40.The Forgiver
- Hâ, Mîm
- IsiTyhileloseNcwadi(i’Kur’ân)sivelakuAllâh,uSobunganga, uSolwazi
- UMxoleli wezono, uMamkeli wenguquko, Owohlwaya kabuhlungu, UMnini ndyebo, akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe, kukuYe apho kuza kubuyelwa khona
- Akukho bani uyiphikayo imiqondiso ka-Allâh ngaphandle kwabo bangakholwayo, ngoko ke wena ungakhohliswa yintshukumo yabo ezweni lonke
- Abantu bakwaNûh baphika ngaphambili kunabo nabangakholwayo emva kwabo, ukanti sizwe ngasinye saba nenjongo (yokwenza iyelenqe) ngokuchasene noMthunywa waso, ngenjongo yokumhlasela, kananjalo baphikisana (ngokusebenzisa) ubuxoki (bezama) ukutshitshisa inyaniso. Ndabahlasela ke, (sabasibi) kanjani ke isohlwayo saM
- Lasebenza ngolo hlobo ke ilizwi leNkosi yakho kwabo bangakholwayo yaba kukuba bona baya kuba ngamadlelane oMlilo
- Ezo (ngelosi) zithwala iTrone nezo ziyingqongileyo zizukisa (uAllâh) ngendumiso yeNkosi yazo yaye ziyakholwa kuYe zicelela noxolo abo bakholwayo, (zisithi): “Nkosi yethu Wena Ugubungele izinto zonke ngenceba yakho nolwazi, xolela abo baguqukileyo, balandela iNdlela yaKho, Ubakhusele kananjalo kwisohlwayo soMlilo wesiHogo
- Nkosi yethu bangenise eMiyezweni yokuhlala naphakade owabathembisa ngayo bona, nabani na owayengumenzi wobulungisa kooyise babo, kubalingane babo nakubantwana babo. Inene nguWe uSobunganga, uSobulumko
- Ubakhusele kananjalo kwiziphumo ezingcolileyo (zezenzo zabo). Ke kaloku lowo Umkhuselayo ekungcoleni kweziphumo zaloo Mini Uya kuba Umenzele inceba, yaye oko yiyona mpumelelo inkulu.”
- Inene abo bangakholwayo kuya kuthethwa kuthiwe kubo: “Inkcaso ka-Allâh kuni yayingaphezulu kunokuchasana kwenu ukanti nanimenyiwe kodwa nina anakholwa.’’
- Baya kuthi: “Nkosi yethu, Wasenza asabi nabomi kabini, Wasinika ubomi kabini, yaye siyazivuma izono zethu, ingaba ikhona na indlela yokuphuma?’’
- (Kuya kuthiwa kubo): “Oku kungenxa yokuba ngelixa uAllâh Wayethandazwa, (Enqulwa) Yedwa nina naye anakholwa, Kodwa kwathi kusakwayanyaniswa abanye kuYe nakholwa. (Ngoku) ke uMgwebo ngoka-Allâh Ophakamileyo, Omkhulu.’’
