37.Those drawn up in Ranks

  1. (Ndifunga) ngezo ngelosi zikreliswe ngokwemigca
  2. Nangezo ziqhuba amafu
  3. Nangezo zicengceleza umyalezo (wesiTyhilelo)
  4. Inene uThixo wakho Mnye
  5. INkosi yamazulu nomhlaba noko kungaphakathi kwawo, EkwayiNkosi yeeMpumalanga
  6. Inene Thina Silihombisile izulu elikufutshane ngeenkwenkwezi zokuhombisa
  7. Ezikwalukhuselo ngokuchasene naye nawuphi na uShaytân ongumvukeli
  8. Ukuze (bangachwechwi) baye kuphulaphula intlanganiso ebekekileyo (yeengelosi) yaye (aba Sathana) baxulutywa (ngamadangatya omlilo) macala onke (abazama ukuvela ngakuwo)
  9. Bagxothwe; yaye abakufumanayo kukohlwaywa rhoqo
  10. Ngaphandle kwabo baxhwila (amazwi athile) ngobusela, kodwa nabo bayaleqwa ngezikhuni ezivuthayo, (ezikhanya) ngokugqobhozelayo
  11. Khawubabuze (Muhammad) okukuba ingaba ngabo na abayeyona ndalo iqinileyo okanye yenye na (indalo enjengamazulu nomhlaba neentaba) eSazidalayo? Inene, bona Sabadala ngodongwe oluncangathi
  12. Ewe kakade (wena Muhammad) uye wamangaliseka (yindelelo yabo) xa bebekugculela (wena ne’Kur’ân)
  13. Naxa bekhunjuzwa (ngoAllâh) abahoyi
  14. Naxa bebona umqondiso bayawugculela
  15. Bade bathi: “Asinto yimbi le ngaphandle kokuba ngumlingo ocacileyo
  16. Ingaba xa sifile sele siluthuli namathambo siza kuphinda sivuswe kwakhona
  17. Ndawonye noobawo bethu bamandulo?”
  18. Yithi wena (Muhammad): “Ewe, yaye niya kuhlaziswa.”
  19. Iya kuba sisikhalo esinye (seXilongo), yabonani! Baya kuthi ndlaa (amehlo besoyika)
  20. Baya kuthi: “Yeha kuthi! Le yiyo (ngenene) iMini yembuyekezo!”
  21. (Kuya kuthiwa kubo): “Yiyo le ke iMini yoMgwebo enanidla ngokuyiphika.”
  22. (Kuya kuthiwa kwiingelosi): “Qokelelani ndaweninye bonke abo benza ubugwenxa, bedibene noogxa babo (ooSathana abangamademon) nezo nto2 babedla ngokuzikhonza
  23. Endaweni ka-Allâh, nibakhokelele endleleni eya edangatyeni loMlilo (isiHogo)
  24. Kodwa khanibamise, kuba inene bona kufuneka bebuziwe
  25. Yintoni ngani, yini na ebangela ukuba ningancedisani (njengoko nanincedisana emhlabeni)
  26. Nakanye, bona baya kusuka bazinikezele
  27. Ke kaloku baya kujika bajongane , babuzane
  28. Baya kuthi: “Nini (booSathana) ababedla ngokuza kuthi nivela ngasekunene kwethu (nisilahlekise ngokusenzela ntle indlela eya ekwenzeni ubutshinga)”
  29. Baya kuphendula ke bona: “Unotshe! Nini ngokwenu eningazanga nikholwe
  30. Ngapha koko thina sasingenagunya phezu kwenu. Nakanye, nina nasuka naba ngabagabadeli
  31. “Ngoku ke iLizwi leNkosi yethu liyathetheleka ngokuchasene nathi, mayela nokuba singcamle (isohlwayo)
