33.The Clans

  1. Hini na wena Mprofeti! Yoyika uAllâh, ungabathobeli abangakholwayo nabahanahanisi. Inene, uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
  2. Wena landela oko kutyhilwe kuwe kuvela eNkosini yakho. Inene uAllâh Ukwazi konke oko nikwenzayo
  3. Ubeke ithemba lakho kuAllâh, kwaye uAllâh Wanele eYedwa ukuba Abe nguMkhuseli
  4. UAllâh Akenzanga iintliziyo ezimbini ngaphathi endodeni. Kananjalo Akabenzanga (bangavumeleki) abafazi benu enithi ngoomama1 benu, abavumelekanga ngokusemthethweni ukuba babe ngabafazi benu. Kananjalo Akabenzanga (bangoonyana benu) oonyana2 enibanga ukuba ngabenu (kodwa ingengobenu koko bengoonyana enibamkele njengabenu). Oko kuyintetha nje yenu eniyitsho ngemilomo yenu, kodwa Yena uAllâh Uthetha inyaniso, yaye Ukhokelela eNdleleni (elungileyo)
  5. Babizeni (oonyana enibamkele njengabenu) ngamagama ooyise babo; (okwenene) Oko kokona kububulungisa phambi koAllâh.Kodwakeukubaanibaziooyisebabobangabazalwana benu ke enkolweni bekwangabo bagciniswe kuni. Ke kaloku akukho tyala kuni ngoko nenze impazamo ngako, ngaphandle koko nikwenze ngabom kusuka ezintliziyweni zenu. Ke Yena uAllâh nguMxoleli Ohlala Enenceba
  6. UMprofeti uSondele kumakholwa kuneziqu zawo, aze amakhosikazi akhe abe ngoomama bawo (amakholwa), ukanti bona abo basondele kakhulu ngokuzalana (namakhosikazi oMprofeti) ngabona baneemfanelo ezinochatha (kumafa) ngokommiselo ka-Allâh (kunamanye) amakholwa neeMuhâjirûn3 ngaphandle kokuba ningenzela izizalwana zenu ububele. Oko kwabhalwa eNcwadini
  7. Yabonani! Ngethuba Sathabatha umnqophiso kubaProfeti nakuwe (Muhammad) nakuNûh nakuIbrâhîm noMûsâ no’Isâ, unyana kaMaryam, kananjalo Sathabatha umnqophiso wesifungo
  8. Wokuba Yena Uza kubuza inyaniso ngokunyaniseka kwabo kwaye sele Elungiselele abangakholwayo isohlwayo esibuhlumgu
  9. Hini na nina bakholwayo, khumbulani uBabalo luka-Allâh kuni xa imikhosi yobumbano yeza kunihlasela Saza Sathumela phezu kwayo umoya nemikhosi (yeengelosi) enaningayiboni nina. Yaye uAllâh Ukubona konke enikwenzayo
  10. Yabona: Bathi bakufika kuni besihla ngentla kwenu nangezantsi kwenu, namehlo (enu) aqala ukulaqaza (ngenxa yokoyika), iintliziyo sele zifikelele emiqaleni, ke kaloku nina naye nacinga iingcinga (ezingendawo) ngoAllâh
  11. Apho amakholwa ayevavanywa, exikixwa ecikidwa ngocikido olukhulu
  12. Yabona! Abahanahanisi, nabo bantliziyo zabo zinezifo bathi: “UAllâh noMthunywa waKhe Akakhanga Asithembise nto ngaphandle kokuziqhatha (kwethu).”
  13. Ke kaloku lathi elinye iqela labo lisakuthi: “Hini na bantu baseYathrib , akukho kuzinza kuni (apha), ngoko ke buyelani komawenu.” Ukanti lona elinye iqela labo lacela imvume yoMprofeti, lisithi: “Inene, imizi yethu isesichengeni, “lo gama yayingekho sesichengeni babengenanjongo yimbi ngaphandle kokubaleka
  14. Kanti ke ukuba (utshaba) lwalunokungena kubo macala onke, baze bayalelwe (lutshaba) ukuba benze ifitnah4; babeza kuyenza loo nto bengalibazisanga nakulibazisa ngaphandle kwethutyana nje elincinane
  15. Ke kaloku babesele bethembise uAllâh ngaphambili okokuba abayi kufulathela (babaleke) Ukanti isithembiso esenziwe kuAllâh simele ukuba sizalisekiswe
  16. Yithi (Muhammad), “Ukubaleka akuyi kuninceda nto ukuba nibaleka ukufa okanye ukubulala; anisayi konwaba kwakhona ngaphandle kwethutyana elincinane!”
