7.The Heights

  1. Alif-Lâm-Mîm-Sâd
  2. INcwadi (i’Kur’ân) ithunyelwe kuwe, isifuba sakho masingacutheki ke ngenxa yoko, khon’ukuze ulumkise (abantu) ngayo, ibe yinkumbuzo kumakholwa
  3. (Yithi): “Landelani oko kutyhiliweyo kuni kuvela eNkosini yenu ningalandeli abahlobo (benu). Kuncinane oko nikukhumbulayo nina.”
  4. Zingaphi izixeko eSazitshabalalisayo (ngenxa yezono zazo)? Isohlwayo seThu sabafikela (ngequbuliso) ebusuku okanye besangqengqile emini (lihlab’umhlaba)
  5. Akukho sikhalo basenzayo ukufunyanwa kwabo sisohlwayo seThu ngaphandle kwesi: (“Yhoo)! Inene, thina besingabenzi bobubi!”
  6. Inene Siza kubabuza abo Sathumela kubo (iNcwadi) yaye Siza kubabuza nabaProfeti
  7. Kananjalo Siya kubaxelela ngako konke, ngolwazi yaye inene Asizanga khe Singabikho Thina
  8. Nokumetwa (kwezenzo esikalini ngeMini yoVuko) kuya kuba yinyaniso. Abo izenzo zabo ezilungileyo ziya kuba nzima baya kuba ngabaphumeleleyo
  9. Ke bona abo izenzo zabo (ezilungileyo) ziya kuba lula abo ngabo baya kulahlekelwa yimiphefumlo yabo kuba baya bala, baphika iiVesi zeThu
  10. Yaye inene, Thina Saninika igunya nina emhlabeni Sanibonelela ngesixhaso [sobomi benu, (kodwa)] mncinane umbulelo eniwunikayo
  11. Yaye kananjalo Thina Sadala nina, Saninika ukumila; Saza Sathi kwiingelosi; “Qubudani kuAdam.” Zaqubuda zona ngaphandle koIblîs, wala yena ukuba abe ngomnye wabo baqubudayo
  12. Wathi (uAllâh): “Yintoni na ekuthinteleyo wena (Iblîs) ukuba uqubude Ndakuba Ndikuyalele?” UIblîs wathi: “Mna ndingcono kunaye (uAdam), mna Undidale ngomlilo, yena wamdala ngodongwe.”
  13. Wathi(uAllâh):“Hinina Iblîs!Yihla, umkeapha,Ayikokwakho ukuba ukhukhumale apha. Phuma umke apha kuba wena (ngoku) ungomnye wabo banyelekileyo, bahlazekileyo
  14. (UIblîs) wathi: “Ndinike urhoxiselo lwesohlwayo kude kube (yiMini) yokuvuswa kwabafileyo
  15. Wathi (uAllâh): “Wena ungomnye wabo barhoxiselweyo isohlwayo.”
  16. (UIblîs) wathi: “Ngenxa yokuba Undibeke ekulahlekeni, inene mna ndiya (kuncathama) ndibalalele eNdleleni yaKho ethe Tye
  17. Kananjalo xa ndibafikele (ndabavela) ngaphambili nangemva kwabo, ekunene kwabo nasekhohlo kwabo. Wena akuyi kufumana uninzi lwabo lunombulelo (kuWe)
  18. Wathi (uAllâh): “Phuma umke apha uhlazekile ungogxothiweyo. Nabani na (ebantwini) oya kulandela wena, inene Mna Ndiya kuzalisa isiHogo ngani nonke
  19. Ke wena Adam! Hlala wena nomkakho ePaladesi, nidle nobabini apho nithande khona ukukudla kodwa, ningasondeli kuwo lo umthi, ngapha koko nobabini niya kuba ngabagabadeli”
  20. Waza uShaytân wabasebezela bobabini iingcebiso [zakhe (esenzela)] ukuveza oko kwakufihliwe kubo kuziindawo (zomzimba wabo) ezinqabileyo, wathi: “INkosi yenu Ayinalelanga nje (ukuba ningadli) kulo mthi koko nina nokusuka nibe ziingelosi kungenjalo nibe ngabaphila ngonaphakade.”
  21. Kananjalo (uShayatân) wafunga ngoAllâh kubo bobabini (wathi): “Inene mna ndingomnye wabaninqwenelela okuhle nobabini ngokunyanisekileyo.”
  22. Wabalahlekisakengokongenkohliso. Bathibesakukungcamla okomthi lowo, (kwasuka) oko kwakukade kufihlakele kubo kwabonakala kubo, baqalisa ukuzigquma ngamagqabi emithi yasePaladesi (ukufihla ubuze babo). Ke kaloku iNkosi yabo yabuza kubo: “Andinalelanga na ngalo mthi, Ndanixelela kananjalo ukuba ngenene uShaytân ulutshaba lwenu olucacileyo”
  23. Bathi bona: “Nkosi yethu sizonile. Ukuba Awunakusixolela Wena, Usenzele iNceba evela kuWe, inene thina siya kuba ngabalahlekelwa.”
  24. Wathi (uAllâh): “Yihlani phantsi, omnye kuni uya kuba lutshaba lomnye. Emhlabeni kuya kubakho indawo yokuhlala kwenu neyolonwabo okwethutyana.”
  25. Wathi: Apho niya kuphila, ukanti apho niya kufa, nize apho nikhutshwe (ngoMhla woVuko)
  26. Hini na Bantwana baka-Adam! Sininike isambatho nina sokuba nizigqume (ubuze benu) kwanokuba sibe sisihombo, ukanti isambatho sobulungisa sisona silungileyo. Leyo yeminye yemiqondiso ka-Allâh khon’ukuze bakhumbule
  27. Hini na Bantwana baka-Adam, musani ukumvumela uShaytân anikhohlise, njengoko (wakhohlisa) abazali benu wabakhupha ePaladesi, ebahluba izambatho zabo, ebabonisa ubuze babo. Inene yena namakhonza akhe bayanibona bona apho ningekhe nibabone khona nina. Inene Senze amashayâtîni ukuba abe ngabahlobo babo bangakholwayo
  28. Kananjalo xa (abangakholwayo) besenza ububi, bathi: “Savela oobawo bethu besenza oku, noAllâh Usiyalele ukuba sikwenze nathi”. Yithi wena: “Nakanye, uAllâh Asokuze Ayalele ububi, Kanti nithetha eningakwaziyo na ngoAllâh?”
  29. Yithi (Muhammad): “Eyam iNkosi Iyalele ubulungisa (Yathi) kananjalo jongisani ubuso benu kuYo Yodwa kuzo zonke iindawo zonqulo, emithandazweni, nibize kuYo Yodwa nenze inkonzo yenu ibe yenyanisekileyo kuYo, njengoko Yayinivelisile ekuqalekeni niya kubuyiswa nisekwanjalo.”
