9.The Repentance

  1. Inkululeko kuzo (zonke) iimbopheleleko kwabo bangabakhonzi bezithixo enenza umnqophiso nabo (ibhengeziwe) nguAllâh noMthuywa waKhe
  2. Ke hamba-hambani ngokukhululekileyo (nina bakhonzi bezithixo) isithuba seenyanga ezine, emhlabeni, kodwa nazi kakuhle okokuba aniyi kuphuncula kuAllâh, yaye uAllâh Uza kubahlazisa abangakholwayo
  3. Kananjalo isibhengezo esivela kuAllâh noMthunywa waKhe ebantwini ngowona mhla mkhulu1 sesokuba uAllâh Ukhululekile kwiimbophelelo ezimayela nabakhonzi bezithixo, ukwanjalo noMthunywa waKhe. Ukuba ke nina bakhonzi bezithixo niyaguquka, kolunga (oko) kuni, kodwa ukuba niyajibilika, yazini kakuhle okokuba anisokuze niphuncule kuAllâh. Ke kaloku (Muhammad) nika iindaba ezivuyisayo zesohlwayo esibuhlungu kwabo bangakholwayo
  4. Ngaphandle kwabo bakhonzi bezithixo eninomnqophiso nabo, abangekaniphoxi, bengazanga baxhasa nomnye kwabachasene nani. Zalisekisani umnqophiso nabo kude kuphele ixesha elo (lomnqophiso). Inene uAllâh Uyawathanda amalungisa
  5. Xa ke iiNyanga eziNgcwele zigqithile, babulaleni abakhonzi bezithixo naphi na apho nibafumana khona, nibabambe nibathimbe, nibancathamele kuzo zonke iindawo zokuncathamela. Kodwa ukuba bayaguquka, benze iSalâh, banikele ngeZakâh, bayekeni nisuke endleleni yabo. Inene uAllâh nguMxoleli uSozinceba
  6. Kananjalo ukuba kuthe kwabakho nawuphi na umkhonzi wezithixo ofuna ukhuseleko lwakho, uya kumnika ukhuseleko (olo) khon’ukuze abe nokuva ilizwi lika-Allâh (i’Kur’ân) nize nimkhaphe ade abe kwindawo aya kuhamba esindile kuyo, oko kungenxa yokuba bangabantu abangenalwazi
  7. Kungathini na ukuba kubekho umnqophiso kuAllâh noMthunywa waKhe wabakhonzi bezithixo ngaphandle kwabo nenza umnqophiso nabo ngaseMasjid eNgcwele (eMakkah) oko nje besanyanisekile kuni, yimani ninyaniseke nani kubo. Inene uAllâh Uyabathanda abanyulu
  8. Ungabakho njani (umnqophiso phakathi kwenu nabo) njengokuba besithi xa benongamele bangazikhathaleli izibophelelo nokuba zezokuzalana nokuba zezomnqophiso na nani? Bayanivuyisa ngamazwi amnandi aphuma emilonyeni yabo kodwa ezintliziyweni zabo bachasene nani, kananjalo uninzi lwabo ngabenzi bokungcola
  9. Bona bathenge inzuzwana encinane ngeeVesi zika-Allâh, bathintela abantu bangangeni eNdleleni yaKhe; inene kungcolile oko bakwenzayo
  10. Ngokumayela (nomntu) olikholwa, abawahloniphi amaqhina okuzalana (naye) nawomnqophiso na kakade! Ngabo kanye abangabagabadeli
  11. Kodwa ukuba bayaguquka, benze iSalâh, banikele ngeZakâh bangabazalwana benu ke ngokwenkolo. Sizicacisa (ngolo hlobo ke iiVesi, Sinike) ingcombolo kubantu abanolwazi
  12. Ke kaloku ukuba bayazijikela izifungo zabo emva komnqophiso wabo, baze bahlasele inkolo yenu ngokungayamkeli nangokuyigxeka, balweni ke ngoko (abo) baziinkokeli zokungakholwa kuba kakade izifungo zabo azinto yanto kubo khon’ukuze baziyeke (izenzo zokungcola)
  13. Aniyi kulwa na nabantu abaphule izifungo zabo abade bazama nokugxotha uMthunywa, ekubeni ingabo abaqala ngokuhlasela nina kuqala. Niyaboyika na? UAllâh Unelungelo elingaphaya lokuba noyike Yena ukuba ningamakholwa
  14. Yilwani nabo khon’ukuze uAllâh Abohlwaye ngezandla zenu Abahlazise, Aninike uloyiso phezu kwabo Aphilise izifuba2 zabantu abakholwayo
  15. Asuse umsindo ezintliziyweni zabo (bakholwayo). UAllâh Uyayamkela inguquko yalowo Athande ukuyamkela kuye. UAllâh nguSolwazi, uSobulumko
  16. Nicinga ukuba niza kuyekwa ekubeni ukuba uAllâh Engekabavavanyi abanye benu abazabalaza nzima balwa, bengazanga bathabatha bancedisi ngaphandle koAllâh noMthunywa waKhe, namakholwa. UAllâh Ukwazi kakuhle enikwenzayo
  17. Ayikokwabakhonzi bezithixo ukugcina iMasjid3 ka-Allâh, lo gama besangqinela ukungakholwa okuchasene neziqu zabo. Imisebenzi yabo banjalo ililize yaye eMlilweni kulapho baya kuhlala khona ngonaphakade
  18. IMasjid ka-Allâh iya kugcinwa kuphela ngabo bakholwayo kuAllâh nakwiMini yokuGqibela, abenza iSalâh, banikele ngeZakâh Abangoyiki bani ngaphandle koAllâh. Ngabo abakwisiKhokelo sokwenene