  17. Yithi “Ngubani na onokunikhusela kuAllâh xa Ethande ukunihlisela ububi okanye Ethande ukunihlisela inceba”? Kanti ke abayi kufumana nawuphi na umkhuseli ngaphandle koAllâh
  18. UAllâh Uyabazi Abo (bahanahanisi) phakathi kwenu bathi kubantakwabo “Yizani kuthi,” Lo gama bona babengayi edabini, ngaphandle kokukancinane
  19. Baba nobugogotya kuni, zekuthi kwakufika ukoyika, nibabone bejonga kuni, Amehlo abo agungquze okomntu owonganyelwe kukufa. Kuze kuthi kusakumka ukoyika, banixabele ngamalwimi abo abukhali, benobugqolo mayela (nokuxhasa) okulungileyo. Abo Abakholwanga, ngoko ke uAllâh wenze imisebenzi yabo ayabi nto yanto. Yaye kulula oko kuAllâh
  20. Bacinga ukuba imikhosi yobumbano ayikashenxi, Ukanti xa inokuphinda ibuye, banganqwenela ukuba akwaba bebesetlango phakathi kwamaBhadawini, behamba bebuza iindaba ngani. Kanti ukuba bangaba kunye nani abangekhe balwe ngaphandle kokukancinane
  21. Inene nina kuMthunywa ka-Allâh uMuhammad, ninomzekelo omhle wokulandelwa nguye nabani na lowo ithemba lakhe likuAllâh noMhla wokuGqibela nohlala ekhumbula uAllah rhoqo
  22. Ke kaloku amakholwa ukubona kwawo imikhosi yobumbano, athi: “Oku koko uAllâh noMthunywa waKhe basithembisa ngako, yaye uAllâh noMthunywa waKhe bathethe inyaniso.” Ke kaloku oko kuwongezelela ukholo nolwamkeleko (kuAllâh)
  23. Phakathi kwamakholwa kukho amadoda anyanisekileyo koko akuthembise uAllâh. Phakathi kwawo kukho lowo uzalisekisa isifungo sakhe kuze phakathi kwabo kubekho abasalindileyo. Yaye bona abaguquguquki (balale neli bavuke neli)
  24. Khona ukuze uAllâh Avuze abanyanisekileyo Ngenyaniso yabo Ohlwaye abahanahanisi ukuba Uyathanda okanye Amkeleinguqukoyabo. IneneuAllâhnguMxoleliuSozinceba
  25. Ke kaloku uAllâh Wabagxotha abo bangakholwayo bebhabhazela ngumsindo, bengafumananga nto ilungileyo. Kwaye uAllâh Wayanele Eyedwa edabini kumakholwa, yaye uAllâh nguSomandla, Unobunganga
  26. Yena Wabathobela phantsi Wabakhupha kwiinqaba zabo abo bangaBantu beNecwadi (babexhasa abangakholwayo) Wabafaka uvalo ezintliziyweni zabo khona ukuze elinye iqela labo nilibulale elinye iqela labo nilenze abathinjwa
  27. Ke kaloku Yena (uAllâh) Wanenza ukuba nibe ziindlalifa zemihlaba yabo nobutyebi babo nomhlaba eningazanga niwunyathele (ngaphambili). UAllâh Unamandla okwenza izinto zonke
  28. Hini na Mprofeti, yithi kubafazi bakho: “Ukuba ninqwenela ubomi balo mhlaba nobunewunewu babo, yizani ke, ndiya kuninika ndize ndinikhulule (nigoduke) ngesihle
  29. Kodwa ukuba ninqwenela uAllâh noMthunywa waKhe nekhaya loBomi oBuzayo ke kaloku uAllâh Ulungiselele abenzi bokulingileyo phakathi kwenu umvuzo omkhulu
  30. Hini na bafazi boMprofeti, nabani na kuni owenza isenzo esicacileyo sokuziphatha kakubi; isohlwayo sakhe siya kuphindwa kabini yaye oko kulula kuAllâh
  31. Kananjalo nabani na kuni othobela uAllâh noMthunywa waKhe ngokuzinikeleyo aze enze okulungileyo Siya kumnika umvuzo wakhe ophindwe kabini yaye Simlungiselele imbonelelo exabisekileyo
