37.Those drawn up in Ranks
- (Ndifunga) ngezo ngelosi zikreliswe ngokwemigca
- Nangezo ziqhuba amafu
- Nangezo zicengceleza umyalezo (wesiTyhilelo)
- Inene uThixo wakho Mnye
- INkosi yamazulu nomhlaba noko kungaphakathi kwawo, EkwayiNkosi yeeMpumalanga
- Inene Thina Silihombisile izulu elikufutshane ngeenkwenkwezi zokuhombisa
- Ezikwalukhuselo ngokuchasene naye nawuphi na uShaytân ongumvukeli
- Ukuze (bangachwechwi) baye kuphulaphula intlanganiso ebekekileyo (yeengelosi) yaye (aba Sathana) baxulutywa (ngamadangatya omlilo) macala onke (abazama ukuvela ngakuwo)
- Bagxothwe; yaye abakufumanayo kukohlwaywa rhoqo
- Ngaphandle kwabo baxhwila (amazwi athile) ngobusela, kodwa nabo bayaleqwa ngezikhuni ezivuthayo, (ezikhanya) ngokugqobhozelayo
- Khawubabuze (Muhammad) okukuba ingaba ngabo na abayeyona ndalo iqinileyo okanye yenye na (indalo enjengamazulu nomhlaba neentaba) eSazidalayo? Inene, bona Sabadala ngodongwe oluncangathi
- Ewe kakade (wena Muhammad) uye wamangaliseka (yindelelo yabo) xa bebekugculela (wena ne’Kur’ân)
- Naxa bekhunjuzwa (ngoAllâh) abahoyi
- Naxa bebona umqondiso bayawugculela
- Bade bathi: “Asinto yimbi le ngaphandle kokuba ngumlingo ocacileyo
- Ingaba xa sifile sele siluthuli namathambo siza kuphinda sivuswe kwakhona
- Ndawonye noobawo bethu bamandulo?”
- Yithi wena (Muhammad): “Ewe, yaye niya kuhlaziswa.”
- Iya kuba sisikhalo esinye (seXilongo), yabonani! Baya kuthi ndlaa (amehlo besoyika)
- Baya kuthi: “Yeha kuthi! Le yiyo (ngenene) iMini yembuyekezo!”
- (Kuya kuthiwa kubo): “Yiyo le ke iMini yoMgwebo enanidla ngokuyiphika.”
- (Kuya kuthiwa kwiingelosi): “Qokelelani ndaweninye bonke abo benza ubugwenxa, bedibene noogxa babo (ooSathana abangamademon) nezo nto2 babedla ngokuzikhonza
- Endaweni ka-Allâh, nibakhokelele endleleni eya edangatyeni loMlilo (isiHogo)
- Kodwa khanibamise, kuba inene bona kufuneka bebuziwe
- Yintoni ngani, yini na ebangela ukuba ningancedisani (njengoko nanincedisana emhlabeni)
- Nakanye, bona baya kusuka bazinikezele
- Ke kaloku baya kujika bajongane , babuzane
- Baya kuthi: “Nini (booSathana) ababedla ngokuza kuthi nivela ngasekunene kwethu (nisilahlekise ngokusenzela ntle indlela eya ekwenzeni ubutshinga)”
- Baya kuphendula ke bona: “Unotshe! Nini ngokwenu eningazanga nikholwe
- Ngapha koko thina sasingenagunya phezu kwenu. Nakanye, nina nasuka naba ngabagabadeli
- “Ngoku ke iLizwi leNkosi yethu liyathetheleka ngokuchasene nathi, mayela nokuba singcamle (isohlwayo)
- Ke ngoko sanikhokelela ekulahlekeni kuba nathi sasilahlekile.”