  30. Iqela elithile (labantu) uya kulikhokela, ukanti iqela elithile labo lifanelwe kukuba libe sekulahlekeni, (ngokuba) bona bathabatha amashayâtîni ukuba abe ngabalondolozi babo endaweni ka-Allâh, becinga ukuba bakhokelelekile
  31. Hini na Bantwana baka-Adam! Thabathani ubuhomba benu xa nisezimasjid, nidle nisele kodwa ningenzi inkcitho ngokudyakraza. Inene uAllâh Akabathandi abo banenkcitho
  32. Yithi (Muhammad): “Ngubani owalela ukwambathwa kweempahla azinikwe nguAllâh, Ezivezele izicaka zaKhe, nezinto ezilungileyo ezikukutya?” Yithi, “(ezi) zinto zikobu bomi balo mhlaba ukuba zibe zezabo bakholwayo, zezibe zezabo kuphela ngoMhla woVuko”. Sizichaza kanjalo ke iiVesi zeThu kubantu abanolwazi
  33. Yithi (Muhammad): “Izinto Ezingavumelekanga, eNkosini yam zizenzo zokungcola enokuba zenziwe elubala na okanye ekhusini, izono (zonke) zikukungcola, ingcinezelo nokwayamanisa izithixo kuAllâh Yena engakhanga Anike mvume ngako, nokuthetha izinto ngoAllâh eningenalwazi ngazo
  34. Uluntu ngalunye lunexesha elimiselwe lona, Lisakufika (ixeshaelo) alungekhelulibuyiseumvalungekheluligqithisele ngaphambili nangeyure enye
  35. Hini na Bantwana baka-Adam! Xa kufika abaThunywa bephuma phakathi kwenu, becengceleza iiVesi zaM kuni, lowo uya kuba nyulu, abe lilungisa, kwabo (banjalo) akuyi kubakho koyika kungayi kubakho kuxhalaba
  36. Ke abo bangazamkeliyo iiVesi zeThu, (basuke) bazithathe ngenkukhumalo, baya kuba ngabahlali baseMlilweni, baya kuhlala apho ngonaphakade
  37. Ngubani na intswela bulungisa egqitha lowo uqamba ubuxoki ngoAllâh okanye ale iiVesi zaKhe?. Kwabanjalo isabelo sabo abasibekelweyo siya kubafumana sivela eNcwadini (yemimiselo), zide iziThunywa2 zeThu zifike kubo zize kuthabathaimiphefumloyabo, kezona(izithunywa) ziyakuthi: “Baphi na abo nanidla ngokubiza kubo nibanqule ngaphandle koAllâh?” Baya kuphendula bona bathi; “Banyamalele basishiya (sodwa)”. Baya kungqina ngokuchasene neziqu zabo bona, okokuba babe ngabangakholwayo
  38. Uya kuthi (uAllâh kubo): “Ngenani ke ebandleni lezizwe ezanandulelayo, (izizwe) zabantu neejinni, eMlilweni”. Ngalo lonke ixesha kungena isizwe esitsha, (singena) siqalekise isizwe esingumsakwaso esasingaphambili kunaso bade bonke baqundaniswe eMlilweni. Abokugqibela kubo baya kuthi ngabokuqala; “Nkosi yethu! Aba basilahlekisa, ke ngoko banike isohlwayo esiphindwe kabini soMlilo”. Athi Yena: “Ngamnye kuni apho unesohlwayo esiphindwe kabini koko anazi nina.”
  39. Abokuqala kubo baya kuthi kwabokugqibela: “Naningekho ngcono kunathi, ke ngoko ngcamlani isohlwayo soko nakusebenzelayo”
  40. Inene abo baphikisa iiVesi zeThu, bazithabathe ngenkukhumalo, kubo amasango ezulu akayi kuvulwa, yaye abayi kuyingena iPaladesi de inkamela ingene emthunjeni wenalithi. Sibabuyekeza kanjalo ke abenzi bobubi
  41. Okwabo iya kuba ngumandlalo (woMlilo) wesiHogo, ize phezu kwabo ibe zizigqubuthelo (zoMlilo wesiHogo). Sibabuyekeza kanjalo ke abenzi bobubi
  42. Ke bona abo bakholwayo, benza imisebenzi yobulungisa Thina Asimrhumisi umntu ngaphezulu kunoko anokumelana nako. Abo ke iya kuba ngabahlali basePaladesi. Baya kuhlala apho ngonaphakade
  43. Kananjalo siya kususa nayiphi na inzondwano nengqondo yokulimazanaezintliziywenizabo,imilamboiyakumpompoza phantsi kwabo, baya kuthi: “Iindumiso nemibulelo mayibe kuAllâh Osikhokeleyo saba lapha, besingekhe sisifumane isiKhokelo, ukuba uAllâh Ebengakhanga Asikhokelele Yena! Inene abaThunywa beNkosi yethu beza nenyaniso”. Kuya kumenyezwa kubo kuthiwe: Le yiPaladesi enaniyifuna ukuba ibe lilifa ngenxa (yemisebenzi elungileyo) enayenzayo.”
  44. Ke kaloku abahlali basePaladesi baza kukhwaza abahlali baseMlilweni (bathi): “Thina sikufumene kuyinyaniso oko sakuthenjiswa yiNkosi yethu; ingaba nani nikufumene kuyinyaniso oko iNkosi yenu yanithembisa ngako”? Baya kuthi bona: “Ewe” Umkhwazi uya kumemeza phakathi kwabo:“Isiqalekisosika-Allâhmasibephezukwabagabadeli.”
  45. Abathintela abantu ukuba bangangeni eNdleleni ka-Allâh, bezama ukuyenza ibonakale igoso, bona bengakholwa kuBomi oBuzayo
  46. Kananjalo phakathi kwabo kuya kubakho (umsantsa), umkhusane kuze kwiindonga eziphakamileyo kubekho abantu (Abazenzo zabo ezilungileyo zilingana nezenzo zabo ezigwenxa) abaza kubazi bonke (abahlali basePaladesi nabasesiHogweni) ngeempawu zabo. Baya kumemeza kubantu basePaladesi: “Salâmun ‘alaykum (uxolo malube nani)” ngelo xesha bona abantu abaphezu kweendonga eziphakamileyo) baya kuba bengekangeni (ePaladesi) kodwa baya kuba benethemba lokuyingena ngokuqinisekileyo
  47. Baya kuthi xa amehlo abo ejongiswa ngakubantu baseMlilweni, bathi: “Nkosi yethu! Ungasihlalisi nabantu abangabagabadeli.”
  48. Baze abantu abaphezu kweendonga eziphakamileyo babuze kubantu basesiHogweni ababaziyo ngeempawu zabo, bathi: “Ncedo luni na enaluzuza kubuninzi benu nenkukhumalo yenu
  49. Ingaba aba ngabo nanifunga nisithi uAllâh Akasokuze Abenzele nceba? (Kuya kuthiwa kubo): “Ngenani ePaladesi, kungabikho loyiko kuni ningabi nalo nexhala.”
  50. Abahlali baseMlilweni baya kubiza kubahlali basePaladesi: “Khanigalele phezu kwethu amanzi nokuba yintoni na eniphiwe yona nguAllâh.” Baya kuthi bona: “Zombini amanzi noko sikuphiweyo, uAllâh Uzalele kwabangakholwayo.”