  19. Nicinga ukuba ukubonelela abahambi abangcwele ngamanzi okusela nokugcina iMasjid eNgcwele (eMakkah) kuyafana na ngexabiso nabo bakholwa kuAllâh nakwiMini yokuGqibela, bezabalaza ngamandla besilwa eNdleleni ka-Allâh? Abafani phambi koAllâh. Kananjalo uAllâh Akabakhokeli abantu abangabagabadeli
  20. Abo bakholwayo baza bafuduka, bazabalaza nzima balwa eNdleleni ka-Allâh ngobutyebi babo nangobomi babo bakumgangatho ongentla kude lee ngokuka-Allâh. Bona bangabaphumeleleyo
  21. INkosi yabo Ibanika iindaba ezivuyisayo zeNceba evela kuYo, yaye Ikholisekile (ngabo), nayiMiyezo yabo ekukho ulonwabo lwanaphakade
  22. Baya kuhlala apho ngonaphakade. Inene kuAllâh kukho umvuzo omkhulu
  23. Hini na nina bakholwayo! Musani ukuthabatha ootata benu nabantakwenu nibenze abakhuseli benu ukuba basakhetha ukungakholwa kunokukholwa. Nabani na kuni owenza loo nto ungomnye wabagabadeli
  24. Yithi: “Ukuba ngaba ooyihlo benu, oonyana benu, abantakwenu, abafazi benu, izizalwana zenu, ubutyebi benu enibuzuzileyo, ushishino lwenu enoyikisela ukuncipha kwalo nemizi yenu eninamabhongo ngayo zezona zinto zithandeka kakhulu kuni kunoAllâh noMthunywa waKhe nokuzabalaza ngamandla nokulwa eNdleleni yaKhe, lindani ke de uAllâh Azise isigqibo saKhe kodwa uAllâh Akabakhokeli abantu abangabenzi bobubi
  25. Inene uAllâh Uninike uloyiso kumadabi amaninzi kananjalo ngeMini yedabi laseHunayn, nisavuyiswa bubuninzi benu, suke (obo buninzi benu) banganincedi nto, nomhlaba, ngoku umkhulu kangaka, wacutheka kuni, naza nabaleka nina
  26. Ke Yena uAllâh Wathulula ukuthozama phezu koMthunywa (uMuhammad) nakumakholwa, Wathumela imikhosi (yeengelosi) enaningayiboni nina, wabohlwaya abangakholwayo. Lowo ngumvuzo wabangakholwayo
  27. Emva koko uAllâh Uya kuyamkela inguquko yalowo Athande ukuyamkela. Kananjalo uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
  28. Hini na nina bakholwayo! Inene abakhonzi bezithixo bakukungcola. Ke ngoko musani ukubavumela basondele eMasjid eNgcwele (eMakkah) emva kwalo unyaka, kananjalo ukuba noyika ukuhlwempuzeka, uAllâh Uya kuninika indyebo ukuba Uthandile, evela kubuBele baKhe. Inene uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
  29. Yilwani nabo bangakholwayo kuAllâh, nakwiMini yokuGqibela, abangakwaleliyo oko kwalelwe nguAllâh noMthunywa waKhe nabo bangayivumiyo inkolo yenyaniso (i-Islam) phakathi kwabantu beNcwadi, de bahlawule iJiziya4 bavume ngokuzithobileyo, bazive nabo buqu bengaboyisiweyo
  30. AmaYuda athi u’Uzayr5 ngunyana ka-Allâh, kanti namaKhristu athi uMesiya ngunyana ka-Allâh, leyo yintetho nje yawo ayitsho ngemilomo yawo, ifana nqwa nentetho yabo bamandulo babengakholwa. Isiqalekiso sika-Allâh masibe phezu kwabo, balahleke baphambuka njani enyanisweni
  31. Wona (amaYuda namaKhristu) athabatha ababingeleli bawo namalolo6 wawo awenze (oothixo) iinkosi zawo aze athabatha noMesiya unyana kaMaryam amenza (uthixo) inkosi yawo ngaphandle koAllâh, kodwa ayeyalelwe ukuba akhonze uThixo Omnye (jwi). Akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe (uAllâh). Uzuko malube kuYe (Yena Ukude lee kwezo nto bazenza) amahlulelane aKhe
  32. Bona banga bangakucima ukukhanya kuka-Allâh ngemilomo yabo, kodwa Yena uAllâh Akayi kuvuma ukusuka apho ukukhanya kwaKhe kuza kuya kugqibelela nangona abangakholwayo bekuchasile nje oko
  33. NguYe Othumele uMthunywa waKhe (uMuhammad) nesiKhokelo nenkolo yenyaniso ukuba Ayenze ibe ngentla kwazo zonke ezinye iinkolo nangona abanquli zithixo bekuchasile nje oko
  34. Hini na nina bakholwayo! Inene, baninzi phakathi kwababingeleli (bamaYuda nabamaKhristu) abadla ingqwebo yabantu ngenkohliso, babathintele naseNdleleni ka-Allâh. Kanti nabo baqokelela igolide ifumbe nesilivere, banganikeli ngazo eNdleleni ka-Allâh, vakalisa kubo isohlwayo esibuhlungu
  35. NgeMini apho (loo mfumba yobutyebi babo) iza kutshiswa eMlilweni wesiHogo baze babekwe imitshiso (yokubaphawula) emabunzini abo, ezimpangweni zabo, nasemihlana yabo, kuze kuthiwe kubo: “Naku ke oko naziqokelela kona, kungcamleni ke oko nakuqokelelayo.”