- Inene ngaloo Mini baya kwabelana ngesohlwayo
- Ngokwenene, leyo yindlela esiqubisana ngayo nabenzi bobubi
- Ke kaloku, xa kusithiwa kubo: “Akukho thixo wumbi ngaphandle koAllâh,” bona bayazikhukhumalisa, (baphikise)
- Kananjalo bathi: “Siza kushiya oothixo bethu ngenxa yembongi ephambeneyo na
- Nakanye! Yena (uMuhammad) ufike nenyaniso (i-Islam ne’Kur’ân) yaye yena uyabangqina abaThunywa (abangaphambili kunaye)
- Inene nina (bahedenindini) niza kusingcamla isohlwayo esibuhlungu
- Kananjalo aniyi kubuyekezwa nganto ngaphandle koko nanidla ngokukwenza
- Ngaphandle kwezicaka ezinyanisekileyo zika-Allâh
- Kwabo banjalo kuya kubakho umsindleko owaziwayo
- Iziqhamo yaye baya kuhlonipheka
- EMiyezweni yolonwabo
- Bejongene (behleli zava) ezitroneni
- Emacaleni abo kuya kuba kugqithiswa indebe yewayini elungileyo (ehlambulukileyo)
- Emhlophe nenencasa kwabayiselayo
- Abayi kuva buhlungu apho nabubi, bengayi kuva kunxila nakuyotywa (apho)
- Kanti emacaleni kwabo kuya kubakho abasetyhini, ababajezula ngamehlo abo amahle
- (Ababuthathaka, benyulu) ngokungengathi ngamaqanda anonotshelweyo
- Ke kaloku baya kujongana babuzane
- Isithethi phakathi kwabo siya kuthi: “Ndandinomhlobo (ehlabathini)
- Owayedla ngokuthi (kum): “Ingaba wena ungomnye wabo bakholwayo (kuvuko lwasemva kokufa na)?”
- Esithi (kananjalo): “Ingaba xa sele sifile, siluthuli namathambo, siza kuvuswa ngenene samkeliswe umvuzo okanye isohlwayo kusini na?”
- Kwathiwa kuye: “Ungakhe ujonge phantsi na?”
- Wajonga ke phantsi waza wambona (umhlobo lowo wakhe) esazulwini soMlilo
- Wathi kuye: “Ndifunga ngoAllâh, inene wena waphantsela ukunditshabalalisa
- Ukuba ngaba kwakungekho ngenxa yoBabalo lweNkosi yam, inene le, ngendandibe ngomnye wabo batyhalelwa (eMlilweni).”
- (Ke kaloku abemi basePaladesi baya kuthi): Ingaba asizi kuphinda sife kwakhona na
- Ngaphandle kokufa kwethu okokuqala, kananjalo ingaba asizi kohlwaywa na (emva kokungena kwethu eMyezweni?)”
- Inene, le yimpumelelo enkulu
- Ngenxa yokunjengoku abasebenzi (bokulungileyo) mabasebenze
- Ingaba yiPaladesi na elungileyo okanye ngumthi weZa’kkum (umthi ombi osesihogweni)
- Inene wona siwenze waba yintshutshiso kubenzi bobubi
- Inene wona ngumthi ohluma ngaphantsi koMlilo wesiHogo
- Amagaqa eziqhamo zawo anjengeentloko zamashayâtîn (amademon)
- Inene baza kutyiswa (ezo ziqhamo) bazalise izisu zabo ngazo
- Baze phezu koko banikwe amanzi abilayo, ukuba basele khona ukuze ibe ngumxube (wamanzi eZa’kkum ngaphakathi eziswini zabo)
- Kuze emva koko inene ibe kukubuyiselwa kwabo eMlilweni wesiHogo odwanguzayo
- Inene bona bafumana ookhokho babo besendleleni egwenxa
- Ngoko ke nabo balandela ezinyaweni zabo
- Yaye inene uninzi lwabantu bakudala ababandulelayo babelahlekile
- Kananjalo Thina Sasithumela abalumkisi (abaprofeti) phakathi kwabo
- Khangelakeukubasabanjaninaisiphelosabobabelunyukisiwe (abamamela)
- Ngaphandle kwezicaka ezikhethiweyo zika-Allâh
- Kananjalo uNûh wathandaza kuThi, yaye Thina Singabona balungileyo ukuphendula (imithandazo)
- Ke kaloku Samsindisa yena nosapho lwakhe embandezelweni enkulu (yokurhaxwa ngamanzi)
- Kanti nenzala yakhe yona Sayenza ukuba ibe ngabasindileyo
- Saza Samshiyela (inkumbulo elungileyo) kwizizukulwana ezalandelayo emva koko
- Uxolo malube phezu koNûh emaphakadeni
- Siwavuza ngolo hlobo ke amalungisa
- Inene, yena uNûh wayengomnye wabo babekholiwe kuThi
- Kananjalo Sabatshonisa emanzini abanye
- Ke kaloku phakathi kwabo balandela indlela yakhe (uNûh) yaba nguIbrâhîm
- Wathi akuza eNkosini yakhe ngentliziyo ehlambulukileyo
- Yabona; wathi kuyise nakubantu bakubo: “Yintoni na le niyinqulayo (apha)?”
