesiHogo uya kuziswa kufutshane nabo baphambukayo
  92. Yaye kuya kuthiwa kubo: “Baphi na abo nanidla ngokubanqula
  93. Ngaphandle koAllâh? Banganinika na uncedo okanye bazincede bona buqu?”
  94. Ke kaloku bona baya kujulwa ngobuso babo eMlilweni, bona nabaphambuki
  95. Baya kudityaniswa ndawonye namajoni (omkhosi wokungcola) kaIblîs (uSathana)
  96. Baya kuthi xa bephikisana phakathi apho
  97. “Sifunga ngoAllâh: Inene thina sasisekulahlekeni okucacileyo
  98. Ngokufanisa nina neNkosi yamaphakade
  99. Yaye akukho bani owasilahlekisayo ngaphandle kwezaphula- mthetho
  100. Ke koloku thina ngoku asinamthetheleli
  101. Akukho netshomi ezinikeleyo (kuthi)
  102. Kodwa ukuba besinokubuyiselwa (emhlabeni), inene thina besiya kuba ngabakholwayo.”
  103. Inene kuko oku kukho umqondiso, kodwa uninzi lwabo abangomakholwa
  104. Inene iNkosi yakho, nguSomandla Wokwenene, uSozinceba
  105. Abantu bakwaNûh babaphikisa abaThunywa
  106. Xa umntakwabo uNûh wathi kubo: “Aniyi kumoyika na uAllâh
  107. Inene, mna ndinguMthunywa othembekileyo kuni
  108. Ngoko ke yoyikani uAllâh nindithobele
  109. Yaye andinibizi ntlawulo ngawo (lo myalezo). Intlawulo yam iseNkosini yam
  110. Yenzani amaxanduva enu kuAllâh, yoyikani Yena nithobele mna.”
  111. Bathi bona: “Thina sikholwe kuwe, lo gama ingabantu ekungekho yabo (phakathi kwethu) abalandela wena?”
  112. Wathi: “Ndinalwazi luni na mna ngoko bakwenzileyo
  113. Ityala labo liseNkosini yabo kuphela, ukuba benisazi
  114. Yaye andinguye onokugxotha amakholwa
  115. Mna ndinguMlumkisi kuphela.”
  116. Bathi bona: “Ukuba akuyeki (ukushumayela ngoAllâh) wena Nûh, inene wena uya kuba ngomnye wabo baya kuxulutywa ngamatye.”
