39.The Groups

  1. IsiTyhilelo sale Ncwadi (i’Kur’ân) sivela kuAllâh, uSomandla, uSobulumko
  2. Sithumele i’Kur’ân kuwe (Muhammad) ngenyaniso: ngoko ke wena nqula uAllâh, wenze izenzo zenkolo ngokunyanisekileyo ngenxa ka-Allâh
  3. Inene inkolo yeka-Allâh kuphela. Abo bazithabathela bancedi bambi ngaphandle kwaKhe (besithi): “Sibanqulela ukuba basisondeze kuAllâh kuphela.’’ Inene uAllâh Uza kugweba phakathi kwabo mayela noko baphikisana ngako. Inene Akamkhokeli lowo ulixoki nongumchasikholo
  4. UkubauAllâhWayethandileukubanonyana,ngeWayemkhethe kwabo Wabadalayo kodwa Makazukiswe Yena. NguAllâh, Mnye, Yena akanakuphikiswa
  5. Yena Wadala amazulu nomhlaba ngenyaniso. Wenza ubusuku bumke emini ize nemini imke ebusuku kananjalo Wenza ilanga nenyanga ukuba nganye kuzo ibaleke ixesha elibekelweyo. Inene Yena nguSomandla, nguMxoleli
  6. Wanidala (nonke) ngesiqu (somntu) omnye (uAdam); Waza ngaye (lowo) Wenza umfazi wakhe, kananjalo Yena Unithobele izibini ezisibhozo (zezilwanyana zemfuyo). Yena Unidale ezibelekweni zoomama benu (Wenza) indalo emva kwendalo kwizigqubuthelo ezithathu zobumnyama. Lowo ke nguAllâh: iNkosi yakho. BobaKhe ubukumkani, akukho Thixo ngaphandle kwaKhe yintoni na eniphambhukisileyo
  7. Ukuba niye anakholwa, inene Yena uAllâh akukho nto Anifuna yona, Akakuthandi ukungakholwa ezicakeni zaKhe. Kananjalo ukuba niyabulela, Uyakuthanda oko kuni. Akukho mthwali wamithwalo uza kuthwaliswa umthwalo womnye. Ukanti eNkosini yenu kulapho niza kubuyela khona. Yaye Iza kunixelela ngezinto enazenzayo. Inene Yena nguMazi woko kusezifubeni (zabantu)
  8. Kanti ke xa umntu echukunyiswa bubuhlungu, uye athandaze eNkosini yakhe, abuyele kuYo ngenguquko: Kodwa Esakumbonelela ngezibele zaKhe, alibale ngoko ebekuthandazele ngaphambili, aze abe nabaphikisi baka Allâh khona ukuze baphambukise abanye abantu eNdleleni yaKhe. Yithi: “Kuvuyeleni ukungakholwa kwenu okwethutyana: inene nina ningabanye babo bangabahlali baseMlilweni!”
  9. Ingaba lowo uthobela uAllâh, uqubudayo okanye eme ngeenyawo (athandaze) ngeeyure zobusuku, esoyika uBomi oBuzayo, enethembalencebayeNkosiyakhe,(uyafananalowo ungakholwayo na)? Yithi: “Ingaba abo baziyo bayafana nabo bangaziyo?” Inene ngabantu bengqiqo kuphela abaya kukhumbula (bathabathe isifundo kwiiVesi ze’Kur’ân)
  10. Yithi (Muhammad): “Hini na zicaka zam ezikholwayo! Yoyikani iNkosi yenu, nenze amaxanduva wenu kuYo, mhle (umvuzo) wabo benza okulungileyo kweli hlabathi, ukanti umhlaba ka-Allâh uphangalele1. Ngabo banomonde kuphela abaza kufumana umvuzo wabo ngokugcweleyo ngaphandle kokumiswa ematyaleni
  11. Yithi: “Inene mna ndiyalelwe ukuba ndinqule uAllâh Yedwa ngokuthi ndiMthobele, ndenze izenzo zenkolo ngenxa yaKhe kuphela
