26.The Poets
- Tâ-Sîn-Mîm
- Ezi ziiVesi zeNcwadi ecacileyo
- Mhlawumbi wena (Muhammad) ungazibulala ngenxa yobuhlungu bokuba bangangabi ngawo amakholwa
- Ukuba beSithanda beSingabathumelela umqondiso ovela esibhakabhakeni obuza kubenza iintamo zabo zihlale zithobekile
- Kananjalo akukho siTyhilelo sitsha esifika kubo sivela eNkosini yabo abangasitshikileliyo
- Ke kaloku bona baphikile, kodwa kuza kufika iindaba kubo zoko babedla ngokukugxeka
- Kanti abawujongi na umhlaba (babone) ukuba Sihlumise kangakanani na kuhlobo ngalunye (izinto) zodidi oluxabisekileyo
- Inene, kuko oku kukho umqondiso, kodwa uninzi lwabo abangomakholwa
- Yaye inene, iNkosi yakho nguSobunganga, uSozinceba
- Kananjalo xa iNkosi yakho yabiza uMûsâ (Isithi): “Hamba uye kubantu abenza ububi
- Abantu bakwaFir’awn. Ingaba abayi kumoyika na uAllâh?”
- Wathi yena: “Nkosi yam ndinoloyiko lokuba hleze bandiphikise
- Size nesifuba sam sicutheke1, nolwimi lwam lungabi nakukhululeka, ngoko ke thumela (umyalezo) kuHârûn (ukuba aze kuncedisana nam kulo msebenzi)
- Yaye bona banebango letyala2 kum, ngoko ke mna ndinoloyiko lokuba hleze bandibulale.”
- UAllâh Wathi: “Nakanye! Hambani nina nobabini nemiqondiso yeThu. Inene Thina Siya kuba kunye nani, Siphulaphule
- Hambani niye kuFir’awn, nithi kuye: ‘Thina singabaThunywa beNkosi yamaphakade
- Ke, vumela aBantwana bakwaSirayeli bahambe nathi.’”
- (UFir’awn) wathi: “Asizanga sikukhulise phakathi kwethu ungumtwana na wena (Mûsâ), wahlala nathi iminyaka ngeminyaka yobomi bakho
- Waza wena wenza isenzo sakho owasenzayo, waba ngomnye wabangenambulelo.”
- (UMûsâ) wathi: “Ndayenza loo nto ngoko, ngethuba ndandisengomnye wabalahlekileyo (ndingazi)
- Ndabaleka ndemka kuni, ndinoyika. Yaza iNkosi yam Yandinika (ulwazi) lokugweba, Yandenza ndaba ngoMnye wabaThunywa
- Olu luBabalo ondikhumbuza ngalo okokuba wena ukhoboza aBantwana bakwaSirayeli na?”
- UFir’awn wathi: “Kanti ngubani na iNkosi yamaphakade?”
- (UMûsâ) wathi: “YiNkosi yamazulu nomhlaba noko kuphakathikwawo, ukubaufunaukuqinisekiswangenyaniso.”
- (UFir’awn) wathi kwabo babemngqongile: “Aniva na?”
- (UMûsâ) wathi:YiNkosiyakhoekwayiNkosiyooyihlomkhulu bokuqala.”
- (UFir’awn) wathi: “Inene uMthunywa wenu othunywe kuni uphambene.”
- (UMûsâ) wathi: “YiNkosi yeMpumalanga neNtshonalanga noko kuphakathi kwazo, ukuba ubuqiqa.”
- (UFir’awn) wathi: “Ukuba ukhe wathabatha thixo (wumbi) ngaphandle kwam, Inene mna ndiya kukubeka phakathi kwabo bangamabanjwa.”
- (UMûsâ) wathi: Nokuba ndingakuzela nento ebonakalayo na (engumqondiso)?”
- UFir’awn wathi: Yiza nayo kaloku ukuba unenyaniso.”
- Waza (uMûsâ) wajula umsimelelo wakhe, ngokukhawuleza waba yinyoka ebonakalayo
- Waza warhola isandla sakhe saba mhlophe kwababesibukele
- (UFir’awn) wathi kwiinkosi zakhe ezazimngqongile: “Inene! Lo ngumenzi wemilingo oyincutshe
- Yena ufuna ukunikhupha ezweni lenu ngemilingo yakhe: uyintoni na ke umyalelo wenu, (makathiweni na)?”
- Bathi bona: “Rhoxisa (umcimbi) wakhe nomntakwabo okwethutyana, uthumele abamemezi ezixekweni
- Ukuba beze nazo zonke iincutshe zabenzi bemilingo.”
