4.The Women

  1. Hini na bantu! Yoyikani iNkosi yenu, Eyanidalayo ngesiqu esinye (uAdam). Waza kuso Wadala umfazi waso[(uHawwâ) uEva] Waza kubo bobabini Wadala inyambalala yamadoda nabafazi; kananjalo moyikeni uAllâh loWo ninkqanga (amalungelo enu omnye komnye) ngaYe ningawaqhawuli amaqhina ezibeleko (okuzalana). Inene, uAllâh Uhleli Enijongile
  2. Nikani iinkedama iimpahla1 zazo ningatshintshi izinto zenu [ezingento yanto (ngezazo)] ezilungileyo; ningatyi izinto zazo (amafa) ngokuthi nongezelele ezenu ngazo. Inene esi sisono esikhulu
  3. Ukuba ninoloyiko lokuba hleze ningakwazi ukuphathisana neenkedama eziziintombi ngobulungisa, tshatani ke ngoko abafazi enibathandileyo, ngambini okanye ngantathu okanye ngane; kodwa ukuba ninoloyiko lokuba hleze ningabaphathi ngobulungisa, makabe mnye kuphela okanye abo izandla zenu zokunene zibabambileyo2. Oko kusondele ekunithinteleni ningenzi intswela bulungisa
  4. Kananjalo banikeni abafazi (enibatshatileyo) imahr3 ngentliziyo entle; kodwa ukuba bathe ngokuzithandela kwabo banipha inxalenye yayo, yithatheni niyonwabele ningenaloyiko lwangozi
  5. Ke kaloku ningathathi ingqwebo yenu niyinike izidenge uAllâh Aninike yona Ayenze ukuba ibe yindlela yesixhaso senu, koko bondleni nibambese ngayo, nithethe amazwi obubele nobulungisa kubo
  6. Zivavanyeni iinkedama zide zifikelele ebudaleni bokuba zitshate; ukuba ke nizifumanise ukuba zinengqiqo epheleleyo, zikhululeni iimpahla zazo, kodwa ningazidli ngokuzidyakraza, nigxabhagxabhisa kuba nisoyikisela ukuba ziza kukhula kananjalo lowo usisityebi (kwabo bangabagcini bazo) makangathathi ntlawulo, kodwa ukuba ulihlwempu, makazithabathele okuselungelweni ngobulungisa (ngokusebenza kwakhe) ke kaloku xa nizikhululela iimpahla zazo thabathani amangqina abekhona phambi kwazo; kananjalo uAllâh Wanele Eyedwa ukuba Afake abantu embuzweni
  7. Kukho isabelo sabo bangamadoda nesabelo sabo basetyhini koko kushiywe ngabazali nabo bazizizalwana zabo ezisondele kakhulu kubo (ngokuzalana) enokuba iimpahla (ezo zishiywe ngabazali) zincinci okanye zininzi na, isabelo sazo sisemthethweni
  8. Ke kaloku ukuba izizalwana, neenkedama namahlwempu zibe khona xa kusabiwa ilifa, bapheni kwimpahla leyo, nithethe ilizwi lobubele nobulungisa kubo
  9. (Ababi belifa) abo mababe noloyiko olunjengolo bebeza kuba nalo ukuba ibingabo abo bashiye abantwana ababuthathaka ngasemva. Ngoko ke maboyike uAllâh bathethe amazwi alungileyo
  10. Inene abo badla iimpahla zeenkedama ngentswela bulungisa, abadli nto yimbi ngaphandle koMlilo eziswini zabo, baya kutshiswa eMlilweni odwanguzayo
  11. Ngokuphathelene nelifa (emalifunyanwe) ngabantwana uAllâh Uniyalela ukuba: umntwana oyindoda makanikwe isabelo esilingana nezababini basetyhini. Ukuba ngaba ziintombi zodwa, ezimbini okanye ngaphezulu, isabelo sazo siya kuba zizithathu ezibini elifeni, ukuba inye kuphela, isabelo sayo siya kuba sisiqingatha selifa (elo). Kubazali, iya kuba sisahlulo sesithandathu kumntu ngamnye kubo ukuba umfi lowo ushiye abantwana ngemva. Ukuba akanabantwana, kuphela ngabazali bakhe abaziindlalifa, umama uya kufumana isithathu; ukuba umfi ushiye abantakwabo okanye (oodadewabo), umama uya kufumana isahlulo sesithandathu. (Ulwabiwo lwelifa lwenziwa) emva kokuhlawula onke amatyala nemiyolelo ashiye eyenzile. Ke nina anazi ukuba ngabaphi na kubo abasondeleyo kuni kubundlamafa, (anazi) nokuba ngabazali benu na nokuba ngabantwana benu na; (Ezi zi zabelo ezimiselweyo) zingumyalelo ka-Allâh. Yaye uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
  12. Ke kaloku oko kushiywe ngabafazi benu, isabelo senu siya kuba sisiqingatha ukuba bebengenabantwana, ukuba banomntwana, nofumana isine soko bakushiyileyo emva kokuhlawulwa kwamatyala nemiyolelo abashiye beyenzile. Koko kushiywe nini, isabelo sabafazi benu siya kuba sisahlulo sesine ukuba anishiyanga bantwana ngemva; kodwa ukuba nishiye umntwana, (abafazi benu) bofumana isahlulo sesibhozo soko kushiywe nini emva kokuhlawulwa kwamatyala nemiyolelo enishiye niyenzile. Ukuba indoda okanye owasetyhini olifa lakhe labiwayo akashiyanga bazali okanye udadewabo, ngamnye kwaba babini ufumana isahlulo sesithandathu; kodwa ukuba bangaphezulu kwesibini, baya kwabelana ngesahlulo sesithathu, emva kwamatyala nemiyolelo ashiye eyenzile, khon’ukuze kungabikho lahleko yenzekayo (nakuwuphi na kubo). Lo ngumyalelo ka-Allâh; kananjalo uAllâh nguSolwazi uSozinceba
  13. Le yimiqathango (emiselwe) nguAllâh, nabani na othobela uAllâh noMthunywa waKhe (uMuhammad) uya kungeniswa eMiyezweni ekumpompoza imilambo phantsi kwayo, ahlale apho, kwaye oko iya kuba yimpumelelo enkulu
  14. Ke lowo ungaMthobeliyo uAllâh noMthunywa waKhe aze agabadele atsibe imiqathango yaKhe, Yena Uya kumphosa eMlilweni, ahlale apho ngonaphakade; kwaye uya kufumana isingcungcuthekiso esilihlazo
  15. Abo basetyhini kuni benza ukrexezo4 thabathani ubungqina bamangqina amane phakathi kwenu ngokuchasene nabo; ukuba baye bangqina, bagcineni ezindlwini de ukufa kufike kubo okanye Ade uAllâh Aninike myalelo (wumbi)
  16. Ke kaloku abantu ababini (indoda nomfazi) phakathi kwenu abenze isenzo sokukrexeza bohlwayeni bobabini. Ukuba bathe baguquka benza izenzo zobulungisa bayekeni. Inene uAllâh nguMxoleli uSozinceba
  17. UAllâh Wamkela kuphela inguquko yabo benza ububi bengazi bebangwa nabubudenge baze baguquke emva koko; ngabo uAllâh Aya kubaxolela kananjalo uAllâh nguSolwazi uSobulumko
  18. Ayinto yanto inguquko yabo baqhubeka nokwenza izenzo zokungcola kude ukufa kufikele omnye wabo aze athi: “Ngoku ndiyaguquka;” ukanti nabo bafa bengekakholwa. Bona Sibalungiselele isohlwayo esibuhlungu
