29.The Spider
- Alif-Lâm-Mîm
- Ingaba abantu (aba) bacinga ukuba baza kuyekwa na kuba besithi: “Siyakholwa”, bangavavanywa
- Kodwa Sabavavanya abo bangaphambili kunabo, kwaye uAllâh Uza kwenza bacace abo banyanisekileyo, Abenze bacace nabo bangamaxoki
- Makube mhlawumbi abo benza izenzo zokungcola bacinga ukuba bangaphuncula kuThi? Ingcolile (indlela) abagweba ngayo
- Nabani na onethemba lokudibana noAllâh inene ixesha (elibekwe) nguAllâh liyeza. Yaye Yena nguSokuva, uSolwazi
- Ke kaloku lowo uzabalazayo, uzabalazela kuphela ukusindisa isiqu sakhe. Inene uAllâh Akadingi nto emaphakadeni
- Abo bakholwayo benze izenzo ezilungileyo ngenene Thina Siya kuzisusa izenzo zabo ezigwenxa kubo, Sibavuze kananjalo kangangoko kulungileyo bakwezayo
- Kananjalo Siyalele ukulunga emntwini kubazali (bakhe) kodwa ukuba bakuyalela ukuba wayamanise (amahlulelane) kuM (Mna Allâh) ongenalwazi wena ngawo, ungabathobeli. KukuM apho ukubuyela kwenu kukhoyo, yaye Ndiya kunazisa ngoko nakwenzayo
- Abo bakholwayo, benze izenzo ezilungileyo Siya kubangenisa ngenene phakathi kwabangamalungisa (ePaladesi)
- Ebantwini kukho abo bathi: “Siyakholwa kuAllâh,” kodwa athi omnye kubo esakuhlelwa bububi ngenxa ka- Allâh, bayithathe loo ntlungu yenziwe ngabantu (kubo) ngokungengathi sisohlwayo sika-Allâh. Kodwa xa uloyiso lufika luvela eNkosini yakho, bathi: “Inene thina besikunye nani.”Ayingo-Allâh na Ongoyena Waziyo ngoko kusezifubeni zezidalwa
- Ke kaloku uAllâh Uza kwenza bacace abo bakholwayo, kwaye Uza kubenza babonakale nabahanahanisi
- Abo bangakholwayo bathi kwabo bakholwayo: “Landelani indlela yethu, thina siya kuzithwala izono zenu.” Kodwa abayi kuthwala nento le kwezo zono zabo. Eneneni bona ngamaxoki
- Kodwa baza kuthwala eyabo imithwalo neminye imithwalo kunye naloo mithwalo yabo, yaye baza kubuzwa ngokwenene ngeMini yoVuko ngoko bakuqambayo
- Kananjalo Sathumela uNûh kubantu bakubo, waphila phakathi kwabo iminyaka eliwaka uthabathe (kuyo) iminyaka engamashumi amahlanu, waza wabahlasela ke unogumbe besengabenzi bobubi
- Kodwa yena (Nûh) Samsindisa nababesenqanaweni, kananjalo Thina Sayenza umqondiso emazweni
- Ukanti Sathumela uIbrâhîm, owathi kubantu bakubo: “Khonzani uAllâh noyike Yena. Kokona kulungileyo oko kuni ukuba benisazi
- Nina nikhonza izithixo ngaphandle koAllâh, nize nivelise ubuxoki. Inene abo nibakhonzayo ngaphandle koAllâh abanamandla banawo okunibonelela nganto. Ngoko funani imbonelelo kuAllâh nikhonze Yena, nibe nombulelo kuYe. KukuYe apho niza kubuyela khona
- Ke kaloku nina (bantu) ukuba niya kuwuphika (umyalezo weIslam) sele zawuphika kakade izizwe ezingaphambili kunani. Kanti akukho xanduva lumbi phezu koMthunywa ngaphandlekoxanduvalokuvakalisaumyalezongokucacileyo
- Ababoni na ukuba uAllâh Uyiqala kanjani na indalo Aze ayiphinde kwakhona? Inene kulula oko kuAllâh
- Yithi (Muhammad): “Hamba-hambani ehlabathini nibone ukuba Wayiqala kanjani na indalo. Ke kaloku uAllâh Uza kuvelisa indalo yokugqibela. Inene uAllâh Unamandla ngaphezulu kwezinto zonke.”