  51. Abathabatha inkolo yabo bayenza into yokuhlekisa nendlalo, ubomi beli hlabathi bubakhohlisile.” Nathi ke ngayo le Mini Siya kubalibala njengoko nabo baya bayilibala indibano yale Mini, kanye njengoko baya bazala iiVesi zeThu
  52. Inene Thina Sibanikile iNcwadi (i’Kur’ân), esele Siyicacisile ngolwazi, (yona) isisiKhokelo neNceba kubantu abakholwayo
  53. Ingaba sele belindele inzaliseko yokugqibela yesiganeko? NgeMini inzaliseko yesiganeko ifezekiswa3, abo babengayikhathalelanga ngaphambili baza kuthi: “Inene, uMthunywa weNkosi yethu wayezile nenyaniso, ngoku ingaba bakhona na abathetheleli bethu khon’ukuze basithethelele? Okanye mhlawumbi siza kubuyiselwa emva (kubomi basemhlabeni) khon’ukuze sikwazi ukuveza izenzo ezingezizo ezo sasikade sizenza?” Inene, bona balahlekelwe yimiphefumlo yabo ukanti oko babedla ngokukuqamba kubashiyile kwemka kubo
  54. Inene iNkosi yenu nguAllâh, Owadala amazulu nomhlaba ngeentsuku ezintandathu, Waza Waphakamela ngentla kweTrone. Uvelisa ubusuku bube sisigqubuthelo semini engxamayo ukubulandela, kanti (Yena Wadala) ilanga, inyanga neenkwenkwezi ziphantsi komyalelo waKhe. Inene, Yena yeyaKhe indalo nomthetho. Usikelelekile uAllâh, iNkosi yamaphakade
  55. Bizani (Celani) eNkosini yenu ngokuzithobileyo, emfihlakalweni. Yona Ayibathandi abangabagabadeli
  56. Kananjalo ningabenzi ubutshinga emhlabeni, emveni kokuba ucwangciswe ngendlela, Bizani kuYe ngoloyiko nethemba. Inene, inceba ka-Allâh isoloko ikufutshane kubenzi bokulungileyo
  57. Kananjalo nguYe Othumela imimoya ukuba ibe zizandulela zeendaba ezivuyisayo, (le mimoya) ihambe phambi kweNceba yaKhe de ithwale ilifu lemvula Thina Siyiqhubele emhlabeni ofileyo Senze amanzi ehle phezu kwawo. Sivelise ngawo zonke iintlobo zeziqhamo. Kanye ngolo hlobo ke, Siya kubavusa abafileyo, khon’ukuze nikhumbule kungenjalo (nihlale) nilumkile
  58. Izityalo zomhlaba olungileyo zihluma (lula) ngemvume yeNkosi yazo; ke wona ongalunganga, awuvelisi nto koko [iba yintwana encinane (oyivelisa)] kanzima. Siyicacisa kanjalo ke imiqondiso ebantwini khon’ukuze banike umbulelo
  59. Inene, Thina Sathuma uNûh4 ebantwini bakubo wathi (kubo): “Hini na Bantu bakuthi! Khonzani uAllâh! Aninathixo wumbi ngaphandle kwaKhe. Mna ndoyikisela nina kwisohlwayo seMini enkulu!”
  60. Iinkokeli zabantu bakubo zathi: “Inene, thina sibona wena usekulahlekeni okucacileyo.”
  61. Wathi yena: “Hini na bantu bakuthi! Akukho kulahleka kum, koko mna ndinguMthunywa ovela kwiNkosi yamaphakade!”
  62. “Mna ndivakalisa iMiyalezo yeNkosi yam kuni, ndininika icebiso. Kananjalo mna ndiyakwazi okuvela kuAllâh eningakwaziyo nina.”
  63. “Ingaba iyanimangalisa na into yokuba kufike umkhumbuzi ovela eNkosini yenu oyindoda ephuma phakathi kwenu, eze kunilumkisa ukuze noyike uAllâh nifumane neNceba (yaKhe)?”
  64. Kodwa bamphikisa, Saza Thina Samsindisa yena ndawonye nabo babe kunye naye enqanaweni, Sabatshonisa emanzini abo baphikisa imiqondiso yeThu. Inene bona baba ziimfama (zokwenene)
  65. (Kubantu bakwa’Ad Sathumela) umntakwabo uHûd wathi kubo: “Hini na bantu bakuthi! Nqulani uAllâh! Aninathixo wumbi ngaphandle kwaKhe, ingaba animoyiki na nina (uAllâh)”
  66. Abaziinkokeli kwabo babengakholwa kubantu bakubo bathi: “Inene thina sibona ubudenge apha kuwe yaye inene, thina sicinga ukuba ungomnye wamaxoki.”
  67. (UHûd5) wathi “Hini na bantu bakuthi! Akukho budenge kum, koko mna ndinguMthunywa ovela eNkosini yamaphakade
  68. Mna ndinivakalisela iMiyalezo yeNkosi yam, kananjalo mna ndingumcebisi wenu othembekileyo
  69. Ingaba iyanimangalisa na into yokuba kufike kuni inkumbuzo evela eNkosini yenu ngendoda ephuma phakathi kwenu, eze kunilumkisa? Khumbulani kananjalo okokuba Yona (iNkosi yenu) Yanenza naba ngabalandeli emva kwabantu bakwaNûh, Yanandisa kananjalo ngobude. Ke kaloku khumbulani izibabalo (enaziphiwayo) zivela kuAllâh ukuze nibe nempumelelo.”
  70. Bathi bona: “Wena uze kuthi ukuba sikhonze uAllâh Yedwa sishiye oko kwakukhonzwa ngoobawo bethu? Wena yiza ke naloo nto usigrogrisa ngayo ukuba uthetha inyaniso.”
  71. (UHûd) wathi: “Isohlwayo nengqumbo sele ihlile phezu kwenu ivela eNkosini yenu. Niphikisana nam na ngamagama (ezithixo zenu) enazithiya ngokwenu noobawo benu ningenagunya livela kuAllâh? Lindani ke, nam ndiya kuba kunye nani nabo balindileyo.”
  72. Samsindisa ke yena ndawonye nabo babekunye naye ngenceba evela kuThi, Sazinqumla iingcambu zabo baphikisa iiVesi zeThu kananjalo babengengomakholwa bona
  73. Kubantu bakwaThamûd Sathumela umzalwana wabo uSâlih6, Wathi kubo: “Hini na bantu bakuthi! Nqulani uAllâh! Aninathixo wumbi ngaphandle kwaKhe. Inene umqondiso ocacileyo ufikile7 kuni, uvela eNkosini yenu. Le mazi yenkamela ka-Allâh ngumqondiso kuni; ke ngoko yiyekeni izidlele ingca emhlabeni ka-Allâh; ningayichukumisi ngabubi,(kuba) hleze nihlelwe sisohlwayo esikhulu
  74. Yabonani Yena Wanenza ukuba nibe ngabalandeli babantu bakwa-’Ad, Waninika iindawo zokuhlala emhlabeni, nazakhela iindawo emathafeni, naqingqa izindlu (zenu) ezintabeni. Ke kaloku khumbulani iziBele zika-Allâh, kananjalo ningahambi nisenza ubutshinga emhlabeni.”
