29.The Spider

  1. Alif-Lâm-Mîm
  2. Ingaba abantu (aba) bacinga ukuba baza kuyekwa na kuba besithi: “Siyakholwa”, bangavavanywa
  3. Kodwa Sabavavanya abo bangaphambili kunabo, kwaye uAllâh Uza kwenza bacace abo banyanisekileyo, Abenze bacace nabo bangamaxoki
  4. Makube mhlawumbi abo benza izenzo zokungcola bacinga ukuba bangaphuncula kuThi? Ingcolile (indlela) abagweba ngayo
  5. Nabani na onethemba lokudibana noAllâh inene ixesha (elibekwe) nguAllâh liyeza. Yaye Yena nguSokuva, uSolwazi
  6. Ke kaloku lowo uzabalazayo, uzabalazela kuphela ukusindisa isiqu sakhe. Inene uAllâh Akadingi nto emaphakadeni
  7. Abo bakholwayo benze izenzo ezilungileyo ngenene Thina Siya kuzisusa izenzo zabo ezigwenxa kubo, Sibavuze kananjalo kangangoko kulungileyo bakwezayo
  8. Kananjalo Siyalele ukulunga emntwini kubazali (bakhe) kodwa ukuba bakuyalela ukuba wayamanise (amahlulelane) kuM (Mna Allâh) ongenalwazi wena ngawo, ungabathobeli. KukuM apho ukubuyela kwenu kukhoyo, yaye Ndiya kunazisa ngoko nakwenzayo
  9. Abo bakholwayo, benze izenzo ezilungileyo Siya kubangenisa ngenene phakathi kwabangamalungisa (ePaladesi)
  10. Ebantwini kukho abo bathi: “Siyakholwa kuAllâh,” kodwa athi omnye kubo esakuhlelwa bububi ngenxa ka- Allâh, bayithathe loo ntlungu yenziwe ngabantu (kubo) ngokungengathi sisohlwayo sika-Allâh. Kodwa xa uloyiso lufika luvela eNkosini yakho, bathi: “Inene thina besikunye nani.”Ayingo-Allâh na Ongoyena Waziyo ngoko kusezifubeni zezidalwa
  11. Ke kaloku uAllâh Uza kwenza bacace abo bakholwayo, kwaye Uza kubenza babonakale nabahanahanisi
  12. Abo bangakholwayo bathi kwabo bakholwayo: “Landelani indlela yethu, thina siya kuzithwala izono zenu.” Kodwa abayi kuthwala nento le kwezo zono zabo. Eneneni bona ngamaxoki
  13. Kodwa baza kuthwala eyabo imithwalo neminye imithwalo kunye naloo mithwalo yabo, yaye baza kubuzwa ngokwenene ngeMini yoVuko ngoko bakuqambayo
  14. Kananjalo Sathumela uNûh kubantu bakubo, waphila phakathi kwabo iminyaka eliwaka uthabathe (kuyo) iminyaka engamashumi amahlanu, waza wabahlasela ke unogumbe besengabenzi bobubi
  15. Kodwa yena (Nûh) Samsindisa nababesenqanaweni, kananjalo Thina Sayenza umqondiso emazweni
  16. Ukanti Sathumela uIbrâhîm, owathi kubantu bakubo: “Khonzani uAllâh noyike Yena. Kokona kulungileyo oko kuni ukuba benisazi
  17. Nina nikhonza izithixo ngaphandle koAllâh, nize nivelise ubuxoki. Inene abo nibakhonzayo ngaphandle koAllâh abanamandla banawo okunibonelela nganto. Ngoko funani imbonelelo kuAllâh nikhonze Yena, nibe nombulelo kuYe. KukuYe apho niza kubuyela khona
  18. Ke kaloku nina (bantu) ukuba niya kuwuphika (umyalezo weIslam) sele zawuphika kakade izizwe ezingaphambili kunani. Kanti akukho xanduva lumbi phezu koMthunywa ngaphandlekoxanduvalokuvakalisaumyalezongokucacileyo
  19. Ababoni na ukuba uAllâh Uyiqala kanjani na indalo Aze ayiphinde kwakhona? Inene kulula oko kuAllâh
  20. Yithi (Muhammad): “Hamba-hambani ehlabathini nibone ukuba Wayiqala kanjani na indalo. Ke kaloku uAllâh Uza kuvelisa indalo yokugqibela. Inene uAllâh Unamandla ngaphezulu kwezinto zonke.”