- Yena Wohlwaya lowo Athandileyo, Abe nenceba kulowo Athandileyo, ukanti kukuYe apho niza kubuyela khona
- Kwaye aniyi kumenza Asilele (uAllâh) ehlabathini okanye ezulwini. Kananjalo nina aninaye omnye umkhuseli ngaphandle koAllâh
- Abo bangakholwayo kwiiVesi zika-Allâh nakwindibano naYe abo (sele) balahlekelwa lithemba mayela nenceba yaM. Yaye baya kufumana isohlwayo esibuhlungu
- Ke kaloku impendulo yabantu bakubo (uIbrâhîm) yaba kukuthi: “Mbulaleni kungenjalo mtshiseni.” Kodwa uAllâh Wamsindisa Yena emlilweni. Inene kuko oko kukho imiqondiso kubantu abakholwayo
- Kananjalo (uIbrâhîm) wathi: “Nina nithabathe izithixo ngaphandle koAllâh nazenza unxibelelwaniso lokuthandaza phakathi kwenu kubomi beli hlabathi, ukanti ngeMini yoVuko niza kukhanyelana ize indawo yenu yokubalekela ibe seMlilweni, yaye aniyi kuba namncedi.”
- Ke kaloku uLût wakholwa kuye (uIbrâhîm), wathi: “Inene mna ndiya kufuduka ngenxa yeNkosi yam, inene Yona nguSobunganga, uSobulumko
- Kananjalo yena (uIbrâhîm) Samnika uIs-hâ’k noYa’kûbh sabeka ubuProfeti nesiBhalo kwihlumelo lakhe. Samnika nomvuzo wakhe kweli hlabathi, inene yena kuBomi oBuzayo ungomnye wamalungisa
- Kanti noLût xa wathi kubantu bakubo: “Inene, nina nenza ukungcola okungafaniyo nokwenziwa nangubani na ongaphambili kunani emaphakadeni
- Nina niya emadodeni nivale iindlela1, nenze konke ukungcola ezindibanweni zenu.” Ke kaloku impendulo yabantu bakhe ayizanga ibe yinto yimbi ngaphandle kokuthi: “Sizisele isohlwayo sika-Allâh, ukuba uthetha inyaniso.”
- Wathi yena: Nkosi yam ndincedise ngokuchasene nabantu abazizingcoli.”
- Ke kaloku ukufika kweziThunywa zethu (iingelosi) kuIbrâhîm neendaba ezivuyisayo, zathi: “Inene thina siya kubatshabalalisa abantu besiyaa sixeko, inene abantu baso baye babangabenzi bobugwenxa.”
- uIbrâhîm wathi: “Inene kuso apho kukho noLût nje.” zathi zona: “Sazi ngcono thina okungaphakathi kuso. Inene siya kumsindisa yena nosapho lwakhe, ngaphandle komkakhe. Yena ungomnye wabo baya kushiywa ngemva.”
- Ke kaloku ukufika kweziThunywa zeThu kuLût waya wakhathazeka ngenxa yazo waziva exhalabe kakhulu ngazo, zathi zona: “Mûsâ ukoyika, ungaxhalabi nokuxhalaba. Inene thina siya kukusindisa wena nosapho lwakho, ngaphandle komkakho, yena ungomnye wabo baza kushiywa ngemva
- Inene thina siza kuhlisa isohlwayo esibhakabhakeni phezu kwabantu besi sixeko ngokuba bona baye babanendelelo abathobela.”
- Ke kaloku Sayishiya ingumqondiso ocacileyo kubantu abasebenzisa ingqiqo
- Kanti kwaMidiyan (Sathumela) umntakwabo uShu’aybh wathi: “Hini na bantu bakuthi, khonzani uAllâh, nilindele iMini yokugqibela, ningenzi ukungcola emhlabeni nisasaze ububi.”
