5.The Table

  1. Hini na nina bakholwayo! Fezekisani amaxanduva enu. Okuvumelekileyo kuni (ukuba nikutye) zizo zonke izilwanyana eziyimfuyo ngaphandle kwezo ziza kubuya zichazwe kuni (apha), iinyamakazi zona azivumelekanga kuni kuphela xa sele nambethe i-Ihrâm (yeHajji okanye i’Umrah). Inene uAllâh Uyalela oko Akuthandileyo
  2. Hini na nina bakholwayo! Musani ukuhlambela1 ubungcwele bemiqondiso ka-Allâh, nobo beeNyanga eziNgcwele nobo bezilwanyana eziziselwe ukunikelwa, nobo babantu abafakwe izidanga2 okanye izilwanyana nezinye izinto, nobo babantu abeze kwiNdlu eNgcwele, beze kufuna iziBele nothando lweNkosi yabo. Kodwa ke nakugqiba i-Ihrâm (yeHajji ne’Umrah), ningazizingela (ke ngoku) kodwa ningenzi inzondo yabantu abathile abanithintelayo ukuba ningangeni eMasjid Al-Harâm inikhokelele kugabadelo. Ncedisanani nina ngobulungisa nasekumoyikeni uAllâh; kodwa ningancedisani esonweni naselugabadelweni. Yoyikani uAllâh. Inene, uAllâh Wohlwaya kabuhlungu
  3. Okungavumelekanga (ukuba kube kukutya) kuni yinyama yento ezifeleyo, igazi (ububende), inyama yehagu, nenyama yesilwanyana esithe xa sixhelwa kwabizwa gama (limbi) elingelilo elika-Allâh, nenyama yento ebulewe ngokukrwitshwa okanye ebethiweyo neyoyeleyo okanye yawa ngentloko, nehlatyiweyo naleyo ityiwe ngamarhamncwa asendle (kwashiyeka inxalenye yayo) ngaphandle kokuba niye naba nako ukuyixhela (ingekade izifele) naleyo ixhelelwe ukwenziwa idini elibekwa kwizibingelelo nokuvumisa ngeentolo3; konke oko zizenzo ezikukungcola. Namhlanje abo bangakholwayo bancamile, baphelelwa lilo lonke ithemba (ngokuchasene nenkolo yenu). Musani ukunkwantyiswa ngabo ke nina koko yoyikani Mna. Namhlanje, Ndinifezekisele inkolo yenu, Ndalugqibelelisa uBabalo lwaM kuni, Ndanikhethela i-Islam ukuba ibe yinkolo yenu. Ke kaloku lowo uye wanyanzeliswa yindlala emandla, ingekuko ukuba utyekela ngasesonweni (angazitya ezi nyama ziyinqambi zikhankanywe ngentla apha), inene uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
  4. Bayakubuza wena ukuba yintoni na evumelekileyo kubo (ukuba ibe kukutya): Yithi: “Okuvumelekileyo kuni, zizinto ezilungileyo (ezihlambulukileyo), ezivunyelweyo nguAllâh (ukuba zibe kukutya kuni). {Ukutya uAllâh Akwenze kwavumeleka kuni; [ziinyama zezilwanyana ezityiwayo, iimveliso zobisi, amanqatha (amafutha), imifuno, neziqhamo]} Ke zona izilwanyana neentaka ezidla amaxhayelo eniziqeqeshele ukuzingela, naziqeqesha nazifundisa (ukubamba iinyamakazi) ngendlela Aniyalele ngayo uAllâh; kudleni oko zinibambele kona, nibize igama lika-Allâh phezu kwako. Inene uAllâh Uyakhawuleza ukufaka embuzweni
  5. Okwenziwe kwavumeleka kuni namhlanje kokulungileyo. Ukutya kwaBantu beNcwadi4 kuvumelekile kuni kanti nokwenukuvumelekilekubo.(Okuvumelekeleumtshatokuni) ngabasetyhini abanyulu kumakholwakazi (amaMuslimkazi) nabanyulu kwabo babenikwe isiBhalo ngaphambili kunani (amaYuda namaKhristu) enibanike imahr yabo, ninqwenela ubunyulu ningafuni kwenza lukrexezo ningafuni kubenza (amankazana). Lowo ungalwamkeliyo ukholo izenzo zakhe aziyi kuba naziqhamo, Yaye kuBomi oBuzayo uya kuba ngomnye wabalahlekelwa
  6. Hini na nina bakholwayo! Xa niza kwenza iSalâh, hlambani ubuso benu nezandla niye kuma ngeengqiniba, nosule iintloko nihlambe iinyawo zenu niye kuma ngamaqatha. Ukuba nikwimeko yejanâbah5, zihlambululeni (kulo meko ngokuhlamba umzimba wonke). Kodwa ukuba niyagula okanye niseluhambeni, okanye umntu usuka kuzikhulula kwindlu yangasese, okanye benidibene (ngesondo) nabasetyhini nize ningafumani manzi, ke kaloku yenzani iTayammum ngomhlaba ococekileyo nihlikihle ngawo ebusweni nasezandleni zenu. UAllâh Akanqweneli kunibeka bunzimeni kodwa Ufuna ukunihlambulula nokufezekisa uBabalo lwaKhe kuni ukuze nibe nombulelo
  7. KhumbulanikananjalouBabaloluka-AllâhkuninoMnqophiso waKhe Awanibopha ngawo xa nathi nina “Siyeva, sithobele”. Noyike uAllâh kananjalo. Inene uAllâh nguSolwazi woko (kusemfihlakalweni) yezifuba zenu
  8. Hini na nina bakholwayo! Phakamani niqine, nimele uAllâh njengamangqina anobulungisa, ningenzi ubutshaba nenzondo eninayo ngabanye inikhuphe ekwenzeni ubulungisa. Yenzani ubulungisa. Oko kusondele ebunyulwini, nimoyike uAllâh. Inene, uAllâh Ukwazi kakuhle oko nikwenzayo