  19. Hini na nina bakholwayo! Anivumelekanga ukuthabatha abafazi nibenze ilifa lenu kungengantando yabo; kananjalo anifanelangakubaphathagadalala, ukuzenithabatheinxalenye yemahr enibanike yona, ngaphandle kokuba benze isenzo esicacileyo sokrexezo; hlalani nabo ngokuhloniphekileyo. Ukuba niyabachasa kungenzeka ukuba nichasa into ekuyeyona uAllâh Azisa okulunge kakhulu ngayo. `alayhi wasallam, wayalela ukuba indoda enomfazi wayo ebanjwe elukrexezweni nomfazi otshatileyo obanjwe elukrexezweni mabaxulutywe ngamatye bafe emva kokuba bevumile ngokwabo ukuba bayenzile loo nto okanye kubekho amangqina amane ababonileyo ngethuba besabelana ngesondo, hayi behamba kunye okanye behleli kunye okanye bencokola kunye koko makababone bedibene ngesondo
  20. Ke ukuba nifuna ukuthatha omnye umfazi endaweni yomnye nibe sele nimnikile omnye kubo i’Kintâr6, musani ukuhlutha nentwana kuyo; ingaba nina beningayithabatha ngobugwenxa ngokungekho lungelweni nangokusesonweni esicacileyo
  21. Ningathini ukuyihlutha ekubeni omnye ebesele eyile7 komnye, ukanti bona bebesele bethabathe umnqophiso kuni wesifungo ongqingqwa
  22. Ke kaloku ningabatshati abafazi ababetshatwe ngootata benu; ngaphandle koko kwenzeka kwilixa eladlulayo; inene (oko) kwakulihlazo neyona nto ichaseke kakhulu, ikwayindlela engcolileyo
  23. Abangavumelekanga kuni (ukuba nibatshate): ngoomama benu, iintombi zenu, odade wenu; oodadobawo benu, oomakazi benu, iintombi zabantakwenu, iintombi zoodade benu, umama (ongengowakho) okondlileyo ngokukuncancisa (ebeleni lakhe), iintombi ezingengodade benu enincanciswe belenilinye nazo, oomama babafazi benu, iintombi zabafazi benu eziphantsi kogcino lwenu, zizalwa ngabafazi benu esele ningenile kubo kodwa ke akusosono kuni (ukuzitshata) ukuba beningekangeni koomama bazo, abafazi boonyana benu abaphuma kwezenu izinqe neentombi ezimbini ezingoodade azinakwendela ndodeninye kuni ngaxeshanye8, ngaphandle koko sekwenzeke kwilixa elidlulileyo. Inene uAllâh nguMxoleli nguSozinceba
  24. Abanye eningavumelekanga (ukubatshata) ngabafazi asele betshatile, ngaphandle kwamakhobokazana asesandleni senu sokunene. Umisa ngolo hlobo ke uAllâh kuni. Bonke abanye bavumelekile, ukuba nibafuna ngokomtshato ngemahr eniyithatha kwingqwebo yenu, nifuna ubunyulu, ningenzi zenzo zokudibana ngesondo ngokungekho mthethweni, ke abo nithe nonwabela ukwabelana nabo ngesondo, banikeni imahr yabo njengoko kumiselwe; kodwa ke ukuba nithe emveni kokuba besele nivumelene ngemahr nagqiba kwelokuba maniyongeze akukho sono kuni. Inene uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
  25. Ke kaloku abo kuni bangenamandla okutshata abafazi abakholwayo, abakhululekileyo, bangatshata kwiintombi ezikholwayo zamakhoboka asesandleni senu sokunene. Kwaye uAllâh Unolwazi olugcweleyo ngokholo lwenu; omnyeungowomnyekuni. Batshateningemvumeyezizalwane zabo, nibanike imahr ngendlela eyamkelekileyo. Zona (iintombi ezingabathinjwa) mazibe ngabantu abanyulu ingabi ngabakrexezikazi, abarheletyayo. Kananjalo xa betshatiwe baza emva koko benza izenzo zokrexezo, isohlwayo sabo, siya kuba sisiqingatha sesabafazi abakhululekileyo, abangatshatanga9. Oku kuni kokwabo banoloyiko lokulinyazwa enkolweni yabo nasemizimbeni yabo; kodwa kuya kulunga kakhulu kuni ukuba nisebenzise ukuzibamba nokuzeyisa. Kananjalo uAllâh nguMxoleli, nguSozinceba
  26. UAllâh Ufuna ukwenza kucace (okuvumelekileyo noko kungavumelekanga), kuni Anibonise neendlela zabo bangaphambili kunani, Amkele nenguquko yenu, uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
  27. UAllâh Ufuna ukwamkela inguquko yenu, kodwa abo balandela iinkanuko zabo banqwenela ukuba nina bakholwayo niphambuke ngamandla nimke (eNdleleni eLungileyo)
  28. UAllâh Ufuna ukunenzela lula; kananjalo umntu wadalwa waba buthathaka
  29. Hini na nina bakholwayo! Musani ukutyelana ingqwebo yenu ngentswela bulungisa ngaphandle kokuba oko kulunaniselwano phakathi kwenu, ngemvumelwano eninayo phakathi kwenu. Kananjalo ningazibulali (ningabulalani). Inene uAllâh nguSozinceba kuni
  30. Ke lowo wenze oko ngenjongo yokuhlasela nentswela bulungisa, Siya kumphosa eMlilweni, kwaye kulula oko kuAllâh
  31. Ukubakeniyaziphephaizonoezikhulu, ezoningavumelekanga ukuba nizenze, Siya kunixolela izono zenu (ezincinane), Siningenise kwisango elihloniphekileyo (ePaladesi)
  32. Kananjalo ninganqweneli izinto uAllâh Athe Wenza abanye benu ukuba bagqwese abanye ngazo. Amadoda aya kufumana umvuzo woko akusebenzeleyo, kanti nabafazi baya kuwufumana umvuzo woko bakusebenzeleyo. Ke kaloku cela uAllâh Akuphe iziBele zaKhe. Inene uAllâh nguMazi wezinto zonke
  33. Kumntu wonke sinyule indlalifa yoko kushiywe ngabazali nezizalawana. Nakwabo nenze isibhambathiso (sobuzalwana nabo), banikeni isabelo sabo semfanelo. Inene uAllâh liNgqina phezu kwezinto zonke
  34. Amadoda ngabakhuseli nabalondolozi babafazi ke ngoko uAllâh Wenze omnye kubo wamgqwesa omnye, kuba bathatha, bachithe kwabanako (ukubondla) ke ngoko abafazi abangabakhonzi benene baba nentobeko (kuAllâh nakubayeni babo) balondoloze okomyeni xa engekho yena oko uAllâh Abayalele ukuba bakulondoloze. Ke kaloku abo bafazi nibabona ukuba isimilo sabo sigwenxa, bayaleni [kuqala, (ukuba bayaqhubeka nokunganiphulaphuli)] musani ukwabelana nabo ngomandlalo (ukuba abayeki) nibabethe; kodwa ukuba babuyela enguqukweni, musani ukugrumba (uchuku kubo). Inene uAllâh Uphakamile Mkhulu
  35. Ukuba ninoloyiko lokuphela kwemvisiswano phakathi (kwendoda nomfazi wayo) tyumbani abaxolelanisi babe babini, omnye ibe ngowakulomyeni omnye ibe ngowakulomfazi; ukuba bobabini bafuna uxolo uAllâh Uya kulwenza uxolelwaniso. Inene uAllâh Unolwazi lwezinto zonke
  36. Kananjalo khonzani uAllâh ningayamanisi namnye kuYe. Baphathenikakuhleabazali,izihlobo,iinkedamanabasweleyo, ummelwane osondeleyo ngokuhlobana, ummelwane ongesosihlobo (sakho), umhlobo wakho osecaleni kwakho, umhambi (odibana naye) nabo basezandleni zenu zokunene. Inene uAllâh akabathandi abo banekratshi baqhayisayo
