43.Ornaments of gold

  1. Hâ-Mim
  2. (Ndifunga) ngeNcwadi (i’Kur’ân) ecacileyo
  3. Inene, Siyenze yayi’Kur’ân engesiArabhu khon’ukuze nibe nokuyiva (intsingiselo yayo)
  4. Kananjalo yona ikuNozala weNcwadi1 okuThi, ixabisekile, izele bubulumko
  5. Siwuhluthe na umyalezo kuni, Sinigxothe ngokuba ningabantu abagabadele batsiba imida
  6. Kodwa bangaphi abaProfeti eSabathumela phakathi kwabantu bamandulo
  7. Ukanti akukho Mprofeti wakha wafika kubo bangamgculeli
  8. Sabatshabalalisa ke Thina, ababenamandla ngaphezulu kunabo, (nabo) baba ngumzekelo wabantu ababandulelayo
  9. Kanti xa unokubabuza: “Ngubani owadala amazulu nomhlaba?’’ Inene baza kukuxelela okokuba: “Adalwa nguSobunganga, uSolwazi.”
  10. Owanenzela umhlaba waba ngumandlalo wenu ekukho iindlela eninokuthi nikhokeleleke ngazo
  11. Othumela imvula phantsi ivela esibhakabhakeni ingemilinganiselo eqingqiweyo, ke kaloku ngayo Sivuselela umhlaba ofileyo niya kuvuswa ngolo hlobo ke nani
  12. Yena loWo Wadalela zonke izinto amaqabane azo, Wanenzela iinqanawa neenkomo (namahashe) eniye niziqabele (nihambe ngazo)
  13. Khona ukuze nihlale emihlana yazo nikhumbule uBabalo lweNkosi yenu, xa nihlala phezu kwazo nisithi: “Uzuko malube kuloWo Wenze esi (sithuthi) saba phantsi kolawulo lwethu, (ngapha koko) besingekhe sisoyise
  14. Yaye kananjalo eNkosini yethu kulapho siza kubuyela khona.”
  15. Kodwa (ngoko kunjalo) babalela kuYe isahlulo esingabanye kwizicaka zaKhe, inene umntu akanambulelo
  16. Okanye Yena (uAllâh), Uzithabathele koko Wakudalayo, iintombi Waza nina Wanikhethela oonyana kusini na
  17. Ke kaloku xa omnye kubo enikwa iindaba ezimnandi zoko akubalela kuSozinceba, ubuso bakhe, buyafiphala, azicinezele kukukhathazeka kwakhe
  18. Ingaba lowo ukhuliswe ngezihombiso5, ongakwazi kuyicacisa into ayithethayo ngexesha lembambano, (ubalelwa kuAllâh)
  19. Kananjalo benze iingelosi ezizizicaka zikaSozinceba zaba ngabasetyhini, babekhona na ukudalwa kwazo? Ubungqina babo buza kubhalwa phantsi yaye baza kubuzwa
  20. Kananjalo bathi (xa bezithethelela bodwa): “Ukuba uSozinceba Ebengathandanga, besingekhe sizinqule (ezi zithixo zethu).’’ Akukho lwazi banalo mayela noko, abakwenzayo kukuqamba ubuxoki
  21. Okanye kukho incwadi eSibanike yona mhlawumbi phambi kwayo (i’Kur’ân), ekuyiyona babambelele kuyo
  22. Ngapha koko bathi: “Inene thina safumana oobawo besenkolweni (ethile) thina ke silandela ezinyaweni zabo, sisendleleni (elungileyo).’’
  23. Ngokukwanjalo ke Thina Asizanga Sathumela Mlumkisi kuso nasiphi na isixeko baze abazizityebi baso bangathi: “Inene thina safumana oobawo bethu besenkolweni, silandela ezinyaweni zabo ke thina.”
  24. (UMlumkisi ngamnye) wathi (ebantwini): “Nokuba ndiniphathele isiKhokelo esingcono kuneso (siyiloo nkolo) nafumana ooyihlo bekuso?’’ Bathi bona: “Inene thina koko nikuthunyiweyo asikholwa.’’
  25. Sathabatha impindezelo ke Thina kubo; khawubone ke ukuba saba njani na isiphelo sabaphikisi
  26. Yabona xa uIbrâhîm wathi kuyise nakubantu bakubo: “Inene mna ndiyazikhwebula koko nikunqulayo
  27. Ngaphandle kwaloWo Wandidalayo, yaye Yena Uya kundikhokela.’’
  28. Kananjalo oko wakwenza kwaba lilizwi elashiyeka phakathi kwenzala yakhe ukwenzela ukuba babe nokubuyela (eNdleleni)
  29. Ke kaloku Mna (Allâh) Ndanika aba bantu abangabanquli zithixo ubomi bolonwabo, nooyise kwada kwafika inyaniso noMthunywa ocacileyo (uMuhammad)