  117. Wathi yena: “Nkosi yam, inene abantu bakuthi bandiphikile
  118. Gweba ke ngoko phakathi kwam nabo, undisindise mna nabo bangamakholwa bakunye nam.”
  119. Ke kaloku Samsindisa yena enqanaweni eyayisindeka (ngumthwalo)
  120. Sabarhaxisa(ngamanzibafa) bonkeabanye(ababengakholwa) emva koko
  121. Inene kuko oko kwabakho umqondiso, kodwa uninzi lwabo babengazi kuba ngamakholwa
  122. Ke kaloku Yona iNkosi yenu nguSobunganga, uSozinceba
  123. Ama’Ad abaphika abaThunywa
  124. Xa umntakwabo uHûd wathi kubo: “Aniyi kumoyika na uAllâh
  125. Inene, mna ndinguMthunywa othembekileyo kuni
  126. Yoyikani uAllâh ke ngoko nithobele mna
  127. Yaye andiniceli ntlawulo ngawo (lo myalezo). Intlawulo yam iseNkosini yamaphakade
  128. Nina nakha imizi yenu ephakamileyo kuzo zonke iindawo eziphakamileyo eningazi kuhlala nokuhlala kuyo (loo mizi)
  129. Nize nizithabathele izakhiwo (zamabhotwe) zokuba nihlale kuwo ngonaphakade
  130. Naxa nihlasela (abantu) nibahlasela okwezikhohlakali
  131. Yoyikani uAllâh ke ngoko nithobele mna
  132. Ke kaloku yoyikani loWo Wanibonelela ngoko nikwaziyo
  133. Wanibonelela ngemfuyo yezilwanyana ezidla ingca nabantwana
  134. Nezitiya nemithombo (yamanzi)
  135. Inene mna ndoyikisela isohlwayo seMini eNkulu kuni.”
  136. Bathi bona: “Kuyafana kuthi nokuba ungashumayela okanye ube ngomnye wabo bangashumayeliyo
  137. Oku (ukushumayelayo) akunto yimbi ngaphandle kokuba ngamabali obuxoki wabantu bakudala
  138. Yaye asiyi kohlwaywa thina.”
  139. Bamphikisa ke, Saza Sabatshabalalisa. Inene kuko oku kukho umqondiso ngenene, kodwa uninzi lwabo abangawo amakholwa
  140. Ke kaloku iNkosi yakho nguSobunganga, uSozinceba wokwenene
  141. (Abantu) bakwaThamûd babaphika abaThunywa
  142. Xa umntakwabo uSâlih wathi kubo: “Aniyi kumoyika na uAllâh
  143. Inene, mna ndinguMthunywa othembekileyo kuni
  144. Yoyikani uAllâh ke ngoko nithobele mna
  145. Yaye andinibizi ntlawulo ngawo (lo myalezo), intlawulo yam iseNkosini yamaphakade
  146. Ingaba niza kuhlala nikhuselekile koku ninako apha? (aniyi kufa na)
  147. (kwezo) zitiya (zenu) nemithombo
  148. Nezityalo eziluhlaza (zamasimi enu) needatilisi zesundu neziqhamo ezithambileyo
  149. Kananjalo nina nakha imizi yenu ezintabeni ngobuchule
  150. Yoyikani uAllâh ke ngoko nithobele mna
  151. Kananjalo musani ukuthobela imiyalelo yabenzi bobubi
  152. Abenzaubutshingaemhlabeniabangaguqukiyonokuguquka.”
  153. Bathi bona: “Kuphela wena ungomnye wabo bathakathiweyo
  154. (Bathi kananjalo): “Wena ungumntu ngokufana nathi, ngoko yiza nomqondiso, ukuba ngaba uthetha inyaniso.”
  155. Wathi yena: “Nantsi (imazi) yenkamela, okwayo kukuba isele (ngexesha elithile) nani ninelungelo lokuba nisele ngelenu ixesha ngemini eyaziwayo (nini nayo)
