36.Yaseen
- Yâsîn
- Nge’Kur’ân, enobulumko
- Inene wena ungomnye wabaThunywa
- ENdleleni ethe Tye
- (Esi) sisiTyhilelo sikaSobunganga, uSozinceba
- Khon’ukuze ulumkise abantu (ngaso) abakhokho babo bangazanga balunyukiswe, ngoko (bahleli) bengazi
- Inene ilizwi eliyinyani lesohlwayo sele (livakalisiwe) Ngokuchasene noninzi lwabo, ngoko ke abakholwa
- Inene, Thina Sibaqamangele ngamakhonkco ezintanyeni zabo ukuya kutsho ezilevini zabo ukuze iintloko zabo (zihlale) ziqwanyile
- Kananjalo Sibeke umqobo phambi kwabo nangemva kwabo Sabagquma ukuze bangaboni
- Ke kaloku kuyafana kubo nokuba ungabalumkisa okanye ungabalumkisi abayi kukholwa
- Wena uya kulumkisa kuphela olandela umyalezo nowoyika uSozinceba Ongabonwayo. Ngoko ke (onjalo) mnike iindaba ezivuyisayo zokuxolelwa nomvuzo omkhulu
- Inene SiThi ababuyisela abafileyo ebomini, Sibhale (konke) abakwenzayo nabakushiya ngemva, kwaye zonke izinto Sizibhale eNcwadini ecacileyo
- Ke kaloku benzele umzekeliso (wabantu) besixeko (esithile) ekwafika abaThunywa kuso
- Sathi Sisakuthumela ababini kubo basuka babaphika, Saza Sabomeleza ngowesithathu, bathi: “Inene thina singabathunywa kuni.”
- Bathi bona: “Aninto yimbi nina ngaphandle kokuba ngabantu abafana nathi, kunjalo nje uSozinceba Akananto Ayityhilileyo (kuni) koko nina ningamaxoki.”
- Bathi bona: “INkosi yethu Iyazi okokuba singabaThunywa kuni
- Yaye thina asinaxanduva lumbi ngaphandle kokuvakalisa uMyalezo ngokucacileyo.”
- Bathi bona: “Inene thina sinicingela ukuba ningumhlola ombi. Ukuba aniyeki ke inene siya kunixuluba ngamatye, kwaye inene niya kufunyanwa sisohlwayo esibuhlungu esivela kuthi.”
- Bathi bona (abathunywa): “Umhlola ombi ukuni buqu. Ingaba (nikutsho oku) kuba nikhunjuzwa (ngoAllâh) kusini na?” Nakanye nina ningabenzi bobubi.”
- Ke kaloku kweza indoda ibaleka, ivela kwicala elikude lesixeko. Yathi: “Hini na bantu bakuthi landelani abaThunywa
- Landelani abo banganibizi ntlawulo babe bengabakhokelelekileyo
- Ndiya kuthini na ukungamnquli loWo Wandidalayo ekunguYe eniza kubuyiselwa kuYe
- Ndingathabatha (thixo) bambi na ngaphandle kwaKhe (lo gama) xa uSozinceba Enokuthi Athande ukuba ndihlelwe bububi intethelelo yabo (thixo benu bobuxoki) ingandincedi nto konke konke, bengekhe bandisindise nokundisindisa
- Inene bendingaba sekulahlekeni okucacileyo
- Inene mna ndikholiwe eNkosini yenu, ngoko ke ndiphulaphuleni.”
- Kwathiwa (kuye:) “Ngena ePaladesi.” Wathi yena: “Akwaba abantu bakuthi babesazi
- Okokuba Indixolele kangakanani na iNkosi yam, Yandibeka kunye nabahloniphekileyo.”