  32. Hini na bafazi boMprofeti nina anifani naye nawuphi na umfazi. Ukuba niyamoyika uAllâh, Musani ukuthamba ngokwencoko (emadodeni) kuba hleze lowo (uyindoda) ontliziyo yakhe inesifo aninqwenele. Kodwa ke thethani ngentetho efanelekileyo
  33. Hlalani emizini yenu ningaqhayisi ngemizimba yenu njengokuqhayisa kwamandulo kwamaxesha okungazi. Nimisele iSalâh, ninikele ngeZakâh nithobele uAllâh noMthunywa waKhe UAllâh Ufuna ukususa ukungahlambululeki kuphela kuni bantu bendlu (yoMprofeti) nokunihlambulula ngentlambuluko efezekileyo
  34. Nikhumbule kananjalo okucengcelezwa ezindlwini zenu okuziiVesi zika-Allâh nobulumko. Inene uAllâh Unononophelo nolwazi (lwezinto Zonke)
  35. Inene amaMuslim namaMuslimkazi, amakholwa namakholwakazi, amadoda anentobeko nabesetyhini abanentobeko, amadoda anenyani nabasetyhini abanenyani, amadoda anomonde nabasetyhini abanomonde, amadoda athobekileyo nabasetyhini abathobekileyo, amadoda anesisa nabasetyhini abanesisa amadoda azilayo nabasetyini abazilayo, amadoda alondoloza iindawo zawo ezinqabileyo nabasetyhini abenza njalo, amadoda akhumbula uAllâh rhoqo nabasetyhini abenza njalo bona uAllâh Ubalungisele ukuxolelwa nomvuzo omkhulu
  36. Ayikokwamadoda akholwayo okanye abasetyhini abakholwayo (Ukuba bathi) xa uAllâh noMthunywa waKhe benze isigqibo ngento (ethile) bona babe nezinye iimbono (eziphikisa eso) Sigqibo. Nabani na ke ongaMthobeliyo uAllâh noMthunywa waKhe, lowo (umntu) inene ulahleke ngokucacileyo
  37. Yabona (Muhammad)! Xa wena wathi kuye (uZayd) unyana kaHâritha owamkhulula ebukhobokeni): “Gcina umkakho (ungamgxothi) woyike uAllâh”, wabe wena ngaphakathi kwakho ufihla oko uAllâh Aza kukuveza. Kananjalo wena woyika abantu, lo gama inguAllâh Onelungelo lokuba woyike Yena. Uthe ke uZayd akungamfuni (umkakhe lowo), Samtshatisa nawe khona ukuze kungabikho kungakhululeki kumakholwa mayela nabafazi ababengababo babebamkele njengoonyana babo xa bengasenamfuno yabafazi babo (abafazi abo), ke kaloku ummiselo ka-Allâh uya kuhlala ufezekiseka
  38. Akukho kunganeliseki kuMprofeti ngako nakuphi na oko uAllâh Amyalele ngako. (Le) yindlela eyamiselwa nguAllâh (kwakubaProfeti) bamandulo. Ke kaloku umyalelo ka-Allâh ngummiselo ekungagqithwayo kuwo
  39. (UAllâh Uyabancoma) abo bavakalisa imiyalezo ka-Allâh, baMoyike, bangoyiki nabani na ongomnye ngaphandle koAllâh, uAllâh Wanele Eyedwa ukuba Abe nguMmisi matyaleni
  40. UMuhammad akangoyise wakhe nabani na phakathi kwenu madoda, koko yena nguMthunywa ka-Allâh netywina labaProfeti yaye uAllâh nguMazi wezinto zonke
  41. Hini na nina bakholwayo Mkhumbuleni uAllâh ngenkumbulo enkulu
  42. NiMzukise ekuseni nasemvakwemini
  43. NguYe Onithumelela iintsikelelo phezu kwenu neengelosi zaKhe (ziyamcela ukuba enze njalo) khon’ukuze Anikhuphe ebumnyameni, Anifake ekukhanyeni. Kananjalo Yena nguSozinceba kumakholwa
  44. Umbuliso wabo ngoMhla abaya kudibana ngawo uya kuba ngu’uxolo’ yaye Ubalungiselele umvuzo oxabisekileyo
