42.Consultation

  1. Hâ-Mim
  2. ‘Ayn,-Sîn-’Kâf
  3. Utyhile ngolo hlobo ke kuwe (Muhammad) nakwabo bangaphambili kunawe uAllâh, uSobunganga, uSobulumko
  4. KokwaKhe okusemazulwini nokusemhlabeni, kwaye Uphakamile Yena, Mkhulu
  5. Amazulu aphantsela ukucandeka emantla kwawo kanti neengelosi zizukisa (uAllâh) ngendumiso yeNkosi yazo, zicelela abo basemhlabeni itarhu. Inene nguAllâh OnguMxoleli, uSozinceba
  6. Bona abo bazithabathela abahlobo abangabanye ngaphandle kwaKhe uAllâh UsenguMlondolozi wabo, ke wena (Muhammad) akungomlawuli wabo
  7. Ngoko ke Thina Sityhile i’Kur’ân yesiArabhu khona ukuze ulumkise uNozala wezixeko (iMakkah) nezo (zixeko) zimngqongileyo, ulumkise kananjalo ngeMini yeNdibano, ekungekho ntandabuzo ngayo. Elinye iqela liya kuba sePaladesi lize elinye iqela libe seDangatyeni
  8. Ukanti ukuba uAllâh Ebethanda, Ebengabenza babe kwiNkolo enye, kodwa ke Yena Ungenisa lowo Athande ukumngenisa kwiNceba yaKhe. Bona ke abenzi bobubi abanamkhuseli bengenaye namncedi
  9. Makube mhlawumbi bazithabathele bakhuseli bambi ngaphandle kwaKhe? Kodwa uAllâh Yena nguMkhuseli, yaye Unika ubomi kwabafileyo, ukanti Yena Unamandla ngaphezulu kunezinto zonke
  10. Ke kaloku nantoni na eningangqinelaniyo ngayo isigwebo sayo sibhekiseni kuAllâh. (Yithi): “Lowo nguAllâh, iNkosi yam; kukuYe apho ndithembele khona, kukuYe nalapho ndiza kubuyela khona.”
  11. UMdali wamazulu nomhlaba, Wanenzela abalingane benu Ebakhupha kwiziqu zenu, nezilwanyana eziyimfuyo yenu Wazenzela abalingane bazo, Aze ngale ndlela Anandise, akukho nto ifana naYe, yaye Yena nguSokuva, uSokubona
  12. ZezaKhe izitshixo zamazulu nomhlaba, Wandisela, isixhaso lowo Athandileyo Aze Amenzele umlinganiselo wakhe, Inene Yena Unolwazi ngaphezu kweento zonke
  13. Yena Umisele kwinkolo yenu oko Wakuyalela uNûh noko Sikutyhile kuwe (Muhammad), noko Sakuyalela kuIbrâhîm noMûsâ no’Isâ ukumisela inkolo, hayi ukwenza iyantlukwano kuyo. Okunzima kwabo bayamanisa abanye kuAllâh koko ubamemela kuko. uAllâh Uzikhethela lowo Athande ukuzikhethela yena, Akhokelele kuYe lowo ubuyela kuYe (ngenguquko)
  14. Ke kaloku abazanga babe neyantlukwano de kwaba semva kokufika kolwazi kubo ngenxa yomona nobutshaba phakathi kwabo. Yaye ukuba kwakungekho ngenxa yelizwi esele laphumayo livela eNkosini yakho (ukulibazisa ukufika kwesohlwayo) kude kube lixesha, elimisiweyo, umcimbi ngowusele wagqitywa kudala phakathi kwabo. Kananjalo inene abo babenikwe ilifa lesiBhalo emva kwabo mayela naso baba neentandabuzo ezimandla
  15. Ngoko ke wena memela abantu kuloo (nkolo ka-Allâh) uhlale useNdleleni ethe Tye njengoko uyalelwe, ungalandeli (izinto) abakekelele ngakuzo koko wena yithi : “Mna ndikholwe koko kutyhilwe nguAllâh kwisiBhalo (i’Kur’ân), yaye ndiyalelwe ukuba ndenze ubulungisa phakathi kwenu. UAllâh yiNkosi yethu ekwayiNkosi yenu. Thina sinezenzo zethu nani ninezenzo zenu akukho ngxoxo phakathi kwethu nani. UAllâh Uza kusibuyisela (kuye) sonke yaye kukuye apho isiphelo sohambo sikhoyo.”