  156. Ke maze ningayichukumisi ngobubi, kungenjalo niya kuhlaselwa sisohlwayo semini embi kakhulu.”
  157. Kodwa (bayibulala) bayinqumla imisipha babuya bazisola
  158. Ke kaloku isohlwayo sabahlasela. Inene kuko oku kukho umqondiso, kodwa uninzi lwabo aluzanga lube ngawo amakholwa
  159. Kananjalo inene, iNksoi yakho nguSobunganga, uSozinceba
  160. Abantu bakwaLût babaphika abaThunywa
  161. Xa umntakwabo uLût wathi kubo: “Aniyi kumoyika na uAllâh
  162. Inene mna ndinguMthunywa othembekileyo kuni
  163. Yoyikani uAllâh ke nithobele mna
  164. Yaye andibizi ntlawulo ngawo (lo myalezo), intlawulo yam iseNkosini yamaphakade
  165. “Ingaba niya kumadoda na ephakadeni
  166. Niyeke abo uAllâh Wanidalela bona ukuba ibe ngabafazi benu? Inene, nina ningabagabadeli babantu!”
  167. Bathi bona: “Ukuba akusiyeki wena Lût! Inene wena uya kuba ngomnye wabo bakhutshelwe ngaphandle (kwesi sixeko).”
  168. Wathi yena: “Inene mna ndingomnye wabo basichase kanobom isenzo senu, nabo basonyanyayo
  169. Nkosi yam, ndisindise mna nosapho lwam (kwiziphumo zoko) bakwenzayo.”
  170. Samsindisa ke yena nosapho lwakhe, lonke
  171. ngaphandle kwexhegokazi elaba ngomnye wabo bashiyeka ngemva
  172. Emva koko Sabatshabalalisa abanye
  173. Ke kaloku Sathoba imvula (yamatye omlilo) phezu kwabo, hayi ububi baloo mvula yabo babelunyukisiwe ngayo
  174. Inene kuko oku kukho umqondiso, kodwa uninzi lwabo aluzanga lube ngawo amakholwa
  175. Kananjalo iNkosi yakho nguSobunganga wokwenene, uSozinceba
  176. Abemi base-Al-Aikah4 babaphika abaThunywa
  177. Xa uShu’aybh wathi kubo: “Aniyi kumoyika na uAllâh
  178. Inene mna ndinguMthunywa othembekileyo kuni
  179. Ngoko ke yoyikani uAllâh nithobele mna
  180. Yaye andibizi ntlawulo ngawo (lo msebenzi), intlawulo yam iseNkosini yamaphakade
  181. Nikani (abantu) umlinganiselo opheleleyo ningabi ngabo abo babangela ilahleko
  182. Nimete ngesikali esingumlinganiselo onguwo (xa nisenza intengiselwano nabantu)
  183. Ningabaqhathi abantu ngokucutha izinto, ningenzi kungcola, nabutshinga emhlabeni
  184. Noyike loWo Wanidalayo nezizukulwana zamandulo.”
  185. Bathi bona: “Kuphela wena ungomnye wabo bathakathiweyo
  186. Wena ungumntu njengathi yaye inene, thina sicinga ukuba ungomnye wabo bangamaxoki
  187. Ngoko ke yenza iceba lezulu lisiwele, ukuba ngaba uthetha inyaniso!”
  188. Wathi yena: “INkosi yam yiYona InguMazi woko nikwenzayo.”
  189. Bamphika ke, saza isohlwayo semini yelifu elimnyama sabahlasela. Inene sona yayisisohlwayo semini embi kunene
  190. Inene kuko oku kukho umqondiso, kodwa uninzi lwabo babengengawo amakholwa
  191. Kananjalo, iNkosi yakho nguSobunganga, uSozinceba
  192. Yaye inene, (i’Kur’ân) sisiTyhilelo seNkosi yamaphakade
  193. UMoya Othembekileyo (oyiNgcwele uJibrîl) uze nayo emhlabeni
  194. Entliziyweni yakho (Muhammad) khon’ukuze ube ngomnye wabaLumkisi
  195. Ngolwimi olucacileyo lwesiArabhu
  196. Kananjalo inene, yona (ikhankanyiwe) kwiziBhalo zabantu bamandulo
  197. Kanti akungomqondiso na kubo ukuba yaziwe nazizifundiswa zaBatwana bakwaSirayeli
  198. Enokuba beSiyityhile komnye wabasemzini
  199. Aze ayicengceleze kubo, (kakuhle), bebehleli bengayi kukholwa kuyo
  200. Senza njalo ke ukufaka ukungakholwa ezintliziyweni zezaphula-mthetho
  201. Abayi kukholwa kuyo de babone isohlwayo esibuhlungu
  202. Yaye siya kubafikela bengekaqondi
  203. Baze bathi: “Singamelwa na (okwethutyana)
  204. Ngoko ke ingaba sele besingxamele na isohlwayo seThu
  205. Uyabona na ukuba xa Sinokubayeka babeselonwabeni iminyaka ngeminyaka
  206. Kuze kufike kubo oko babethenjiswe ngako
  207. Abayi kuncedwa nganto lulonwabo ababelunikiwe
  208. Kananjalo aSizanga sitshabalalise sixeko ngaphandle kokuba (siqale) sibe nabaLumkisi
  209. Bokubakhumbuza; yaye aSizanga Sibe nentswela-bulungisa Thina
  210. Kananjalo ayingooSathana abaze nayo (i’Kur’ân)
  211. Abavumelekanga, bengasokuze bakwazi
  212. Inene bona ekuyiveni bashenxisiwe
  213. Ngoko ke ungathandazi komnye uthixo kunye noAllâh hleze ube ngomnye wabo baya kwamkeliswa isohlwayo
  214. Kananjalo lumkisa isizwe sakho nezizalwana ezisondeleyo (ngokuhlobana)
  215. Uthobe iphiko lakho (ube nemfobe) kwabo bakulandelayo bangamakholwa
  216. Xa ke bengakuthobeli, yithi wena: “Mna ndimsulwa koko nikwenzayo nina.”
  217. Wena uxhomekeke kuSobunganga, uSozinceba
  218. Okubonayo xa uvuka
  219. Nentshukumo yakho phakathi kwabo baqubudayo
  220. Inene Yena (uAllâh) nguSokuva, uSolwazi
  221. Ndinganixelela abo ooSathana behla phezu kwabo
  222. Behla phezu kwabo bonke abenzi bezono, amaxoki
  223. (Abo bangamaxoki) bagqithisa abakuvileyo, (ngooSathana), yaye uninzi lwabo ngamaxoki
  224. Ke zona iimbongi (ezo balandela zona) ngabalahleki (kuphela)
  225. Awuboni na ukuba zinyuka zisihla kwintili nganye
  226. Kwanokuba zithetha ezingakwenziyo
  227. Ngaphandle kwezo mbongi zikholwayo, zenze ubulungisa zikhumbule uAllâh rhoqo zincedise (amaMuslim) emva kokuba oniwe. Ke kaloku abo bonayo baza kwazi okokuba (luhlobo olunjani na) lokubuyela abaya kubuyiswa ngalo