- Ke kaloku aSizanga Sithumele mkhosi ngokuchasene nabantu bakubo kungazanga kube yimfuneko kananjalo kuThi ukwenza loo nto
- Akuzanga kube thuba lingakanani kwakhwazwa kwaba kanye, bacima (pam)
- Kwaba njani ke ukuzisola kwezicaka. Akuzanga kufike Mthunywa kubo bangaphoxisi ngaye
- Ababonanga na okokuba zingaphi izizukulwana eSazitshabalalisayo kwanokuba ezo (zizukulwana) azisokuze ziphinde zibuyele kubo kwakhona
- Ukanti inene, bonke baza kubuyiselwa kuThi
- Kanti ke umqondiso wabo ngumhlaba ofileyo. Thina ke Siye Siwubuyisele ebomini Size Sivelise iinkozo abathi badle kuzo
- Ke kaloku Sabeka apho imiyezo yemithi yesundu nezidiliya, Senza kwagqabhuka imithombo apho phakathi kuyo
- Khona ukuze badle iziqhamo zaKhe. Ukanti ke izandla zabo ayizizo eziyivelisayo, ngoko ke abayi kubulela na
- Makazukiswe loWo Wadala zonke (izinto) ngambini zokuhluma emhlabeni nakubo buqu nakoko bangakwaziyo
- Kananjalo umqondiso kubo bubusuku. Sisusa ukukhanya kwemini kubo (ubusuku), ukuze babe sebumnyameni
- Ukanti lona ilanga libaleka endaweni yalo ukuya endaweni yokuma kwalo. Oko kungummiselo kaSobunganga, uSolwazi
- Nenyanga Siyiqingqela izigaba zayo (kangangokuba) ide ibuyele (ibonakale) injengentlava endala yedatilisi
- Akuvumelekanga ukuba (ilanga) liyifumane inyanga, bungavumelekanga nobusuku ukuba buyifumane imini kodwa nganye kuzo indanda kwisijikelezisi sayo
- Kananjalo umqondiso kubo ngulowo wokuba Sathwala ooyisemkhulu enqanaweni (kaNûh) eyayizele qhu
- Yaye Sibadalele okufana noko bakuqhubayo (bakuqabelayo)
- Kanti ke ukuba SaSithandile ngeSaSibatshonisile emanzini, kwaye kwakungazi kubakho bani ubavelelayo, babengayi kusinda nokusinda
- Ngaphandle kwenceba evela kuThi nembonelelo yokwethutyana
- Kodwa xa kusithiwa kubo: “Lumkelani okwangaphambili kunani nokungemva kwenu; mhlawumbi niya kwenzelwa inceba
- Kananjalo akukho mqondiso ufikayo kubo uvela kwimiqondiso yeNkosi yabo abangawutshikileliyo
- Kanti naxa kusithiwa kubo: ‘Nikelani kumalizo ngoko uAllâh Anibonelele ngako,” Abo bangakholwayo bathi kwabo bakholwayo: “Thina sondle lowo xa uAllâh Ebethanda ngemondle ngokwaKhe? Nina anikho ntweni yimbi ngaphandle kokulahleka okucacileyo.”
- Kananjalo bathi: Siya kuba nini na esi sithembiso ukuba nithetha inyaniso?”
- (Ukuba bebesazi) akukho nto bayilindileyo ngaphandle kokudubula kwesithongakazi, esiya kubahlasela besalibele kukuphikisa
- Kwaye abayi kukwazi (ukunikela imiyalezo) bengayi kubuyela nakubantu bakubo na kakade
- Ke kaloku iXilongo liya kuvuthelwa, baze ngoko nangoko baphume emangcwabeni beze eNkosini yabo bengxamile
- Baya kuthi: “O yini na kuthi! Ngubani na osivusileyo endaweni yethu yokulala?” (Impendulo iya kuthi): “Oku koko uSozinceba Wakuthembisayo, yaye abaThunywa babethetha inyaniso.”
- Akuyi kuba yinto yimbi ngaphandle kwesithonga esinye baze ngoko nangoko babuyiswe phambi kweThu
- Ngoko ke (kuya kuthiwa kubo): “(NaMhlanje) akuyi kubakho mphefumlo uya kwenziwa bugwenxa konke konke, kananjalo aniyi kubuyekezwa ngaphandle koko nakwenzayo.”