  12. Kananjalo mna ndiyalelwe (oku) khon’ukuze ndibe ngowokuqala kwabo (bazinikelayo kuAllâh) bangama Muslim.”
  13. Yithi (Muhammad): “Inene ukuba ndingangayithobeli iNkosi yam, ndoyika isohlwayo seMinikazi eNkulu
  14. Yithi: “NguAllâh Yedwa endimnqula ngokwenza izenzo zenkolo ngokunyanisekileyo ngenxa yaKhe kuphela
  15. Ke ngoko khonzani loo nto nithande ukuyikhonza ngaphandle kwaKhe Yithi (Muhammad): “Abalahlekelwa (bokwenene) ngabo baza kulahlekelwa ziziqu zabo neentsapho zabo ngoMhla woVuko. Inene leyo iya kuba yilahleko ecacileyo.’’
  16. Baya kuba nezigqumathelo zoMlilo phezu kwabo nezigqumathelo zoMlilo nangaphantsi kwabo Ngako oku uAllâh Woyikisa izicaka zaKhe: “Hini na zicaka zaM, yoyikani Mna ke ngoko.’’
  17. Abo bazikhwebulayo kwizinto ezingcolileyo bangazikhonzi baze babuyele kuAllâh okwabo ziindaba ezivuyisayo, ngoko ke vakalisa iindaba ezilungileyo kwizicaka zaM
  18. Ke bona abo baliphulaphulayo ilizwi, balandele okulungileyo kulo. Abo ngabo uAllâh Abakhokeleyo yaye abo ngabantu bengqiqo
  19. Ingaba lowo ummiselo wesohlwayo umfaneleyo (uyafana nalowo uzikhwebulayo ekungcoleni? Ingaba wena Muhammad uza kukwazi ukumhlangula lowo useMlilweni)
  20. Kodwa abo bayoyikayo iNkosi yabo (uAllâh) benze imisebenzi yeemfanelo zabo kuYe, okwabo ngamagumbi aphakamileyo abawakhelwayo, elinye phezu kwelinye, ekumpompoza imilambo phantsi kwawo: Esi sisithembiso sika-Allâh; yaye uAllâh Akasileli kwisithembiso (saKhe)
  21. Akuboni na ukuba uAllâh Uthumela amanzi (emvula) esuka esibhakabhakeni, Awenze angene emhlabeni, eyimithombo? Aze emva koko Enze kuhlume iimveliso eziyimibala ngemibala zize emva koko zitshazwe (zibune), nizibone zijika ziba mthubi, Aze Azenze zome zibe zizijungqu ezaphukileyo? Inene kuko oku kukho inkumbuzo kubantu bengqiqo
  22. Ingaba lowo usifuba sakhe uAllâh Asenze savuleka kwi-Islam khona ukuze abe sekukhanyeni kweNkosi yakhe (uyafana nalowo ungeloMuslim). Yeha ke kwabo bantliziyo zabo zilukhuni ekukhumbuleni uAllâh! Bona basekulahlekeni okucacileyo
  23. UAllâh Uthumele eyona ntetho ilungileyo, iNcwadi (i’Kur’ân), enezahluko ezifanayo neziphinda-phindiweyo. Izikhumba zabo bayoyikayo iNkosi yabo ziyangcangcazela ngayo. Ke kaloku izikhumba zabo neentliziyo zabo zithambela inkumbulo ka-Allâh. Yena Ukhokela lowo Athande ukumkhokela ngayo. Ke lowo ulahlekiswe nguAllâh akayi kuba namkhokeli
  24. Ingaba lowo uza kugagana ngobuso bakhe nesohlwayo esoyikekayo ngoMhla woVuko (uyafana na nalowo uza kungena eMyezweni)? Kananjalo kuya kuthiwa kubenzi bobubi: “Ngcamlani enakwenzayo.’’