- NguYe Onibonisa imiqondiso yaKhe, Athumele kuni imbonelelo ivela esibhakabhakeni. Kodwa akukho namnye oya kukhumbula ngaphandle kwalowo ubuyelayo (aguquke)
- Ngokokewena,thandazakuAllâh,unyanisekekuYeenkolweni enokuba abangakholwayo bakuchase (kangakanani) na oko
- (Yena uAllâh) nguSobunganga, Ongentla kwayo (yonke) imimiselo, Umnini weTrone; Uphefumlela umyalelo waKhe kulowo Athandileyo kwizicaka zaKhe, ukuba alumkise ngeMini yendibano
- Mhla baziswa ngaphambili akukho nto emayela nabo iya kufihlakala kuAllâh. Lelikabani na lonke igunya naMhlanje? Lelika-Allâh, Omnye Ongaphikiswayo
- NaMhla umphefumlo ngamnye uya kuvuzwa ngoko wakusebenzelayo. Akuyi kubakho ntswela-bulungisa namhlanje! IneneuAllâh, Uyakhawulezaukufakaembuzweni
- Balumkise (Muhammad), ngeMini esondelayo, xa iintliziyo ziya kuba semqaleni, (zixhalabile). Ke kaloku kubenzi bobubi akuyi kubakho mhlobo usenyongweni kungayi kubakho mthetheleli uya kuthotyelwa
- (UAllâh) Uyakwazi okukholisa amehlo (abo) noko kufihlwa zizifuba (zabo)
- Kananjalo uAllâh Ugweba ngenyaniso, lo gama abo bathandaza kubo ngaphandle kwaKhe bengagwebi nganto. Inene uAllâh nguSokuva, uSokubona
- Abakhenkethanga na ehlabathini babone ukuba sabanjani na isiphelo sabo babandulelayo? Bona babebakhulu kunabo ngamandla nangenkangeleko elizweni, kodwa uAllâh Wabahlasela ngezono zabo. Abazanga babe namkhuseli kuAllâh
- Oko kwaba ngenxa yokuba abathunywa babo beza kubo nemiqondiso ecacileyo, kodwa abakholwa, Wabahlasela ke uAllâh. Inene Yena Unamandla, Wohlwaya kabuhlungu
- Kananjalo Sathumela uMûsâ nemiqondiso yeThu negunya elicacileyo
- KuFir’awn, uHâmân no’Kârûn, kodwa bona bathi: “Yena (uMûsâ) ngumenzi wemilingo nexoki.’’
- Ekufikeni kwakhe nenyaniso kubo evela kuThi, bathi bona: “Bulalani oonyana babo bakholwa kunye naye, nigcine abasetyhini babo bephila.” Kodwa icebo labangakholwayo alinto yanto ngaphandle kokuba kukulahleka
- Ke kaloku uFir’awn wathi: “Ndiyekeni ndimbulale uMûsâ yena abize eNkosini yakhe. Inene mna ndoyikisela ukuba uya kuyijika inkolo yenu kungenjalo enze ubutshinga1 emhlabeni.”
- Kodwa uMûsâ wathi yena: “Inene mna ndicela ukhuseleko ngeNkosiyam EkwayiNkosiyakhongokuchasenenayenabani na osisikhukhumali ongakholwayo kwiMini yamatyala.”
- Ke kaloku indoda ekholwayo yakuloFir’awn eyayilufihlile ukholo lwayo, yathi: “Ingaba uza kubulala indoda ngenxa yokusuka ithi: “INkosi yam nguAllâh”, lo gama ikunike imiqondiso ecacileyo evela eNkosini yakho? Ukanti ke ukuba iyaxoka, siya kuba phezu kwayo isiphumo sokuxoka kwayo, kodwa ukuba kuthe kanti ithetha inyaniso, kuya kukuthwaxa okuyinxalenye yoko ikuthembisa ngako. Inene uAllâh Akamkhokeli lowo ungumgabadeli nolixoki
- Hini na bantu bakuthi, ulawulo lolwenu namhlanje elizweni. Kodwa ke ngubani na oza kusikhusela kwisohlwayo sika- Allâh sakufika kuthi?” UFir’awn wathi: “Mna andinibonisi nto ngaphandle kwale ndiyibonayo, yaye andinikhokeleli ntweni ngaphandle (kokunikhokelela) kokulungileyo.’’
