36.Yaseen

  1. Yâsîn
  2. Nge’Kur’ân, enobulumko
  3. Inene wena ungomnye wabaThunywa
  4. ENdleleni ethe Tye
  5. (Esi) sisiTyhilelo sikaSobunganga, uSozinceba
  6. Khon’ukuze ulumkise abantu (ngaso) abakhokho babo bangazanga balunyukiswe, ngoko (bahleli) bengazi
  7. Inene ilizwi eliyinyani lesohlwayo sele (livakalisiwe) Ngokuchasene noninzi lwabo, ngoko ke abakholwa
  8. Inene, Thina Sibaqamangele ngamakhonkco ezintanyeni zabo ukuya kutsho ezilevini zabo ukuze iintloko zabo (zihlale) ziqwanyile
  9. Kananjalo Sibeke umqobo phambi kwabo nangemva kwabo Sabagquma ukuze bangaboni
  10. Ke kaloku kuyafana kubo nokuba ungabalumkisa okanye ungabalumkisi abayi kukholwa
  11. Wena uya kulumkisa kuphela olandela umyalezo nowoyika uSozinceba Ongabonwayo. Ngoko ke (onjalo) mnike iindaba ezivuyisayo zokuxolelwa nomvuzo omkhulu
  12. Inene SiThi ababuyisela abafileyo ebomini, Sibhale (konke) abakwenzayo nabakushiya ngemva, kwaye zonke izinto Sizibhale eNcwadini ecacileyo
  13. Ke kaloku benzele umzekeliso (wabantu) besixeko (esithile) ekwafika abaThunywa kuso
  14. Sathi Sisakuthumela ababini kubo basuka babaphika, Saza Sabomeleza ngowesithathu, bathi: “Inene thina singabathunywa kuni.”
  15. Bathi bona: “Aninto yimbi nina ngaphandle kokuba ngabantu abafana nathi, kunjalo nje uSozinceba Akananto Ayityhilileyo (kuni) koko nina ningamaxoki.”
  16. Bathi bona: “INkosi yethu Iyazi okokuba singabaThunywa kuni
  17. Yaye thina asinaxanduva lumbi ngaphandle kokuvakalisa uMyalezo ngokucacileyo.”
  18. Bathi bona: “Inene thina sinicingela ukuba ningumhlola ombi. Ukuba aniyeki ke inene siya kunixuluba ngamatye, kwaye inene niya kufunyanwa sisohlwayo esibuhlungu esivela kuthi.”
  19. Bathi bona (abathunywa): “Umhlola ombi ukuni buqu. Ingaba (nikutsho oku) kuba nikhunjuzwa (ngoAllâh) kusini na?” Nakanye nina ningabenzi bobubi.”
  20. Ke kaloku kweza indoda ibaleka, ivela kwicala elikude lesixeko. Yathi: “Hini na bantu bakuthi landelani abaThunywa
  21. Landelani abo banganibizi ntlawulo babe bengabakhokelelekileyo
  22. Ndiya kuthini na ukungamnquli loWo Wandidalayo ekunguYe eniza kubuyiselwa kuYe
  23. Ndingathabatha (thixo) bambi na ngaphandle kwaKhe (lo gama) xa uSozinceba Enokuthi Athande ukuba ndihlelwe bububi intethelelo yabo (thixo benu bobuxoki) ingandincedi nto konke konke, bengekhe bandisindise nokundisindisa