  25. Baphika abangaphambili kubo, saza isohlwayo seza kubo sivela kumacala ababengawacingelanga
  26. Ngoko ke uAllâh Wabenza bangcamla ihlazo kobu bomi kodwa esikhulu sisohlwayo soBomi oBuzayo ukuba bebesazi
  27. Ke kaloku Sinike umntu kule ‘Kur’ân zonke iintlobo zemizekeliso khon’ukuze bakhumbule
  28. I’Kur’ân yesiArabhu, engenabugoso-goso (kuyo) khon’ukuze baphephe ukungcola uAllâh Abayalele ukuba bakuphephe, baMoyike, benze amaxanduva abo kuYe
  29. uAllâh Wenza umzekeliso: indoda (esisicaka) yabantu abangamahlulelane amaninzi, axambulisanayo nendoda esisicaka senkosi enye kuphela: ingaba (ezi zicaka) zibini ziyafana xa zithelekiswa? Iindumiso mazibe kuAllâh! Kodwa uninzi lwabo alwazi
  30. Inene wena (Muhammad) uza kufa, kanti nabo baza kufa
  31. Ke kaloku ngoMhla woVuko niya kuphikisana phambi kweNkosi yenu
  32. Ngubani na owenza obona bugwenxa bukhulu kunalowo uthetha ubuxoki ngoAllâh, aphike inyaniso isakuba ifikile kuye! Alikho siHogweni na ikhaya labangakholwayo
  33. Kananjalo yena (uMuhammad) uze nenyaniso yaye abo bakholwayo kuyo ngabanyulu
  34. Baya kukufumana konke abakufunayo eNkosini yabo, lowo ngumvuzo wabenzi bokulungileyo
  35. Khon’ukuze uAllâh Abahlawulele ngokungcola abakwenzayo, Abanike umvuzo olingana noko (kulungileyo) bazama kangangoko ukukwenza
  36. Akanelanga na uAllâh kwisicaka saKhe? Kodwa basazama ukunoyikisa ngabo babanqulayo ngaphandle kwaKhe! Lowo ulahlekiswe nguAllâh, akuyi kubakho mkhokeli kuye
  37. Nabani na lowo uAllâh amkhokeleyo akuyi kubakho mlahlekisi. AyingoAllâh na uMnini mpindezelo
  38. Ukanti ke xa unokubabuza: “Ngubani owadala amazulu nomhlaba? ‘’Ngokuqinisekileyo baza kuthi: nguAllâh (Owadalileyo)’’ Yithi wena: “Ndixeleleni ke ezi zinto nizinqulayo ngaphandle koAllâh ukuba uAllâh Angagqiba ekubeni Andenze ububi zingabususa zona ububi baKhe? Okanye ukuba (uAllâh) Angandenzela inceba yaKhe zingayithintela inceba yaKhe?’’ Yithi Wanele kum uAllâh; mababeke ithemba labo kuYe bonke abo bakholwayo
  39. Yithi: “Hini na bantu bakuthi! Yenzani ngendlela yenu Mna ndenze (ngendlela yam). Yaye niza kwazi
  40. Lowo uza kufikelwa sisohlwayo esilihlazo ngulowo uza kuhlelwa sisohlwayo sanaphakade
  41. Sityhilele uluntu iNcwadi kuwe ngenyaniso, ngoko ke lowo wamkela isiKhokelo, usamkelela isiqu sakhe nalowo uphambukayo, uziphambukisela ilahleko yakhe, wena ke (Muhammad) awungomlondolozi wabo
  42. NguAllâh Othabatha imiphefumlo yabo ngexesha lokufa kwabo, nabo bafa bengalelanga. Abo Amisele ukuba bafe, Uyababamba (bangabuyeli ebomini), kodwa bonke abanye Ubathumela (emizimbeni yabo) ixesha elimisiweyo inene kuyo le nto kukho imiqondiso kwabo bacamngcayo
  43. Bazithabathele (thixo bambi) ukuba babe ngabathetheleli ngaphandle koAllâh kusini na? Yithi: “Nangona bengenamandla naphezu kwayiphi na into, bengenayo nengqondo?’’