  9. UAllâh Ubathembisile abo bakholwayo benza izenzo zobulungisa okokuba okwabo iya kuba luxolelo lwezono nomvuzo omkhulu
  10. Abo bangakholwayo, baphika iiVesi zeThu ngabo kanye abaya kuba ngabahlali baseMlilweni wesiHogo
  11. Hini na nina bakholwayo! Khumbulani uBabalo luka- Allâh kuni xa abantu abathile babefuna ukolula izandla6 zabo ngokuchasene nani, kodwa Wazibamba yena ukuba zingafikeleli kuni. Moyikeni ke ngoko uAllâh kananjalo amakholwa makathembele ngoAllâh
  12. Inene uAllâh Wathabatha uMnqophiso kuBantwana bakwaSirayeli, kananjalo Sanyula iinkokeli ezilishumi elinambini phakathi kwabo. Wathi uAllâh: “Mna Ndiya kuba kunye nani ukuba niyazenza iiSalâh, ninikele ngeZakâh nikholwe kananjalo kubaThunywa baM, nibahloniphe nibancedise, niboleke uAllâh imboleko elungileyo, inene, Mna Ndiya kuzicamagushela izono zenu, Ndiningenise eMiyezweni ekumpompoza imilambo phantsi kwayo. Kodwa ke ukuba ubani apha kuni uye walulahla ukholo emva kwako (konke) oku, inene lowo uya kuba uphambukile eNdleleni ethe Tye
  13. Ke kaloku ngenxa yokwaphula kwabo uMnqophiso, Sabaqalekisa, Senza neentliziyo zabo zaqaqadeka. Baguqula amazwi endaweni yawo (yemfanelo) batyeshela isahlulo esikhulu soMyalezo owawuthunyelwe kubo. Kananjalo awungekhe upheze ukubhaqa inkohliso kubo, ngaphandle kwabambalwa kubo. Kodwa xolela, unge ngathi akuboni. Inene uAllâh Uyabathanda abenzi bokulungileyo
  14. Nakwabo bazibiza ngokuba bangamaKhristu, Sathabatha uMnqophiso kubo kodwa sele betyeshele isahlulo esikhulu soMyalezo owawuthunyelwe kubo. Ke kaloku Sahlwayela ubutshaba nenzondwano phakathi kwabo, kude kube yiMini yoVuko, kwaye uAllâh Uza kubazisa abakwenzayo
  15. Hini na nina Bantu beNcwadi! Ngoku ufikile uMprofeti weThu kuni (uMuhammad) enicacisela okuninzi enanikufihla esiBhalweni nikuqakatha ngamandla. Inene ukukhanya kufikile kuni kuvela kuAllâh neNcwadi ecacileyo (i’Kur’ân)
  16. UAllâh Ukhokela ngayo bonke abakwiNtando yaKhe, abalandela iindlela zoxolo, Aze kananjalo Abakhuphe ebumnyameni ngeNtando yaKhe, Abakhokelele ekukhanyeni nakwiNdlela ethe Tye
  17. Inene, abangakholwanga ngabo bathi uAllâh nguMesiya, unyana kaMariyam. Yithi wena (Muhammad): “Ngubani na ngoko onentwana yamandla okuchasana noAllâh ukuba Ebenokusuka amtshabalalise uMesiya, unyana kaMaryam, nomama wakhe, nabo bonke abo basemhlabeni? Yaye loluka-Allâh ulongamelo lwamazulu nomhlaba nako konke okuphakathi kwawo. Udala oko Athande ukukudala kwaye uAllâh Uyakwazi ukwenza izinto zonke
  18. AmaYuda namaKhristu athi: “Thina singabantwana baka- Allâh neentandane zaKhe”. Yithi: “Utheni kaloku Enohlwaya nje ngezono zenu?” Nakanye! Nina ningabantu abangabanye babo Wabadalayo, Yena Uxolela lowo Athande ukumxolela, Ohlwaye lowo Athande ukumohlwaya yaye loluka-Allâh ulongamelo lwamazulu nomhlaba nako konke okuphakhathi kwawo, kananjalo ziza kubuyela kuYe (zonke izinto)
  19. Hini na nina Bantu beNcwadi! Ngoku uMthunywa weThu (uMuhammad) ufikile kuni, enicacisela izinto emva kokunqamka (kothotho lwabaProfeti) kuba hleze nithi: “Akuzanga khe kufike mvakalisi weendaba ezilungileyo kungazanga kwabakho mlumkisi kuthi”. Kodwa ngoku ufikile umvakalisi weendaba ezilungileyo noMlumkisi. Kananjalo uAllâh Unamandla ngaphezulu kweento zonke
  20. Yabonani uMûsâ wathi kubantu bakubo: “Hini na bantu bakuthi! Khumbulani uBabalo luka-Allâh kuni xa Wenza abanye benu baba ngabaProfeti, Wanenza naziikumkani Waninika (nezinye izinto) Angazanga Wazinika nabani na ephakadeni ngaphambili
  21. Hini na bantu bakuthi! Ngenani elizweni elingcwele (ePalestina) Aninike lona uAllâh ningabuyi ngamva (ekulweni); kuba nakuzifumana ningabalahlekelwa”
  22. Bathi bona: “Hini na Mûsâ! Kulo (eli lizwe) kukho iingxilimbela zamadoda, kwaye asinakuba nako ukungena kulo de baphume kulo; besakuphuma kulo, siya kungena ke thina”
  23. Amadoda amabini kulawo amoyikayo uAllâh nangawona uAllâh Wathoba uBabalo lwaKhe phezu kwawo, athi: “Bahlaseleni esangweni, kuba nisakungena ngaphakathi, uloyiso luya kuba lolwenu, kananjalo bekani ithemba lenu kuAllâh ukuba niyakholwa ngokwenene.”