  21. Yena Wohlwaya lowo Athandileyo, Abe nenceba kulowo Athandileyo, ukanti kukuYe apho niza kubuyela khona
  22. Kwaye aniyi kumenza Asilele (uAllâh) ehlabathini okanye ezulwini. Kananjalo nina aninaye omnye umkhuseli ngaphandle koAllâh
  23. Abo bangakholwayo kwiiVesi zika-Allâh nakwindibano naYe abo (sele) balahlekelwa lithemba mayela nenceba yaM. Yaye baya kufumana isohlwayo esibuhlungu
  24. Ke kaloku impendulo yabantu bakubo (uIbrâhîm) yaba kukuthi: “Mbulaleni kungenjalo mtshiseni.” Kodwa uAllâh Wamsindisa Yena emlilweni. Inene kuko oko kukho imiqondiso kubantu abakholwayo
  25. Kananjalo (uIbrâhîm) wathi: “Nina nithabathe izithixo ngaphandle koAllâh nazenza unxibelelwaniso lokuthandaza phakathi kwenu kubomi beli hlabathi, ukanti ngeMini yoVuko niza kukhanyelana ize indawo yenu yokubalekela ibe seMlilweni, yaye aniyi kuba namncedi.”
  26. Ke kaloku uLût wakholwa kuye (uIbrâhîm), wathi: “Inene mna ndiya kufuduka ngenxa yeNkosi yam, inene Yona nguSobunganga, uSobulumko
  27. Kananjalo yena (uIbrâhîm) Samnika uIs-hâ’k noYa’kûbh sabeka ubuProfeti nesiBhalo kwihlumelo lakhe. Samnika nomvuzo wakhe kweli hlabathi, inene yena kuBomi oBuzayo ungomnye wamalungisa
  28. Kanti noLût xa wathi kubantu bakubo: “Inene, nina nenza ukungcola okungafaniyo nokwenziwa nangubani na ongaphambili kunani emaphakadeni
  29. Nina niya emadodeni nivale iindlela1, nenze konke ukungcola ezindibanweni zenu.” Ke kaloku impendulo yabantu bakhe ayizanga ibe yinto yimbi ngaphandle kokuthi: “Sizisele isohlwayo sika-Allâh, ukuba uthetha inyaniso.”
  30. Wathi yena: Nkosi yam ndincedise ngokuchasene nabantu abazizingcoli.”
  31. Ke kaloku ukufika kweziThunywa zethu (iingelosi) kuIbrâhîm neendaba ezivuyisayo, zathi: “Inene thina siya kubatshabalalisa abantu besiyaa sixeko, inene abantu baso baye babangabenzi bobugwenxa.”
  32. uIbrâhîm wathi: “Inene kuso apho kukho noLût nje.” zathi zona: “Sazi ngcono thina okungaphakathi kuso. Inene siya kumsindisa yena nosapho lwakhe, ngaphandle komkakhe. Yena ungomnye wabo baya kushiywa ngemva.”
  33. Ke kaloku ukufika kweziThunywa zeThu kuLût waya wakhathazeka ngenxa yazo waziva exhalabe kakhulu ngazo, zathi zona: “Mûsâ ukoyika, ungaxhalabi nokuxhalaba. Inene thina siya kukusindisa wena nosapho lwakho, ngaphandle komkakho, yena ungomnye wabo baza kushiywa ngemva
  34. Inene thina siza kuhlisa isohlwayo esibhakabhakeni phezu kwabantu besi sixeko ngokuba bona baye babanendelelo abathobela.”
  35. Ke kaloku Sayishiya ingumqondiso ocacileyo kubantu abasebenzisa ingqiqo
  36. Kanti kwaMidiyan (Sathumela) umntakwabo uShu’aybh wathi: “Hini na bantu bakuthi, khonzani uAllâh, nilindele iMini yokugqibela, ningenzi ukungcola emhlabeni nisasaze ububi.”