  36. Inene inani leenyanga kuAllâh lishumi elinambini (enyakeni), oko kwamiselwa nguAllâh ngeMini Awadala amazulu nomhlaba; kuzo kukho ezine eziNgcwele. Leyo yinkolo ethe tye, ningazenzi bugwenxa ngazo, yilwani ke nabanquli zithixo niyimbumba njengoko nabo besilwa nani beyimbumba. Kodwa nazi nina okokuba uAllâh Ungakwabangcwele
  37. Kananjalo urhoxiso (lweNyanga eNgcwele) lusisandiso sokungakholwa: ngaso (isandiso eso) abangakholwayo bakhokeleleka ekulahlekeni, kuba bayenza ivumeleke komnye unyaka ze bayenze ingavumeleki komnye unyaka khon’ukuze bakwazi ukunyenyisa inani leenyanga ezalelweyo ezo nyanga zalelweyo nguAllâh. Izenzo zabo zokungcola zibonakala zilungile kubo, kanti uAllâh Akabakhokeli abangakholwayo
  38. Hini na nina bakholwayo! Yintoni ngani, xa kusithiwa kuni yiyani phambili (edabini) eNdleleni ka-Allâh, nisuke nina nitshele ngamandla ehlabathini? Ingaba nanelisekile na yimpilo yobu bomi kuneyoBomi oBuzayo? Kodwa hayi ukuba luncinci kolonwabo lobomi balo mhlaba xa luthelekiswa noloBomi oBuzayo
  39. Ukuba aniyi phambili, Yena Uza kunohlwaya ngesohlwayo esibuhlungu Aze Abeke abanye abantu endaweni yenu; yaye Anisokuze nimenze bubi konke-konke, kananjalo uAllâh Uyakwazi ukwenza iinto zonke
  40. Ukuba animncedisi (uMuhammad) akunamsebenzi kuba kakade uAllâh Wamncedisa ngethuba abangakholwayo babemgxotha, owesibini kubo bobabini, xa (uMuhammad noAbubakr) babesemqolombeni wathi kugxa wakhe (uAbubakr): “Ungaxhalabi wena eneneni uAllâh Unathi”. Waza uAllâh wathulula ukuthozama phezu kwakhe, Wamnika ukomelela kananjalo ngemikhosi (yeengelosi) enaningayiboni nina Wenza ilizwi labo bangakholwayo layinto engento, lo gama iLizwi lika-Allâh lona laphakama lalelona lingaphezulu; ke kaloku uAllâh nguSomandla, uSobulumko
  41. Yiyaniphambilienokubanikhaphukhaphunanokubaninzima, na nizabalaze ngamandla ngobutyebi benu nangobomi benu eNdleleni ka-Allâh. Oku kolunga kuni, ukuba benisazi
  42. Ukuba ibiyinzuzo yexhayelo elikufutshane (kubo) nohambo lulula, ngebekulandele, kodwa umgama (wohambo lwaseTabuk) wawumde kubo; ukanti babefunga ngoAllâh (besithi), “Ukuba sasinako ngesasiye phambili nawe”. Bazitshabalalisa iziqu zabo (ngokuxoka), ukanti uAllâh Uyabazi ukuba ngamaxoki
  43. UAllâh Ukuxolele wena (Muhammad). Kwakungani ukuba ubakhulule bahambe (ekubeni babengaphumanga nomkhosi) de abo bathetha inyaniso babonakale kuwe ekuhleni, uwazi amaxoki
  44. Abo bakholwa kuAllâh nakwiMini yokuGqibela babengekhe bakucele ukuba ubakhulule bangayi (edabini) baye kulwa ngezinto zabo nobomi babo; yaye uAllâh Uyawazi amalungisa
  45. Ngabo bangakholwayo kuAllâh nakwiMini yokuGqibela kuphela abantliziyo zabo zineentandabuzo abacela ukuba ubakhulule (bangayi edabini). Ezintandabuzweni zabo baya hexa-hexa
  46. Ukuba babezimisele ukuya phambili, inene ngebabezenzele amalungiselelookuphumaoko; kantikenoAllâh Wayechasene nokuba bathunyelwe (edabini) Wabenza bashiyeka ngemva ke, kwaza kwathiwa kubo, “Hlalani nina nabo bahleli
  47. Ukuba babephume baya phambili kunye nani babengayi kongeza nto kuni ngaphandle kwesiwiliwili (kumawabo).” yaye babeza kuhamba ngezantya phakathi kwenu (besasaza impixano) bahlwayele intlebendwane phakathi kwenu kananjalo phakathi kwenu bakhona ababeza kubaphulaphula. Yaye uAllâh Uyabazi abagabadeli
  48. Inene sebekhe bahlwayela intlebendwane phakathi kwenu, baniphixanisela izinto kwada kwafika inyaniso (uloyiso) nommiselo8 ka-Allâh wacaca nangona babewuchasile
  49. Kananjalo phakathi kwabo kukho othi: “Ndinike imvume (ndingayi edabini) kodwa ungandifaki entshutshisweni.” Inene sele begaxelekile entshutshisweni. Kananjalo isiHogo sibarhangqele abangakholwayo
  50. Xa okulungileyo kuhle phezu kwakho (Muhammad) bayakhathazeka, kodwa xa uhlelwe lilishwa, bathi: “Siye salumka kwangoko,” baze bemke bevuya
  51. Yithi: “Akukho nto inokuze isihlele ngaphandle kwaloo nto ingummiselo ka-Allâh kuthi. Yena nguMlondolozi wethu, yaye amakholwa makabeke ithemba lawo kuAllâh.”