  37. Abo bangamagqolo11 baze bayalele abanye ukuba babe nobugqolo, bafihle oko bakuphiwe nguAllâh kuvela kubuBele baKhe. Thina Silungiselele abo bangakholwayo isohlwayo esilihlazo
  38. Nabo banikela ngegqwebo yabo besenzela ukubonwa ngabantu, bangakholwa nokukholwa kuAllâh nakwiMini yokuGqibela (bangabahlobo bakaShaytân) ke lowo uzithabathela uShaytân ukuba abe ngumhlobo wakhe, unonjani yena ukuba mbi umhlobo
  39. Ibiza kuba yintoni ilahleko kubo ukuba bebekholiwe kuAllâh nakwiMini yokuGqibela, banikela ngamalizo koko uAllâh Abaphe kona ukuba kube sisixhaso sabo? Kananjalo uAllâh Unolwazi ngabo
  40. Inene! UAllâh Akabenzi nobungangesuntswana elincinane ubugwenxakodwaukubakukhookulungileyo(okwenziweyo) Uyakuphindaphinda, Akhuphe kuYe umvuzo omkhulu
  41. Kazi okokuba kuza kuba njani na ke xa Simisa ingqina kwisizwe ngasinye, Simise wena (Muhammad) ukuba ube lingqina ngokuchasene naba bantu! (amaMuslim nama- Arabhu ngokubanzi)
  42. Ngaloo Mini abo bangakholwayo, bangamthobeliyo uMthunywa (uMuhammad), baya kunqwenela ukuba akwaba bebengabangcwatyiweyo phantsi komhlaba kodwa abasayi kukwazi ukufihla nokuba ibe nye inyaniso kuAllâh
  43. Hini na nina bakholwayo musani ukusondela kwiSalâh nikwimeko yokunxila de niyazi into eniyithethayo naxa nikwimeko yokungahlambuluki12 ngaphandle kwamaxa nithabathe uhambo nisendleleni [kungekho manzi (okanye indlela yenu inqumla eMasjid] de nihlambe imizimba. Kanti ke xa nigula okanye niseluhambeni okanye omnye kuni uvela kuzikhulula kwindlu yangasese okanye benidibene (ngesondo) nabafazi, nize ningafumani manzi, yenzani itayammum ngomhlaba ococekiley, o nihlikihle ngawo ubuso benu nezandla, inene uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
  44. Awubabonanga na wena abo babenikwe inxalenye yesiBhalo ukuba bathenga indlela egwenxa, baza banqwenelela nina ukuba nibe sekulahlekeni
  45. UAllâh Unolwazi olugcweleyo ngeentshaba zenu, yaye uAllâh Wanele Eyedwa ukuba Abe nguMncedi
  46. Phakathi kwabo bangamaYuda, kukho abasusa amazwi kwindawo yawo yemfanelo bathi: “Siyaliva ilizwi lakho (Muhammad) singathobeli,” sikumamela senze ungevi kwanto.” (Baze bathi): “Râ’inâ”, bagqwethe amalwimi abo begculela inkolo (yeIslam) ukanti ukuba babethe, “Siyeva, sithobele, senze siqonde”, bekuya kubalungela oko, kube koko kuchanekileyo; kodwa uAllâh Ubaqalekisile ngokungakholwa kwabo, ke kaloku bona abakholwa ngaphandle kwabambalwa (kubo)
  47. Hini na nina babenikwe isiBhalo (maYuda nani maKhristu) kholwani koko Sikutyhilileyo (kuMuhammad) kungqina oko kukuni, Singekade Sonakalise ubuso (benu) Sibujike bujonge ngemva okanye Sibuqalekise njengoko Saqalekisa abaphuli beSabatha, kwaye uMyalelo ka-Allâh uhlala uphunyeleliswa
  48. Inene uAllâh Akakuxoleli ukwayanyaniswa kwamahlulelane kuYe, kodwa Uyamxolela lowo Athande ukumxolela ngaphandle kowenze loo nto, Lowo wayamanisa amahlulelane kuAllâh, inene yena uziyilele isono esibi ngokugqithisileyo
  49. Ingaba akuwabonanga na loo (maYuda naloo maKhristu) Abangela kuwo ubungcwele. Nakanye, uAllâh Ungcwalisa lowo Amthandileyo, yaye abazi kuphathwa ngentswela bulungisa enokuba ingangomsontwana wepete yedatilisi encwelwe yangumcwe omde
  50. Khawujonge indlela abaqambe ubuxoki ngayo ngoAllâh, yaye oko kwanele kukodwa ukuba kube sisono esicacileyo
  51. Awubabonanga na abo babenikwe inxalenye yesiBhalo? Babekholelwa kuJibit13 nakuTâghût14 baza bathi kumakholwa bona bangabona bakhokeleke ngcono kuneNdlela yamakholwa
  52. Bona ngabo uAllâh Abaqalekisileyo, ke lowo uqalekiswe nguAllâh awusayi kumfumanela mncedi
  53. Okanye mhlawumbi nabo banesabelo kulongamelo? Ukuba bekunjalo bebengazi kukwazi ukunika uluntu nentlantsi yento ekumva wepete yedatilisi
  54. Okanye bamonela abantu (uMuhammad nabalandeli bakhe) ngoko uAllâh Abaphe kona kuvela kubuBele baKhe? Ngenene Sapha usapho lukaIbrâhîm iNcwadi nobulumko saza kananjalo Salunika ubukumkani obukhulu
  55. Abanye kubo bayakholwa kuye (uMuhammad) bambi kubo bajika ubuso babo babujongise (kude) kuye; ke kaloku isiHogo sibafanele bona ukubatshisa
  56. Inene!Abo baye bangakholwa kwiiVesi zeThu Siya kubatshisa eMlilweni. Zithi zisakutsha ziphele izikhumba zabo, Sibafake ezinye izikhumba khon’ukuze bave isohlwayo. Inene uAllâh Unamandla, nguSobulumko
  57. Ke bona abo bakholwayo, benze izenzo zobulungisa, Siya kubangenisa eMiyezweni ekumpompoza amanzi ngaphantsi kwayo, bahlale apho ngonaphakade. Phakathi apho baya kuba nabalingane abanyulu, Size Sibangenise emithunzini ebanzi nanzulu (yePaladesi)
  58. Inene uAllâh Uniyalela ukuba nibuyisele izinto ebenizigcinisiwe (nebenizibolekiwe) kubaninizo naxa nigweba phakathi kwabantu, gwebani ngobulungisa. Enjani yona ukulunga imfundiso eniyinikwa nguAllâh! Inene uAllâh nguSokuva, uSokubona
  59. Hini na nina bakholwayo! Thobelani uAllâh nithobele noMthunywa nabo benu basemagunyeni, ukuba ninento eningavisisaniyo ngayo, yibhekiseni kuAllâh noMthunywa waKhe ukuba niyakholwa kuAllâh nakwiMini yokuGqibela. Oko kokona kungcono nokona kulungileyo ukufikelela kwisigqibo esisiso
  60. Akubaboni na abo (bahanahanisi) bathi bayakholwa koko kutyhilwe kuwe, nakoko kwatyhilwa ngaphambili kunawe, okokuba banqwenela ukuba makugwetywe [kwiimbambano zabo (ngabagwebi)] abangabenzi bobubi nangona babeyalelwe ukuba mabangabamkeli (abo bagwebi). Kodwa uShaytân ufuna ukubalahlekisa babe kude (eNdleleni ethe Tye)
  61. Kananjalo xa kusithiwa kubo, “Yizani koko uAllâh Akutyhilileyo nakuMthunywa,” uya kubabona abahanahanisi betshikila bekufulathela ngenxa yenkcaso
  62. Kazi okokuba kuza kuba njani na xa behlelwa lishwangusha phezu kwabo ngenxa yoko kwenziwe zizandla zabo, bona bafika kuwe befunga ngoAllâh (besithi): “Besingafuni nto yimbi thina ngaphandle koxolelwaniso!”