  24. Bathi bona: “Hini na Mûsâ! Asingekhe singene kulo ukuba basephaya. Ke ngoko hamba wena neNkosi yakho nilwe (nabo) nobabini, thina siza kuchopha apha”
  25. Wathi yena (uMûsâ): “O Nkosi yam, mna ndinegunya phezu kwesiqu sam nomntakwethu kuphela, sahlule thina ngoko kubantu abazizingcoli.”
  26. Wathi uAllâh: “Lona (eli lilizwe elingcwele) aliyi kuvumeleka kubo iminyaka engamashumi amane; baya kudutywa- dutywa ngokulahleka bebhadula elizweni, ngoko ke musa ukuzihlupha ngabantu abazizingcoli.”
  27. Ke kaloku wena (Muhammad) bacengcelezele ibali loonyana ababini baka-Adam, Ngamnye kubo wanikela idini (kuAllâh), lamkelwa elomnye kodwa elomnye alamkelwa. Waza lo lingamkelwanga elakhe wathi kulo lamkelweyo elakhe, “Mna, inene ndiya kukubulala.” Wathi omnye: “Inene uAllâh wamkela kuphela kwabo bamoyikayo Yena”
  28. “Ukuba uthe wasolula isandla sakho ngakum wandibulala, mna andiyi kusolula esam isandla ngokuchasene nawe ndikubulale, kuba ndoyika uAllâh, iNkosi yamaphakade
  29. Inene, Mna ndiza kukuyeka uthabathe isono sam7 sibe kuwe ndawonye nezo zakho, ukuze wena ube ngomnye wabahlali baseMlilweni; ke kaloku leyo yimbuyekezo yabenzi bobubi.”
  30. Ke kaloku iinkanuko zomnye lo zamkhuthaza, wabona kulungile kuye ukuba ambulale umntakwabo, wambulala ke waza wangomnye wabalahlekelwa
  31. Ke kaloku uAllâh Wathumela unomyayi, owafika waqhwanda emhlabeni ukumbonisa ukuba makawungcwabe umzimba wesidumbu somntakwabo. Waza yena (umbulali) wathi: “Yeha kum! Andibanga nako nokufana naye nalo nomyayi, ndifihle isidumbu somntakwethu!” (Waqala) waba ngomnye wabo bazisolayo
  32. Ngenxa yoko Sayalela kuBantwana bakwaSirayeli ukuba; xa ubani ethe wabulala umntu kungengampindezelo yakubulala, (koko) ikukwandisa ubutshinga ezweni kuya kufana nokuba ubulele abantu bonke, kanti ukuba umntu uthe wasindisa ubomi (bomntu omnye) kuya kufana nokuba usindise ubomi babantu bonke. Inene kwafika kubo (aBantwana bakwaSirayeli), abaThunywa beThu, benemiqondiso ecacileyo kodwa nasemva koko abaninzi kubo bathi gqolo ukugabadela, (batsiba imida) emhlabeni
  33. Imbuyekezo yabo baqhuba imfazwe ngokuchasene noAllâh noMthunywa waKhe, benze nobutshinga emhlabeni iya kuba kukuba babulawe okanye babethelelwe emnqamlezweni okanye izandla zabo neenyawo zabo zinqunyulwe, isandla selinye icala nonyawo lwelinye icala, kungenjalo bagxothwe kwelakowabo. Oko makube lihlazo labo kweli hlabathi, baze babe nentuthumbo kuBomi oBuzayo
  34. Ngaphandle kwabo babuya beguqukile bengekabikho phantsi kolawulo lwenu kwimeko enjalo, yazini okokuba uAllâh nguMxoleli uSozinceba
  35. Hini na nina bakholwayo! Yenzani inkonzo yenu kuAllâh nimoyike Yena. Kananjalo funani iindlela zokuzisondeza kuYe, nizabalaze eNdleleni yaKhe, ukuze nibe nempumelelo
  36. Inene abo bangakholwayo, enokuba bebenokufumana konke oko kusemhlabeni, nangaphezulu kunoko baze benze intlawulo yokuzikhulula esohlwayweni ngoMhla woVuko, ibingayi kwamkelwa kubo, yaye okwabo sisohlwayo esibuhlungu
  37. Baya kulangazelela ukuphuma eMlilweni, babe bengasokuze bakwazi ukuphuncula apho kuwo yaye okwabo iya kuba yintuthumbo yanaphakade
  38. Ke kaloku ngokubhekiselele kwisela eliyindoda nelingowasetyhini, banqumleni (emalungwini ezihlahla) zezandla (zokunene) oko kube yimbuyekezo yoko bakwenzileyo, kube sisohlwayo esingumzekelo ovela kuAllâh. Kananjalo uAllâh nguSomandla, uSobulumko
  39. Kodwa lowo uguqukayo emva kolwaphulo mthetho lwakhe, enze izenzo zobulungisa (athobele uAllâh), Inene uAllâh Uya kumxolela (Ayamkele inguquko yakhe), inene uAllâh nguMxoleli uSozinceba
  40. Akwazi na wena ukuba loluka-Allâh (Yedwa) ulongamelo lwamazulu nomhlaba! Yena Wohlwaya lowo Athande (ukumohlwaya) Axolele lowo Athande (ukumxolela) yaye uAllâh Unamandla ngaphezu kweento zonke