  16. Abo baphikisana (nabakholwayo) ngoAllâh emveni kokuba sele Amkelwe, ukuphikisa kwabo akunto yanto kwiNkosi yabo, yaye phezu kwabo kukho ingqumbo (yaKhe) kwaye okwabo sisohlwayo esibuhlungu
  17. NguAllâh Othumele iNcwadi ngenyaniso kunye nesikali (sokwahlula ubulungisa nentswela-bulungisa). Ingaba yintoni na enokwenza uqiqe? Mhlawumbi iYure sele ikufuphi
  18. Abo bangakholwayo kuyo abanamonde ngayo, kodwa bona abo bakholwayo bayayoyika, besazi okokuba iyinyaniso. Yeha abo bayiphikayo iYure basekulahlekeni kokwenene
  19. UAllâh UnobuBele kwizicaka zaKhe; Unika imbonelelo kulowo Athande ukumnika. Yaye Yena nguSomandla uSobunganga
  20. Lowo unqwenela isivuno soBomi oBuzayo Siyamandisela isivuno (somvuzo). Ke lowo unqwenela isivuno seli hlabathi Siyamnika sona eso, kodwa akayi kuba nasabelo kuBomi oBuzayo
  21. Okanye mhlawumbi banamahlulelane abayalele ukuba babe nenkolo uAllâh Anganikanga mvume ngayo? Ukuba bekungekho ngenxa yelizwi elicacileyo, ngowusele wagqitywa kudala umcimbi phakathi kwabo. Inene abenzi bobubi baya kufumana isohlwayo esibuhlungu
  22. Uza kubabona abenzi bobubi besoyika oko bakusebenzelayo yaye (isohlwayo sika-Allâh) siza kubahlela. Ke bona abo bakholwayo baya kuba kumacandelo obumnandi ePaladesi, befumana yonke into abathande ukuyifumana phambi kweNkosi yabo. Oko koko kububuBele obukhulu
  23. Oko kukuba uAllâh Anike iindaba ezivuyisayo kwizicaka zaKheezikholwayozezenzoezilungileyo.Yithi(Muhammad): “Andinihlawulisi nento le (ngalo myalezo) koko kukulunga kuphela kwizizalwana, kanti ke nabani na owenza isenzo esilungileyo Siya kumongezelela okulungileyo kuso apho. Inene uAllâh nguMxoleli, Uyabulela
  24. Okanye bathi: “(UMuhammad) uqambe ubuxoki ngoAllâh?’’ kodwa ukuba uAllâh Ebethanda Ebengasuka ayitywine intliziyo yakho, yaye uAllâh Uyabutshabalalisa ubuxoki Amisele inyaniso ngelizwi laKhe. Inene, Yena nguSolwazi woko kusezifubeni
  25. Nguye Owamkela inguquko kwizicaka zaKhe Axolele nezenzo ezigwenxa, yaye Uyakwazi enikwenzayo
  26. Kwaye Uyayiphendula imithandazo yabo bakholwayo (kuYe), benze izenzo zobulungisa, Abongezelele ubuBele baKhe. Kodwa bona abangakholwayo baya kufumana isohlwayo esibi kunene
  27. Ukuba ngaba uAllâh Wayezandisele iimbonelelo (zonke) izicaka zaKhe, zaziya kwenza ingcinezelo ehlabathini. Kodwa Yena Uthulula umlinganiselo Athande ukuthulula wona. Inene Yena Uyazazi izicaka zaKhe Uyabona
  28. Nguye Othoba imvula emva kokuphelelwa kwabo lithemba, Aze Asasaze inceba yaKhe, kaloku Yena nguMkhuseli, Ufanelwe kukudunyiswa
  29. Kananjalo omnye wemiqondiso yaKhe kukudalwa kwamazulu nomhlaba noko Akusasaze kuwo kuzizidalwa. Ukanti kukuYe ukuziqokelela ndawonye xa Ethandile kulula
  30. Ke kaloku nantoni na enihlelayo engumonakalo oko koko kwenziwa zizandla zenu, kodwa Yena Uxolela kakhulu
  31. Kanti ke aniyi kumenza Asilele (uAllâh) emhlabeni. Yaye aninawumbi umkhuseli ngaphandle koAllâh
  32. Kananjalo omnye wemiqondiso yaKhe ziinqanawa elwandle ezingathi ziintaba
  33. Ukuba Ebethanda Yena Ebengawumisa (ngxishi) umoya, zize (ezo nqanawa) zingahambi (elwandle). Inene kuko oko kukho imiqondiso kuye nabani na onomonde, onombulelo
  34. Kungenjalo Ebengasuka Abatshabalalise ngenxa yoko bakwenzayo (kuzizono); kodwa Yena uxolela kakhulu