  32. Ke ngoko sanikhokelela ekulahlekeni kuba nathi sasilahlekile.”
  33. Inene ngaloo Mini baya kwabelana ngesohlwayo
  34. Ngokwenene, leyo yindlela esiqubisana ngayo nabenzi bobubi
  35. Ke kaloku, xa kusithiwa kubo: “Akukho thixo wumbi ngaphandle koAllâh,” bona bayazikhukhumalisa, (baphikise)
  36. Kananjalo bathi: “Siza kushiya oothixo bethu ngenxa yembongi ephambeneyo na
  37. Nakanye! Yena (uMuhammad) ufike nenyaniso (i-Islam ne’Kur’ân) yaye yena uyabangqina abaThunywa (abangaphambili kunaye)
  38. Inene nina (bahedenindini) niza kusingcamla isohlwayo esibuhlungu
  39. Kananjalo aniyi kubuyekezwa nganto ngaphandle koko nanidla ngokukwenza
  40. Ngaphandle kwezicaka ezinyanisekileyo zika-Allâh
  41. Kwabo banjalo kuya kubakho umsindleko owaziwayo
  42. Iziqhamo yaye baya kuhlonipheka
  43. EMiyezweni yolonwabo
  44. Bejongene (behleli zava) ezitroneni
  45. Emacaleni abo kuya kuba kugqithiswa indebe yewayini elungileyo (ehlambulukileyo)
  46. Emhlophe nenencasa kwabayiselayo
  47. Abayi kuva buhlungu apho nabubi, bengayi kuva kunxila nakuyotywa (apho)
  48. Kanti emacaleni kwabo kuya kubakho abasetyhini, ababajezula ngamehlo abo amahle
  49. (Ababuthathaka, benyulu) ngokungengathi ngamaqanda anonotshelweyo
  50. Ke kaloku baya kujongana babuzane
  51. Isithethi phakathi kwabo siya kuthi: “Ndandinomhlobo (ehlabathini)
  52. Owayedla ngokuthi (kum): “Ingaba wena ungomnye wabo bakholwayo (kuvuko lwasemva kokufa na)?”
  53. Esithi (kananjalo): “Ingaba xa sele sifile, siluthuli namathambo, siza kuvuswa ngenene samkeliswe umvuzo okanye isohlwayo kusini na?”
  54. Kwathiwa kuye: “Ungakhe ujonge phantsi na?”
  55. Wajonga ke phantsi waza wambona (umhlobo lowo wakhe) esazulwini soMlilo
  56. Wathi kuye: “Ndifunga ngoAllâh, inene wena waphantsela ukunditshabalalisa
  57. Ukuba ngaba kwakungekho ngenxa yoBabalo lweNkosi yam, inene le, ngendandibe ngomnye wabo batyhalelwa (eMlilweni).”
  58. (Ke kaloku abemi basePaladesi baya kuthi): Ingaba asizi kuphinda sife kwakhona na
  59. Ngaphandle kokufa kwethu okokuqala, kananjalo ingaba asizi kohlwaywa na (emva kokungena kwethu eMyezweni?)”
  60. Inene, le yimpumelelo enkulu
  61. Ngenxa yokunjengoku abasebenzi (bokulungileyo) mabasebenze
  62. Ingaba yiPaladesi na elungileyo okanye ngumthi weZa’kkum (umthi ombi osesihogweni)
  63. Inene wona siwenze waba yintshutshiso kubenzi bobubi
  64. Inene wona ngumthi ohluma ngaphantsi koMlilo wesiHogo
  65. Amagaqa eziqhamo zawo anjengeentloko zamashayâtîn (amademon)
  66. Inene baza kutyiswa (ezo ziqhamo) bazalise izisu zabo ngazo
  67. Baze phezu koko banikwe amanzi abilayo, ukuba basele khona ukuze ibe ngumxube (wamanzi eZa’kkum ngaphakathi eziswini zabo)