  41. Hini na wena Mthunywa, musa ukukhathazeka ngabo bangxamela ukugaxeleka ekungakholweni, abo bathi: “Siyakholwa” ngemilomo yabo zibe iintliziyo zabo zingenalukholo. KumaYuda kukho abantu abaphulaphula ubuxoki ngentumakalo enkulu baphulaphule (abantu) abangabanye abangakhanga beze kuwe, bayawaguqula amazwi kwindawo yawo (yemfanelo), bathi: “Ukuba unikwa oku, kuthathe, kodwa ukuba akunikwanga oku, lumka ke ngoko! “Ukanti nabani na lowo uAllâh Athe Wathanda ukumfaka kwintshutshiso, akukho nto unokumenzela yona ngokuchasene noAllâh. Abo ngabo bantliziyo zabo uAllâh Angafuniyo ukuzihlambulula (ekungakholweni nakubuhanahanisi), Okwabo lihlazo kweli hlabathi, ze kuBomi oBuzayo ibe yintuthumbo enkulu
  42. (Bathanda) ukuphulaphula ubuxoki, baze badle nantoni na eyinqambi, ke xa besiza kuwe wena (Muhammad), (benembambano abanayo) wena ungagweba phakathi kwabo, kungenjalo uzikhwebule kubo. Ukuba unokuzikhwebula kubo, abangekhe bakwenze nento le. Ke kaloku ukuba uyagweba, gweba ngobulungisa phakathi kwabo. Inene uAllâh Uyabathanda abo benza ngobulungisa
  43. Kodwa benza njani ukuba beze kufuna isigqibo kuwe lo gama beneTorah enesigqibo esicacileyo sika-Allâh, Torah leyo bayityeshelayo? Kuba kakade abangawo amakholwa (okwenene)
  44. Inene Sayithumela iTorah (kuMûsâ), kuyo apho kwakukho isiKhokelo, nokhanyiselo lwabo abaProfeti ababezinikele phantsi kwentando ka-Allâh, (ukhanyiselo olo) babegwebela ngalo amaYuda, noorabhi nababingeleli (babegwebela amaYuda ngeTorah), bona babenikwe uxanduva lokukhusela iNcwadi ka-Allâh kwaye baba ngawo namangqina ayo. Ke ngoko musani ukoyika abantu koko yoyikani Mna (Hini na nina maYuda). Kananjalo ningathengisi iiVesi zaM, nizithengisele ixabiso elincinane. Yaye abo bangagwebi ngoko uAllah Akutyhilileyo bona ngabangakholwayo
  45. Ke kaloku sayalela apho (eNcwadini iTorah): “Ubomi ngobomi, iliso ngeliso, impumlo ngempumlo, indlebe ngendlebe, izinyo, ngezinyo, namanxeba alinganayo ngamanxeba alingana nawo”. Kodwa ukuba ubani uyaxolela aphephe impindezelo ngendlela yamalizo, oko kuya kuba lucamagushelo kuye. Ke Abo bangagwebi ngoko uAllâh Akutyhilileyo, abo ngabenzi bobubi
  46. Ezinyaweni zabo, Sathumela u’Isâ, unyana kaMaryam, engqina iTorah eyayingaphambili kunaye, Saza yena Samnika i-Injîl ekwakukho isiKhokelo nokhanyiselo kuyo nesingqino seTorah eyayifike ngaphambili kunayo (iInjîl), isisiKhokelo nesilumkiso kwabamoyikayo uAllâh
  47. Abantu beInjîl mabagwebe ngoko uAllâh Akutyhilileyo kuyo. Ke kaloku abo bagweba ngaphandle koko uAllâh akutyhilileyo; abo ngabenzi bobubi
  48. Kananjalo Thina Sithumele iNcwadi kuwe (Muhammad) ngenyaniso, ingqina isiBhalo esafika phambi kwayo nengqina elithembekileyo kuyo. Ke ngoko gwebani phakathi kwabo ngoko kutyhilwe nguAllâh, ningalandeli iminqweno yabo engento yanto niphambuke nimke enyanisweni esele ifikile kuni. Kumntu ngamnye kuni Simisele uMthetho neNdlela ecacileyo. Ukuba uAllâh Ebethanda, Ebenganenza nibe luhlanga olunye, kodwa ngenxa yokuba Ufuna ukunivavanya ngoko Waninika kona; ke ngoko khuphisanani ngezenzo ezilungileyo. (Kuba isiphelo senu nonke kukubuyela kuAllâh; Aze Anazise ngoko naniphikisana ngako)
  49. Ke kaloku wena (Muhammad), gweba phakathi kwabo ngoko uAllâh Akutyhilileyo, ungalandeli iminqweno yabo engento yanto, kodwa ubalumkele bangakujiki bakuphambukise koko uAllâh Akuthumele kuwe. Ukuba bayakutshikilela, yazi ke ngoko ukuba intando ka-Allâh kukubohlwaya ngenxa yezono zabo ezithile. Yaye inene, uninzi lwabantu ngabenzi bobubi
  50. Ingaba basafuna ukugweba (ngendlela yemihla)8 yokungazi? Kanti ngubani na ongcono ngokugweba kunoAllâh kubantu abazinzileyo elukholweni
  51. Hini na nina bakholwayo! Musani ukuthabatha amaYuda namaKhristu abe ngabahlobo benu, wona angabahlobo bomnye komnye kuwo. Kwaye ukuba ubani kuni uwathabatha (abe ngabahlobo), inene ungomnye wawo. Inene uAllâh Akabakhokeli abantu abangabagabadeli