  52. Yithi: “Ingaba ikhona na enye into eniyilindeleyo kuthi ngaphandle kwenye yezona zinto zilungileyo zimbini (ubufelukholo okanye uloyiso); lo gama thina silindele ukuba uAllâh Anithwaxe ngesohlwayo esivela kuYe kungenjalo ngezandla zethu. Lindani ke, nathi silindile kunye nani.”
  53. Yithi: “Chithani (kumalizo eNdleleni ka-Allâh) nithanda ningathandi, akuyi kwamkelwa (nto) kuni. Inene nina ningabantu abangcolileyo
  54. Ukanti akukho nto ithintela iminikelo yabo ukuba yamkeleke kubo ngaphandle kokuba bengakholwa kuAllâh nakuMthunywa waKhe kwanokuba abezi emthandazweni bengezi ngokunqena kwanokuba abayinikeli iminikelo yabo bengayinikeli ngomunyu
  55. Ke ngoko musa ukumangaliswa bubutyebi babo nabantwana babo; enyanisweni wena icebo lika-Allâh kukubohlwaya ngezi zinto zobomi beli hlabathi, nokuba imiphefumlo yabo yohlukane nabo besengabangakholwayo
  56. Bafunga ngoAllâh okokuba bakunye nani ngenene lo gama bengekho ngakuni; koko bona ngabantu abanobugwala
  57. Ukuba bangafumana ukhuseleko, okanye imiqolomba nokuba yindawo enemfihlakalo, bebeza kuya ngqo kuyo apho bengxamile
  58. Phakathi kwabo kukho abo bakutyholayo wena (Muhammad) kumbandela wolwabiwo lwamalizo, xa beyinikiwe inxalenye yawo, bayavuya, kodwa xa benganikwanga nto kuwo, yeha bayatshikila
  59. Ukuba bebenokwaneliseka yiloo nto uAllâh noMthunywa waKhe Abanike yona bathi: “UAllâh Wanele kuthi, uAllâh Uya kusipha kwiziBele zakhe, kanti noMthunywa waKhe, inene thina kuAllâh siza singabanethemba.”
  60. ISada’ka (yeZakâh) kuphela yeyabo bangamahlwempu nabasweleyo, nabo baqashelwe ukuyiqokelela nokomeleza iintliziyo zabo batyekela ngakwi-Islam, nokukhulula abathinjwa, nabo banamatyala naseNdleleni ka-Allâh, nabaseluhambeni; (olu) luxanduva olumiselwe nguAllâh kwaye uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
  61. Phakathi kwabo kukho abo bakhubekisa uMprofeti, bathi: “Yena ugundlebe9.” Yithi wena: “Yena ungundlebe olungileyo kuni, ukholwa kuAllâh, ubathembile abakholwayo.” Kodwa abo bakhubekisa uMthunywa ka-Allâh (uMuhammad) baya kufumana isohlwayo esibuhlungu
  62. Bafunga ngoAllâh kuni besenzela ukunivuyisa, kodwa bekuya kulunga ngakumbi (kubo) ukuba bebenokuvuyisa uAllâh noMthunywa waKhe ukuba bangamakholwa
  63. Abazi na okokuba nabani na ophikisa, abonakalise ubutshaba kuAllâh noMthunywa waKhe inene lowo okwakhe iya kuba nguMlilo wesiHogo ukuba ahlale apho? Elo lihlazo elibi ngokugqithisileyo
  64. Abahanahanisi banoloyiko lokuba hleze kubekho iSûrah etyhilwayo ngokubhekiselele kubo, edandalazisa okusezintliziyweni zabo. Yithi: “(Qhubekani) nigculele nina! Kodwa inene uAllâh uza kukubeka emhlotsheni konke oko nikoyikayo.”
  65. Xa ubabuza (ngale nto) bathi bona: “Hayi thina besithetha nje siqhula.” Yithi: “Ingaba ibinguAllâh na neeVesi zaKhe noMthunywa waKhe na lo beniMgculela?”