  24. Inene bendingaba sekulahlekeni okucacileyo
  25. Inene mna ndikholiwe eNkosini yenu, ngoko ke ndiphulaphuleni.”
  26. Kwathiwa (kuye:) “Ngena ePaladesi.” Wathi yena: “Akwaba abantu bakuthi babesazi
  27. Okokuba Indixolele kangakanani na iNkosi yam, Yandibeka kunye nabahloniphekileyo.”
  28. Ke kaloku aSizanga Sithumele mkhosi ngokuchasene nabantu bakubo kungazanga kube yimfuneko kananjalo kuThi ukwenza loo nto
  29. Akuzanga kube thuba lingakanani kwakhwazwa kwaba kanye, bacima (pam)
  30. Kwaba njani ke ukuzisola kwezicaka. Akuzanga kufike Mthunywa kubo bangaphoxisi ngaye
  31. Ababonanga na okokuba zingaphi izizukulwana eSazitshabalalisayo kwanokuba ezo (zizukulwana) azisokuze ziphinde zibuyele kubo kwakhona
  32. Ukanti inene, bonke baza kubuyiselwa kuThi
  33. Kanti ke umqondiso wabo ngumhlaba ofileyo. Thina ke Siye Siwubuyisele ebomini Size Sivelise iinkozo abathi badle kuzo
  34. Ke kaloku Sabeka apho imiyezo yemithi yesundu nezidiliya, Senza kwagqabhuka imithombo apho phakathi kuyo
  35. Khona ukuze badle iziqhamo zaKhe. Ukanti ke izandla zabo ayizizo eziyivelisayo, ngoko ke abayi kubulela na
  36. Makazukiswe loWo Wadala zonke (izinto) ngambini zokuhluma emhlabeni nakubo buqu nakoko bangakwaziyo
  37. Kananjalo umqondiso kubo bubusuku. Sisusa ukukhanya kwemini kubo (ubusuku), ukuze babe sebumnyameni
  38. Ukanti lona ilanga libaleka endaweni yalo ukuya endaweni yokuma kwalo. Oko kungummiselo kaSobunganga, uSolwazi
  39. Nenyanga Siyiqingqela izigaba zayo (kangangokuba) ide ibuyele (ibonakale) injengentlava endala yedatilisi
  40. Akuvumelekanga ukuba (ilanga) liyifumane inyanga, bungavumelekanga nobusuku ukuba buyifumane imini kodwa nganye kuzo indanda kwisijikelezisi sayo
  41. Kananjalo umqondiso kubo ngulowo wokuba Sathwala ooyisemkhulu enqanaweni (kaNûh) eyayizele qhu
  42. Yaye Sibadalele okufana noko bakuqhubayo (bakuqabelayo)
  43. Kanti ke ukuba SaSithandile ngeSaSibatshonisile emanzini, kwaye kwakungazi kubakho bani ubavelelayo, babengayi kusinda nokusinda
  44. Ngaphandle kwenceba evela kuThi nembonelelo yokwethutyana
  45. Kodwa xa kusithiwa kubo: “Lumkelani okwangaphambili kunani nokungemva kwenu; mhlawumbi niya kwenzelwa inceba
  46. Kananjalo akukho mqondiso ufikayo kubo uvela kwimiqondiso yeNkosi yabo abangawutshikileliyo
  47. Kanti naxa kusithiwa kubo: ‘Nikelani kumalizo ngoko uAllâh Anibonelele ngako,” Abo bangakholwayo bathi kwabo bakholwayo: “Thina sondle lowo xa uAllâh Ebethanda ngemondle ngokwaKhe? Nina anikho ntweni yimbi ngaphandle kokulahleka okucacileyo.”
  48. Kananjalo bathi: Siya kuba nini na esi sithembiso ukuba nithetha inyaniso?”
  49. (Ukuba bebesazi) akukho nto bayilindileyo ngaphandle kokudubula kwesithongakazi, esiya kubahlasela besalibele kukuphikisa
  50. Kwaye abayi kukwazi (ukunikela imiyalezo) bengayi kubuyela nakubantu bakubo na kakade
  51. Ke kaloku iXilongo liya kuvuthelwa, baze ngoko nangoko baphume emangcwabeni beze eNkosini yabo bengxamile
  52. Baya kuthi: “O yini na kuthi! Ngubani na osivusileyo endaweni yethu yokulala?” (Impendulo iya kuthi): “Oku koko uSozinceba Wakuthembisayo, yaye abaThunywa babethetha inyaniso.”
  53. Akuyi kuba yinto yimbi ngaphandle kwesithonga esinye baze ngoko nangoko babuyiswe phambi kweThu
  54. Ngoko ke (kuya kuthiwa kubo): “(NaMhlanje) akuyi kubakho mphefumlo uya kwenziwa bugwenxa konke konke, kananjalo aniyi kubuyekezwa ngaphandle koko nakwenzayo.”