- Ke kaloku abenzi bemilingo baqokelelana ngemini eyayikhethiwe
- Kwathiwa ebantwini: “Ingaba nani niza kuqokelelana ndawonye na
- Khon’ukuze sibe nokulandela abenzi bemilingo ukuba ibe ngabo ababe noloyiso?”
- Ukufika kwabenzi bemilingo, bathi kuFir’awn: “Ingaba ngenene uya kubakhona na umvuzo kuthi xa sinokuphumelela
- Wathi yena: “Ewe, yaye kananjalo nina niya kuba ngabanye babo basondeleyo kum (ngokwesikhundla).”
- Umûsâ wathi: kubo: “Julani ke oko niza kukujula!”
- Bazijula ke iintambo zabo neentonga zabo, bathi: “Ngamandla kaFir’awn, sithi abaza kuphumelela ngenene!”
- Waza uMûsâ wajula eyakhe intonga, khangela ke! Yakuginya konke oko babekubonisa ngobuxoki
- Abenzi bemilingo bawa ngobuso baqubuda
- Besithi: “Sikholiwe thina kwiNkosi yamaphakade
- INkosi kaMûsâ noHârûn.”
- Wathi uFir’awn: “Nikholwa kuye ndinganinikanga mvume na? Inene, yena yinkosi yenu enifundise imilingo! Inene, niza kwazi. Inene mna ndiya kuninqumla izandla zenu neenyawo zenu ngokwahlukana kwamacala3, yaye ndiya kunibethelela emnqamlezweni nonke.”
- Bathi bona: Akuyi kubakho ngozi kuba isiphelo sethu kukubuyela eNkosini yethu (kakade)
- “Inene thina sithemba okokuba iNkosi yethu Iya kusixolela izono zethu, njengoko singabokuqala kumakholwa.”
- Kananjalo Satyhilela uMûsâ, (okokuba) “Hamba ngobusuku nezicaka zaM; inene, nina niya kuleqwa.”
- Waza uFir’awn wathumela ezixekweni abaqokeleli
- (Wathi), Inene, bona aba baliqelana elincinane
- Inene bona basenza umsindo
- Kanti thina siluluntu olunobubele.”
- Sabasusa ke ezitiyeni nasemithonjeni
- Nakoovimba nezikhundla ezihloniphekileyo
- Ngolo hlobo ke Senza aBantwana bakwaSirayeli ukuba babe ziindlalifa
- Babaleqa ke ukuphuma kwelanga
- Kwathi imikhosi leyo mibini ukubonana kwayo, abalandeli bakaMûsâ bathi: “Inene thina siza kufunyanwa.”
- (UMûsâ) wathi: “Nakanye! Inene, iNkosi yam Ikunye nam. Iya kundikhokela Yona.”
- Satyhila kuMûsâ (Sathi): “Betha ulwandle ngomsimelelo wakho,” Lwahlukana kubini, icala ngalinye laba ngathi yintaba ephakamileyo
- Saza Sabasondeza kufutshane abanye (umkhosi kaFir’awn)
- Samsindisa ke uMûsâ ndawonye nabo babekunye naye
- Sabatshonisa abanye (umkhosi kaFir’awn)
- Inene kule nto kwakungumqondiso kodwa uninzi lwabo babengazi kuba ngamakholwa
- Kananjalo iNkosi yakho NguSobunganga, uSobulumko
- Kananjalo bacengcelezele ibali likaIbrâhîm (uAbraham)
- Xa wathi kutata wakhe nakubantu bakowabo: “Ninqula ntoni na?”
- Bathi bona: “Sinqula izithixo, yaye thina sizinikele ngamandla kuzo.”
- Wathi yena: “Ziyaniva ke xa nibhekisa kuzo
- Okanye zininike inzuzo okanye zinonzakalise?”
- Bathi bona: “Hayi, kodwa ke safumana oobawo bethu besenza njalo (bezinqula).”
- Wathi yena: “Ingaba nikuqaphele phofu oko nihleli nikunqula
- Nina nookhokho benu bamandulo
- Inene bona baziintshaba kum, kodwa Ayinjalo Yona iNkosi yamaphakade
- Eyandidalayo, yaye yiYo Endikhokelayo
- IkwayiYo Endondlayo nendisezayo (Indiqabule unxano)
- Kanti naxa ndigulayo, yiYo Endiphilisayo
- IkwayiYo Eza kundenza ndife, Ize Indibuyisele ebomini (kwakhona)
- YiYo nendinqwenela ukuba Indixolele iziphoso zam ngoMhla wemivuzo.”