  45. Hini na Mprofeti, inene wena Sikuthumele ukuba ube lingqina noMvakalisi weendaba ezilungileyo noMlumkisi
  46. Omemela (abantu) kuAllâh ngemvume yaKhe, ube njengesiBane esikhanyisayo
  47. Vakalisa iindaba zovuyo kumakholwa zokuba aza kufumana umvuzo omkhulu kuAllâh
  48. Kananjalouzeungabathobeliabangakholwayonabahanahanisi kodwa ungenzi bubi kubo. Wena beka ithemba lakho kuAllâh ukuba Abe nguMlungelelanisi wemicimbi yakho
  49. Hini na nina bakholwayo xa nitshata abafazi abakholwayo nize niqhawule imitshato nabo ningekabachukumisi akukho xesha lakulinda ke ngoko kuni liya kubalwa ngokuphathelene nabo. Bondleni ke nibakhulule, bagoduke ngesihle
  50. Hini na Mprofeti, inene Thina Senze kwavumeleka kuwe kuphela abafazi bakho obanike intlawulo yabo yemfanelo, nabo isandla sakho sokunene sibabambileyo bavela koko uAllâh Akubuyisele kuwe (abathinjwa), neentombi zoobawokazi bakho, neentombi zoodadobawo bakho, neentombi zoomalume bakho, neentombi zoomakazi bakho abafuduka kunye nawe, nomfazi okholwayo ukuba uzinikela ngokwakhe kuMprofeti, ukuba phofu noMprofeti uyafuna ukumtshata. (Oku kuvumeleke) kuwe kuphela, akuquki (namanye) amakholwa. Sazi kakuhle okokuba yintoni na eSiyenze yavumeleka kubo mayela nabafazi babo nabo izandla zabo zokunene zibabambileyo. Khon’ukuze kungabikho kuva bunzima kuwe. Kwaye uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
  51. Wena (Muhammad) ungayeka othande ukumyeka kubo okanye uthathe lowo uthande ukumthatha. Nawuphi na kwabo (bafazi bakho) wahlukene okwethutyana nabo akuyi kubakho siphene kuwe ukuba uyamthatha kwakhona. Kokona kulungileyo oko okokuba babe nokwaneliseka ngoko ubanike kona bonke. Kwaye uAllâh Uyakwazi okusezintliziyweni zenu. Kananjalo nguSolwazi, nguMnini kunyamezela
  52. Abangavumelekanga kuwe (Muhammad) ngabo nabaphi na abafazi abasisongezelelo emva koku, kungavumelekanga kananjalo kuwe okokuba ubatshintshe ngabanye abafazi, enokuba ubuhle babo bunomtsalane kuwe kangakanani na, ngaphandle kwabo isandla sakho sokunene sibabambileyo. UAllâh nguMnoneleli ngaphezu kwezinto zonke
  53. Hini na nina bakholwayo musani ukungena ezindlwini zoMprofeti ninganikwanga mvume yokuza kwisidlo, kananjalo ningafiki kwangoko singekalungi (isidlo) kodwa ke xa nimenyiweyo ngenani; nakugqiba ukutya phumani nihambe ningahlaleli ncoko. Inene eso simile samkhathaza uMprofeti, intonayo yena uneentloni (zokunindulula) kodwa yena uAllâh Akanantloni ngenyaniso. Kananjalo xa nicela into (kumakhosikazi akhe) yiceleni kuwo ningaphaya komkhusane, oko kokona (kuya kubonakalisa) intlambululuko kwiintliziyo zenu neentliziyo zabo. Yaye akulunganga kuni kananjalo ukuba nitshate amakhosikazi akhe emva (kokusweleka) kwakhe. Inene oko kuAllâh kuya kuba yinto embi kakhulu
  54. Enokuba niveza nantoni na elubala okanye niyifihle, inene Yena uAllâh nguMazi wezinto zonke