- Kodwa bamphikisa bona, yabahlasela ke yona inyikima, baza baba zizidumbu bawa badunduluza emizini yabo ngentseni
- Kananjalo (Satshabalalisa) ama’Ad namaThamûd, kwaye sekucacile kuwe ngamabhodlo ezindlu zabo yaye uShaytân wenza zabonakala zilungile izenzo zabo kubo wabakhupha eNdleleni ukanti babephiwe ingqiqo
- Kanti no’Kârûn (Samtshabalalisa) naye noFir’awn noHâmân. Ukanti uMûsâ wayesele efikile kubo nemiqondiso ecacileyo, baza bona bakhukhumala emhlabeni, kodwa abazanga basoyise Thina
- Ngamnye kubo Samhlasela ke ngezono zakhe; ukanti phakathi kwabo kukho abo Sabathumela izichotho zamatye, kuze phakathi kwabo kubekho abo bahlaselwa ngoqhushumbiso (oluvela esibhakabhakeni), kubekho phakathi kwabo abo Senza umhlaba wabaginya, kuze kubekho nabanye kubo eSabatshonisa (emanzini). Ke kaloku uAllâh Wayengekhe Abenze ubugwenxa koko ngabo ngokwabo abazenza ubugwenxa
- Umzekelo wabo bazithabathela bakhuseli bambi ngaphandle koAllâh unjengowesigcawu esizakhela umzi. Inene owona mzi uyacuyacu kunayo yonke imizi ngumzi wesigcawu ukuba bebesazi
- Inene uAllâh wazi zonke izinto ababiza kuzo ezingaphandle kwaKhe. Yena ke nguSobunganga, nguSolwazi
- Le mizekeliso Siyenzela abantu, kodwa akukho uya kuyiqiqa ngaphandle kwabo bolwazi
- UAllâh Wadala amazulu nomhlaba ngenyaniso. Inene apho kukho umqondiso kwabakholwayo
- Cengceleza ke wena oko kutyhilwe kuwe kuvela eNcwadini, umisele iSalâh (umthandazo). Inene iSalâh ithintela ukuziphatha ngokungcola nokwenziwa kobugwenxa, ukanti inkumbulo ngoAllâh yiyona inkulu. Kananjalo uAllâh Uyakwazi oko nikwenzayo
- Ke kaloku musani ukuphikisana nabantu beNcwadi koko makube ngendlela elungileyo, ngaphandle kokuba ngabo benza intswela bulungisa phakathi kwabo, yithani ke nina (kubo): “Siyakholwa thina koko kutyhilwe kuthi kukwatyhilwe kuni yaye uThixo wethu noThixo wenu Mnye; yaye thina singamaMuslim aKhe.”
- Siyithumele njalo ke iNcwadi (i’Kur’ân) kuwe ukanti nabo Sasibathumelele isiBhalo ngaphambili kunawe bayakholwa kuyo (i’Kur’ân). Naphakathi kwabo aba bantu kukho abo bakholwayo kuyo. Ukanti akukho namnye ozalayo iiVesi zeThu ngaphandle kwabangakholwayo
- Ke kaloku wena akuzanga ucengceleze nayiphi na incwadi ngaphambili kunayo, ungazanga ubhale nenye ngesandla sakho sokunene. Ke kaloku abaphikisi bebeya kuba nesizathu (esivakalayo) sokuthandabuza
- Ukusuka apho (i’Kur’ân) iziiVesi ezicacileyo (ezigcinwe) ezifubeni zabo banikwe ulwazi. Ukanti akukho namnye ozalayo iiVesi zeThu ngaphandle kwabenzi bobubi
- Kodwa bathi: “Kutheni na imiqondiso evela eNkosini yakhe ingathunyelwa nje kuye (uMuhammad)?” Yithi wena: “Imiqondiso ikuAllâh kuphela, mna ndinguMlumkisi ocacileyo.”