- Wathi kananjalo lowo wayekholwa (kuMûsâ): “Hini na bantu bakuthi, inene ndiyanoyikisela kokuza kunihlela okunjengoko kwehla ngemini yamadlelane
- Njengesehlo sabantu bakwaNûh nabakwa’Ad nabakwaThamûd nabo basemveni kwabo. Kanti ke uAllâh Akanqweneli (kwenza) ntswela bulungisa kwizicaka zaKhe
- Kananjalo hini na bantu bakuthi, inene mna ndiyanoyikisela kwiMini yokuBizwa
- Mini leyo niya kuphethuka nibaleke; akukho mkhuseli ninaye kuAllâh, yaye lowo uAllâh Amyekele ekulahlekeni akukho bani uya kumkhokela
- Kananjalo inene uYûsuf weza kuni, mandulo, enemiqondiso ecacileyo, kodwa nina anizanga nipheze ukukuthandabuza oko weza nako kuni: wada wafa, naqala nina nathi “Akukho Mprofeti uAllâh Aya kumthumela emveni kwakhe. Wenza njalo ke uAllâh ukukhokelela ekulahlekeni lowo ungumenzi wobubi nalowo uthandabuza izilumkiso zika-Allâh
- Abo baphikisanayo ngeeVesi zika-Allâh bengenamagunya afikileyo kubo, oko kulihlazo kwaye kuchaseke kakhulu kuAllâh nakwabo bakholwayo. Uyitywina kanjalo ke intliziyo yakhe wonke ubani osisikhukhumali, ongumcinezeli
- Ke kaloku uFir’awn wathi: “Hini na Hâmân! Ndakhele ibhotwe eliphakamileyo ukuze ndikwazi ukuba neendlela
- “Iindlela (zokufikelela) emazulwini, ndikwazi nokuba ndibone uThixo kaMûsâ: kodwa inene mna ndimcingela ukuba (uMûsâ) lixoki.” Kwenziwa kwabonakala kulungile emehlweni kaFir’awn ukungcola kwezenzo zakhe yaye waye wathintelwa ukuba angangeni eNdleleni elungileyo; kananjalo icebo likaFir’awn alizanga likhokelele ntweni ngaphandle kwelahleko nentshabalalo
- Ke kaloku yena lowo wakholwayo wathi: “Hini na bantu bakuthi landelani mna; ndiya kunikhokelela eNdleleni yezenzo ezilungileyo
- Hini na bantu bakuthi: ubomi beli hlabathi abunto yanto ngaphandle kokuba lulonwabo lwethutyana, ke bona obelizayo, inene, bona likhaya lokuhlala lanaphakade elo
- Nabani na lowo wenza isenzo sokungcola akayi kubuyekezwa nganto yimbi ngaphandle kokufana noko (kubi akwenzileyo) kodwa yena lowo wenza okulungileyo, enokuba ngoyindoda na okanye ngowasetyhini, abe elikholwa, abo baya kungeniswa eMyezweni, banikwe isixhaso (sabo) apho ngaphandle komlinganiselo
- Kananjalo Hini na bantu bakuthi kwenzeka njani na ukuba ndithi ndinimemela elusindisweni nibe nina nindimemela eMlilweni
- Nina nindimemela ekubeni ndingakholwa kuAllâh nasekubeni ndayamanise endingenalwazi ngako kuYe, Mna ke ndinimemela kuSobunganga, uMxoleli
- Oko nina nindimemela kuko akunayo (impendulo) xa kucelwa (kuko) kweli hlabathi nakwelizayo; ukanti kukuAllâh apho ukubuyela kwethu kukhoyo yaye inene abagabadeli baya kuba ngamadlelane oMlilo
- Kanti ke niya kukukhumbula endikutshoyo kuni, yaye ndibeka ithemba lam kuAllâh. Inene uAllâh nguMjongi wezicaka zaKhe
- Ke kaloku uAllâh Wamkhusela kumayelenqe angcolileyo ababewaqulunqile baza abantu bakwaFir’awn bagutyungelwa ngesona sibi isohlwayo
- UMlilo; bagagana nawo ekuseni nangokuhlwa3. Kanti ngoMhla iMini yoVuko ivela (kuya kuthiwa): “Phosani (phakathi eMlilweni) abantu bakwaFir’awn bangene kwesona sohlwayo sibuhlungu.”
- Yabona! Baya kuphikisana phakathi eMlilweni, ababebuthathaka baya kuthi kwabo babekhukhumele: “Inene thina sasingabalandeli benu, ingaba niza kusiphumza, nithabathe (esenu) isabelo soMlilo na?’’