  75. Iinkokeli zabo babezizikhukhumali phakathi kwabantu bakubo zathi kwabo babethathwa ukuba abanamandla ababekholwa: “Ingaba niyayazi na into yokuba uSâlih ungumntu othunyiweyo ovela eNkosini yakhe?” Bathi bona: “Siyakholwa thina ngenene kuko oko akuthunyiweyo.”
  76. Abo babezizikhukhumali bathi: “Inene, thina asikholwa koko nikholwa kuko nina.”
  77. Bayinqumla imisipha ke, (bayibulala) imazi yenkamela baba nendelelo, abawuthobela umyalelo weNkosi yabo, bathi: “Wena Sâlih! Yiza kaloku nezoyikiso zakho ukuba ungomnye wabaThunywa (baka-Allâh).”
  78. Ke kaloku inyikima yabafumana, balala (bafa) waca badunduluza emizini yabo
  79. USâlih wemka kubo, wathi: “Hini na bantu bakuthi! Mna ndiwuvakalisile ngenene uMyalezo weNkosi yam, ndaninika icebiso elilungileyo kodwa nina anibathandi abacebisi abalungileyo
  80. Kananjalo uLût wathi kubantu bakubo: “Ingaba nenza esona sono sibi esingazanga senziwe mntu kwabangaphambili kuni ehlabathini na
  81. Inene nina nanelisa iinkanuko zenu emadodeni endaweni yabafazi. Inene! Nina ningabantu abagabadele batsiba imida.”
  82. Impendulo yabantu bakubo yaba kukuba bathi: “Bakhupheni nibagxothe bemke esixekweni senu, aba inene ngamadoda afuna ukuzenza ngcwele.”
  83. Ke Thina Samsindisa yena nosapho lwakhe, ngaphandle komfazi wakhe, yena waba ngomnye wabo basala ngasemva
  84. Saza Sathoba imvula (yamatye). Khawujonge ke ukuba saba yintoni na isiphelo sabenzi bokungcola
  85. Kubantu bakwaMidiyani, (Sathumela) umzalwana wabo uShu’ayb. Yena wathi (kubo): “Hini na bantu bakuthi! Nqulani uAllâh! Aninaye omnye uthixo ngaphandle kwaKhe.” Inene umqondiso ocacileyo ovela eNkosini yenu ufikile kuni; ke nikani umlinganiselo wesikali opheleleyo nobunzima obupheleleyo, ningaboni abantu ezintweni zabo, ningenzi butshinga emhlabeni emva kokuba ucwangciswe ngendlela, oko kolunga kuni, ukuba ningamakholwa
  86. Kananjalo musani ukuhlala ezindleleni zonke, nigrogrisa, nithintela abo bakholwayo kuYe (uAllâh) bangangeni eNdleleni ka-Allâh, nifune ukuyenza goso-goso. Khumbulani kananjalo okokuba nanibambalwa Waza Wanandisa nina. Khangelani nibone okokuba saba yintoni na isiphelo sabenzi bobubi
  87. “Ke kaloku ukuba (apha kuni) kukho iqela labakholwayo koko mna ndikuthunyiweyo kuze kubekho iqela labo bangakholwayo, lindani ke nibe nomonde Ade uAllâh Agwebe phakathi kwethu, yaye Yena UngoYena Mgwebi Ulungileyo.”
  88. IiNkosi zabo babezizikhukhumali phakathi kwabantu zathi: “Inene thina siya kukukhupha esixekweni sethu Shu’ayb, ndawonye nabo bakholwa kunye nawe, okanye nonke buyelani kwinkolo yethu.” Wathi yena: “Nokuba siyichasile na
  89. Siya kuba siqambe ubuxoki ngokuchasene noAllâh ukuba singabuyela enkolweni yenu, emva kokuba uAllâh Esihlangule kuyo. Yaye ayikokwethu ukubuyela kuyo ngaphandle kokuba uAllâh iNkosi yethu Uthandile. INkosi yethu Iziqulethe zonke izinto kulwazi lwaYo. Thina sibeke ithemba lethu kuAllâh (Yedwa). ‘Nkosi yethu! Gweba phakathi kwethu nabantu bakuthi ngenyaniso, kuba Wena UngoYena Ulungileyo kwabo bawisa isigwebo.”
  90. Abaziinkosi kwabo babengakholwa phakathi kwabantu bakubo bathi kubantu babo: “Ukuba nithe nalandela uShu’ayb, qinisekani kwinto yokuba niya kuba ngabalahlekelwa!”
  91. Ke kaloku inyikima yabahlasela, balala waca (bafa) bequngquluzile emakhayeni abo
  92. Abo babephikisa uShu’ayb baba ngathi abazanga bahlala apho. Abo babephikisa uShu’ayb baba ngabalahlekelwa
  93. Emkile ke uShu’ayb kubo wathi: “Hini na bantu bakuthi! Mna ndiwuvakalisile uMyalezo weNkosi yam kuni ndaninika icebiso elilungileyo. Ndiya kuthini na ke ngoko ukuba lusizi ngentshabalalo yabantu abangakholwayo.”
  94. Kananjalo Akukho Mprofeti Sakha Samthumela nakwesiphi na isixeko (bangamphikisi) kodwa Sabahlasela abantu baso (isixeko eso) ngentsokolo yobuhlwempu obunzima nelahleko yempilo, khon’ukuze bazithobe (baguquke)
  95. Saza saguqula okungendawo kwaba kokulungileyo, bada banda ngobuninzi nasebutyebini, bathi: Oobawo bethu bachukunyiswa kokungendawo nokulungileyo.” Sabahlasela ke Thina ngequbuliso bengalindelanga
  96. Ke kaloku ukuba abantu bezixeko babekholiwe baba noloyiko (luka-Allâh), inene Thina SaSiya kubavulela iintsikelelo ezivela ezulwini nasemhlabeni, kodwa basuka babaphikisa (abaThunywa) Sabahlasela ke Thina ngoko babekwenza
  97. Ingaba abantu bezixeko babeziva bekhuselekile na ngokuchasene nokuza kwesohlwayo seThu (kubo) ebusuku lo gama babesalele
  98. Makube mhlawumbi abantu bezixeko babeziva bekhuselekile na ngentlazane lo gama babesadlala, (bonwabile)
  99. Ingaba babeziva bekhuselekile na ngokuchasene necebo lika- Allâh? Akukho bani uziva ekhuselekile ngokuchasene necebo lika-Allâh ngaphandle kwabantu abangabalahlekelwa
  100. Kanti akude kucace na kwabo bawuphila ilifa umhlaba belandela emva kwabangaphambili kubo ababekuwo, okokuba, ukuba SaSithandile, ngeSaSibohlwayile ngezono zabo. Kananjalo Thina Siyazitywina iintliziyo zabo khon’ukuze bangeva nto
  101. Ezo zizixeko eSibalisa ibali lazo kuwe (wena Muhammad). Ke kaloku Inene kwafika abaThunywa bazo kuzo benemiqondiso ecacileyo, kodwa bona babengekhe bakholwe koko babesele bekwalile kwantlandlolo. Uzitywina kanjalo ke uAllâh iintliziyo zabangakholwayo
  102. Ke kaloku uninzi lwabo Salufumana lungenanyaniso kwiminqophiso yalo, endaweni yoko uninzi lwabo Salufumana ngenene lungabenzi bobubi
  103. Emva kwabo ke Sathumela uMûsâ nemiqondiso yeThu kuFir’awn neenkosi zakhe, kodwa ngobugwenxa (babo) azanga bayamkele. Jonga ke ukuba sabanjani na isiphelo sabenzi bobutshinga
  104. Ke kaloku uMûsâ wathi: “Hini na Fir’awn! Inene mna ndinguMthunywa ovela kwiNkosi yamaphakade.”
  105. Kolunga kum ukuba ndingathethi ngoAllâh koko ibe yinyaniso kuphela. Mna ndize kuwe ndisuka eNkosini yakho nomqondiso ocacileyo. Ke khulula aBantwana bakwaSirayeli bahambe nam.”