  30. Kodwa yathi inyaniso isakufika kubo bathi bona: “Ngumlingo lo, yaye thina asikholwa kuwo.’’
  31. Bathi kananjalo: “Kutheni le ‘Kur’ân ingathunyelwanga kweyona ndoda inkulu (kwesinye) sezixeko ezibini
  32. Bangabahlula-hluli benceba yeNkosi yakho na? Sithi nje Ababakhethele indlela yokuphila kubomi beli hlabathi, Saphakamisa abanye babo bangentla kwabanye ngokwamabakala khona ukuze bakwazi ukusebenzisana ngokwengqesho. Kodwa inceba yeNkosi yakho yiyona ingcono ngaphezu kwako konke abakuwanqayo
  33. Ukuba ibingekuko okokuba abantu bebengasuka babe luluntu olunye (lwabantu abangakholwayo) beSiza kwenzela abo bangakholwayo kuSozinceba imizi yabo iisilinga, nemichankcatho, yesilivere yokunyuka
  34. Nezindlu zabo (zibe) neengcango, neesofa zokungqiyama
  35. Nezihombiso zegolide. Kodwa konke oko akunto yanto ngaphandle kokuba zizinto zolonwabo zobomi balo mhlaba. Ukanti uBomi oBuzayo bona obukuAllâh bobabenzi bokulungileyo
  36. Lowo umfanyekisiweyo mayela nenkumbulo kaSozinceba Simnyulela uShaytân ukuba abe ngumhlobo wakhe
  37. Inene wona (amashayâtini) ayaphambukisa eNdleleni (yesiKhokelo) logama bona bezicingela ukuba bangabakhokelelekileyo (baseNdleleni)
  38. Ade (umntu) afike kuThi (ngeMini yoMgwebo), athi: “O, akwaba kwakubekho umgama ongangophakathi kwempuma nentshona phakathi kwethu, ungonjani ukungcola yena umhlobo.”
  39. Kubekungasayikuncedanto(ukutsholoomazwi) ngaloo Mini, emveni kokuba sele nonile, sele nisabelana ngesohlwayo
  40. Ingaba (Muhammad) uza kuyikhokela imfama okanye lowo usekulahlekeni okucacileyo
  41. Enokuba Singakuthabatha (ngokufa), inene Thina Siza kuthabatha impindezelo kubo
  42. Kanti nokuba Singakubonisa na oko Sibathembise kona (kusisohlwayo), inene Thina Sigqibelele ukwazi ukwenza
  43. Ngoko ke wena bambelela koko kutyhilwe kuwe. Inene wena useNdleleni ethe Tye
  44. Inene yona (i’Kur’ân) iyinkumbuzo kuwe nabantu bakho, yaye niza kubuzwa
  45. Ke kaloku buza abo Sabathumela phambi kwakho ngabaThunywa beThu. Ingaba Sakha Senza abanye oothixo na ngaphandle koSozinceba
  46. Kananjalo Thina Sathuma uMûsâ nemiqondiso yeThu kuFir’awn nobukumkani bakhe, ke kaloku wathi (uMûsâ): “Inene mna ndingumthunywa weNkosi yamaphakade.”
  47. Kodwa wathi esakufika nemiqondiso yeThu, ngoko nangoko bahleka
  48. Ke kaloku akukho mqondiso eSababonisa wona owawungemkhulwanga kunobesele Sibabonise wona8 (ngaphammbili kunawo) Sabahlasela ngesibetho ke khona ukuze babuyele ngenguquko
  49. Ke kaloku bathi kuMûsâ: “Hini na wena menzi wemilingo cela eNkosini yakho ngoko Ikuthembise ngako. Inene thina siya kuba ngabakhokelelekileyo9.”
  50. Kodwa Sithi Sisakusisusa isibetho kubo, balaphule ngoko nangoko ilizwi labo (lesithembiso)
  51. Ke kaloku uFir’awn wakhwaza ebantwini bakhe; wathi: “Hini na bantu bam, ubukumkani baseYiputa asibobam na, nale milambo impompoza phantsi kwam, kanti aniboni na
  52. Okanye ayindim ongcono kunaye na lo (uMûsâ) ongento yanto, engakwazi nakucacisa (nto)
  53. Kutheni ke kungabekwanga zacholo zagolide phezu kwakhe okanye eze ehamba kunye neengelosi?”
  54. Wabaqhatha ke abantu bakhe, (uFir’awn) nabo bamthobela, inene bona babengabantu ababe nendelelo bengenantobeko (kuAllâh)
  55. Ke kaloku ukuSenza kwabo umsindo, Sathabatha impindezelo kubo, Sabatshonisa emanzini bonke
  56. Kananjalo Sabenza baba sisibonelo nomzekelo kubantu abasezayo
  57. Ke kaloku xa unyana kaMaryam wenziwa umzekelo, abantu bakuni bakhawulezisa bahleka ngokuvakalayo
  58. Ke kaloku bathi: “Ingaba ngabethu na oothixo abangcwele okanye nguye (uYesu)” (oku)11babengakuthetheli (kufanisa) ngaphandle kokwenzela impikiswano (njee) eneneni bona ngabantu abathanda impikiswano
  59. Yena (u’Isâ) wayengeyonto yimbi ngaphandle kokuba sisiCaka eSathulula uBabalo phezu kwaso, yaye Samenza waba ngumzekelo (omhle) kuBantwana bakwaSirayeli
  60. Ke kaloku ukuba Sasithandile ngeSenza (endaweni yenu nina bantu) iingelosi emhlabeni, zilandelelana (ezinye emva kwezinye)
  61. Inene yena (u’Isâ) uya kuba (ngumqondiso) wokwaziwa kweYure, ngoko ke wena ungabi nakuthandabuza ngayo, landela Mna. Le yiNdlela ethe Tye
  62. Kananjalo ungavumeli uShaytân akuphambukise. Inene, yena kuwe ulutshaba olucacileyo
  63. Ke kaloku ekufikeni kuka’Isâ nemiqondiso ecacileyo, wathi: “Mna ndize kuni nobulumko, nokuza kunicacisela ngeminye iimibandela eniphikisana ngayo ngoko ke yoyikani uAllâh nindithobele