  55. Akuyi kuba sisono kuwo (amakhosikazi oMprofeti) ukuba avela engazigqumanga phambi kooyise bawo, okanye oonyana bawo, okanye kubanakwawo, okanye koonyana babanakwawo, okanye oonyana boodade wabo okanye kubafazi bawo abakholwayo, okanye kumakhobokazana wawo kananjalo nina yoyikani uAllâh inene uAllâh UliNgqina ngaphezulu kwezinto zonke
  56. Inene uAllâh neengelosi zaKhe bayamthamsanqelisa uMprofeti. Hini na nina bakholwayo mthamsanqeliseni nimbulise (uMthunywa) ngombuliso woxolo
  57. Inene, abo bathuka uAllâh noMthunywa waKhe uAllâh Ubaqalekisile kweli hlabathi nakuBomi oBuzayo,Waza Wabalungiselela isohlwayo esilihlazo
  58. Nabo bakhubekisa amakholwa namakholwakazi ngezinto ezingezizo abazenze ngokwabo, inene bona abo bazibizele intlebendwane nesono esicacileyo
  59. Hini na Mprofeti! Xelela amakhosikazi akho neentombi zakho nabafazi abangamakholwa bazithi wambu ngeetyali (izigqubuthelo) phezu kwemizimba yabo oko kuya kulunga khona ukuze baqondakale bangakhathazwa yaye uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
  60. Ukuba abahanahanisi nabo bantliziyo zabo zinesifo ndawonye nabo basasaza amahumhum eMadinah abayeki, inene Thina Siya kukuphembelela ngokuchasene nabo, Kananjalo abasayi kuba ngabamelwane bakho kwakhona ngaphandle nje kwethutyana elincinane
  61. Bona baqalekisiwe naphi na apho bafunyanwa khona. Baya kuhlaselwa babulawe ngolunya (baphele) nya
  62. (Le yindlela) emiselweyo ka-Allâh leyo yayilandelwa ngabo bangaphambili kunani yaye akuyi kufumana kuguquka esithetheni sika-Allâh
  63. Abantu bakubuza ngeYure. Yithi wena: “Ulwazi ngayo lukuAllâh kuphela, kanti yintoni na eya kunenza niqonde? Mhlawumbi iYure sele ikufuphi.”
  64. Inene uAllâh Ubaqalekisile abangakholwayo yaye Ubalungiselele uMlilo odwanguzayo (isiHogo)
  65. Apho baya kuhlala ngonaphakade kwaye apho abayi kufumana mkhuseli bengayi kufumana namncedi
  66. NgeMini apho ubuso babo buya kujingiswa phezu koMlilo, baya kuthi: “Oh, akwaba Sasimthobele uAllâh, Sathobela noMthunywa (uMuhammad)
  67. Kananjalo baya kuthi: “Nkosi yethu, inene thina sathobela abaphathi bethu nezinxibamxhaga zethu, baza basilahlekisa eNdleleni (elungileyo)
  68. Nkosiyethubanikeisohlwayoesiphindwekabini, Ubaqalekise ngesiqalekiso esikhulu.”
  69. Hini na nina bakholwayo, ningabi njengabo bakhubekisa uMûsâ, ke kaloku uAllâh Wamenza msulwa koko babekuthetha ngaye. Kananjalo yena (uMûsâ) phambi koAllâh ungoqaqambileyo
  70. Hini na nina bakholwayo, Moyikeni uAllâh nithethe ilizwi elibubulungisa
  71. Yena (uAllâh) Uya kuzenza ntle izenzo zenu, Anixolele nezono zenu. Nabani na lowo uthobela uAllâh noMthunywa waKhe, uzuze eyona mpumelelo inkulu
  72. Inene Thina Sanika amazulu nomhlaba neentaba uxanduva (lokunonophela indalo nokufundisa ukuthobela uAllâh) kodwa zala ukuluthabatha, zoyika kodwa yena umntu (waluthabatha). Inene yena waye waswela ubulungisa waba nobudenge
  73. Khona ukuze uAllâh Ohlwaye abahanahanisi, abangamadoda nabasetyhini, namadoda nabasetyhini abangabakhonzi bezithixo, Aze uAllâh Amkele inguquko kumakholwa namakholwakazi Yaye uAllâh nguMxoleli, uSozinceba