  68. Kuze emva koko inene ibe kukubuyiselwa kwabo eMlilweni wesiHogo odwanguzayo
  69. Inene bona bafumana ookhokho babo besendleleni egwenxa
  70. Ngoko ke nabo balandela ezinyaweni zabo
  71. Yaye inene uninzi lwabantu bakudala ababandulelayo babelahlekile
  72. Kananjalo Thina Sasithumela abalumkisi (abaprofeti) phakathi kwabo
  73. Khangelakeukubasabanjaninaisiphelosabobabelunyukisiwe (abamamela)
  74. Ngaphandle kwezicaka ezikhethiweyo zika-Allâh
  75. Kananjalo uNûh wathandaza kuThi, yaye Thina Singabona balungileyo ukuphendula (imithandazo)
  76. Ke kaloku Samsindisa yena nosapho lwakhe embandezelweni enkulu (yokurhaxwa ngamanzi)
  77. Kanti nenzala yakhe yona Sayenza ukuba ibe ngabasindileyo
  78. Saza Samshiyela (inkumbulo elungileyo) kwizizukulwana ezalandelayo emva koko
  79. Uxolo malube phezu koNûh emaphakadeni
  80. Siwavuza ngolo hlobo ke amalungisa
  81. Inene, yena uNûh wayengomnye wabo babekholiwe kuThi
  82. Kananjalo Sabatshonisa emanzini abanye
  83. Ke kaloku phakathi kwabo balandela indlela yakhe (uNûh) yaba nguIbrâhîm
  84. Wathi akuza eNkosini yakhe ngentliziyo ehlambulukileyo
  85. Yabona; wathi kuyise nakubantu bakubo: “Yintoni na le niyinqulayo (apha)?”
  86. “Ingaba ngoothixo bobuxoki na aba nifuna bona nina
  87. Kanti nicinga ntoni ngeNkosi uMlondolozi wamazwe?”
  88. Waza wakrwaqula ezinkwenkwezini
  89. Wathi: “Inene mna ndigula (sisibetho3)”
  90. Bahamba ke bamshiya (besoyika ukusulelwa sisifo eso)
  91. Wabuyela yena kwizithixo zabo wathi: “Aniyi kutya na (kwiminikelo yamadini abekwe phambi kwenu?”)
  92. Kuqhubeka ntoni kanye ngani ningathethi nje
  93. Waphethukela kuzo wazibetha ngesandla sakhe sokunene
  94. Baza bona abakhonzi bezithixo, beza kuye ngokungxama
  95. Wathi yena (kubo): “Ingaba nina ninqula oko nikwenze (ngezandla zenu) na?”
  96. Lo gama uAllâh Edale nina kunye noko nikwenzayo (kuzizithixo)!”
  97. Bathi bona: “Makheleni isakhiwo (esiliziko uIbrâhîm), nize nimphose edangatyeni lomlilo!”
  98. Baqulunqa iyelenqe elo ke kodwa Sasuka Sabenza bangabona bangaphantsi
  99. Ke kaloku wathi yena (emva kokuba ehlanguliwe emlilweni): “InenemnandiyakuyaeNkosiniyam,Yiyo Eyakundikhokela
  100. Nkosi yam ndiphe (inzala) eya kuba phakathi kwamalungisa.”
  101. Samnika iindaba ezilungileyo zomntwana oyinkwenkwe enomonde
  102. Wathi unyana (wakhe lowo) esakuba emdala ngokwaneleyo ukuba ahambe naye, wathi kuye: “O nyana wam! Ndibone ephupheni ndixhela wena (njengedini lomnikelo kuAllah). Bona wena ke ukuba ucinga ntoni na!” Wathi yena: “O tata! Yenza oko ukuyalelweyo, ukuba uAllâh Uyavuma uya kundifumana ndingonyamezelayo.”
  103. Bathi ke besakuba bezinikele bobabini (phantsi kwentando ka-Allâh),Waba sele emlalise phantsi emqubudise ngebunzi lakhe (elungiselela ukumnqumla umqala)
  104. Samkhwaza: “Hini na Ibrâhîm
  105. Ulizalisekisile iphupha!” Siwavuza kanjalo ke Thina amalungisa
  106. Olo yayilucikido lokwenene
  107. Samkhulula ngedini elikhulu (inkunzi yegusha)
  108. Kananjalo yena samshiyela (inkumbulo elungileyo) kwizizukulwana ezisezayo
  109. Uxolo malube kuIbrâhîm
  110. Siwavuza ngolo hlobo ke amalungisa
  111. Inene yena wayengomnye wabakhonzi beThu ababekholiwe
  112. Samnika iindaba ezivuyisayo zikaIs-hâ’k (uIsake)
  113. Samsikelela yena noIs-hâ’k kodwa kwinzala yabo kukho abo benza okulungileyo, nabo bazona (imiphefumlo yabo) ngokuselubala
  114. Kananjalo Senzela ubabalo uMûsâ noHârûn (uAron)
  115. Sabasindisa bona nabantu bakubo kwinkxwaleko enkulu
  116. Sabanceda, khona ukuze babe noloyiso
  117. Ke kaloku Sabanika isiBhalo esicacileyo
  118. Sabakhokelela eNdleleni ethe Tye
  119. Sabashiyela (inkumbulo elungileyo) kwizizukulwana ezisezayo
  120. “Uxolo malube kuMûsâ noHârûn!”
  121. Sibavuza kanjalo ke Thina abenzi bokulungileyo
  122. Inene bona (uMûsâ noHârûn) babezizicaka zeThu ezibini ezikholwayo
  123. Kananjalo uIlyâs (uEliya) yayingomnye wabaThunywa
  124. Xa wathi kubantu bakubo: “Aniyi kumoyika na uAllâh?”
  125. Ingaba niza kubiza kuBhali na niyeke Oyena Mdali Wokwenene
  126. uAllâh OyiNkosi yenu, OyiNkosi yooyihlo’mkhulu?”
  127. Kodwa basuka bamphikisa yena (uIlyâs)4, ngoko ke baza kuziswa ngaphambili (esohlwayweni)
  128. Ngaphandle kwezicaka ezikhethiweyo zika-Allâh
  129. Yena Samshiyela (inkumbulo elungileyo) kwizizukulwana ezisezayo
  130. “Uxolo malube kuIlyâsiîn!”