  66. Musani ukuzithethelela; nina niye nangakholwa emveni kokuba besele nikholiwe. Ukuba Siyabaxolela abanye benu, Siya kubohlwaya abanye benu kuba bangabenzi bobubi
  67. Abahanahanisi, abangamadoda nabasetyhini banye, omnye ngowomnye kubo, bayahlangana ngobubi, balela abantu ukuba bangenzi okulungileyo, bazivale izandla zabo (ekunikeleni ngamalizo). Balibala (kudala) ngoAllâh, naYe ke Walibala ngabo. Inene abahanahanisi ngabenzi bobubi
  68. UAllâh Ubathembisile abahanahanisi abangamadoda nabasetyhini nabangakholwayo, ngoMlilo wesiHogo; baya kuhlala apho. Kuya kwanela oko kubo. UAllâh Ubaqalekisile kananjalo okwabo sisohlwayo sanaphakade
  69. Njengabo bangaphambili kunani: babenamandla kunani. Benobutyebinabantwanangaphezulukunani.Bonabonwabela esabo isahlulo (okwexeshana) nani ke yonwabelani esenu isahlulo (okwexeshana) njengabo bangaphambili kunani bonwabela isahlulo sabo okwexeshana; kananjalo nina niyazonwabisa emidlalweni nasekugqithiseni ixesha kanye njengoko babezonwabisa emidlalweni nasekugqithiseni ixesha. Abanjalo ngabo izenzo zabo zingento yanto kweli hlabathi nakuBomi oBuzayo. Abanjalo ngabo bangabalahlekelwa
  70. Ingaba imbali yabo bangaphambili kunabo ayizanga ifike na kubo? Abantu bakwa Nûh, abakwa’Ad, nabakwaThamûd, abantu bakwaIbrâhîm nabemi bakwaMidiyani nabezixeko ezagqunyelelwayo; kuzo kwafika abaProfeti babo nemiqondiso ecacileyo. AyingoAllâh ke Owabenza ububi, koko ngabo ngokwabo abazenza ububi
  71. Amakholwa angamadoda namakholwa angabasetyhini ngabakhuseli omnye komnye, bayalela okulungileyo, balele (ukwenziwa) kokungcolileyo, benza iSalâh, banikele ngeZakâh, bathobele uAllâh noMthunywa waKhe. UAllâh Uya kuba nenceba ngakubo. Inene uAllâh nguSomandla, uSobulumko
  72. UAllâh Uthembise amadoda angamakholwa nabasetyhini abangamakholwa ngeMiyezo ekumpompoza imilambo phantsi kwayo, bahlale apho ngonaphakade, namabhotwe (ezindlu) amahle eMiyezweni yaseEdeni. Kodwa olona lonwabo lukhulu kukukholisa uAllâh. Leyo yimpumelelo enkulu
  73. Hini na Mprofeti zabalaza ngamandla ngokuchasene nabangakholwayo nabahanahanisi, ube ngqwabalala kubo, ikhaya labo sisiHogo yaye sesona siphelo sohambo sibi eso
  74. Bafunga ngoAllâh okokuba akukho nto bayithethileyo (embi), kodwa eneneni bathethe ilizwi lokungakholwa, kananjalo baye abakholwa emveni kokuba bemkele i-Islam, kananjalo bona baye baqulunqa (ukubulala uMprofeti) qulunqo olo bangazanga bakwazi ukulufezekisa bengazanga bakwazi nokufumana isizathu sokwenza loo nto ngaphandle kokuba uAllâh noMthunywa waKhe Esuke wabatyebisa ngeziBele zaKhe. Kodwa ukuba bayaguquka, kuya kuba ngcono oko kubo, ukanti ukuba bayafulathela, uAllâh Uza kubohlwaya ngesohlwayo kobu bomi nakuBomi oBuzayo. Yaye abanabani emhlabeni ongumkhuseli okanye umncedi
  75. Ke kaloku phakathi kwabo kukho abo benza umnqophiso noAllâh (besithi): “Ukuba Angasipha kubuBele baKhe, inene thina siya kunikela ngamalizo kananjalo thina siya kuba ngabanye babo bangamalungisa
  76. Wathi Akubanika kubuBele baKhe, baba ngamagqolo, bafulathela (bezele) yinkcaso
  77. WabohlwayakeYena ngokufakaubuhanahanisiezintliziyweni zabo kude kube yiMini apho baya kuhlangana naYe, kuba bawaphula (umnqophiso) lowo ababethembise ngawo kuYe ngenxa yokuba babethetha ubuxoki
  78. Abazi na ukuba uAllâh Wazi iimbono eziziimfihlelo (zabo) namacebiso abo asekhusini, nokuba uAllâh nguMazi wokungabonwayo
  79. Abobanyelisaamakholwaanikelangamalizongokuzithandela, nabo bangakwaziyo ukufumana into yokunikela ngaphandle kwaloo nto banayo ke kaloku bayabagculela; uAllâh Uza kukuphindisela kwakubo ukugculela kwabo yaye baza kufumana isohlwayo esibuhlungu
  80. Enokuba wena (Muhammad) ungabacelela itarhu okanye ungabaceleli itarhu. Kanti nokuba ungabacelela itarhu izihlandlo ezingamashumi asixhenxe uAllâh Akayi kubaxolela kuba baye bangakholwa kuAllâh nakuMthunywa waKhe. Kananjalo uAllâh Akabakhokeli abantu abangabenzi bobubi
  81. Abo bangazanga baye (kwidabi laseTabuk) babevuya ngokushiyeka kwabo kuMthunywa ka-Allâh; babekuthiyile ukuzabalaza nokulwa ngezinto zabo nobomi babo eNdleleni ka-Allâh, yaye babesithi: “Musani ukuya phambili kobu bushushu bungaka.” Yithi: “UMlilo wesiHogo utshisa ngaphezulu (kunoku) ukuba bebeqonda.”