  106. UFir’awn wathi: “Ukuba uze nomqondiso, yiza nawo ngaphambili siwubone, ukuba ungomnye wabo banenyaniso.”
  107. Wajula intonga yakhe uMûsâ, khangela ke! (Nantso) iba yinyoka ngokucacileyo
  108. Waza wakhupha isandla sakhe, khangela ke (naso) sisiba mhlophe kwababesibukele
  109. Iinkosi zabantu bakwaFir’awn zathi: “Inene lo, yingcungela yomenzi wemilingo
  110. Yena ufuna ukunikhupha ezweni lenu, nicebisa ntoni na ke nina ngaye?”
  111. Bathi bona: “Mbekeni yena nomntakwabo bucala (okwethutyana), nithumele izigidimi ezixekweni ukuba ziqokelele
  112. Zize nazo zonke iingcaphephe zokwenza imilingo
  113. Bafika ke abenzi bemilingo kuFir’awn bathi: “Inene siya kuba nomvuzo omhle na ukuba sibe ngaboyisileyo?”
  114. Wathi yena (uFir’awn): “Ewe nje, ngapha koko nina niya kuba ngabasondeleyo kum (ngokwesikhundla).”
  115. Bathi bona: “Hini na Mûsâ! Ingaba nguwe okanye sithi na abaza kuqala bajule?”
  116. Wathi yena: “Julani (kuqala).” Bajula ke, bawathakatha amehlo abantu, bafaka uloyiko kubo, babonisa umlingo omkhulu (apho)
  117. Ke Thina Satyhila kuMûsâ (okokuba): “Jula eyakho intonga.” Khangela! Yabuginya ngoko nangoko bonke ubuxoki ababebubonisa (apho)
  118. Ngaloo ndlela yaba ke inyaniso iyangqineleka, kwaza konke oko babekwenzile akwabi nto yanto
  119. Ke kaloku baba ngaboyisiweyo, bemka apho behlazekile
  120. Abenzi bemilingo bawa phantsi baqubuda
  121. Bathi: “Siyakholwa thina kwiNkosi yamaphakade.”
  122. “INkosi kaMûsâ noHârûn.”
  123. UFir’awn wathi: “Nikholwe kuye ndinganinikanga mvume kusini na? Inene le, eli liqhinga eniliqulunqileyo esixekweni ukuze nikhuphe abantu baso (kuso), kodwa niza kwazi kungekudala
  124. Inene mna ndiya kuninqumla izandla zenu neenyawo ngokuphikisana kwamacala (isandla sokunene nonyawo lokhohlo), ndize ndinibethelele emnqamlezweni nonke.”
  125. Bathi bona: “Inene thina siya kubuyela eNkosini yethu.”
  126. Wena (Fir’awn) uyaziphindezela kuthi ngenxa yokuba sikholiwe kwimiqondiso yeNkosi yethu ethe yafika kuthi! Nkosi yethu thulula phezu kwethu ukunyamezela, usenze kananjalo sife singamaMuslim.”
  127. Iinkosi zabantu bakwaFir’awn zathi: “Ingaba niza kumyeka na uMûsâ nabantu bakhe basasaze ubutshinga ezweni, anishiye nina noothixo benu?” (UFir’awn) wathi: “Siza kubulala oonyana babo, sishiye iintombi zabo ziphila yaye thina inene sinamandla phezu kwabo angenakuphikiswa.”
  128. UMûsâ wathi kubantu bakubo: “Funani uncedo kuAllâh, nibe nomonde. Inene, umhlaba ngoka-Allâh. Uwunika lowo Athande ukumnika kwizicaka zaKhe. Ukuba ube lilifa kuye, kananjalo isiphelo sesabahlonela (uAllâh).”
  129. Bathi bona: “Thina sifumene ubunzima phambi kokuba wena uze kuthi, kanti kusenjalo nangoku sele wena ufikile kuthi.” Wathi yena; “Kungenzeka ukuba iNkosi yenu Izitshabalalise iintshaba zenu, Ize yenze nina nibe ziindlalifa emva kwazo ehlabathini, ukuze Inijonge ukuba niya kuqhuba njani na nina.”
  130. Kananjalo Sabohlwaya abantu bakwaFir’awn ngeminyaka yembalela nonqongophalo lweziqhamo (nezityalo) khon’ukuze bakhumbule (baqiqe)
  131. Kodwamaxaonkekufikaokulungileyokubobabedlangokuthi: “Oku kokwethu,” ze xa behlelwe kokubi bakuthabathe ukuba ngumhlola (weshwangusha) odibene noMûsâ nabo bakunye naye. Nakanye, inene imihlola ivela kuAllâh koko abaninzi kubo abazi
  132. Bathi kuMûsâ: “Enokuba ungeza nowuphi na umqondiso khon’ukuze wenze ubugqi kuthi, asisokuze sikholwe kuwe thina.”
  133. Ke kaloku Sathumela isikhukula kubo, iinkumbi, iintwala, amasele, negazi ukuba zibe yimiqondiso kubo kodwa bona bathi gqolo ukuba nenkukhumalo, kananjalo bona baya babangabo bangabenzi bobubi
  134. Ke kaloku sathi isohlwayo sisakuba phezu kwabo, (baqala) bathi: “Hini na Mûsâ sicelele eNkosini yakho ngenxa yesithembiso saYo kuwe. Ukuba usisusile isohlwayo kuthi, thina siya kukholwa kuwe inene nangeyaniso, yaye siya kubakhulula aBantwana bakwaSirayeli bahambe nawe.”
  135. Kodwa Sathi Sisakusisusa isohlwayo kubo ixesha elimiselweyo ekwakufuneke befikelele kulo, khangela ke! Basaphula isithembiso sabo
  136. Sathabatha impindezelo Thina kubo. Sabatshonisa elwandle, kuba baphikisa imiqondiso yeThu ababi nankathalo ngayo
  137. Kananjalo Senza abantu ababecingelwa ukuba akukho yabo yangaboabaphilailifaiziphalukazomhlabaeziseMpumalanga neziphaluka zawo eziseNtshonalanga eSasizisikelele. Ke kaloku ilizwi elilungileyo leNkosi yakho lazaliseka kuBantwana bakwaSirayeli, ngenxa yokunyamezela kwabo. Kananjalo Sayitshabalalisa yaphela nya imisebenzi emikhulu nezakhiwo zakwaFir’awn ezazakhiwe ngabantu bakhe
  138. Sabuyisa aBantwana bakwaSirayeli ngokunqumla ulwandle, (endleleni) badibana nabantu ababezinikele kunqulo lwabo lwezithixo. Bathi (aBantwawa bakwaSirayeli): “Hini na Mûsâ senzele nathi uthixo njengoko nabo benoothixo.” Wathi yena: “Inene, nina ningabantu abangazi nto.”