  131. Sibavuza kanjalo keThina abenzi bokulungileyo
  132. Inene yena wayengomnye wezicaka zeThu ezikholiweyo
  133. Kanti noLût yayingomnye wabaThunywa
  134. Xa Samsindisayo yena nosapho lwakhe lonke
  135. Ngaphandle kwexhegokazi (umkakhe) elaba ngomnye wabo bashiyeka ngemva
  136. Sabatshabalalisa bonke abanye (bezixeko ezo iSodom neGomora)
  137. Inene nina nigqitha ngakubo (abo bafela apho) ekuseni
  138. Nasebusuku; ingaba aniyi kucingisisa na
  139. Kanti noYûnus wayengomnye wabaThunywa
  140. Xa wabalekela kwinqanawa eyayinomthwalo
  141. Wavuma ke ukwenza amaqashiso, waza waba ngomnye wabo balahlekelwayo
  142. Ke kaloku intlanzi enkulu yamginya njengoko wayenze isenzo esigxekekileyo
  143. Ukuba ngaba wayengazanga abe ngomnye wabo bazukisa uAllâh
  144. Inene yena wayeza kuhlala esiswini sentlanzi de kube yimini yoVuko
  145. Kodwa Samphosela elunxwemeni egula enjalo
  146. Ke kaloku Sahlumisa umthi womhlavuthwa phezu kwakhe (ngentla kwakhe)
  147. Kananjalo Samthumela kubantu abangamawaka aliwaka nangaphezulu kunoko
  148. Bakholwa ke; Saza Sabanika ulonwabo lokwethutyana
  149. Ngoku ke khawubabuze (Muhammad): “Ingaba ziintombi5 (zodwa) na Enazo iNkosi yakho baze bona babe noonyana na?”
  150. Okanye mhlawumbi (bathi) Sadala iingelosi zaba ngabasetyhini lo gama babebukele bona kusini na
  151. Inene kungobuxoki babo le nto abahedeni besithi
  152. “UAllâh Uzele”, bona ngamaxoki okwenene
  153. Ingaba Yena Uzikhethele iintombi kusini na endaweni yoonyana
  154. Yintoni na ngani? Nigweba njani kanye
  155. Kanti aniqaphelisisi na
  156. Okanye mhlawumbi ninegunya elicacileyo nina
  157. Yizani nencwadi yenu kaloku ukuba ninenyaniso
  158. Kananjalo baye baqamba ukuhlobana phakathi kwaKhe neeJinni, kodwa zona iiJinni ziyazi (kakuhle) okokuba ziza kuma (phambi kwaKhe ziphendule ngezenzo zazo)
  159. Uzuko lonke malube kuAllâh! (Okude lee) koko bakwayamanisa naYe
  160. Ngaphandle kwezicaka zika-Allâh, Awazikhethayo
  161. Ngoko ke inene nina bahedeni ndawonye nabo nibanqulayo (izinyanya)
  162. Abangekhe balahlekise (nabani na kumakholwa) bamwexule kuYe (uAllâh)
  163. Ngaphandle kwalowo umiselwe ukuba atshe esiHogweni
  164. Yaye akukho namnye kuthi (ingelosi) koko unendawo yakhe eyaziwayo
  165. Kananjalo thina (zingelosi) sima ngokwemigca (sithandaze phambi koAllah)
  166. Yaye futhi thina (zingelosi) inene singabo bazukisa uAllâh
  167. Kananjalo bona (abahedeni) babedla ngokuthi
  168. “Ukuba sasibe naye umlumkisi njengabantu bamandulo
  169. Sasiya kuba zizicaka zika-Allâh ezikhethiweyo
  170. Kodwa (ngoku i’Kur’ân ifikile) abakholwa kuyo. Ngoko ke baza kwazi
  171. Inene lona ilizwi leThu sele liphumile, kwamandulo mayela neziCaka zeThu abaProfeti
  172. Elokuba ngabo ngokwenene abaza kuba noloyiso
  173. Kwanokuba imikhosi yeThu yiyo eza kuba yeyoyisayo
  174. Shenxa ke kubo (wena Muhammad) okwethutyana
  175. Ubajonge yaye baza kusibona (isohlwayo)
  176. Ingaba bafuna ukuba isohlwayo sikhawuleziswe
  177. Ke kaloku ukuhla kwaso singena emizini yabo, iya kuba mbi intsasa (yaloo mini) kwabo babelunyukisiwe
  178. Ngoko ke (wena Muhammad) bashiye okwethutyana
  179. Ubajonge, yaye baza kubona (isohlwayo)
  180. Uzuko lonke malube seNkosini yakho, iNkosi yobunganga namandla (Ekude lee) koko bakwayamanisa naYo
  181. Uxolo malube kubaThunywa
  182. Neendumiso zonke mazibe kuAllâh, iNkosi uMlondolozi wamazwe