  52. Uyababona abo bantliziyo zabo zinesifo (sobuhanahanisi), bona baya bengxamile ukuzenza abahlobo bawo, besithi: “Siyoyika hleze sihlelwe lilishwa elithile”. Mhlawumbi uAllâh Uza kuzisa uloyiso okanye isigqibo ngokweNtando yaKhe. Baze baqale bazisole ngoko bebesoloko bekugcine njengemfihlo ezifubeni zabo
  53. Ke bona abo bakholwayo baza kuthi: “Ingaba aba ngala madoda ayefunga izifungo ezimandla ngoAllâh esithi akunye nani (maMuslim)? Konke oko bakwenzayo9 akunto yanto ngenxa (yobuhanahanisi babo), yaye bangabalahlekelwa
  54. Hini na nina bakholwayo! Nabani na kuni ojibilikayo ayilahle inkolo yakhe (i-Islam), uAllâh Uya kuveza abantu Aya kubathanda nabo baMthande; bathobeke kumakholwa, babe ngqwabalala kwabangakholwayo, balwe eNdleleni ka-Allâh, bangoyiki zigxeko zabagxeki. Olo luBabalo luka- Allâh Alunika nabani na Amthandileyo. Kwaye uAllâh Ugubungele konke, nguSolwazi
  55. Inene, uMkhuseli wenu nguAllâh, uMthunywa waKhe namakholwa, abo benza iSalâh, banikezele ngeZakâh, babe bengabo baqubudayo
  56. Nabani na lowo uthabatha uAllâh, uMthunywa waKhe, nabo bakholwayo, ukuba babe ngabakhuseli (bakhe), inene, iqela lika-Allâh lilo eliza kuba noloyiso
  57. Hini na nina bakholwayo! Musani ukubathabatha nibenze abahlobo benu abo babenikwe isiBhalo ngaphambili kunani. Bathabatha inkolo yenu bayenze intlekisa, bekunye nabo bangakholwayo. Nina yoyikani uAllâh kananjalo ukuba ningamakholwa ngokwenene
  58. Kananjalo xa nikhwaza (nisenza) umemezelo mthandazweni, bona baluthatha balwenze into yokuhlekisa nesigculelo; oko bakwenza ngenxa yokuba bangabantu abaswele ukuqonda
  59. Yithi: “Hini na bantu beNcwadi nigxeka thina na kungengasizathu simbi ngaphandle kwesokuba thina sikholwa kuAllâh, nakwisiTyhilelo esithunyelwe kuthi nakweso sathunyelwa ngaphambili (kunathi) nibe nina uninzi lwenu lungabenzi bobubi
  60. Yithiwena(MuhammadkubantubeNcwadi):“Ndinganixelela ngeyona nto imbi kunene kunaleyo, ngokumayela nembuyekezo evela kuAllâh: Loo (maYuda) azitsalela isiQalekiso sika-Allâh neNgqumbo yaKhe namanye awo Awawajikayo, aba ziinkawu neehagu, nalawo akhonza izithixo; abo ngabona bangcolileyo ngokomgangatho, yaye balahleke bakude lee eNdleleni ethe Tye”
  61. Xa befika kuwe bathi: “Siyakholwa” kodwa enyanisweni bangena (kwi-Islam) ngenjongo yokungakholwa baphinde baphume besenjalo. Kanti uAllâh Ukwazi konke oko bakufihlileyo
  62. Kananjalo uya kubabona begxalathelana ngesono nangogabadelo, nangokudla izinto ezingavumelekanga. Inene kungcole gqitha oko bakwenzayo
  63. Kungani na ukuba ababingeleli (babo) namadoda afundileyo (akubo) angabanqandi bangathethi amazwi azizono, batye izinto ezingavumelekanga? Zizenzo ezingcolileyo oko bakwenzayo
  64. AmaYuda athi: “ISandla sika-Allâh sibophekile11.” Makubopheke ezawo izandla, baqalekiswe nangoko bakuthethayo. Nakanye, zozibini ezaKhe iZandla zivuleke zabanzi. Uchitha kubuBele baKhe njengoko Ethanda. Inene isiTyhilelo esifike kuwe sivela eNkosini yakho, kwabaninzi kubo Sandisa uqaqadeko nogwiliko nokungakholwa. Thina Sifake ubutshaba nenzondwano phakathi kwabo de kube yiMini yoVuko. Maxa onke bephembelela umlilo wemfazwe, uAllâh Uyawucima yaye basoloko bezabalazela (ukwenza) ubutshinga emhlabeni. UAllâh Akabathandi abenzi bobubi
  65. Ukuba aBantu beNcwadi bebekholwa (kuMuhammad) baze bathintele ukungcola (ukunqula izithixo) babe ngabanyulu. Inene beSiya kubacamagushela izono zabo, Sibangenise eMiyezweni yolonwabo
  66. Ukuba nje bebelandele iTorah, i-Injîl noku kuthunyelwe kubo kuvela eNkosini yabo (i’Kur’ân), bebeya kusifumana isixhaso sabo ngentla kwabo nangezantsi kwabo. Phakathi kwabo kukho abaseNdleleni ethe Tye, kodwa uninzi lwabo ngabenzi bobubi
  67. Hini na wena Mthunywa! Shumayela (uMyalezo) lowo uthunyelwe kuwe uvela eNkosini yakho. Ukuba awukwenzanga oko, uya kuba akuwuvakalisanga uMyalezo waKhe. UAllâh uya kukukhusela ebantwini. Inene, uAllâh Akabakhokeli abantu abangakholwayo
