32.The Prostration

  1. Alif-Lâm-Mîm
  2. (Esi) sisityhilelo seNcwadi ekungekho ntandabuzo ngayo, sivela kwiNkosi yamaphakade
  3. Okanye mhlawumbi bathi: “UMuhammad Uyiqambe ngokwakhe?” Ukusuka apho yona iyinyaniso evela eNkosini yakho, khon’ukuze ulumkise abantu abangazanga baba naMlumkisi uzayo (kubo) ngaphambili kunawe, ukuze bakhokeleleke
  4. NguAllâh Owadala amazulu nomhlaba nako konke okuphakathikwawongeentsukuezintandathu;WazaWazimisa ngentla kweTrone. Nina ngaphandle kwaKhe aninamkhuseli okanye umthetheleli; ngoko ke aniyi kukhumbuzeka na
  5. Yena Ucwangcisa yonke into esemazulwini nasemhlabeni; ukanti iza kuphinda inyukele kuYe ngeMini ebude bayo buyiminyaka eliwaka yaleyo niyibalayo
  6. LoWo nguMazi wokungabonwayo, nongqinelwayo, uSobunganga, uSozinceba
  7. Yena Wafezekisa zonke izinto Awazidalayo Waza Wayila indalo yomntu ngodongwe
  8. Waza Wenza ukwanda kwakhe ngolwelo olunyanyekayo (imbewu yomntu)
  9. Wambumba ngomlinganiselo ofanelekileyo, Wamphefumlela umoya wobomi, Wanenzela ukuva nokubona nentliziyo (ingqiqo); kuncinane enibulela ngako
  10. Kananjalo bathi: “Sisakuba sele sinyamalele emhlabeni, ingaba ngenene siza (kuphinda sidalwe) sibe kwindalo entsha?” Eneneni bona kwindibano yabo neNkosi yabo abakholwa
  11. Yithi: “Ingelosi yokufa yona nibekwe phantsi kohoyo lwayo, iza kunithatha. Ke kaloku eNkosini yenu kulapho niza kubuyiselwa khona.”
  12. Akwaba ubungakhe ubone xa abenzi bobubi beza kujingisa iintloko zabo phambi kweNkosi yabo, (besithi): “Nkosi yethu, Sibonile, seva nokuva, ngoko ke sibuyisele (emhlabeni); siya kusebenza imisebenzi yobulungisa. Inene thina ngoku siqinisekile.”
  13. Ke kaloku ukuba beSithanda, beSinganika umphefumlo ngamnye isiKhokelo sawo, kodwa ke ilizwi elivela kuM liza kwenzeka (elokuba) Mna Ndiya kuzalisa isiHogo ngejinni nabantu ndaweninye
  14. Ngoko ke ngcamlani (isohlwayo) kuba nina naye nalibala ngendibano yangayo le Mini yenu; naThi Silibele ngani. Ngcamlani isohlwayo sanaphakade ke ngenxa yoko nakwenzayo (ehlabathini).”
  15. Iya kuba ngabo bakholwa kwiiVesi zeThu kuphela, abathi xa bekhunjuzwa ngazo, bawe baqubude bazukise (uAllâh) ngendumiso yeNkosi yabo, yaye bona abanankukhumalo
  16. Amacala abo ashiya iimandlalo zabo, baye kuthandaza eNkosini yabo benoloyiko nethemba, yaye bona bayanikela kumalizo ngoko Sibaphe kona
  17. Akukho mntu waziyo ukuba yintoni na ayifihlelweyo eya kubavuyisa njengomvuzo woko bakwenzayo
  18. Ingaba lowo ulikholwa uyafana na nalowo ungumenzi wobubi? (Nakanye) Abafani
  19. Abo bakholwayo, benza izenzo, ezilungileyo, okwabo iya kuba yiMiyezo yokhuseleko nobubele ngenxa yoko bakwenzayo
  20. Ke bona abo bangabenzi bobubi, ikhaya labo sisiHogo, ngalo lonke ixesha befuna ukuphuncula kuso baya kubuyiselwa kuso kusithiwa kubo: “Ngcamlani isohlwayo soMlilo kaloku eso nanidla ngokusiphika.”
  21. Ke kaloku Siya kubenza basingcamle isohlwayo esikufuphi , phambi kokufika kwesohlwayo esikhulu khon’ukuze babuyele (eNdleleni)
  22. Ngubaninaowenzaubugwenxaukugqithakulowoukhunjuzwa ngeeVesi zeNkosi yakhe; aze yena azitshikilele? Inene Thina kwizaphula-mthetho siza kuthabatha impindezelo
  23. Inene Thina Sanika uMûsâ isiBhalo, ngoko ke wena musa ukuba neentandabuzo ngendibano yakhe (nawe). Ke kaloku Thina Senza (isiBhalo iTorah) ukuba ibe sisiKhokelo kubaNtwana bakwaSirayeli
  24. Kananjalo inene Thina Senza phakathi kwabo (aBantwana bakwaSirayeli) kwabakho iinkokeli ezikhokela ngomyalelo weThu, zabe zinomonde, zaye ziqinisekile ngemiqondiso yeThu
  25. Inene iNkosi yenu Iza kugweba phakathi kwabo ngoMhla woVuko mayela noko babephikisana ngako
  26. Kanti akukacaci na kubo okokuba zingaphi izizukulwana eSazitshabalalisayo ngaphambili kunabo, (njengoko) zazihamba-hamba phakathi kwemizi yazo? Inene kuko oku kukho imiqondiso; kanti abeva na
  27. Ababonanga na ukuba Siqhuba amanzi (emafini) Siwase emhlabeni oludlolo Size Sivelise ngawo apho izityalo ethi nemfuyo yabo idle kuzo (kanti) nabo ngokwabo? Ababoni na
  28. Ke kaloku bathi: “Luya kuba nini na olu loyiso, ukuba nithetha inyaniso
  29. Yithi wena: “NgoMhla woloyiso ukhololo lwabo babengangakholwa (ngaphambili) aluyi kubanceda nto, bengayi kumelwa nokumelwa.”
  30. Ngoko ke wena swayela ecaleni kubo, ulinde, inene, nabo oku kwabo balindile