41.Explained in detail
- Hâ Mîm
- (Esi siTyhilelo) sivela (kuAllâh), uSolubabalo, uSozinceba
- INcwadi eVesi zayo zichazwe ngengcombolo, i’Kur’ân yesiArabhu kubantu abanolwazi
- Ingumniki weendaba ezivuyisayo ikwangumlumkisi; kodwa abaninzi kubo bayatshikila, ngoko ke abeva
- Kananjalo bathi: “Iintliziyo zethu ziphantsi kwezigqubuthelo malunga noko usimemela kuko, yaye ezindlebeni zethu kukho ubuthulu, kunjalo nje phakathi kwethu nani kukho umsantsa, ngoko ke sebenza wena nathi siyasebenza.”
- Yithi (Muhammad): “Mna ndingumntu njengani ekutyhilwe kuye okokuba uThixo wenu nguThixo oMnye; ngoko ke thabathani iNdlela ethe Ngqo eya kuYe, nicele itarhu kuYe. ‘’Kananjalo yeha kwabo bayamanisa abanye kuAllâh
- Abo banganikeliyo ngeZakâh, bona kuBomi belizayo abakholwa
- Inene bona abo bakholwayo, benze izenzo ezilungileyo okwabo ngumvuzo ongenakuphazamiseka
- Yithi: “Ingaba ngenene anikholwa kuloWo Wadala umhlaba ngeentsuku ezimbini, nayamanisa (abanye kuYe) nithi bayalingana naYe? Leyo yiNkosi yamaphakade
- Yena ke Wabeka kuwo (umhlaba) iintaba zema ngokuqinileyo phezu kwawo, Wathoba iintsikelelo phezu kwawo, Wenza umlinganiselo wezinto zonke, Wabonelela (izidalwa) zawo ngesixhaso ngeentsuku ezine ezilinganayo, kwabo babuzayo
- Waza Yena Wabhekisa ngasezulwini lo gama lalingumsi Wathi kulo nasemhlabeni: “Yibanikho, nithanda okanye ningathandi.” Lathi (lona izulu nomhlaba): “Sizile (yaye sikho) sithanda.”
- Ke kaloku Wawafezekisa (amazulu) angamazulu asixhenxe ngeentsuku ezimbini Waphefumlela izulu ngalinye umyalelo walo kananjalo Salihombisa izulu elikufutshane ngezibane (Ukuba zibe ngumhombiso) nokhuseleko. Lowo ngummiselo waKhe uSomandla, uSolwazi
- Ke kaloku ukuba bayatshikila, yithi wena (Muhmmad): “Mna ndinilumkisile ngokugqekreza kwezulu, okunje ngokugqekreza kwezulu (okwabetha) ama’Ad namaThamûd
- (Oko kwenzeka) kusakuba kwakufike abaThunywa kubo, phambi kwabo nasemva kwabo, (besithi), “Musani ukunqula nto ngaphandle koAllâh.” Bathi bona (abangakholwayo): “Ukuba iNkosi yethu Ibithandile, ngeYithumele iingelosi, inene thina koko nikuthunyiweyo asikholwa.”
- Abakwa’Ad bona babekhukhumele emhlabeni ngokungekho lungelweni, besithi: “Ngubani na onamandla kunathi?” Babengayicingi na bona into yokuba uAllâh Owabadalayo Wayenamandla kakhulu kunabo? Ke bona baye bayala imiqondiso yeThu
- Thina Sathumela umoya otswinayo ngeemini zeshwangusha ukubenza bangcamle isohlwayo sehlazo kobu bomi; kodwa sona isohlwayo selizayo sihlazisa ngakumbi yaye abayi kuncedwa
- AbakwaThamûd, bona Sabakhokela, kodwa bakhetha ubumfama ngaphezu kwesiKhokelo, ngoko ke isithonga sezulu esisisohlwayo esinyelisayo sabahlasela ngoko bakwenzayo
- Ke kaloku Sabasindisa abo bakholwayo, bamoyikayo uAllâh
- (Bachazele Muhammad) nangeMini iintshaba zika-Allâh ziya kuqundaniswa eMlilweni lo gama baya (kuqhutyelwa kuwo) bengamaqela aya kuba ngemigca
- De bafike kuWo (uMlilo), ukuva kwabo (iindlebe), amehlo abo nezikhumba zabo ziya kungqina ngokuchasene nabo ngoko bakwenzayo
- Baya kuthi kwizikhumba zabo: “Kutheni na ningqina ngokuchasene nathi nje?’’ Ziya kuthi zona: “Senziwe okokuba sithethe, nguAllâh Owenze yonke into yathetha. Yena Wanidala okokuqala, (ngoko ke) nibuyiselwa kuYe
- Ke kaloku nina naningazigqumi (nenzele) ukuba hleze ukuva kwenu kungqine ngokuchasene nani okanye ukubona kwenu okanye izikhumba zenu, koko nina naye nacinga ukuba uAllâh Akakwazi kakhulu enikwenzayo
- Ezo ke yayiziingcinga zenu enazicingayo ngeNkosi yenu. Zinifake entshabalalweni ke (ngoku), yaye nisuke naba ngabanye babalahlekelwa.”