- (Waza uIbrâhîm wathi): “Nkosi yam ndiphe (amandla namagunya) okugweba, Undimanye nabangamalungisa
- Ndiphe ukukhankanywa ngenkumbulo ebekekileyo zizizukulwana ezizayo
- Undibeke phakathi kwabaziindlalifa zePaladesi yolonwabo
- Uxolele utata wam. Inene yena ngomnye wabo balahlekayo
- Ungandenzi ndibe ngomnye wabo bahlazekileyo ngoMhla lowo baya kuvuswa ngawo (bonke)
- Mini leyo ubutyebi nabantwana bungayi kunceda nto
- Ngaphandle kwalowo uya kuza kuAllâh enentliziyo ecocekileyo.”
- Ke kaloku iPaladesi iya kuziswa kufutshane kwabangamalungisa
- NoMlilo wesiHogo uya kuziswa kufutshane nabo baphambukayo
- Yaye kuya kuthiwa kubo: “Baphi na abo nanidla ngokubanqula
- Ngaphandle koAllâh? Banganinika na uncedo okanye bazincede bona buqu?”
- Ke kaloku bona baya kujulwa ngobuso babo eMlilweni, bona nabaphambuki
- Baya kudityaniswa ndawonye namajoni (omkhosi wokungcola) kaIblîs (uSathana)
- Baya kuthi xa bephikisana phakathi apho
- “Sifunga ngoAllâh: Inene thina sasisekulahlekeni okucacileyo
- Ngokufanisa nina neNkosi yamaphakade
- Yaye akukho bani owasilahlekisayo ngaphandle kwezaphula- mthetho
- Ke koloku thina ngoku asinamthetheleli
- Akukho netshomi ezinikeleyo (kuthi)
- Kodwa ukuba besinokubuyiselwa (emhlabeni), inene thina besiya kuba ngabakholwayo.”
- Inene kuko oku kukho umqondiso, kodwa uninzi lwabo abangomakholwa
- Inene iNkosi yakho, nguSomandla Wokwenene, uSozinceba
- Abantu bakwaNûh babaphikisa abaThunywa
- Xa umntakwabo uNûh wathi kubo: “Aniyi kumoyika na uAllâh
- Inene, mna ndinguMthunywa othembekileyo kuni
- Ngoko ke yoyikani uAllâh nindithobele
- Yaye andinibizi ntlawulo ngawo (lo myalezo). Intlawulo yam iseNkosini yam
- Yenzani amaxanduva enu kuAllâh, yoyikani Yena nithobele mna.”
- Bathi bona: “Thina sikholwe kuwe, lo gama ingabantu ekungekho yabo (phakathi kwethu) abalandela wena?”
- Wathi: “Ndinalwazi luni na mna ngoko bakwenzileyo
- Ityala labo liseNkosini yabo kuphela, ukuba benisazi
- Yaye andinguye onokugxotha amakholwa
- Mna ndinguMlumkisi kuphela.”
- Bathi bona: “Ukuba akuyeki (ukushumayela ngoAllâh) wena Nûh, inene wena uya kuba ngomnye wabo baya kuxulutywa ngamatye.”
- Wathi yena: “Nkosi yam, inene abantu bakuthi bandiphikile
- Gweba ke ngoko phakathi kwam nabo, undisindise mna nabo bangamakholwa bakunye nam.”
- Ke kaloku Samsindisa yena enqanaweni eyayisindeka (ngumthwalo)
- Sabarhaxisa(ngamanzibafa) bonkeabanye(ababengakholwa) emva koko
- Inene kuko oko kwabakho umqondiso, kodwa uninzi lwabo babengazi kuba ngamakholwa
- Ke kaloku Yona iNkosi yenu nguSobunganga, uSozinceba
- Ama’Ad abaphika abaThunywa
- Xa umntakwabo uHûd wathi kubo: “Aniyi kumoyika na uAllâh
- Inene, mna ndinguMthunywa othembekileyo kuni
- Yoyikani uAllâh ke ngoko nithobele mna
- Yaye andiniceli ntlawulo ngawo (lo myalezo). Intlawulo yam iseNkosini yamaphakade
- Nina nakha imizi yenu ephakamileyo kuzo zonke iindawo eziphakamileyo eningazi kuhlala nokuhlala kuyo (loo mizi)
- Nize nizithabathele izakhiwo (zamabhotwe) zokuba nihlale kuwo ngonaphakade
- Naxa nihlasela (abantu) nibahlasela okwezikhohlakali
- Yoyikani uAllâh ke ngoko nithobele mna
- Ke kaloku yoyikani loWo Wanibonelela ngoko nikwaziyo
- Wanibonelela ngemfuyo yezilwanyana ezidla ingca nabantwana
- Nezitiya nemithombo (yamanzi)
- Inene mna ndoyikisela isohlwayo seMini eNkulu kuni.”