  63. Bonabangabo(bahanahanisi) uAllâhAkwaziyookusezifubeni zabo, ke ngoko yithi gu bucala kubo (ungabohlwayi) kodwa balumkise; uthethe ilizwi elinemvakalo kubo ligqobhozele emiphefumlweni yabo
  64. ASizanga Sithumele Mprofeti (Singamthumeleli) ukuba athotyelwe ngemvume ka-Allâh. Ukuba bona (abahanahanisi) bebethe besakuzona imiphefumlo yabo beza kuwe (Muhammad), bacela itarhu kuAllâh, noMthunywa wabacelela itarhu: Inene bebeza kuMfumana uAllâh EnguMxoleli, uSozinceba
  65. Kodwaakunjalo,(Ndifunga) ngeNkosiyakho, abanakukholwa de benze wena ugwebe phakathi kwabo kwiimbambano zabo, baze bangafumani kuphikiseka kuzo (izigwebo zakho) bazamkele ngokuzinikele ngokupheleleyo
  66. Kanti ke ukuba beSisuke Sabayalela (Sathi), “Zibulaleni”15 okanye (Sithi): “Shiyani amakhaya enu,” bebeya kuba mbalwa kakhulu kubo abebeza kuyenza loo nto; kodwa ukuba bebekwenzile oko babeyalelwe kona bekuya kulunga kakhulu kubo oko, kwaye bekuza komeleza (ukholo) lwabo
  67. Inene beSiya kubapha umvuzo omkhulu ovela kuThi
  68. Kananjalo beSiya kubakhokelela eNdleleni ethe Tye
  69. Abo bathobela uAllâh no Mthunywa (uMuhammad) baza kuba kwiqela labo uAllâh Athululele uBabalo lwaKhe phezu kwabo, (babe)] kwiqela labaProfeti, abanyanisekileyo, abafelukholo namalungisa. Anjani wona ukuba nyulu amadlelane
  70. Obo bubuBele obuvela kuAllâh, kwaye uAllâh Wanele Eyedwa ukuba Abe nguMazi weento zonke
  71. Hini na nina bakholwayo! Hlalani nilumkile (ngalo lonke ixesha) yiyani phambili (edabini) ningamaqela ngamaqela okanye niye phambili nonke ngaxeshanye
  72. Ngokungathandabuzekiyo phakathi kwenu ukhona onga angashiyeka ngasemva (angayi kulwa eNdleleni ka-Allâh). Xa nithe nahlelwa lilishwa, uthi yena: “Inene uAllâh Undithandile (Wandenza) ukuba ndingabikho phakathi kwabo”
  73. Kodwa xa ubuBele (uloyiso nexhayelo) bunifikele buvela kuAllâh (aqale) athi, ngokungengathi azanga kwabakho maqhina abuhlobo phakathi kwenu naye: “Kwowu madoda! Akwaba bendikunye nabo; bendiya kuzuza impumelelo enkulu (isabelo esihle sexhayelo)”
  74. Ke kaloku loo makholwa athengisa ngobomi (bawo) beli hlabathi (ebuthengisela) uBomi oBuzayo makalwe eNdleleni ka-Allâh, (kuba) lowo ulwa eNdleleni (ka-Allâh), aze abulawe okanye azuze uloyiso, Siya kumnika umvuzo omkhulu
  75. Yintoni kanye ngani ukuba ningalwi eNdleleni ka-Allâh, (nilwele) nabo bangenamandla (okuzikhusela), baphethwe kakubi, bacinezelekileyo eluntwini, abafazi nabantwana, abasikhalo sabo sikukuthi: “Nkosi yethu! Khawusisindise kwesi sixeko sibantu baso bangabacinezeli; Usivelisele umntu ovela kuWe oza kusikhusela, Usivelisele kananjalo umntu ovela kuWe oza kusinceda”
  76. Abo bakholwayo, balwa eNdleleni ka-Allâh, babe bona abo bangakholwayo besilwa endleleni yongendawo (uShaytân). Ngoko ke yilwani ngokuchasene nabahlobo bakaShaytân. Inene iyelenqe likaShaytân lahlala lingento yanto
  77. Awubabonanga na wena abo babexelelwe ukuba babambe izandla zabo (ekulweni) benze iSalâh, banikele ngeZakâh kodwa kwathi kusakuyalelwa ukuba balwe; iqela elithile kubo lasuka loyika abantu langa loyika uAllâh okanye nangaphezulu. Bathi: “Yini na Nkosi yethu ukuba Usiyalele ukuba silwe? Awungesiniki ixesha elifutshane na Usimele?” Yithi wena: Eyona nto imfutshane lulonwabo lwalo mhlaba. UBomi oBuzayo bulunge ngaphaya kulowo uMoyikayo uAllâh, kwaye anizi kuphathwa ngentswela bulungisa (Nditsho) nengangomsonto oncwelwe wamde wepete yedatilisi
  78. Naphi na apho nikhoyo, ukufa kuza kunifikela enokuba ningade nibe sezinqabeni ezakhiwe zaqina zaphakamela phezulu (kangakanani na)! Ukanti xa okulungileyo kubafikele bathi, “Oku kuvela kuAllâh,” kodwa bathi xa ububi bubahlele, bathi, “Oku kuvela kuwe (Muhammad)”. Yithi ke wena: Zonke izinto zivela kuAllâh, ngoko ke yintoni egwenxa ngaba bantu ukuba baswele ukuqonda naliphi na ilizwi
  79. Nantoni na elungileyo ekuhlelayo, isuka kuAllâh, Ukanti nantoni na engendawo ekuhlelayo, isuka kwisiqu sakho, kwaye wena (Muhammad) Sikuthumele ukuba ube nguMthunywa eluntwini, yaye uAllâh Wanele (Eyedwa) ukuba abe liNgqina
  80. Lowo uthobela uMthunywa (uMuhammad), uthobela uAllâh, ke lowo ujibilikayo, wena (Muhammad) Asikuthumelanga ukuba ube ngumlondolozi wabo
  81. Bathi: “Siyathobela,” kodwa besakuba bemkile kuwe (Muhammad) iqela elithile kubo lichithe ubusuku bonke liqulunqa ngokuchasene noko ukuthethayo. Kodwa uAllâh Ubhala phantsi (amayelenqe abo obusuku) yithi gu bucala, usuke kubo ubeke ithemba lakho kuAllâh. UAllâh Wanele Eyedwa ukuba Abe nguMlawuli wemicimbi yenu
  82. Abayithabatheli ngqalelo na i’Kur`ân? Ukuba ibivela komnye ongengoAllâh bebeya kufumana ukungangqinelani okuninzi kuyo
  83. Bathibakufikelwanokubayintoninaenxulumenenokhuseleko okanye uloyiko, bayibhengeze (eluntwini lonke); kanti ukuba bebenokuyazisa uMthunywa okanye (bayazise) abo balawulayo phakathi kwabo, abaphandi bokwenene bebeza kuyiqonda (kakuhle) kubo. Ukuba bekungekho ngenxa yenceba ka-Allâh kuni, ninge nilandele uShaytân ngaphandle kwabambalwa kuni
  84. Ke (wena Muhammad) yilwa eNdleleni ka-Allâh, wena (awuzi kuthabatha xanduva lwamntu) ngaphandle kwesiqu sakho, kananjalo phembelela amakholwa (ukuba nawo aye kulwa kunye nawe), kungenzeka okokuba uAllâh Uza kuwabamba amandla angendawo abangakholwayo. UAllâh Unamandla kakhulu Unamandla nasekohlwayeni
  85. Lowo ucengela okulungileyo uya kufumana umvuzo woko, nalowo ucengela okungcolileyo uza kufumana isahlulo kumthwalo woko. UAllâh Uyakwazi ukwenza izinto zonke
  86. Xa nibuliswa ngombuliso, nina bulisani ngongcono kunawo xa niwubuyisa umbuliso lowo kungenjalo wubuyiseni ngolingana kwanalowo beniwunikiwe. Inene uAllâh nguMmisi matyaleni Onocoselelo ngaphezu kweento zonke