- Kanti ke nokuba bangaba nomonde, uMlilo yindawo yabo yokuhlala; naxa becela ukuzicengezelela (kuAllâh), abayi kuba ngabanye babo bavunyelwayo ukuba bazicengezelele
- Ke kaloku Sabanyulela abahlobo abenza okungaphambili (kwamehlo) abo kwaba nomtsalane nokwakungemva kwabo (kusisono), ke lona ilizwi (lommiselo) liyasebenza kwizizwe ezadlulayo ngaphambi kwabo kwiijinni nakubantu. Inene bona bonke baba ngabalahlekelwa
- Abo bangakholwayo bathi: “Musani ukuyiphulaphula le ‘Kur’ân yaye thethani ngengxolo xa (icengcelezwayo) mhlawumbi niya kuba noloyiso.’’
- Kodwa Thina inene Siya kwenza abo bangakholwayo bangcamle isohlwayo esibuhlungu, kwaye Siya kuba buyekeza ngokwenene ngoko kubi bakwenzayo
- Le yimbuyekezo yeentshaba zika-Allâh uMlilo. Elabo ikhaya lanaphakade (liya) kuba phakathi (eMlilweni) apho njengembuyekezo yoko kuziiVesi zeThu bazalayo
- Kananjalo abo bangakholwayo baya kuthi : “Nkosi yethu, sibonise abo basilahlekisayo kwiijinni nabantu (ukuze) sibabeke phantsi kweenyawo zethu, babe kunye nabo bangaphantsi.”
- Inene abo bathi (kwangaphambili): “INkosi yethu nguAllâh, bahlala eNdleleni elungileyo iingelosi ziya kuhla phezu kwabo, (zisithi): “Ningoyiki ninganxunguphali koko yamkelani iindaba ezivuyisayo zePaladesi enanithenjiswe ngayo
- Thina zingelosi sasingamadlelane enu kubomi basemhlabeni. Yaye nina niya kufumana konke oko kunqwenelwa yimiphefumlo yenu, yaye niya kukufumana konke apho enikucelayo
- UbuBele obuvela (kuYe) uMxoleli, uSozinceba.”
- Ngubani na ontetho yakhe ingcono ukugqitha lowo umemela kuAllâh, enze okulungileyo, athi: “Inene mna ndingomnye wamaMuslim.”
- Azifani izenzo ezilungileyo nezimbi. Guzula (okungcolileyo) ngokulungileyo; kulapho kanye lowo phakathi kwakho naye kukho ubutshaba aza kuba ngathi ngumhlobo wakho osenyongweni
- Kodwa ke akukho bani ukuphiwayo oko ngaphandle kwabo banomonde, akukho bani ukuphiweyo oko ngaphandle kwalowo unesahlulo esikhulu (sokulungileyo entliziyweni yakhe)
- KekalokuxaufikelwayingcebisoengcolileyoivelakuShaytân; cela ukhuseleko ngoAllâh. Inene Yena nguSokuva, uSolwazi
- Phakathi kwemiqondiso yaKhe kukho ubusuku nemini, ilanga nenyanga, ke wena uze ungaqubudi elangeni nokuba kusenyangeni na, koko wena qubuda kuAllâh, Owazidalayo, ukuba nguYe omnqulayo wena
- Ukuba bakhukhumele ke abo basondeleyo eNkosini yakho bona (iingelosi) bayaMzukisa (uAllâh) ubusuku nemini yaye abadinwa
- Kananjalo phakathi kwemiqondiso yaKhe kukuba uye uwubone umhlaba uludlolo, kodwa Sisakuthulula imvula phezu kwawo, uvuseleleke ukhule (uhlaza) Inene, Yena loWo Uwunika ubomi, inene Uyakwazi ukunika ubomi kwabafileyo. Inene Yena Unamandla ngaphezu kweento zonke
- Inene abo bafakela ukuphambuka kwiiVesi zeThu abafihlakelanga kuThi, Ingaba lowo uphoswe eMlilweni ungcono okanye ngulowo uya kubuya esindile na ngoMhla woVuko? Yenzani enikuthandayo, inene Yena Uyakubona oko nikwenzayo