  68. Yithi: “Hini na nina Bantu beNcwadi! Akukho yenu de nilandele iTorah, i-Injîl noko kusandula kuthunyelwa kuni kuvela eNkosini yenu.” Inene, oko kuthunyelwe kuWe wena (Muhammad) kuvela eNkosini yakho kwandisa uqaqadeko, ugwiliko nokungakholwa. Ke musa ukuba nosizi ngabantu abangakholwayo
  69. Inene abo bakholwayo, nabo bangamaYuda, amaSabiyah namaKhristu, nabani na okholwa kuAllâh nakwiMini yokuGqibela aze enze izenzo zobulungisa, kubo akuyi kubakho koyika bengayi kuxhalaba
  70. Inene, Thina Sathabatha uMnqophiso kuBantwana bakwaSirayeli Sabathumelela abaProfeti. Qho xa kufika uMthunywa kubo esiza noko bona bangakufuniyo babebiza abanye babo ngokuba ngamaxoki abanye kubo bababulala
  71. Babecinga ukuba akuzi kubakho sohlwayo, suke abanye baba ziimfama nezithulu; emva koko uAllâh Wabuyela kubo (ngenceba) kodwa basuka kwakhona abaninzi kubo baba ziimfama, baba zizithulu. UAllâh Ukubona konke oko bakwenzayo
  72. Inene abakholwa abo bathi: uAllâh nguMesiya, unyana kaMaryam, kodwa uMesiya (ngokwakhe) wathi: “Hini na Bantwana bakwaSirayeli! Nqulani uAllâh, iNkosi yam Oyinkosi yenu”. Inene lowo wayamanisa amahlulelane kuAllâh, uAllâh Umalele ukuba angene ePaladesi, ukanti ikhaya labo nguMlilo, kwaye kubenzi bobubi akuyi kubakho mncedi
  73. Inene abangakholwayo ngabo bathi: “UAllâh Ungowesithathu kwabathathu”. Kwaye akakho omnye uthixo, Mnye jwi uThixo (nguAllâh) kanti ke ukuba abayiyeki le nto bayithethayo, inene isohlwayo esibuhlungu siya kuhla phezu kwabangakholwayo phakathi kwabo
  74. Ingaba abazi kuguquka babuyele kuAllâh, bacele itarhu kuYe? Kuba uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
  75. UMesiyaunyanakaMariyamwayengeyontoyimbingaphandle kokuba nguMthunywa; baninzi ababengabaThunywa abalandulelayo eli hlabathi ngaphambili kunaye. Umama wakhe (uMaryam) wayenenyaniso. Bobabini babesitya ukutya. Khawukhangele indlela eSizicacisa ngayo iiVesi kubo; kodwa khawubone indlela abaphambuke baphuma ngayo (enyanisweni)
  76. Yithi wena (Muhammad) ebantwini: “Ningathini na ukunqula (enye) into ngaphandle koAllâh engenamandla okunonzakalisa okanye ininike inzuzo?” Kodwa nguAllâh onguSokuva, onguMazi wezinto zonke
  77. Yithi (Muhammad) Hini na Bantu beNcwadi! Musani ukugabadela enkolweni yenu nikholelwe kwinto engeyonyaniso, kananjalo musani ukulandela iminqweno engento yanto yabantu abalahlekayo mandulo nabalahlekisa inyambalala yabantu, belahlekile kwabona buqu eNdleleni ethe Tye
  78. AbophakathikwaBantwanabakwaSirayelibayebangakholwa baqalekiswa ngolwimi luka Dâwûd no’Isâ unyana kaMaryam. Oko kwaba ngenxa yokuba basuka bangaMthobeli (uAllâh nabaThunywa baKhe), bethe gqolo ukugabadela
  79. Babenganqandani ekwenzeni izinto ezingalunganga ababezenza. Kubi ngenene oko babekwenza
  80. Uya kubona uninzi lwabo bethabatha abangakholwayo bebenza abahlobo babo. Kungcolile ngenene oko kwenziwa ziziqu zabo. Ngenxa yoko iNgqumbo ka-Allâh yawa phezu kwabo, kananjalo baya kuhlala entuthumbeni ngonaphakade
  81. Kanti ukuba bebekholiwe kuAllâh, nakuMthunywa (uMuhammad) nakoko kutyhiliweyo kuye, bebengekhe babathathe (abangakholwayo) babenze abahlobo babo, kodwa uninzi lwabo ngabenzi bobubi
  82. Inene abona uya kubafumana bewachase ngamandla amakholwa (amaMuslim) ngamaYuda nabo bangabakhonzi bezithixo uze ufumane abo basondeleyo ngothando kumakholwa (amaMuslim) abo bathi: “Thina singamaKhristu”. Oko kungenxa yokuba phakathi kwabo kukho ababingeleli neemonk, yaye bona abanankukhumalo
  83. Kananjalo bona abo (bazibiza ngokuba bangamaKhristu) bayaphulaphula koko kutyhiliweyo kuMthunywa (uMuhammad), ubabone amehlo abo ezele ziinyembezi ngenxa yenyaniso abayikhumbulayo. Bathi: “O Nkosi yethu siyakholwa ke ngoko sibhale nathi nabo bangamangqina
  84. Kungokuba kutheni singazi kukholwa kuAllâh nakoko kufikileyo kuthi kuyinyaniso! Thina sinqwenela ukuba iNkosi yethu Isingenise (ePaladesi) kunye nabo bangamalungisa (uMprofeti uMuhammad nabalandeli bakhe).”