  44. Yithi: “Intethelelo yonke yeka-Allâh. BobaKhe ubukumkani bamazulu nomhlaba ukanti kukuYe apho niza kubuyiselwa khona.’’
  45. Xa uAllâh Ekhankanywa Yedwa, iintliziyo zabo bangakholwayo kuBomi Obuzayo zizala kukucaphuka kodwa xa (ezinye izithixo) zikhankanywa ngaphandle kwaKhe, yabona, baba nochulumanco
  46. Yithi: “O Allâh! Mdali wamazulu nomhlaba! (Wena) Mazi wokungabonwayo nokubonwayo! Uza kugweba phakathi kwezicaka zaKho ngoko zaziphikisana ngako.’’
  47. Abo benza ubugwenxa, ukuba bebenokuba nako konke okusemhlabeni, nangaphezulukunako, bebezakunikelangako njengentlawulo (yokuzikhulula) kwintlungu yesohlwayo ngeMini yoMgwebo: kodwa kukho into eza kugagana nabo evela kuAllâh, abebengayazi
  48. Ke kaloku ukungcola kwezenzo zabo baza kukubona, yaye baza kurhangqelwa ngokupheleleyo koko babekugculela
  49. Xa ububi bumchukumisa umntu, uthandaza kuThi (acele uncedo): (Sithi sisakumhlangula kobo bubi) sibujike bube luBabalo oluvela kuThi, (asuke) athi yena : “Kube ngenxa yolwazi lwam kuphela ukuze ndifumane oku,” Nakanye (olu) luvavanyo kuphela, kodwa uninzi lwabo alwazi
  50. Abo bangaphambili kunabo batsho njalo, kodwa (konke) oko babe nako akuzanga kubancede nto
  51. Ngoko ke iziphumo ezingcolileyo zoko bakwenzayo zabafumana, abenzi bobubi (besi sizukulwana) iziphumo ezingcolileyo zezenzo zabo ziza kubafumana (nabo), yaye abayi kuze bakwazi ukuphuncula
  52. AbazinaukubauAllâh WandiselalowoAthandeukumandisela imbonelelo, Ancitshe (lowo Athande ukumncitsha) Inene kuko oku kukho imiqondiso kubantu abakholwayo
  53. Yithi: Hini na zicaka zaM ezigabadeleyo ngokuchasene neziqu zazo! Musani ukulahla ithemba ngenceba ka-Allâh: kuba uAllâh Uxolela zonke izono: ngokuba Yena nguMxoleli, nguSozinceba
  54. Kananjalo buyelani (kuAllâh) ngenguquko nangentobeko ngokholo lokwenene eNkosini yenu, nizithobe kuYo singekanifikeli isohlwayo, emva koko aniyi kuba sancedwa
  55. Yaye landelani okona kulungileyo koko kuthunyelwe kuni kuvela eNkosini yenu, singekehli isohlwayo phezu kwenu ngequbuliso ningaqondanga
  56. Kuba hleze umntu athi: “Kowu madoda, ndibuhlungu ngokungabi nahoyo ngoAllâh yaye ndasuka mna ndaba ngomnye wabo bagculelayo!’’
  57. Okanye: athi “Ukuba uAllâh Wayendikhokele, ndandiya kuba ngomnye wamalungisa!’’
  58. Okanye athi xa ngoko sele esibona isohlwayo: “Akwaba bendinokuphinda ndinikwe elinye ithuba inene bendiya kuba ngomnye wabenzi bokulungileyo!’’
  59. (Impendulo iya kuba kuthiwe kuye): “Nakanye, iiVesi zaM zazifikile kuwe, kodwa wena wazala; waba nenkukhumalo, wangomnye wabo bangakholwayo.”