- Bathi bona: “Kuyafana kuthi nokuba ungashumayela okanye ube ngomnye wabo bangashumayeliyo
- Oku (ukushumayelayo) akunto yimbi ngaphandle kokuba ngamabali obuxoki wabantu bakudala
- Yaye asiyi kohlwaywa thina.”
- Bamphikisa ke, Saza Sabatshabalalisa. Inene kuko oku kukho umqondiso ngenene, kodwa uninzi lwabo abangawo amakholwa
- Ke kaloku iNkosi yakho nguSobunganga, uSozinceba wokwenene
- (Abantu) bakwaThamûd babaphika abaThunywa
- Xa umntakwabo uSâlih wathi kubo: “Aniyi kumoyika na uAllâh
- Inene, mna ndinguMthunywa othembekileyo kuni
- Yoyikani uAllâh ke ngoko nithobele mna
- Yaye andinibizi ntlawulo ngawo (lo myalezo), intlawulo yam iseNkosini yamaphakade
- Ingaba niza kuhlala nikhuselekile koku ninako apha? (aniyi kufa na)
- (kwezo) zitiya (zenu) nemithombo
- Nezityalo eziluhlaza (zamasimi enu) needatilisi zesundu neziqhamo ezithambileyo
- Kananjalo nina nakha imizi yenu ezintabeni ngobuchule
- Yoyikani uAllâh ke ngoko nithobele mna
- Kananjalo musani ukuthobela imiyalelo yabenzi bobubi
- Abenzaubutshingaemhlabeniabangaguqukiyonokuguquka.”
- Bathi bona: “Kuphela wena ungomnye wabo bathakathiweyo
- (Bathi kananjalo): “Wena ungumntu ngokufana nathi, ngoko yiza nomqondiso, ukuba ngaba uthetha inyaniso.”
- Wathi yena: “Nantsi (imazi) yenkamela, okwayo kukuba isele (ngexesha elithile) nani ninelungelo lokuba nisele ngelenu ixesha ngemini eyaziwayo (nini nayo)
- Ke maze ningayichukumisi ngobubi, kungenjalo niya kuhlaselwa sisohlwayo semini embi kakhulu.”
- Kodwa (bayibulala) bayinqumla imisipha babuya bazisola
- Ke kaloku isohlwayo sabahlasela. Inene kuko oku kukho umqondiso, kodwa uninzi lwabo aluzanga lube ngawo amakholwa
- Kananjalo inene, iNksoi yakho nguSobunganga, uSozinceba
- Abantu bakwaLût babaphika abaThunywa
- Xa umntakwabo uLût wathi kubo: “Aniyi kumoyika na uAllâh
- Inene mna ndinguMthunywa othembekileyo kuni
- Yoyikani uAllâh ke nithobele mna
- Yaye andibizi ntlawulo ngawo (lo myalezo), intlawulo yam iseNkosini yamaphakade
- “Ingaba niya kumadoda na ephakadeni
- Niyeke abo uAllâh Wanidalela bona ukuba ibe ngabafazi benu? Inene, nina ningabagabadeli babantu!”
- Bathi bona: “Ukuba akusiyeki wena Lût! Inene wena uya kuba ngomnye wabo bakhutshelwe ngaphandle (kwesi sixeko).”
- Wathi yena: “Inene mna ndingomnye wabo basichase kanobom isenzo senu, nabo basonyanyayo
- Nkosi yam, ndisindise mna nosapho lwam (kwiziphumo zoko) bakwenzayo.”
- Samsindisa ke yena nosapho lwakhe, lonke
- ngaphandle kwexhegokazi elaba ngomnye wabo bashiyeka ngemva
- Emva koko Sabatshabalalisa abanye
- Ke kaloku Sathoba imvula (yamatye omlilo) phezu kwabo, hayi ububi baloo mvula yabo babelunyukisiwe ngayo
- Inene kuko oku kukho umqondiso, kodwa uninzi lwabo aluzanga lube ngawo amakholwa
- Kananjalo iNkosi yakho nguSobunganga wokwenene, uSozinceba
- Abemi base-Al-Aikah4 babaphika abaThunywa
- Xa uShu’aybh wathi kubo: “Aniyi kumoyika na uAllâh
- Inene mna ndinguMthunywa othembekileyo kuni
- Ngoko ke yoyikani uAllâh nithobele mna
- Yaye andibizi ntlawulo ngawo (lo msebenzi), intlawulo yam iseNkosini yamaphakade
- Nikani (abantu) umlinganiselo opheleleyo ningabi ngabo abo babangela ilahleko
- Nimete ngesikali esingumlinganiselo onguwo (xa nisenza intengiselwano nabantu)
- Ningabaqhathi abantu ngokucutha izinto, ningenzi kungcola, nabutshinga emhlabeni
- Noyike loWo Wanidalayo nezizukulwana zamandulo.”