- Akwanelanga na kubo okokuba Satyhila iNcwadi (i’Kur’ân) kuwe abayicengcelezelwayo? Inene leyo yinceba nenkumbuzo kubantu abakholwayo
- Yithi: “Wanele uAllâh phakathi kwam nani ukuba abe liNgqina. Yena Wazi okusemazulwini nokusemhlabeni. Kananjalo abo bakholelwa ebuxokini bangakholwa kuAllâh ngabo abangabalahlekelwa.”
- Kananjalo bathi kuwe khawuleza nesohlwayo. Ukuba ngaba bekungekho ngenxa (yommiselo) wexesha elikhethiweyo, isohlwayo ngesele safikelela kubo. Kodwa ngokwenene sona siza kufika kubo ngequbuliso lo gama bengaqiqi
- Bathi kuwe gxagxamisa ngesohlwayo, inene, isiHogo siya kubagubungela abangakholwayo
- NgeMini isohlwayo siya kubagubungela ngaphezu kwabo nangaphantsi kweenyawo (zabo) kuze kuthiwe kubo: “Ngcamlani ke (iziphumo) zoko nakwenzayo.”
- Hini na zicaka zaM ezakholwayo, inene umhlaba waM wandlalekile, ngoko khonzani Mna (Ndedwa kuwo)
- Umphefumlo ngamnye uza kukungcamla ukufa. KuThi kulapho niza kubuyiselwa khona
- Ke kaloku abo bakholwayo, benza izenzo ezilungileyo Thina Siya kubabela amagumbi ePaladesi ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwawo, baze apho bahlale ngonaphakade. Hayi ukuba mhle komvuzo wabenzi bokulungileyo
- Abaye baba nomonde, babeka ithemba labo eNkosini yabo (uAllâh)
- Zingaphi izidalwa ezingazithwaleli ngokwazo imbonelelo yazo. UAllâh Uyazibonelela zona ndaweninye nani. Yena nguSokuva, nguSolwazi
- Ukuba ungababuza: “Ngubani Owadala amazulu nomhlaba, Walawula ilanga nenyanga?” Ngokuqinisekileyo baza kuthi: “NguAllâh.” Baqhatheke njani ke (balahleka eNdleleni)
- UAllâh Wandisela isixhaso sakhe nabani na lowo Athandileyo kwizicaka zaKhe Amenzele umlinganiselo wakhe. Inene uAllâh kwizinto zonke nguSolwazi
- Kananjalo ukuba ungababuza: “Ngubani Othumela imvula emhlabeni isuka esibhakabhakeni, Anike ubomi ngayo emhlabeni emveni kokuba ubungenabomi?” Ngokungathandabuzekiyo baza kuthi: “NguAllâh.” Yithi wena: “Iindumiso zonke mazibe kuAllâh”; kodwa uninzi lwabo aluqiqi
- Ke kaloku ubomi balo mhlaba abunto yimbi ngaphandle kokuba kukuphambukisa nokonwabisa. Inene ikhaya loBomi oBuzayo elo lelanaphakade ukuba bebesazi
- Kanti xa bekhwela enqanaweni, bayathandaza kuAllâh, banyaniseke kuYe ekukholweni. Kodwa Athi Akubafikisa besindile enxwemeni, ngoko nangoko bayamanise abanye kuYe (uAllâh)
- (Loo nto beyenzela) ukuphika oko Sibaphe kona, baze bazonwabise. Kodwa baza kwazi
- Ababonanga na okokuba Senza (isixeko saseMakkah) saba yindawo engcwele yokhuseleko lo gama abantu (kwezinye iindawo) ezibangqongileyo bethatyathwa bexhwilwa (ngokugetyengwa)? Bona bakholelwa ebuxokini kusini na, ze kwiinceba zika-Allâh bangakholwa
- Ngubani ke intswela bulungisa egqitha lowo uqamba ubuxoki ngoAllâh okanye aphike inyaniso sele ifikile kuye? Alikho siHogweni na ikhaya elifanele abangakholwayo
- Ke bona abo bazabalazela (ukukholisa) Thina Siya kubakhokelela eziNdleleni zeThu. Inene uAllâh Ukunye nabangabenzi bokulungileyo