  82. Bayeke ke bahleke okomzuzwana, baza kulila ngaphezulu (kunokuhleka kwabo) oko kuya kuba yimbuyekezo yoko bakusebenzelayo
  83. Ukuba uAllâh Uye Wakubuyisela kwiqela labo (abahanahanisi), baze bacele imvume kuwe yokuya kulwa, yithi kubo: “Anisokuze nihambe nam ningasokuze nilwe utshaba nam nina nanonwabele ukuhlala phantsi (komawenu) ngesihlandlo sokuqala, hlalani kaloku nabo bashiyeka ngemva (nangoku).”
  84. Kananjalo ungaze wena (Muhammad) uthandazele namnye kubo othe wafa, ungemi naphezu kwengcwaba lakhe. Inene bona baye bangakholwa kuAllâh nakuMthunywa waKhe, bada bafa besengabenzi bobubi
  85. Ke kaloku ubutyebi babo nabantwana babo, mabungakumangalisi. Icebo lika-Allâh kukubohlwaya ngezi zinto kobu bomi balo mhlaba, nokuba imiphefumlo yabo iphume kubo bengekakholwa
  86. Kananjalo xa kutyhilwa iSûrah (ye’Kur’ân) ibayalela ukuba mabakholwe kuAllâh, bazabalaze ngamandla, balwe noMthunywa waKhe, abazizityebi phakathi kwabo baye bacele ukuba ubakhulule bangangeni (edabini) bathi, “Siyeke (sihlale), thina siya kuba nabo bahleli (emawabo)
  87. Bayoneliseka bona kukuhlala (nabafazi) abashiyeka ngemva (emawabo). Iintliziyo zabo zitywiniwe yaye abaqondi
  88. Kodwa yena uMthunywa nabo bakholwa naye bazabalaza, balwa ngobutyebi babo nobomi babo. Abanjalo izinto ezilungileyo zezabo, yaye ngabo abaza kuphumelela
  89. UAllâh Ubalungiselele iMiyezo ekumpompoza amanzi ngaphantsi kwayo, baya kuhlala apho ngonaphakade. Leyo yimpumelelo enkulu
  90. Ke bona abo banika izizathu (zokungayi edabini) abangama- Arabhu asentlango baye beza bakucela imvume yakho ukuba ubavumele bangayi (edabini), nabo baxokayo kuAllâh noMthunywa waKhe bahlala emawabo (bengacelanga nemvume) isohlwayo esibuhlungu siza kubahlasela abangakholwayo
  91. Akukho gxeke kwabo babuthathaka nabagulayo abangenandlela yakufumana nto yakuchitha (kumalizo), ukuba banyanisekile bethembekile kuAllâh nakuMthunywa waKhe. Akuyi kubakho siphene ngokumayela nabenzi bokulungileyo, kananjalo uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
  92. Akukho (gxeke kananjalo) kwabo beza kuwe ukuba babonelelwengamaqegu,xawathiwena“Andinakunifumanela amaqegu,” babuyela emva amehlo abo ethe gwantyi ziinyembezi bekhathazekile kukungafumani nto yokunikela (edabini)
  93. Igxeke likwabo bazizityebi kuphela abacela ukukhululwa (bangayi edabini). Bona bayoneliseka kukushiyeka (nabafazi) abashiyeka ngemva (emawabo) kananjalo uAllâh uzitywinile iintliziyo zabo khonu’ukuze bangazi nto
  94. Bona (abahanahanisi) baza kuza nezizathu kuni xa nifika kubo. Yithi wena (Muhammad), (nifane) neza nezizathu, thina asiyi kunikholelwa. UAllâh sele Esixelele kakade ngeendaba eziphathelene nani. UAllâh noMthunywa waKhe Uza kuqwalasela izenzo zenu. Ekugqibeleni niza kubuyela kwakuSolwazi wokungabonwayo nokubonwayo, Aze Yena Anixelele ngoko nanikwenza (ehlabathini)
  95. Baza kufunga ngoAllâh kuni ukubuyela kwenu khon’ukuze nibayeke. Bayeke ke, bona bakukungcola, yaye isiHogo likhaya labo siyimbuyekezo yoko bakusebenzelayo
  96. Baza kufunga ngoAllâh kuni khon’ukuze nikholiseke ngabo, ke kaloku ukuba niye nakholiseka ngabo, inene Yena uAllâh Akakholisekanga ngabantu abazizingcoli
  97. Ama-Arabhu asentlango ngawona mabi ekungakholweni nasebuhanahanisini, yaye wona ubukhulu becala anobuyatha akayazi imithetho ka-Allâh Awayityhila kuMthunywa waKhe, kwaye uAllâh nguSolwazi uSobulumko
  98. Phakathi kwama-Arabhu asentlango kukho abo bajonga abakuchitha (eNdleleni ka-Allâh) kokulungileyo baze balindele ishwangusha eliza kunihlela, ishwangusha lokubi malihle phezu kwabo, yaye uAllâh nguSokuva, uSolwazi