  35. Abo banamaphike ngemiqondiso yeThu mabazi (kakuhle) okokuba abayi kuba nandawo yakuphuncula (esohlwayweni sika-Allâh)
  36. Ke kaloku nantoni na eniyinikwayo (loo nto) yeyolonwabo lobomi basemhlabeni. Kodwa oko kuku-Allâh kukona kuthabatha ixesha elide kwabo bakholwayo babeke ithemba labo eNkosini yabo
  37. Abo baziphephayo izono zabo nezenzo zokungcola bathi xa benomsindo baxolele
  38. Nabo baye basabela eNkosini yabo, benza iSalah nabasombulula imicimbi yabo ngemboniswano phakathi kwabo, banikele (kumalizo) oko Sibanike kona
  39. Nabo bathi xa bethwaxwe yingcinezelo bazikhusele
  40. Ke kaloku imbuyekezo yesenzo esingcolileyo sisenzo esingcole ngokufana naso kodwa ke lowo uxolelayo, enze noxolelwaniso umvuzo wakhe ukuAllâh. Inene Yena Akabathandi abenzi bobubi
  41. Kananjalo lowo uziphindezelayo emva kokuba enziwe ubugwenxa, kwabo banjalo akukho sizathu (sakusoleka)
  42. Isizathu (sokusoleka) sikulowo wona abantu enze ingcinezelo emhlabeni engenalungelo. Abenza (oko) baya kufumana isohlwayo esibuhlungu
  43. Lowo unyamezelayo, axolele inene oko yenye yezinto (ezibonakalisa) ukuzinikela (kakhulu kuAllâh)
  44. Ke lowo uAllâh amyekele ekulahlekeni akuyi kubakho mkhuseli kuye ngaphaya kwaKhe (uAllâh), kananjalo uya kubabona abenzi bobubi xa bebona isohlwayo baya kuthi: “Ingaba ikhona na indlela yokubuyela (ehlabathini) kwakhona
  45. Kantiuzakubabonabesondezwakuwo(uMlilo), bethotyiselwa ngokuhlazeka, belaqaza, ngomnqweno. Abo bakholwayo baya kuthi: “Inene abona balahlekelwa bokwenyani ngabo balahlekelwe ziziqu zabo neentsapho zabo ngeMini yoVuko, Yeha, abenzi bobubi bakwisohlwayo esingapheliyo.”
  46. Kananjalo abayi kuba namhlobo wakubanceda ngaphandle koAllâh. Yaye lowo uyekelwe nguAllâh ekulahlekeni akukho ndlela kuye
  47. Sabelani eNkosini yenu ingekafiki iMini evela kuAllâh ekungekhe kubekho nto iyigxothayo. Akukho lukhuseleko niya kulufumana ngaloo Mini, kungayi kubakho kuphika kuni
  48. Kanti ukuba bayatshikila Thina Asikuthumelanga kubo ukuba ube ngumlondolozi wabo, okwakho wena kukuvakalisa, ke kaloku xa Sithe Senza umntu wangcamla inceba evela kuThi, uye ayivuyele, kodwa athi xa ububi bumthwaxa ngenxa yoko kuvezwe zizandla zakhe inene umntu angabi nambulelo
  49. Loluka-Allâh ulongamelo lwamazulu nomhlaba. Yena Udala loo nto Athande ukuyidala. Anike lowo Athande ukumnika (abantwana) abaziintombi, Anike lowo Athande ukumnika amakhwenkwe
  50. Kungenjalo Abenzele amakhwenkwe neentombi, Enze udlolo lowo Athande ukumenza, Inene Yena nguSolwazi, uSomandla
  51. Kananjalo asikokwakhe nawuphi na umntu ukuba uAllâh Athethe naye ngaphandle kokuthetha naye ngesiTyhilelo okanye ngaphaya komkhusane okanye Athumele isiThunywa simtyhilelengemvumeyaKheokoAthandeukuba(Amtyhilele kona). Inene Yena Uphakamile, Unobulumko
  52. sisityhile ngolo hlobo ke isiTyhhilelo somyalelo weThu (i’Kur’ân). Wena wawungazi siBhalo, (ungalwazi) ukholo kodwa ke Thina Sisenze (isiBhalo) saba lukhanyiselo eSikhokela ngalo lowo Sithande ukumkhokela kwizicaka zeThu. Kwaye inene wena (Muhammad) ukhokelela eNdleleni ethe Tye
  53. INdlela ka-Allâh (loWo) izezaKhe zonke (izinto) ezisemazulwini nasemhlabeni. Yeha! KukuAllâh apho zonke izinto ziza kubuyela khona