  85. Ke kaloku ngenxa yoko bakuthethayo, uAllâh Uya kubavuza ngeMiyezo ekumpompoza amanzi phantsi kwayo, bahlale apho ngonaphakade. Oko kungumvuzo wabenzi bokulungileyo
  86. Ke bona abo bangakholwayo, baphika iiVesi zeThu, baya kuba ngabahlali baseMlilweni
  87. Hini na nina bakholwayo, musani ukwenza izinto ezilungileyo zibe zizinto ezingavumelekanga ezo uAllâh Azenze zavumeleka kuni, ningagabadeli kananjalo. Inene uAllâh Akabathandi abagabadeli
  88. Yidlani izinto Aninike zona, ezivumelekileyo nezilungileyo, nimoyike uAllâh, enikholwa kuYe
  89. UAllâh Akayi kunohlwaya ngoko ningakwenzanga ngabom mayela nezifungo zenu, kodwa Uya kunohlwaya ngenikwenze ngabom kwizifungo zenu; ukuhlawula oko niya kondla abantu abasweleyo abalishumi ngokudla okungumlinganiselo olingana noko nondla ngako iintsapho zenu. Kungenjalo niya kubambesa okanye nikhulule ikhoboka. Kodwa lowo ungenako ukukwenza oko, kuya kunyanzeleka azile iintsuku ezintathu, eso sisicamagusho sokwaphula isifungo xa benifungile. Ke kaloku zikhuseleni izifungo (zenu), Wenza njalo ke uAllâh ukunicacisela iiVesi zaKhe khon’ukuze nibe nombulelo
  90. Hini na nina bakholwayo! Izinxilisi (iziyobisi) nokungcakaza nonqulo zithixo nokuvumisa ngeentolo, oko zizenzo ezingendawo zikaShaytân. Shenxani kwezo zinto khon’ukuze nibe nempumelelo
  91. Eneneni uShaytân ufuna nje ukuphemba ubutshaba nentiyano phakathi kwenu ngezinxilisi (neziyobisi) nokungcakaza, aze anithintele ekukhumbuleni uAllâh nasekwenzeni iSalâh, ngoku ke aniyi kushenxa na nina kwezo zinto
  92. Kananjalo thobelani uAllâh noMthunywa (uMuhammad), nilumke, noyike uAllâh ukuba nithe najibilika, yazini ke ukuba ngumsebenzi woMthunywa weThu ukuvakalisa (uMyalezo) ngeyona ndlela icacileyo
  93. Abo bakholwayo benze izenzo zobulungisa, akukho sono kubo ngenxa yoko bakutya (kwilixa eladlulayo) ukuba bayamoyika uAllâh, bakholwe, benze izenzo ezilungileyo, bathi kwakhona boyike uAllâh bakholwe baphinde kwakhona boyike uAllâh, benze izenzo ezilungileyo. UAllâh Uyabathanda abenzi bokulungileyo
  94. Hini na nina bakholwayo! UAllâh Uya kunivavanya ngento enendibaniselwano nenyamakazi eya kusondela kuni ukuba niyibambe ngezandla nemikhonto yenu, Abe uAllâh Uyamvavanya lowo uMoyikayo Yena Ungabonwayo. Lowo uye wagabadela emva koko, okwakhe iya kuba sisohlwayo esibuhlungu
  95. Hini na nina bakholwayo! Ningabulali nyamakazi lo gama nisekwimo ye-ihrâm, nabani na kuni oyibulele ngabom, isohlwayo siya kuba kukuba anikele ngesilwanyana, esiziswe kwiKa’bha, esivumelekileyo ukuba sityiwe esilingana neso sibuleweyo, ngokwendlela ekuya kugwetywa ngayo ngamadoda amabini anobulungisa phakathi kwenu; kungenjalo ukuzicamagushela kwakhe kuya kufuneka ondle abasweleyo, kungenjalo okulingana noko kukuzila ukudla khon’ukuze angcamle ubunzima besenzo sakhe. UAllâh Ukuxolele okwenzeke ngaphambili, kodwa lowo uphinda enzeesosenzokwakhona, uAllâh Uyakuthabathaimpindezelo kuye. UAllâh nguSomandla, uMnini mpindezelo
  96. Kuvumelekile kuni ukuzingela (ukuloba) izilwanyana zolwandle nokuzitya ukuzinceda nina nabo baseluhambeni, kodwa okungavumelekanga kuni kukuzingela izilwanyana zasendle lo gama nisekwi-Ihrâm. NiMoyike uAllâh eniza kuqokelelwa phambi kwaKhe (nonke)
  97. UAllâh Wenze iKa’bha ukuba ibe nguMzi oNgcwele, ibe ligwiba lokhuseleko nenzuzo yoluntu, ndawonye neenyanga eziNgcwele nezilwanyana zomnikelo (nabantu abaphawulwe ngezidanga okanye izilwanyana eziphawulwe ngezidanga ezenziwengamaxoloemithiyaseMakkahngenxayokhuseleko lwazo). Khon’ukuze nazi okokuba uAllâh Unolwazi lwako konke okusemazulwini nokusemhlabeni nokuba uAllâh nguMazi weento zonke
  98. Yazini kananjalo okokuba uAllâh Wohlwaya kabuhlungu kwanokuba uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
  99. Umsebenzi woMthunywa awunto yimbi ngaphandle kokuvakalisa uMyalezo yaye uAllâh Wazi enikufihlayo nenikuvezayo
  100. Yithi wena (Muhammad): “Abafani abangcolileyo nabalungileyo enokuba inani labangcolileyo (lingaba likhulu) likukhohlise kangakanani na wena.” Ke ngoko nina yoyikani uAllâh, hini na nina bantu baziingqondi khon’ukuze nibe nempumelelo
  101. Hini na nina bakholwayo! Musani ukubuza ngezinto eziza kuthi zisakucaciswa kuni zinifake enkathazweni. Kodwa ukuba nibuza ngazo lo gama i’Kur’ân isatyhilwa, ziya kucaciswa kuni. UAllâh Ukuxolele oko, uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
  102. Ngaphambili kunani (kwakukho) abantu ababebuza imibuzo enjengaleyo, baza ngenxa yoko baba ngabangakholwayo
  103. UAllâh Azanga Amisele nto inandibaniselwano neBahîrah12 okanye iSâ-ibah13 okanye iWasîlah14 okanye iHâmi15 koko abo bangakholwayo baqamba ubuxoki ngoAllâh. Uninzi lwabo alunangqiqo
  104. Ze xa kusithiwa kubo: “Yizani koko uAllâh Akutyhilileyo nakuMthunywa”. Bathi bona: “Kwanele kuthi oko safumana obawomkhulu bethu belandela kona”, nangona abo bawo mkhulu babo babengenalwazi bengenaso nesikhokelo