- “Ingaba ngoothixo bobuxoki na aba nifuna bona nina
- Kanti nicinga ntoni ngeNkosi uMlondolozi wamazwe?”
- Waza wakrwaqula ezinkwenkwezini
- Wathi: “Inene mna ndigula (sisibetho3)”
- Bahamba ke bamshiya (besoyika ukusulelwa sisifo eso)
- Wabuyela yena kwizithixo zabo wathi: “Aniyi kutya na (kwiminikelo yamadini abekwe phambi kwenu?”)
- Kuqhubeka ntoni kanye ngani ningathethi nje
- Waphethukela kuzo wazibetha ngesandla sakhe sokunene
- Baza bona abakhonzi bezithixo, beza kuye ngokungxama
- Wathi yena (kubo): “Ingaba nina ninqula oko nikwenze (ngezandla zenu) na?”
- Lo gama uAllâh Edale nina kunye noko nikwenzayo (kuzizithixo)!”
- Bathi bona: “Makheleni isakhiwo (esiliziko uIbrâhîm), nize nimphose edangatyeni lomlilo!”
- Baqulunqa iyelenqe elo ke kodwa Sasuka Sabenza bangabona bangaphantsi
- Ke kaloku wathi yena (emva kokuba ehlanguliwe emlilweni): “InenemnandiyakuyaeNkosiniyam,Yiyo Eyakundikhokela
- Nkosi yam ndiphe (inzala) eya kuba phakathi kwamalungisa.”
- Samnika iindaba ezilungileyo zomntwana oyinkwenkwe enomonde
- Wathi unyana (wakhe lowo) esakuba emdala ngokwaneleyo ukuba ahambe naye, wathi kuye: “O nyana wam! Ndibone ephupheni ndixhela wena (njengedini lomnikelo kuAllah). Bona wena ke ukuba ucinga ntoni na!” Wathi yena: “O tata! Yenza oko ukuyalelweyo, ukuba uAllâh Uyavuma uya kundifumana ndingonyamezelayo.”
- Bathi ke besakuba bezinikele bobabini (phantsi kwentando ka-Allâh),Waba sele emlalise phantsi emqubudise ngebunzi lakhe (elungiselela ukumnqumla umqala)
- Samkhwaza: “Hini na Ibrâhîm
- Ulizalisekisile iphupha!” Siwavuza kanjalo ke Thina amalungisa
- Olo yayilucikido lokwenene
- Samkhulula ngedini elikhulu (inkunzi yegusha)
- Kananjalo yena samshiyela (inkumbulo elungileyo) kwizizukulwana ezisezayo
- Uxolo malube kuIbrâhîm
- Siwavuza ngolo hlobo ke amalungisa
- Inene yena wayengomnye wabakhonzi beThu ababekholiwe
- Samnika iindaba ezivuyisayo zikaIs-hâ’k (uIsake)
- Samsikelela yena noIs-hâ’k kodwa kwinzala yabo kukho abo benza okulungileyo, nabo bazona (imiphefumlo yabo) ngokuselubala
- Kananjalo Senzela ubabalo uMûsâ noHârûn (uAron)
- Sabasindisa bona nabantu bakubo kwinkxwaleko enkulu
- Sabanceda, khona ukuze babe noloyiso
- Ke kaloku Sabanika isiBhalo esicacileyo
- Sabakhokelela eNdleleni ethe Tye
- Sabashiyela (inkumbulo elungileyo) kwizizukulwana ezisezayo
- “Uxolo malube kuMûsâ noHârûn!”
- Sibavuza kanjalo ke Thina abenzi bokulungileyo
- Inene bona (uMûsâ noHârûn) babezizicaka zeThu ezibini ezikholwayo
- Kananjalo uIlyâs (uEliya) yayingomnye wabaThunywa
- Xa wathi kubantu bakubo: “Aniyi kumoyika na uAllâh?”
- Ingaba niza kubiza kuBhali na niyeke Oyena Mdali Wokwenene
- uAllâh OyiNkosi yenu, OyiNkosi yooyihlo’mkhulu?”
- Kodwa basuka bamphikisa yena (uIlyâs)4, ngoko ke baza kuziswa ngaphambili (esohlwayweni)
- Ngaphandle kwezicaka ezikhethiweyo zika-Allâh
- Yena Samshiyela (inkumbulo elungileyo) kwizizukulwana ezisezayo
- “Uxolo malube kuIlyâsiîn!”