  55. Inene amadlelane asePaladesi ngaloo Mini aya kuhleka echulumancile, esebenza imisebenzi (yawo) emihle
  56. Bona nabalingane babo besemthunzini, bengqiyame ngeesofa ezihonjisiweyo
  57. Okwabo apho iya kuba ziziqhamo, yaye okwabo iya kuba yiyo nantoni na abayicelayo (okanye abayinqwenelayo)
  58. “Noxolo,” ilizwi elivela eNkosini uSozinceba
  59. (Uya kuthi Yena): “Yimani ngokwahlukeneyo nina zaphula- mthetho
  60. NdaNdinganiyalelanga na ukuba ningamkhonzi uShaytân, hini na bantwana baka-Adam kuba yena kuni ulutshaba olucacileyo
  61. Kwanokuba nina nqulani Mna kuphela Le yiNdlela ethe Tye
  62. Kananjalo yena phakathi kwenu sele elahlekise inyambalala endalweni, ke ngoko nina naningayisebenzisi ingqiqo
  63. Lo nguMlilo wesiHogo enanithenjiswe ngawo
  64. Yitshani naMhlanje ngenxa yoko nanidla ngokukuphika!”
  65. Ngaloo Mini Siya kuyitywina imilomo yabo, kuze kuthethe izandla zabo kuThi, iinyawo zabo zona ziya kungqina ngoko bakwenzayo
  66. Ke kaloku ukuba SaSithandile ngeSaSibatshabalalisele amehlo abo, baza bakhuphisana (ngokufuna) indlela, phofu babeza kuyibona kanjani
  67. Kananjalo ukuba SaSithandile ngeSabenza baba ziimbedlenge ezindaweni zabo khona ukuze bangakwazi (ukuhamba) baye phambili, bangakwazi nokubuyela umva
  68. Lowo Simnike ubomi obude, Simbuyisela umva endalweni. Ingaba ke ngoku abayi kuqonda
  69. Kananjalo Asizanga Simnike (uMuhammad) ulwazi lobumbongi, kwaye asinto imfaneleyo (leyo). Koko (eSimnike kona) akunto yimbi ngaphandle kokuba ngumyalezo ne’Kurân ecacileyo
  70. Yokulumkisa nabani na ophilayo, kuze kuthetheleleke ilizwi lesilumkiso ngokuchasene nabangakholwayo
  71. Kanti ababoni na okokuba koko kuvela eZandleni zeThu Sibadalele, Sabenzela izilwanyana ezitya ingca, baze babe ngabaninizo
  72. Kananjalo Sizilulamisele bona, ngoko ke ezinye zazo bayaziqabela, ezinye zazo bazitye
  73. Ukanti kwakuzo apho kukwakho nezinye (izinto) eziyinzuzo (kubo) nokuselwayo, ngoko ke abayi kubulela na
  74. Kodwa bazithabathele thixo bambi ngaphandle koAllâh (besithi) mhlawumbi baya kuncedakala
  75. Abakwazi kubanceda nje, ukanti ikwangabo buqu amajoni angabalondolozi babo (thixo babo bobuxoki)
  76. Ngoko ke wena musa ukuvumela iintetho zabo zikukhubekise, Siyakwazi abakufihlayo noko bakuvezayo
  77. Kanti umntu lo akaqapheli na okokuba Samdala ngeqabaza lembewu yomntu? kodwa asuke yena abe ngumchasi ocacileyo
  78. Ade enze umzekelo (ngaThi), alibale ngokudalwa kwakhe athi: “Ngubani oza kunika ubomi emathanjeni asele ethe saa?”
  79. Yithi wena: “Uya kuwanika ubomi loWo Wawavelisayo ekuqalekeni, kwaye Yena phezu kwayo yonke indalo nguSolwazi.”
  80. Yena nguloWo Wanenzela umlilo ngomthi oluhlaza, nenithi niphembe ngawo
  81. Ingaba loWo Wadala amazulu nomhlaba Akakwazi ukudala abanjengabo? Ewe (kunjalo nje) yaye Yena nguSolwazi, uMdali
  82. Yena owaKhe umyalelo ngowokuba Athi xa Enenjongo yento (ethile) Asuke Athi kuyo: “Yibakho,” ibekho (ngoko nangoko)
  83. Ngoko ke Makazukiswe loWo eSandleni saKhe kukho ulongamelo lwezinto zonke, yaye kukuYe apho niza kubuyiselwa khona