  139. “Aba bantu baza kutshatyalaliswa ngenxa yale nto bazinikele kuyo. Yaye yonke imisebenzi yabo ayinto yanto.”
  140. Wathi yena: “(Nina nithi) mandinifunele omnye uthixo ngaphandle koAllâh, ekubeni Yena Enenze nangentla kunendalo yonke?”
  141. Yabonani Thina Sanihlangula kubantu bakwaFir’awn, ababeningcungcuthekisa ngesona sibi isohlwayo, bebulala oonyana benu bashiye abasetyhini benu, olo lwaba luvavanyo olukhulu oluvela eNkosini yenu
  142. Ke kaloku satyumbela uMûsâ iintsuku ezingamashumi amathathu, Saza Songeza nezinye ezilishumi, walifeza ke uMûsâ ithuba (elo wayelityunjelwe) yiNkosi yakhe leentsuku ezingamashumi amane. Wathi uMûsâ kumntakwabo uHârûn: “Thabatha indawo yam wena kubantu bakuthi, wenze (izinto) ngeNdlela eLungileyo, ungalandeli indlela yabenzi bobubi.”
  143. Ekufikeni kukaMûsâ endaweni (leyo) yeThu nangexesha elalimiselwe SiThi, iNkosi yakhe Yathetha naye; wathi yena: “O Nkosi yam! Ndibonise uBuqu baKho khon’ukuze ndikubone.” Wathi uAllâh: “Awunako ukuNdibona Mna, kodwa jonga intaba (le); ukuba ithe yema ngxishi endaweni yayo, uya kuNdibona ke.” Yathi iNkosi yakhe Isakuvela entabeni, Yayenza yasabalaka yaba luthuli, uMûsâ wawa, wafa isiqaqa. Ke kaloku wathi esakubuyela ezingqondweni zakhe: wathi, “Uzuko malube kuWe, mna ndiguqukela kuWe yaye mna ndingowokuqala kwabo bakholwayo.”
  144. UAllâh Wathi: “Hini na Mûsâ, Mna Ndikukhethile wena phezu kwabantu, ngemiyalezo yaM nangokuthetha kwaM (kuwe) ke kubambe nkqi oko Ndikunike kona, kananjalo ube ngomnye wabo banombulelo.”
  145. Ke kaloku Sambhalela isifundo emacwecweni esiza kuboniswa kuzo zonke izinto nengcaciso yezinto zonke. Bambelela ke kwezi (mfundiso) womelele ngamandla, Uyalele abantu bakuni kananjalo ukuba bathabathe okulungileyo apho (kwezo mfundiso). Mna ndiya kunibonisa ikhaya labenzi bobubi
  146. Ndiya kubajika bemke kwimiqondiso yaM abo baziphatha ngenkukhumalo emhlabeni, ngokungekho lungelweni, kananjalo xa beyibona imiqondiso abayi kukholwa kuyo. Naxa bebona iNdlela yobungcwele abayi kuyithabatha njengendlela, kodwa xa bebona indlela yobugwenxa baya kuyithabatha loo ndlela, oku kungenxa yokuba beyalile imiqondiso yeThu bengenankathalo ngayo
  147. Ke kaloku abo baphika iiVesi zeThu nendibano yakwelizayo, ayinto yanto imisebenzi yabo. Ingaba ikhona na enye into abaza kubuyekezwa ngayo ngaphandle koko babekwenza
  148. Kananjalo abantu bakaMûsâ akungabikho (uMûsâ) bazenzela umfanekiso (oqingqiweyo) wethole ngezacholo zabo elalinesandi (elalisenza). Babengaboni na ukuba lalingekhe likwazi ukuthetha lingekhe libakhokele nokubakhokela eNdleleni ethe Tye? Balithatha (balinqula) lona baza baba ngabenzi bobubi
  149. Bathi ukuzisola kwabo sele bebona ukuba basekulahlekeni, (baqala) baguquka bathi: “Ukuba iNkosi yethu Ayinakuba nanceba kuthi, Isixolele, siya kuba ngabalahlekelwa.”
  150. Ke kaloku ekubuyeni kukaMûsâ ebuyela kwabakubo, enomsindo, ekhathazekile, wathi: “Yini na ukuba nenze into engcole kangaka8 ndakungabikho, nikhawuleze nangxama na naya phambili ngokuphathelene nomcimbi weNkosi yenu? “ Waza yena wawalahla phantsi amacwecwe, wabamba umntakwabo ngeenwele wamtsalela kuye. UHârûn wathi: “Hini na mntwana kamama! Inene abantu bandithabathe njengomntu ekungekho yakhe yaye bebesele beza kundibulala, musa ke ngoko ukwenza iintshaba zigcobe ngam, ungandidibanisi kananjalo mna nabantu abangabenzi bobubi.”
  151. UMûsâ wathi: “O Nkosi yam ndenzele inceba mna nomntakwethu, Usingenise kananjalo eNcebeni yaKho Wena Sozinceba wabo banenceba
  152. Inene abo bathabatha ithole (balinqula) ingqumbo yeNkosi yabo nokunyeliswa kuya kuza phezu kwabo kubomi beli hlabathi. Sibabuyekeza kanjalo ke abo baqamba ubuxoki
  153. Ke bona abo benza izenzo ezingcolileyo baza baguquka emva koko bakholwa nokukholwa inene, iNkosi yakho ngapha koko nguMxoleli uSozinceba
  154. Ke kaloku wathi umsindo kaMûsâ ukudamba kwawo, wawathabatha amacwecwe; kuwo apho kwakubhalwe isiKhokelo nenceba kwabo bayoyikayo iNkosi yabo
  155. UMûsâ wakhetha amadoda angamashumi asixhenxe (angawona alungileyo) kubantu bakubo. Ewakhethela ixesha leThu elityunjiweyo nendawo yokuhlangana, bathi bakuhlaselwa yinyikima evuthuzayo, (uMûsâ) wathi: “O Nkosi yam, ukuba Ubuthandile ngowusitshabalalisile ndawonye nam kwangaphambili; Uza kusitshabalalisa na ngenxa yezenzo zabazizidenge phakathi kwethu? Ukuba (oku) kulucikido Olahlekisa ngalo lowo Uthande ukumlahlekisa Ugcine Othande ukumgcina ekwisiKhokelo, Wena UnguMkhuseli wethu, Sixolele thina, Ube nenceba kuthi: kuba Wena UnguMxoleli Ongaphezulu kunabo baxolelayo.”
  156. “Yenza kube ngummiselo kuthi okulungileyo kweli hlabathi, nakuBomi oBuzayo. Inene thina siguqukela kuWe.” Wathi Yena: “Isohlwayo saM Ndohlwaya ngaso lowo Ndithe Ndathanda ukanti iNceba yaM igubungela izinto zonke. Yona Ndiya kuyenza ummiselo kwabanyulu, abanikela ngeZakâh nabo bakholwa kwimiqondiso yeThu.”