  87. UAllâh akukho thixo ngaphandle kwaKhe inene Yena Uza kuniqokelela ndawonye nonke ngeMini yoVuko, (Mini leyo) kungekho ntandabuzo ngayo. Ngubani na onenyaniso ngaphezu koAllâh
  88. Yintoni na kanye ngani ukuba nahlukane nibe ngamaqela amabini ngokuphathelene nabahanahanisi? UAllâh Ubabuyisele emva (ekungakholweni) ngenxa yoko bazenze kona. Ingaba wena ufuna ukukhokela lowo uAllâh Amenze walahleka? Kwaye lowo uAllâh Amenze walahleka, asokuze umfumanele neyiphi na indlela
  89. Baninqwenelela ukuba nilahle ukholo nina njengoko nabo balulahlayo, nize ngaloo ndlela nifane nabo. Ke nina musani ukubathabatha nibenze iitshomi zenu de bafuduke ngokwecebo lika-Allâh (baye kuMuhammad eMadinah), kodwa ukuba baye bakreqa (kwi-Islam), babambeni nibabulalele naphi na apho nibafumana khona. Kananjalo ningabathabathi (abanye babo nibenze) iitshomi nabancedisi (benu) kubo
  90. Ngaphandle kwabo bazimanya neqela eliphakathi kwenu, neninesivumelwano (soxolo) nalo, nabo beza kuni ezintliziyweni zabo bebophelelekile ukuba bangalwi nani bekwabophelelekile ukuba bangalwi nabantu bakubo. Ukuba uAllâh Ebethanda, inene Ebengabanika amandla phezu kwenu, yaye bebeza kunilwa. Ke ngoko ukuba bayarhoxa kuni, bangalwi nani banikeni uxolo, uAllâh Akanivulelanga ndlela ngokuchasene nabo
  91. Nakubafumana abanye benqwenela ukuba selukhuselekweni lwenu, babe selukhuselekweni nakubantu bakubo. Maxa onke bebuyiselwa ekuhendweni bayanikezela kuko. Ke kaloku ukuba abasuki kuni, banganiniki luxolo, bangazibambi izandla zabo (ekunilweni) bathatheni nibabambe nibabulale naphi na apho nibafumana khona. Kumcimbi wabo (banjalo) Sininikile igunya elicacileyo ngokuchasene nabo
  92. Akulolungelo kwikholwa ukuba libulale ikholwa ngaphandle kokuba oko kwenzeke ngempazamo; ke lowo ubulele ikholwa makakhulule ikhoboka elikholwayo ahlawule (nemali yegazi)17 eyimbuyekezo, inikwe usapho lomfi ngaphandle kokuba bayayala (besenza inceba). Ukuba umfi ube ngowecala labantu abalwa nani kodwa elikholwa yena, ukukhulula ikhoboka likholwayo (kungummiselo kuni):ukuba ebengowecala labantu eninesivumelwano sokwenza imbumba nabo, imali yegazi mayihlawulwe nini kusapho lwakhe, kukhululwe nekhoboka elikholwayo. Nabani na ke osifumana esi sohlwayo (sokukhulula ikhoboka) singaphaya kwamandla, (akhe) uya kuzila iinyanga ezimbini zilandelelana ngendlela yokufumana inguquko kuAllâh. UAllâh nguSolwazi, uSobulumko
  93. Nabani na obulele ikholwa ngabom, imbuyekezo yakhe iya kuba sisiHogo, ahlale apho, ngonaphakade, ingqumbo ka- Allâh nesiqalekiso sika-Allâh, zibe phezu kwakhe, yaye isohlwayo esikhulu silungiselelwe yena
  94. Hini na nina bakholwayo! Xa nisiya (kulwa) eNdleleni ka- Allâh, yiphandeni (inyaniso) ningathi kumntu onibulisayo (ngokwamkela i-Islam nithi): “Awulilo ikholwa wena” kuba nifuna izinto eziphinda ziphele zeli hlabathi. Zininzi ngaphaya kokuqonda iinzuzo namaxhayelo kuAllâh. Njengoko yena esenjalo okwakaloku nje nani naninjalo ngaphambili Wada uAllâh Wanenzela uBabalo lwaKhe, ke ngoko, qaphelisisani kubandlululo lwenu. UAllâh Ukwazi kakuhle oko nikwenzayo
  95. Abo bangamakholwa bahlala (ekhaya), ngaphandle kwabo baziimbedlenge, (nabalimeleyo), abalingani nabo bazabalaza nzima balwe eNdleleni ka-Allâh ngobutyebi babo nangobomi babo. UAllâh Ubahlele ngokwamahlelo abo bazabalaza nzima balwe ngobutyebi babo nangobomi babo, bangentla kwabo bahlala (ekhaya). Kuye ngamnye kubo uAllâh Uthembisa (ngePaladesi), kodwa uAllâh Uthanda abo balwayo ngaphezu kwabo bahlala [ekhaya (yaye) Uza kubanika] umvuzo omkhulu
  96. Amabakala (aphakamileyo) avela kuYe, noxolelo nenceba. Kwaye uAllâh nguMxoleli Ohlala Enenceba
  97. Inene! Abo iingelosi zibathathayo (ekufeni) lo gama bezenze gwenxa iziqu zabo (njengoko baye bahlala nabantu abangakholwayo nangona ukufuduka kwakunyanzelekile kubo, iingelosi ziya kuthi (kubo): “Nanikwimeko enjani nina (ehlabathini)?” Baphendule: “Sasibuthathaka, sicinezelekile emhlabeni”. Zize (iingelosi) zithi: “Ingaba umhlaba ka-Allâh wawungebanzanga ngokwaneleyo na ukuba nifuduke apho nanikhona?” Abo bantu banjalo baya kufumana ikhaya labo esiHogweni, esinjani ukungcola sona isiphelo sohambo
  98. Ngaphandle kwabo bangenamandla nabacinezelekileyo, amadoda, abafazi nabantwana abangenandlela yimbi abanokwenza ngayo, bengenalo necala abanokuya kulo
  99. Kubo aba, kukho ithemba lokuba uAllâh Uya kubaxolela kuba uAllâh Uyazihlambulula izono, Axolele Aphinde Axolele
  100. Lowo ufudukayo (emke kowabo) ngenxa ka-Allâh uya kufumana emhlabeni iindawo zokuhlala ezininzi nokuphila okuninzi ngoAllâh. Kananjalo lowo ushiya iwabo aze abe ngumngcucalazi ka-Allâh noMthunywa waKhe, aze asutywe kukufa, inene umvuzo walowo uyimfuneko enkulu ukuba awufumane kuAllâh kwaye uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
  101. Kananjalo nina xa niseluhambeni elizweni, akuyi kuba sisono kuni ukuba niyayifinyeza iSalâh ukuba ngaba noyikisela ukuba abangakholwayo banganifaka enkathazweni, inene abangakholwayo baya kuhlala beziintshaba zenu eziselubala
  102. Xa wena (Muhammad) ukunye nabo (ubakhokele kwiSalâh) elinye iqela labo maliphakame (lithandaze) kunye nawe liphethe izikhali zalo, bakugqiba ukuguqa nokuqubuda mababambe iindawo zabo ngemva, kuze elinye iqela ebe lingekathandazi (iSalâh) lize kuthandaza nawe lihlale linako konke ukulumka, liphethe izikhali (zalo).Abo bangakholwayo banqwenela okokuba akwaba beningenankathalo ngezikhali zenu nemithwalo yenu, khon’ukuze banihlasele ngesihlandlo esinye, kodwa (noko kunjalo) akuyi kubakho sono kuni ukuba nithe nazibeka phantsi izikhali zenu ngenxa yokuphazanyiswa yimvulakanyengenxayokubanigula, kodwahlalaninilumkile ngalo lonke ixesha. Inene, uAllâh sele Ebalungiselele sohlwayo esisisonyeliso abangakholwayo