  64. Inene uAllâh yiNkosi yam, ekwayiNkosi yenu. Khonzani Yena ke, le yiNdlela ethe Tye.”
  65. Kodwa zona iimvaba zaya zaba ziintlaba zahlukane phakathi kwazo (akwabikho kuvumelana), Ngoko ke Yeha ke esohlwayweni seMini ebuhlungu kwabo benza ubugwenxa
  66. Ingaba balindele (nto yimbi) na ngaphandle kweYure eza kubafikela bengaqondi
  67. Abahlobo abakhulu ngaloo Mini baya kuba ziintshaba omnye komnye ngaphandle kwabenzi bokulungileyo
  68. (Abo uAllâh Aya kuthi kubo): “Hini na zicaka zaM akukho koyika kuya kubakho malunga nani ngayo le Mini, ningayi kunxunguphala nakunxunguphala
  69. (Nina) nakholwayo kwiiVesi zeThu naba ngamaMuslim
  70. Ngenani ePaladesi, nina nabafazi benu nigcobile
  71. Okuya kuhanjiswa phakathi kwabo zizitya neendebe zegolide. Phakathi kuzo apho iya kuba kuko konke okunqwenelwa ngumphefumlo nokuchulumancisa amehlo, yaye niya kuhlala apho naphakade
  72. Leyo ke yiPaladesi enenzelwe ukuba ziindlalifa zayo ngenxa yoko (kuzizenzo ezilungileyo) nakwenzayo
  73. Okwenu apho ziziqhamo ezininzi eniya kudla kuzo
  74. Inene zona izaphula-mthetho ziya kuba sesohlwayweni, zihlale apho ngonaphakade
  75. (Isohlwayo eso) asiyi kuvunyelwa sithothe kubo, yaye bona apho baya kulahlekelwa lithemba
  76. Ke kaloku ayiSithi ababenza ubugwenxa ngabo ngokwabo ababa ngabenzi bobugwenxa
  77. Ke kaloku baza kuthi: “O, Mâlik12, khawenze iNkosi yakho Isenze sitshabalale (kube kanye)! ‘’Uya kuthi yena: “Inene niza kuhlala (ninjalo).”
  78. Inene nina Sinizele nenyaniso kodwa uninzi lwenu luyichasile inyaniso
  79. Okanye banecebo abaliqulunqileyo na? NaThi Siqulunqa (eleThu) nje
  80. Okanye bacinga ukuba aSiziva iintetho zabo zasemakhusini? Ewe nje kwaye iziThunywa zeThu ziba kunye nabo zibhala
  81. Yithi (Muhammad): “Ukuba uSozinceba Ebenonyana mna bendiya kuba ngowokuqala ukuba ngomnye wabanquli (bakhe loo nyana lowo).”
  82. Uzuko malube kwiNkosi yamazulu nomhlaba, iNkosi yeTrone, Engentla (lee) kwezo nto bazibalela (kuYo)
  83. Ngoko ke bayeke (njalo) bancokole amampunge bazonwabise de bagagane neMini yabo leyo bathenjiswe ngayo
  84. Kananjalo nguYe onguThixo (Okukuphela kwaKhe) ezulwini nasemhlabeni, yaye Yena nguSolwazi, uSobulumko
  85. Usikelelekile Yena loWo ulongamelo lwamazulu nomhlaba ilolwaKhe nako konke okuphakathi kwawo, Yena loWo ulwazi lweYure lukuYe, ekukuYe apho niza kubuyiselwa khona
  86. Abo babanqulayo ngaphandle kwaKhe (uAllâh) abanawo amandla okuthethelela; kuphela ngabo bangqinela inyaniso (abaya kunikwa igunya lokuthethelela), yaye bayazi
  87. Ke kaloku xa ubabuza okokuba ngubani na owabadalayo, ngokuqinisekileyo baza kuthi: “nguAllâh.’’ (ke ngoku) baqhathwe yintoni
  88. (UAllâh Uyayamkela) intetho yakhe (uMuhammad) ethi: “O Nkosi yam, inene aba bantu (ngabantu) abangakholwayo.”Ngoko ke wena zikhwebule kubo, uthi: “Makube luxolo.’’ Kodwa baza kwazi
  89. Ngoko ke suka kubo wena uthi: “Salâm” (makube luxolo) kodwa (kungekudala) baza kwazi