  37. Kodwa bamphikisa bona, yabahlasela ke yona inyikima, baza baba zizidumbu bawa badunduluza emizini yabo ngentseni
  38. Kananjalo (Satshabalalisa) ama’Ad namaThamûd, kwaye sekucacile kuwe ngamabhodlo ezindlu zabo yaye uShaytân wenza zabonakala zilungile izenzo zabo kubo wabakhupha eNdleleni ukanti babephiwe ingqiqo
  39. Kanti no’Kârûn (Samtshabalalisa) naye noFir’awn noHâmân. Ukanti uMûsâ wayesele efikile kubo nemiqondiso ecacileyo, baza bona bakhukhumala emhlabeni, kodwa abazanga basoyise Thina
  40. Ngamnye kubo Samhlasela ke ngezono zakhe; ukanti phakathi kwabo kukho abo Sabathumela izichotho zamatye, kuze phakathi kwabo kubekho abo bahlaselwa ngoqhushumbiso (oluvela esibhakabhakeni), kubekho phakathi kwabo abo Senza umhlaba wabaginya, kuze kubekho nabanye kubo eSabatshonisa (emanzini). Ke kaloku uAllâh Wayengekhe Abenze ubugwenxa koko ngabo ngokwabo abazenza ubugwenxa
  41. Umzekelo wabo bazithabathela bakhuseli bambi ngaphandle koAllâh unjengowesigcawu esizakhela umzi. Inene owona mzi uyacuyacu kunayo yonke imizi ngumzi wesigcawu ukuba bebesazi
  42. Inene uAllâh wazi zonke izinto ababiza kuzo ezingaphandle kwaKhe. Yena ke nguSobunganga, nguSolwazi
  43. Le mizekeliso Siyenzela abantu, kodwa akukho uya kuyiqiqa ngaphandle kwabo bolwazi
  44. UAllâh Wadala amazulu nomhlaba ngenyaniso. Inene apho kukho umqondiso kwabakholwayo
  45. Cengceleza ke wena oko kutyhilwe kuwe kuvela eNcwadini, umisele iSalâh (umthandazo). Inene iSalâh ithintela ukuziphatha ngokungcola nokwenziwa kobugwenxa, ukanti inkumbulo ngoAllâh yiyona inkulu. Kananjalo uAllâh Uyakwazi oko nikwenzayo
  46. Ke kaloku musani ukuphikisana nabantu beNcwadi koko makube ngendlela elungileyo, ngaphandle kokuba ngabo benza intswela bulungisa phakathi kwabo, yithani ke nina (kubo): “Siyakholwa thina koko kutyhilwe kuthi kukwatyhilwe kuni yaye uThixo wethu noThixo wenu Mnye; yaye thina singamaMuslim aKhe.”
  47. Siyithumele njalo ke iNcwadi (i’Kur’ân) kuwe ukanti nabo Sasibathumelele isiBhalo ngaphambili kunawe bayakholwa kuyo (i’Kur’ân). Naphakathi kwabo aba bantu kukho abo bakholwayo kuyo. Ukanti akukho namnye ozalayo iiVesi zeThu ngaphandle kwabangakholwayo
  48. Ke kaloku wena akuzanga ucengceleze nayiphi na incwadi ngaphambili kunayo, ungazanga ubhale nenye ngesandla sakho sokunene. Ke kaloku abaphikisi bebeya kuba nesizathu (esivakalayo) sokuthandabuza
  49. Ukusuka apho (i’Kur’ân) iziiVesi ezicacileyo (ezigcinwe) ezifubeni zabo banikwe ulwazi. Ukanti akukho namnye ozalayo iiVesi zeThu ngaphandle kwabenzi bobubi
  50. Kodwa bathi: “Kutheni na imiqondiso evela eNkosini yakhe ingathunyelwa nje kuye (uMuhammad)?” Yithi wena: “Imiqondiso ikuAllâh kuphela, mna ndinguMlumkisi ocacileyo.”