  103. Nakugqiba ukwenza iSalâh, mkhumbuleni uAllâh nimi ngeenyawo, nihleli phantsi, (naxa nilele) ngamacala enu, kodwa nakuzifumana ningekho ngozini yenzani iSalâh, inene iSalâh ingummiselo kumakholwa ngamaxesha ayo amiselweyo
  104. Ningabi yekeyeke ekuleqeni utshaba; ukuba ngaba niva ubunzima, nabo oku kwabo beva ubunzima njengoko nani nibuva, kodwa nina ninethemba elivela kuAllâh abangenalo bona, uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
  105. Inene Thina Sikuthumelele iNcwadi (i’Kur’ân) ngenyaniso khon’ukuze ukwazi ukugweba phakathi kwabantu ngoko uAllâh Akubonise kona, ke ngoko uze ungabi ngomthetheleli wezingcoli
  106. Kananjalo cela itarhu kuAllâh, Inene, uAllah nguMxoleli, uSozinceba
  107. Uze ungaxoxi uthethelele abo bazikhohlisayo, Inene, uAllâh Akathandi namnye ongumngcatshi, nongumoni
  108. Bangafane bazifihle izono zabo ebantwini, kodwa angekhe bazifihle kuAllâh kuba Yena Usoloko Enabo (ngolwazi lwaKhe), xa bequlunqa ngobusuku amazwi Angawathandiyo, yaye uAllâh Uhlala: Ekujongile oko bakwenzayo
  109. Ke kaloku nina ningabo babathethelelayo kubomi beli hlabathi, kazi ngubani na oza kuba ngummeli wabo ngoMhla wokuGqibela
  110. Nabani na owenza ukungcola okanye azone umphefumlo wakhe kodwa emva koko acele itarhu kuAllâh uya kumfumana uAllâh EnguMxoleli, uSozinceba
  111. Lowo uzuze isono usizuzele yena kuphela. Yena uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
  112. Ke lowo uzenzele isiphoso okanye isono, aze atyhole mntu wumbi ngaso ongenatyala, inene lowo uzithwalise umthwalo wokuxoka usesonweni ngokucacileyo
  113. Ukuba uBabalo neNceba ka-Allâh belungekho phezu kwakho (wena Muhammad) inene iqela elithile kubo ngelenze isigqibo sokukulahlekisa, kodwa (enyanisweni) abalahlekisi namnye umntu ngaphandle kokuzilahlekisa kwabona buqu, kwaye akukho ngozi banokuyenza kuwe. UAllâh Uthumele kuwe iNcwadi (i’Kur`ân nobulumko, Wakufundisa noko ube ungakwazi), ke ngoko lukhulu uBabalo luka-Allâh kuwe wena (Muhammad)
  114. Akukho kulunga kuninzi lweencoko abazenza ekhusini ngaphandle kwalowo uyalela ukunikezelwa kwamalizo okanye ukwenziwa kokulungileyo okanye uxolelaniso phakathi koluntu; kwaye lowo wenza oku ngenxa yokufuna ukukholisa uAllâh. Thina Siya kumnika umvuzo omkhulu
  115. Nabani na ophikisa, achase uMthunywa (uMuhammad) emva kokuba iNdlela elungileyo sele iveziwe kuye, aze alandele ndlela yimbi engeyiyo eyamakholwa, Siya kumgcina lowo kuloo ndlela azikhetheleyo, Size Simtshise esiHogweni, esinjani sona (ukuba sibi) isiphelo sohambo
  116. Inene uAllâh Akasixoleli (isono) sokwayamanisa amahlulelane kuYe, kodwa Uyamxolela lowo Athandeukumxolela izono ezingesiso eso, lowo wayamanisa amahlulelane kunqulo luka-Allâh, ulahleke wakude lee (eNdleleni ethe Tye)
  117. Bona (bonke abo banqula ezinye izinto ezingenguYe uAllâh); abanquli nto yimbi ngaphandle kwezithixwazana ezingenguYe (uAllâh), kwaye abanquli nto yimbi ngaphandle koShaytân, owahlala engumgwiliki
  118. UAllâh Wamqalekisa (uShaytân) waza wathi uShaytân: “Mna ndiya kuzithabathela iqela elithile lezicaka zaKho
  119. Inene bona ndiya kubalahlekisa, yaye kananjalo ndiya kubaphembelela iinkanuko zobuxoki; ndibayalele ukuba bacazulule iindlebe zezilwanyana (iinkomo, iigusha nezinye), kananjalo mna ndiya kubayalela ukuba bayitshintshe indalo eyadalwa nguAllâh. Ke kaloku lowo uzithabathela uShaytân ukuba abe ngumncedi wakhe endaweni ka-Allâh, lowo inene uselahlekweni ecace gca
  120. Yena (uShaytân) wenza izithembiso kubo, aze abavuselele iinkanuko zobuxoki, kanti izithembiso zikaShaytân azinto yanto ngaphandle kokuba yinkohliso
  121. Ikhaya labo banjalo sisiHogo, kwaye abayi kufumana neyiphi na indlela yokuphuncula kuso
  122. Kodwa abo bakholwayo, benze izenzo zobulungisa, Thina Siya kubangenisa eMiyezweni ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwayo, baze bahlale apho ngonaphakade. Isithembiso sika-Allâh siyinyaniso. Kanti ngakabani na amazwi ayinyaniso ukugqitha aka-Allâh
  123. Akuyi kwenzeka ngokwentando yenu (neminqweno) yenu nina (maMuslim), ndawonye nabo bangaBantu beNcwadi nabani na lowo wenza ukungcola, uya kufumana imbuyekezo yako, yaye akayi kufumana mkhuseli namncedi ngaphandle koAllâh
  124. Ukanti lowo wenza izenzo zobulungisa, oyindoda okanye ongowasetyhini, olikholwalokwenene, abanjalobazakungena ePaladesi, kwaye akuyi kubakho nengakanani na intswela bulungisa eya kwenziwa kubo nditsho nengangesuntswana elikumva wepete yedatilisi
  125. Ngubani ongcono enkolweni ngaphezulu kwalowo uzinikeleyo kuAllâh, aze abe yi’Muhsin’18 alandele inkolo kaIbrâhîm umHanîfa19 kananjalo uAllâh Wamthabatha uIbrâhîm Wamenza umhlobo waKhe
  126. Kananjalo zezika-Allâh zonke izinto ezisemazulwini nasemhlabeni. UAllâh Usoloko Ezirhangqele zonke izinto
  127. Bayakubuza ngomyalelo ongumthetho omayela nabasetyhini, yithi: uAllâh Uyaniyalela ngabo, nangoko kucengcelezwa kuni kuseNcwadini kuphathelene neenkedama eziziintombi eningazinikiyo isahlulo esisemthethweni sazo nibe kwanina ninqwenela ukuzitshata, ke kaloku ngokuphathelene nabantwana ababuthathaka abacinezelekileyo nize nina nime niqine nimele ukwenziwa kobulungisa kwiinkedama kanti nabuphi na ubulungisa enibenzayo, uAllâh Uya kusoloko Enolwazi ngabo
  128. Ukuba ngaba umfazi woyikisela inkohlakalo okanye ukushiywa yindoda, akuyi kubakho sono kubo ukuba benza izivumelwano zoxolo phakathi kwabo; yaye ukwenza uxolo yiyona nto ilungileyo, intonayo iintliziyo zabantu zikhukuliseka nokunyoluka, kodwa ke ukuba nenza ubulungisa nizikhwebule ekungcoleni, inene, uAllâh Ukwazi kakuhle oko nikwenzayo