  60. Kananjalo ngomhla woVuko uza kubabona abo baxokayo ngoAllâh ubuso babo buya kuba mnyama. Alikho siHogweni na kanene ikhaya labakhukhumeleyo
  61. Ke kaloku uAllâh Uya kubasindisa abo banyulu, Abangenise ezindaweni zabo zempumelelo. Ukungcola akuyi kubachukumisa, bengayi kuxhalaba
  62. UAllâh nguMdali wezinto zonke, yaye nguMlondolozi wezinto zonke
  63. ZezaKhe izitshixo zamazulu nomhlaba. Ke kaloku abo bangakholwayo kwiiVesi zika-Allâh, ngabo kanye abaya kuba ngabalahlekelwa
  64. Yithi (Muhammad): “Nina niyalela mna ukuba ndikhonze (thixo bambi) ngaphandle koAllâh kusini na ziyathandini !’’
  65. Ukanti kuye kwatyhilwa kuwe (Muhammad) njengoko kwakunjalo kwabakwandulelayo (kwathiwa): “Ukuba nithe nayamanisa abanye kunqulo luka-Allâh inene izenzo zenu ziya kuba lilize yaye inene niya kuba ngabanye babalahlekelwa.”
  66. Ewe nje! Wena nqula uAllâh, ube kunye nabo banombulelo
  67. Abenzanga mlinganiselo wabulungisa ufanelekileyo ngoAllâh, Kanti ngoMhla woVuko umhlaba wonke uza kufunjathwa siSandla saKhe. Yaye amazulu wona aya kusongwa eSandleni saKhe sokunene. Uzuko malube kuYe, Ungentla kwazo zonke izinto abazayamanisa naYe
  68. Ke kaloku iXilongo liya kuvuthelwa, baze bonke abasemangcwabeni banyamalale, ngaphandle kwalowo uAllâh Athandileyo. Liya kuvuthelwa okwesibini, yabona, baya kuma bejongile (belindele okuza kwenzeka)
  69. Nomhlaba uya kubengezela kukukhanya kweNkosi yawo, ize iNcwadi ibekwe (ivuliwe), baze abaProfeti namangqina baziswe ngaphambili, kuze kugwetywe phakathi kwabo ngokusenyanisweni, yaye abayi kwenziwa bugwenxa
  70. Ke kaloku umntu ngamnye uya kuhlawula ngokugcweleyo ngako akwenzileyo. Yaye (uAllâh) Ukwazi kakuhle abakwenzayo
  71. Kananjalo bona abo bangakholwayo baya kuqhutyelwa esiHogweni bengamaqela, de bafike kuso, amasango aso aya kuvulwa, ke kaloku abagcini baso baya kuthi: “Azanga abaThunywa bafike kuni na bephuma kwakuni, benicengcelezela iiVesi zenkosi yenu (uAllâh), benilumkisa ngale ndibano yaleMini yenu na?’’ Baya kuthi bona: “Ewe,’’ Kodwa lona ilizwi lesohlwayo liya kuthetheleleka ngokuchasene nabangakholwayo
  72. Kuya kuthiwa (kubo): “Ngenani ke emasangweni esiHogo, nihlale apho. Inene, hayi ububi bekhaya lezikhukhumali
  73. Ke bona abo bawenzayo umsebenzi wabo (wonqulo) eNkosini yabo baya kukhokelelwa eMyezweni bengamaqela, de bafike kuwo, amasango awo aya kuvulwa, ke kaloku abagcini bawo baya kuthi: “Salâmun ‘alaykum (uxolo malube nani), nenze kakuhle, ngenani ke ngoko nihlale apho ngaphakathi.”
  74. Ke kaloku baya kuthi: “Iindumiso zonke nemibulelo mazibe kuAllâh, Ozalisekise isithembiso saKhe, Wasenza saba ziindlalifa zeli lizwe, singahlala ePaladesi naphi na apho sithande khona, onjani ukuba mhle wona umvuzo wabasebenzi (bokulungileyo)
  75. Kananjalo uya kuzibona iingelosi zingqonge iTrone (ka- Allâh) macala onke, zizukisa iindumiso zeNkosi yazo (uAllâh). Ke kaloku zonke (izidalwa) ziya kugwetywa ngenyaniso yaye kuya kuthiwa: “Iindumiso nemibulelo yonke mayibe kuAllâh, iNkosi uMlondolozi wanaphakade