  157. Abo balandela, uMthunywa, onguMprofeti ongakwazi kufunda nakubhala9, yena kanye lowo bamfumana echazwe kwiTorah nakwi-Injîl. Yena ubayalela okulungileyo abalele okungendawo, abavumele okulungileyo okusemthethweni, aze abalele okungendawo okungekho mthethweni. Abakhulule kwimithwalo yabo enzima nakwizibophelelo ezabekwa phezu kwabo. Ke bona abo bakholwayo kuye baya kumhlonipha, bamncedise yena, balandele nokhanyiselo (lwe’Kur’ân) ethunyelwe kuye, ngabo ke abaya kuphumelela
  158. Yithi (Muhammad): “Hini na bantu! Inene mna ndithunyelwe kuni nonke njengoMthunywa ka-Allâh Olongamelo lwamazulu nomhlaba ilolwaKhe. Akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe. NguYe Onika ubomi Enze ukufa. Ke kholwani kuAllâh noMthunywa waKhe ongakwazi kufunda nakubhala, (uMthunywa) okholwa kuAllâh namaZwi aKhe (i’Kur’ân), kananjalo mlandeleni yena khon’ukuze nikhokeleleke
  159. PhakathikwabantubakuloMûsâkukhoabantuababekhokelela (abantu) enyanisweni bamisele ubulungisa ngako oko
  160. Sabahlula baba zizizwe ezilishumi elinambini. Satyhila kuMûsâ ngethuba abantu bakubo babemcela amanzi, (Sathi kuye): “Betha idwala ngomsimelelo wakho,” kwatsawula imithombo elishumi elinambini kulo, qela ngalinye kubo layazi indawo yalo yamanzi. Sabakhusa (ngethunzi) lamafu Sabathumelela imana nezagwityi (Sathi): “Yityani izinto eSinipha zona.” Ke kaloku abazanga baSenze bubi Thina koko bazenza bona buqu
  161. Ke kaloku kwathi kusakuthiwa kubo: “Hlalani kwesi sixeko (iYerusalem) nitye naphi na apho nithande khona kuso, nithi, “(O Allâh)! Sixolele izono zethu; ningene elusangweni niqubude (ngokuzithoba), Siya kunixolela iziphoso zenu. Siwandisele (umvuzo) amalungisa.”
  162. Kodwa abo bangabenzi bobugwenxa phakathi kwabo, baliguqula ilizwi ababelinikiwe (ukuba balithethe). Ke Thina Sathumela isohlwayo emazulwini ngenxa yobugwenxa ababenzayo
  163. Khawubabuze (Muhammad) ngesixeko esasingaselwandle; ukugabadela kwabo ngokuphathelene nombandela weSabatha, ngexesha apho iintlanzi zabo zaya zaphuma zeza kubo ngomhla weSabatha, kodwa zingaphumi zize kubo ngemini ekungeyoSabatha. Salwenza lwaba njalo ke uvavanyo kubo, kuba babedla ngokuvukela imiyalelo ka- Allâh
  164. Bathi abanye abantu phakathi kwabo besakuthi: “Kanjani na ukuba nishumayeze abantu ngoAllâh Asele Eza kubatshabalalisa okanye Abohlwaye ngesohlwayo esibuhlungu? (Abashumayeli bathi): “Senzela ukuba (thina) singabi natyala eNkosini yenu [uAllâh, (kuba)] mhlawumbi baya kumoyika uAllâh.”
  165. Bathi ke besakuzilibala iinkumbuzo ezo babezinikiwe, Sabasindisa abo babesalela ukwenziwa kobubi, kodwa Sabahlasela abo babesenza ubugwenxa ngesohlwayo esibuhlungu kuba babedla ngokuba ngabavukeli bemithetho ka-Allâh
  166. Ke kaloku bathi besakugabadela bayitsiba imida yoko kwakungavumelekanga kubo, Sathi kubo, “Yibani ziinkawu, nideleke nichaswe.”
  167. Kananjalo iNkosi yakho Yathi Iza kumana Ithumela ngokuchasene nabo (abantu) abaza kubohlwaya ngesingcungcuthekiso esiya kuba lihlazo kude kube nguMhla woVuko. Inene iNkosi yakho Iyakhawuleza ngempindezelo (kwabangenantobeko) Ukanti InguMxoleli, uSozinceba
  168. Kananjalo Sabahlula-hlula baba ngamaqela-ngamaqela emhlabeni: Abanye kubo baba ngamalungisa, abanye kubo bakude kuloo nto. Sabalinga ke Thina ngokulungileyo nangokungalunganga khon’ukuze baguqukele (kuAllâh)
  169. Emva kwabo kwalandela isizukulwana (esingcolileyo) esaba nelifa lesiBhalo. Kodwa sasuka (esi sizukulwana) sazikhethela izinto zobomi beli phakade (abantu baso) besithi: “Siya kuxolelwa thina (ngabo bonke ubugwenxa esibenzileyo).” Kananjalobathixa(bephinda) bedibananezintoezikukungcola (zeli hlabathi abazithandayo) baphinde bazenze [kwakhona. (Kanti)], kwakungathatyathwanga mnqophiso weNcwadi na nabo wokuba abayi kuthetha nantoni na ngoAllâh ngaphandle kwenyaniso? Kodwa babekufundile nje okungaphakathi kuyo (iNcwadi). Ke lona ikhaya loBomi oBuzayo lilona lingcono kwabo bangamalungisa (ukuba) niyaqonda phofu
  170. Ke bona abo babambelela baqine eNcwadini, (benze iimfundiso zayo), benze iSalâh, Inene Asinakuze Siwulahle umvuzo wabo benza imisebenzi yobulungisa
  171. Nikhumbule kananjalo ukuba Sanyusa intaba phezu kwabo yange ngathi luphahla, babecinga ukuba iza kuwa phezu kwabo; Sathi thina: “Bambelelani niqine koko Sininike kona, nikhumbule okungaphakathi apho khon’ukuze noyike uAllâh niMthobele Yena
  172. Yabonani Yathi iNkosi yakho Isakukhupha imbewu kubantwana baka-Adam ezinqeni zabo, Yabenza (iNkosi yabo) bangqina ngokwabo (Isithi) AndiyoNkosi yenu na? Bathi bona: “Ewe! Siyangqina Thina,” (kuba hleze nithi ngeMini yomGwebo, “Inene thina besingazi nto ngako oku.”)
  173. Kungenjalo hleze nithi: “Yayingoobawo bethu mandulo kuphela abathabatha amahlulelane bawanqula noAllâh, thina siyinzala eyavela emva kwabo; Ingaba Uya kusohlwaya na ngenxa yezenzo zabantu ababelandela ubuxoki?”