- Inene amadlelane asePaladesi ngaloo Mini aya kuhleka echulumancile, esebenza imisebenzi (yawo) emihle
- Bona nabalingane babo besemthunzini, bengqiyame ngeesofa ezihonjisiweyo
- Okwabo apho iya kuba ziziqhamo, yaye okwabo iya kuba yiyo nantoni na abayicelayo (okanye abayinqwenelayo)
- “Noxolo,” ilizwi elivela eNkosini uSozinceba
- (Uya kuthi Yena): “Yimani ngokwahlukeneyo nina zaphula- mthetho
- NdaNdinganiyalelanga na ukuba ningamkhonzi uShaytân, hini na bantwana baka-Adam kuba yena kuni ulutshaba olucacileyo
- Kwanokuba nina nqulani Mna kuphela Le yiNdlela ethe Tye
- Kananjalo yena phakathi kwenu sele elahlekise inyambalala endalweni, ke ngoko nina naningayisebenzisi ingqiqo
- Lo nguMlilo wesiHogo enanithenjiswe ngawo
- Yitshani naMhlanje ngenxa yoko nanidla ngokukuphika!”
- Ngaloo Mini Siya kuyitywina imilomo yabo, kuze kuthethe izandla zabo kuThi, iinyawo zabo zona ziya kungqina ngoko bakwenzayo
- Ke kaloku ukuba SaSithandile ngeSaSibatshabalalisele amehlo abo, baza bakhuphisana (ngokufuna) indlela, phofu babeza kuyibona kanjani
- Kananjalo ukuba SaSithandile ngeSabenza baba ziimbedlenge ezindaweni zabo khona ukuze bangakwazi (ukuhamba) baye phambili, bangakwazi nokubuyela umva
- Lowo Simnike ubomi obude, Simbuyisela umva endalweni. Ingaba ke ngoku abayi kuqonda
- Kananjalo Asizanga Simnike (uMuhammad) ulwazi lobumbongi, kwaye asinto imfaneleyo (leyo). Koko (eSimnike kona) akunto yimbi ngaphandle kokuba ngumyalezo ne’Kurân ecacileyo
- Yokulumkisa nabani na ophilayo, kuze kuthetheleleke ilizwi lesilumkiso ngokuchasene nabangakholwayo
- Kanti ababoni na okokuba koko kuvela eZandleni zeThu Sibadalele, Sabenzela izilwanyana ezitya ingca, baze babe ngabaninizo
- Kananjalo Sizilulamisele bona, ngoko ke ezinye zazo bayaziqabela, ezinye zazo bazitye
- Ukanti kwakuzo apho kukwakho nezinye (izinto) eziyinzuzo (kubo) nokuselwayo, ngoko ke abayi kubulela na
- Kodwa bazithabathele thixo bambi ngaphandle koAllâh (besithi) mhlawumbi baya kuncedakala
- Abakwazi kubanceda nje, ukanti ikwangabo buqu amajoni angabalondolozi babo (thixo babo bobuxoki)
- Ngoko ke wena musa ukuvumela iintetho zabo zikukhubekise, Siyakwazi abakufihlayo noko bakuvezayo
- Kanti umntu lo akaqapheli na okokuba Samdala ngeqabaza lembewu yomntu? kodwa asuke yena abe ngumchasi ocacileyo
- Ade enze umzekelo (ngaThi), alibale ngokudalwa kwakhe athi: “Ngubani oza kunika ubomi emathanjeni asele ethe saa?”
- Yithi wena: “Uya kuwanika ubomi loWo Wawavelisayo ekuqalekeni, kwaye Yena phezu kwayo yonke indalo nguSolwazi.”
- Yena nguloWo Wanenzela umlilo ngomthi oluhlaza, nenithi niphembe ngawo
- Ingaba loWo Wadala amazulu nomhlaba Akakwazi ukudala abanjengabo? Ewe (kunjalo nje) yaye Yena nguSolwazi, uMdali
- Yena owaKhe umyalelo ngowokuba Athi xa Enenjongo yento (ethile) Asuke Athi kuyo: “Yibakho,” ibekho (ngoko nangoko)
- Ngoko ke Makazukiswe loWo eSandleni saKhe kukho ulongamelo lwezinto zonke, yaye kukuYe apho niza kubuyiselwa khona