  99. Kananjalo kuma-Arabhu asentlango kukho abo bakholwa kuAllâh nakwiMini yokuGqibela, abajonga oko bakuchitha eNdleleni ka-Allâh besenzela ukuzisondeza kuAllâh, nendlela yokwamkela imithandazo yoMthunywa. Inene ezi ziindlela zokuzisondeza kwabo. UAllâh Uza kubangenisa kwiNceba yaKhe. Inene uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
  100. Nabo baba ngabokuqala ukwamkela i-Islam kwiiMuhâjirûn10 nama-Ansâr11 nabo babalandelayo (elukholweni) uAllâh Ukholisekile ngabo njengoko nabo bekholisekile nguYe. Ubalungiselele iMiyezo ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwayo, baya kuhlala apho ngonaphakade. Leyo yimpumelelo enkulu
  101. Kananjalo phakathi kwama-Arabhu asentlango akungqongileyo kukho abangabahanahanisi, kanti nabanye kubantu base Al-Madînah abathe gqolo ukuba nobuhanahanisi, wena akubazi, Thina Siyabazi. Siza kubohlwaya ngokuphindwe kabini, baze emva koko babuyiselwe kwesona sohlwayo sikhulu
  102. Kukwakho nabanye abazivumayo izono zabo, bona baye baxuba isenzo esilungileyo nesenzo esingendawo. Mhlawumbi uAllâh Uza kubuya ngetarhu kubo. Inene uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
  103. Thabatha iSada’kah12 ebutyebini babo ukuze ubahlambulule ubangcwalise ngayo, ubathandazele kuAllâh. Inene imithandazo yakho iyindlela yokhuseleko kubo, kananjalo uAllâh nguSokuva, uSolwazi
  104. Abazi na ukuba uAllâh Uyayamkela inguquko kwizicaka zaKhe Athabathe neSada’kah, kwanokuba uAllâh Eyedwa nguYe Oxolelayo Amkele nenguquko, uSozinceba
  105. Kananjaloyithi(Muhammad):“Yenzani izenzo(zobulungisa)! UAllâh Uza kuzibona izenzo zenu, ngokunjalo noMthunywa waKhe namakholwa. Kwaye niza kubuyiselwa kuYe uMazi wokungabonwayo nokubonwayo, Aze Anixelele ke Yena enakwenzayo.”
  106. Ke kaloku abanye baye balindiswe ummiselo ka-Allâh, enokuba Uza kubohlwaya na okanye Abaxolele. UAllâh nguSolwazi, uSobulumko
  107. Ke kaloku abo bakha iMasjid beyakhela ukona nokungakholwa nokwenza iyantlukwano kumakholwa nokuba ibe sisikhululo semikhosi yabo benza imfazwe ngokuchasene noAllâh noMthunywa waKhe (uMuhammad) kumathuba angaphambili, baza bafunga bathi injongo yabo ayinto yimbi ngaphandle kokwenza okulungileyo. Ke Yena uAllâh Unika ubungqina bokuba bangamaxoki okwenene
  108. Ungaze ume (uthandaze) apho (kuloo masjid). Inene, iMasjid esiseko sayo sathi kwangomhla wokuqala saba phezu kobunyulu yiyona ifanelwe kukuba ume kuyo wena. Kuyo apho kukho amadoda athanda ukuzicoca azihlambulule imiphefumlo yawo. Ke kaloku uAllâh Uyabathanda abo bazicocayo bazihlambulule
  109. Ingaba lowo wabeka isiseko sesakhiwo sakhe phezu kobunyulu kuAllâh nokukholisa Yena, nguyena ungcono na okanye ngulowo wabeka isiseko sesakhiwo sakhe ecicini lomngxuma osele ulungele ukuphasalaka (eso sakhiwo sakhe sithi saa) phantsi, kangangokuba sidilike siphasalake sibe ngamasuntswana ndawonye naye eMlilweni wesiHogo? UAllâh Akabakhokeli abantu abazizingcoli
  110. Isakhiwo abasakhileyo asisokuze siyeke ukuba ngunobangela wobuhanahanisi neentandabuzo ezintliziyweni zabo ngaphandle kokuba (ezo) ntliziyo zabo zinokusikwa zibe zizicwityana, ke kaloku uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
  111. Inene uAllâh kumakholwa Uthenge ubomi bawo nezinto zawo (ngexabiso) elikukuba okwawo ibe yiPaladesi. Wona alwa eNdleleni ka-Allâh, ayabulala nawo abulawe. (Esi) sisithembiso senyaniso esisisibophelelo kuYe kwiTorah nakwi-Injîl nakwi’Kur’ân. Ngubani na ke onyanisekileyo kumnqophiso wakhe ngaphezu koAllâh? Ke kaloku vuyelani isisulu esenibhambathise ngaso. Leyo yimpumelelo enkulu ngenene
  112. AbobabuyelakuAllâhngenguquko,bamMkhonze,baMdumise bazile, bagobe baqubude kuYe, abayalela ukwenziwa kokulungileyo, balele ukwenziwa kokungalunganga. Nabagcina imiyalelo ebekwe nguAllâh, vakalisa iindaba zovuyo ke kwabo bakholwayo
  113. Akulunganga kuMprofeti nabo bakholwayo ukuba bacelele abakhonzi bezithixo itarhu kuAllâh enokuba bazizizalwana zabo na, emva kokuba sele kucacile kubo okokuba bangabahlali baseMlilweni