- Abo babekhukhumele baya kuthi: “Inene, sisonke sikuwo nathi Inene uAllâh Ugwebile phakathi kwezicaka zaKhe.’’
- Abo baseMlilweni baya kuthi kubagcini besiHogo: Celani eNkosini yenu ukuba isinciphisele ngemini enye kwisohlwayo.’’
- Baya kuthi: “Akuzanga kufike baThunywa nemiqondiso ecacileyo na kuni? Baya kuthi bona: “Ewe.’’ Baya kuphendula, “Ziceleleni nina (ngokwenu) kodwa isicelo sabangakholwayo asinto yanto ngaphandle kokuba kukulahleka”
- Inene Thina Siya kubenza babe noloyiso abaThunywa bethu nabo bakholwayo ngoku besesemhlabeni kanti nangeMini amangqina aya kumiswa
- NgeMini ukuzithethelela kwabo kungayi kubanceda abenzi bobugwenxa, yaye baya kuba nesiqalekiso, nelona khaya lakha lalibi (esiHogweni)
- Kananjalo Thina Sanika uMûsâ isiKhokelo Senza aBantwana bakwaSirayeli baba ziindlalifa zesiBhalo
- Ukuba sibe sisiKhokelo nesikhumbuzi kwabo bangabokuqiqa
- Ngoko ke wena (Muhammad) yiba nomonde, inene isithembiso sika-Allâh siyinyaniso, ucele itarhu lesono4 sakho, uzukise (uAllâh) ngendumiso yeNkosi ngokuhlwa nasekuseni
- Inene abo baphikisanayo ngokuphathelene nemiqondiso ka- Allâh bengenagunya lifikileyo kubo – akukho nto ezifubeni zabo ngaphandle kwenkukhumalo (bona ubuProfeti) asokuze babufumane. Ke wena funa ukhuseleko ngoAllâh, inene yena nguYe OnguSokuva, uSokubona
- Ukudalwa kwamazulu nomhlaba kukhulu ngenene kunokudalwa kwabantu: kodwa uninzi lwabantu alwazi
- Kanti abalingani abaziimfama nababonayo, (bengalingani kananjalo) abo bakholwayo, benza ubulungisa nabo benza ukungcola, kuncinane enikuqaphelayo
- Inene iYure iyeza yona, akukho ntandabuzo ngayo, kodwa abantu abaninzi abakholwa
- Ke kaloku iNkosi yakho Ithi: “Cela kuM; Ndiya kukuphendula Mna. Inene abo bakucekisayo ukunqulwa kwaM baya kungena esiHogweni bedelekile.”
- NguAllâh Owanenzela ubusuku ukuze niphumle ngabo nemini (ukuba) ininike ukubona. Inene uAllâh nguMnini- Bubele eluntwini. Kodwa uninzi lwabantu alunambulelo
- NguAllâh ke loWo, iNkosi yakho, uMdali wezinto zonke; akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe, kanti nimfamekiseke njani na
- (Nabangaphambili) kunani baya bamfamekiseka ngolo hlobo, besala iiVesi zika-Allâh
- NguAllâh Onenzele umhlaba waba yindawo yokuzinza nesibhakabhaka saba luphahla, Wanibumba, Wanifezekisela izimo zenu Wanibonelela ngezinto ezilungileyo. NguAllâh ke loWo, iNkosi yenu; Usikelelekile uAllâh iNkosi, uMlondolozi wamaphakade.’’
- Yena Uphila ngonaphakade, akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe, ngoko thandazani kuYe, ninyanisekile kuYe enkolweni, iindumiso zonke mazibe kuAllâh iNkosi yamaphakade
- Yithi (Muhammad): “Inene mna ndalelwa ukuba ndinqule abo nibanqulayo ngaphandle koAllâh, nje ukufika kwemiqondiso evela eNkosini yam, kwaye mna ndiyalelwe ukuba ndizinikele eNkosini yamaphakade.’’