  129. Anisokuze nikwazi ukwenza ubulungisa obufezekileyo kubafazi benu enokuba ningada ninqwenele ukwenza oko ngenzondelelo engakanani na, ke musani ukutyekela kakhulu ngakomnye kubo (nibayeke abanye bengahoyekanga) kanti ke ukuba nenza ubulungisa, nenze konke okulungileyo, noyike uAllâh ngokuzigcina kude kwizinto ezigwenxa, uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
  130. Ukuba bayahlukana (ngoqhawulo mtshato), uAllâh uya kubonelela umntu ngamnye ngendyebo evela kubuBele baKhe. UAllâh nguMboneleli Owaneleyo ukunika indalo yaKhe iimfuno zayo, nguSobulumko
  131. Kananjalo zonke izinto ezisemazulwini nasemhlabeni zezika- Allâh.Yaye Sacebisa aBantu beNcwadi ngaphambili kunani, nakuni maMuslim (Sithi): yoyikani uAllâh nigcine uxanduva lwenu kuYe, kodwa ukuba anikholwa, (yazini okokuba) zonke izinto ezisemazulwini nasemhlabeni zezika-Allâh, kwaye uAllâh Wahlala esisiTyebi, Ufanelwe ziindumiso zonke
  132. Kananjalo zezika-Allâh zonke izinto ezisemazulwini nasemhlabeni. Yaye uAllâh Wanele eYedwa ukuba Abe nguMlungelelanisi wemicimbi
  133. Ukuba Uyathanda, Usenokuniguzula, nina bantu! Aphinde Avelise abanye. UAllâh Unamandla ngaphezulu kweento zonke
  134. Lowo unqwenela (ukufumana) umvuzo wakhe kubomi beli hlabathi; ke kaloku umvuzo wobomi beli hlabathi nowoBomi oBuzayo ukuAllâh (Yedwa). Kananjalo uAllâh nguSokuva, uSokubona
  135. Hini na nina bakholwayo! Yimani nomelele, niqinele inyaniso nibe ngamangqina ka-Allâh, enokuba oko kuya kuba kuchasene na nani buqu, okanye abazali benu, okanye izizalwana zenu, enokuba ngabazizityebi na okanye abangamahlwempu. UAllâh nguYena Mkhuseli Ulungileyo kubo (kunani). Musani ke ukulandela iminqweno yenu kuba hleze niphambuke ekwenzeni ubulungisa; ke kaloku ukuba nithe nabugqwetha ubungqina okanye nala ukubunika, inene, uAllâh Ukwazi kakuhle oko nikwenzayo
  136. Hini na nina bakholwayo! Kholwani kuAllâh, noMthunywa waKhe (uMuhammad), nakwisiBhalo (i’Kur’ân) Asityhile kuMthunywa waKhe, nakwisiBhalo Asityhile kwabo bangaphambili (kunaye). Nabani na lowo ungakholwayo kuAllâh, kwiingelosi zaKhe, kwiziBhalo zaKhe, kubaProfeti baKhe, nakwiMini yokuGqibela, onjalo ulahleke wakude lee (eNdleleni eNgqalileyo)
  137. Inene abo bakholwayo, baphinde bangakholwa, baqhubeke okungakholwa; uAllâh Akayi kubaxolela, Engayi kubakhokelela nokubakhokelela (eNdleleni ethe Tye)
  138. Nika iindaba zovuyo kubahanahanisi zokuba okwabo iya kuba sisohlwayo esingcungcuthekisayo
  139. Abo bathabatha abangakholwayo babenze abahlobo babo endaweni yabakholwayo, ingaba bafuna intlonipheko, ulawulo okanye ukuzukiswa ngabo? Inene lonke uzuko, intlonipheko, namandla ngaka-Allâh
  140. Kananjalo sele kutyhiliwe kuwe esiBhalweni (i’Kur’ân) okokuba xa usiva iiVesi zika-Allâh ziphikwa, zigculelwa wena musa ukuchopha nabo (benza loo nto) de bancokole ncoko yimbi kunaleyo. (Kodwa ukuba ubunokuhlala nabo) inene ubuza kuba ngomnye wabo banjengabo. UAllâh Uza kubaqokelela ndawonye abahanahanisi esiHogweni
  141. Abo (bahanahanisi) balindela, babukele nina; xa nizuze uloyiso oluvela kuAllâh, bathi: “Besingekho kunye nani na?” kodwa bathi ukuba abangakholwayo baye bazuza impumelelo, bathi (kubo): “Ayisithi na abaye baba nobunkcubabuchopho kunani, asinikhuselanga ke kumakholwa?” UAllâh Uza kugweba phakathi kwenu (nonke) ngoMhla woVuko. Engasokuze uAllâh Anike abangakholwayo indlela yokuba noloyiso phezu kwamakholwa
  142. Inene abahanahanisi banga bangakhohlisa uAllâh, kodwa (isuke) ibe nguYe Okhohlisa bona. Naxa bephakamela ukwenza iSalâh bema ngokunqena besenzela ukubonisa abantu, yaye bona abamkhumbuli uAllâh, ngaphandle (njee) kokukancinane
  143. Bayahexa-hexa phakathi koku nokuyaa; bathi bengapha babe bengaphaya, ke lowo uAllâh Amyekele ekulahlekeni, akuyi kumfumanela iNdlela ethe Tye
  144. Hini na nina bakholwayo! Musani ukuthabatha abangakholwayo nibenze abahlobo benu endaweni yabakholwayo. Ingaba nifuna ukunika uAllâh ubungqina obucacileyo ngokuchasene nani kusini na
  145. Inene abahanahanisi baya kuba ngabona bangaphantsi eMlilweni, yaye akuyi kubafumanela mncedi bona
  146. Ngaphandle kwabo baguqukayo (ebuhanahanisini), benze ubulungisa, babambelele nkqi kuAllâh, bahlambulule inkolo yabo ngenxa ka-Allâh, abo ke baya kuba kunye namakholwa. Kananjalo uAllâh Uza kupha amakholwa umvuzo omkhulu
  147. Uza kunohlwayela ntoni uAllâh ukuba niyawenza umbulelo kuYe nikholwa nokukholwa kuYe. UAllâh nguSokubulela, uSolwazi
  148. UAllâh Akathandi ukuba okungcolileyo kuthethwe esidlangalaleni ngaphandle kokuba (kuthethwa) ngulowo woniweyo. UAllâh nguSokuva, uSolwazi
  149. Enokuba nina bantu nikuveza elubala na okulungileyo (enikwenzelweyo) okanye nikufihle, okanye nixolele okungalunganga (okwenziwe kuni) Inene uAllâh nguMxoleli, uSozinceba, nguSomandla
  150. Inene abo bangakholwayo kuAllâh nakubaThunywa baKhe, banqwenele ukwenza umahluko phakathi koAllâh nabaThunywa baKhe (ngokukholwa kuAllâh kodwa bangakholwa kubaThunywa baKhe), besithi, “Siyakholwa kwabanye kodwa asikholwa kwabanye”, bafune ukuthabatha indlela ephakathi
  151. Inene bona bangabangakholwayo. Yaye abangakholwayo sibalungiselele isohlwayo esilihlazo
  152. Ke kaloku abo bakholwa kuAllâh nakubaThunywa baKhe bangenzi mahluko phakathi kwakhe nawuphi na kubo, siya kubanika imivuzo yabo; uAllâh nguMxoleli Ohlala Enenceba
  153. Abantu beNcwadi bakucela ukuba wenze incwadi ihle ize kubo isuka ezulwini. Inene bona bacela uMûsâ ukuba enze izinto ezinkulu nangaphezulu kunaleyo, xa bathi kuye: “Khawusibonise uAllâh ekuhleni”, kodwa babethwa ngeendudumo zezulu nokubaneka ngenxa yokungcola kwabo. Bakhonza nethole emva kokuba imiqondiso ecacileyo ifikile kubo, kanti nangoko Sabaxolela. Sanika uMûsâ umqondiso ocacileyo wolawulo