  114. NoIbrâhîmukucelelakwakheutatawakheitarhukwakungenxa yokuba wayesele enze isithembiso kwangaphambili kuye (uyise). Kodwa kwathi kusakucaca mhlophe kuye (uIbrâhîm) okokuba utata wakhe wayelutshaba luka- Allâh, wazikhwebula kuye. Inene uIbrâhîm wayenentliziyo enobulali, enokunyamezela
  115. Kananjalo uAllâh Akasokuze Akhokelele abantu ekulahlekeni emveni kokuba Ebanikile isikhokelo de enze kucace kubo ukuba yintoni na ekufuneka bengayenzanga. Inene uAllâh nguMazi wezinto zonke
  116. Inene loluka-Allâh ulongamelo lwamazulu nomhlaba, Unika ubomi Enze ukufa. Ukanti ngaphandle koAllâh aninamkhuseli ningenamncedi
  117. UAllâh Umxolele uMprofeti, iiMuhâjirûn13 nama-Ansâr14 amlandelayo ngexesha eyayilelikaxakeka (ngedabi laseTabûk) emva kokuba iintliziyo zeqela labathile kubo zaphantse zaphambuka (eNdleleni) kodwa Yena Wayamkela inguquko yabo. Inene Yena Uzele yimFesane neNceba kubo
  118. Wabaxolela kananjalo nabanye abathathu15 (abaye basala ngasemva abaya edabini) emveni kokuba wathi umhlaba ungaka ukuba banzi, wasuka wacutheka kubo, nabo buqu (baziva) becuthekile baqonda kananjalo okokuba akukho ukubaleka kuAllâh, kungekho lukhuseleko ngaphandle kolwaKhe. Wabaxolela ke khona ukuze bakwazi ukucela ukuxolelwa NguYe. Inene uAllâh nguYe Oxolelayo Amkele inguquko, nguSozinceba
  119. Hini na nina bakholwayo! Moyikeni uAllâh, nibe kunye nabo banyanisekileyo
  120. Kwakungeyonto ilungileyo kubantu baseMadinah nama- Arabhu asentlango ayengabamelwane okokuba bashiyeke ngemva kuMthunywa ka-Allâh (uMuhammad) nokuba bakhethe (ukusindisa) ubomi babo kunobakhe. Oko kwakungenxa yokuba abazanga bave kusindwa buthongo, badliwa ndlala eNdleleni ka-Allâh, bengazanga bathabatha naliphi na inyathelo ukuvusa umsindo wabangakholwayo bengazanga babavisa nonjani umonzakalo abaziintshaba kodwa oko kubhaliwe njengemisebenzi emihle yabo abayenzayo. Inene uAllâh Akawonakalisi umvuzo wabenzi bobulungisa
  121. Kungekho kwanto bayichithayo (kumalizo eNdleleni ka- Allâh) encinane nokuba yenkulu na bengazanga bawele ntili, kodwa kubhaliwe oko (ukuba bakwenza) khon’ukuze uAllâh abavuze ngokungcono ngakumbi kunoko bona bakwenzayo
  122. Kananjalo akuyonto ilungileyo kumakholwa ukuba aphume onke aye kulwa (iJihâd). Kumkhosi ngamnye wabo, iqela elithilelifaneleliphume, zeabobashiyekengasemvabafumane iimfundiso zenkolo, khon’ukuze bakwazi ukulumkisa abantu bakubo xa bebuyela kubo, ukuze babe nokuphaphama
  123. Hini na nina bakholwayo balweni abo bangakholwayo bazizizalwana zenu, mabafumane ubungqwabalala kuni; bazi kananjalo okokuba uAllâh ukunye nabamoyikayo
  124. Qho xa kufika iSûrah abanye babo bathi: “Ngubani ke owongezeleleke ukholo lwakhe yiyo?” Ke bona abo bakholwayo, iyalongezelela ukholo lwabo yaye banochulumanco
  125. Ke bona abo iintliziyo zabo zinesifo, iya kongeza izikrokro neentandabuzo kwizikrokro zabo, nokungakholwa nokuthandabuza, baze bafe besengabangakholwayo
  126. Ababoni na ukuba bafakwa elucikidweni kube kanye okanye kube kabini enyakeni, kodwa abajiki babuye ngenguquko, bengafundi nasifundo (kolo cikido)
  127. Maxa onke kufika iSûrah bayana ngamehlo: (besithi omnye komnye) “Ingaba ukhona na onibonayo?” Baze bafulathele bemke. Ke kaloku uAllâh Uzigqwethile iintliziyo zabo kuba bangabantu abangaqiqiyo
  128. Inene ufikile kuni uMthunywa (uMuhammad) ephuma phakathi kwenu. Iyamkhathaza yena into yokuba nifumane umonzakalo okaye ubunzima. Yena unenkathalo ngani, kumakholwa uzele lusizi, imfesane, nenceba
  129. Kodwa ukuba bayatshikila bemke, yithi (Muhammad) uAllâh Wanele Eyedwa kum. Akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe. Mna ndibeka ithemba lam kuYe kwaye Yena yiNkosi yeTrone yaMandla