- Bathi bona: “Kuphela wena ungomnye wabo bathakathiweyo
- Wena ungumntu njengathi yaye inene, thina sicinga ukuba ungomnye wabo bangamaxoki
- Ngoko ke yenza iceba lezulu lisiwele, ukuba ngaba uthetha inyaniso!”
- Wathi yena: “INkosi yam yiYona InguMazi woko nikwenzayo.”
- Bamphika ke, saza isohlwayo semini yelifu elimnyama sabahlasela. Inene sona yayisisohlwayo semini embi kunene
- Inene kuko oku kukho umqondiso, kodwa uninzi lwabo babengengawo amakholwa
- Kananjalo, iNkosi yakho nguSobunganga, uSozinceba
- Yaye inene, (i’Kur’ân) sisiTyhilelo seNkosi yamaphakade
- UMoya Othembekileyo (oyiNgcwele uJibrîl) uze nayo emhlabeni
- Entliziyweni yakho (Muhammad) khon’ukuze ube ngomnye wabaLumkisi
- Ngolwimi olucacileyo lwesiArabhu
- Kananjalo inene, yona (ikhankanyiwe) kwiziBhalo zabantu bamandulo
- Kanti akungomqondiso na kubo ukuba yaziwe nazizifundiswa zaBatwana bakwaSirayeli
- Enokuba beSiyityhile komnye wabasemzini
- Aze ayicengceleze kubo, (kakuhle), bebehleli bengayi kukholwa kuyo
- Senza njalo ke ukufaka ukungakholwa ezintliziyweni zezaphula-mthetho
- Abayi kukholwa kuyo de babone isohlwayo esibuhlungu
- Yaye siya kubafikela bengekaqondi
- Baze bathi: “Singamelwa na (okwethutyana)
- Ngoko ke ingaba sele besingxamele na isohlwayo seThu
- Uyabona na ukuba xa Sinokubayeka babeselonwabeni iminyaka ngeminyaka
- Kuze kufike kubo oko babethenjiswe ngako
- Abayi kuncedwa nganto lulonwabo ababelunikiwe
- Kananjalo aSizanga sitshabalalise sixeko ngaphandle kokuba (siqale) sibe nabaLumkisi
- Bokubakhumbuza; yaye aSizanga Sibe nentswela-bulungisa Thina
- Kananjalo ayingooSathana abaze nayo (i’Kur’ân)
- Abavumelekanga, bengasokuze bakwazi
- Inene bona ekuyiveni bashenxisiwe
- Ngoko ke ungathandazi komnye uthixo kunye noAllâh hleze ube ngomnye wabo baya kwamkeliswa isohlwayo
- Kananjalo lumkisa isizwe sakho nezizalwana ezisondeleyo (ngokuhlobana)
- Uthobe iphiko lakho (ube nemfobe) kwabo bakulandelayo bangamakholwa
- Xa ke bengakuthobeli, yithi wena: “Mna ndimsulwa koko nikwenzayo nina.”
- Wena uxhomekeke kuSobunganga, uSozinceba
- Okubonayo xa uvuka
- Nentshukumo yakho phakathi kwabo baqubudayo
- Inene Yena (uAllâh) nguSokuva, uSolwazi
- Ndinganixelela abo ooSathana behla phezu kwabo
- Behla phezu kwabo bonke abenzi bezono, amaxoki
- (Abo bangamaxoki) bagqithisa abakuvileyo, (ngooSathana), yaye uninzi lwabo ngamaxoki
- Ke zona iimbongi (ezo balandela zona) ngabalahleki (kuphela)
- Awuboni na ukuba zinyuka zisihla kwintili nganye
- Kwanokuba zithetha ezingakwenziyo
- Ngaphandle kwezo mbongi zikholwayo, zenze ubulungisa zikhumbule uAllâh rhoqo zincedise (amaMuslim) emva kokuba oniwe. Ke kaloku abo bonayo baza kwazi okokuba (luhlobo olunjani na) lokubuyela abaya kubuyiswa ngalo