  154. Kananjalo ngenxa yomnqophiso wabo, Saphakamisa intaba phezu kwabo (Saphinda kwesinye isihlandlo) Sathi (kubo): “Ngenani elusangweni niqubude ngokuzithobileyo.” Kananjalo Sabayalela ukuba: “Musani ukugabadela ngomhla weSabatha, Sathabatha kananjalo umnqophiso oqinisekisiweyo kubo
  155. Ngenxa yokwaphula kwabo umnqophiso wabo nangenxa yokungazamkeli kwabo iiVesi zika-Allâh, nangenxa yokugwinta kwabo abaProfeti ngokungekho lungelweni, nangenxa yokuthi: “Iintliziyo zethu ziqanyangelwe”. Nakanye, uAllâh Ufake itywina ezintliziyweni zabo ngenxa yokungakholwa kwabo, ke kaloku abakholwa bona ngaphandle njee kokukancinane
  156. Ngenxa yokungakholwa kwabo nokuthetha izityholo ezimasikizi ngoMaryam
  157. Nangenxa (yokuqhayisa) bathi: “Sambulala uMesiya u’Isâ (uYesu) unyana kaMaryam, uMthunywa ka-Allâh, kodwa bengazanga bambulale, bengazanga bambethelela nasemnqamlezweni, koko imfano (imbonakalo) ka’Isâ (yaba kumntu wumbi), ke abo bakuphikisayo oku bazele ziintandabuzo, abalandeli nto yimbi ngaphandle koqash- qash, kuba ngenene, abazanga bambulale
  158. Kodwa yena uAllâh Wamnyusela kuYe. Yaye uAllâh nguSomandla, uSobulumko
  159. Kwaye akukho namnye kuBantu beNcwadi ongayi kunyanzeleka ukuba akholwe kuye (u’Isâ) phambi kokufa kwakhe. Kananjalo ngoMhla woVuko yena uya kuba lingqina ngokuchasene nabo (aBantu beNcwadi)
  160. Ngenxa yezenzo ezigwenxa zamaYuda, Senza izidlo ezithile ukuba zibe yinqambi kubo ezazikade zivumelekile kubo nangenxa yokuthintela abanye ukuba (bangangeni) eNdleleni ka-Allâh
  161. Nangenxa yokuba bathabatha iRibâ, Ribâ leyo babengavunyelwanga ukuba bayitye nokuba bangatyi iingqwebo zabanye abantu ngobugwenxa (ngokunyobisa). Ke kaloku abangakholwayo Sibalungiselele isohlwayo esibuhlungu
  162. Kodwa ke abo phakathi kwabo bazinzileyo elwazini, namakholwa akholwa koko kuthunyelwe kuwe (Muhammad) nakoko kwathunyelwa ngaphambili kunawe; nabo benza iSalâh, banikele ngeZakâh, bakholwe nakuAllâh nakwiMini yokuGqibela, ngabo eSiya kubanika umvuzo omkhulu
  163. Inene, Sathumela isiTyhilelo kuwe (Muhammad) njengoko Sathumela iSityhilelo kuNûh nabaProfeti abeza emva kwakhe; kananjalo Sathumela isiTyhilelo kuIbrâhîm, uIsmâ’îl, uIs- hâ’k, uYa’kûb nakwizizwe, ku’Isâ, uAyyûb, uYûnus noHârûn uSulaymân, kanti uDâwûd Samnika iZabûr20 (IiNdumiso)
  164. NabaProfeti eSibakhankanyileyo kuwe ngaphambili, nabaProfeti esingabakhankanyanga kuwe, kanti uMûsâ uAllâh Wathetha naye ngqo
  165. AbaProfeti bona bangabaphathi beendaba ezivuyisayo ndawonye nezo zilumkisayo khon’ukuze abantu bangakwazi ukuzithethelela ngokuchasene noAllâh emva (kokuba babenikwe) abaProfeti. Yaye uAllâh nguSomandla, uSobulumko
  166. UAllâh Unika ubungqina boko Akuthumele kuwe (Muhammad) (oko) Ukuthumele (kuwe) ngolwazi lwaKhe, neengelosi ziyangqina. UAllâh UliNgqina ngokwaneleyo
  167. Inene, abo bangakholwayo, baze bathintele (abantu bangangeni) eNdleleni ka-Allâh balahleke bakude lee (eNdleleni ethe Tye)
  168. Inene, abo bangakholwayo benza ubugwenxa, abayi kuxolelwa nguAllâh, Engayi kubakhokelela nakwiyiphi na iNdlela (elungileyo)
  169. Ngaphandle kwendlela eya esiHogweni, bahlale apho ngonaphakade; kwaye oku kulula kuAllâh (ukuba Akwenze)
  170. Hini na bantu! UMthunywa ufikile kuni esiza nenyaniso evela eNkosini yenu. Ke kaloku kholwani kuye, konilungela oko, kodwa ukuba anikholwa (kuye), Inene konke okusemazulwini nasemhlabeni kokuka-Allâh. Kananjalo uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
  171. Hini na Bantu beNcwadi! Musani ukutsiba imida enkolweni yenu, ningathethi nto ngoAllâh ngaphandle kweyinyaniso. UMesiya u’Isâ, unyana kaMaryam wayengeyonto yimbi ngaphandle kokuba nguMthunywa ka-Allâh nelizwi laKhe Awababala ngalo uMaryam noMoya (oyiNgcwele) odalwe nguYe; ke ngoko kholwani kuAllâh nakubaThunywa baKhe. Musani ukuthi: “Bathathu (ubathathu emnye)! Yiyekeni loo nto, kolunga kuni oko, kuba uAllâh nguThixo Omnye, uzuko lonke malube kuYe, Yena Uphakamile, (Ukude lee) ukuba abe nonyana. Yena kokwaKhe konke okusemazulwini nokusemhlabeni. UAllâh UnguMlondolozi Owaneleyo wemicimbi (yezidalwa zaKhe)
  172. UMesiya akasoze akhukhumale, ale ukuba abe sisiCaka sika-Allâh, kanti neengelosi ezizezona zisondele kakhulu (kuAllâh). Ke kaloku lowo walayo ukuMnqula Yena (uAllâh) aze akhukhumale, abo banjalo Uza kubaqokelela (Abaqundanisele) kuYe
  173. Ke kwabo bakholwayo benze imisebenzi elungileyo, Yena Uya kubanika umvuzo wabo oyimfanelo yabo (Abanike) ngakumbiokuvelakwiziBelezaKhe. Kebonaabobangafuniyo ukuMnqula Yena, bekhukhumele nokukhukhumala Uza kubohlwaya ngesona sohlwayo sakha sabuhlungu yaye abayi kufumana bani ngaphandle koAllâh oya kuba ngumkhuseli okanye umncedi
  174. Hini na bantu! Inene ubungqina obuluqilima bufikile kuni buvela eNkosini yenu Yaye Sinithumelele ukukhanya okucacileyo (i’Kur’ân)
  175. Ke bona abo kakholwayo kuAllâh, baze babambelele nkqi kuYe, Uya kubangenisa eNcebeni naseluBabalweni lwaKhe, Abakhokelele kuYe ngeNdlela ethe Tye
  176. Bayakubuza wena ngomyalelo ongumthetho. Yithi wena: ngokuka-Allâh, mayela nee-Al-kalâlah21, ukuba kufe indoda ingenamntwana ishiya ngasemva udade wayo, (udade wayo lowo) uya kufumana isiqingatha selifa elo (layo). Ukuba umfi lowo ibingumntu wasetyhini ongashiyi mntwana, umnakwabo uya kulithabatha ilifa elo lakhe. Ukuba (ushiya) oodade wabo ababini, baya kufumana izahlulo zesithathu ezibini zelifa elo, ukuba ushiya abanakwabo noodade wabo, oyindoda uya kufumana isabelo esisiphinda kabini esalowo ungowasetyhini. Wenza njalo ke uAllâh ukunicacisela (uMthetho waKhe) ukuze ningaphambuki. UAllâh nguMazi weento zonke