  105. Hini na nina bakholwayo! Zilondolozeni16. Ukuba nilandela isiKhokelo esilungileyo, nithintele ukwenziwa kokungalunganga, akukho bubi bunokunihlela buvela kwabo basekulahlekeni. Isiphelo senu nonke sikuAllâh, Yena Uya kunixelela ngako (konke) oko nina nakwenzayo
  106. Hini na nina bakholwayo! Xa ukufa kufikela nawuphi na kuni, yenzani umyolelo, onobungqina bamadoda amabini anobulungisa akuni okanye kubekho namanye amabini angawangaphandle, xa niseluhambeni ezweni nize nihlelwe kukufa. (Amangqina lawo) wagcineni emva kweSalâh, ukuba ke niyabuthandabuza ubunyaniso bawo wafungiseni uAllâh (athi): “Asinqweneli nayiphi na inzuzo yehlabathi kule nto, nangona esisizalwana sethu esisondele kakhulu (umfi lo). Asiyi kubufihla ubungqina buka-Allâh, kuba inene ukuba singenza loo nto siya kuba singaboni”
  107. Xa kuthe kwafumaniseka okokuba aba babini banetyala lesono (sokuxoka phantsi kwesifungo), thabathani amanye (amangqina) amabini endaweni yawo, asondeleyo ngokuzalana (nomfi lowo) kwabo babanga ukuba ilungelo liyimfanelo yabo. (Nabo) mabafunge ngoAllâh (bathi):”Siyangqina okokuba ubungqina bethu bobona buyinyani kunobabo babini, kananjalo asigabadelanga, kuba ngenene singaba singabenzi bobubi”
  108. Oko kuya kwenza ukuba kube kufutshane (nenyaniso) okokuba ubungqina babo buya kuba kwisimo sabo senyani. Kungenjalo maboyike okokuba izifungo ziza kwamkelwa emva kwezabo. Boyike uAllâh kananjalo baMphulaphule. UAllâh Akabakhokeli abenzi bobubi
  109. (Lumkelani) iMini apho uAllâh Aya kuqokelela abaThunywa, Athi kubo: “Nafumana luhoyo luni na (kubantu ngemfundiso Yenu)”? Baya kuthi bona: “Asinalwazi thina, inene nguWe uMazi wako konke okufihlakeleyo”
  110. Yabonani uAllâh Uya kuthi (ngomhla woVuko): “Hini na ‘Isâ nyana ka Maryam! Khumbula uBabalo lwaM Kuwe nakumama wakho, xa Ndakuxhasayo ngoMoya oyiNgcwele khon’ukuze uthethe nabantu useyimveku, nasekubhadleni kwakho; naxa Ndakufundisa ukubhala, nobulumko, (namandla okuqiqa) iTorah, neInjîl, naxa wenza umfuziselo Wentaka ngodongwe, ngeMvume yaM, wayiphefumlela, yaba yintaka ngeMvume yaM, Waphilisa abazelwe beziimfama nabaneqhenqa ngeMvume yaM, naxa wavusa abafileyo ngeMvume yaM, naxa Ndabamba aBantwana bakwaSirayeli (ukuba bangafikeleli) kuwe njengoko wafika kubo nemiqondiso ecacileyo, baza abangakholwayo phakathi kwabo bathi: ‘Oku akunto yimbi ngaphandle kwemilingo ecacileyo’
  111. Naxa Ndatyhila kubafundi (bakho) ukuba bakholwe kuM nakuMthunywa waM (u’Isâ) bathi bona: ‘Siyakholwa, singqina kananjalo okokuba singamaMuslim’
  112. Khumbula kananjalo xa abafundi bakho bathi: ‘Hini na ‘Isâ nyana kaMaryam! Ayingesithumeleli na iNkosi yakho itafile edekiweyo (ngokutya) okuvela ezulwini?’ U’Isâ wathi: “Yoyikani uAllâh, ukuba ningamakholwa ngokwenene.”
  113. Bathi bona: “Thina sifuna ukutya sanelise iintliziyo zethu (zomelele), sazi kananjalo okokuba wena usixelele inyaniso sibe nathi singamangqina ayo”
  114. U’Isâ unyana kaMariyam wathi: “O Allâh, Nkosi yethu! Sithumelele itafile edekiweyo (ngokutya) okuvela ezulwini khon’ukuze kube sisidlo kuthi kowokuqala nowokugqibela kuthi, kuze kananjalo kube ngumqondiso ovela kuWe; Usinike isixhaso, kuba Wena UngoYena Mondli Ulungileyo kunabondli”
  115. Wathi uAllâh: “Ndiya kuyithumela kuni, kodwa nabani na kuni othe walahla ukholo, Ndiya kumohlwaya ngesingcungcuthekiso eNdingazanga Ndohlwaye mntu ngaso ephakadeni.”
  116. Yabonani uAllâh Uya kuthi (ngoMhla woVuko): “Hini na ‘Isâ, nyana kaMariyam! Nguwe na lo wathi ebantwini: “Khonzani mna no mama wam, sibe ngoothixo ababini ngaphandle koAllâh?” Athi yena (ukuphendula): “UZuko malube kuWe yayingekokwam ukuba ndithethe into endandingenalungelo (lakuyithetha). Ukuba ndandinokuthetha into enjalo inene Ubuya kuyazi Wena. Wena Wazi inzulu yembilini yam, lo gama mna ndingayazi eyaKho; inene, nguWe Wena Wedwa uMazi wako konke okufihlakeleyo
  117. Andizanga ndithethe nto kubo mna ngaphandle koko Wena Wandiyalela ukuba ndikuthethe: (Mna ndathi kubo): “Nqulani uAllâh OyiNkosi yam noyiNkosi yenu”. Kwaye mna ndandilingqina phezu kwabo lo gama ndandiphila phakathi kwabo, kodwa Wathi Usakundenza ndife17, Wena Waba nguMlondolozi phezu kwabo, kananjalo Wena UliNgqina lazo zonke izinto
  118. Ke ukuba Uyabohlwaya, bazizicaka zaKho, ukanti ukuba Uyabaxolela, inene: Wena Wedwa UnguSomandla, uSobulumko.”
  119. UAllâh Uya kuthi: “Le yiMini apho abanenyaniso baya kuxhamla kwinyaniso yabo: Okwabo iya kuba yiMiyezo ekumpompoza imilambo phantsi kwayo, baya kuhlala apho ngonaphakade. UAllâh Akholiseke ngabo nabo bakholiseke nguYe. Leyo iya kuba yimpumelelo enkulu.”
  120. Loluka-Allâh ulongamelo lwamazulu nomhlaba nako konke okungaphakathi apho, yaye uAllâh Uyakwazi ukwenza izinto zonke