  174. Sizicacisa kanjalo ke iiVesi ngengcombolo, khon’ukuze babuye (beze enyanisweni)
  175. Bacengcelezele (Muhammad) ibali lalowo Samnika imiqondiso yeThu, kodwa wasuka wayijula kude yena; Waza uShaytân wamlandela waba ngomnye wabo balahlekileyo
  176. Ukuba Sasithandile, ngeSamphakamisayo ngayo (imiqondiso leyo) kodwa yena wasuka wabambelela ehlabathini, walandela iinkanuko zakhe ezingento yanto. Ke kaloku umzekeliso wakhe ngumzekeliso wenja: ethi (xa uyigxotha ijingise ulwimi lwayo ngaphandle okanye uyiyeke, ibe isajingisa ulwimi lwayo ngaphandle). Lowo ngumzekeliso wabantu abala iiVesi zeThu. Babalisele amabali ke ngoko kuba hleze baqiqe
  177. Mbi (kanobom) umzekeliso wabantu abaphika iiVesi zeThu besenza ububi eziqwini zabo
  178. Abo bakhokelelwe nguAllâh, bakhokelelekile, ukanti abo Ababeke ekulahlekeni abo ngabalahlekelwa
  179. Kananjalo inene, Thina Sidale uninzi lweejinn nabantu sibadalela isiHogo. Bona baneentliziyo abangaqiqi nto ngazo, banamehlo abangaboni nto ngawo, baneendlebe abengeva nto ngazo. Banjengeenkomo, ewe, balahleke nangaphezulu kunazo; bona, bangabangaphulaphuliyo
  180. (Onke) amagama amahle ngaka-Allâh, ke kaloku bizani kuYe ngawo, nizikhwebule kwiimbutho zabo baphika amagama aKhe. Bona baza kubuyekezwa ngoko bakwenzayo
  181. Kananjalo phakathi kwabo Sibadalileyo kukho abantu abakhokelela (abanye) enyanisweni, bamisele ubulungisa ngayo
  182. Abo bala iiVesi zeThu, Siya kumana Sibahlasela, ngesohlwayo ngeendlela abangazicingi nokuzicinga
  183. Mna Ndibanika ixeshana; Inene isicwangciso saM sinamandla
  184. Kanti abaqondi na? Akukho kuphambana kuwabo (uMuhammad). Yena nguMlumkisi ocace gca
  185. Abaqwalaseli na kulongamelo lwamazulu nomhlaba nakuzo zonke ezinye izinto uAllâh Azidalileyo; kwanokuba kusenokwenzeka ukuba isiphelo sobomi bazo sele sikufutshane. Nguwuphi omnye uMyalezo emva kwalo abaza kukholwa kuwo
  186. Lowo uAllâh Amlahlekisileyo akukho bani unokumkhokela kananjalo Yena ubayeka bafathule ngobumfama ekugabadeleni kwabo
  187. Bakubuza ngeYure10 ukuba liya kuba nini na ixesha lenzaliseko yayo. Yithi wena: “Ulwazi loko luseNkosini yam, akukho mntu unokulityhila ixesha layo ngaphandle kwaKhe. Hayi ubunzima bomthwalo wayo ukususela emazulwini kuse emhlabeni. Ayiyi kufika kuni ngaphandle (kokufika) ngequbuliso.” Babuza kuwe ngokungengathi unolwazi olungcono ngayo. Yithi: “Ulwazi ngayo lukuAllâh (Yedwa) kodwa uninzi lwabantu alwazi nto.”
  188. Yithi (Muhammad): “Mna andinamandla akuzinceda nakuzonzakalisa ngaphandle koko uAllâh Akuvumeleyo. Ukuba bendinalo ulwazi lokungabonwayo, ngesele ndaziqokelelela imfumba yobutyebi kwaye bekungayi kubakho bubi bunokundihlela. Mna, kuphela ndinguMlumkisi nomzisi weendaba ezilungileyo kubantu abakholwayo.”
  189. NguYe Odale nina ngesiqu somntu omnye, Waza Wadala umfazi wakhe emkhupha kwakuye khon’ukuze onwabele uvuyo lokuhlala naye. Wathi esakwabelana naye ngesondo, wamitha wathwala umthwalo (lowo) ngokulula, kodwa wathi usakuya ubanzima (umthwalo) bathandaza kuAllâh iNkosi yabo bobabini (bathi): “Ukuba Ungasipha umntwana onyulu, siya kuba ngabanye babo banombulelo (kuWe).”
  190. Kodwa wathi Esakubapha umntwana onyulu, basuka bayamanisa amahlulelane11 kuYe (uAllâh) malunga noko Abaphe kona. Uphakamile Yena, Mkhulu Ungentla kwako konke oko bakwayamanisa naYe njengamahlulelane
  191. Ingaba babenza amahlulelane ka-Allâh na abo kungekho nto bayidalayo kodwa ingabo abadaliweyo
  192. Akukho luncedo banokubanika lona, bengekhe bazincede kwabona buqu
  193. Xa nibabizela kwisiKhokelo abanilandeli. Kuyafana kubo nokuba ungababiza okanye uthule cwaka
  194. Abo nibiza kubo ngaphandle koAllâh zizicaka nabo njengani. Bizani ke ngoko kubo baniphendule ukuba ninenyaniso
  195. Ingaba banazo iinyawo zokuhamba? Okanye banazo izandla zokubamba? Okanye banawo amehlo okubona okanye banazo iindlebe zokuva? Yithi (Muhammad) “Bizani loo mahlulelane enu, nakugqiba niqulunqe ngam, ningandimeli nokundimela!”
  196. Inene owam uMkhuseli nguAllâh, Othumele iNcwadi kwaye Yena Uyawakhusela amalungisa
  197. “Ke bona abo nibiza kubo ngaphandle kwaKhe abanako ukuninceda bengekhe bazincede kwabona buqu.”
  198. Xa nibabizela kwisiKhokelo, abeva, usuke ubabone bekuthe ndla ngamehlo, kodwa bengaboni
  199. Bonakalisa inceba (kubo), uyalele okulungileyo, uzikhwebule kwabazizidenge
  200. Ke kaloku xa umsebezi wokungcolileyo ekufikela evela kuShaytân, cela ukhuseleko ngoAllâh. Inene Yena nguSokuva, uSolwazi
  201. Inene abo bamoyikayo uAllâh, xa befikelwa yingcinga engcolileyo isuka kuShaytân, baye bakhumbule uAllâh baze emva koko babone (okuyinyaniso)
  202. Kodwa bona abantakwabo bagaxeleka (bangene) nzulu ekulahlekeni, yaye abapheleli kufutshane
  203. Kwaye ukuba awuzi nammangaliso kubo, bathi: “Kutheni ungezi nawo nje?” Yithi wena: “Mna ndilandela oko kutyhilwa kum kuvela eNkosini yam.” Le (‘Kur’ân) ayinto yimbi ngaphandle kokuba bubungqina obuvela eNkosini yenu, isisiKhokelo neNceba kubantu abakholwayo
  204. Ke kaloku xa icengcelezwa i’Kur’ân, yiphulaphuleni, nizole cwaka khon’ukuze nizuze ukwenzelwa inceba
  205. Yikhumbuleni iNkosi yenu ngaphakathi kuni ngentobeko nangoloyiko ngamazwi angakhwaziyo ekuseni, nangenjikalanga kananjalo musani ukuba ngabo bangenankathalo
  206. Inene abo bakunye neNkosi yakho abakhe bakukhukhumalele ukwenza izenzo zonqulo kuYo, koko bayaYizukisa Yona ngeendumiso zaYo, baqubude phambi kwaYo