  51. Akwanelanga na kubo okokuba Satyhila iNcwadi (i’Kur’ân) kuwe abayicengcelezelwayo? Inene leyo yinceba nenkumbuzo kubantu abakholwayo
  52. Yithi: “Wanele uAllâh phakathi kwam nani ukuba abe liNgqina. Yena Wazi okusemazulwini nokusemhlabeni. Kananjalo abo bakholelwa ebuxokini bangakholwa kuAllâh ngabo abangabalahlekelwa.”
  53. Kananjalo bathi kuwe khawuleza nesohlwayo. Ukuba ngaba bekungekho ngenxa (yommiselo) wexesha elikhethiweyo, isohlwayo ngesele safikelela kubo. Kodwa ngokwenene sona siza kufika kubo ngequbuliso lo gama bengaqiqi
  54. Bathi kuwe gxagxamisa ngesohlwayo, inene, isiHogo siya kubagubungela abangakholwayo
  55. NgeMini isohlwayo siya kubagubungela ngaphezu kwabo nangaphantsi kweenyawo (zabo) kuze kuthiwe kubo: “Ngcamlani ke (iziphumo) zoko nakwenzayo.”
  56. Hini na zicaka zaM ezakholwayo, inene umhlaba waM wandlalekile, ngoko khonzani Mna (Ndedwa kuwo)
  57. Umphefumlo ngamnye uza kukungcamla ukufa. KuThi kulapho niza kubuyiselwa khona
  58. Ke kaloku abo bakholwayo, benza izenzo ezilungileyo Thina Siya kubabela amagumbi ePaladesi ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwawo, baze apho bahlale ngonaphakade. Hayi ukuba mhle komvuzo wabenzi bokulungileyo
  59. Abaye baba nomonde, babeka ithemba labo eNkosini yabo (uAllâh)
  60. Zingaphi izidalwa ezingazithwaleli ngokwazo imbonelelo yazo. UAllâh Uyazibonelela zona ndaweninye nani. Yena nguSokuva, nguSolwazi
  61. Ukuba ungababuza: “Ngubani Owadala amazulu nomhlaba, Walawula ilanga nenyanga?” Ngokuqinisekileyo baza kuthi: “NguAllâh.” Baqhatheke njani ke (balahleka eNdleleni)
  62. UAllâh Wandisela isixhaso sakhe nabani na lowo Athandileyo kwizicaka zaKhe Amenzele umlinganiselo wakhe. Inene uAllâh kwizinto zonke nguSolwazi
  63. Kananjalo ukuba ungababuza: “Ngubani Othumela imvula emhlabeni isuka esibhakabhakeni, Anike ubomi ngayo emhlabeni emveni kokuba ubungenabomi?” Ngokungathandabuzekiyo baza kuthi: “NguAllâh.” Yithi wena: “Iindumiso zonke mazibe kuAllâh”; kodwa uninzi lwabo aluqiqi
  64. Ke kaloku ubomi balo mhlaba abunto yimbi ngaphandle kokuba kukuphambukisa nokonwabisa. Inene ikhaya loBomi oBuzayo elo lelanaphakade ukuba bebesazi
  65. Kanti xa bekhwela enqanaweni, bayathandaza kuAllâh, banyaniseke kuYe ekukholweni. Kodwa Athi Akubafikisa besindile enxwemeni, ngoko nangoko bayamanise abanye kuYe (uAllâh)
  66. (Loo nto beyenzela) ukuphika oko Sibaphe kona, baze bazonwabise. Kodwa baza kwazi
  67. Ababonanga na okokuba Senza (isixeko saseMakkah) saba yindawo engcwele yokhuseleko lo gama abantu (kwezinye iindawo) ezibangqongileyo bethatyathwa bexhwilwa (ngokugetyengwa)? Bona bakholelwa ebuxokini kusini na, ze kwiinceba zika-Allâh bangakholwa
  68. Ngubani ke intswela bulungisa egqitha lowo uqamba ubuxoki ngoAllâh okanye aphike inyaniso sele ifikile kuye? Alikho siHogweni na ikhaya elifanele abangakholwayo
  69. Ke bona abo bazabalazela (ukukholisa) Thina Siya kubakhokelela eziNdleleni zeThu. Inene uAllâh Ukunye nabangabenzi bokulungileyo