- Nguye Owanidalayo ngothuli, emva koko ngeqabaza lembewu yomntu, emva koko ngehlwili elinamathelayo; emva koko Unikhuphela ngaphandle ningabantwana, Aphinde Aniphucule nifikelele ebuntwini, Niphinde nibe ngamaxhego. Ukanti phakathi kwenu kukho abo bathatyathwa bafe phambi (koko) khona ukuze nifikelele kwithuba elithile; mhlawumbi niya kuyisebenzisa ingqiqo
- NguYe Onika ubomi Enze ukufa; Xa Emisela into Usuka Athi kuyo: “Yibakho”, ibekho
- Akubaboni na ukuba baphambuke njani na abo baphikisana nemiqondiso ka-Allâh
- Abo bayiphikayo iNcwadi (i’Kur’ân) noko Sakuthumela abaThunywa beThu baza kwazi
- Xa amakhamandela ebathandele ezintanyeni zabo namakhonkco; baya kurhuqwa
- Emanzini abilayo; naseMlilweni baya kuhlohlwa (amadangatya oMlilo eziswini zabo)
- Kuze kuthiwe kubo: “Baphi na abo nanidla ngokubayamanisa njengamahlulelane (kuAllâh)
- bengengo-Allâh?’’ Baya kuthi bona: “Basishiyile: gxebe, asizanga sinqule nto thina ngaphambili,” Ubalahlekisa ngolo hlobo ke uAllâh abangakholwayo
- (Iingelosi ziya kuthi): “Oko kwaba ngenxa yokuba nina nanizikhukhumalisa emhlabeni ngokungekho lungelweni yaye naniziphethe ngolunya
- NgenanikeemasangweniesiHogonihlaleaphongonaphakade, hayi ukungcola kwendawo yokuhlala izikhukhumali!”
- Ngoko ke wena (Muhammad) yiba nomonde; inene isithembiso sika-Allâh siyinyaniso. Enokuba Singakubonisa inxalenye yoko Sibathembise kona okanye Sikuthabathe wena ngokufa, kukuThi apho baza kubuyiselwa khona
- Ke kaloku Sanithumela abaThunywa ngaphambi kwenu. Phakathi kwabo kukho abo (iimbali zabo) sele Sikubalisele ngazo, kuze phakathi kwabo kubekho abo (iimbali zabo) Singakubaliselanga ngazo. Kananjalo yayingekokwakhe nawuphi na uMthunywa ukuba eze nomqondiso (okanye iVesi) ngaphandle kwemvume ka-Allâh. Ngoko ke xa umyalelo ka-Allâh ufika uya kufezekiswa ngenyaniso baze abaqambi bobuxoki balahlekelwe
- NguAllâh Owanenzela izilwanyana ezidla ingca eniziqabelayo, ukanti ezinye zazo niyazidla
- Ukanti kwalapho kuzo nineenzuzo (ezizezinye) kanti kwalapho kuzo nifezekisa iimfuno ezisezifubeni5 zenu, ukanti zona neenqanawa ziyanithwala
- Ke kaloku Yena Unibonise imiqondiso yaKhe ngoko ke yiyiphi le miqondiso ka-Allâh niyiphikayo
- Kanti abakahamba-hambi na ehlabathini babone ukuba sabanjani na isiphelo sabo babandulelayo? babebaninzi ngakumbi kunabo, benamandla nomfaneleko ngakumbi kunabo ehlabathini, kodwa azanga bancedakale koko bakusebenzelayo
- Kananjalo ukufika kwabaThunywa babo kubo nobungqina obucacileyo, (basuka) bagutyungelwa koko babekugculela
- Ke kaloku bakubona isohlwayo seThu, bathi: “Sikholwa kuAllâhYedwathina,asikholwakokobesikadesikwayamanisa naYe.”
- Kodwa aluzanga ukholo lwabo lubancede (nto), ukubonana kwabo nesohlwayo seThu. (Sona) yindlela eyamiselwayo ka-Allâh Aqubisana ngayo nezicaka zaKhe. Apho ke abangakholwayo balahlekelwa (yinto yonke)