- Sibavuza kanjalo keThina abenzi bokulungileyo
- Inene yena wayengomnye wezicaka zeThu ezikholiweyo
- Kanti noLût yayingomnye wabaThunywa
- Xa Samsindisayo yena nosapho lwakhe lonke
- Ngaphandle kwexhegokazi (umkakhe) elaba ngomnye wabo bashiyeka ngemva
- Sabatshabalalisa bonke abanye (bezixeko ezo iSodom neGomora)
- Inene nina nigqitha ngakubo (abo bafela apho) ekuseni
- Nasebusuku; ingaba aniyi kucingisisa na
- Kanti noYûnus wayengomnye wabaThunywa
- Xa wabalekela kwinqanawa eyayinomthwalo
- Wavuma ke ukwenza amaqashiso, waza waba ngomnye wabo balahlekelwayo
- Ke kaloku intlanzi enkulu yamginya njengoko wayenze isenzo esigxekekileyo
- Ukuba ngaba wayengazanga abe ngomnye wabo bazukisa uAllâh
- Inene yena wayeza kuhlala esiswini sentlanzi de kube yimini yoVuko
- Kodwa Samphosela elunxwemeni egula enjalo
- Ke kaloku Sahlumisa umthi womhlavuthwa phezu kwakhe (ngentla kwakhe)
- Kananjalo Samthumela kubantu abangamawaka aliwaka nangaphezulu kunoko
- Bakholwa ke; Saza Sabanika ulonwabo lokwethutyana
- Ngoku ke khawubabuze (Muhammad): “Ingaba ziintombi5 (zodwa) na Enazo iNkosi yakho baze bona babe noonyana na?”
- Okanye mhlawumbi (bathi) Sadala iingelosi zaba ngabasetyhini lo gama babebukele bona kusini na
- Inene kungobuxoki babo le nto abahedeni besithi
- “UAllâh Uzele”, bona ngamaxoki okwenene
- Ingaba Yena Uzikhethele iintombi kusini na endaweni yoonyana
- Yintoni na ngani? Nigweba njani kanye
- Kanti aniqaphelisisi na
- Okanye mhlawumbi ninegunya elicacileyo nina
- Yizani nencwadi yenu kaloku ukuba ninenyaniso
- Kananjalo baye baqamba ukuhlobana phakathi kwaKhe neeJinni, kodwa zona iiJinni ziyazi (kakuhle) okokuba ziza kuma (phambi kwaKhe ziphendule ngezenzo zazo)
- Uzuko lonke malube kuAllâh! (Okude lee) koko bakwayamanisa naYe
- Ngaphandle kwezicaka zika-Allâh, Awazikhethayo
- Ngoko ke inene nina bahedeni ndawonye nabo nibanqulayo (izinyanya)
- Abangekhe balahlekise (nabani na kumakholwa) bamwexule kuYe (uAllâh)
- Ngaphandle kwalowo umiselwe ukuba atshe esiHogweni
- Yaye akukho namnye kuthi (ingelosi) koko unendawo yakhe eyaziwayo
- Kananjalo thina (zingelosi) sima ngokwemigca (sithandaze phambi koAllah)
- Yaye futhi thina (zingelosi) inene singabo bazukisa uAllâh
- Kananjalo bona (abahedeni) babedla ngokuthi
- “Ukuba sasibe naye umlumkisi njengabantu bamandulo
- Sasiya kuba zizicaka zika-Allâh ezikhethiweyo
- Kodwa (ngoku i’Kur’ân ifikile) abakholwa kuyo. Ngoko ke baza kwazi
- Inene lona ilizwi leThu sele liphumile, kwamandulo mayela neziCaka zeThu abaProfeti
- Elokuba ngabo ngokwenene abaza kuba noloyiso
- Kwanokuba imikhosi yeThu yiyo eza kuba yeyoyisayo
- Shenxa ke kubo (wena Muhammad) okwethutyana
- Ubajonge yaye baza kusibona (isohlwayo)
- Ingaba bafuna ukuba isohlwayo sikhawuleziswe
- Ke kaloku ukuhla kwaso singena emizini yabo, iya kuba mbi intsasa (yaloo mini) kwabo babelunyukisiwe
- Ngoko ke (wena Muhammad) bashiye okwethutyana
- Ubajonge, yaye baza kubona (isohlwayo)
- Uzuko lonke malube seNkosini yakho, iNkosi yobunganga namandla (Ekude lee) koko bakwayamanisa naYo
- Uxolo malube kubaThunywa
- Neendumiso zonke mazibe kuAllâh, iNkosi uMlondolozi wamazwe