- Inene abo bangakholwayo kwinkumbuzo (i’Kur’ân) emveni kokuba ifikile kubo (baya kuzuza isohlwayo) kananjalo inene yona iyiNcwadi enamandla
- Ubuxoki abunakusondela kuyo, enokuba buvela ngaphambili kuyo okanye ngemva kwayo na; isisiTyhilelo esivela kuYe OsiSilumko, Wokudunyiswa
- Akukho nto ethethwayo kuwe (Muhammad) engazanga ithethwekubaThunywaabakwandulelayo, IneneiNkosiyakho nguMnini kuxolela IkwanguMnini sohlwayo esibuhlungu
- Ke kaloku ukuba ngaba beSiyenze yaba yi’Kur’ân yasemzini1 bebeza kuthi: “Kutheni na iiVesi zayo zingacaciswanga ngengcombolo (ngolwimi lwethu) nje? Sisicengcelezo sasemzini na (esi) nomProfeti ongumArabhu kusini na?” Yithi wena : “(Le ‘Kur’ân) sisiKhokelo nokuphilisa kwabo bakholwayo, ke bona abo bangakholwayo ezindlebeni zabo kukho ubuthulu, yaye banobumfama (emehlweni abo); Bona abo (beva kaluzizi ngathi) babizwa kwindawo ekude
- Kananjalo Sanika uMûsâ isiBhalo, kodwa kwabakho ukuphikisana ngaso. Ke kaloku ukuba kwakungekho ngenxa yelizwi (lommiselo) elalisele liphumile livela eNkosini yakho kwangaphambili, ngekuba umcimbi sele wagqitywa phakathi kwabo. Kodwa inene bona baneentandabuzo ngayo (i’Kur’ân)
- Nabani na lowo wenza okulungileyo wenzela umphefumlo wakhe; nabani na lowo wenza okungcolileyo (ukwenza oko) ngokuchasene naye. Ke Yona iNkosi yakho Ayinantswela- bulungisa kwizicaka zayo
- KukuYe kuphela apho ulwazi lweYure lulindelekileyo. Kananjalo iziqhamo aziphumi kumaqokobhe azo, kungekho mazi izalayo ingazali ngolwazi lwaKhe. Ke kaloku ngeMini Aya kukhwaza kubo (Athi) : “Aphi na amahlulelane aM?’’ Baya kuthi bona, “Thina sikwazisa ukuba akusekho naliphi na ingqina phakathi kwethu2’’ (elazi loo nto)
- Abaya kunyamalala kubo ngabo babedla ngokucela kubo ngaphambili, yaye baya kuba besazi ngokuqinisekileyo okokuba abayi kuba nandawo yakuphuncula (esohlwayweni sika-Allâh)
- Umntu akadinwa kukuthandaza acele (izinto) ezilungileyo, kodwa esakuchukunyiswa kokubi, ulahlekelwa lithemba athi khulubembe
- Ze kuthi xa Simenze wangcamla inceba evela kuThi emva kwenkxwaleko ebikhe yamfumana, asuke athi: “Oku kuziimfanelo zam, yaye andiqondi ukuba iYure iya kuhla kanti naxa ndibuyiselwa eNkosini yam, inene okwam okukuYo kuya kuba kokona kulungileyo.” Kodwa Thina Siya kubaxelela abo babengakholwa ngoko bakwenzayo, kwaye Siya kubenza bangcamle isohlwayo esikhulu
- Kananjalo Sithi Sisakubonelela umntu ngobuBele, asuke atshikile, achaselele phayaa; kodwa esakufunyanwa bububi aqale enze imilembelele emide yemithandazo
- Yithi: “Niyayibona na ukuba le ‘Kur’ân ivela kuAllâh kodwa anikholwa kuyo, ngubani na olahleke ngakumbi ukugqitha lowo usekuphikiseni (icebo lika-Allâh)
- Siya kubabonisa imiqondiso yeThu ke elundini nakubo buqu kude kucace kubo ukuba (i’Kur’ân) iyinyaniso. Kanti akwanelanga na ukuba (nazi) ngeNkosi yenu ukuba Yona IliNgqina ngaphezu kweento zonke
- Yeha, basezintandabuzweni ngendibano neNkosi yabo, yeha Yona Irhangqele izinto zonke